Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    20—Ukuvuselelwa okukhulu konqulo

    Ukuvuselelwa okukhulu konqulo phantsi kokuvakaliswa kokuza kukaKristu okumsinya kuxelwe kwangaphambili kwisiprofeto sesigidimi sesithunywa sokuqala sesiTyhilelo 14. Isithunywa sibonwa siphaphazela “esazulwini samazulu, sineendaba ezilungileyo ezingunaphakade, ukuba sizishumayele kwabo bemiyo phezu komhlaba, nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu.” “Ngezwi elikhulu” sivakalisa isigidimi: “Moyikeni uThixo, nimzukise; ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe; nimnqule lowo wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nemithombo yamanzi.” Iindima 6, 7.IE18 320.1

    Inyaniso yokuba esi sithunywa kuthiwa siso esiza kuvakalisa isilumkiso ibalulekile. Ngobunyulu, ngobuqaqawuli, nangamandla omthunywa wezulu, ubulumko bezulu buye baneliseka ukuba bumele ubume obuphakamileyo bomsebenzi oza kwenziwa sisigidimi nangamandla obuqaqawuli obabuhamba naso. Ukuphaphazela kwesithunywa “esazulwini samazulu,” “ilizwi elikhulu” esinika ngalo isilumkiso, nokwaziswa kubo bonke “abemiyo phezu komhlaba,“—“nakwiintlanga zonke, nezizwe, neelwimi, nabantu,“—kuveza ukukhawuleza nokufikelela kububanzi bomhlaba kwentshukumo.IE18 320.2

    Isigidimi sona ngokwaso sinika ukukhanya ngokwexesha xa le ntshukumo iza kwenzeka. Kuthiwa siyinxalenye “yegospile engunaphakade;” kwaye sivakalisa ukuqala komgwebo. Isigidimi sosindiso sibe sishunyayelwa kuzo zonke izizukulwana; kodwa esi isigidimi siyinxalenye yeendaba ezilungileyo ezinokuvakaliswa kuphela ngemihla yokugqibela, kuba kungelo xesha kuphela ekuya kuba yinyaniso ukuba iyure yokugweba ifikile. Iziprofeto zinika ukulandelelana kweziganeko ezihla ziyokufikelela ekuqaleni komgwebo. Oku kubonakala ngendlela eyodwa kwincwadi kaDaniyeli. Yona loo ndawo yesiprofeto ehlangana nemihla yokugqibela, wayalelwa uDaniyeli ukuba ayivale ayitywine “kude kube lixesha lokuphela.” Siya kude sifike kweli xesha size isigidimi esingomgwebo sivakaliswe, sakhelwe phezu kokuzaliseka kwezi ziprofeto. Kuya kuthi ekupheleni kwexesha, uthi umprofeti, “baninzi abaya kuhla benyuka [KJV] abaya kuyiphengulula [IBHALO EZINGCWELE] kwandiswe ukwazi.” Daniyeli 12:4. IE18 320.3

    Umpostile uPawulos ulumkisa ibandla ukuba lingalindeli ukuza kukaKristu ngemihla yakhe. “Kaloku loo Mini [iMini yeNkosi] ayinako ukufika,” utsho, “lungakhange lubekho uvukelo-mbuso lokugqibela, andule ke ukucaca umchasi-mthetho.” 2 Tesalonika 2:3, IBHAYIBHILE. Kuya kuba semva kokreqo olukhulu, emva kwexesha elide lolawulo “[lo]mntu wesono,” esinokuthi silindele ukufika kweNkosi yethu. “Umntu wesono,” ekukwathiwa “yimfihlelo yobugwenxa,” “unyana wentshabalalo,” “lowo ukhohlakeleyo,” umele ubupopi, obubuzakuthi, njengoko kuxelwe kwangaphambili esiprofetweni, bugcine ukongama iminyaka eli-1260. Eli xesha laphela ngowe-1798. Ukuza kukaKristu kwakungenako ukwenzeka ngaphambi kweli xesha. UPawulos uquka ngobuchule bakhe lonke ixesha lobuKristu ukuya kufikelela kowe-1798. Kukweli cala [lasemva kwelo] xesha esithi isigidimi sokuza kwesibini kukaKristu kufuneke sivakaliswe.IE18 321.1

    Asikho isigidimi esinjalo esakha sanikwa kwizizukulwana ezadlulayo. UPawulos, njengoko sibonileyo, akazange asishumayele; wakhombisa abazalwana bakhe kwixesha, ngokwangoko, elalikude ngaphambili lokuza kweNkosi. AbaHlaziyi abazange basivakalise. UMartin Lutere wawubeka umgwebo kwisithuba samakhulu amathathu eminyaka kwixesha elizayo ukusuka kwimihla yakhe. Ngoko ke, ukususela kowe-1798, incwadi kaDaniyeli iye yavulwa amatywina, ukwaziwa kweziprofeto kwanda, baba baninzi abasivakalisa isigidimi esinendili somgwebo okufutshane.IE18 321.2

    NjengabaHlaziyi abakhulu benkulungwane yeshumi elinesithandathu, intshukumo yokufika [kukaYesu] yavela kumazwe awahlukeneyo obuKristu ngexesha elinye. KwiYurophu neMelika amadoda okholo nokuthandaza akhokelelwa ukuba afunde iziprofeto, aza, ngokulanda iingxelo ephefumlelweyo, abona ubungqina oboyisayo bokuba ixesha lokuphela kwazo zonke izinto lisondele. Kumazwe awahlukeneyo kwakukho amaqela amaKristu awathi, ngokufunda iziBhalo kuphela, afikelela kwinkolo yokuba ukufika koMsindisi kukufuphi.IE18 321.3

    Ngomnyaka we-1821, iminyaka emithathu emva kokuba uMiller, ekucazululeni kwakhe iziprofeto ezalatha kwixesha lomgwebo, uDr. Joseph Wolff, “umvangeli othunywe emhlabeni,” waqala ukuvakalisa ukubuya kweNkosi okukhawulezileyo. UWolff wayezalelwe eJamani, eyinzala yamaHebhere, oyise waye ngurabhi womYuda. Ngexesha esemncinane, woyisakala yinyaniso yobuKristu. Eyindoda enengqondo ekhutheleyo, efuna ukuqonda, wayesoloko engumntu ophulaphula ngenyameko kwiincoko ezazibakho kwikhaya lakhe njengoko amaHebhere azinikeleyo ayehlangana mihla le ebalisa ngamathemba nokulindelwe ngabantu bawo, ubuqaqawuli boMesiya ozayo, nokubuyiselwa kukaIsrayeli. Ngenye imini, esiva kukhankanywa uYesu waseNazarete, le ntwana yabuza ukuba wayengubani. “UmYuda owayenetalente ezinkulu kakhulu,” yatsho impendulo; “kodwa njengoko wayezenza uMesiya, inkundla yamatyala yamaYuda yamgwebela ukufa.” “Kwathini,” esongeza obebuza, “ukuze itshatyalaliswe iYerusalem, kutheni thina sisekuthinjweni nje?” “Usizi olukhulu!” waphendula uyise, “ngokuba amaYuda abulala abaprofeti.” Kwabakho ingcinga kwangoko kulo mntwana: “Mhlawumbi uYesu wayengumprofeti, aza amaYuda ambulala emsulwa.”-- Travels and Adventures of the Rev. Joseph Wolff, vol. 1, p. 6. Yaba njalo ukuqina le mvakalelo, wathi, nangona walelwa ukuba angene kwibandla lobuKristu, wamana ejikeleza ngaphandle aphulaphule intshumayelo.IE18 321.4

    Uthe eneminyaka esixhenxe kuphela ubudala, waqhayisela ummelwane osele egugile ongumKristu ngoloyiso oluzayo lukaIsrayeli ekufikeni kukaMesiya. Yathi indoda enkulu, “Mntwana wam, ndiza kukuxelela ukuba oyenaMesiyawayengubani: WayenguYesu waseNazarete, . . . owabethelelwa emnqwamlezweni ngooyihlomkhulu, njengoko babesenjenjalo kubaprofeti bakudala. Yiya ekhaya ufunde isahluko sama-53 sikaIsaya, apho uya kuqonda ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.”-- Travels and Adventures of the Rev. Joseph Wolff, vol. 1, p. 7. Ingqondo yabetheleleka kwangoko kuye. Wagoduka wayakufunda isiBhalo, efuna ukuqonda indlela esithi ngingci ngayo kuYesu waseNazarete. Ingaba la mazwi omKristu ayinyaniso? Le ntwana yafuna inkcazelo yesiprofeto kuyise, kodwa uyise wathula wanga ufile, ukuba engazanga waphinda wathetha ngawo lo mcimbi. Oku, phofu, kwaya kukhulisa ulangazelelo kule ntwana lokwazi ngakumbi ngenkolo yobuKristu. IE18 322.1

    Ukwazi eyayikufuna kwakufihlwe ngocoselelo olukhulu kuye kwikhaya lobuYuda; kodwa wathi eneshumi elinanye ubudala kuphela, walishiya ikhaya likayise waya ehlabathini ukuya kuzizuzela imfundo, azikhethele inkolo yakhe nomsebenzi wokuziphilela. Wafumana ikhaya okwethutyana kwisizalwana, kodwa wagxothwa kwangoko njengomkreqi, waza wathi, eyedwa, engenamali ngokupheleleyo, kwafuneka aphile phakathi kwabasemzini. Wehla enyuka, efunda ngenkuthalo ezixhasa ngokufundisa isiHebhere. Ngempembelelo yetitshala engumKatolika, wazifumana esamkela inkolo yobuRoma waza wenza isigqibo sokuba ngumvangeli kubantu bakubo. Ngale njongo, kwiminyaka embalwa kamva, ukuqhubeka nezifundo zakhe kwi College of the Propagand a eRoma. Apha, isiqhelo sokungaxhomekeki nentetho ephandle samzisela ukubalelwa njengomlahlekisi. Wakuhlasela ngokuphandle ukusetyenza gwenxa kwebandla wakhuthaza ukudingeka kohlaziyo. Nangona ekuqaleni wayephethwe ngothando olukhethekileyo zizikhulu zobupopi, kamva wasuswa eRoma. Eqatshelwe ngolokhozi libandla, wahla enyuka, kwada kwacaca ukuba akasokuze aphinde aziyekele kubukhoboka bobuRoma. Kwathiwa akalungiseki waza wayekwa ukuba aye apho athandayo. Ngeli xesha waya eNgilane waza wathi, esithi ungowenkolo yobuProtestanti, wazimanya neBandla laseNgilane [iTshetshi]. Emva kweminyaka emibini, waphuma, ngowe-1821, esiya kwenza umsebenzi awuthunyiweyo.IE18 322.2

    Ngexesha uWolff esamkela inyaniso enkulu yokufika kukaKristu kokuqala njengendoda “enomvandekwa eqhelene nesifo,” wabona ukuba iziprofeto zikwaveza ngokucacileyo ukufika kwaKhe kwesibini enegunya nobuqaqawuli. Waya wathi ngeli xesha ezama ukukhokelela abantu bakhe kuYesu waseNazarete njengOwayesisithembiso, nokubalathisa ekuzeni kwaKhe kokuqala okwakuthobekile engumbingelelo wezono zabantu, wabafundisa nangokuza kwaKhe kwesibini engukumkani nomhlanguli.IE18 323.1

    “UYesu waseNazarete, uMesiya oyinyaniso,” watsho, “ozandla zaKhe neenyawo zaKhe zagqojozwayo, waziswa phambi kwabaxheli njengemvana, owayeyiNdoda enomvandedwa, eqhelene nezifo, owathi emva kwentonga yokulawula wasuswa kwaYuda, negunya lokuphatha phakathi kweenyawo zaKhe, weza okokuqala; uza kuza okwesibini ngamafu ezulu, nexilongo lesiphatha-zithunywa” (Joseph Wolff, Researches and Missionary Labors, page 62) “aze ame phezu kweNtaba yemiNquma; nokuba ubukumkani, obabunikwe uAdam kuqala phezu kwendalo, waza wabulahla (Genesis 1:26; 3:17), bunikelwe kuYesu. Uza kuba ngukumkani phezu kwawo wonke umhlaba. Izincwino nezililo zendalo ziya kuphela, kodwa iingoma zokudumisa nokubulela ziya kuvakala. . . . Xa uYesu esiza esebuqaqawulini bukaYise, enezithunywa ezingcwele, . . . amakholwa afileyo aya kuvuka kuqala. 1 Tesalonika 4:16; 1 Korinte 15:32. Yinto le thina maKristu esiyibiza ngokuthi luvuko lokuqala. Ngelo xesha, ubukumkani bobulwanyana buya kuyiguqula indalo yabo (Isaya 11:6-9), bunikelwe kulawulo lukaYesu. INdumiso 8. Kuya kulawula uxolo kwindalo yonke.”-- Journal of the Rev. Joseph Wolff, pages 378, 379. “INkosi iya kuwukhangela umhlaba, ithi, ‘Nanko, kulunge kunene.’”-- Joseph Wolff, Researches and Missionary Labors, page 294.IE18 323.2

    UWolff wakholelwa ukuba ukuza kweNkosi kusondele, ukuchaza kwakhe ixesha lesiprofeto kwakubeka ukwenzeka okukhulu kwisithuba seminyaka embalwa kakhulu kwixesha elalalathwe nguMiller. Kwabo babethabatha esiBhalweni, “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa,” into yokuba abantu abayi kwazi nto ngokuba kufutshane kokufika, uWolffwaphendula: IngabaiNkosi yethuyathi loomininelixa azisokuze zaziwe? Ayizange isinike na imiqondiso yexesha, ukuze sikwazi ukwazi oku kokusondela kwayo, njengoko ubani ekwazi ukusondela kwehlobo ngokuthi umthi wekhiwane uhlume amagqabi wawo? Mateyu 24:32. Ingaba asisokuze sazi ukuba elo xesha, ngoku Yena ngokwaKhe esiyalele, kunganguDaniyeli umprofeti kuphela, apho kuthiwa amazwi avalelwe kude kube lixesha lesiphelo (nto leyo eyayinjalo ngexesha lakhe), ‘ukwazi’ (ngelo xesha) ‘kuya kwanda.’ Daniyeli 12:4. Ngaphandle koku, iNkosi yethu ayithethi ukuthi, ukufika kwexesha akusayi kwaziwa, kodwa ‘Akukho bani uwazi nqo loo mhla nelo lixa.’ Kwanele, uthi liya kwaziwa ngemiqondiso yamaxesha, ukusikhuthaza ukuba silungiselele ukuza kwaKhe, njengoko uNowa walungisa umkhombe.”--Wolff, Researches and Missionary Labors, pages 404, 405.IE18 324.1

    Ngokohlelo oluqhelekileyo lokuchaza, okanye lokuphuma ecaleni ekuchazeni, iziBhalo, uWolff wabhala wathi: “Iqela elikhulu libandla lobuKristu eliye laphepha kwimo egudileyo yesiBhalo, laya kwizinto ezingekhoyo zobuBhuddah, ebantu bayo bakholelwa ukuba ulonwabo loluntu lwexesha elizayo luya kuba sekuzulazuleni emoyeni, baze bathi xa befunda ngamaYuda kufuneke bazi iiNtlanga; bathi xa befunda iYerusalem, kufuneka bazi ibandla; naxa bathi mhlaba, bathetha isibhakabhaka; ngokubuya kweNkosi kufuneka baqonde ngenkqubela yamaqumrhu ovangelo; ukunyuka intaba yendlu yeNkosi, kuthetha ngodidi olukhulu lwentlangano yamaMethodists.”-- Journal of the Rev. Joseph Wolff, page 96.IE18 324.2

    Ngexesha lama-24 leminyaka ukusuka kowe-1821 ukuya kowe-1845, uWolff walikhenketha kakhulu ilizwe: eAfrika: waya, eYiputa, naseAbisiniya; EAsiya: wacanda iPalestina, iSiriya, iPersi, iBokhara, neIndiya. Waya naseUnited States, ekuhambo oluya kushumayela kwisiqithi iSt Helena. Wafika eNew York ngoAgasti, 1837; wathi emva kokubaethethe kweso sixeko, washumayela eFiladelfi naseBhaltimo, Ekugqibeleni wadlulela eWashington. Apha, uthi, “ngesindululo esenziwa ngowayesakuba nguMongameli, uJohn Quincy Adams, kwenye yezindlu zowiso-mthetho, iNdlu yavumelana ngalinye ukundinika imvume IE18 324.3

    yokusebenzisa iholo yayo ukuba ndiqhube isifundo, endasinika ngoMgqibelo, esasinikwe intlonipho bubukho bukabhishophu waseVirginia, nabafundisi nabahlali baseWashington. Kwayona loo mbeko ndayinikwa ngamalungu karhulumene waseNew Jersey nasePennsylvania, endathi khona ndanika izifundo ngophando endalwenza eAsiya, nangolawulo lukaYesu Kristu ngokwaKhe.”-- Journal of the Rev. Joseph Wolff, pages 398, 399.IE18 325.1

    UDr. Wolff wahamba kumazwe aliqela amaBharibhari engenalo ukhuselo lwalo naliphi igunya kwawaseYurophu, enyamezele ubunzima obuninzi ekwajikelezwe ziingozi ezingenako ukubalwa. Wabethwa, walamba, wathengiswa njengekhoboka, kwaba kathathu egwetyelwa ukufa. Wayerhangqwe ngamasela, ngamanye amaxesha aphantse ukubulawa lunxano. Ngelinye ixesha wahluthwa yonke into anayo washiywa ukuba ahambe amakhulu eemayile ngenyawo, eqabela iintaba, ikhephu limbetha ebusweni, zome iinyawo ezingenazo nezihlangu kumhlaba obandayo. IE18 325.2

    Wathi akulunyukiswa ngokuhamba engaxhobanga phakathi kwabantu abanobungcwangu neentlanga ezindlongondlongo wathi, yena “unazo izixhobo,“—“Umthandazo, ubushushu ngoKristu, nokuthemba uncedo lwaKhe.” “Ndikwanikwe nothando lukaThixo nabamelwane bam entliziyweni yam, neBhayibhile esandleni sam.”--W.H.D. Adams, In Perils Oft, page 192. IBhayibhile yesiHebhere nesiNgesi awayeyiphatha yayihlala ikuye kuyo yonke indawo akuyo. Ethetha ngolunye lwehambo zakhe zokugqibela, uthi: “Ndayigcina ndiyivulile iBhayibhile esandleni sam. Ndeva ukuba amandla am aseNcwadini, nokuba amandla ayo anokundixhasa.”-- W.H.D. Adams, In Perils Oft, page 201.IE18 325.3

    Wazingisa njalo nomsebenzi wakhe sada saba isigidimi somgwebo sisiwe kwindawo enkulu yelimiweyo. Phakathi kwamaYuda, amaTurk, amaParsi, amaHindu, nezinye izizwe neentlanga walisasaza ilizwi likaThixo ngezi lwimi zahlukeneyo nakuyo yonke indawo waluvakalisa ulawulo oluzayo lukaMesiya.IE18 325.4

    Kwiihambo zakhe eBokhara wayifumana imfundiso yokuza okumsinya kweNkosikubanjwe ngabantu abathegeqe bebodwa. Ama-Arabhu aseYemen, uthi, “anencwadi ekuthiwa nguSeera, eyazisa ngokuza kwesibini kukaKristu nolawulo lwaKhe esebuqaqawulini; baye belindele ukwenzeka kweziganeko ezikhulu ngowe-1840.”-- Journal of the Rev. Joseph Wolff, page 377. “EYemen . . . ndachitha iintsuku ezintandathu nenzala kaRechab. Abaseli wayini, abalimi zidiliya, abahlwayeli zimbewu, baphila ezintenteni, bakhumbula unyana uJonadabhi wakudala, unyana kaRechab; ndafumana kwelo qela inzala kaIsrayeli, bohlanga lukaDan, . . . abalindele, bekunye nenzala kaRechab, ukufika okukhawulezileyo kukaMesiya ngamafu ezulu.”-- Journal of the Rev. Joseph Wolff, page 389. IE18 325.5

    Inkolo efana naleyo yafunyanwa ngomnye umvangeli ukuba ikho eTataryi. Umbingeleli ongumTatar wabuza kumvangeli ukuba uya kuza nini uKristu okwesibini. Wathi umvangeli akuphendula ngelithi akazi nto ngaloo nto, umbingeleli wabonakala emangalisiwe kukungazi okunjalo kumntu ozibiza ngokuba uyititshala yeBhayibhile, waza waxela eyakhe inkolo yokuba uKristu uza kuza ngesithuba somnyaka we-1844, emiliselwe kwisiprofeto.IE18 326.1

    Kwangaphambili ngexesha lowe-1826, isigidimi sokufika [kukaYesu] saqala ukushunyayelwa eNgilane. Intshukumo apha ayizange ithabathe imo eqinisekileyo njengaseMelika; ixesha elililo lokufika lalingeyo nto efundiswayo, kodwa yona inyaniso enkulu yokuza kukaKristu esemandleni nasebuqaqawulini yayivakaliswa ngokubanzi. Oku kwakungenzeki kuphela phakathi kwabakreqi okanye kwabangavumelaniyo nemeko eyayikho. UMourant Brock, umbhali wamaNgesi, uthi, abafundisi abakwisithuba samashumi asixhenxe bebandla laseTshetshi (Church of England) babexakekile beshumayela “ezi ndaba zilungileyo zobukumkanii.” Isigidimi esasisalatha kumnyaka we-1844 njengexesha lokuza kweNkosi sasikwashunyayelwa eGreat Britain. Uncwadi lokuBuya lwaluphuma eMelika lusasazwe jikelele. Iincwadi namamphepha ayephindwa eNgilane. Ngowe-1842, uRobert Winter, iNgesi ngokuzalwa, owamkela inkolo yokufika [kwesibini] eMelika, wabuyela kwelokuzalwa ukuya kuvakalisa ukuza kweNkosi. Bababaninzi abazimanya naye kulo msebenzi, saza isigidimi somgwebo savakaliswa kwiindawo ezahluka-hlukeneyo zaseNgilane.IE18 326.2

    KwiMelika eseZantsi, phakathi kobubharibhari nobugcisa bobubingeleli, uLacunza, inzalelwane yaseSpain nongumJesuit, wakwazi ukuzifumana iziBhalo waza wayamkela inyaniso engokubuya okukhawulezileyo kukaKristu. Etshiseka ukuba asinike isiyalo, kodwa enga angasinda ekungxolisweni yiRoma, wazipapasha iimbono zakhe phantsi kwegama azinike lona, u“Rabbi Ben-Ezra,” ezibeka njengomYuda oguqukileyo. ULacunza wayephila ngenkulungwane yeshumi elinesibhozo, kodwa kwaba ngesithuba sowe-1825 ekwathi, yakuba ifunyenwe incwadi yakhe ikwindlela eya eLondon, yaguqulelwa esiNgesini. Ukusasazwa kwayo kwanceda ukukhulisa umdla owawusele uvuka eNgilane kumba wokubuya kwesibini. EJamani, imfundiso yayifundiswe ngenkulungwane yeshumi elinesibhozo nguBengel, umfundisi weBandla lamaLutere nowayesaziwa njengenzululwazi nomcazululi weziBhalo. Wathi akuba eyigqibile imfundo yakhe, uBengel “wazinikela ekufundeni izifundo zokwazi ngoThixo, eyayikekelele kuzo ingqondo yakhe. Wayengumntu onengqondo enzulu nethanda inkolo, neyazinziswa yingqeqesho nokululekwa kwasebutsheni bakhe. Njengamanye amadodana asebenzisa ingqondo, ngaphambi nangexesha kwakufuneka azamane neentandabuzo nobunzima obunemo yenkolo, athi abe nemvakalelo enzulu xa athetha ngayo loo meko, ‘iintolo ezininzi ezaluhlabayo usizi lwentliziyo, zenza kwaba nzima ukuba abunyamezele ubomi bobutsha bakhe.’” Wathi akuba lilungu lequmrhu likapopi laseWurttemberg, waxhasa umsebenzi wenkululeko yenkolo. “Nangona wayegcine amalungelo namathuba ebandla, wayekwaxhasa ukuba wonke umntu ayifumane inkululeko efanelekileyo enikwa bonke abo babeziva bebophelelekile, ngenxa yesazela, ukuba barhoxe kubudlelwane nalo.”-- Encyclopaedia Britannica, 9th ed., art. “Bengel.” Ifuthe elihle ngalo mgaqo usavakala kummandla wakubo.IE18 326.3

    Kwakungexesha elungisa intshumayelo yeCawa yeAdvent ekwisiTyhilelo 21, ekwathi ukukhanya kokuza kwesibini kukaKristu kwathi qheke engqondweni kaBengel. Iziprofeto zesiTyhilelo zasombuluka kwingqiqo ngaphezu kokuba zakha zanjalo ngaphambili. Onganyelwe yingqondo yokubaluleka okukhulu nobuqaqawuli obudlulisileyo bemiboniso ebekwe ngumprofeti, wanyanzeleka ukuba akhe ayeke kancinane ukucamngca ngawo lo mba. Uthe eseqongeni, waphinda kwakhona wavela kuye ngokucace kakhulu nangamandla. Ukususela ngelo xesha, wazinikela ekubeni azifunde iziprofeto ngakumbi ezo zeziganeko zokugqibela, waza wakhawuleza ukufikelela kwinkolo yokuba zazisalatha ekuzeni kukaKristu okukufuphi. Umhla owawumisiwe njengexesha lokuza kwesibini, wawukwisithuba seminyaka embalwa kakhulu kuleyo yathi yamiswa nguMiller emva koko.IE18 327.1

    Awakubhalayo uBengel kwasasazwa kubo bonke ubuKristu. Iimbono zakhe zesiprofeto zamkeleka jikelele kwindawo yakubo eWurttemberg, nakakhulu kwezinye iindawo zeJamani. Intshukumo yaqhubeka nasemva kokuba efile, saza isigidimi sokufika saviwa yiJamani kwangexesha elinye esasitsala unandipho kwezinye iindawo. Ngasekuqaleni amanye amakholwa aya eRashiya enza amathanga khona, yaba inkolo yokuza okumsinyane kukaKristu isabanjiwe ngamabandla amaJamani kwelo lizwe.IE18 327.2

    Ukukhanya kwakhanya naseFrance naseSwitzerland. EGeneva apho uFarl noCalvin basasaza khona inyaniso yoHlaziyo, uGaussen wasishumayela isigidimi sokufika kwesibini. Ngexesha wayengumfundi esikolweni, uGaussen wahlangana nomoya wokwenza ngokwesiqhelo owawungene kuyo yonke iYurophu ngexesha lesiphelo senkulungwane yeshumi elinesibhozo nasekuqaleni kwelandelayo; wathi akungena ebufundisini akanela nje ukungazi ngenkolo eyinyaniso, kodwa wanento yokuba nentandabuzo. Esemtsha, wayetsalwe umdla zizifundo zesiprofeto. Emva kokuba efunde incwadi yembali kaRollin, iAncient History, ingqondo yakhe yatsalelwa kwisahluko sesibini sikaDaniyeli, waza wabethwa kukuchaneka okuchanekileyo kokuzaliseka kwesiprofeto, njengoko sikho kwingxelo yombhali wembali. Apha kwakukho ubungqina bokuphefumlelwa kweziBhalo obaba yiankile kuye phakathi kweengozi zeminyaka yamva. Wayengakwazi ukuhlala onwabe aneliswe ziimfundiso zesiqhelo, waza wathi ekufundeni kwakhe iBhayibhile ephengulula efuna ukukhanya okungaphezulu, emva kwexesha, wafumana ukholo olufanelekileyo.IE18 327.3

    Xa wayesenza uphengululo lwakhe lweziprofeto, wafikelela kwinkolo yokuba ukuza kweNkosi kukufuphi. Ethabathekile kukuba nendili nokubaluleka kwale nyaniso inkulu, wanqwenela ukunga angayizisa phambi kwabantu; kodwa inkolo eyayiqhelekile yeyokuba iziprofeto zikaDaniyeli ziziimfihlelo ezingeke ziqondwe yayingumqobo omkhulu endleleni yakhe. Ekugqibeleni, wazimisela—njengoko wenzayo uFarel phambi kwakhe ekuvangeleni iGeneva—waqala ngabantwana, awayethemba ukuzuza abazali ngabo.IE18 328.1

    “Ndilangazelela ukuba oku kungaqondwa,” watsho kamva, ethetha ngenjongo yakhe kulo msebenzi, “akungokuba kubaluleke kancinane, kodwa ngenye indlela, kungokuba kunexabiso elikhulu, le nto ndikubeka oku ngendlela eqhelekileyo, nokuba ndibe ndikuxela ebantwaneni. Ndinqwenele ukuba ndingaviwa, ndaza ndanoloyiko andiyi kuviwa ukuba ndikuthethe ngokwam kubantu abadala kuqala.” “Ndiye ndazimisela, ke ngoko, ukuba ndiye kwabona bancinane. Ndiqokelela abaphulaphuli abangabantwana; ukuba liye lakhula iqela, ukuba kuyabonakala ukuba bayaphulaphula, baneliseka, banomdla, nokuba bayaqonda bawuchaze umxholo, ndiqinisekile ngokuba ndiya kuba neqela lesibini kungekudala, kuze kuthi ngexesha labo, abantu abadala babone ukuba kufanelekile ukuba nabo bahlale phantsi bafunde. Xa kuthe oku kwenzeka, umsebenzi wenziwe.”--L. Gaussen, Daniel the Prophet, vol. 2, Preface.IE18 328.2

    Ilinge laba nempumelelo. Ngexesha ethetha nabantwana, abantu abadala beza baphulaphula. Iindawo eziphezulu zenkonzo yakhe zazizele ngabazokuphulaphula. Phakathi kwabo kwakukho amadoda ezikhundla eziphezulu nafundileyo, nabahambi nabasemzini abatyelele iGeneva; ngaloo ndlela saba isigidimi sithwalelwa nakwezinye iindawo. IE18 328.3

    Ngokukhuthazwa yile mpumelelo, uGaussen wazipapasha izifundo zakhe, ngethemba lokukhuthaza ukufundwa kweencwadi zesiprofeto emabandleni abantu abantetho yabo isisiFrentshi. “Ukupapasha imfundiso enikwe ebantwaneni,” uthi uGaussen, “kukuthi kubantu abadala, abaye nabo bangazihoyi iincwadi ezinjalo ngelithi zisithele, ‘Zingathini ukusithela babe abantwana benu bona beziqonda?’” “Ndandinomnqweno omkhulu,” uyongeza, “wokunika ukwaziwa kweziprofeto ukuba kuqheleke kwimihlambi yethu, ukuba kunokenzeka.” “Asikho isifundo, ngokwenene, ngokwam ukubona, esinika ngcono iimpendulo kwizidingo zeli xesha.” “Yindlela le esingathi silungiselele ngayo imbandezelo ekufutshane, size simlindele simkhangele uYesu Kristu.” IE18 329.1

    Nangona wayengoyena ugqamileyo nothandwayo kubashumayeli bolwimi lwesiFrentshi, uGaussen, emva kwexesha wamiswa ebufundisini, ityala lakhe elikhulu ikukuthi, endaweni yekhathekisim yebandla, isikhokelo esithobileyo nesithetha ngokwesiqhelo, nesiphantse asabinayo inkolo etsolileyo, yena wasebenzisa iBhayibhile efundisa ngayo ulutsha. Emva koko waba yititshala kwisikolo sezifundo zokwazi ngoThixo, lo gama ngeCawa wayeqhubeka nomsebenzi wakhe wokufundisa ikhathekisim, ethetha nabantwana ebafundisa ngeziBhalo. Imisebenzi yakhe ngesiprofeto nayo yavusa umdla omkhulu. Ukususela kwisihlalo sikaprofesa, kuse kushicilelo, nakumsebenzi wakhe awuthandayo wokuba yititshala yabantwana, waqhubeka iminyaka emininzi efaka impembelelo eninzi waba sisixhobo ekutsaleleni ingqalelo yabaninzi ekufundeni iziprofeto ezazibonisa ukuba ukuza kweNkosi kukufuphi.IE18 329.2

    EScandinavia, nalapho, isigidimi sokuza savakaliswa, kwaphenjwa unandipho kuyo yonke indawo. Baba baninzi abavukayo kwinkuseleko yabo yokungakhathali bazivuma bazishiya izono zabo, bacela uxolelo egameni likaKristu. Bona abafundisi bebandla likarhulumente [lesizwe] bayichasa intshukumo, kwathi ngempembelelo yabo, abanye ababeshumayela isigidimi, baphoswa entolongweni. Kwiindawo ezininzi, apho abashumayeli bokuza okumsinyane kweNkosi baya bavalwa imilomo ngolo hlobo, uThixo wabona kulungile ukuthumela isigidimi, ngendlela emangalisayo, ngabantwana abancinane. Njengoko babeselula kakhulu, umthetho welizwe wawungakwazi ukubalela, baza bavunyelwa ngaphandle kokuhlaselwa.IE18 329.3

    Intshukumo yayitshisa kakhulu phakathi kodidi olusezantsi, kwaye kukwizindlu ezithobekileyo zabasebenzi apho babehlanganela khona ukuba bave isilumkiso. Abashumayeli abangabantwana babehlala kwizindlwana zabahluphekileyo. Abanye babo babengadlulanga kwiminyaka emithandathu okanye esibhozo ubudala; kanti ke, kwaye kuthi ngoku ubomi babo bungqina ukuba bayamthanda uMsindisi, kwaye bezama ukuphila ngokuthobela imiyalelo kaThixo engcwele, bakholisa ukubonakalalisa ubuchopho nesakhono esiye sibonakale kubantwana abayiloo ntanga. Phofu, babesithi xa bemiphambi kwabantu, kucace ukuba babeqhutywa yimpembelelo engaphaya kwezipho zabo zendalo. Imvakalozwi nendlela zaguquka, bathi, ngamandla anondiliseko, basinike isilumkiso somgwebo, besebenzisa kanye amazwi esiBhalo: “Moyikeni uThixo, nimzukise, ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe.” Bazikhalimela izono zabantu, bengahlaseli kuphela ukuziphatha kakubi nenkohlakalo, kodwa bekhalimela ukuthandwa kwehlabathi nokuhlehla, babalumkisa abaphulaphuli babo ukuba bakhawuleze ukuwubaleka umsindo ozayo.IE18 329.4

    Abantu beva bengcangcazela. UMoya othimbayo kaThixo wathetha ezintliziyweni zabo. Abaninzi baya baziphengulula iziBhalo ngomdla ohlaziyiweyo nonzulu, ababengenabo ubungcathu nabaziphethe gwenxa baguquka, abanye bazishiya izenzo zabo zokungathembeki, kwenziwa umsebenzi ngendlela ephakame kangangokuba abafundisi bebandla lesizwe banyanzeleka ukuba bavume ukuba isandla sikaThixo sasikuyo intshukumo.IE18 330.1

    Yaye iyintando kaThixo ukuba iindaba zokuza koMsindisi zinikwe kumazwe aseScandinavia; kuze kuthi xa amazwi abakhonzi baKhe evalwa, afake uMoya waKhe phezu kwabantwana, ukuze umsebenzi ube nokufezwa. Wathi xa uYesu esondela eYerusalem ephahlwe zizihlwele ezazinovuyo, ezathi, ngemikhwazo yoloyiso nokujiwuzwa kwamasebe esundu, zimazisa njengoNyana kaDavide, abaFarisi ababe nomona bathetha naYe ukuba abathulise; kodwa uYesu wabaphendula ngelithi, konke oko kwakuzalisekisa isiprofeto, kanti ukuba aba bangathula, amatye ngokwawo angankqangaza. Abantu, ngokoyikiswa zizoyikiso zababingeleli nabaphathi, bayiyeka intsholo yabo emnandi ngexesha bengena emasangweni eYerusalem; kodwa abantwana phakathi ezintendelezweni zetempile, emva koko, bayiqala ingoma, bajiwuzisa amasebe abo esundu, bedanduluka: “Hosana kuye unyana kaDavide!” Mateyu 21:8-16. AbaFarisi, kuba benganelisekanga kakhulu, bathi kuYe, “Uyayiva na into abayithethayo aba?” UYesu waphendula, wathi: “Ewe;anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeniweentsananabanyayo ulungiselele udumiso?” Njengoko uThixo wenzayo ngabantwana ngexesha lokufika kukaKristu kokuqala, ngokunjalo uya kwenza ngabo ekunikeni isigidimi sokuza kwaKhe kwesibini. Ilizwi likaThixo kufuneka lizalisekile, ukuze ukuvakaliswa kokuza koMsindisi kunikwe kubo bonke, abantu, iilwimi, nezizwe.IE18 330.2

    KuWilliam Miller nabasebenza kunye naye, kwanikelwa ukushumayela isilumkiso eMelika. Eli lizwe laba liziko lentshukumo enkulu yokufika [kukaYesu]. Kwaba lapha apho isiprofeto sengelosi yokuqala saba nokuzaliseka ngokungqalileyo. Imibhalo kaMiller namahlakani akhe yasiwa kumazwe akude.Kuyo yonke indawo apho abavangeli bangena khona, kuwo wonke umhlaba, kwathunyelwa iindaba ezilungileyo zokubuya kukaKristu okukhawulezileyo. Kude nanogkubanzi sasasazeka isigidimi seendaba ezilungileyo: “Moyikeni uThixo nimzukise, ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe.”IE18 331.1

    Ubungqina beziprofeto obabusalatha ekuzeni kukaKristu ngentlakohlaza yowe-1844 baya busiba nzulu ezingqondweni zabantu. Xa isigidimi sasisiya kwimimandla ngemimandla, kwabakho ukuvuka konandipho kuyo yonke indawo. Abaninzi boyiseka kukuba iintetho eziphuma kumaxesha esiprofeto zazinyanisile, bathi, bencama ikratshi lengcinga yabo, bayamkela ngovuyo inyaniso. Abanye abafundisi bazibeka bucala iimbono neemvakalelo zabo zocalulo ngamabandla, bashiya imivuzo yabo namabandla abo, bazimanya nokuvakaliswa kokuza kukaYesu. Babembalwa phofu bona abafundisi, kodwa, abaya basamkela esi sigidimi; ngoko ke, sanikelwa kakhulu kubazalwana abathobekileyo. Amafama ashiya amasimi awo, abakhandi bashiya izixhobo zabo, abarhwebi bashiya abarhweba ngako, amadoda aqeqeshiweyo ashiya izikhundla zawo; kanti ke inani labasebenzi lalilincinane xa lithelekiswa nomsebenzi ekwakufuneka ufeziwe. Imeko yebandla elingamhloneliyo uThixo nehlabathi elilele kwinkohlakalo, konke kwaba ngumthwalo wemiphefumlo yabalindi benene, baza banentumekelelo ukunyamezela ukusebenza nzima, ukugculelwa, nokuphatheka kakubi, ukuze babizele abantu kwinguquko esa elusindisweni. Nangona babe chaswa nguSathana, umsebenzi waqhubela phambili kancinane, yaza inyaniso yokufika [kukaYesu] yamkelwa ngamawaka.IE18 331.2

    Kuyo yonke indawo ubungqina obuphengululayo babuvakala, kulunyukiswa aboni, abasehlabathini namalungu ebandla, ukuba bayibaleke ingqumbo ezayo. NjengoYohane umBhaptizi, owayehambe phambi kukaKristu, abashumayeli babeka izembe engcanjini yomthi bakhuthaza bonke ukuba baveze isiqhamo esifanele inguquko. Izibheno zabo ezazichukumisa zazahluke kakhulu kwiziqinisekiso zoxolo nokhuseleko ezazivakala kumaqonga aqhelekileyo; kwathi naphi na apho isigidimi sasinikwa khona, sasibachukumisa abantu. Ubungqina obulula nobugqalileyo beziBhalo, busaziswa ngamandla kaMoya Oyingcwele, bazisa ukoyiseka okunzima abaya bambalwa abangakwaziyo ukubamkela. OoProfesa benkolo bavuswa kwinkuseleko yabo eyayingeyiyo. Bakubona ukuhlehla kwabo, ukuthanda kwabo ihlabathi nokungakholwa, ikratshi nokubawa kwabo. Abaninzi bayifuna iNkosi ngokuguquka nokuzithoba. Ukuthanda kwabo izinto okwakubambelele kwizinto zasemhlabeni ngoku kwamiliselwa ezulwini. UMoya kaThixo wahlala phezu kwabo, bathi ngeentliziyo ezithambileyo nezithotyiweyo bahlangana ekuvakaliseni ilizwi: “Moyikeni uThixo nimzukise, ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe.” IE18 331.3

    Aboni babuza belila: “Ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?” Abo babomi babo babusaziwa ngokunganyaniseki babe nexhala ngokwakuza kufuneka bekubuyisele. Bonke abafumana uxolo kuKristu balangazelela ukubona abanye befumana intsikelelo. Iintliziyo zabazali zabuyela kubantwana babo, nezabantwana zabuyela kubazali babo. Imiqobo yekratshi nokuzibamba yasuswa. Kwabakho ukuvuma [amatyala okanye izono] okuphuma ezintliziyweni, athi amalungu osapho ekhayeni asebenzela ukusindiswa kwabo bakufuphi nabona babathanda kakhulu. Kwakukholisa ukuvakala kwengxolo yokuthethelela ngokwenene. Kuyo yonke indawo imiphefumlo yayimbongoza uThixo ikwintlungu engathethekiyo. Abaninzi babambana ngomthandazo ubusuku bonke befuna ukuqinisekisa ngokuxolelwa kwezono zabo, okanye inguquko yezizalwana zabo okanye yabamelwane babo.IE18 332.1

    Zonke iindidi zabantu zaquqela kwiintlanganiso zaBalindi. Izityebi namahlwempu, abaphezulu nabaphantsi, bephuma kwimisebenzi eyahlukeneyo, nenxanelwe ukuzivela ngokwabo imfundiso yokufika kwesibini. INkosi yawubamba umoya wenkcaso ukubaukhe ume lo gama abakhonzi baYo bechaza izizathu zokholo lwabo. Ngamanye amaxesha isixhobo sasingabi nawo amandla; kodwa uMoya kaThixo wawuyinika amandla inyaniso yaKhe. Ubukho bezithunywa ezingcwele babuvakala emihlanganweni, baza bababaninzi abongezwayo kumakholwa. Kwakuthi ngokuphindaphindwa kwezibonakalaliso zokuza okumsinyane kweNkosi, zibe zikhulu izihlwele eziwaphulaphula amazwi anendili ngenzolo eyayisenza kube nzima nokuphefumla. Kwakungathi kuhlangana izulu nomhlaba. Amandla kaThixo ayevakala kwabadala nakwabatsha nakwabaphakathi eminyakeni. Amadoda ayefuna ukuba kuvakale kumakhaya awo intlokoma yendumiso emilebeni nesandi sovuyo kwinzolo ebusuku. Abakho ababesiya kuloo mihlangano abangaze bayilibale loo miboniso yowona mdla mkhulu.IE18 332.2

    Ukuvakaliswa kwexesha eliqinisekileyo lokuza kukaKristu kwavusa inkcaso enkulu kuzo zonke iindidi zabantu, kubafundisi epulpitini, kuse koyena ungakhathaliyo, nolidela-Zulu umoni. Amazwi esiprofeto azaliseka: “Kuya kuza ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko, besithi, Liphi na kaloku idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, izinto zonke zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.” 2 Petros 3:3, 4. Abaninzi ababesithi bayamthanda uMsindisi, bathi, abayichasanga imfundiso yokufika kwesibini; ntonje baphikisana nexesha eliqinisekisiweyo. Yena uThixo oliso libona konke, wayezifunda iintliziyo zabo. Babenganqweni ukuba bangeva ngokuza kukaKrisu ukuza kugweba ihlabathi ngobulungisa. Babe ngabasebenzi abangathembekanga, imisebenzi yabo ingayi kukunyamezela ukuhlolwa nguThixo ongumphengululi wentliziyo, baye besoyika ukuyihlangabeza iNkosi yabo. NjengamaYuda exesha lokuza kukaKristu kokuqala, babengakulungelanga ukumamkela uYesu. Abazange banele nje ukwala ukuphulaphula iintetho ezilula eziphuma eBhayibhleni, kodwa bahlekisa ngabo babekhangele ekuzeni kweNkosi. USathana nezithunywa zakhe babevuya, baphosa izigculelo ebusweni bukaKristu nezithunywa zaKhe kuba abantu abamvumayo bemthanda kancinane kangangokuba banganqweneli ukuba abonakale.IE18 333.1

    “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa” yayiyintetho eyayisoloko ithethwa ngabobabeyala inkolo yokufika. IsiBhalo sithi: “Akukho bani bani uwaziyo loo mhla nelo lixa; azazi nezithunywa zamazulu, nguBawo yedwa.” Mateyu 24:36. Inkcazo ecacileyo nevumelanayo yale ndima yanikwa ngabo babe lindele iNkosi, kwathi ukuyisebenzisa budedengu okwenziwa ngabachasayo kwakutyhilwa ngokucacileyo. Ngamazwi lawo awayethethwe nguKristu kwincoko eyayibaluleke kakhulu enabafundi baKhe kwintaba yeMinquma emva kokuba wayeyishiye okokugqibela itempile. Abafundi babebuze ukuthi: “Uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli?” UYesu wabanika imiqondiso, wathi: “Xa nithe nazibona zonke ezo zinto, yazini ukuba kukufuphi, sekusemnyango.” Iindima 3, 33. Intetho ethile yoMsindisi akufuneki ukuba yenziwe ibulale enye. Nangona kungeko mntu uwaziyo umhla nelixa lokuza kwaKhe, siyalelwe salindeleka ukuba sazi xa kukufuphi. Sikwafundisiwe nokuba, ukungasikhathaleli isilumkiso saKhe, nokwala okanye ukutyeshela ukwazi xa ukufika kwaKhe kukufuphi, kuya kuba yingozi kuthi njengoko kwakunjalo kwababephila ngemihla kaNowa ukungazi ukuba wayeza kufika nini unogumbe. Wona umzekeliso kwesi sahluko sinye, othelekisa izicaka, esithembekileyo nesingathembekanga, nonika intshabalalo kweso sithi entliziyweni yaso, “INkosi yam ilibele, ayizi,” ubonisa indlela uKristu aya kubaphatha aze abavuze ngayo abo abafumana bekulindile bekufundisa ukuza kwaKhe, kwakunye nabo bakukhanyelayo. “Phaphani ngoko;” utsho. “Unoyolo loo mkhonzi, iya kuthi yakufika inkosi yakhe imfumane esenjenjalo.” Iindima 42, 46. “Ukuba ke akuthanga waphaphama, ndiya kuza kuwe njengesela, akuyi kulazi ilixa endiya kukukufikela ngalo.” IsiTyhilelo 3:3, [KJV].IE18 333.2

    UPawulos uthetha ngodidi okuthi kulo ukubonakala kweNkosi kufike kungalindelekanga. “Imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalalo ngebhaqo, . . . bengayi kukha basinde.” Uyongeza, kwabo basiphulaphuleyo isilumkiso soMsindisi: “Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.” 1 Tesalonika 5:2-5.IE18 334.1

    Kwaboniswa ngaloo ndlela ukuba isiBhalo asiniki mvume yokuba abantu bahlale bengazi ngokuba kufutshane kokuza kukaKristu. Abo ke balangazelela kuphela ukuzithethelela ukuba bayale inyaniso bazivala iindlebe zabo kule nkcazo, aza amazwi athi “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa” aqhubeka ephindaphindwa ngabagxeki abanesibindi bequke nabaziwa ngokuba bangabafundisi bakaKristu. Ngeli xesha abantu babevusiwe, baqala ukubuza ngendlela yokusindiswa, iititshala zenkolo zangenelela phakathi kwabo nenyaniso, zizama ukuthulisa ukoyika kwabo ngokulichaza ngendlela engeyiyo ilizwi likaThixo. Abalindi abangathembekanga bamanyana kumsebenzi omkhulu womkhohlisi, besithi, Luxolo, luxolo, ngoku uThixo engathethanga ngoxolo. NjengabaFarisi bemihla kaKristu, abaninzi bala ukungena ebukumkanini bamazulu bona ngokwabo, baza abo babe ngena babathintela. Igazi lale miphefumlo liya kubizwa ezandleni zabo.IE18 334.2

    Abona bathobekileyo nabazinikeleyo emabandleni babekholisa ukuba ngabokuqala ukusamkela isigidimi. Abo babezifundela iBhayibhile babeyibona imo yeembono eziqhelekileyo zesiprofeto; kuthi naphina apho abantu babengalawulwa yimpembelelo yabafundisi, naphina apho babenokuphengulula ilizwi likaThixo ngokwabo, imfundiso yokufika idinge kuphela ukuthelekiswa neziBhalo ukuqinisekisa igunya layo elingcwele.IE18 334.3

    Abaninzi batshutshiswa ngabazalwana babo ababengakholelwanga. Ukuze bagcine izikhundla zabo, abanye bavuma ukuba baya kuthula bangathethi ngethemba labo; kodwa abanye beva ukuba, ukunyaniseka kuThixo kuyabalela ukuba bazifihle iinyaniso abazinikelwe ukuba bazigcine. Abazange babe mbalwa abasikwayo kubudlelwane bebandla singekho esinye isizathu ngaphandle kokuba bethethe ngenkolo yabo ngokubuya kukaKristu. Kwabo bafumana olu vavanyo lwenkolo yabo, ayexabiseke kakhulu amazwi omprofeti, athi: “Abazalwana benu abanithiyayo, abanigxothayo kubo ngenxa yegama lam, bathi, Makazizukise uYehova sibone imivuyo yenu; baya kudana kebona.” Isaya 66:5.IE18 335.1

    Izithunywa zikaThixo zazibukele ngomdla omkhulu isiphumo sesilumkiso. Xa kwakukho ukwaliwa jikelele kwesigidimi ngamabandla, izithunywa zabuyela emva zilusizi. Babekho kodwa abaninzi abangazange bavavanywe ngokubhekiselele kwinyaniso yokufika. Abaninzi balahlekiswa ngabayeni, abafazi, abazali, okanye abantwana, baza benziwa ukuba bakholelwe ukuba sisono ukuphulaphula ulahlekiso olungako njengoko lwalufundiswa ngababelindele ukufika kwesibini kukaYesu. Izithunywa zayalelwa ukuba zihlale zilinde ngokuthembeka loo miphefumlo, kuba okunye ukukhanya kwakuza kubakho phezu kwabo kuphuma etroneni kaThixo.IE18 335.2

    Ngolangazelelo olungathethekiyo, abo babesamkele isigidimi, balindela ukuza koMsindisi wabo. Ixesha ababelindele ukumhlangabeza lalifikile. Bafika kule yure benenzolo enesidima. Bahlala kunxulumano olumnandi noThixo, baye beza kuzuza uxolo lwenene emva koku kwikamva eliqaqambileyo. Akakho owayenalo elithemba nokuthembela onokuze awalibale loo maxesha ayebalulekile okulinda. Kwabanye, iiveki ezazingaphambi kweli xesha, amashishini ehlabathi abekelwa bucala ixesha elide. Amakholwa anyanisekileyo azihlola ngononophelo zonke iingcinga neemvakalelo zeentliziyo zawo ngokungathi asemakhukhweni okufa xa ayeza kuthi ngexeshana awavale amehlo awo ngakwimibono yomhlaba. Zazingenziwanga “iingubo “zokunyuka” (bona ISIHLOMELO); kodwa bonke basiva isidingo zokuqiniseka ngaphakathi ukuba babekulungele ukuhlangabeza uMsindisi; nokuba, iingubo ezimhlophe yayibubunyulu bomphefumlo--izimilo ezihlanjululwe esonweni ngegazi elicamagushelayo likaKristu. Akwaba wawusekho kubantu abazibiza ngoThixo umoya ofanayo wokuphengulula intliziyo, ukuzondelela okufanayo, ukholo oluzimiseleyo. Ukuba bebengaqhubeka ngolo hlobo ukuzithoba phambi kweNkosi nokubeka izicelo zabo kwisihlalo senceba bebeya kuba namava adlule kakhulu kulawo banawo ngoku. Kuncinane kakhulu ukuthandaza, kuncinane kakhulu ukuzibona ukuba nesono, nokunqongophala kokholo kushiya abaninzi bengenalo ubabalo olunikwa ngokukhulu nguMhlanguli wethu.IE18 335.3

    UThixo waceba ukubavavanya abantu baKhe. Isandla saKhe sayigquma impazamo ekubalweni kwamaxesha esiprofeto. ABalindiabazange bayifumane impazamo, ingazange ifunyanwe nangabona bafundileyo kubachasi babo. Omnye wabachasi wathi: “Ekubaleni kwenu amaxesha eziprofeto kulungile. Ezinye zesiganeko ezikhulu sele ziza kwenzeka; kodwa asikokuxelwe kwangaphambili nguMiller; kukuguquka kwehlabathi, ingekuko ukufika kwesibini kukaKristu.” (Bona ISIHLOMELO) IE18 336.1

    Ixesha elalilindelwe ladlula, akabonakala uKristu ukuza kuhlangula abantu baKhe. Abo bathi ngokholo olunyanisekileyo nothando balindela uMsindisi wabo, baba nokudaniswa okukhulu. Kanti ke, iinjongo zikaThixo zazifezekiswa; wayevavanya iintliziyo zabo babesithi balindele ukubonakala kwaKhe. Kwakukho phakathi kwabo abaninzi abangazanga bakhuthazwa yinjongo enkulu ngaphezu kokoyika. Ukuvuma kwabo ukholo kwakungazange kuzichukumise iintliziyo zabo okanye ubomi babo. Sithe sakungenzeki isiganeko ebesilindelwe, aba bantu bathi bona abadaniswanga; babengazange bakholelwa kakade ukuba uKristu uza kuza. Baba phakathi kwabokuqala ukuhlekisa ngentlungu yabakholwa ngenene.IE18 336.2

    Kanti Yena uYesu nawo wonke umkhosi wasezulwini, babekhangele ngothando novelwano kwabavavanyiweyo nabakholwayo kodwa bedanisiwe. Ukuba isigqubuthelo esahlule ihlabathi elibonakalayo sasingasuswa, iingelosi zazingabonwa zisondela kwabo bayimiphefumlo ezinzileyo, zibakhusela kwiintolo zikaSathana.IE18 336.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents