Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    39—Ixesha Lembandezelo

    “Ngelo xesha uya kusuka eme uMikayeli, umthetheli omkhulu, omela oonyana babantu bakowenu. Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha. Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu, bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.” Daniyeli 12:1.IE18 542.1

    Ukuvala kwesigidimi sengelosi yesithathu, inceba yayingasabacengeli abemi abanetyala emhlabeni. Abantu bakaThixo bawufezile umsebenzi wabo. Bayifumene “imvula yamva,” “ukuphumza okuvela ebusweni beNkosi,” baye belilungele ilixa lovavanyo eliphambi kwabo. Iingelosi zingxamile zihla zinyuka ezulwini. Ingelosi evela emhlabeni yazisa ukuba umsebenzi wayo ugqityiwe; baye bonke abo bazibonakalalise ukuba banyanisekile kwimiyalelo engcwele, bazuze “itywina loThixo ophilileyo.” Ngelo xesha, uYesu uyayeka ukumela engcweleni yaphezulu. Uphakamisa izandla zaKhe, aze athi, ngelizwi elikhulu, “Kwenzekile;” uze wonke umkhosi weengelosi uzibeke phantsi izithsaba xa eya kwenza isaziso esindilisekileyo: “Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku; nolilungisa makasel’ ehlala elungisa; ongcwele makasel’ ehlala ezingcwalisile.” IsiTyhilelo 22:11. Ityala ngalinye ligwetyelwe ubomi okanye ukufa. UKristu wayelwenzile ucamagushelo lwabantu baKhe, wazicima zonke izono zabo. Ligqityiwe inani lamalungu aphantsi kwaKhe; “ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke,” sele buza kunikelwa kwiindlamafa zosindiso, aze uYesu alawule enguKumkani kakumkani neNkosi kankosi. IE18 542.2

    Kuza kuthi xa eyishiya ingcwele, ubumnyama bugubungele abemi bomhlaba. Ngelo xesha loyikekayo, amalungisa kufuneka aphile phambi kukaThixo ongcwele engenaye umthetheleli. Ukunqanda obekubambe abakhohlakeleyo kususiwe, yena uSathana unolawulo olupheleleyo kwabo ekugqibeleni bangabanga nako ukuzohlwaya. Ukuzeka kade umsindo kukaThixo kuphelile. Ilizwe liyalile inceba yaKhe, laludela uthando lwaKhe, lwawunyhasha umthetho waKhe. Abakhohlakeleyo bawudlule umda wenceba abebeyinikiwe; uMoya kaThixo oye waliwa ngenzondelelo, ekugqibeleni urhoxisiwe. Bengakhuselwanga lubabalo lwezulu, abanaso isikhuselo kongendawo. USathana uza kubaphosa abemi bomhlaba kwimbandezelo enye, enkulu yokugqibela. Zithi xa iingelosi zikaThixo ziyeka ukuyibamba ziyinqanda imimoya eyoyikekayo yemvakalelo zoluntu, zonke iziqalelo zokulwa zikhululwe. Umhlaba wonke uza kubandakanyeka kwintshabalalo embi ngaphezulu kunaleyo yafikela iYerusalem yakudala. IE18 542.3

    Ingelosi enye yatshabalalisa onke amazibulo amaYiputa yalizalisa ilizwe ngesikhalo. Wathi uDavide akona ngakuThixo ngokubala abantu, ingelosi enye yenza loo ntshabalalo yoyikekayo ekohlwaywa ngayo isono. Kwaloo mandla manye atshabalalisayo athi asetyenziswa ziingelosi ezingcwele akuziyalela uThixo, aya kusetyenziswa ziingelosi ezikhohlakeleyo akuvuma [uThixo]. Ikho imikhosi elindeleyo ngoku, kwaye ilindele imvume yezulu, ukuba isasaze inkxwaleko kuyo yonke indawo.IE18 543.1

    Abo bawuthobelayo umthetho kaThixo bebesolwa ngokuzisa izibetho emhlabeni, baye bebonwa njengembangi yokuvumbuluka kwendalo okoyikekayo nokulwa nokuphalala kwegazi phakathi kwabantu abazalise umhlaba ngosizi. Amandla ahamba nesilumkiso sokugqibela abangeumsindo kwabakhohlakeleyo; umsindo wabo uphenjelelwe ukuba uchase bonke abamkele isigidimi, aze uSathana avuse kakhulu ngokuphindiweyo umoya wentiyo nentshutshiso.IE18 543.2

    Bakuba ubuso bukaThixo busithelisiwe ekugqibeleni kwisizwe sakwaYuda, ababingeleli nabantu abazange bazi. Nangona babe phantsi kolawulo lukaSathana, belawulwa zezona zimbi nezikhohlakeleyo iinkanuko, babesazithabatha njengabanyulwa bakaThixo. Ulungiselelo etempileni lwaqhubeka; imibingelelo yanikelwa phezu kwezibingelelo zayo ezingcolisiweyo, yaza intsikelelo yemihla ngemihla yacelwa phezu kwabantu abanetyala legazi likaNyana kaThixo oyintanda, nokuzanywa kokubulawa kwabalungiseleli nabapostile baKhe. Ngoko ke, xa isigqibo esingcwele esinganako ukurhoxiswa sivakalisiwe, nesiphelo sehlabathi simisiwe ngonaphakade, abemi bomhlaba abasayi kukwazi oko. Iinkonzo zenkolo ziya kuqhutywa ngabantu abaMoya kaThixo uthe ekugqibeleni warhoxiswa kubo; ize inzondelelo yenkohlakalo yokuthi umthetheli wobubi abakhuthaze ngayo ukuba kufezwe amacebo akhe enkohlakalo, ibe nemfano nenzondelelo ngoThixo.IE18 543.3

    Njengoko iSabatha ithe yangumba okhethekileyo wembambano kubo bonke ubuKristu, aza amagunya enkolo nawelizwe ahlangana ukuba akunyanzelise ukugcinwa kweCawa [usuku], ukwala okuzingisileyo kwebathwana ukuthoba umxakatho kokufunwa jikelele kuya kubenza babe ngamaxhoba okucekiswa lilizwe lonke. Kuya kukhuthazwa ukuba abambalwa abemi bechase isimiso sebandla nomthetho wesizwe bamelwe ukuba banganyamezelwa; nokuba ukuba bave ubunzima kunokuba izizwe zonke zifakwe kwisiphithiphithi nokungabikho komthetho. Kwayona loo ngxolo, kwishumi elinesibhozo leminyaka eyadlulayo, yazisa ukuchaswa kukaKristu “[ngabaphathi babantu.” “Kusilungele,” watsho uKayafa oseqhingeni, “ukuba kufe umntu abe mnye ngenxa yabantu, ukuze lungatshabalali uhlanga luphela.” Yohane 11:50. Le ngxoxo iza kubonakala igqibelele; uze umthetho, ekugqibeleni, ukhutshwe uchasa abo bagcina ngcwele iSabatha yomthetho wesine, ubasingela phantsi njengabafanele esona sohlwayo siqatha, uze ubanike abantu inkululeko, emva kwexesha elithile, yokuba bababulale. UbuRoma kwiliZwe lakuDala, nobuProtestanti obukreqileyo kweliTsha, buya kulandela ikhondo elifanayo ngakwabo bayigcina yonke imiyalelo engcwele.IE18 543.4

    Abantu bakaThixo baya kuphoswa kuloo miboniso yentuthumbo noxinzelelo echazwe ngumprofeti njengembandezelo kaYakobi. “Utshilo ke uYehova ukuthi, Sive izwi eligubhisayo; lelinkwantyisayo, asililo eloxolo. . . . Ubuso bonke busuke baluthuthu. Athi ke ukuba mkhulu loo mhla! Akukho unje ngawo; lixesha lembandezelo kaYakobi; ke uya kusindiswa kuyo.” Yeremiya 30:5-7.IE18 544.1

    Ubusuku bukaYakobi bosizi, xa wayebambene emthandazweni wokuba ahlangulwe esandleni sikaEsawu (Genesis 32:24-30), bumele amava abantu bakaThixo ngexesha lembandezelo. Ngenxa yenkohliso awayenzayo ukuze azuze intsikelelo kayise, eyayilunge kuEsawu, uYakobi wabhaca ukusindisa ubomi bakhe, esoyikiswa zizithembiso zokubulawa ngumkhuluwa wakhe. Emva kokuhlala iminyaka emininzi elubhacweni, waya waphuma ngokuyalelwa nguThixo, ukuba ahambe nabafazi nabantwana bakhe, nemihlambi yakhe yempahla emfutshane nenkulu, abuyele kwelakubo lokuzalwa. Wathi akuba efike emideni yelizwe, wazaliswa luloyiko akuva iindaba ngoEsawu owayesiza ekhokele ibutho lamadoda okulwa, ngokuqinisekileyo, ejonge impindezelo. Iqela likaYakobi, lingaxhobanga, lingenalo ukhuselo, labonakala liza kuba ngamaxhoba angenako ukuzinceda, kubundlongondlongo nokubulawa. Kanti, kuloo mthwalo wexhala nokoyika, kongezwa ubunzima obutyumzayo bokuzisola, kuba kwakungenxa yesono sakhe ukuba abe kule ngozi. Ithemba lakhe, ekwakuphela kwalo, lalikwinceba kaThixo; igwiba lakhe, ekuphela kwalo, kwafuneka lingumthandazo. Kanti ke, sekunjalo, akashiyanga nanye into ingenziwanga, kweyakhe indawo, ukucamagusha ngenxa yemposiso yakhe ngakumntakwabo nokuzama ukujika ingozi eyayimzela. Kumele kube njalo kubalandeli bakaKristu, xa befika kwixesha lembandezelo, ukuba benze lonke igalelo lokuba bazibeke ekukhanyeni okukuko phambi kwabantu ukwaphula amandla entiyo, nokujika ingozi ehlasela inkululeko yesazela.IE18 544.2

    Akuba eyifudusele kude intsapho yakhe, ukuze ingakuboni ukuxinzeleka kwakhe, uYakobi wahlala yedwa ukuze acengacengane noThixo. Uvuma isono sakhe, aze avume ngombulelo inceba kaThixo ngakuye, lo gama, ngokuzithoba okukhulu, ebongoza ngomnqophiso owenziwa nooyise nezithembiso ezenziwa kuye embonweni wasebusuku eBheteli nasezweni lokubhacela kwakhe. Ifikile intlekele ebomini bakhe; yonke into isesichengeni. Esebumnyameni nasekubeni yedwa, uqhubeke nokuthandaza nokuzithoba phambi kukaThixo. Ngequbuliso, kukho isandla esibekwa phezu kwegxalaba lakhe. Ucinga ukuba lutshaba olufuna ukumbulala, athi, ngawo wonke amandla okuphelelwa lithemba, alwe nalowo umhlaselayo. Ithi xa iqala ukuthi qheke imini, ongaziwayo asebenzise amandla angaphezu kwawendalo; kuthi ngokuchukumisa kwakhe, le ndoda yomeleleyo ibonakele iphelelwa ngamandla, isiwa, ingenako ukuzinceda, ikhala uzungu, isentanyeni yalowo ufihlakeleyo uyihlaselayo. UYakobi uyazi ngoku ukuba yiNgelosi yomnqophiso le alwa nayo. Nangona eziva elimele, esiva intlungu enkulu kakhulu, akayiyeki injongo yakhe. Kudala enyamezele ukudideka, ukuzisola, nentuthumbo ngenxa yesono sakhe; ngoku kufuneka eqinisekile ukuba sixolelwe. Undwendwe lwasezulwini lubonakala ngokungathi luza kuhamba; kodwa uYakobi utshele kulo, ebongoza ukuba afumane intsikelelo. Ingelosi iyabongoza: “Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa;” kodwa inyange ladanduluka, lathi: “andiyikukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.” Isibindi esingako, ukuqina nomonde ongako, obonakalisiweyo! Ukuba eli yayilibango lokuzigwagwisa nobuganga, uYakobi ngewabulawa kwangoko; kodwa okwakhe yayiyingqiniseko yalowo ovuma ubuthakathaka bakhe nokungafaneleki kwakhe, ukanti ethembele kwinceba kaThixo owugcinayo umnqophiso. IE18 545.1

    “Wazamana naso isithunywa, wafeza.” Hoseya 12:4. Ngokuthotyelwa phantsi, ukuguquka, nokuzinikela, esi sidalwa singumoni soyisa iNgangalala yezulu. Wayekuqinisile ukubambelela kwakhe okunongcangcazelo kwizithembiso zikaThixo, yaza intliziyo yoThando Olungenamda alwakwazi ukusisusa isicengo somoni. Njengomzekelo woloyiso lwakhe nenkuthazo kwabanye ukuba bawenze umzekelo wakhe, igama lakhe laguqulwa ekubeni lelo lalikhumbuza isono sakhe, laba lelikhumbula uloyiso lwakhe. Le nto yokuba uYakobi wamoyisa uThixo yayisisiqinisekiso sokuba wayeza kuboyisa abantu. Akazanga abe soyika ukuhlangabezana nomsindo womntakwabo, kuba uYehova wayelukhuselo lwakhe.IE18 545.2

    USathana wayemmangalele uYakobi phambi kweengelosi zikaThixo, ebanga ilungelo lokumtshabalalisa ngenxa yesono sakhe; wayekhuthaze uEsawu ukuba ahambe ayokulwa naye; kwathi kubusuku obude bokulwa kwenyange, uSathana wazama ukuyinyanzela kuye ingqondo yobukho betyala lakhe ngenjongo yokumtyhafisa nokwaphula ukubambelela kwakhe kuThixo. UYakobi waphantsa waphelelwa lithemba; kodwa wazi ukuba, ngaphandle koncedo oluvela ezulwini, kuza kufuneka etshabalele. Wayeguquke ngokwenene kwisono sakhe esikhulu, waza wakhalela kwinceba kaThixo. Wayengekhe ajikwe kwinjongo yakhe, ngoko wayibamba wayiqinisa iNgelosi wazingisa ngesicelo sakhe, nokukhala esentlungwini wada woyisa. IE18 546.1

    Njengoko uSathana waphembelela uEsawu ukuba afunze kuYakobi, uza kwenza njalo ukuxhokonxa abakhohlakeleyo ukuba batshabalalise abantu bakaThixo ngexesha lembandezelo. Kanye njengoko wenzayo ukumangalela uYakobi, uya kuzinyanzela izityholo zakhe ngakubantu bakaThixo. Ulithabatha ihlabathi njengeliphantsi kolawulo lwakhe; kodwa ibathwana eligcina imithetho kaThixo liyamelana nokongama kwakhe. Ukuba nje angalisusa phezu komhlaba, uloyiso lwakhe lungaphelela. Uyabona ukuba iingelosi ezingcwele zibalusile, kwaye uyathelekelela ukuba izono zabo zixolelwe; kodwa akazi ukuba amatyala abo agqityiwe kwingcwele yaphezulu. Unolwazi olungqalileyo lwezono awabalingayo ukuba bazenze, yaye izizo ezi azibeka phambi kukaThixo ngendlela ebaxwe kakhulu, ebabeka aba bantu njengabafanele kakhulu ukuba bangabandakanywa kwimfesane kaThixo. Uthi iNkosi ayikwazi ukuthi ngobulungisa izixolele izono zabo kanti iyakwazi ukumtshabalalisa yena neengelosi zakhe. Uyababanga njengamaxhoba akhe efuna ukuba banikelwe ezandleni zakhe ukuba abatshabalalise.IE18 546.2

    Njengokuba uSathana emangalela abantu bakaThixo ngenxa yezono zabo, iNkosi iyamvumela ukuba abacikide kangangoko anako. Ukuthembela kwabo kuThixo, ukholo lwabo nokuma ngokuzinzileyo kwabo,kuza kuvavanywa ngokukhulu.Ekukhumbuleni kwabo ixesha elidlulileyo, amathemba abo ayehla; kuba, kubo bonke ubomi babo, bakubona kukuncinane okulungileyo. Babuqonda ngokupheleleyo ubuthakathaka babo nokungafaneleki kwabo. USathana uzama ukuboyikisa ngengcinga yokuba amatyala abo awaniki themba, nokuba ibala lokungcola kwabo alisokuze lihlanjwe. Uthembe ukulutshabalalisa ukholo lwabo ukuze baziyekele kwizihendo zakhe babuye ekwayameni kwabo kuThixo.IE18 546.3

    Nangona abantu bakaThixo beya kuba bejikelezwe ziintshaba ezifuna ukubatshabalalisa, eyona ntlungu abanayo asikukoyika ukutshutshiswa ngenxa yenyaniso; uloyiko lwabo lolokuba kunokwenzeka ukuba abaguqukanga kuzo zonke izono, nokuba kusenokwenzeka ukuba, ngempazamo ethile abayenzileyo, banokusilela ukuxhamla ukuzaliseka kwesithembiso soMsindisi: “Ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela.” IsiTyhilelo 3:10. Ukuba nje bebenokuba nengqiniseko yokuxolelwa, bebengayi kukoyika ukuthuthunjiswa okanye ukufa; kodwa, ukuba bangafumaneka bengafanelekanga, baze balahlekane nobomi babo ngenxa yeziphako ezimilweni zabo, igama likaThixo ongcwele liya kugculelwa.IE18 547.1

    Macaleni onke, babekuva ukucetywa kokuvukelwa kolawulo, babe bekubona ukusebenza okushushu kovukelo; ngaphakathi kwabo kwakuvuka umnqweno omkhulu, ulangazelelo oluzingisileyo lomphefumlo, lokuba olu kreqo lukhulu lungapheliswa ize inkohlakalo yabakhohlakeleyo ifikelele ekupheleni. Phofu, lo gama bebongoza uThixo ukuba awubambe umsebenzi wovukelo, babenokuziva benengqondo enzulu yokuzohlwaya kuba bona ngokwabo bengenawo amanye amandla okumelana nokutyhalela emva umsinga wobubi onamandla. Baziva bengathi, ukuba bebesoloko bewasebenzisa onke amandla abo emsebenzini kaKristu, bekhula ngakumbi emandleni, imikhosi kaSathana yayiya kuba namandla amancinane ukuba iboyise.IE18 547.2

    Bayayithuthumbisa imiphefumlo yabo phambi kukaThixo, besalatha kwixesha eladlulayo lokuguquka kwabo ezonweni zabo ezininzi, bekhunga ukuba bazuze isithembiso soMsindisi: “Mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.” Isaya 27:5. Ukholo lwabo alupheli kuba imithandazo yabo ingaphendulwa kwangoko. Nangona besiva okona kunzima ukuxhalaba, ukoyika, noxinzelelo, abakuyeki ukufuna uthethelelo. Babambelela kumandla kaThixo njengoko uYakobi wabambelela kwiNgelosi; yaye intetho yemiphefumlo yabo isithi: “Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.”IE18 547.3

    Ukuba uYakobi wayengaguqukanga kwisono sakhe sokuzuza ubuzibulo ngobuqhetseba, uThixo ngewayengazange awuve umthandazo wakhe aze ngemfesane abugcine ubomi bakhe. Ngokunjalo, ngexesha lembandezelo, ukuba abantu bakaThixo banezono ezingavunywanga eziza kuvela phambi kwabo ngexesha bethuthunjiswa kukoyika nakukubandezeleka, bebeza koyiswa; ukuphelelwa lithemba bekuza kulunqamla ukholo lwabo, bangabinaso isibindi sokumbongoza uThixo ukuba abahlangule. Ngoku ke, nangona beziva bengafanelekanga, abanaziphoso ekufuneka bezivezile. Izono zabo zibandulele ukuya emgwebeni zaza zacinywa, abasakwazi ukuzikhumbula. IE18 547.4

    USathana ukhokelela abaninzi ukuba bakholelwe ukuba uThixo akayi kukukhathalela ukunganyaniseki kwabo kwimicimbi yobomi emincinane; kodwa iNkosi iyabonisa ekuphatheni kwayo uYakobi ukuba ayisokuze ibuvumele okanye ibunyamezele ububi. Bonke abazama ukuzithethelela okanye ukuzifihla izono zabo, bazivumele ukuba zihlale ezincwadini zasezulwini, zingavunywanga zingaxolelwanga, baya koyiswa nguSathana. Okona luphezulu ubizo lwabo, nokona sihloniphekile isikhundla abasibambileyo, kokona lilibi kakhulu ikhondo labo emehlweni kaThixo, kokona kuqinisekile ukoyiswa kwabo ngumchasi omkhulu. Abo bakulibazisayo ukulungiselela imini kaThixo abasokuze bakwazi ukukwenza oko ngexesha lembandezelo okanye nakweliphi ixesha elinokuthi lilandele. Imeko yabo bonke abanjalo ayinathemba. IE18 548.1

    Abo bazibiza ngokuthi bangamaKristu abathi bafikelele kwelo dabi lokugqibela loyikekayo, baya kuthi, ekuphelelweni kwabo lithemba, bazivume izono zabo ngamazwi entuthumbo etshisayo, lo gama abakhohlakeleyo bevuya ngenxa yoxinzelelo lwabo. Oku kuvuma kuyafana noko kwenziwa nguEsawu okanye uYuda Iskariyoti. Abo bakwenzayo, bakhalela iziphumo zokugqitha umthetho, ingebubo ubutyala bokuwugqitha. Abeva lusizi lwenene, kungekho kubuthiya ububi. Bavuma izono zabo, ngokoyika ukohlwaywa; kodwa, njengoFaro wakudala, bebeya kubuyela kwindelelo yabo yeZulu ukuba bezingasuswa izohlwayo.IE18 548.2

    Imbali kaYakobi ikwasisiqinisekiso sokuba uThixo akasayi kubalahla abo babekhohlisiwe baza balingwa bangcatshwa ukuba bone, kodwa babuyela kuYe ngenguquko yenene. Ngeli xesha uSathana ezama ukulutshabalalisa olu didi, uThixo uya kuthumela iingelosi zaKhe ukuba zibathuthuzele zibakhusele ngexesha lengozi. Ukuhlasela kukaSathana kuyoyikeka kwaye kuzimisele, ulahlekiso lwakhe lubi kakhulu; kodwa iliso likaYehova liphezu kwabantu baKhe, nendlebe yaKhe ikumamele ukukhala kwabo. Imbandezelo yabo inkulu, amalangatye omlilo ubonakala engathi aza kubadla; kodwa umHlaziyi uya kubakhupha befana negolide ecikidwe emlilweni. Uthando lukaThixo kubantwana baKhe ngexesha lokulingwa kwabo okukhulu lunamandla lukwanemfesane njengemihla yabo yempumelelo eyayikhanya; ukuthanda kwabo ihlabathi kufuneka kuphele, nokuba umfanekiselo kaKristu kufuneka ubonakalaliswe ngokugqibeleleyo.IE18 548.3

    Ixesha loxinzelelo nentlungu eliphambi kwethu lifuna ukholo olunokunyamezela ukudinwa, ukulibazisa, nendlala—ukholo olungayi kudinwa nangona lucikidwa kakhulu. Ixesha lenceba linikwa bonke ukuba balungiselele elo xesha. UYakobi woyisa kuba wayezingisa ezimisele. Uloyiso lwakhe lusisibonakalaliso samandla omthandazo ozingisileyo. Bonke abaya kubamba amadinga kaThixo, njengoko wenzayo, baze bazingise bazondelele njengoko wenzayo, baya kuphumelela njengoko waphumelelayo. Abo bangenayo intumekelelo yokwalela umna, bacengane noThixo, bathandaze ixesha elide benyanisekile ukuba bazuze intsikelelo yaKhe, abayi kuyizuza. Ukubambana noThixo—indlela abambalwa ngayo abakwaziyo ukuba kukuthini oko! Bambalwa abakhe bayisondeze imiphefumlo kuThixo ngomnqweno omkhulu ade akhutshwe asetyenziswe onke amandla. Athi xa amaza okuphelelwa lithemba, ekungekho ntetho inokuwachaza, egubungela lowo ubongozayo, babembalwa kakhulu ababambelela ngokholo olunganikezeliyo kumadinga kaThixo.IE18 549.1

    Abo basebenzisa ukholo oluncinane ngoku, bakweyona ngozi inkulu yokuwa phantsi kwamandla olahlekiso lwenkohlakalo naphantsi komthetho onyanzelisa isazela. Nokuba bangakunyamezela ukucikidwa, baya kuphoseka kolunzulu uxinzelelo nokubandezeleka ngexesha lembandezelo, kuba abazange bakwenza kwasisiqhelo sabo ukuthembela kuThixo. Izifundo zokholo abazityeshelayo baya kunyanzeleka ukuba bazifunde phantsi kokunyanzeleka okubi kokutyhafiswa.IE18 549.2

    Kufuneka ngoku siziqhelanise noThixo ngokuzivavanya izithembiso zaKhe. Iingelosi zichola ingxelo yayo yonke imithandazo ezondeleleyo nenyanisekileyo. Kufuneka sahlukane nokwethu ukuzanelisa kunokuba sityeshele ukuxhumana noThixo. Obona buhlwempu bunzulu, okona kuzilandula kukhulu, okunokwamkelwa nguYe, kulungile kunobutyebi, uzuko, ukonwaba, nobuhlobo obungenako [ukwamkelwa nguYe]. Kufuneka sithabathe ixesha sithandaza. Ukuba sithi sizivumele iingqondo zethu ukuba ziginywe zizinto zokuthanda ihlabathi, iNkosi ingasinika ixesha ngokususa kuthi izithixo zegolide, izindlu, okanye imihlaba etyebileyo.IE18 549.3

    Abantu abalulutsha abayi kulukuhlelwa esonweni ukuba bangathi bale ukungena nakweyiphi enye indlela ngaphandle kwaleyo banokukwazi ukuba bathi, xa bekuyo, bacele intsikelelo kaThixo. Ukuba abathunywa abathwele isilumkiso esinendili sokugqibela esiya ehlabathini bebengathandazela intsikelelo kaThixo, kungengayo indlela ebandayo, engakhathaliyo, nenqenayo, kodwa ngokuzingisa nangokholo, njengoko wenzayo uYakobi, bebeya kufika kwiindawo ezininzi apho bebeya kuthi: “Ndibonene noThixo, wahlangula umphefumlo wam.” Genesis 32:30. Bebeya kubalwa ezulwini njengeenkosana, ezinamandla okoyisa noThixo kunye nabantu.IE18 549.4

    “Ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo,” lisondele ukuba lisifikele; kwaye siya kudinga amava esingenawo ngoku, abaninzi bethu abanqena kakhulu ukuba bawazuze. Iqhelekile imeko apho imbandezelo ibe ngaphezulu koko kulindelweyo xa sele ikho; kodwa oku akuyiyo inyaniso ngentlekele ephambi kwethu. Okona kubekwa kucace kakhulu akukwazi ukufikelela kubukhulu bayo intlungu. Ngelo xesha lokuvavanywa, wonke umphefumlo uza kuzimela ngokwawo phambi kukaThixo. “[Nangona] ooNowa noDaniyeli noYobhi” babekho elizweni, “ndihleli nje, itshoiNkosiuYehova bebengayi kuhlangula nyana nantombi; bona bebeya kuhlangula owabo umphefumlo kuphela ngobabo ubulungisa.” Hezekile 14:20. IE18 550.1

    Ngoku, ngeli xesha uMbingeleli omKhulu wethu esasicamagushela, kufuneka sizame ukugqibelela kuKristu. Akuzange kube nangengcinga awawavumela ngayo uMsindisi wethu amandla esihendo. USathana ufumana kwiintliziyo zabantu indawo apho anokuxhathisa khona; umnqweno othile wesono esithandwayo, athi ngawo izihendo zakhe zibonise amandla azo. UKristu Yena wathetha wathi ngaYe [Yena Kristu]: “[Uyeza] umphathi weli hlabathi, engenanto naM.” Yohane 14:30. USathana akazange afumane nto kuNyana kaThixo awayenokukwazi ukuthi ngayo azuze uloyiso. Wayeyigcinile imithetho kaYise, kungekho sono kuYe uSathana awayenako ukusisebenzisela inzuzo yakhe. Yimeko le ekufuneka abo bafikelwa zizihendo bafunyanwe bekuyo ngexesha lembandezelo.IE18 550.2

    Kukobu bomi ekufuneka sisahlule isono kuthi, ngokukholelwa egazini likaKristu elicamagushelayo. UMsindisi wethu onexabiso uyasimema ukuba sizihlanganise naYe, sihlanganise ubuthakathaka bethu kumandla aKhe, ukungazi kwethu kubulumko baKhe, ukungafaneleki kwethu kokuhle kwaKhe. Ukubonelela kukaThixo kusisikolo ekufuneka sifunde kuso ubulali nokuthobeka kukaYesu. INkosi isoloko yabeka phambi kwethu, hayi indlela esimele ukukhetha ngayo, nto leyo ekhangeleka ilula nemnandi kakhulu kuthi, kodwa ezona njongo zizizo zobomi. Kukuthi ukusebenzisana nezenzeleli ezithunywe lizulu emsebenzini wokuvumelelaniswa kwezimilo zethu kumzekelo ongcwele. Abakho abanokutyeshela okanye babekele elinye ixesha lo msebenzi kungabi ngengozi eyoyikekayo yemiphefumlo wabo.IE18 550.3

    Umpostile uYohane, embonweni, weva ilizwi elikhulu lidanduluka: “Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” IsiTyhilelo 12:12. Iyoyikeka imiboniso eyenza kubekho le ndanduluko ephuma kwizwi lasezulwini. Ingqumbo kaSathana iya isanda njengoko ixesha lakhe liya lisiba lifutshane, kwaye umsebenzi wakhe wokukhohlisa nentshabalalo uza kufikelela esiphelweni sawo ngexesha lembandezelo.IE18 551.1

    Imiboniso eyoyikekayo ekumila kungaphaya kwendalo iya kutyhilwa kungekudala emazulwini, ingumboniso wamandla eedemon ezenza imimangaliso. Imimoya engendawo iya kuphuma iye kookumkani bomhlaba naselizweni lonke, ibaqinisela enkohlisweni, ibanyanzela ukuba bamanyane noSathana kwidabi lakhe lokugqibela nolawulo lwasezulwini. Ngezi zenzeleli, abalawuli babaphethweyo bonke baya kukhohliswa ngokufanayo. Abantu baya kuvuka bezenza uKristu ngokwaKhe, bathabathele kubo ilungelo nonqulo oluloloMhlanguli womhlaba. Baya kwenza imimangaliso yokuphilisa besithi baneentyilelo ezivela ezulwini eziphikisana nobungqina beziBhalo. IE18 551.2

    Esokugqibela isenzo somdlalo omkhulu wenkohliso, siya kuba nguSathana ngokwakhe ezimilisa okukaKristu. Ibandla kukade lisithi likhangele ekufikeni koMsindisi njengesiphelo samathemba alo. Ngoku, umlahlekisi omkhulu uya kwenza ngokungathi uKristu ufikile. Kwiindawo ezahlukeneyo zomhlaba, uSathana uya kuziveza phakathi kwabantu engumntu omkhulu onobungangamsha, onokukhanya okuphandlayo, okufuzisela ukuchazwa koNyana kaThixo okunikwe nguYohane kwisiTyhilelo. IsiTyhilelo 1:13-15. Ubuqaqawuli obumjikelezileyo abudlulwa nayintoni eyakha yabonwa liliso elinokufa. Indanduluko yoloyiso iya kuvakala emoyeni: “UKristu ufikile! UKristu ufikile!” Abantu bazandlala phantsi benqula phambi kwakhe, lo gama ephakamisa izandla ebasikelela, ngohlobo uKristu wasikelela abafundi baKhe esesemhlabeni. Ilizwi lakhe lizolile, lithethela phantsi, kanti likwamyoli. Ngemvakalo yemfesane, unika ezinye iinyaniso zobabalo ezifanayo nezo zathethwa nguMsindisi; uphilisa izigulo zabantu, aze athabathe imo kaKristu, enze ibango lokuba uyitshintshile iSabatha wayisa kwiCawa, atsho ayalele bonke ukuba bayigcwalise imini aye wayisikelela. Uthi avakalise ukuba, bonke abaqhubeka begcina umhla wesixhenxe, banyelisa igama lakhe ngokwala ukuphulaphula iingelosi zakhe azithume kubo nokukhanya nenyaniso. Olu lulahlekiso olunamandla, noluphantsa ukuba lulahlekiso olongame kakhulu. NjengamaSamariya awaya akhohliswa nguSimon Margo, izihlwele, ukususela koyena mncinane kuse koyena mkhulu, iyakubathobela aba siyazi, xa besithi: “La ngamandla kaThixo amakhulu.” IZenzo 8:10.IE18 551.3

    Bona abantu bakaThixo abasayi kulahlekiswa. Iimfundiso zalo kristu wobuxoki azihambelani neziBhalo. Intsikelelo yakhe ivakaliswa kwabo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, udidi kanye ethi iBhayibhile, ingqumbo kaThixo engaphithikeziwe [nenceba] iya kuthululwa phezu kwabo. IE18 552.1

    Ngaphezu koko, uSathana akavunyelwa ukuba enze umyelela wendlela yokufika kukaKristu. UMsindisi ubalumkisile abantu baKhe ngakulahlekiso, kwakufika kule ndawo, kwaye uyixele ngokucacileyo kwangaphambili indlela yokufika kwaKhe kwesibini. “Kuya kuvela ooKristu ababuxoki, nabaprofeti ababuxoki, benze imiqondiso emikhulu nezimanga, ngokokude bathi, ukuba bekunokwenzeka, balahlekise nabanyuliweyo. . . . Ukuba ngoko bathi kuni, Nanko entlango, musani ukuphuma niye, Nanko emagumbini, musani ukukholwa. Kuba kwanjengokuba umbane uthi uphume empumalanga, ubonakale kude kuse entshonalanga, kuya kuba njalo nokufika koNyana woMntu.” Mateyu 24:24-27, 31;25:31; IsiTyhilelo 1:7; 1 Tesalonika 4:16, 17. Oku kufika akukwazi ukwenziwa ngonomgogwana. Kuya kwaziwa ngumhlaba wonke—kubonwe ngumhlaba wonke. IE18 552.2

    Kuphela ngabo bebengabafundi abakhutheleyo beziBhalo nabaye bakwamkela ukuyithanda inyaniso abaya kukhuseleka kulahlekiso olunamandla oluya kulithimba ihlabathi. Ngobungqina beBhayibhile, aba baya kumbona umkhohlisi ekuzimiliseni ngakumbi kwakhe. Liya kubafikela bonke ixesha lovavanyo. Ngokuhluza kwesilingo, umKristu wenene uya kutyhileka. Ingaba abantu bakaThixo ngoku bemi ngokuqinileyo elizwini laKhe kangangokuba bangabi nakuziyekela kubungqina bezimvo zabo? Ingaba, ngexesha elibi kangako, bangabambelela eBhayibhileni, kwiBhayibhile kuphela? Ukuba unakho, uSathana uya kukuthintela ukuba balifumane ithuba lokuba bazilungiselele ukuba beme ngaloo mini. Uya kuyilungisa imicimbi ngendlela eya kuyivala indlela yabo, abaqamangele ngobutyebi bomhlaba, abenze ukuba bathwale umthwaloonzima odinisayo, ukuze iintliziyo zabo zizale ngamaxhala obu bomi, ize imini yokulingwa ibafikele njengesela.IE18 552.3

    Kuya kuthi xa ukhutshwa umthetho ngabaphathi abahlukeneyo bobuKristu, uchasa abagcini bomthetho, uya kulususa ukhuselo lukarhulumente ubashiya bengamaxhoba kwabo banqwenela intshabalalo yabo, abantu bakaThixo baya kubaleka bazishiye izixeko neelali bahlangane kunye bengamaqela, behlala kwezona ndawo zingamagqagala nezizodwa. Abaninzi baya kufumana indawo yokubalekela kwiingontsi zeentaba. NjengamaKristu eentili zasePiedmont, baya kuzenza iindawo eziphakamileyo zomhlaba zibe ziingcwele zabo baze bambulele uThixo “ngeemboniselo zeengxondorha.” Isaya 33:16. Abaninzi kwizizwe zonke nazo zonke iindidi, abaphezulu nabaphantsi, abazizityebi nabangamahlwempu, abamnyama nabamhlophe, baya kuphoswa kokona kuthinjwa kungenabulungisa nokukhohlakeleyo. Iintandane zikaThixo zidlula kwimihla ebuhlungu zibotshelelwe ngamatyathanga, zivalelwe ngaphaya kwemiqobo yentolongo, zigwetyelwe ukuba zibulawe, ezinye kubonakala ukuba ziyekiwe ukuba zife yindlala kwizisele ezimnyama nezithiyekileyo. Ayikho indlebe evulekileyo ukuba ikuve ukukhala kwazo; kungekho nasandla samntu silungele ukuzinceda. IE18 552.4

    Ingaba iNkosi ingabalibala abantu bayo ngeli lixa? Ingaba wamlibala uNowa xa izigwebo zazifikele ilizwe laphambi kukaNogumbe? Ingaba wamlibala uLote xa kusihla umlilo uphuma ezulwini usidla izixeko zasethafeni? Ingaba wamlibala uYosefu xa wayejikelezwe ngabanquli bezithixo eYiputa? Ingaba wamlibala uEliya xa isifungo sikaYezebhele samoyikisa ngesiphelo sabaprofeti bakaBhahali? Ingaba wamlibala uYeremiya kwisisele esimnyama nomhadi wosizi wesisele esiyintolongo yakhe? Ingaba wawalibala amadoda afanelekileyo awayesedikeni lomlilo? Okanye uDaniyeli emhadini weengonyama? IE18 553.1

    “Ke yathi iZiyon, UYehova undishiyile, iNkosi yandilibala. Umfazi angalulibala yini na usana lwakhe, ukuba angabi namfesane kunyana wesizalo sakhe? Nokuba oonina abo bathe balibala, andiyi kukulibala mna. Uyabona, ndikuvambile ezintendeni zezandla zam.” Isaya 49:14-16. UYehova wemikhosi uthe: “Onichukumisayo, uchukumisa ukhozo lweliso laKhe.” Zekariya 2:8.IE18 553.2

    Nangona iintshaba ziya kubaphosa entolongweni, zona iindonga zesisele aziyi kuba nako ukubaqhawula kunxibelelwano phakathi kwemiphefumlo yabo noKristu. Lowo ukubona konke ukungabi namandla kwabo, oqhelene nazo zonke izilingo, ungaphezu kwawo onke amagunya omhlaba; zaye iingelosi ziya kuza kubo kwizisele ababodwa kuzo, zizisa ukukhanya noxolo oluvela ezulwini. Intolongo kubo iya kuba libhotwe; kuba abazizityebi ngokholo bahlala apho, buthi nobumnyama beendonga bukhanyiswe kukukhanya kwasezulwini njengaxa uPawulos noSilas babethandaze bevuma iindumiso enzulwini yobusuku kwisisele saseFilipi.IE18 553.3

    Izigwebo zikaThixo ziya kufika kwabo bazama ukucinezela nokutshabalalisa abantu baKhe. Ukubanyamezela kwaKhe okude abakhohlakeleyo kuyabanika isibindi abantu ekoneni kwabo, kodwa ukohlwaywa kwabo nakanjani kuqinisekile kwaye kuyoyikeka kuba kudala kulityazisiwe. “Uya kusuk’ eme uYehova, njengasentabeni yePeratsim; uya kuguguma, njengasentilini yeGibheyon; ukuba enze isenzo sakhe, isenzo sakhe esisodwa, ukuba asebenze umsebenzi wakhe, umsebenzi wakhe ongaqhelekileyo.” Isaya 28:21. KuThixo wethu ozele yinceba, isenzo sokohlwaya sisenzo esingaqhelekanga. “Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo.” Hezekile 33:11. UYehova [unguThixo] “onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso, . . . oxolela ubugwenxa, nokreqo, nesono.” Kanti ke, “[angekhe] amenze msulwa onetyala.” “UYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ke ngamandla, ongakhe amenze msulwa onetyala.” Eksodus 34:6, 7; Nahum 1:3. Ngezinto ezoyikekayo, ngobulungisa, uya kuphindezela igunya lomthetho waKhe osingelwe phantsi. Ubunzima bembuyekezo obulindele umgqithi womthetho bunokubonwa ngokuba buhlungu kukaThixo ukubenza ubulungisa [bomthetho]. Isizwe asinyamezele ixesha elide, nangayi kusibetha side sibe siwuzalisile umlinganiselo wobugwenxa baso ngokwengxelo kaThixo, ekugqibeleni siya kuyisela indebe yengqumbo ingaphithikeziwe nenceba.IE18 554.1

    Xa uKristu ekuyeka ukuthethelela kwaKhe engcweleni, ingqumbo engaphithikeziwe ngakwabo banqula irhamncwa nomfanekiselo walo, bamkele uphawu lwalo (IsiTyhilelo 14:9, 10), iya kuthululwa. Izibetho zaseYiputa, xa uThixo wayezakuhlangulauIsrayeli,zazifanangobume kwezo zigwebo zibi kakhulu nezo zinabileyo eziza kuwa phezu komhlaba kanye ngaphambi kokuhlangulwa kokugqibela kwabantu bakaThixo. Uthi umtyhilelwa, xa echaza ezo zibetho zoyikekayo: “Kwabakho isilonda esibi esinobuhlungu ebantwini, abo banophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo.” Ulwandle “lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo edla ubomi yafa elwandle.” Yathi “imilambo nemithombo yamanzi . . . yaba ligazi.” Sele zimbi zinjalo ezi zithuthumbiso, ubulungisa bukaThixo bumi buthethelekile ngokupheleleyo. Ingelosi kaThixo ithi: “Unobulungisa, Nkosi, . . . ngokuba ugwebile wenjenje. Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti; wabanika igazi ukuba balisele, ngokuba belifanele.” IsiTyhilelo 16:2-6. Ngokugwebela abantu bakaThixo ukufa, baye bazizuzela bona ngenene ityala legazi labo ngokungathi liye laphalala ezandleni zabo. Kwangokunjalo, uKristu watsho kumaYuda exesha laKhe ukuba anetyala legazi labantu abangcwele elaphalazwayo kususela kwimihla ka-Abheli; kuba babe nomoya omnye baye bezama ukwenza umsebenzi omnye nalowo wababulali babaprofeti.IE18 554.2

    Kwisibetho esilandelayo, ilanga linikwe igunya “lokutshisa abantu ngomlilo. Batsha abantu bubushushu obukhulu.” Iindima 8, 9. Abaprofeti yayayichaza imeko yomhlaba ngeli xesha loyikekayo. “Umhlaba wenza isijwili; . . . kuba lutshabalele uvuno lwamasimi. . . . Yonke imithi yasendle yomile, ewe, iphelile imihlali imkile koonyana babantu.” “Zibolile iinkozo phantsi kwamagada azo. Bachithakele oovimba. . . . Hayi, ukuncwina kwempahla enkulu! Ikholiwe imihlambi yeenkomo, kuba ingenatyani. . . . itshile imijelo yamanzi, umlilo wawatshisa amakriwa asentlango.” “Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize!”Yoweli 1:10-12, 17-20; Amosi 8:3.IE18 555.1

    Ezi zibetho aziyi kuba kumhlaba wonke, kungenjalo abemi bomhlaba bebeya kunqanyulwa ngokupheleleyo. Kanti ke, ziya kuba zezona zibetho zibi ezingazange zalanywa zizidalwa ezinokufa. Zonke izigwebo phezu kwabantu, phambi kokuvalwa kwenceba, beziphithikezwe nenceba. Igazi elithethelelayo likaKristu limkhusele umoni ekufumaneni umlinganiselo ozeleyo wetyala lakhe; kodwa kumgwebo wokugqibela, ingqumbo igalelwa ingaphithikeziwe nenceba.IE18 555.2

    Ngaloo mini, izihlwele ziya kufuna indawo yokhuseleko kwinceba kaThixo abaye bayidela ixesha elide kakhulu. “Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova. Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova bangalifumani.” Amosi 8:11, 12.IE18 555.3

    Abantu bakaThixo abasokuze bangaphatheki kakubi; kodwa lo gama betshutshiswa bexinzelelwa, nangona benyamezela ukubandezelwa nokuhlungiswa ngokuswela ukutya, abasayi kuyekwa batshabalale. Into yokuba uThixo wakhathalela uEliya ayisayi kudlula nakomnye wabantwana baKhe abazincamileyo. Lowo ubala iinwele zentloko uya kubakhathalela, kuthi ngexesha lendlala baneliswe [bahluthiswe]. Ngeli xesha abakhohlakeleyo beya kuba besifa yindlala nayindyikitya yokufa, iingelosi ziya kuwakhusela amalungisa ziwancede kwiimfuno zawo. Kulowo “ohamba ngobulungisa,” kukho isithembiso: “Isonka sakhe usinikiwe, amanzi akhe ahleli ekho.” “Ke abaziintsizana nabangamahlwempu baya kufuna amanzi, angabikho, ulwimi lwabo lome lunxano; mna Yehova ndiya kubaphendula; mna, Thixo kaIsrayeli, andiyi kubashiya.” Isaya 33:15, 16; 41:17.IE18 555.4

    “Nokuba umkhiwane awusayi kutyatyamba, kungabikho ndyebo emidiliyeni; nokuba isiqhamo somnquma asiyi kuba siso, amasimi angabi nakudla, iphele esibayeni impahla emfutshane, kungabikho nkomo esitalini: mna ke ndiya kudlamka ndikuYehova, ndigcobe ndikuThixo umsindisi wam.” Habhakuki 3:17, 18. IE18 556.1

    “NguYehova umgcini wakho, nguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho. Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa, nenyanga ebusuku. UYehova uya kukugcina ebubini bonke, uya kuwugcina umphefumlo wakho.” “Uya kukuhlangula emgibeni womthiyeli, endyikityeni yokufa eyeyelisayo. Wokugubungela ngeentsiba zakhe, uzimele phantsi kwamaphiko akhe. Likhaka, yingweletshetshe inyaniso yakhe. Akuyi koyikiswa zizothuso ebusuku, nalutolo lubaleka emini; nandyikitya yakufa ihamba esithokothokweni, nasifo sibhubhisayo, sibhuqa emini enkulu. Kungawa iwaka ecaleni kwakho, isigidi ngasekunene kwakho, kodwa kungasondeli nto kuwe. Wokhangela ngamehlo akho odwa, ukubonele ukubuyekezwa kwabangendawo. Ngokuba nguwe, Yehova, ihlathi lam. Umenze Osenyangweni ikhaya lakho. Akuyi kuqubisana bubi nawe. Kungafiki sibetho ententeni yakho.” Ndumiso 121:5-7; 91:3-10.IE18 556.2

    Kanti ke, ngokokubona komntu, kuza kubonakala ngokungathi kuza kufuneka ukuba abantu bakaThixo babutywine ubungqina babo ngegazi njengoko benzayo abafelukholo ababengaphambi kwabo. Bona ngokwabo baqala ukoyika hleze kuthi kanti iNkosi ibashiyile ukuba bawe ngesandla seentshaba zabo. Lixesha lentlungu eyoyikekayo. Imini nobusuku bakhala kuThixo ukuba abahlangule. Abakhohlakeleyo bayavuya, kube kuvakala imikhwazo yokugculela: “Luphi ukholo lwenu ngoku? Kutheni uThixo enganihlanguli ezandleni zethu ukuba ngokwenene ningabantu baKhe?” Abo balindileyo bakhumbula uYesu esifa eMnqamlezweni waseKalvari ababingeleli abakhulu nabaphathi bekhwaza behlekisa: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaIsrayeli, makehle emnqamlezweni.” Mateyu 27:42. NjengoYakobi, bonke babambene noThixo. Iimbonakalo zabo zixela idabi elingaphakathi. Bonke babonakala bembatshile ebusweni. Noko kunjalo, abakuyeki ukuzingisa ekuthandazeni.IE18 556.3

    Ukuba nje abantu bebengabona umbono wasezulwini, bebengabona amaqela eengelosi ezibalaseleyo ngamandla zimi zijikeleze abo baye baligcina ilizwi lomonde kaKristu. Ngobubele obunovelwano, iingelosi zikubonile ukuxinzeleka kwabo, zayiva imithandazo yabo. Zilindele ilizwi kuMphathi wazo ukuba zibaxhwile zibahlangule engozini. Phofu kusafunekazilinde umzuzwana. AbantubakaThixokufunekabayisele IE18 556.4

    indebe babhaptizwe nangobhaptizo. Kona oku kulibazisa, kubuhlungu kakhulu kunjalo kubo, yeyona mpendulo ilungileyo kwimithandazo yabo. Njengokuba bezama ukulindela ngokuthembeka ukuba iNkosi isebenze, benziwa basebenzise ukholo, ithemba nonyamezelo, izinto ezibe zincinane ngexesha lamava abo asenkolweni. Kuthe kodwa ngenxa yabanyuliweyo, ixesha lembandezelo lenziwa lifutshane. “Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku? . . . Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya.” Luka 18:7, 8. Isiphelo siya kufika ngokukhawuleza kunokuba abantu belindele. Ingqolowa iya kuqokelelwa ibotshwe, ibe zizithungu ezilungele uvimba kaThixo; umdiza uya kubotshwa ube zinyanda ezilungele imililo yentshabalalo.IE18 557.1

    Abalindi basezulwini, bethembekile kumsebenzi abanikwe wona, bayaqhubeka belindile. Nangona umthetho kwizwe jikelele sewuphumile umise ixesha abanokubulawa ngalo abagcini bomthetho, iintshaba zabo ziya kuzama ukuba bulala. Akakho kodwa onokudlula kula magorha wabalindi abemi bejikeleze umphefumlo ngamnye othembekileyo. Abanye bahlaselwa bebaleka ezixekweni nasezilalini; kodwa amakrele aphakanyiswa ukuba ababulale ayaphuka awe engenamandla ngokweendiza. Abanye bakhuselwa ziingelosi ezikwimo yamadoda emfazwe.IE18 557.2

    Kuzo zonke izizukulwana, uThixo usebenze ngeengelosi ezingcwele ukukhusela nokuhlangula abantu baKhe. Izidalwa zasezulwini zithabathe inxaxheba ebonakalayo kwimicimbi yabantu. Ziye zabonakala zambethe iingubo ezinde ezibengezela okombane; zize ngokwabantu zikwizambatho zabahamba ngendlela; Iingelosi zibonakele zikwimo yabantu kubantu bakaThixo. Ziye zaphumla, ngokungathi zidiniwe, phantsi kwemioki emini emaqanda. Zamkele ububele emakhayeni abantu. Zisebenze njengabakhokeli kubahambi abahlwelweyo. Zithe ngezazo izandla, zabasa imililo yezibingelelo. Zivule iingcango zentolongo zabakhulula abakhonzi bakaYehova. Zambethe ubuqaqawuli bezulu, zehla zaqengqa ilitye engcwabeni loMsindisi.IE18 557.3

    Zikwimo yabantu, iingelosi zikholisa ukubakho kwiingqungquthela zamalungisa; kanti ziyahambela nakwiingqungquthela zabo bakhohlakeleyo, njengoko zaya eSodom, ziyokuthabatha ingxelo yezenzo zabo, ukuqinisekisa ukuba bawugqithile umda wokunyamezela kukaThixo. UYehova uyayoliswa yinceba; aze athi, ngenxa yabambalwa abamkhonza ngokwenene, azibambe iintlekele, akolule ukuzola kwezihlwele. Abakuqondi aboni abachase uThixo ukuba, ngobomi babo, baxhomekeke kwabambalwa abathembekileyo aba bona bavuyiswa kukubagculela nokubacinezela.IE18 557.4

    Nangona abalawuli beli hlabathi bengazi, emaqumrhwini abo kukholisa ukuba iingelosi zibe zizithethi. Amehlo abantu ayezikhangela; iindlebe zabantu zaziphulaphula izibongozo zazo; imilebe yabantu izichasile iingcebiso zazo; izandla zabantu ziqubisene nazo ngokuzithuka nokuziphatha gwenxa. Kwizindlu zeentlanganiso nakwiinkundla zamatyala, aba bathunywa basezulwini babonise ukuqhelana okusondeleyo nebali yoluntu; zizivezile ukuba zikwazi kakhulu ukubongoza ngenxa yomsebenzi wabacinezelweyo kunabona bakhuseli bakwazi kakhulu nabaziwa ngokuba bangawona maciko. Ziyoyisile injongo zabubamba ububi obabuya kuwulibazisa kakhulu umsebenzi kaThixo buze benze ukuba babulaleke kakhulu abantu baKhe. Ngexesha lengozi noxinzelelo, “isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, sibahlangule.” Ndumiso 34:7. IE18 558.1

    Ngenzondelelo enkulu, abantu bakaThixo balindele imiqondiso yokuza koKumkani. Kunje ngaxa kubuzwa kubalindi, kusithiwa, “Kuxa liphi na ebusuku?” Impendulo inikwa ngaphandle kwempazamo, “‘Kuyeza ukusa, kwanobusuku’ Isaya 21:11, 12. Ukukhanya kuyabonakala emafini phezu kwencopho zeentaba. Kungekudala kuza kubonakala ubuqaqawuli baKhe. ILanga loBulungisa sele liza kubonakala. Intsasa nobusuku kokubini kukufuphi—ukubonakala kwemini engenasiphelo kumalungisa, ukuzinza kobumnyama obungunaphakade kwabakhohlakeleyo.” IE18 558.2

    Bathi xa aba basekujijisaneni bethumela izicelo zabo phambi kukaThixo, ikhuselo elibahlule kulowo ungabonwayo libonakale ngathi liphantsa ukubuyiswa. Amazulu abengezela ukusa kwemini engunaphakade, kuthi njengoncuthu lweengoma zeengelosi, amazwi avakale endlebeni, esithi: “Yimani niqine ekunyanisekeni kwenu. Uncedo luyeza.” UKristu, umOyisi oligorha, ubekele amasoldati aKhe adiniweyo isithsaba sobuqaqawuli obungasokuze bufiphale; laye ilizwi laKhe liphuma kumasango avulwe gengelele: “Yabonani, ndinani. Musani ukoyika. Ndiqhelene nazo zonke iintsizi zenu; ndizithwele iintlungu zenu. Anilwi neentshaba ezingavavanywanga. Ndinilwele idabi, nina, egameni laM, noyise nagqithisela.”IE18 558.3

    UMsindisi onexabiso uya kuluthumela uncedo kanye xa siludinga. Indlela eya ezulwini ingcwaliswe ngamanyathelo aKhe. Lonke imeva elilimaza iinyawo zethu lizilimazile nezaKhe. Wonke umnqamlezo esibizwa ukuba siwuthwale, Yena uwuthwele ngaphambi kwethu. INkosi iyazivumela iinkathazo, ukulungiselela umphefumlo uxolo. Ixesha lembandezelo yinto eyoyikekayo kubantu bakaThixo; kodwa lixesha lokuba wonke olikholwa elinyanisileyo aphakamise intloko akhangele phezulu, aze athi, ngokholo, abe nokubona umnyama wesithembiso umzungezile. IE18 559.1

    “Ke abakhululwa bakaYehova baya kubuya babuye, beze eZiyon bememelela, benovuyo olungunaphakade phezu kweentloko zabo; baya kufumana imihlali nemivuyo, sisabe isingqala nokuncwina. Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu; ungubani na wena, ukuba woyike umfo oza kufa, nonyana womntu owenziwe wanga yingca; ukuba umlibale uYehova uMenzi wakho; . . . ukuba uhlale unkwantya imini yonke bubushushu bombandezeli? Ogotyiweyo ngamakhamandela wobehle akhululwe, angafeli esihogweni, angasisweli isonka sakhe. Kuba ndinguYehova uThixo wakho, uMlatyuzisi wolwandle, agqume amaza alo, ogama lakhe linguYehova wemikhosi. Ndiwabekile amazwi am emlonyeni wakho, ndakugubungela ngesithunzi sesandla sam.” Isaya 51:11-16. IE18 559.2

    “Ngako oko, khawuve le nto, wena ludwayinge, unxilayo kodwa kungengayo iwayini; itsho iNkosi yakho uYehova, uThixo wakho obathethelelayo abantu bakhe, ukuthi, Yabona, ndiyayithabatha esandleni sakho indebe ehexisayo, indebe enombilini yobushushu bam; akusayikuphinda usele kuyo.Ndoyibeka esandleni sabakwenza isingqala, ababesithi kumphefumlo wakho, Qubuda sigqithe, waza wena wawenza umhlana wakho wanjengomhlaba, wanjengesitrato kwabagqitha phezu kwawo.” Iindima 21-23.IE18 559.3

    Iliso likaThixo, likhangele phambili kwizizukulwana, lazinza phezu kwentlekele abantu baKhe ababeza kuhlangana nayo, xa amagunya omhlaba eya kuma ukuba abachase. Njengomthinjwa ekubhaceni, baya koyika ukufa ngendlala okanye ngobundlongondlongo. Yena Lowo ungOngcwele, owahlula uLwandle oluBomvu phambi kukaIsrayeli, uya kuwabonakalalisa amandla aKhe amakhulu akujike ukuthinjwa kwabo. “Baya kuba yinqobo kum ngemini endenza oku, ndibaconge njengomntu oconga unyana wakhe omkhonzayo.” Malaki 3:17. Ukuba igazi lamangqina kaKristu athembekileyo beliya kuphalala ngeli xesha, belingayi kuthi, njengelamafelakholo, lisasazwe ukuze libe nesivuno sikaThixo. Ukunyaniseka kwabo bekungayi kuba bubungqina bokoyisela abanye enyanisweni; kuba intliziyo eqaqadekileyo yawabuyisa umva amaza enceba ada awaphinda abuye. Ukuba ngoku amalungisa ebeya kuwa abe ngamaxhoba eentshaba zawo, ibiya kuba luloyiso lwenkosi yobumnyama. Uthi umdumisi: “Undigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, undisithelisa esitheni lentente yakhe.” Ndumiso 27:5. UKristu uthethile, wathi: “Hambani, bantu bam, ningene ezingontsini zenu, nivale iingcango zenu ngasemva kwenu, nizimele umzuzwana, kude kudlule ukubhavuma. Kuba, yabona, uYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvulele kubo ubugwenxa babemi behlabathi.” Isaya 26:20, 21. Kuya kuba ngummangaliso ukuhlangulwa kwabo baye bakulinda ngomonde ukubuya kwakhe abo bamagama abo abhaliweyo encwadini yobomi. IE18 559.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents