Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    35—Ukuhlaselwa Kwenkululeko Yesazela

    UbuRoma bamkeleke kumaProtestanti ngoku ngobubele obukhulu kuneminyaka yangaphambili. Kumazwe apho ubuKatolika bungakhuliyo, apho ibubupopi obuthabatha ikhondo lokwenza ukuvisisana ukuze buzuze impembelelo, kukho ukukhula kokungakhathali ngeemfundiso ezahlula amabandla ohlaziyo kulawulo lobupopi; kukho ingcamango ekhulayo yokubona, ngapha koko, asahluki kakhulu kangako kwiindawo ezibalulekileyo njengoko bekucingwa, nokuba ukuvuma kancinane ngakwicala lethu kusenza sibe nokuqondana ngcono neRoma. Kwakulixesha apho ubuProtestanti babubeka ixabiso eliphezulu kwinkululeko yesazela eyathengwa ngexabiso eliphezulu. Ayebafundisa abantwana bawo ukuba abuthiye ubupopi esithi, ukufuna ukuvumelana neRoma kuya kuba kukunganyaniseki kuThixo. Phofu, zahlukene kangakanani ngoku izimvo ezithethwayo! IE18 498.1

    Abakhuseli bobupopi bathi ibandla lenziwe ikheswa, laye ihlabathi lobuProtestanti likekelele ukuyamkela le ntetho. Abaninzi banyanzelisa ngelithi akulungile ukuligweba ibandla lanamhla ngamasikizi namahlazo aphawula ulawulo lwalo ngeenkulungwane zokungazi nobumnyama. Bayithethelela inkohlakalo yalo eyoyikekayo nokuthi yayisisiphumo sobukrwada bamaxesha babe khunga ukuba impembelelo yenkcubeko yeli ixesha iziguqukile iimvakalelo zalo. IE18 498.2

    Ingaba aba bantu balilibele ibango lokungabi nako ukuphazama elabekwa amakhulu asibhozo eminyaka leli gunya liziphakamisayo? Kukude kakhulu ekubeni lilahlwe eli bango laqinisekiswa ngenkulungwane yeshumi elinesithoba ngokucace kakhulu kunangaphambili. Njengoko iRoma isithi “ibandla alizange laphazama,” lingasokuze, ngokweziBhalo liphazame. (John L. von Mosheim, Institutes of Ecclesiastical History, book 3, century II, part 2, chapter 2, section 9, note 17), lingawushiya njani umthetho-siseko owalawula ikhondo lalo kwizizukulwana ezadlulayo? IE18 498.3

    Ibandla lobupopi alisokuze lililahle ibango lokungakwazi ukuphazama. Konke oko likwenze ngokutshutshisa kwalo iimfundiso zalo elizibambe ngokuqinileyo ngokuthi lilungile; belingayi kukuphinda na ukukwenza oko xa ithuba linokubakho? Mazisuswe izithintelo ezimiswe ngoku ngurhulumente weli hlabathi ize iRoma ibuyiselwe kwigunya layo langaphambili, kuya kubakho ngokukhawuleza ukuvuselelwa kobo bundlongondlongo bayo nentshutshiso yayo.IE18 499.1

    Umbhali owaziwayo uthetha oku ngengqondo yabaphathi bobupopi ngokubhekiselele kwinkululeko yesazela; nangeengozi ezithembisa ngokukodwa ukuhlasela iMelika kwimpumelelo yayo: IE18 499.2

    “Baninzi abakekelele ekutyabekeni konke ukoyikwa kobuRoma Katolika obuseUnited States ezinkanini nasebuntwaneni. Abo ababoni nto kwisimilo nomoya wobuRoma inobuthaba kwizimiso kwizimiso zethu ezikhululekileyo, okanye abafumani nto ikrokrelekayo ekukhuleni kwabo. Ngoko ke, masithelekise kuqala imithetho-siseko esisiseko soburhulumente bethu naleyo yeBandla liKatolika.IE18 499.3

    “Umgaqo-siseko weMelika uqinisekisa inkululeko yesazela. Akukho nto iyidlula ngobuhle okanye esisiseko esingaphezulu. UPopi Pius IX, kwiEncyclical Letter of August 15, 1854, wathi: “Iimfundiso ezibuhlungu neziyimposiso okanye ezibhudayo ekukhuselweni kwenkululeko yesazela zezona ziyimpazamo etshabalalisayo—intshabalalo yabo bonke abanye, emelwe kukoyikwa kakhulu esizweni.’ Kwayena loo popi, kwiEncyclical Letter of December 8, 1864, wabaqalekisa “abobabemisainkululeko yesazela nonqulo lokukhonza,” nabo ‘bonke abathi ibandla alinako ukusebenzisa igunya.’IE18 499.4

    “Intetho yeRoma evakala inoxolo eMelika ayithethi ukuguquka kwentliziyo. Inokunyamezela apho ingenakunceda khona. Uthi uBhishophu O'Connor: ‘Inkululeko yenkolo inyamezelwa nje kude kumiselwe inkcaso ngempumelelo kungakhange kubekwe engozini ilizwe lobuKatolika.’ . . . Owongameleyo uBhishophu waseSt Louis wakha wathi: ‘Ukulahlekisa nokungakholwa kukwaphulwa komthetho; kuthi ke kumazwe obuKristu, njengeItaly neSpain, umzekelo, apho bonke abantu bengamaKatolika, nalapho inkolo yobuKatolika iyinto efunekayo emthethweni welizwe, ezo zinto zohlwaywa njengokunye ukwaphulwa komthetho. . . .IE18 499.5

    “Wonke uKhardinal, ubhishophu owongamileyo, nobhishophu kwiBandla leKatolika wenza isifungo sokuthobela uPopi, ekukho kuso la mazwi: ‘Abalahlekisi, abahlukanisi, nabavukeli kulowo kuthiwa yinkosi yethu (uPopi) okanye kwabo baxelwe kwangaphambili bangabalandeli emva kwakhe, ndiya kuthi kangangoko ndinako, ndibatshutshise ndibachase.’”--Josiah Strong, Our Country, ch. 5, pars. 2-4. [BONA ISIHLOMELO SEZALATHISO EZILUNGISIWEYO.] IE18 499.6

    Kuyinyaniso ukuba akho amaKristu enene kusapho lweRoma Katolika. Amawaka kwela bandla akhonza uThixo ngokona kukhanya kuhle anako. Awavunyelwa ukuba afikelele elizwini laKhe, aze ngoko angakwazi ukuyahlula inyaniso. [Yapapashwa ngowe-1888 nowe-1911. BONA ISIHLOMELO.] Awazanga awubona umahluko phakathi kwenkonzo ephilileyo yentliziyo nokwenziwa nje kweenkqubo neenkonzo. UThixo uyikhangela ngothando olunemfesane le miphefumlo, ifundiswe injalo kwinkolo elahlekisayo nenganelisiyo. Uza kuyenza imitha yokukhanya ukuba igqobhoze kubumnyama obungqingqwa obubajikelezileyo. Uya kuyityhila kubo inyaniso njengoko injalo kuYesu, baze abaninzi bathabathe iindawo zabo kunye nabantu baKhe.IE18 500.1

    UbuRoma bona, njengohlelo, buyahambelana kakhulu negospile kaKristu ngoku kunexesha langaphambili lembali yabo. Amabandla obuProtestanti asebumnyameni obukhulu, okanye aya kuyahlula imiqondiso yamaxesha. Ibandla laseRoma lifikelela kude ngamacebo alookunabisa impembelelo Yalo nokwandisa kwakhona igunya lalo ekulungiseleleni idabi eloyikekayo neliqinisekileyo lokuzuza kwakhona ulawulo lwehlabathi, nokumisela kwakhona intshutshiso, nokuchitha konke okwenziwe bubuProtestanti. UbuKatolika buyoyisa macal’ onke. Qaphela ukukhula kwamanani emabandleni abo nakwiinkonzo ezikumazwe amaProtestanti. Khangela ukuthandwa kweekholeji nemizi yabo yokuqeqesha abafundisi eMelika, exhaswa kakhulu ngamaProtestanti. Bona unqulo lwenkonzo yesiqhelo eNgilane nokwanda kokuqhekekela kwizintlu zamaKatolika. Ezi zinto zimele ukuvusa ixhala kubo bonke abayixabisileyo imithetho-siseko enyulu yeendaba ezilungileyo.IE18 500.2

    AmaProtestanti aye afekethisana nabo ada abuxhasa ubupopi; aza avumelana, akwamkela nokunye kwabo kangangokuba ada namapopi ngokwawo amangaliswa akakuqonda okwenzekayo. Abantu bayawavala amehlo abo ngakwesona simo sobuRoma neengozi eziya kubakho ngokongama kwabo. Abantu badinga ukuba bavuswe ukuba bamelane nokubheka phambili kolu tshaba loyikeka kakhulu kwinkululeko yolawulo loburhulumente neyenkolo. IE18 500.3

    AmaProtestanti amaninzi acinga ukuba inkolo yobuKatolika ayinamtsalane nokuba unqulo lwabo lutyhafile, ngumjikelezo wenkonzo engatsho nto. Ayaphazama kule ndawo. Nangona ubuRoma bakhelwe phezu kwenkohliso, abuyiyo into erhabaxa nedlakadlaka. Inkonzo yenkolo yeBandla leKatolika yinkonzo ebukeka kakhulu. Ubuyokoyoko obubonakalayo, neenkonzo ezinendili ziyazithimba izimvo zabantu zililalise lithi cwaka ilizwi lengqondo nelesazela. Iliso liyathimbeka. Izindlu ezintle zenkonzo, imingcelele emihle kakhulu, izibingelelo zegolide, imifanekiso enamatye amagugu, imizobo yodidi oluphezulu, nemifanekiso emihle ngokukodwa, zonke ezi zinto zithetha kuthando lobuhle. Indlebe nayo iyathimbeka. Umculo awudlulwa. Iinowuti ezinobunzulu zohadi olunemvakalozwi endyondyozelayo, uhambelana noncuthu lomculo wamazwi amaninzi xa unyuka kumaphahla abheke phezulu neendawo zokuhamba neentsika ezintle zeekhathedrali zayo, azikwazi ukuyiyeka zingayitsali ingqondo ngokoyika kwembeko nokuhlonipha.IE18 500.4

    Ubumenyemenye bangaphandle, ubuyokoyoko, nenkonzo, okuhlekisa ngeminqweno kumphefumlo ofa sisono, kusisiboniso sokonakala okungaphakathi. Inkolo kaKristu ayidingi mtsalane unjalo ukuyenza incomeke. Ngokokukhanya okusuka emnqamlezweni, ubuKristu benene bubonakala bunyulu buthandeka kangangokuba akukho ukuhonjiswa kwangaphandle okunokulikhulisa ixabiso labo lenene. Bubuhle bobungcwele, ubulali nomoya othobekileyo, izinto ezinexabiso kuThixo.IE18 501.1

    Ubukhazikhazi bohlelo abululo uphawu olubonisa ubunyulu nokuphakama kwengcinga. Iimbono eziphezulu zobunono, ukusulungeka kokukwazi ukubona okuhle, kukholisa ukubakho ezingqondweni ezithanda ihlabathi nezithanda iziyolo. Zikholisa ukusetyenziswa nguSathana ekwenzeni ukuba abantu bakulibale okufunwa ngumphefumlo, balahlekwe ngumbono wekamva, ubomi obungunaphakade, bamke kuMncedi wabo Ongenamida, baphilele eli hlabathi kuphela.IE18 501.2

    Inkolo yangaphandle inomtsalane kwintliziyo engenziwanga yabantsha. Ubuyokoyoko nenkozo yonqulo lwaseKatolika zinamandla alobayo nathabathekisayo, ekuthi ngawo abanye bakhohliswe, baze balikhangele iBandla laseRoma njengesango lezulu. Kuphela ngabo bazityale zamila zaqina iinyawo zabo phezu kwesiseko senyaniso, abantliziyo zabo zenziwe zabantsha ngoMoya kaThixo, abakhuselekileyo kwimpembelelo yalo. Amawaka angenalo ulwazi olubambekayo lukaKristu aza kukhokelelwa ekubeni amkele iimo zokubonakala emhlonela uThixo engenawo amandla. Inkolo enjalo yeyona kanye efunwa zizihlwele.IE18 501.3

    Ibango lebandla lokuba nelungelo lokuxolela [izono] liwakhokelela amaRoma ekubeni azive ekhululekile ukuba one; ize inkonzo yokuvunywa kwezono, okunganikwayo ukuxolelwa ngaphandle kwayo, nayo ibonakale inika imvume yobubi. Lowo uguqa phambi komntu owileyo, avule evuma iingcinga zakhe ezifihlakeleyo nezicamango zentliziyo yakhe, uzithobela phantsi ubuntu bakhe, ahlisele phantsi wonke umfanekiselo wendalo yomphefumlo wakhe. Ekutyhileni izono zobomi bakhe kumbingeleli,--isidalwa esiphazamayo, esinesono, amaxesha amaninzi esonakaliswe yiwayini nokuthanda iziyolo, --umgangatho wesimilo sakhe uyathotywa, aze angcoliseke ngenxa yaloo nto. Ingcinga yakhe ngoThixo ithotyiwe yafaniswa neyoluntu oluwileyo, kuba umbingeleli uma njengommeli kaThixo. Oku kuvuma kumthobayo umntu komnye umntu, ngumthombo ofihlakeleyo ekumpompoza kuwo ububi obuninzi obulingcolisayo ihlabathi bulenze lilungele intshabalalo yokugqibela. Kanti ke, kulowouthanda ukuziyekela, kumanelisa kakhulu ukuvuma komnye onokufa kunokuvulela umphefumlo uThixo. Kunambitheka kakhulu kwindalo yomntu ukuzivuma kunokuzishiya izono; kulula ukuvisa ubuhlungu inyama ngengubo erhwexayo, namarhawu, namatyathanga akhuthulayo, kunokuba kubethelelwe emnqamlezweni iinkanuko zenyama. Inzima idyokhwe ethi intliziyo yenyama ibe nentumekelelo yokuyithwala kunokuthoba kwidyokhwe kaKristu.IE18 501.4

    Kukho ukufana okumangalisayo phakathi kweBandla laseRoma neBandla lakwaYuda ngexesha lokufika kokuqala kukaKristu. Ngeli xesha amaYuda ayenyathelela phantsi yonke imithetho-siseko yomthetho kaThixo, ngaphandle ayexakeke kakhulu kukugcina imiyalelo yayo, ifumba ukunyanzelisa kwayo nezithethe ezazisenza ukuba ukuyithobela kube buhlungu kube ngumthwalo onzima. Njengoko amaYuda ayesithi ayawuthobela umthetho kaThixo, anjalo nawo amaRoma ukubanga ukuwunika imbeko umnqamlezo. Aphakamisa umfuziselo weentlungu zikaKristu, lo gama ebomini bawo bemkhanyela Lowo umele Yena.IE18 502.1

    Abantu bobupopi babeka iminqamlezo phezu kwezindlu zeenkonzo zabo, phezu kwezibingelelo, nasezimpahleni zabo. Kuyo yonke indawo kubonwa imiqondiso yomnqamelezo. Kuyo yonke indawo uyazukiswa uphakanyiswe ngaphandle. Zona iimfundiso zikaKristu zingcwatywe ngaphantsi kwemfungu-mfungu yezithethe ezingathethi nto, ukuchazwa [kweBhayibhile] ngobuxoki, nokuxakeka zizinto ekufuneka zenziwe. Amazwi oMsindisi awayethetha ngamaYuda awayeneenkani, asebenza ngamandla kakhulu kwiBandla leRoma Katolika: “Babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo.” Mateyu 23:4. Imiphefumlo enenkathalo igcinwe lonke ixesha isoyika, yoyika ingqumbo kaThixo owoniweyo, lo gama abaninzi kwizikhulu zebandla bephila ubomi obuchebelezayo nokuziphatha ngendlela engeyiyo.IE18 502.2

    Ukunqulwa kwemifanekiso neentsalela zamaqhekeza emifanekiso, ukuthandaza kwiingcwele, nokuphakanyiswa kooPopi ngamacebo kaSathana okutsala iingqondo zabantu zisuke kuThixo nakuNyana waKhe. Ukufeza ukubatshabalalisa, uzama ukujika ingqalelo yabo kuLowo inguye kuphela abanokufumana usindiso kuYe. Uya kubakhokelela nakweyiphi nto enokumiswa endaweni yaLowo uthe: “Yizani kuM nina nonke enibulalekayo, enisindwayo ngumthwalo, ndiya kuninika ukuphumla.” Mateyu 11:28.IE18 503.1

    Lilinge elizingisileyo likaSathana ukusibeka gwenxa isimilo sikaThixo, indalo yesono, neyona miba yenene esengozini kwimbambano enkulu. Ubuqhophololo bakhe bucutha ukunyanzeleka komthetho ongcwele bubanike abantu ilungelo lokona. Kwangelo xesha linye, ubenza ukuba bathande iimbono zobuxoki ngoThixo ukuze bamthabathe ngokoyika nentiyo endaweni yothando. Inkohlakalo efumaneka kwesakhe isimilo ibekwa kuMdali; iqukwe kwiinkqubo zenkolo neendlela ezixelwayo zonqulo. Ngaloo ndlela, iingqondo zabantu zimfamekile, abe uSathana ezizuza ukuba zibe zizisebenzi zakhe ekulweni noThixo. Ngeembono ezigqwethekileyo zeempawu zikaThixo, izizwe zobuhedeni zenziwa zakholelwa ukuba yimibingelelo yabantu efunekayo ukuze kuzuzwe ukuthandwa nguThixo; neenkohlakalo ezimbi ziye zandiswa phantsi kweendlela ezahlukeneyo zonqulo lwezithixo.IE18 503.2

    IBandla leRoma Katolika, ngokuhlanganisa iindidi zobuhedeni nobuKristu, nokuthi, njengobuhedeni, lisityhile gwenxa isimilo sikaThixo, liye labhenela kwizenzo ezingekho ngaphantsi ngokukhohlakala nokuthiyeka. Ngemihla yokongama kweRoma, kwakukho izixhobo zokuthuthumbisa ukunyanzelisa ukwamkelwa kweemfundiso zayo. Kwakubulawa izihlwele ngobuninzi ngendlela engasokuze yaziwe ide ityhilwe emgwebeni. Izikhulu zebandla zafunda, phantsi kukaSathana oyinkosi yazo, ukwenza eyona ntuthumbo enokwenziwa ukuba ingabuphelisi ubomi bexhoba. Kwiimeko ezininzi, indlela yentlungu yayiphindaphindwa ifike kumgangatho wokunyamezela komntu, ide ibe yindalo eyoyiswa kukuxhathisa, aze athi lowo ungcungcuthekayo akwamkele ukufa njengokukhululeka okumnandi.IE18 503.3

    Sasinjalo isiphelo sabaphikisana neRoma. Kwabo babeyinxalenye yayo, yayinesohlwayo sokubetha, nesokuyekela kwindlala, ukuvimba umzimba oko ukufaneleyo ngazo zonke iindlela ezicingekayo nezaphula intliziyo. Ukuze bazuze ukuthandwa lizulu, abo bazohlwayayo, bayophula imithetho kaThixo ngokwaphula imithetho yendalo. Bafundisa ukuba baqhawule amaqhina awenzileyo [uThixo] ukusikelela nokonwabisa ukuphambukela komntu emhlabeni. Imihlaba yeenkonzo inezigidi zamaxhoba awachitha ubomi bawo kwimizamo engamampunge ukuba oyise izinto ayezithanda ngendalo, ukucinezela, njengemkhubekisayo uThixo, yonke ingcinga nemvakalelo yovelwano namanye amaxhoba, azizidalwa ezingabazalwana kunye nawo.IE18 503.4

    Ukuba sinqwenela ukuyiqonda inkohlakalo yokuzimisela kukaSathana, ebonakaliswe amakhulu eminyaka, kungekho phakathi kwabo bangazange beva ngoThixo, kodwa kanye kwintliziyo nakububanzi bonke bobuKristu, kufuneka sikhangele nje kwimbali yobuRoma. Ngolu hlelo lukhulu kakhulu lwenkohliso, inkosi yobubi iyayiphumeza injongo yayo yokuzisa ihlazo kuThixo nosizi emntwini. Sithi ke, xa sibona indlela aphumelela ngayo ekuzifihleni nasekuwufezeni umsebenzi wakhe ngeenkokeli zebandla, sibe nokuqonda ngcono ukuba kungani ukuba ayichase kakhulu kangaka iBhayibhile. Xa ithe yafundwa la Ncwadi, inceba nothando lukaThixo lwatyhilwa, kuya kubonwa ukuba, uThixo akabeki namnye kule mithwalo inzima phezu kwabantu. Konke akucelayo yintliziyo eyaphukileyo netyumkileyo, nomoya othobekileyo, othobelayo.IE18 504.1

    UKristu akanawo umzekelo awunikayo ebomini baKhe wokuba amadoda nabafazi bazivalele kwimizi yoonongendi ukuze balungele izulu. Akazange wafundisa ukuba uthando novelwano kufuneka lucinezelwe. Intliziyo yoMsindisi iyaphuphuma luthando. Okona umntu esondele kwingqibelelo ekuziphatheni, okona ziba nenzondelelo iimvakalelo zakhe, nokona asibona sisikhulu isono sakhe, kube kukona luba nzulu uvelwano lwakhe ngababandezelweyo. UPopi uthi ungummeli kaKristu; kodwa isimilo sakhe sima njani xa sithelekiswa neso soMsindisi wethu? Ingaba uKristu wakha wabonwa efaka abantu entolongweni okanye emlilweni kuba bengamniki imbeko njengoKumkani weZulu? Ingaba lakha lavakala ilizwi laKhe ligwebela ukufa abo bangazange bamamkele? Xa wayegculelwa ngabantu belali yaseSamariya, waza umpostile uYohane, ezaliswe ngumsindo, wabuza: “Nkosi uyafuna na ukuba sitsho, kuhle umlilo ezulwini, ubatshise kuphele, njengoko noEliya wenjenjalo?” UYesu wamkhangela ngovelwano umfundi waKhe, wawukhalimela umoya wakhe obukhali, esithi: “UNyana woMntu[akaze]kutshabalalisa imiphefumlo yabantu, uze kusindisa.” Luka 9:54, 56. Indlela owahluke ngayo umoya owabonakalaliswa nguKristu kowalowo ekuthiwa ungummeli waKhe! IE18 504.2

    IBandla laseRoma ngoku liveza ubuso obuhle ehlabathini, ligquma ngezingxengxezo ingxelo yalo yezenzo ezibi zenkohlakalo. Linxibe iingubo zobuKristu; kodwa alitshintshanga. Wonke umthetho-siseko wobupopi owawukho mandulo ukho nanamhla. Iimfundiso ezacetywa ngawona maxesha amnyama zisabanjiwe. Makungabikho bazikhohlisayo. Ubupopi amaProtesanti alungele kakhulu ukubunika imbeko, busebubo obabulawula ihlabathi ngemihla yoHlaziyo, xa amadoda kaThixo asuka ema, ebeka ubomi bawo engozini, ukuba aveze ubugwenxa babo [ubupopi]. Isenekratshi [iRoma] elinye nobuganga bokuziphakamisa okwakuyenza igagamele phezu kookumkani neenkosi, ibanga amalungelo kaThixo. Umoya wayo awukho nganeno kwinkohlakalo nolawulo ngegqudu kunexesha yayinyhasha inkululeko yomntu, ibulala abangcwele bOsenyangweni.IE18 505.1

    Ubupopi buyile nto sithe isiprofeto buya kuba yiyo ngamaxesha okugqibela. 2 Tesalonika 2:3, 4. Kuyinxalenye yomgaqo wayo [iRoma] ukuveza isimilo esilunge kakhulu ukuba sifeze injongo yayo; kodwa, ngaphantsi, imbonakalo etshintshatshintshayo okolovane ifihle ukuhlungu obungatshintshiyo benyoka. “Inkolo akufuneki iyekelwe kubalahlekisi, nabantu abakrokrelwa ukuba banolahlekiso” (Lenfant, volume 1, page 516), itsho. Ingaba eli gunya, elingxelo yalo yeminyaka ibhalwe ngegazi labangcwele, lingamkelwa ngoku ukuba libe yinxalenye yebandla likaKristu?IE18 505.2

    Asikungabikho kwesizathu okwenza ukuba kwenziwe ibango kumazwe amaProtestanti okuba ubuKatolika bahluke ngokubanzi nganeno kubuprotestanti bamaxesha angaphambili. Kukho inguquko; kodwa inguquko ayikho kubupopi. UbuKatolika, ngokwenene, bufana nokuninzi kubuProtestanti okukhoyo ngoku, kuba ubuProtestanti buhle kakhulu ukususela kwimihla yoHlaziyo.IE18 505.3

    Athe amabandla obuProtestanti ngokufuna ukuthandwa lihlabathi, aphandlwa bububele obubuxoki. Akukho nto ayibonayo ngaphandle kokulungileyo kubo bonke ububi, size isiphumo esiqinisekileyo soko sibe kukuba, ekugqibeleni, aya kukholelwa ukuba, kubi konke okulungileyo. Endaweni yokuma akhusele ukholo olwathi ngaphambili, lwamkelwa ngabangcwele, ngoku, okubonakalayo, acela uxolo kwiRoma ngembono yawo angazange enza bubele ngayo, ekwacela uxolo ngeenkani zawo.IE18 505.4

    Iqela elikhulu, nakwabo bangabukhangelanga ngothando ubuRoma, bayifumana incinane ingozi yegunya nempembelelo yabo ubuRoma. Abanye bagxininisa ngelithi, ubumnyama bengqondo nokuziphatha obabukho ngamaXesha aPhakathi [Middle Ages] bakukhuthaza ukusasazwa kweemfundiso, iinkulelo, nengcinezelo zayo, nokuba ukuhlakanipha okukhulu kwale mihla, okungenakwazi jikelele, nokwanda kokukhululeka kwimicimbi yenkolo, konke kuyakwala ukuvuselelwa kokungakwazi ukunyamezela nobundlongondlongo. Kwayona nje ingcinga yokuba ingakho imeko yezinto ezinjalo kweli xesha lokhanyo, iyagculelwa. Yinyaniso ukuba ukukhanya okukhulu--ubuchopho, ukuziphatha, nenkolo,--kuyakhanya kwesi sizukulwana. Kumaphepha avuliweyo eLizwi elingcwele elibhaliweyo likaThixo, ukukhanya okuphuma ezulwini liye lakunikwa ihlabathi. Kuyafuneka kodwa ukuba kukhunjulwe ukuba, xa kunikwe ukukhanya okukhulu, buba bukhulu nobumnyama babo babugqwethayo, bangabufuni. IE18 505.5

    Ukufundwa ngomthandazo kweBhayibhile kwakuya kuwabonisa amaProtestanti esona similo sisiso sobupopi aze akhokelelwe ekubuthiyeni nasekubuphepheni; kodwa amaninzi alumke kakhulu kangaka kwikratshi lawo kangangokuba aziva engakudingi ukumfuna ngokuthobeka uThixo ukuze akhokelelwe kuyo inyaniso. Nangona ezidla ngokukhanyiselwa kwawo, awazazi iiTestamente, eNdala neNtsha, kwakunye namandla kaThixo. Kufuneka babe nendlela yokuzolisa izazela zabo, ngoku bafuna loo nto incinane ngasemoyeni nengathobeli phantsi. Into abayinqwenelayo yindlela yokulibala ngoThixo eya kuthi iphumelele njengendlela yokumkhumbula. Ubupopi bulungiselwe kakhulu ukuhlangabezana neemfuno zabo bonke aba. Bulungele iindidi ezimbini zoluntu, ezibandakanya phantse wonke umhlaba—abo banga bangasindiswa ngokwabo okuhle, nabo banga bangasindiswa besezonweni zabo. Ilapha imfihlakalo yegunya layo. IE18 506.1

    Imini yobumnyama bengqiqo enkulu iye yaboniswa ukuba iyilungele impumelelo yobupopi. Isaza kube ibonwe ukuba imini yokukhanya okukhulu kwengqondo nayo iyifanele ngokulinganayo impumelelo yayo. Kwiminyaka eyadlulayo, ngexesha abantu babengenalo ilizwi likaThixo, bengenalo nolwazi lwenyaniso, amehlo abo evaliwe, amawaka ayebanjisiwe engawuboni umnatha owandlalwe endleleni yeenyawo zawo. Kwesi isizukulwana, baninzi abamehlo abo adanyazelwa kukugqatswa kokucinga kokuqashela kwabantu, “okubizwa ngokuthi yisayensi;” abawuqondi umnatha, baze bahambe bangene lula ngokungathi badlala umehl’ akaboni. UThixo waceba ukuba amandla obuchopho bomntu aphathwe njengesipho esivela kuMenzi wakhe size sisetyenziswe kumsebenzi wenyaniso nobulungisa; kodwa kuthi kwakondliwa ikratshi nebhongo, abantu baphakamise ezabo iingcinga ngaphezu kwelizwi likaThixo, kuze kukwazi ukuhlakanipha ukwenza umonakalo okukhulu kunokungazi. Ithi, ke ngoko, isayensi ebubuxoki bemihla yangoku, ejongela phantsi ukholo oluseBhayibhileni, ibonakale iphumelela ekulungiseni indlela yokwamkelwa kobupopi, ngeemo zabo ezanelisayo, njengoko kwenziwayo ukubanjwa kolwazi okwavula indlela yokwaneliseka kwabo ubupopi ngaMaxesha obuMnyama.IE18 506.2

    Kwiintshukumo eziqhubekayo ngoku eMelika zokuzuza amaziko nokusetyenziswa kwebandla kwinkxaso karhulumente, amaProtestanti alandela emanyathelweni amapopi. Hayi, ngaphezulu, avula umnyango wokuba ubupopi buphinde buzuze kwiMelika yobuProtestanti ukongama amapopi awalahlekwa kuko kwiHlabathi eliDala. Okunika ukubaluleka okukhulu kule ntshukumo yile yokuba eyona njongo iphambili eyetyiswayo kukunyanzeliswa kokugcinwa kweCawa—isiko elazibulwa eRoma, nethi iRoma ibange ukuba lingumqondiso wegunya layo. Ngumoya wobupopi—umoya wokuhambelana namasiko ehlabathi, ukunqulwa kwezithethe zabantu ngaphezu kwemithetho kaThixo—okungena kumabandla obuProtestanti nothi uwakhokelele ekubeni enze umsebenzi ofanayo wokuphakanyiswa kweCawa, okwenziwa bubupopi ngaphambi kwawo.IE18 507.1

    Ukuze ofundayo aziqonde izenzeleli eziza kusetyenziswa kugqatso oluzayo kungekudala, kuza kufuneka alande ingxelo yeendlela iRoma eyazisebenzisayo ukufeza le njongo inye kwiminyaka eyadlulayo. Ukuze azi indlela abobupopi namaProtestanti, behlangene, abaya kubaphatha ngayo abo bala iimfundiso zabo, makawubone umoya weRoma xa wawuvezwa ngakwiSabatha nabakhuseli bayo.IE18 507.2

    Imithetho yobukumkani, amaqumrhu amaninzi, neenkonzo zebandla ezazixhaswa ligunya lomhlaba, yayingamanyathelo awathi ngawo umbhiyozo wobuhedeni wazuza indawo yembeko kwihlabathi lobuKristu. Inyathelo lokuqala lasesidlangalaleni lokunyanzeliswa kweCawa laba ngumthetho kaKonstantina (A.D. 321; bona ISIHLOMELO senqaku lephepha lama-53.) Lo mthetho wawusithi abantu basezidolophini mabaphumle “ngemini ehloniphekileyo yelanga,” kodwa ubavumela abasemaphandleni ukuba baqhubeke nemisebenzi yabo yokulima. Nangona yona yayingummiselo wobuhedeni, yanyanzeliswa ngukumkani emva kokuba amkele nje ngegama ubuKristu. IE18 507.3

    Lathi lakubonakala linganelanga igunya lobukumkani ukuma endaweni yelikaThixo, uYusebhiyo, ubhishophu owafuna ukuthandwa ziinkosi, nowayengumhlobo phofu ekwangumnyhwalazi kaKonstantina, weza nento ethi, uKristu wayisusa iSabatha wayisa kwiCawa. Akukho nesuntswana lobungqina obunye beziBhalo obakha bavezwa ukubonisa le mfundiso intsha. UYusebhiyo yena ngokwakhe, engaqondanga, uvuma ubuxoki bayo atsho alathe kwabona baqali botshintsho. “Zonke izinto,” uthi, “nokuba yayinguwuphi umsebenzi ekufuneke wenziwe ngeSabatha, zonke ezo zinto sizidlulisele kwiMini yeNkosi.”--Robert Cox, Sabbath Laws and Sabbath Duties, page 538. Kanti ke, ingxoxo yeCawa, ingenamhlaba injalo, yancedisa ekunikeni abantu isibindi sokuba banyhashe iSabatha yeNkosi. Bonke ababezama ukuhlonitshwa lihlabathi bawamkela umbhiyozo oqhelekileyo.IE18 507.4

    Bathi xa buya buqiniseka ekumiselweni ubupopi, umsebenzi wokuphakanyiswa kweCawa waqhubeka. Okwexesha elithile abantu babewenza umsebenzi wokulima xa bengayanga enkonzweni, kanti lona usuku lwesixhenxe lwaqhubeka luthatyathwa njengeSabatha. Kancinane, lwaya lusenziwa utshintsho. Abasebenza imisebenzi engcwele balelwa ukuba bagwebe nakweyiphi imbambano yoburhulumente engeCawa. Kungekudala emva koko, bonke abantu, nokuba nguwuphi umgangatho, bayalelwa ukuba bawuyekeumsebenzi wesiqhelo, bethenjiswa ngokohlwaywa ngokuhlawula ngokusebenzisa abantu abakhululekileyo, nangemivumbo ngokusebenzisa kwabo izicaka. Kamva, kwenziwa umthetho wokuba abantu abazizityebi kufuneka bohlwaywe ngokuthi balahlekwe sisiqingatha sobutyebi babo; kuthi ekugqibeleni, ukuba baseneenkani benziwe amakhoboka. Udidi oluphantsi lwaluza kugxothwa lumke lungaze lube lubuye.IE18 508.1

    Nemimangaliso kwafuneka nayo ibe negalelo. Phakathi kweminye imimangaliso, kwanikwa ingxelo yokuba, umnini-ntsimi owayesele eza kulima intsimi yakhe ngeCawa, elungisa ikhuba lakhe ngentsimbi, intsimbi leyo yasuka yanamathela ngokuqinileyo esandleni sakhe, wahamba ejikeleza nayo ilapho esandleni iminyaka emibini, “eqaqanjelwa kakhulu ekwahlazekile.”--Francis West, Historical and Practical Discourse on the Lord’s Day, page 174.IE18 508.2

    Kwathi kamva, uPopi wanika imiyalelo yokuba umbingeleli wesithili abalumkise abaphuli beCawa aze abazame ukuba baye enkonzweni bathandaze, hleze bazise intlekele enkulu phezu kwabo nabamelwane. Iqumrhu lebandla leza nengxoxo, njengoko yayikholisa ukusetyenziswa jikelele, ethi, kuba abantu babethwa ngumbane besebenza ngeCawa, inokuba iyiSabatha. “Kuyabonakala,” batsho abameli bakaPopi, “ukuba kuphezulu kangakanani ukunganeliseki kukaThixo ngokuyityeshela kwabo le mini.” Kwaya kwenziwa isibheno kubabingeleli nabafundisi, ookumkani neenkosi, nabo bonke abantu abathembekileyo ukuba “benze yonke imizamo nenkathalo abanokukwazi ukuyenza ukuba imini ibuyiselwe kwimbeko yayo, nokuba ukuze kuncedwe ubuKristu, kufuneka igcinwe ngokuzinikela okungaphezulu kwixesha elizayo.”--Thomas Morer, Discourse in Six Dialogues on the Name, Notion, and Observation of the Lord’s Day, page 271.IE18 508.3

    Kwathi kwakubonakala ukuba imithetho yamaqumrhu ayanelanga, acelwa amagunya asemhlabeni ukuba akhuphe umthetho owawuza kwenza iintliziyo zabantu zizaliswe luloyiko baze banyanzeleke ukuba bayeke ukusebenza ngeCawa. Kwisinodi esasiseRoma, zonke izigqibo zangaphambili zaqinisekiswa ngamandla nonyanzeliso ngokuphindiweyo. Zahlanganiswa kumthetho wenkonzo zaza zanyanzeliswa ngamagunya aseburhulumenteni phantse kulo lonke ilizwe lobuKristu. (Bona: Heylyn, History of the Sabbath, pt. 2, ch. 5, sec. 7.) IE18 509.1

    Ukungabikho kwegunya lesiBhalo lokugcinwa kweCawa kwakungenzi mpoxo ingakho. Abantu babezibuza ukuba ingaba iititshala zabo zazilifumana phi ilungelo lokubeka bucala isaziso sikaYehova, “Ke wona umhla wesixhenxe uyiSabatha kaYehova uThixo wakho,” ukuze bahloniphe imini yelanga. Ukunika ubungqina beBhayibhile bungekhoyo ezinye iimpendulo ezifanelekileyo zazifuneka. Umvakalisi owayenenzondelelo weCawa, owaya wathi, kufuphi nokuphela kwenkulungwane yeshumi elinambini, wahambela amabandla aseNgilane, walelwa ngamangqina enyaniso athembekileyo; ayaba nasiqhamo imizamo yakhe kangangokuba walishiya elo lizwe okwexesha elithile, wafuna into anokuyenza ukunyanzelisa iimfundiso zakhe. Wathi akubuya, wancedwa kwintswelo, waza wazuza impumelelo enkulu kumsebenzi wakhe wamva. Weza ephethe uxwebhu olusongiweyo esithi luvela kuThixo ngokwaKhe, luqulathe umyalelo okade udingwa wokugcinwa kweCawa, onezithembiso ezoyikekayo zokoyikisa abangathobeliyo. Olu xwebhu lubalulekileyo—umyelela ophantsi njengeziko olwalulixhasa--kuthiwa lwawa luphuma ezulwini lwaza lwafunyanwa eYerusalem, phezu kwesibingelelo sikaSimeon ongcwele, eGolgotha. Eyona nyaniso yeyokuba lwaluphuma wibhotwe likaPopi waseRoma. Ubuqhetseba nobuqhinga, ukuze kuhambele phambili igunya nempumelelo yebandla kuzo zonke izizukulwana bube bubonwa ngokusemthethweni kumanqwanqwa obupopi.IE18 509.2

    UXwebhu olusongwayo lwalusala ukuba kusetyenzwe ukusuka kwiyure yesithoba, eyesithathu, nasemva kwemini ngoMgqibelo, kude kuphume ilanga ngoMvulo; kwaza kwathiwa igunya lalo liqinisekiswe yimimangaliso emininzi. Kwanikwa ingxelo yokuba, abantu abasebenza ngaphaya kweyure ebekiweyo babe bethwa sisifo sokushwabana amalungu omzimba. Osila umgubo, owazama ukusila umbona, wabona, endaweni yomgubo, umsinga wegazi uphuma, laza lema ivili lelitye lokusila, nangona wona amanzi ayebaleka ngamandla. Umfazi owayebeke intlama esitovini wayifumana ikrwada xa eyikhupha, nangona isitovu sasitshisa kakhulu. Omnye owayenentlama awayeyilungisele ukuyibhaka ngentsimbi yesithoba, kodwa wazimisela ukuyibekela bucala kude kube ngoMvulo, wayifumana ngemini elandelayo, yenziwa yaziilofu ezabhakw angamandla ezulu. Indoda eyabhaka isonka emva kweyure yesithoba ngoMgqibelo yathi yakusiqhekeza ngentsasa elandelayo, saphuma igazi. Ngeentsomi ezinjalo ezingamahlazo neenkolelo, abavakalisi beCawa bazame ukumisela ubungcwele bayo. (Bona uRoger de Hoveden, Annals, vol. 2, pp. 526-530.)IE18 509.3

    EScotland, njengaseNgilane, kwazuzwa ukuhlonitshwa okukhulu kweCawa ngokuhlanganiswa kwenxalenye yayo neSabatha yakudala. Lalisahlukana lona ixesha ekwakufuneka zigcinwe ngalo. Umthetho waseScotland wathi, “uMgqibelo, ukususela ngentsimbi yeshumi elinambini emini kufuneka ubalwe ngcwele; nokuba akukho mntu, ukususela kwelo xesha kude kube ngoMvulo kusasa, umele ukwenza umsebenzi wasemhlabeni.”--Morer, pages 290, 291.IE18 510.1

    Kanti ke, nangona zonke iinzame zokumisela ubungcwele beCawa zenziwa, amapopi wona abuvuma esidlangalaleni ubungcwele begunya leSabatha, nokuvela emntwini kwesimiso esithe sabekwa endaweni yayo. Ngenkulungwane yeshumi elinesithandathu, iqumrhu lobupopi latsho ngokucacileyo ukuthi: “Onke amaKristu mawakhumbule ukuba usuku lwesixhenxe lwangcwaliswa nguThixo, lwaza lwamkelwa lwagcinwa, kungengamaYuda kuphela kodwa nangabo bonke abanye abenza ngokungathi banqula uThixo; nangona thina maKristu siyiguqule iSabatha yabo yayiMini yeNkosi.”--Morer, pages 281, 282. Abo babephazamisana nomthetho wezulu babe ngaswele lwazi ngemo yomsebenzi wabo. Babezibeka ngabom ngaphezu kukaThixo. IE18 510.2

    Umzekeliso ocacileyo wenkqubo yaseRoma ngakwabo baphikisana nayo wanikwa kwintshutshiso ende neyayiphalala igazi yamaWaldensi, amanye wawo awayegcina iSabatha. Amanye aphatheka kabuhlungu ngendlela efanayo ngenxa yokuthembeka kwawo kumthetho wesine. Imbali yamabandla aseTiyopiya naseAbhisiniya ibaluleke ngendlela eyodwa. Phakathi kobumnyama bamaXesha obuMnyama, amaKristu oMbindi Afrika alahleka akabonwa alityalwa lihlabathi, kwaba ziinkulungwane ezininzi, onwabele inkululeko yokuphila ukholo lwawo. Ekugqbeleni iRoma yeva ngobukho bawo, waza ukumkani waseAbhisiniya kwangoko wawexulwa ukuba amkele uPopi njengommeli kaKristu. Okunye ukuvuma kwalandela. Kwakhutshwa umthetho owalela ukugcinwa kweSabatha phantsi kwezohlwayo ezingqongqo. (See Michael Geddes, Church History of Ethiopia, pages 311, 312.) Sekunjalo, ubundlongondlongo bobupopi kungekudala baba yidyokhwe ekrakra kangangokuba ama-Abhisiniya azimisela ukuyaphula isuke ezintanyeni zawo. Emva kokulwa okubi, amaRoma agxothwa kwiindawo zolawulo lwama-Abhisiniya. Amabandla aphinda onwabela inkululeko yawo, awaze asilibale isifundo awasifunda ngenkohliso, ukugqithisa ngokubaxa, namandla ogonyamelo eRoma. Kobu bukumkani babumi bodwa, aneliseka ukuhlala, engaziwa kobunye ubuKristu.IE18 510.3

    Amabandla aseAfrika ayibamba iSabatha ngohlobo eyayibanjwe ngalo libandla lobupopi ngaphambi kokuba likreqe ngokupheleleyo. Ngexesha babegcina umhla wesixhenxe ngokuthobela umthetho kaThixo, babengasebenzi ngeCawa ngokuhambelana nesiko lebandla. Yathi yakuzuza igunya lokongama, iRoma yayinyathelela phantsi iSabatha kaThixo ukuze iphakamise eyayo; kodwa amabandla aseAfrika, efihlakele phantse iwaka leminyaka, awazange abe nenxaxheba kolu kreqo. Athi akulawulwa yiRoma, anyanzeleka ukuba ayibeke bucala inyaniso aphakamisa isabatha yobuxoki; kodwa athi ngako nje ukuba aziphathe, abuyela ekuwuthobeleni umthetho wesine. (Bona ISIHLOMELO.) IE18 511.1

    Ezi ngxelo zexesha eladlulayo ziveza ubutshaba beRoma ngakwiSabatha yenyaniso kunye nabakhuseli bayo, neendlela eyazisebenzisayo ukuhlonipha isimiso esenzileyo. Ilizwi likaThixo lifundisa ukuba le miboniso liza kuphindwa njengoko amaRoma Katolika namaProtestanti eza kumanyana ukuphakamisa iCawa.IE18 511.2

    Isiprofeto sesiTyhilelo 13, sixela ukuba igunya elimelwe lirhamncwa elineempondo ezifana nezemvana iza kwenza ukuba “umhlaba nabo bonke abemi kuwo” babunqule ubupopi—obufuziselwe apho lirhamncwa “elifana nehlosi.” Irhamncwa elineempondo ezimbini nalo lizakuthi “kwabo bawumiyo umhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa;” ukudlulaapho, liza kuyalela bonke, “abancinane nabakhulu, abazizityebi, nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka,” ukuba bamkele uphawu lwerhamncwa. IsiTyhilelo 13:11-16. Kuye kwaboniswa ukuba iUnited States iligunya elimelwe lirhamncwa elineempondo ezifana nezemvana; nokuba esi siprofeto siya kuzaliseka xa iUnited States iya kunyanzelisa ukugcinwa kweCawa; into ebangwa yiRoma njengokuvunywa kokongama kwayo. Kona, kule mbeko enikwa ubupopi, iUnited States ayisayi kuba yodwa. Impembelelo yeRoma kumazwe awakha abamkela ubungangamsha bayo isekude kakhulu ukuba iphele. Isiprofeto sazisa kwangaphambili ngokubuyiselwa kwegunya layo. “Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncnwa elo.” Indima 3. Ukunikwa kwenxeba elibanga ukufa kwalatha ekuweni kobupopi ngowe-1798. Emva koku, uthi umprofeti, “inxeba lalo elibanga ukufa laphiliswa. Wamangaliswa umhlaba uphela, walilandela irhamncwa.” UPawulos uxela ngokuphandle ukuba “umntu wesono” uya kuqhuba kude kube kukuza kwesibini. 2 Tesalonika 2:3-8. Koda kube sekupheleni kanye kwexesha, esenza umsebenzi wakhe wokukhohlisa. Umtyhili uthi, naye ebhekisa kubupopi, “Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama abo angabhalwanga encwadini yobomi.” IsiTyhilelo 13:8. Kuwo omabini, ilizwe eliDala neliTsha, ubupopi buya kunikwa imbeko ngokuhlonitshwa kwesimiso seCawa, okwakhelwe kwaphela phezu kwegunya leBandla laseRoma.IE18 511.3

    Ukususela kumbindi wenkulungwane yeshumi elinesithoba, abafundi besiprofeto eUnited States balinikile ihlabathi obu bungqina. Kwiziganeko ezenzeka ngoku, kuyabonakala ukuhambela phambili okuya ekuzalisekeni kwesi siprofeto. Ngokweetitshala zobuProtestanti, linye ibango legunya elingcwele lokugcinwa kweCawa, kwanokungabikho okunye kobungqina besiBhalo, njengoko kunjalo kwiinkokeli zobupopi ezayila imimangaliso ukuvala indawo yomyalelo ovela kuThixo. Ukuthi izigwebo zikaThixo ziza phezu kwabantu ngokwaphula kwabo iCawa eyisabatha, kuya kuphindwa; phofu kusele kuqaliwe ukukhuthazwa oko. Intshukumo yokunyanzeliswa kokugcinwa kweCawa kuthabatha unyawo kakhulu. IE18 512.1

    Liyamangalisa kubuqili nobuqhophololo balo iBandla laseRoma. Liya kwazi ukuyifunda into eza kwenzeka. Lilindele ixesha lalo, njengoko amabandla amaProtestanti elinika imbeko ngokwamkela isabatha yobuxoki nokuba alungiselele ukuyinyanzelisa kwangezi ndlela nalo elazisebenzisayo kwimihla eyadlulayo. Abo bakwalayo ukukhanya kwenyaniso baseza kufuna uncedo lweli gunya liziqhayisa ngokungakwazi ukwenza impazamo ukuba kuphakanyiswe isimiso esabakho kwangalo. Indlela eliya kukhawuleza ngayo ukuwanceda amaProtestanti kulo msebenzi akunzima ukuba nomfanekiso wayo. Ngubani oyazi ngcono kuneenkokeli zobupopi indlela yokuphatha abo bangalithobeliyo ibandla?IE18 512.2

    IBandla leRoma Katolika, ngamasebe ngamasebe alo kumhlaba wonke, lenza imbumba enkulu nebanzi phantsi kolawulo nokucetywa okwaneza iintando zikaPopi. Izigidi zabantu abaxhumene nalo, kuwo onke amazwe emhlabeni, zifundiswa ukuba ziziphathe njengezibotshiweyo ekwayameni kuPopi. Nokuba baloluphi uhlanga okanye urhulumente wabo, kufuneka balithabathe igunya lebandla ngokuba lingaphezulu kuwo onke amanye. Nangona benokusenza isifungo bebhambathisa ukunyaniseka kwabo esizweni, kodwa emva kuko konke oku kukho isifungo sokuthobela iRoma, nto leyo ebakhulula kuso sonke isibhambathiso esichaseneyo nokuthandwa yiRoma.IE18 513.1

    Imbali iyabungqina ubuchule nokuzingisa kwamalinge ayo okuzifaka kwimicimbi yezizwe; nokuthi, yakuba ifumene indawo yokuxhathisa, ikhulise ezayo iinjongo, nokuba oko kuthetha ukufa kwenkosi nabantu. Ngomnyaka we-1204, uPopi Innocent III wacaphula kuPetros II, ukumkani waseArragon, isifungo esikhetheke ngendlela eyodwa: “Mna Petros, ukumkani wama-Arragon, ndivuma ndithembisa ukuba ndiya kuhlala ndithembekile ndithobela inkosi yam, uPopi Innocent nabaya kuza emva kwakhe beKatolika, nakwiBandla laseRoma, ndibugcine ngokuthembeka ubukumkani bam ngokuthobela yena, ndiyikhusele inkolo yeKatolika, ndiyitshutshise inkohlakalo elahlekisayo.”--John Dowling, The History of Romanism, b. 5, ch. 6, sec. 55. Oku kuhambelana namabango angegunya likaPopi waseRoma okuba “kusemthethweni kuye ukususa ezihlalweni ookumkani” nokuba “unako ukubakhulula abaphethweyo ekuthobeleni abaphathi abangenabulungisa.”--Mosheim, b. 3, cent. 11, pt. 2, ch. 2, sec. 9, note 17. (Bona nakwiSIHLOMELO inqaku lephepha lama-447.)IE18 513.2

    Makukhunjulwe, kukuqhayisa kweRoma ukuba ayisokuze iguquke. Imithetho-siseko kaGregory VII noInnocent III ise yimithetho-siseko yeRoma Katolika. Kanti ke, ukuba belinegunya, belingayibeka ukuba isebenze ngamandla amakhulu ngoku njengexesha leenkulungwane ezadlulayo. AmaProtestanti ayiqonda kancinane kakhulu into ayenzayo xa eceba ukwamkela uncedo lweRoma emsebenzini wokuphakamisa iCawa. Ngeli xesha ezimisele ukuphumelelisa injongo yawo, iRoma yona ijonge ukuphinda imisele igunya layo, ibuyisele ukongama kwayo okwalahlekayo. Mawumiselwe nje kube kanye umthetho-siseko eUnited States ukuze ibandla lisebenzise okanye lilawule igunya lesizwe; ukuze ukugcinwa kwenkolo kunyanzeliswe yimithetho yelizwe; ngokufutshane, ukuze igunya lebandla nelesizwe longame phezu kwesazela, uloyiso lweRoma kweli lizwe luya kuqiniseka.IE18 513.3

    Ilizwi likaThixo linike isilumkiso ngengozi ejingayo; masingathotyelwa nje, amaProtestanti aya kuzifunda ukuba ziyintoni kanye iinjongo zeRoma, kodwa sekusemva kakhulu ukuba asinde kumgibe wayo. Ikhula ithe cwaka ukuba ibe segunyeni. Iimfundiso zayo zingenisa impembelelo zayo kumagumbi olawulo, emabandleni, nasezintliziyweni zabantu. Ifumba izakhiwo eziphakamileyo nezikhulu kwiindawo ezifihlakeleyo apho iintshutshiso zangaphambili ziya kuphindwa khona. Ngokuchwechwayo nokungalindelekanga, iqinisa imikhosi yayo ukuba ifezekise iinjongo zayo lakuba lifikile ixesha lokuba ihlasele. Into enye eyifunayo ngumhlaba olungileyo, kwaye oku sekuqaliwe ukuyinika. Kungekudala, siza kuyibona siyive ukuba iyintoni injongo yoqhwithelo lweRoma. Wonke oya kulikholelwa alithobele ilizwi likaThixo, uya kuthi ngalo azibizele ingcikivo nentshutshiso. IE18 514.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents