Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    19—Ukuza kokukhanya ngobumnyama

    Umsebenzi kaThixo emhlabeni ufana ngokucace kakhulu kwizizukulwana ngezizukulwana, ukufana okucacileyo kuko konke ukuhlaziya okukhulu okanye intshukumo yenkolo. Imithetho-siseko yokusebenza kukaThixo nabantu ihlala iminye. Iintshukumo ezibalulekileyo zeli xesha ziyahambelana nezexesha eladlulayo, kwaye amava ebandla kwizizukulwana zangaphambili anezifundo ezinexabiso elikhulu zeli lethu ixesha.IE18 310.1

    Ayikho inyaniso ecace ngaphezulu efundiswa eBhayibhileni kunaleyo uThixo athi, ngoMoya wakhe Oyingcwele akhokele ngendlela eyodwa abakhonzi baKhe kwiintshukumo ezinkulu zokuhambisela phambili umsebenzi wosindiso. Abantu bazizixhobo esandleni sikaThixo, esisetyenziswa nguYe ukufeza iinjongo zaKhe zobabalo nenceba. Elowo unenxaxheba yakhe amakayidlale; kuye ngamnye kunikwe umlinganiselo wokukhanya, owenziwe wafanela iimfuno zexesha lakhe, nolwaneleyo ukumenza ukuba awenze umsebenzi uThixo amnike wona ukuba awenze. Akakho ke umntu, nokuba uphakanyiswe kangakanani liZulu, owakha wafikelela ekuliqondeni ngokuzeleyo icebo elikhulu losindiso, okanye ayonwabele ngokugqibeleleyo injongo yomsebenzi wezulu ngelakhe ixesha. Abantu abayiqondi ngokupheleleyo into uThixo anokuyifeza ngomsebenzi abanika wona ukuba bawenze; abanako ukusiqonda, nako konke esikuqulathileyo, isigidimi abasithethayo egameni laKhe.IE18 310.2

    “Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekenikukaSomandla?” “Iingcinga zamasizizoiingcingazenu, neendlela zam, utsho uYehova. Inene, njengokuba izulu liwuphakamele umhlaba, ngokunjalo iindlela zam ziziphakamele iindlela zenu, neengcinga zam ziziphakamele iingcinga zenu.” “NdinguThixo, akukho namnye unje ngam; ukuxelayo kwasekuqaleni okungasemva, nakwabamandulo okungekenzeki.” Yobhi 11:7; Isaya 55:8, 9; 46:9, 10.IE18 310.3

    Nabaprofeti abenzelwa imfesane ngokunikwa ukukhanya okukodwa nguMoya abazange bakuqonde ngokupheleleyo ukubaluleka kwezityhilelo ababezinikiwe. Intsingiselo yayiza kutyhileka kwizizukulwana ngezizukulwana, ngokokudinga kwabantu bakaThixo imfundiso ekhoyo kuzo.IE18 311.1

    UPetros ebhala ngosindiso olwaziswa ekukhanyeni ngeendaba ezilungileyo, uthi: Lusindiso olu “abathe babuzisa, baphengulula kunene ngalo abaprofeti, ababeprofeta ngalo ubabalo olwamiselwa nina; bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu, awayezingqinela kubo ngenxa engaphambili iintlungu ezamiselwa uKristu, nozuko oluya kuzilandela. Abatyhilelwayo ukuba abazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke.” 1 Petros 1:10-12.IE18 311.2

    Kanti ke, nangona babengazange bakunikwe abaprofeti ukuba baziqonde ngokupheleleyo izinto ezazivezwe kubo, baya bafuna ngenzondelelo ukuzuza konke ukukhanya uThixo awayekholiseke ukuba akutyhile. “Babuzisa, baphengulula kunene,” “bephengulula ukuba wayesalatha xesha lini na, linjani na, uMoya kaKristu,” Isifundo esinjalo kubantu bakaThixo kwixesha lobuKristu, ezazinikelwe ukulungelwa kwabo ezi ziprofeto ngabakhonzi baKhe! “Abazityhilelweyo ukuba abazilungiseleli bona ngokwabo; bazilungiselela thina ke.” Wabone loo madoda angcwele kaThixo xa “ebuzisa ephengulula kunene” izityhilelo awazinikelwa izizukulwana ezazingekazalwa. Thelekisa inzondelelo yawo engcwele nokungakhathali nokungananzi abathi abo benzelwe inceba kwizizukulwana zamva baphathe esi sipho seZulu. Isishwabulo esinjalo ekungakhathalini kokuthandwa kolonwabo, nokuthanda ihlabathi nokwaneliswa kukuthi nje iziprofeto azikwazi ukuqondwa! IE18 311.3

    Nangona iingqondo zabantu eziphelelwa esithubeni zingakwazi ukungena emagquguleni aLowo ungenasiphelo, okanye ukukuqonda ngokuzeleyo ukusebenza kweenjongo zaKhe, kanti, kukholisa ukuba kube kungenxa yemposiso ezithile okanye ukutyeshela okwenziwa ngabo, le nto beziqonda mfiliba izigidimi zeZulu. Yinto eqhelekileyo eyokuba iingqondo zabantu, nokuba bangabakhonzi bakaThixo, zimfamekiswe ziimbono zabantu, izithethe, nemfundiso yobuxoki babantu, ukuba bakwazi ukuzibamba nje kancinane izinto ezinkulu athe uThixo wazityhila elizwini laKhe. Kwakunjalo kubafundi bakaKristu, nangexesha uMsindisi wayenabo ubuqu. Iingqondo zabo zazaliswa yimbono eyayithandwa kaMesiya njengoza kulawula emhlabeni, owayeza kuphakamisa uIsrayeli ambeke kwitrone yobukumkani bomhlaba wonke, baza abayiqonda intsingiselo yamazwi aKhe awayexela kwangaphambili ngokuphatheka kakubi nokufa.IE18 311.4

    UKristu ngokwaKhe wathumela isigidimi, esithi: “Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele; guqukani nikholwe kuzo iindaba ezilungileyo ezi.” Marko 1:15. Eso sigidimi sasimiswe kwisiprofeto sikaDaniyeli 9. Iiveki ezimashumi mathandathu anethoba ayexelwe yingelosi njengaya kufika “kumthanjiswa oyinganga,” baza bathi benamathemba amakhulu nokulindela ngovuyo, abafundi bakhangela phambili ekumiselweni kobukumkani bukaMesiya eYerusalem ukuba alawule phezu komhlaba wonke.IE18 312.1

    Basishumayela isigidimi uKristu awayebanike sona, nangona bona ngokwabo babengayiqondi intsingiselo yaso. Nangona isaziso sabo sasakhelwe kuDaniyeli 9:25, babengayiboni kule ndawo indima ethetha ngokunqanyulwa kukaMesiya. Kususela ekuzalweni kwabo, iintliziyo zabo zazakhelwe phezu kobuqaqawuli obulindelweyo bobukumkani basemhlabeni, kwaza oku kwazimfamekisa iingqiqo zabo ngokufanayo kwiinkcukacha zesiprofeto nasemazwini kaKristu.IE18 312.2

    Bawenza umsebenzi ekunikeni uhlanga lwakwaYuda isimemo senceba, kwathi emva koko, ngexesha kanye xa belindele ukubona iNkosi yabo ikhwela etroneni kaDavide, bayibona ibanjwa njengesihange, ityatyulwa, igculelwa, igwetywa, iphakanyiswa emnqamlezweni waseKalvari. Udano olungako nentlungu engako kwabo bafundi ngeentsuku iNkosi yabo yayilele engcwabeni! IE18 312.3

    UKristu wayeze kanye ngexesha nangendlela eyaxelwa kwangaphambili sisiprofeto. Ubungqina besiBhalo bazaliseka kuzo zonke iinkcukacha zolungiselelo lwaKhe. Wayeshumayele isigidimi sosindiso, laye “izwi laKhe linegunya.” Iintliziyo zababemphulaphule zangqina ukuba lalileleZulu. Ilizwi noMoya kaThixo wakungqina ukuthunywa koNyana waKhe.IE18 312.4

    Abafundi, bahlala bebambelele ngothando olungapheliyo kwiNkosi yabo abayithandayo. Kanti ke iingqondo zabo zazisagqunywe kukungaqiniseki nentandabuzo. Entlungwini yabo, abazange, ngelo xesha, bawakhumbule amazwi kaKristu awayesalatha phambili ekuphathekeni kakubi nasekufeni. Ukuba uYesu waseNazarete wayenguMesiya wenyaniso, ingaba ngebafakwa kwintlungu nodaniso ababanalo? Yayingumbuzo lo owathuthumbisa imiphefumlo yabo lo gama uMsindisi wayelele engcwabeni ngexesha leeyure zokungabikho kwethemba zaloo Sabatha eyangenelela phakathi kokufa kwaKhe nokuvuka kwaKhe.IE18 312.5

    Nangona ubusuku bosizi buqokelelana bubemnyama ngeenxa zonke kwaba balandeli bakaYesu, babengasayi kushiywa. Uthi umprofeti: “Ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum. . . . Uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.” “Kwanobumnyama obo abungebi bubumnyama kuwe; ubusuku bungaba mhlophe njengemini, ubumnyama bungaba njengokukhanya [kuwe].” UThixo uthethile: “Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye.” “Ndozihambisa iimfama ngendlela ezingayaziyo, ndizinyathelise kwiingqushu ezingazaziyo; ubumnyama ndibenza ukukhanya phambi kwazo, iindawo ezimagqagala zibe zithabazi. Zizo ezo izinto endiya kuzenza, ndingazishiyi.” Mika 7:8, 9; INdumiso 139:12; 112:4; Isaya 42:16.IE18 312.6

    Ukwaziswa okwenziwa ngabafundi egameni leNkosi kwakulungile kuzo zonke iinkcukacha zako, zaza iziganeko okwakusalatha kuzo zenzeka kwangelo xesha. “Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele,” ibe sisigidimi sabo eso. Ekupheleni “kwexesha”—iiveki ezingamashumi amathandathu anethoba kaDaniyeli 9, aya kufikelela kuMesiya, “uMthanjiswa”—uKristu wathanjiswa nguMoya emva kokuba ebhaptizwe nguYohane eYordan. “Ubukumkani bukaThixo” abathe busondele bamiselwa ngokufa kukaKristu. Obu bukumkani babungayi kuba bubukumkani basemhlabeni, ngokokufundiswa kwabo. Baye bungebubo nobo bukumkani bungafiyo obuza kumiswa xa ubukumkani, negunya, nobukhulu bezikumkani phantsi kwamazulu onke, buya kunikwa abantu abangcwele bOsenyanweni;” obo bukumkani bungunaphakade, apho “amagunya onke aya kumbusa, amve.” Daniyeli 7:27. Njengoko sisetyenziswe eBhayibhileni, isaci “ubukumkani bukaThixo” sisetyenziswe ukuthetha ngobukumani benceba nobukumkani bobuqaqawuli. Ubukumkani bobabalo butyhilwa nguPawulos kwincwadi yamaHebhere. Emva kokwalatha kuKristu, umthetheleli onemfesane “ovelana nezilwelwe zethu,” umpostile uthi: “Masisondele ke ngoko sinokungafihlisi kuyo itrone yobabalo, ukuze samkeliswe inceba.” Hebhere 4:15, 16. Itrone yobabalo imele ubukumkani bobabalo; kuba ubukho betrone buthetha ubukho bobukumkani. Kwimizekeliso emininzi yaKhe, uKristu usebenzisa isaci “ubukumkani bamazulu” ukuthetha ngomsebenzi wobabalo ezintliziyweni zabantu.IE18 313.1

    Ngokunjalo, itrone yobuqaqawuli imele ubukumkani bobuqaqawuli; bube obu bukumkani kuthethwe ngabo emazwini oMsindisi: “Xa athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xa uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe; zihlanganiswe phambi kwakhe zonke iintlanga.” Mateyu 25:31, 32. Obu bukumkani buseza. Abuyi kumiswa kude kube lilixa lokubuya kwesibini kukaKristu.IE18 313.2

    Ubukumkani bobabalo bamiselwa ngako nje ukuba umntu awe esonweni, xa kwakusenziwa icebo losindiso ukuba kuhlangulwe uhlanga loluntu olunetyala. Babukho ngelo xesha kwinjongo nesithembiso sikaThixo; kwathi ngokholo, abantu bakwazi ukuba ngabemi babo. Kanti abuzange bumiselwe buqu kwada kwakukufa kukaKritu. Nasemva kokuba ewuqalile umsebenzi athunywe wona emhlabeni, uMsindisi, ediniswe ziinkani nokungabi nambulelo kwabantu, wayenakho ukuwurhoxisa umbingelelo waseKalvari. EGetsemane, indebe yosizi yayingcangcazela esandleni saKhe. Nangoko wayengasuka asule ukubila ebunzini laKhe ashiye uhlanga olunetyala ukuba lutshabalale ebugwenxeni balo. Ukuba wayekwenzile oku, ngekungakhanga kwabakho ukuhlangulwa kwabantu abawileyo. Wathi kodwa uMsindisi akubunikela ubomi baKhe, wathi xa uphela umphefumlo waKhe wakhwaza wathi, “Kugqityiwe,” ngelo xesha, ukuzaliseka kwecebo lokuhlangulwa laqinisekiswa. Isithembiso sosindiso esenziwa kwisibini esasinesono e-Eden salungiswa. Ubukumkani bobabalo, obabukho kwangaphambili ngesithembiso sikaThixo, baya bamiselwa. IE18 314.1

    Ngoko ke, ukufa kukaKristu—isiganeko kanye abafundi ababelindele sona njengokutshatyalaliswa kwamathemba abo—siso esenze ukuba aqiniseke [amathemba] kuse emaphakadeni. Nangona sazisa ukudaniswa okukhohlakeleyo, siyincopho yesibonakalaliso sokuba inkolo yabo yayilungile. Isiganeko esabazalisa ngokukhala nokuphelelwa lithemba yaba siso esavulela ucango lwethemba kuye wonke umntwana ka-Adam, nalapho kuzinze khona ubomi obuzayo nolonwabo lukanaphakade lwabo bonke abathembekileyo bawo onke amaphakade. IE18 314.2

    Iinjongo zenceba engapheliyo zazifikelela ekuzalisekeni kwazo, nangokudaniswa kwabafundi. Nangona iintliziyo zabo zazizuzwe ngobabalo nangamandla emfundiso yaKhe, Lowo “kungazanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako,” kanti kwakuxutywe igolide ehlambulukileyo yokumthanda kwabo uYesu, kunye nomxube wesinyithi wekratshi lokuthanda ihlabathi, neminqweno enomona. Nakwigumbi lePasika, nelo lixa lizukileyo xa iNkosi yabo yayilungele ukungena kwithunzi laseGetsemane, kwakukho “ukubangisana phakathi kwabo, kokuthi, nguwuphi na kubo ekungathiwa ngomkhulu.” Luka 22:24. Umbono wabo wawuzaliswe yitrone, sisithsaba, nobuqaqawuli, lo gama apha phambi kwabo kanye kulele ihlazo nentlungu yegadi [yaseGetsemane], igumbi lamatyala, nomnqamlezowaseKalvari. Yayilikratshi lentliziyo yabo, ukunxanelwa kwabo uzuko lwehlabathi, okwabenza ukuba batshele bangasuki kwimfundiso yobuxoki yexesha labo, nokuwadlula beqinisile amazwi oMsindisi awayebonisa eyona nyaniso iyiyo yemilo bobukumkani baKhe, nokwalatha phambili intlungu nokufa kwaKhe. Ezi mposiso ke zaba nesiphumo sokulingwa—okubukhali kodwa kudingeka—okwavunyelwa ukuze balungiswe. Nangona abafundi bayiphosa intsingeselo yesigidimi sabo, baza basilela ukukuqonda ababekulindele, kodwa ke babesishumayele isilumkiso ababesinikwe nguThixo, waza uYehova waluvuza ukholo lwabo wakuzukisa ukuthobela kwabo. Kubo kwanikelwa umsebenzi wokuvakalisa kuzo zonke iintlanga ubuqaqawuli beendaba ezilungileyo zokuvuka kweNkosi yabo. Yayikukubalungiselela lo msebenzi okwenza ukuba amava abonakala kubo ekrakra, avunyelwe. IE18 314.3

    Emva kokuvuka kwaKhe, uYesu wabonakala kubafundi baKhe ababesendleleni esinga e-Emawusi, wathi, “[e]qalele ke kuMoses nakubo bonke abaprofeti, wabachazela kuzo zonke izibhalo iindawo ezingaye.” Luka 24:27. Iintliziyo zabafundi zachukumiseka. Ukholo lwavutha. [Bazalwa] ngokutsha, ukuba [ba]be nethemba eliphilileyo” kwangaphambi kokuba uYesu ngokwaKhe azityhile kubo. Yaye iyinjongo yakhe ukukhanyisela ingqiqo yabo nokubethelela ukholo lwabo kwelona”lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeto.” Wayenga inyaniso ingamila iqine ezingqondweni zabo, kungekuko kuphela kuba yayixhaswa bobaKhe ubungqina ngokwaKhe, kodwa ngenxa yokubonakalayo okunganako ukuphikwa okunikwe yimifuziselo nezithunzi zohlobo lomthetho, nangeziprofeto zeTestamente eNdala. Kwakudingeka ukuba abalandeli bakaKristu babe nokholo oluchubekileyo, kungabi kuphela ngenxa yabo, kodwa ukuze bakwazi ukusa ulwazi ngoKristu ehlabathini. Njengenyathelo lokuqala ekwabelaneni ngolu lwazi, uYesu wabalathisa abafundi “kuMoses nabo bonke ababaprofeti.” Babanjalo ubungqina obanikwa nguMsindisi ovukileyo kwixabiso nokubaluleka kweziBhalo zeTestamente eNdala.IE18 315.1

    Inguquko engako yeentliziyo zabafundisi xa babe khangele kwakhona kwimbonakalo abayithandayo yeNkosi yabo! Luka 24:32. Ngendlela egqibelele nefezeke kakhulu kunangaphambili, babe “mfumene Lowo uMoses nabaprofeti babebhale ngaye emthethweni.” Ukungaqiniseki, ukudandatheka, ukuphelelwa lithemba, kwasuka kwangena ingqiniseko egqibeleleyo, nokholo oluzolileyo. Ummangaliso ongako ngokuba emva kokunyuka kwaKhe “bamana behleli etempileni, bedumisa, bebonga uThixo.” Abantu, besazi kuphela ngokufa okumasikizi koMsindisi, balindela ukubona ebusweni babo usizi, ukudideka, nokoyiswa; kodwa babona ulonwabo noloyiso. Athi, ukulungiselelwa umsebenzi okunjalo okwafunyanwa ngaba bafundi ukuze babe nokujongana nawo phambi kwabo! Babedlule kolona luvavanyo lunzulu ababe nokulufumana, bakubona ukuba, xa embonweni womntu konke kulahlekile, ilizwi likaThixo lafezekiswa ngoloyiso olungakanani. Ukususela ngoko ukubheka phambili yintoni eyayinokoyikisa ukholo lwabo okanye isibandise isibindi sothando lwabo? Kweyona ntlungu elusizi, bafumana “intuthuzelo eqinileyo,” ithemba elaba “[yi] ankile yomphefumlo, linqabile likwaqinile.” Hebhere 6:18, 19. Babe ngamangqina kubulumko namandla kaThixo, baza “[boyiseka] kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi,” akukho nto inako ukubahlula “eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNKosi yethu.” “Kwezo zinto zonke,” bathi, “sisuka soyise sigqithisele, ngaye owasithandayo.” Roma 8:38, 39, 37. “Ke lona ilizwi leNkosi lihleli ngonaphakade.” 1 Petros 1:25. Nokuba “ngubani na ogwebayo, inguKristu nje owafayo? Ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, [no] sithethelelayo.” Roma 8:34.IE18 315.2

    Ithi iNkosi: “Abantu bam abasayi kudana naphakade.” Yoweli 2:26, NKJV. “Ngokuhlwa kulalisa ukulila, kusasa kubakho ukumemelela.” INdumiso 30:5. Kwathi ngemini yaKhe yovuko, aba bafundi bahlangana noMsindisi, zaza iintliziyo zabo zavutha ngaphakathi kwabo bakuba bephulaphule amazwi aKhe; bathi bakukhangela intloko nezandla neenyawo ezazilinyazwe ngenxa yabo; xa kwathi, ngaphambi kokuba anyuke, uYesu wabakhokelela eBhetani, waza waziphakamisa izandla zaKhe ebasikelela, wabathuma esithi, “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo,” esongeza ngelithi, “Niyabona, mna ndinani yonke imihla” (Marko 16:15; Mateyu 28:20); xa ngeMini yePentekoste uMthuthuzeli owayethenjisiwe wehlayo aza amandla avela phezulu anikwa yathi imiphefumlo yamakholwa yanovuyo olukhulu kukubuqonda ubukho beNkosi yawo eyayinyukile—ngoko, nangona phofu, njengeyaYo, indlela yabo ikhokelela ekuzincameni nasekufeleni ukholo, bebengakwenza ukuba bananise ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zobabalo lwaKhe, olunesithsaba sobulungisa” esiza kwamkelwa ekuzeni kwaKhe, ngozuko lwetrone yasemhlabeni, ebikade ilithemba lobufundi babo basekuqaleni? Lowo unako “ukwenza okungaphezu kweento zonke ngokugqithiseleyo kakhulu, ngaphezu kwesikucelayo nesinokukuqiqa,” wayebanikile, kunye nolwalamano lokuphatheka kakubi kwaKhe, ubudlelane bovuyo lwaKhe—uvuyo [lokuzisa] oonyana abaninzi eluzukweni,” uvuyo olungathethekiyo, “ubuqaqawuli obukhulukazi obungunaphakade,” athi kubo uPawulos, “ubukhaphukhaphu bembandezelo yethu eyeyomzuzwana,” [ayi] nakulinganiswa.”IE18 316.1

    Amava abafundi ababeshumayela “iindaba ezilungileyo zobukumkani” ekufikeni kukaKristu kokuqala, ayengqubana nawo, awabo babevakalisa isigidimi sokufika kwesibini. Njengokuba abafundi baphuma beshumayela, “Lizalisekile ixesha, ubukumkani bukaThixo busondele,” ngokunjalo uMiller namahlakani akhe, bavakalisa ukuba elona xesha lide nesiprofeto sokugqibela esivezwe eBhayibhileni sele liza kuphela, nokuba umgwebo usondele, nobukumkani obungunaphakade babuza kuqala. Ukushumayela kwabafundi ngokubhekiselele exesheni kwakuzinze kwiiveki ezimashumi asixhenxe kaDaniyeli 9. Isigidimi esasinikwa nguMiller namahlakani akhe sasisazisa ukuphela kweentsuku ezingama-2300 zikaDaniyeli 8:14, iiveki ezingamashumi asixhenxe ezaziyinxalenye yazo. Ukushunyayelwa kwenye kwakuxhonywe phezu kokuzaliseka kwenye indawo kwakusoisiprofeto sexesha elinye elikhulu.IE18 317.1

    Njengabafundi bokuqala, uWilliam Miller namahlakani akhe abazange bona ngokwabo,bakuqonde ngokupheleleyoukubalulekakwesigidimi ababesithwele. Iimposiso ezazikade zikho ebandleni zabathintela ekufikeleleni kwingcaciso eyiyo yesiprofeto. Ngoko ke, nangona babevakalisa isigidimi uThixo awayebanike sona ukuba basise ehlabathini, ngenxa yokungayiqondi kakuhle intsingiselo yaso, baba nokudaniswa okukhulu.IE18 317.2

    Ekuchazeni uDaniel 8:14, “Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele,” uMiller, njengoko sekutshiwo, wasebenzisa imbono eyayikade yamkelwa yokuba umhlaba uyingcwele, waza wakholelwa ukuba ukuhlanjululwa kwengcwele kwakumele ukuhlanjululwa komhlaba ngomlilo ekufikeni kweNkosi. Xa, ke ngoko, efumanisa ukuba ukuphela kweentsuku ezingama-2300 kwakuxelwa kona ngokuqinisekileyo ngaphambili, wagqiba kwelokuba oku kwakutyhila ixesha lokubuya kwesibini. Impazamo yakhe yaba kukwamkela imbono eqhelekileyo ngokuthethwa yingcwele.IE18 317.3

    Kuhlelo lwemifuziselo, lo yayisisithunzi sombingelelo nobubingeleli bukaKristu, ukuhlanjululwa kwengcwele kwakuyinkonzo yokugqibela eyenziwa ngumbingeleli omkhulu kulungiselelo lomnyaka wonke. Yayingumsebenzi wokugqibela woxolelaniso—ukususwa kwesono kuIsrayeli. Kwakufuzisela ukuvalwa komsebenzi wokulungiselela koMbingeleli oMkhulu emazulwini, ekususweni okanye ekucinyweni kwezono zabantu baKhe, ezibhalwe kwiingxelo zokugweba; kwaye oku kuza kanye ngaphambi kokuba aze uKristu esemafini ezulu ngamandla nobuqaqwuli obukhulu; kuba, xa esiza onke amatyala aya kuba egqityiwe. Uthi uYesu: “Umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba unjalo.” IsiTyhilelo 22:12. Ngulo msebenzi womgwebo oza kanye ngaphambi kokubuya kwesibini, ovakaliswa sisigidimi sengelosi yokuqala kwisiTyhilelo 14:7: “Moyikeni uThixo, nimzukise, ngokuba lifikile ilixa lokugweba kwakhe.” IE18 317.4

    Abo bavakalisa esi silumkiso banika isigidimi esisiso ngexesha elililo. Eyona nto, njengoko benzayo abafundi bokuqala, xa babesithi, “Lizalisekile ixesha, nobukumkani bukaThixo busondele,” bebhekisa kwisiprofeto sikaDaniyeli 9, kanti basilele ukuqonda ukuba ukufa kukaMesiya kwakuxelwa kwangaphambili kweso sibhalo sinye, ngokunjalo, uMiller namahlakani akhe bashumayela isigidimi esixhomekeke kuDaniyeli 8:14 nesiTyhilelo 14:7, basilela ukubona ukuba kwakusekho ezinye izigidimi ezavezwa kwisiTyhilelo 14, ezaziza kuthi zinikwe nazo ngaphambi kokufika kweNkosi. Njengoko abafundi baphazama ngokobukumkani obuza kumiswa ekupheleni kweeveki ezimashumi asixhenxe, ngokunjalo nabashumayeli bokuza kwesibini baphazama ngokubhekiselele kwisiganeko esasiza kwenzeka ekupheleni kweentsuku ezingama-2300. Kuzo zozibini ezi ziganeko, kwakukho ukwamkeleka kwayo, okanye ukubambelela kwiimpazamo ezazimfamekisayo iingqondo kuyo inyaniso. Zombini ezi ndidi zayizalisekisa intando kaThixo ekuhambiseni isigidimi awayenga singanikwa, zaza zombini, ngokungaziqondi kakuhle kwazo izigidimi zazo, zafumana udaniso olukhulu. IE18 318.1

    Kanti ke, uThixo wayifeza eyaKhe injongo yobubele ekuvumeleni ukuba isiganeko sesilumkiso sinikwe njengoko sanikwayo. Imini enkulu yayisondele, kwathi, ngokubonelela kwaKhe uThixo, abantu baKhe baziswa kuvavanyo lwexesha elililo, ukuze kuvele oko babe nako ezintlizyweni zabo. Isigidimi sasilungiselelwe ukuvavanywa nokuhlanjululwa kwebandla. Babeza kwenziwa babone ukuba uthando lwabo lwalakhelwe phezu kweli hlabathi na okanye kuKristu nezulu. Bathi bayamthanda uMsindisi; ngoku kwakufuneka balubonakalalise uthando lwabo. Ingaba babekulungele ukushiya amathemba okuthanda ihlabathi kunye namabhongo abo, bamkele ngovuyo ukufika kweNkosi yabo? Isigidimi sasilungiselelwe ukuze bakwazi ukwahlula imo yabo yasemoyeni eyiyo; sathunyelwa ngenceba ukubavusela ekufuneni iNkosi ngenguquko nokuthobeka.IE18 318.2

    Udaniso nalo, nangona isiphumo sokungasiqondi kakuhle isigidimi ababesinika, lwaluza kuguqulelwa kokulungileyo. Lwakuza kuhlola iintliziyo zabo babesithi basamkele isilumkiso. Ingaba baza kuthi, ngenxa yolu daniso, bakhawuleze bawalahle amava abo bakulahle nokulithemba kwabo ilizwi likaThixo? okanye baza kuthi, ngomthandazo nokuzithoba, bafune ukuqonda apho balahleke khona ukuqonda okuthethwa sisiprofeto? Bangaphi abasuswa kukoyika, okanye yintshiseko nokuthabatheka? Bangaphi ababengazinikelanga ngentliziyo epheleleyo ababengakholwa? Izihlwele zazisithi ziyakuthanda ukubonakala kweNkosi. Xa bebizelwa ukunyamezela ukuhlekwa nokugculelwa lihlabathi, nokuvavanywa kukulibazisa nokudaniswa, bangaba baza kululahla ukholo? Ngenxa yokuba bengathanga kwangoko bayiqonda indlela uThixo asebenza ngayo nabo, ingaba baza kuzilahla iinyaniso ezixhaswa bubungqina obucace kakhulu belizwi laKhe? IE18 318.3

    Olu vavanyo lwaluza kutyhila amandla abo abathi, ngokholo lwenene, bakuthobela oko babekukholelwa ukuba kufundiswa lilizwi noMoya kaThixo. Lwaluza kubafundisa, njengoko ikuphela kwamava anakho, ingozi yokwamkela iimfundiso neengcaciso zabantu, endaweni yokuyenza iBhayibhile ukuba ibe kwangumchazi wayo. Kubantwana bokholo, ukudidwa nentlungu eziphuma kwimpazamo yabo kwakuza kusebenza ukulungiswa okudingekayo. Babeza kukhokelelwa ekulifundeni ngakumbi ilizwi eliprofetiweyo. Babeza kusihlola ngononophelo olungaphezulu isiseko senkolo yabo, bayale yonke enye into, nokuba yamkeleke ngokubanzi kangakanani kumhlaba wonke wobuKristu, engasekwanga kwiziBhalo eziyinyaniso. IE18 319.1

    Kula makholwa, njengoko kwakunjalo kubafundi bokuqala, oko kuthi ngexa lokulingwa kubonakale kumnyama ezingqiqweni zawo, kwakuza kuthi kamva kwenziwe kucace. Ukuba babengasibona isiphelo seNkosi,” babeya kwazi ukuba, nangona sekukho imbandezelo esisiphumo seempazamo zabo, iinjongo zothando lwaKhe phezu kwabo zazithe chu zizaliseka. Babeza kufunda ngamava asikelelekileyo ukuba “inemfesane enkulu, inenceba;” nokuba zonke iindlela zaKhe “ziyinceba nenyaniso, kwabagcina umnqophiso wakhe nezingqino zaKhe.”IE18 319.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents