Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    40—Ukuhlangulwa Kwabantu Bakathixo

    Xa kuthe kwasuswa ukukhuselwa yimithetho yabantu kwabo bahlonipha umthetho kaThixo, kuya kuvumbuluka ngaxesha nye, kwiindawo ezahlukahlukeneyo, intshukumo yokubatshabalalisa. Kuya kuthi ngokusondela kwexesha elimisiweyo emthethweni, abantu bacebe ukuba balincothule neengcambu iqela labantu abathiyekileyo. Kuya kugqitywa ekubeni kuthi ngobusuku obunye, kwenziwe uhlaselo olunye oluya kulithulisa ngonaphakade ilizwi labavukeli nabakhalimeli.IE18 561.1

    Abantu bakaThixo—abanye beseziseleni, abanye bekwiindawo ezizodwa zokhuseleko emahlathini nasezintabeni—besacela ukuba izulu libakhusele, lo gama kuzo zonke iinkalo amadoda ahlomileyo, eqhutywa ziingelosi ezikhohlakeleyo, elungiselela umsebenzi wokubulala. Kungeli xesha kanye lokungabi nacebo konke, aza kuthi uThixo kaIsrayeli angenelele ukuba abahlangule abaKhe abanyuliweyo. Uthi uYehova: “Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo . . . njengabahamba be[siya] entabeni kaYehova, eliweni likaIsrayeli. Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho.” Isaya 30:29, 30. IE18 561.2

    Ngemikhwazo yoloyiso, ukunyevula, nokuqalekisa, izihlwele zamadoda akhohlakeleyo asondele ekubeni alihlaseleixhoba lawo,xakubonakala, nanko kubakho ubumnyama obungqingqwa, obunzulu kunobumnyama bobusuku, busiwa phezu komhlaba. Emva koko, umnyama, obengezela bubuqaqawuli obuphuma etroneni kaThixo, buzungeza amazulu uze ubonakale urhangqa iqela ngalinye labathandazayo. Isihlwele esinomsindo sasuka sathi xhiniva ngokukhawuleza. Ukuthuka kwabo kwathi nqumama. Balityalwa abo bebebasukela benengqumbo yokubabulala. Ngokoyika oko kungathi kungenzeka, bakhangela kumfuziselo womnqophiso kaThixo baze balangazelele ukukhuselwa ekuqaqambeni kwawo okoyisayo.IE18 561.3

    Abantu bakaThixo beva ilizwi, licacile limyoli, lisithi, “Khangelani phezulu,” bathi bakuwaphakamisela emazulwini amehlo abo, babone umnyama wesithembiso. Amafu amnyama, anengqumbo agqume isibhakabhaka ayavuleka, bathi njengoStefano, bakhangele phezulu ngenzondelelo, babubone ubuqaqawuli bukaThixo noNyana woMntu ohleli etroneni yaKhe. Kwimo yaKhe yobuThixo, bathi bazibone iimpawu zokuthotywa kwaKhe; kuze kuthi kwimilebe yaKhe, benze isicelo asibeka phambi kukaYise nezithunywa ezingcwele: “Ndithanda ukuba nabo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna.” Yohane 17:24. Liyaphinda ilizwi, linje ngomculo woloyiso, livakale, lisithi: “Bayeza! Bayeza! Bengcwele, bengenabungozi, bengadyobhekanga. Baligcinile ilizwi lomonde waM; baza kuhamba phakathi kweengelosi;” ize ithi imilebe exwebileyo nebebezelayo yabo babambelelayo kukholo lwabo, itsho ngomkhwazo woloyiso.IE18 562.1

    Kusenzulwini yobusuku ngexesha uThixo abonakalalisa amandla aKhe okuhlangula abantu baKhe. Ilanga livela, likhanya ngamandla alo. Imiqondiso nemimangaliso ilandelana ngokukhawuleza. Abakhohlakeleyo bawukhangele ngoloyiko nokukhwankqiswa umboniso, lo gama abangamalungisa beyibona ngovuyo olundilisekileyo imiqondiso yokuhlangulwa kwabo. Yonke into endalweni ikhangeleka iyijikile indlela yayo. Imisinga iyekile ukubaleka. Amafu amnyama angqingqwa ayenyuka angqubane. Esazulwini samazulu anomsindo, kukho ibalana elicacileyo lobuqaqawuli obungenakuchazwa, apho kuphuma khona ilizwi likaThixo njengesandi samanzi amaninzi, lisithi: “Kwenzekile.” IsiTyhilelo 16:17.IE18 562.2

    Elo lizwi lishukumisa amazulu nomhlaba. Kukho inyikima enamandla, “ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo ukuba lukhulu, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni.” Iindima 17, 18. Isibhakabhaka sibonakala sivuleka sivaleka. Ubuqaqawuli obuphuma etroneni kaThixo bubonakala bugqobhoza ukuphumela. Iintaba zishukuma okwengcongolo emoyeni, amatye amakhulu aqhekekayo athi saa macala onke. Kukho umgqumo ongathi ngowesaqhwithi. Ulwandle lulatyuza lunengqumbo. Kuvakala ukukhala kwesaqhwithi njengelizwi leedemon zikumsebenzi wokutshabalalisa. Umhlaba wonke unyuka usihla ngokwamaza olwandle. Ubuso bawo buyaqhekeka. Iziseko zayo zibonakala ngokungathi ziyasuka. Umqokozo weentaba uyatshona. Iziqithi ezimiweyo ziyadaka. Amachweba athe afana neSodom ngenkohlakalo ayaginywa ngamanzi asemsindweni. IBhabheli enkulu ifike kwinkumbulo kaThixo, “ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yaKhe.” Amatye esichotho esikhulu, “ubunzima bawo yitalente ngalinye,” enza umsebenzi wawo wokutshabalalisa.” Iindima 19, 21. Ezona zixeko zizigwagwisayo zilahlelwa phantsi. Amabhotwe amakhulu, athe amadoda amakhulu ehlabathi achitha ubutyebi bawo kuwo ukuze azizukise, awa abe ziindonga ejongile. Iindonga zentolongo ziyadilika zivuleke, baze abantu bakaThixo abathinjwe kuzo ngenxa yenkolo yabo, bakhululeke. IE18 562.3

    Amangcwaba ayavuleka, kuze “[kuvuke] abaninzi kwabaleleyo eluthulini lomhlaba . . . , aba baye ebomini obungunaphakade, naba baye kwingcikivo nakwinyumnyezi engunaphakade.” Daniyeli 12:2. Bonke abafela elukholweni lwesigidimi sengelosi yesithathu baphuma emangcwabeni bezukisiwe, ukuze bave umnqophiso kaThixo woxolo owenziwa nabo bawugcinileyo umthetho waKhe. “Kwanabo bamhlabayo” (IsiTyhilelo 1:7), abo bahlekisa ngaYe bamgculela uKristu ekwiintlungu zokufa, nabona bachazi bandlongondlongo benyaniso yaKhe nabantu baKhe, bavuswa ukuba bambone esebuqaqawulini baKhe nokuba bayibone imbeko enikwa abanyanisekileyo nabathobelayo. Amafu angqingqwa asasigubungele isibhakabhaka;kanti ke ngoku ilanga limana ligqobhoza,libonakale linjengeliso lempindezelo kaYehova. Imibane eyoyikekayo idloba iphuma emazulwini, iwambathise umhlaba ngengubo yelangatye. Ngaphaya kokugquma okoyikekayo kwezulu, amazwi, amabi ngendlela emangalisayo, avakalisa intshabalalo yabakhohlakeleyo. Amazwi athethwayo awaqondwa ngabo bonke; kodwa aqondwa ngokucacileyo ngabafundisi bobuxoki. Abo, kungekudala nje ngaphambili, babengakhathali, bezidla bedelela, bevuya ngenkohlakalo yabo kubantu abagcina umthetho kaThixo, ngoku, bagutyengelwe kukulindela okubi nokungcangcazela besoyika. Izikhalo zabo zivakala ngaphaya kwezandi zeziqalelo [iindudumo nemibane]. Iidemon ziyakuvuma ukuba nguThixo kukaKristu zaye ziyangcangcazela phambi kwamandla aKhe, ngeli xesha abantu ababongozela inceba bezilahle phantsi ngobuso bezithobile ngenxa yokoyika okukhulu.IE18 563.1

    Bathi abaprofeti bakudala, xa babeyibona embonweni ongcwele, imini kaThixo: “Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla.” “Ngena eweni, uziselele eluthulini, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe. Amehlo aqwayingileyo esintu othotywa, noqhankqalazo lwamadoda lusibekeke; nguYehova yedwa owoba yingxonde ngaloo mini. Kuba uYehova wemikhosi unemini eyozongamela izinto zonke ezinekratshi, ezinoqhankqalazo; nezinto zonke ezizinyusileyo zithotywe ke.” “Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, abamenzelayo ukuze aqubude kuzo; ukuze angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.” Isaya 2:10-12, 20, 21.IE18 563.2

    Ngemfanta esemafini, kwaphuma apho inkwenkwezi ekuqaqamba kwayo kwaya kukhula ngokuphindwe kane xa kuthelekiswa nobumnyama. Ithetha ithemba novuyo kwabathembekileyo, kodwa ubungqongqo nengqumbo kubagqithi bomthetho kaThixo. Abo bancama konke ngenxa kaKristu ngoku bakhuselekile, befihlwe ngokwabakwinqaba kaYehova. Baye bavavanywa, bathi, phambi kwehlabathi nabadelela inyaniso, bakubonakalalisa ukunyaniseka kwabo kuLowo wabafelayo. Kuye kwabakho ukutshintsha okumangalisayo kwabo babebambelele ngokuqinileyo ekunyanisekeni kwabo nangexesha babejongene nokufa. Baye bahlangulwa ngequbuliso kubundlongondlongo obumnyama noboyikekayo babantu abakumila kukokweedemon. Ubuso babo, obebusanda kuba mpatshampatsha kutsha nje ngaphambi koku, bexhalabile, ngoku bathe phaka, bethe qheke luvuyo, bemangele, benokholo, nothando. Bawanyusa amazwi abo, batsho ngentlokoma yoloyiso: “UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi; ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo Kunene. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi, ekudilikeni kweentaba esazulwini solwandle. Makagqume alephuze amanzi alo, iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo.” Ndumiso 46:1-3.IE18 564.1

    Ngeli xesha la mazwi okuthembela okungcwele kuThixo, amafu abaleka abuye umva, kubonakale amazulu aneenkwenkwezi, ubuqaqawuli obungathethekiyo xa buthelekiswa nobumnyama nomsindo wesibhakabhaka kumacala onke. Ubuqaqawuli besixeko sasezulwini buphuma bungumsinga kumasango avuliweyo. Kuthi phaya esibhakabhakeni kuvele isandla esiphethe amacwecwe amabini amatye edityanisiwe. Wathi umprofeti: Izulu lixela ubulungisa bakhe, ngokuba uThixo eza kugweba yena.” Ndumiso 50:6. Loo mthetho ungcwele, ubulungisa bukaThixo, owavakaliswa phakathi kweendudumo namalangatye eSinayi njengesikhokelo sobomi, ngoku utyhilwa ebantwini njengomgangatho wokugweba. Isandla siyawavula amacwecwe, kuze kubonakale imiThetho eliShumi, ingathi izotywe ngomlilo. Amagama acace kangangokuba bonke bayakwazi ukuwafunda. Inkumbulo iyavuswa, ubumnyama beenkolo nolahlekiso itshayelwe yemka engqondweni, aza amazwi kaThixo alishumi, emafutshane, equlathe lukhulu, enegunya, abekwa ukuba abonakale kubo bonke abemi bomhlaba.IE18 564.2

    Aluchazeki unkwantyo nokulahl’ ithemba kwabo bakunyhashayo okungcwele okufunwa nguThixo. UYehova wayebanike umthetho waKhe; kwakufuneka bethelekise izimilo zabo nawo baze bazibone iziphako zabo lisekhona ithuba lokuguquka nokulungisa; kodwa, ukuze bazuze ukuthandwa lihlabathi, bayibekela bucala imiyalelo bafundisa nabanye ukuba bawugqithe umthetho. Baya bazama ukubanyanzela abantu bakaThixo ukuba bayihlambele iSabatha yaKhe. Ngoku, bagwetywa ngaloo mthetho babewudelile. Ngokucace ngendlela eyoyikekayo, bayabona ukuba abanasizathu. Bakhetha lowo babeza kumkhonza bamnqule. “Nobuya ke niwubone umahluko phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.” Malaki 3:18.IE18 565.1

    Iintshaba zomthetho kaThixo, ukususela kubafundisi kuhle kuye koyena mncinanana phakathi kwabo, zanembono entsha yenyaniso nomthwalo wazo. Kuthe sekusemva kakhulu, zayibona eyona nto iyiyo isabatha yazo yobuxoki kwakunye nesiseko sentlabathi ezazisakhela phezu kwaso. Zafumanisa ukuba zazisilwa noThixo. Iititshala zenkolo ziye zayikhokelela entshabalalweni imiphefumlo lo gama zisithi ziyikhokelela kumasango aseParadesi. Koda kube yimini yokunikkwa kwengxelo yokugqibela kwandule ukwaziwa kobukhulu boxanduva lwabantu abakwisikhundla esingcwele nobuibi beziphumo zokunganyaniseki kwabo. Kukunaphakade kuphela esinokuthi sikwazi ukukuthelekelela ukulahleka komphefumlo omnye. Iyoyikeka intshabalalo yalowo aya kuthi kuye uThixo: Mka, wena mkhonzi okhohlakeleyo.IE18 565.2

    Ilizwi likaThixo livakala liphuma ezulwini, lixela umhla neyure yokuza kukaYesu, nokuhlangulwa kwabantu baKhe bomnqophiso ongunaphakade. Kunje ngezona zandi zikhulu zendudumo ukuvakala kwamazwi aKhe ezalisa umhlaba wonke. UIsrayeli kaThixo umi ephulaphule, amehlo ethe ntsho phezulu. Imbonakalo yabo iyakhanya bubuqaqawuli baKhe, ibengezela njengobuso bukaMoses xa wayesihla entabeni yaseSinayi. Abakhohlakeleyo abakwazi ukubakhangela. Kuthi kwakuvakaliswa intsikelelo kwabo bamzukisayo uThixo ngokuyigcina ngcwele iSabatha yaKhe, kubekho indanduluko enkulu yoloyiso. IE18 565.3

    Kuvela ngequbuliso ngasempuma ilifu elincinane elimnyama, libonakala lingangesiqingatha sesandla somntu. Lilifu elijikeleze uMsindisi nelibonakala xa likude ngokungathi ligutyungelwe bubumnyama. Abantu bakaThixobayazi ukuba lo ngumqondiso woNyana woMntu. Ngenzolo enesithozela, bayaliqwalasela lisondela ngokusondela kufuphi emhlabeni, liya likhanya ngokukhanya liya liqaqamba ngakumbi, lide libe lilifu elikhulu elimhlophe, kwindawo yangaphantsi linobuqaqawuli obunjengomlilo odlayo, ngaphezulu linomnyama womnqophiso. UYesu uza ekhwele kulo [eli lifu] engumoyisi onamandla. Engaseyiyo ngoku “indoda enomvandedwa,” eza kusela indebe ekrakra yehlazo nentlungu, uza engumoyisi ezulwini nasemhlabeni, ukuze agwebe abahleliyo nabafileyo. “NguThembekile, nguNyaniso, . . . ugweba, enze imfazwe, ngobulungisa.” “Imikhosi [ya]semazulwini” (IsiTyhilelo 19:11, 14) iyamlandela. Ngoncuthu lweengoma zasezulwini, iingelosi ezingcwele, isihlwele esikhulu esingenakubalwa, zimkhaphile endleleni yaKhe. Isibhakabhaka sikhangeleka sizele ziziqu zokukhanya—“izigidi zezigidi.” Alukho usiba lomntu olunokuwuzoba lo mbono; ingekho nengqondo enokufikelela ekubuqondeni ubuhle bawo. “Igubungele amazulu indili yakhe. Ihlabathi lizele yindumiso yakhe. Ubumhlophe bakhe busuke baba njengokukhanya.” Habhakuki 3:3,4. Njengokuba ilifu eliphilileyo liya lisondela ngokusondela, onke amehlo abona iNkosi yobomi. Akukho sithsaba sameva sonakalisa loo ntloko ingcwele; kodwa kuhleli isithsaba sobuqaqawuli kwibunzi laKhe elingcwele. Imbonakalo yaKhe iyakudlula ukukhanya okuphandlayo kwemini enkulu. “Engutyeni yakhe nasethangeni lakhe wayenegama libhalwe kwathiwa, Ukumkani kakumkani, uNkosi kankosi.” IsiTyhilelo 19:16. IE18 565.4

    Phambi kwaKhe “ubuso bonke busuke baluthuthu; phezu kwabo bayalayo inceba kaThixo, kubakho uloyiko lokuphelelwa lithemba ngonaphakade. “Intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela, . . . ubuso bonke buphela buba luthuthu.” Yeremiya 30:6; Nahum 2:10. Amalungisa akhala engcangcazela: “Ngubani na oya kuma?” Ingoma yeengelosi iyanqumama, kubekho ithuba lenzolo eyoyikekayo. Emva koko, ilizwi likaYesu livakala lisithi, “Ubabalo lwam lunanele.” Ubuso bamalungisa buyakhanya, uvuyo luzalisa zonke iintliziyo. Iingelosi ziqala ingoma ngenowuti ephezulu ziphinde zivume njengoko ziya zisondela ngokusondela emhlabeni.IE18 566.1

    UKumkani kakumkani uyehla efini, ethandelwe ngumlilo ovuthayo. Amazulu ayasongeka aba yimfumba ngokwencwadi esongwayo, umhlaba uyangcangcazela phambi kwaKhe, zonke iintabaneziqithiziyasuka ezindaweni zazo. “Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe, ngeenxa zonke sisaqhwithi esikhulu. Ubiza izulu phezulu, nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.” Ndumiso 50:3, 4.IE18 566.2

    “Bathi ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla, namakhoboka onke, nabakhululekileyo bonke, bazifihla emiqolombeni nasemaweni eentaba. Bathi kwiintaba nakumawa, Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana; ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?” IsiTyhilelo 6:15-17.IE18 566.3

    Iziqhulo ezihlekisayo ziphelile. Imilebe exokayo ithule cwaka. Ukubethana kwezixhobo, isiphithiphithi sedabi, “ingxolo yokulwa, neengubo ezityikitywe emagazini” (Isaya 9:5), zithule. Akuvakali nto ngoku ngaphandle kwelizwi lomthandazo nesandi sokukhala nokumbambazela. Kugqabhuka isikhalo kwimilebe ebisanda kugculela: “ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo; ngubani na ke onako ukuma?” Abakhohlakeleyo bathandazela ukuba bafihlwe ngaphantsi kwamawa kunokuba bahlangane nobuso baLowo baye bamdela bamala.IE18 567.1

    Elo lizwi lingena ligqobhoze endlebeni yofileyo, bayalazi. Bekukangaphi kuvakala izandi ezilusizi, nezinothando zibabizela enguqukweni! Bekukangaphi livakala kwizicengo ezichukumisayo zomhlobo, umzalwana, uMhlanguli? Kwabo babelwala ubabalo lwaKhe, akukho wumbi unokuzala kukugweba, nonomthwalo wokuchasa, njengelo lizwi lalikade libongoza, lisithi: “Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi!” Hezekile 33:11. Owu, akwaba ibililizwi lowasemzini kubo! UYesu uthi: “Ndinibizile, anavuma, ndolule isandla sam, akwabakho ukhathalayo; nesuka naliyeka necebo lam lonke, anavuma ndakunohlwaya.” Mizekeliso 1:24, 25. Elo lizwi livusa iinkumbulo ababenga bangazicima—izilumkiso abazidelelayo, izimemo ezaliwayo, amalungelo awadelwayo.IE18 567.2

    Bakho abo babehlekisa ngoKristu ekuthotyelweni phantsi kwaKhe. Ngamandla athathekisayo, kuza ezingqondweni zabo amazwi Owayesentlungwini, xa, ebuzwa ngumbingeleli omkhulu, waphendula ngendili, wathi: “Emveni koku niya kumbona uNyana womntu, ehleli ngasekunene kwamandla esiza esemafini ezulu.” Mateyu 26:64. Ngoku bambona esebuqaqawulini baKhe, kanti baseza kumbona ehleli ngasekunene kwesandla segunya.IE18 567.3

    Abo babekugculela ukuzibiza kwaKhe ngokuba unguNyana kaThixo ngoku abananto yakuthetha. Ukho noHerode owayeziphakamisile owasinyevulelayo isihlonipho sobukhosi baKhe wawayalela amasoldati ahlekisayo ukuba amthwese isithsaba sikakumkani. Bakho abo kanye bathi, ngezandla ezingahlambulukanga, bamambathisa ngengubo emfusa, babeka kwiintlafuno zaKhe isithsaba sameva, kwathi kwisandla saKhe esingaliyo babeka intonga yokulawula yempoxo, bathoba phambi kwaKhe ngendlela yokuhlekisa enyelisayo. Abantu abambethayo bamtshicela uMthetheli wobomi, ngoku bayasuka kwiliso laKhe bafuna ukubaleka kubuqaqawuli obunamandla bobukho baKhe. Abo bagqobhoza ngezikhonkwane izandla neenyawo zaKhe, isoldati elahlaba icala laKhe, bazijonga ezi ziva banoloyiko nokuzisola.IE18 567.4

    Ngokucace ngendlela eyoyikekayo, ababingeleli nabaphathi bazikhumbula iziganeko zaseKalvari. Bengcangcazela kukoyika, bakhumbula begeqezisa iintloko ngovuyo lwenkohlakalo, xa babesithi: “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa. Ukuba unguKumkani kaIsrayeli, makehle kaloku nje emnqamlezweni, sokholwa nguye; ukholose ngoThixo, makamhlangule kaloku nje, ukuba uyamthanda.” Mateyu 27:42, 43. IE18 568.1

    Bawukhumbula ngokucacileyo umzekeliso woMsindisi xa abalindi besidiliya bala ukunika iNkosi yabo isiqhamo sesidiliya, babaphatha kakubi abasebenzi bakhe, baza bambulala unyana wakhe. Baya bakhumbula, kwakhona, isigwebo abasiwisayo ngokwabo: Umninisidiliya wesidiliya “uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo.” Kwisono nasekohlwayweni kwabo bantu bangathembekanga, ababingeleli bamadoda amakhulu ayibona eyawo indlela nentshabalalo yabo enobulungisa. Ngoku kunyuka esinye isikhalo sentlungu yokufa. Ngaphezu kwako konke ukukhwaza, [kwavakala amazwi athi]:“Mbetheleleemnqamlezweni, mbethelele emnqamlezweni,” awankenteza kwizitrato zaseYerusalem, sanyuka isikhalo esoyikekayo sokuphelelwa lithemba, sisithi, UnguNyana kaThixo! UnguMesiya weNyaniso!” Bazama ukubaleka phambi kobukho bukaKumkani kakumkani. Kwimiqolomba enzulu yomhlaba, eyavulwa kukulwa kweziqalelo zendalo, kulapho bazama ngelize ukuzifihla. IE18 568.2

    Ebomini babo bonke abayalayo inyaniso, akho amathuba apho isazela sithi sivuke, xa inkumbulo isenza ingqokelela ethwaxayo yobomi bokuhanahanisa uze umphefumlo uhlutshwe kukuzisola okungathethi nto. Ziyintoni phofu zona ezi zinto, xa zithelekiswa nokuzisola kwaloo mini, xa “senirhwaqele lunxunguphalo, lunihlasela njengesaqhwithi!” Mizekeliso 1:27, IBHAYIBHILE. Abo ngeba babemtshabalalisile uKristu nabantu baKhe abathembekileyo, ngoku babona ubuqaqawuli buhleli phezu kwabo. Phakathi kokoyika kwabo, beva amazwi abangcwele esitsho ngentlokoma yovuyo, edanduluka esithi: “Yabona, lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise.” Isaya 25:9. IE18 568.3

    Kuthi phakathi kokugxadazela komhlaba, ukutshawuza kombane, nokugquma kwendudumo, ilizwi loNyana kaThixo libize abangcwele abaleleyo ukuba baphume kwelabafileyo. Ukhangela phezu kwamangcwaba abangamalungisa, aze athi, ephakamisele izandla zaKhe ezulwini, akhwaze: “Vukani, vukani, vukani, nina balele eluthulini, niphakame!” Kubo bonke ubude nobubanzi bomhlaba abafileyo baya kuliva elo lizwi, baze bathi abo balivayo baphile. Umhlaba wonke uya kuhlokoma zizingqi zokunyathela komkhosi omkhulu kakhulu wazo zonke izizwe, iintlanga, neelwimi, nabantu. Ezintolongweni zokufa, baya kuphuma, bembathiswe ubuqaqawuli bokungafi, badanduluke, bathi: “Luphi na, kufa, ulwamvila lwakho” Luphina, Hadesi, uloyiso lwakho?” 1 Korinte 15:55. Baya kuthi abaphilileyo abangamalungisa nabavukileyo abangcwele bawahlanganise amazwi abo kwindanduluko ende yovuyo loloyiso.IE18 568.4

    Bonke baphuma emangcwabeni abo benesithomo esinjengoko bangena engcwabeni. UAdam, omi phakathi kwesihlwele esivukileyo, unobude obuthe ncothu nowondlekileyo ngesithomo, kodwa engaphantsana kuNyana kaThixo. Unokwahluka okubonakalayo kubantu bezizukulwana zamva; ngale ndawo iyodwa, kuboniswa ukuhla okukhulu kohlanga.Nokokunjalo, bonke bavuka benokuhlaziyeka namandla obutsha baphakade. Ekuqalekeni, umntu wadalwa ngokwemfano kaThixo, kungekuphela ngesimilo, kodwa nangokumila neempawu. Isono sawuchitha saphantsa ukuwucima umfanekiselo ongcwele; kodwa uKristu weza ukuze abuyisele oko kwalahlekayo. Uya kuyiguqula imizimba yethu emibi ayenze ifane nomzimba waKhe ozukisiweyo. Imo enokufa, eyonakalayo, engenabuhle, ekhe yangcoliswa sisono, iyagqibelela, ibe ntle, ibe nokungafi. Zonke iziphako nobulima, zizinto ezishiywe engcwabeni. Bebuyiselwe emthini wobomi, kwiEden eyalahleka kudala, abahlangulweyo baya “kukhula” (Malaki 4:2) bafikelele kwisithomo sohlanga sozuko lwalo lwamhla mnene. Iimpawu ezisaseleyo zesiqalekiso sesono ziya kususwa, baze abakaKristu abathembekileyo babonakale “benobuhle bukaYehova uThixo wethu,” ngengondo, nomphefumlo, nomzimba bebonakalalisa umfanekiselo ogqibeleleyo weNkosi yabo. Owu, ukuhlangulwa okumangalisayo! ekukade kuthethwa ngako, ekudade kulindelwe, kucamngcwa ngako ngokulindela okunenzondelelo, kodwa kungaze kuqondwe ngokupheleleyo.IE18 569.1

    Abangamalungisa abaphilileyo bayaguqulwa “ngesiquphe, ngephanyazo.” Ngokuthethwa kwelizwi likaThixo, bazukiswa; ngoku benziwa bangabi nakufa baze bathi bekunye nabangcwele abavusiweyo, baxhwilwe baye kuyihlangabeza iNkosi esibhakabhakeni. Iingelosi zithi “zihlanganisele ndawonye abanyulwa bakhe, baphume kumacala omane omoya, kuthabathela esiphelweni sezulu, kude kuse kwesinye isiphelo salo.” Abantwana abancinane okanye iintsana zithwalwa ziingelosi ezingcwele zisiwe ezingalweni zoonina. Abahlobo ekudala bahlulwa kukufa bayahlangana, ukuba bengasayi kuphinda bahlukane, zize iingoma zovuyo zinyuke kunye ukuya eMzini kaThixo.IE18 569.2

    Kwicala ngalinye lenqwelo yelifu kukho amaphiko, ngaphantsi kwayo kukho amavili aphilileyo; ize ithi xa inqwelo iqengqeleka inyuka, amavili atsho ngezwi, elithi, “Ungcwele,” aze amaphiko athi, njengoko ehamba, atsho ngezwi, elithi, “Ungcwele,” nomqokozo weengelosi, utsho ngezwi, uthi, “Ungcwele, Ungcwele, Ungcwele, Nkosi Thixo Somandla.” Abahlangulweyo bayakhwaza, besithi, “Haleluya!” ngexesha inqwelo ibheka phambili isinga kwiYerusalem eNtsha. IE18 570.1

    Ngaphambi kokuba angene eMzini kaThixo, uMsindisi ubeka phezu kwabalandeli baKhe amaphawu oloyiso, aze abathi jize ngophawu lomgangatho wobukhosi babo. Amanqanaba abengezelayo amiswe ngendlela yesikwere esivulekileyo sijikeleze uKumkani wawo, okumila kwaKhe kuvele ngobungangamsha ngaphezu kongcwele nengelosi, nembonakalo yaKhe ikhanya phezu kwabo izele luthando olunobubele. Kuwo wonke umkhosi ongenakubalwa wabahlangulweyo, onke amehlo athe nzo kuYe, onke amehlo abona ubuqaqawuli baKhe Lowo “ibinje ukonakala imbonakalo yakhe, ukuda ingabi yeyomntu, nesithomo sakhe singabi sesoonyana baka-Adam.” Phezu kweentloko zaboyisi, uYesu, ngesandla saKhe sasekunene, ubeka isithsaba sobuqaqawuli. Elowo unesithsaba sakhe, sine“gama elitsha” lakhe (IsiTyhilelo 2:17), nombhalo othi, “INGCWELE KUYEHOVA;” Kwisandla ngasinye kubekwe isundu loloyiso nohadi olubengezelayo. Kuthi, xa iingelosi ezikhokelayo zichukumisa umculo, zonke izandla zibambe kwiintambo zeehadi ngenkcukumiso enobuchule, kuphume uncuthu lomculo ngezandi ezityebileyo nezimyoli. Indanduluko engathethekiyo ivuyisa intliziyo, lithi ilizwi ngalinye liphakanyiselwe kwindumiso yombulelo: ngomyalelo weengelosi: “Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi, wasenza ookumkani nababingeleli kuye uThixo uYise; kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 1:5, 6. IE18 570.2

    Phambi kwesihlwele esisindisiweyo, kukho uMzi Ongcwele. UYesu uwavula genge amasango eperile, zize izizwe ezagcina inyaniso zingene. Apho, babona iParadesi kaThixo, ikhaya lika-Adam esemsulwa. Lithi elo lizwi, limyoli kunawo nawuphi umculo owakha wafikelela endlebeni enokufa, liviwe lisithi: “Imfazwe yenu iphelile.” “Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nibudle ilifa ubukumkani obalungiselwa nina kwasekusekweni kwehlabathi.” IE18 570.3

    Ngoku uzalisekile umthandazo woMsindisi ngenxa yabafundi baKhe: “Ndithanda ukuba nabo abo undinike bona, babe nam, apho ndikhona mna.” “Phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, nigcoba” (Yuda 24), uKristu ubeka phambi kukaYise abathengwa ngegazi laKhe, esithi: “Ndilapha, nabantwana ondinike bona.” “Owandinika bona ndibagcinile.” Owu, uthando olumangalisayo! Ukufika kwelo lixa, xa uBawo ongenamida, eya kuthi ekhangele kwabahlangulweyo, abone umfanekiselo waKhe, ukuphazamisa kwesono kugxothiwe, isiqalekiso saso sisusiwe, aze umntu aphinde avumelane nezulu! IE18 571.1

    Ngothando olungathethekiyo, uYesu wamkelela abaKhe abathembekileyo kuvuyo lweNkosi yabo. Uvuyo loMsindisi ekuboneni, ebukumkanini bozuko, imiphefumlo esindiswe ngentlungu yaKhe nokuthotyelwa phantsi kwaKhe. Abahlangulweyo baya kuba nesabelo kuvuyo lwaKhe, xa bebona, phakathi kwabasikelelweyo, abo bazuzelwa kuKristu ngemithandazo yabo, ngemisebenzi yabo, nombingelelo wothando. Kuya kuthi xa bebuthelene bejikeleze itrone enkulu emhlophe, uchulumanco olungathethekiyo luya kuzizalisa iintliziyo zabo, xa bebona abo babazuzela uKristu, baze babone ukuba lo wazuza abanye, baza abanye nabo bazuza abanye, bonke beziswe kwindawo yophumlo, apho babeka khona izithsaba zabo ezinyaweni zikaYesu bamdumise kuyo yonke imijikelezo engenasiphelo kanaphakade.IE18 571.2

    Kuya kuthi xa abathengiweyo besamkelelwa eMzini kaThixo, kuvakale esibhakabhakeni ingxolo yovuyo yokudumisa. Kuza kuhlangana ooAdam ababini. UNyana kaThixo umi olule iingalo ukuba amkele uyise wohlanga—umntu awamdalayo, owonayo ngakuMenzi wakhe, nekwathi ngenxa yesono kwabakho amanxeba okubethelelwa emzimbeni woMsindisi. Uthi uAdam akuzibona iziva zezikhonkwane zenkohlakalo, angawi esifubeni seNkosi yakhe, kodwa, ngokuzithoba, aziphose ezinyaweni zaYo, ekhala: “Ifanele, ifanele iMvana eyahlatywayo!” Ngobubele, uMsindisi uya kumphakamisa athi makakhangele kwakhona kwikhaya iEden, awagxothwa kudala kulo.IE18 571.3

    Emva kokugxothwa kwakhe e-Eden, ubomi buka-Adam emhlabeni bazaliswa lusizi. Lonke igqabi elifayo, lonke ixhoba lombingelelo, konke ukutshaza phezu kobuso obuhle bendalo, lonke ibala kubunyulu bomntu, yonke into yayisisikhumbuzo esitsha sesono sakhe. Yoyikeka intlungu yokuzisola xa ebona ukukhula kobugwenxa, waza wathi ukuphendula ekulunyukisweni kwakhe, wahlangana nezigculelo ezaphoswa phezu kwakhe njengonozala wesono. Ngokuzithoba ngomonde, phantse iwaka leminyaka, wasithwala isohlwayo sokugqitha umthetho. Ngokunyanisekileyo, waguquka kwisono sakhe wathembela kokuhle koMsindisiowathenjiswayo, waza wafela ethembeni lovuko. UNyana kaThixo wakuhlangula ukusilela nokuwa komntu; wathi ngoku, ngomsebenzi wocamagushelo, uAdam wabuyiselwa kubukhosi bakhe bokuqala.IE18 571.4

    Ethwelwe luvuyo, uyibona imithi eyayisisonwabiso sakhe ngaphambili—yona leyo wayeqokelela isiqhamo sayo yena ngokwakhe ngemihla yakhe yobumsulwa novuyo. Ubona imidiliya eyayilungiswa zezakhe izandla, iintyatyambo awayekhe wakuthanda ukuzikhathalela. Ingqondo yakhe ifikelwa bubunyaniso balo mbono; uyaqonda ukuba ngokwenene le yiEden eyenziwe ntsha, intle kakhulu kunokuba yayinjalo ngexesha lokugxothwa kwakhe kuyo. UMsindisi umkhokelela emthini wobomi aze akhe isiqhamo esizukisiweyo amyalele ukuba atye. Ukhangela ngeenxa zonke kuye abone isihlwele sosapho lwakhe oluhlangulweyo, simi kwiParadesi kaThixo. Usuka asiphose isithsaba sakhe esibengezelayo ezinyaweni zikaYesu, awe esifubeni saKhe, amwole uMhlawuleli. Uchukumisa uhadi lwegolide, amaphahla ezulu ahlokome yingoma yoloyiso: “Ifanele, ifanele, ifanele iMvana eyahlatywayo, nephilayo kwakhona!” Usapho luka-Adam luhlangana kule ngoma luze luziphose izithsaba zalo ezinyaweni zoMsindisi xa zithoba phambi kwaKhe zidumisa.IE18 572.1

    Oku kuhlangana kubonwa ziingelosi ezalilayo ukuwa kuka-Adam, zaza zavuya xa uYesu, emva kokuvuka kwaKhe, enyukela ezulwini, akuba ingcwaba elivulele bonke abaya kukholwa egameni laKhe. Ngoku, zibona umsebenzi wohlangulo ofeziweyo, zize zihlanganise amazwi engomeni yokudumisa. IE18 572.2

    Phezu kolwandle olubengezelayo, olo lwandle lweglasi olwalungathi luhlanganiswe nomlilo,--oluqaqambe kakhulu ngenxa yobuqaqawuli bukaThixo,--kuhlanganisene iqela labo “[ba]beloyisile irhamncwa, nomfanekiselo walo, nophawu lwalo, nenani legama lalo.” Baye bekunye neMvana phezu kwentaba yeZiyon, “beneehadi zikaThixo,” bemi, ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka awayehlangulwe phakathi kwabantu; ndaza ndeva, ngokungathi ngamanzi amaninzi, nanjengesandi sendudumoenkulu,“nezwilababethi beehadi, bebetha iihadi zabo.” Bavuma ingoma entsha” phambi kwetrone, ingoma ekungekho mntu unako ukuyifunda ngaphandle kwekhulu elinamashumi amane anesine lamawaka. Yingoma kaMoses neMvana—ingoma yokuhlangulwa. Akakho omnye onokuyifunda loo ngoma ngaphandle kwamawaka alikhulu elinamashumi amane anesine kuba iyingoma yamava abo—amava ekungekho limbi iqela elaka lanawo. “Aba ngabo bayilandelayo iMvana apho isukuba isiya khona.” Aba benziwe kumila kumbi bephuma emhlabeni, babalwa ngokuba “baziintlahlela kuye uThixo nakuyo iMvana.” IsiTyhilelo 15:2, 3; 14:1-5. “Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu;” badlule kwixesha lembandezelo engazanga yabakho kususela ukuba lwabakhoyo uhlanga; banyamezele intlungu yexesha lembandezelo kaYakobi; bema bengenamthetheleli ngexesha lokuthululwa kwezigwebo zikaThixo. Baye bahlangulwa, kuba “bazihlamba iingubo zabo ezinde, bazenza mhlophe egazini leMvana.” “Emlonyeni wabo akufunyanwanga nkohliso, kuba bengenakubekwa bala” phambi kukaThixo. “Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.” Bawubonile umhlaba ubhuqwa yindlala nesifo, ilanga linamandla okubagqatsa abantu ngobushushu obukhulu, baza bona banyamezela intlungu, ukulamba, nokunxanwa. Bona “abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu; ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.” IsiTyhilelo 7:14-17. IE18 572.3

    Kuzo zonke izizukulwana abanyuliweyo boMsindisi babefundiswa beqeqeshwa esikolweni zovavanyo. Bahamba kwiindlela ezimxinwa emhlabeni; babehlanjululwa emalangatyeni embandezelo. Ngenxa kaYesu, banyamezela inkcaso, intiyo, nokunyeliswa. Babemlandela ekuphumeleni kumadabi abuhlungu;banyamezela ukuzilandulababanokudaniswa okukrakra. Ngawabo amava abuhlungu, babufunda ububi besono, amandla aso, ubutyala baso, usizi lwaso; baza basijonga ngentiyo. Ingqondo yombingelelo ongenamda owenziwayo ukusinyanga, kubenza bazibone bethobekile emehlweni abo, kuzizalise iintliziyo zabo ngombulelo nendumiso abangasokuze bayiqonde abo bangazanga bawa esonweni. Bathanda kakhulu kuba baxolelwa kakhulu. Njengoko baba nenxaxheba ekuphathekeni kakubi kukaKristu, bakufanele ukuba nenxaxheba kunye naYe zozuko lwaKhe.IE18 573.1

    Iindlalifa zikaThixo zifike zivela kumagunjana angacacanga, emingxunyeni, emigxobhozweni, emanqwanqweni okuxhonywa, ezintabeni, ezintlango, emiqolombeni yomhlaba, nasezinzulwini zolwandle. Emhlabeni “[ba]beswele, bebandezelwe, bephathwa kakubi.” Inyambalala yaya emangcwabeni izaliswe kukuhlaziswa kuba yazondelela ukwala ukuziyekela kumabango enkohliso zikaSathana. Ezinkundleni zabantu, bagwetywa njengabona bophuli bomthetho bakhohlakele kakhulu. Ngoku nje, “uThixo [u]za kugweba yena.” Ndumiso 50:6. Izigqibo ngoku zibuya umva. “Ingcikivo yabantu bayo iyisuse.” Isaya 25:8. “Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova.” Unyule “ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwiili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo.” Isaya 62:12; 61:3. Abasekho buthakathaka, bebandezelwa, bethe saa, becinezelwe. Ukususela apha, baza kusoloko belapho iNkosi ikhona. Baza kuma phambi kwetrone benxibe iingubo ezinexabiso kunezona zixatyisiweyo emhlabeni ezakha zanxitywa. Bathweswe ngezithsaba ezizukiseke ngaphezu kwezakha zabekwa phezu kweentloko zookumkani emhlabeni. Iintsuku zentlungu nokulila ziphele ngonaphakade. UKumkani wozuko uzisule iinyembezi kubo bonke ubuso; yonke imbangi yentlungu isusiwe. Phakathi kwamasebe esundu ajiwuzwayo, bathulula ingoma yokudumisa, icacile, imnandi, inendili; onke amazwi ayayingenela, ide isandi sayo sihlokome kuwo wonke amaphahla asezulwini. “Usindiso kuye uThixo wethu, Lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyoiMvana!” Baza bonke abahlala ezulwini baphendulakoko bamnika kona: “Amen, ukubongwa, nozuko, nobulumko, nombulelo, nembeko, namandla, nokomelela, makube kuye uThixo wethu, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 7:10, 12.IE18 573.2

    Kobu bomi singaqala ukuwuqonda umxholo omangalisayo wohlangulo. Ngokuqonda kwethu okuphela esithubeni, singaqaphela ngenzondelelo ihlazo nokuzukiswa, ubomi nokufa, ubulungisa nenceba, ezihlangana emnqamlezweni; kanti kunjalo, sesiwatwabulule kangako amandla engqondo, siwa phantsi ukukuqonda ukubaluleka koko ngokupheleleyo. Ubude nobubanzi, ubunzulu nokuphakama kothando oluhlangulayo, sibubona mfiliba. Icebo lohlangulo aliyi kuqondwa ngokupheleleyo, naxa abahlangulweyo bebona njengoko bebonwa, besazi njengoko besaziwa; kodwa kwizizukulwana zaphakade, iinyaniso ezintsha ziya kuthi rhoqo ukutyhilwa kwiingqondo ezimangalayo nezivuyayo. Nangona usizi neentlungu, nezilingo zomhlaba ziphelile nembangi isusiwe, abantu bakaThixo baya kuhlala benolwazi olucacileyo lwexabiso lokusindiswa kwabo.IE18 574.1

    Umnqamlezo kaKristu uya uba sisifundo nengoma yabahlangulweyo kulo lonke iphakade. KuKristu ozukisiweyo baya kubona uKristu obethelelweyo. Akusokuze kulityalwe ukuba Lowo omandla aKhe adala axhasa amazwe angenakubalwa esibhakabhakeni, iNtanda kaThixo, iNgangalala yezulu, Lowo ikherubhi neserafi ezibengezelayo zonwabela ukumdumisa—wazithoba ukuze aphakamise umntu owileyo; waza wathwala ityala nehlazo lesono, nokufihlwa kobuso bukaYise, lwada usizi lwelizwe elilahlekileyo lwayaphula intliziyo yaKhe, lwabutyumza ubomi baKhe emnqamlezweni waseKalvari. Khon’ ukuze uMenzi wamazwe onke, umthetheleli wamaphakade onke, abeke bucala uzuko lwaKhe azithobe ngokuthanda umntu kuya kuvusa ukumangala nokudumisa kwindalo yonke. Zithi zikhangele zonke izizwe zabasindisiweyo kuMhlanguli wazo zibone ubuqaqawuli bukanaphadade bukaYise bubengezela kwimbonakalo yaKhe; zithi zakuyibona itrone yaKhe, esuka ephakadeni ise ephakadeni, zazi ukuba ubukumkani baKhe abusokuze buphele, zisuka zidanduluke ngengoma: “Ufanele, ufanele, [wena] Mvana, ngokuba wena waxhelwa, wasithenga ukuba sibe ngabakaThixo ngalo igazi lakho!”IE18 575.1

    Imfihlelo yomnqamlezo ichaza zonke ezinye iimfhlelo. Ekukhanyeni okuphuma eKalvari iimpawu zikaThixo ezisizalise ngoloyiko nentlonipho zibonakala zintle zinomtsalane. Inceba, ububele, nothando lobuzali zibonwa zihambelana nobungcwele, ubulungisa namandla. Lo gama sibona ubungangamsha betrone yaKhe, iphakamile iphezulu, sibona isimilo saKhe sibonakaliswe sinobubele, size siqonde, ngaphezu kokuba kwakha kwanjalo, ukubaluleka kwesihlonipho sothando, esithi, “Bawo wethu.”IE18 575.2

    Kuya kubonwa ukuba, Lowo ongenamda kubulumko, wayengenalo elinye icebo lokusindiswa kwethu ngaphandle kokuncama uNyana waKhe. Imbuyekezo yalo mbingelelo luvuyo lokuzalisa umhlaba ngabantu abathengiweyo, abangcwele, abonwabileyo, nabangenakufa. Isiphumo semfazwe phakathi koMsindisi namagunya obumnyama luvuyo kwabahlangulweyo, luphendula ekuzukisweni kukaThixo emaphakadeni. Linjalo ke ixabiso lomphefumlo elenza ukuba uBawo aneliseke lixabiso awalihlawulayo; noKristu ngokwaKhe, xa ebona iziqhamo zombingelelo waKhe omkhulu, uya kwaneliswa.IE18 575.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents