Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    2—Intshutshiso Yeenkulungwane Zokuqala

    Ngexesha uYesu wayebatyhilela abafundi baKhe ngesiphelo seYerusalem nemiboniso yokubuya kwesibini, wabaxelela kwangaphambili nangamava abantu baKhe kususela kwixesha awayeza kususwa kubo, kuse ekubuyeni kwaKhe esemandleni nasebuqaqawulini ukuza kubahlangula. Ukusuka kwintaba yeMinquma uMsindisi wazibona iinkqwithela ezaziza kufika kwibandla labapostile; athi ngokungena nzulu kwixesha elizayo, amehlo aKhe azibona kakuhle izaqhwithi ezoyikekayo nezigqubayo ezaziza kubetha kubalandeli baKhe kumaxesha azayo obumnyama nentshutshiso. Ngeentetho ezimbalwa nezimfutshane, ezibaluleke kakhulu, wayixela kwangaphambili indawo eyayiza kudlalwa ngabalawuli beli hlabathi ebandleni likaThixo. Mateyu 24:9, 21, 22. Abalandeli bakaKristu kufuneka bahambe indlela enye yokuthotyelwa phantsi, eyokungcikivwa, nokuphatheka kakubi eyayihambayo iNkosi yabo. Ubutshaba obagqabhukayo buchasa uMhlanguli wehlabathi, babuza kubonakalaliswa ngakubo bonke ababeza kukholwa egameni laKhe.IE18 36.1

    Imbali yebandla lokuqala iyangqina ngokuzaliseka kwamazwi oMsindisi. Amagunya omhlaba nesihogo azilungiselela ukulwa uKristu kubuntu babalandeli baKhe. Ubuhedeni babona kwangaphambili ukuba, xa ithe yoyisa igospile, iitempile nezibingelelo zabo ziya kutshayelwa ziphele; ngoko ke, babizela ndawonye imikhosi yabo ukuba itshabalalise ubuKristu. Imililo yentshutshiso yabaswa. AmaKristu ahluthwa konke anako agxothwa emakhayeni awo. “[Ba]nyamezela umzamo omkhulu weentlungu.” Hebhere 10:32. “Benziwa intlekisa, batyakatywa, phezu koko ke baviswa imixokelelwane nentolongo.” Hebhere 11:36. Abaninzi kakhulu babutywina ubungqina babo ngegazi labo. Ophakamileyo nekhoboka, osisityebi nolihlwempu, ofundileyo nongafundanga, babulawa ngokufanayo, ngaphandle kwenceba.IE18 36.2

    Ezi ntshutshiso, ezaqala phantsi kukaNero ngexesha lokufelukholo kukaPawulos, zaqhuba ngengqumbo enkulu, mhlawumbi engekho nkulu kakhulu, isithuba seminyaka eliqela. Kwathi kuxokwa, kwatyholwa amaKristu ngezenzo ezikhulu zolwaphulo lomthetho kwaye kusithiwa angunobangela weentlekele ezinkulu—indlala, ukufa zizibetho, nenyikima. Ngeli xesha amaKristu engamaxhoba entiyo nokukrokrelwa nguye wonke umntu, baye bemi nabancethezi ukuba babangcatshe abangenatyala, khon’ ukuze bazuze inzuzo. Aya agwetywa njengabavukeli bomthetho abalwa ubukumkani, njengeentshaba zenkolo, nabatshabalalisi ekuhlaleni. Amaqela amakhulu aphoswa kwizilwanyana ezinoburhalarhume okanye batshiswa bephila emabaleni okudlala. Abanye babethelelwa eminqamlezweni; abanye bagqunywa ngemfele zezilwanyana zasendle baphoswa ebaleni ukuba baqwengwe zizinja. Ukohlwaywa kwabo kwakukholisa ukwenziwa ukuba ube ngumdlalo wokuzonwabisa kumatheko asesidlangalaleni. Izihlwele ezikhulu zaziqokelelana ukuba zonwabele umbono zizibulise iintlungu zokufa kwabo, ngentsini nokuqhwaba. IE18 37.1

    Kuyo yonke indawo ababefuna kuyo isiphephelo, abalandeli bakaKristu babezingelwa ngokwezilwanyana zasendle ezingamaxhoba. Babenyanzelwa ukuba bafune indawo yokuzimela kwiindawo ezingumqwebedu nezikude eluntwini. “Bebandezelwe, bephathwa kakubi (elalingabafenele ihlabathi), bedinga koozintlango, noozintaba, noomiqolomba, nakwimingxuma yomhlaba.” Iindima 37, 38. Imihadi yaba ziindawo zokhuseleko zamawaka. Phantsi kweenduli ngaphandle kwesixeko saseRoma, imijelo emikhulu nemide yayisele ikho ngaphantsi komhlaba namawa; iindawo ezimnyama nezixhakaxhaka zazixananaze zizimayile ezinde ngaphandle kweendonga zesixeko. Kwezi ndawo zokubalekela zangaphantsi komhlaba, abalandeli bakaKristu babangcwaba khona abafileyo babo; kwalapha, xa bekrokreleka baza basukelwa, babefumana indawo yokuhlala. Xa uMniki-bomi eya kuvusa abo bawuzamayo umzamo omhle, abaninzi bangamafelukholo ngenxa kaKristu, baya kuvuka kwezo nyoba zimnyama.IE18 37.2

    Phantsi kwentshutshiso ekhohlakele kakhulu, la mangqina kaYesu alugcina ukholo lwawo lungadyobhekanga. Nangona ayekuhluthwe konke ukonwaba, evalelwe kude nokukhanya kwelanga, ikhaya labo lisebumnyameni kodwa esifubeni somhlaba esinobuhlobo, abazanga bakhalaza. Ngamazwi okholo, omonde, nethemba, bakhuthazana ukuba bayinyamezele imbandezelo noxinzelelo. Ukulahleka kwayo yonke intsikelelo yasemhlabeni akuzange kukwazi ukubanyanzela ukuba bayilahle inkolo yabo kuKristu. Izilingo nentshutshiso zazingamanyathelo okubasondeza kufuphi ngakumbi nangakumbi ekuphumleni kwabo nasemvuzweni wabo. IE18 37.3

    Njengabakhonzi bakaThixo bakudala, abaninzi “batyakatywa, bengalwamkelanga ukhululo, ukuze bazuzane nolona luvuko lululo.” Indima 35. Aba bawakhumbula amazwi eNkosi yabo, axela ukuba, xa bathe batshutshiswa ngenxa kaKristu, kwakuza kufuneka bavuye Kunene, kuba uya kuba mkhulu umvuzo wabo ezulwini; kuba nabaprofeti batshutshiswa ngaphambi kwabo. Bavuya kuba babalelwa ukuba bakufanele ukuphathwa kakubi ngenxa yenyaniso, zaye iingoma zoloyiso zinyuka phakathi kwamalangatye anqanqazayo. Bekhangele phezulu ngokholo, bambona uKristu neengelosi bethobe phezu kweendawo zokulwa zasezulwini, beqwalasele kubo ngomdla onzulu kakhulu bekwamkela ngovuyo ukuma baqine kwabo. Ilizwi lehla leza kubo liphuma etroneni kaThixo: “Thembeka kude kube sekufeni, ndokunika isithsaba sobomi.” IsiTyhilelo 2:10. IE18 38.1

    Aba lilize amalinge kaSathana okutshabalalisa ibandla likaKristu ngokulidlavula. Imbambano enkulu ababunikela kuyo abafundi bakaYesu ayizange iphele akuba ewile la magorha ezindaweni awayemi kuzo. Ngokoyiswa boyisa. Abasebenzi bakaThixo babulawa, kodwa umsebenzi waKhe wathi chu ukuhambela phambili. Igospile yaqhubeka ukusasazeka, aza akhula amanani abayibambileyo. Yangena kwimimandla eyayingangeneki nakumakhozi aseRoma. Wathi omnye umKristu, eluleka abaphathi babahedeni ababenyanzelisa ukubheka phambilikwentshutshiso:“Ningasibulala,nisingcungcuthekise,nisigwebe.. . . Intswelo-bulungisa yenu isisiqinisekiso sokuba simsulwa. Kanti kenenkohlakalo yenu . . . ayinenzeli nto.” Yayisisimemo esinamandla sokoyisela abanye kwicala labo. “Okona kuthe rhoqo ukubulawa kwethu, okona inani lethu likhula; igazi lamaKristu liyimbewu.”--Tertullian, Apology, paragraph 50. IE18 38.2

    Amawaka avalelwa ezintolongweni abulawa, kodwa abanye bavuka ukuzalisa iindawo zawo. Kanti abo babe bulawelwe ukholo baqiniselwa kuKristu baza babalwa njengaboyisi. Bawuzama umzamo omhle, kwaye babeza kufumana isithsaba sozuko xa uKristu ebuya. Impatho-mbi abayinyamezelayo yawasondeza amaKristu kufuphi kakhulu omnye komnye nakuMhlawuleli. Umzekelo wabo ophilileyo nobungqina bokufa zizinto ezaba bubungqina benyaniso; kwaza kwathi kungalindelekanga nto, abantu bakaSathana bakushiya ukumsebenzela bazifaka phantsi kwebhanile kaKristu.IE18 38.3

    USathana, ke ngoko, wawandlala amacebo akhe okulwa ngempumelelo kakhulu nolawulo lukaThixo ngokutyala ibhanile yakhe ebandleni lobuKristu. Ukuba abalandeli bakaKristu bebenokukhohliswa baze benziwe ukuba bangamkholisini uThixo, konke, amandla abo, isibindi sabo, nokuqina kwabo bekuya kuwa phantsi, baze babe lixhoba elilula. IE18 39.1

    Umchasi omkhulu ngoku wazama ukuzuza ngamaqhinga oko wasilela ukukuzuza ngamandla. Intshutshiso yathi nqumama, kwathi endaweni yayo kwangena ukuloba okuyingozi kwempumelelo yexeshana nokudunyiswa lihlabathi. Abanquli bezithixo benziwa ukuba bamkele inxenye yenkolo yobuKristu, lo gama bezala ezinye iinyaniso ezifunekayo. Bathi bayamamkela uYesu njengoNyana kaThixo nokuba bayakholelwa ekufeni nasekuvukeni kwaKhe, kodwa aboyisekanga ngesono ngenxa yoko abaziva bekudinga ukuguquka okanye bayitshintshe intliziyo. Bathi bevuma okuthile kwelabo icala, babe besithi amaKristu nawo makabe nakuyekelelayo, ukuze bebonke bamanyane bekumgangatho omnye wenkolo kuKristu. IE18 39.2

    Ngoku, ibandla lalisengozini eyoyikekayo. Intolongo, ukungcungcuthekiswa, umlilo, nekrele ziyintsikelelo xa kuthelekiswa noku. Amanye amaKristu ama aqina, esithi awangekhe ayekelele nto. Amanye akuthanda ukuyekelela okanye ukuzimisa ngandlela yimbi ezinye iinkalo zenkolo yawo ngokuzimanya nabo babamkela ubuKristu nganxanye, besithi oku kunokuba yindlela yenguquko yabo epheleleyo. Elo laba lixesha lentlungu enkulu kubalandeli bakaKristu. Phantsi kwengubo yokuzenza amaKristu, uSathana wayezimilisela ebandleni, ukuze alonakalise ukholo azibuyise iingqondo zabo zisuke elizwini lenyaniso.IE18 39.3

    Ekugqibeleni amaKristu amaninzi avuma ukuwuthoba umgangatho, kwaza kwenziwa umanyano phakathi kobuKristu nobuhedeni. Nangona abanquli bezithixo babesithi baguqukile, baza bazimanya nebandla, babesabambelele kunqulo lwabo lwezithixo, ntonje batshintsha oko bakunqulayo kwaba yimifanekiso kaYesu, noMariya kunye nabangcwele. Igwele elibi lonqulo lwezithixo, laba liyangena ebandleni ngaloo ndlela, laqhuba umsebenzi walo othiyekileyo. Iimfundiso ezingemanga ntweni, iinkonzo zeenkolo, neenkolo zonqulo lwezithixo lwaba luyahlanganiswa kwinkolo nakunqulo lwalo [ibandla]. Bathi xa abalandeli bakaKristu bezimanya nabanquli bezithixo, inkolo yobuKristu yonakaliswa, laza ibandla lalahlekwa bubunyulu namandla alo. Babakho abanye, phofu, abangazanga balahlekiswe lolu lahlekiso. Bahala bemi ekunyanisekeni kwabo kwiMbangi yenyaniso, baza banqula uThixo yedwa. IE18 39.4

    Zasoloko zikho iindidi ezimbini phakathi kwabo bazibiza ngokuba bangabalandeli bakaKristu. Ngeli xesha olunye udidi lufunda ubomi boMsindisi, lunyaniseke ekuzameni ukulungisa iziphoso zazo nokuhambelana noMzekelo, olunye udidi luyaziphepha iinyaniso ezicacileyo neziphathekayo eziveza iziphoso zabo. Kanti ke, nakweyona meko ilungileyo yalo ibandla, alizange libe nabantu abanyaniseke nabanyulu ngokupheleleyo kuphela. UMsindisi wethu wafundisa ukuba, abo bangena ngenkani esonweni akufuneki bamkelelwe ebandleni; kanti ke Yena wazihlanganisela kuYe abantu ababeneziphako esimilweni, wabanika okuhle kweemfundiso nomzekelo waKhe, ukuze balifumaneithuba lokubonaiziphoso zabo. Phakathi kweshumi elinambini labapostile, kwakukhoumngcatshi. UYuda Iskariyoti wamkelwa, kungengakubawayengenazo iziphako esimilweni sakhe, kodwa zikhona zinjalo. Wahlangana nabafundi, ukuze kuthi, ngemfundiso nomzekelo kaKristu, akwazi ukukufunda okuqukwe esimilweni sobuKristu, aze enziwe ukuba azibone iimposiso zakhe, aguquke, kuze kuthi, ngoncedo lobabalo lwezulu, awuhlambulule umphefumlo wakhe “ngokuyithobela inyaniso. Sekunjalo, uYuda akazange ahambe ekukhanyeni okwathi, ngobubele obukhulu, kwavunyelwa ukuba kukhanye phezu kwakhe. Ngokuziyekela esonweni, wazimema izihendo zikaSathana. Iimpawu zobubi besimilo sakhe zaya zagqama. Wayiyekela ingqondo yakhe ekulawulweni ngamandla obumnyama, waba nomsindo xa wayethethiswa ngeziphoso zakhe, kwathi ngaloo ndlela wakhokelelwa ekwenzeni ubugebenga oboyikekayo bokungcatsha iNkosi yakhe. Kunjalo kubo bonke abathanda ububi phantsi kokuzibiza ngokwabahlonela uThixo babe bebathiya abo baphazamisana noxolo lwabo ngokuhlasela ikhondo labo lesono. Xa ithuba elihle linikiwe, baya kuthi, njengoYuda, babangcatshe abo bathe, kuba befuna ukuba balungelwe, bazama ukubangxolisa.IE18 40.1

    Abapostile bangqubana ebandleni nabo babezibiza ngokuthi bahlonela uThixo lo gama besonwabela ubumnandi bobugwenxa emfihlakalweni. UHananiya noSafira bayidlala indawo yomkhohlisi, bezenza abanikela umbingelelo opheleleyo kuThixo, ukanti bathi ngokubawa bazigcinela inxalenye. UMoya wenyaniso wabatyhilela abapostile esona similo sabazenzisi, zaza izigwebo zikaThixo zalisusa ebandleni eli bala libi kubunyulu balo. Umqondiso obonakalayo wobukho kukaMoya obonayo kaKristu ebandleni wawusisoyikiso kubahanahanisi nabenzi bobubi. Babengenako ukuhlala ixesha elide behlangene nabo babethe, ngomkhwa nokuziphatha, bathi rhoqo bengabameli bakaKristu; kuze kuthi xa izilingo nentshutshiso zifika phezu kwabalandeli baKhe, ibe ngabo kuphela abanentumekelelo ukushiya konke ngenxa yenyaniso abathi banqwenele ukuba ngabafundi baKhe. Ngaloo ndlela, lonke ixesha intshutshiso iqhubeka, ibandla labonakala lihleli linyulu. Lathi kodwa lakuphela, kongezwa kulo abo babenganyanisekanga nababengazinikelanga ngokupheleleyo, yaza yavuleka indlela kaSathana yokuba afumane indawo yokuxhathisa.IE18 40.2

    Phofu ke akukho bunye phakathi koMthetheli wokukhanya nomthetheli wobumnyama, kwaye kungekhe kubekho bunye phakathi kwabalandeli babo. Xa amaKristu evuma ukuzimanya nabo babengaguqukanga ngokupheleleyo ukusuka ebuhedenini, angena kwindlela eyayiwakhokelela kude ngakumbi nangakumbi enyanisweni. USathana wavuya kuba waphumelela ukulahlekisa iqela elikhulu kangako labalandeli bakaKristu. Walizisa igunya lakhe ukuba lilawule ngokupheleleyo phezu kwaba, wabakhuthaza ukuba batshutshise abo basala benyanisekile kuThixo. Akakho owayesazi kakuhle ukuba kunokwenziwa njani ukuyichasa inkolo eyinyaniso yobuKristu njengabo babekhe baba ngabakhuseli bayo; aza athi la maKristu akreqileyo, azimanye namaqabane angabahedeni abangaphelelanga, alikhokelela idabi lawo ekulweni neempawu ezibalulekileyo zeemfundiso zikaKristu. IE18 41.1

    Kwakufuneka ngoku ungquzulwano lokuzincama ukuze kuzuzwe abo babemi beqinile ukuchasa ulahlekiso namasikizi awayezifihle kwizambatho ezingcwele kwangeniswa ebandleni. IBhayibhile ayizange yamkelwe njengomgangatho wokholo. Imfundiso yenkolo ekhululekileyo kwathiwa lulahlekiso, baza abo bayibambileyo bathiywa bazingelwa njengamaxhama.IE18 41.2

    Emva kwedabi elide elishushu, abambalwa abathembekileyo bagqibe ukuba baluchithe umanyano nebandla elikreqileyo ukuba lisaqhubeka nokwala ukuzikhulula ebuxokini nasekunquleni izithixo. Babona ukuba ukwahlukana kwakudingeka kakhulu ukuze bakwazi ukuthobela ilizwi likaThixo. Abazange bakwazi ukunyamezela iimposiso eziyingozi kubantwana babo nabantwana babantwana babo. Ukuze bazuze uxolo nobunye, babelungele ukwenza nasiphi isivumelwano esihambelana noThixo; kodwa beva ukuba noxolo olo luya kuba lunexabiso elikhulu kakhulu xa kuza kusukwa kumthetho-siseko. Ukuba ubunye buza kuzuzwa kuphela ngokuyekelela inyaniso nobulungisa, makuvele kuhlale kukho ukwahluka, kwanemfazwe ngokwayo.IE18 41.3

    Kwakuya kuba kuhle ebandleni nasehlabathini ukuba imithetho-siseko eyakhuthaza loo miphefumlo ime nkqi yayivuselelwe ezintliziyweni zabantu ababezibisa ngokuthi bangabakaThixo. Kukho ukungakhathali okumangalisayo ngokubhekiselele kwiimfundiso ezizintsika zenkolo yobuKristu. Kukho imbono eya igabadela, le ethi, ngapha koko, azibalulekanga zonke. Oku kuhla komgangatho komeleza izandla zabathunywa bakaSathana ukuze iimfundiso ezibubuxoki nolahlekiso oluyingozi, abathi abo banyanisekayo kwizizukulwana ezadlulayo babeka ubomi babo emngciphekweni ngokumelana nazo nokuzityhila, xa ngoku ziza kwamkelwa ngothando ngamawaka abanga ukuba angabalandeli bakaKristu. IE18 42.1

    AmaKristu okuqala ngokwenene ayengabantu abayinqobo. Ukuziphatha kwabo okungenasiphako nenkolo yabo engagungqiyo zaba kukuthethisa okuzingisileyo okwakuphazamisa uxolo lwaboni. Nangona ayembalwa ngamanani, engenabutyebi, engenazikhundla, okanye engenazihlonipho zambeko, ayesoyikeka kubenzi bobubi kuyo yonke indawo apho kwakusaziwa isimilo sawo neemfundiso zawo. Ngenxa yoko, athiywa ngabakhohlakeleyo, njengokuba uAbheli wathiywa nguKayeni owayengahloneli Thixo. Kwangeso sizathu sinye awathi uKayeni wabulala uAbheli ngenxa yaso, benza njalo abo babezama ukulahla ukulawula kukaMoya Oyingcwele, babulala abantu bakaThixo. Kwakungeso sizathu sinye awathi amaYuda amala ambethelela emnqamlezweni uMsindisi—ngenxa yokuba ubunyulu nobungcwele besimilo saKhe babusoloko buthe rhoqo ukukhalimela umona nenkohlakalo yawo. Kususela kwimihla kaKristu kuze ngoku, abalandeli abathembekileyo baKhe bavuse intiyo nenkcaso kwabo bathanda balandele iindlela zesono. IE18 42.2

    Kwenzeka njani, ke ngoko, ukuba iindaba ezilungileyo zibizwe ngokuthi sisigidimi soxolo? Xa uIsaya wayexela ngenx’ engaphambili ngokuzalwa kukaMesiya, wamnika isihlonipho esithi, “Mthetheli woxolo.” Xa iingelosi zazivakalisa kubelusi ukuba uKristu uzelwe, zavuma phezu kwamathafa aseBhetelehem, zisithi, “Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.” Luka 2:14. Kubonakala ngokungathi kukho impikiswano phakathi kwezi ziprofeto nokwavakaliswa ngamazwi kaKristu: “Andize kungenisa luxolo, ndize kungenisa ikrele.” Mateyu 10:34.Kanti ke, xa kuthikuqondwe kakuhle, oku kubini kuvumelana kakuhle. Ivangeli isisigidimi soxolo. UbuKristu buyinto ethi, bakuba bamkelwe bathotyelwa, buzise uxolo, ukusebenzisana, nolonwabo emhlabeni wonke. Inkolo kaKristu ihlanganisa kubuzalwana obusondeleyo bonke abazamkelayo iimfundiso zayo. Yayingumsebenzi awayezele wona uYesu ukuza kuxolelanisa abantu noThixo, ngaloo ndlela omnye nomnye. Kanti ke, ihlabathi lilonke liphantsi kolawulo lukaSathana, olona lutshaba lukhulu lukaKristu. Igospile ibanika abantu imithetho-siseko yobomi echasene ngokupheleleyo nemikhwa neminqweno yabo, ngenxa yoko bayayivukela igospile bayichase. Bathiya ubunyulu obutyhila bugwebe izono zabo, baze babatshutshise abo babanyanzela ngobulungisa nobungcwele bamabango ayo. Yile ngqondo—ngenxa yokuba iinyaniso eziphakanyiswayo ethi ize nazo zisenza ukuba kubekho intiyo nokulwa—ethi igospile ibizwe ngokuthi likrele. IE18 42.3

    Ukubonelela kukaThixo okufihlakeleyo, okuthi kuvumele amalungisa ukuba atshutshiswe ezandleni zabakhohlakeleyo, kuko okungunobangela wokudideka okukhulu kwabaninzi ababuthakathaka elukholweni. Abanye bade balungele ukulahlela kude ithemba labo kuThixo kuba ebayeka abona bantu baphantsi ukuba baphumelele, lo gama abona balungileyo nabona banyulu bengcungcuthekiswa bathuthunjiswe ngamagunya abo [bakhohlakeleyo]. Kwenzeka njani, ukuba athi Lowo unobulungisa ozele yinceba, nonamandla angenamda, anyamezele ukusweleka kobulungisa obungako nengcinezelo enjalo? Ngumbuzo lo esingenanto yakwenza thina nawo. UThixo usinike ubungqina obaneleyo bothando lwaKhe, ngoko akufuneki ukuba sikuthandabuze ukulunga kwaKhe kuba singakwazi ukukuqonda ukusebenza kokubonelela kwaKhe. UMsindisi wathi kubafundi baKhe, ebona kwangaphambili intandabuzo eyayiya kuba nzima phezu kwemiphefumlo yabo ngemihla yokulingwa nobumnyama: “Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna bonitshutshisa nani.” Yohane 15:20. UYesu wathwala ubunzima ngenxa yethu, ngaphezu kokuba nabaphi abalandeli baKhe banokwenziwa beve ubunzima ngabantu abakhohlakeleyo. Abo babizelwe ukuba banyamezele ukungcungcuthekiswa nokufela ukholo balandela emanyathelweni kaNyana kaThixo oyintanda.IE18 43.1

    “INkosi ayilibali dinga.” 2 Petros 3:9. Ayibalibali okanye ibatyeshele abantwana baYo; kodwa ivumela abakhohlakeleyo ukuba basiveze esona isimilo sabo, ukuze kungabikho olangazelela ukuyenza intando yaKhe oya kukhohliswa ngokubhekiselele kubo. Kwakhona, amalungisa abekwe emalangatyeni entuthumbo, ukuze nabo ngokwabo bahlanjululwe; ukuze umzekelo wabo woyisele abanye kwinyaniso yobukho bokholo nokuhlonela uThixo; nokuze ukuzingisa kwendlela yabo kubagwebe abangahloneli Thixo nabangakholwayo.IE18 43.2

    UThixo uyabavumela abakhohlakeleyo ukuba baphumelele nokuba babutyhile ubutshaba babo ngakuYe, ukuze, xa bethe bawuzalisa umlinganiselo wobugwenxa babo, bonke bakwazi ukububona ubulungisa nenceba yaKhe kwintshabalalo yabo egqibeleleyo. Imini yempindezelo iyakhawuleza, xa bonke abawugqithayo umthetho waKhe bebacinezela abantu baKhe baya kuhlangana nembuyekezo efaneleyo yezenzo zabo; xa sonke isenzo senkohlakalo okanye ukuswela ubulungisa ngakubantu bakaThixo abathembekileyo siya kohlwaywa ngokungathi sasenziwe kuKristu ngokwaKhe. IE18 44.1

    Ukhona nomnye umbuzo obaluleke kakhulu omelwe kukuqatshelwa ngamabandla anamhlanje. Umpostile uPawulos uvakalisa ukuba “bonke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.” 2 Timothy 3:12. Kutheni le nto, ngoko, ingathi intshutshiso ibonakala kakhulu ngokungathi ilele? Isizathu, ekuphela kwaso, sesokuba ibandla lihambelana kakhulu nemigangatho yehlabathi, kungoko lingaqhwayi nkcaso. Inkolo ekhoyo kule mihla yethu ayilulo uhlobo olunyulu nolungcwele olwaluphawula ukholo lomKristu ngemihla kaKristu nabapostile baKhe. Kuphela ngokubakho komoya wokuyekelela isono, kuba iinyaniso ezinkulu zelizwi likaThixo zithatyathwa ngokungakhathali, kuba kuncinane kakhulu ukuhlonelwa kukaThixo ebandleni, okwenza ukuba ubuKristu bubonakale buthandwa lihlabathi. Makubekho imvuselelo yokholo namandla ebandla lokuqala, ukuze umoya wentshutshiso uvuselelwe, ithi imililo yentshutshiso ivuthe ngokutsha.IE18 44.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents