Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    10—Inkqubela Yohlaziyo Ejamani

    Ukuthi shwaka kukaLutere ngendlela engaqondakaliyo kwavusa ixhala kwiJamani yonke. Ukubuzisa ngaye kwakuvakala kuyo yonke indawo. Awona marhe oyikekayo ajikeleza, baza abaninzi bakholelwa ukuba ubulewe. Kwabakho ukukhala okukhulu, kungekuphela kubahlobo abathembekileyo bakhe, kodwa nakumawaka awayengazanga aphumela ngaphandle ekuxhaseni uHlaziyo. Abaninzi bazibopha ngesifungo esinendili ukuba baya kuphindisa ngokufa kwakhe.IE18 167.1

    Iinkokeli zobuRoma zalibona zaloyika izinga elanyukayo lafikelela kuyo inkcaso ngakuzo. Nangona kuqala zaya zavuya kuba kuthiwa uLutere ufile, zakhawuleza zazifihla kwingqumbo yabantu. Iintshaba zakhe azizanga zakhathazeka zizenzo zakhe zesibindi ngexesha ephakathi kwazo njengaxa esusiwe. Abo bathi bevutha ngumsindo, bazama ukumbulala umHlaziyi onesibindi, bazaliswa luloyiko ngoku akuba ngumthinjwa ongenakuzinceda. “Indlela ekuphela kwayo yokuba sizisindise,” wathi omnye, “kukukhanyisa izibane, simfune uLutere emhlabeni wonke, simbuyisele esizweni esimfunayo.”--D'Aubigne, b. 9, ch. 1. Umthetho owamiselwa ngukumkani wabonakala ungenamandla abameli bakaPopi bazaliswa yingqumbo xa bebona ukuba ufumene ingqwalaselo engaphantsi kunesiphelo sikaLutere. IE18 167.2

    Iindaba zokuba wayekhuselekile, nangona elibanjwa, zaluthothisa uloyikolwabantu, nangona zazisalivusile ixhala ngakuye.Oko wayekubhalile kwafundwa ngenkulu inzondelelo kunakuqala. Anyuka amanani abantu abazimanya nomsebenzi wegorha lendoda eyathi, kwiimeko ezinjalo ukoyikeka, yalikhusela ilizwi likaThixo. UHlaziyo lwaluthe rhoqo luzuza amandla. Imbewu awayihlwayelayo uLutere yantshula kuyo yonke indawo. Ukungabikho kwakhe kwafeza umsebenzi owawungayi kwenziwa bubukho bakhe. Abanye abasebenzi baziva benoxanduva olutsha, njengokuba ngoku inkokeli yabo isusiwe. Ngokholo nokuzondelela okutsha, batyhudisela phambili ukwenza konke okusemandleni abo, ukuba umsebenzi owaqalwa kakuhle nangesidima kangako, ungabi nakuthinteleka.IE18 167.3

    USathana akazange ayeke ukusebenza. Ngoku wazama ukwenza oko wayekuzama nakwezinye iintshukumo zohlaziyo—ukukhohlisa nokubaqhatha ukuba bamkele unomgogwana endaweni yomsebenzi oyinyaniso. Njengoko babekho ookristu bobuxoki ngenkulungwane yokuqala yebandla lobuKristu, baya bavuka kwangolo hlobo abaprofeti bobuxoki ngenkulungwane yeshumi elinesithandathu. IE18 168.1

    Iqaqobana labantu, ababechukumiseke kakhulu yintshiseko yelizwe lenkolo, bazibona bezuze intyilelo eyodwa evela eZulwini, baza bathi bathunywe lizulu ukuba bahambisele phambili kuse ekuwugqibeni umsebenzi woHlaziyo, owaya, waqalwa ngokutyhafileyo nguLutere, ngokutsho kwabo. Inyaniso yona yeyokuba, babechitha kanye lo msebenzi wayesele ewufezile. Abazange bawamkele umgangatho ophezulu womthetho-siseko owawusisiseko soHlaziyo—othi, ilizwi likaThixo kuphela komgaqo oqulathe lonke ukholo nokumele ukwenziwa; baza, endaweni yenkokelo engasokuze iphosise bamisa umgangatho oguqukayo nongaqinisekanga wezabo izimvo neembono. Ngesi senzo sokubekela bucala umbonisi omkhulu wemposiso nobuxoki, indlela yavulelwa uSathana ukuba azilawule iingqondo ngeyona ndlela emkholisa kakhulu.IE18 168.2

    Omnye waba baprofeti wathi ufundiswe yingelosi uGabriyeli. Umfundi owazimanya naye wazishiya izifundo zakhe, esithi unikwe nguThixo ngokwaKhe ubulumko bokulichaza ilizwi laKhe. Abanye nabo ababekekelele ekugabadeleni, bazimanya nabo. Iinkqubo zabantu bale ntshiseko ayizange ichukumise ibathwana nje labantu. Ukushumayela kukaLutere kwakuvuse abantu kuyo yonke indawo ukuba bakuve ukudingeka kohlaziyo, kodwa ngoku, nabona bantu babenyaniseke ngokwenene balahlekiswa kukuzibabaza kwabaprofeti abatsha.IE18 168.3

    Iinkokeli zentshukumo zaya zafika eWittenberg zangenisa amabango azo kuMelanchthon nabo wayesebenza nabo. Zathi: “Sithunywe nguThixo ukuba sifundise abantu. Sibe nazo iingxoxo neNkosi; siyazi ukuba yintoni eza kwenzeka; ngelizwi elinye, singabapostile nabaprofeti, kwaye sibhenela kuDr. Lutere.” -- D'Aubigne, b. 9, ch. 7.IE18 168.4

    AbaHlaziyi bakhwankqiswa badideka. Yayiyimeko le abangazanga baqubisana nayo ngaphambili, baye bengazi nokuba mabalandele ikhondo elithini. Wathi uMelanchthon: “Le mimoya ikwaba bantu ayiqhelekanga; kodwa yimimoya enjani? . . . Kwelinye icala, kufuneka sikulumkele ukucima uMoya kaThixo, kwelinye, singalahlekiswa ngumoya kaSathana.” D'Aubigne, b. 9, ch. 7. Sakhawuleza sabonakala isiphumo semfundiso entsha. Abantu benziwa ukuba bayityeshele iBhayibhile okanye bayilahlele ecaleni ngokupheleleyo. Izikolo zaba nesiphithiphithi. Abafundi bengalawuleki, bazishiya izifundo zabo barhoxa eyunivesithi. Abantu ababecinga ukuba bayakwazi ukuwuvuselela nokuwulawula umsebenzi woHlaziyo, into abayenzayo kukuwubeka ecicini lokuwubhangisa. Ngenxa yoku, abamaRoma baphinda bavuseleleka kwisibindi sabo baza bathi, ngovuyo olukhulu: “Linye kuphela idabi eliseleyo, sibe soyisile.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 7. IE18 168.5

    ULutere wathi eseWartburg, akukuva oko kwenzekayo, wathi ngokukhathazeka okukhulu: “Bendisoloko ndiyilindele into yokuba uSathana uya kusithumela esi sibetho.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 7. Wayiqonda eyona meko iyiyo yabo babezenza abaprofeti, wayibona ingozi eyayizela umsebenzi wenyaniso. Inkcaso kaPopi nokumkani yayingazange yamenza wanokudideka nokuba noxinzelelo olunjengolo wayenalo ngoku. Kwababezibiza ngokuba bangabahlobo boHlaziyo ngoku kwavuka ezona ntshaba zimbi. Zona ezo nyaniso kanye zamzisela uvuyo olukhulu kakhulu nentuthuzelo enkulungoku zazisetyenziselwa ukuxhokonxa uqhushululu nokudala isiphithiphithi ebandleni.IE18 169.1

    Emsebenzini wohlaziyo, uLutere wayekhuthazwe ukuba abheke phambili nguMoya kaThixo, waza wathwalelwa ngaphaya kwesiqu sakhe. Wayengajonge kuthabatha iindawo awazithabathayo, okanye ukwenza iinguqu ezinkulu. Yena wayesisixhobo nje esisesandleni sikaSomandla. Kanti ke, sekunjalo, wayesoloko engcangcazela ngenxa yeziphumo zomsebenzi wakhe. Wayeke wathi: “Ukuba ndandazile ukuba imfundiso yam yayiza kungxwelerha [ukuzuza] umntu omnye, umntu oyedwa kuphela, nokuba uphantsi engabonakali, nto leyo engakwaziyo ukuyenza, kuba yona iyigospile ngokwayo,--bendingafa nokuba kukalishumi kunokuba ndingayirhoxisi.” -- D'Aubigne, b. 9, ch. 7.IE18 169.2

    Ngoku, iWittenberg ngokwayo, iziko kanye loHlaziyo, yayikhawuleza ukuwa phantsi kwegunya lwamatsha-ntliziyo nokungabi namthetho. Le meko imbi yayingabangelwanga ziimfundiso zikaLutere; kodwa, kuyo yonke iJamani, iintshaba zakhe zazityhola yena. Ekrakra emphefumlweni, wayezibuza: “Ingaba oku kusisiphelo salo msebenzi mkhulu woHlaziyo?”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 7. Kwakhona, wathi akubambana noThixo ngomthandazo, uxolo lwangena entliziyweni yakhe. “Umsebenzi asinguwo owam, kodwa ngowaKho,” watsho. “Akusayi kuwuyeka wonakaliswe ziinkolelo okanye ngamatsha-ntliziyo.” Yona ingcamango yokuzigcina kude kwimbambano ngexesha elibi ngolu hlobo, yaya ingaxhaseki. Wazimisela ukubuyela eWittenberg.IE18 169.3

    Ngaphandle kokulibazisa, waluqala uhambo lwakhe olungengozi. Wayephantsi kwesithintelo sikakumkani. Iintshaba zazikhululekile ukuba zingambulala; abahlobo balelwa ukuba bamncede okanye bamkhusele. Umbuso kakumkani wawuthabatha amanyathelo angqongqo ngakubalandeli bakhe. Waya wabona ukuba umsebenzi wegospile usengozini, wathi, egameni leNkosi, waphuma ngesibindi waya kuyilwela inyaniso.IE18 170.1

    Kwileta awayibhalela uMnyuli, emva kokuba eyibekile injongo yokuyishiya iWartburg, uLutere wathi: “Makwazeke kohloniphekileyo ukuba ndiya eWittenberg phantsi kokhuselo olungaphezulu kakhulu kololwabaphathi nabanyuli. Andicingi ngokufunainkxasoyakho mhlekazi,] kwaye ndingazimisele kufuna nokhuselo lwakho, kunoko ndim ongakhusela wena. Ukuba ndandisazi ukuba ohloniphekileyo ebengakwazi okanye ebeya kundikhusela, bendingayi kuya konke eWittenberg. Akukho krele linokuhambisela phambili lo msebenzi. NguThixo kuphela ekufuneka enze konke, ngaphandle koncedo okanye kokuvumelana nomntu. Lowo unolona lukholo lukhulu nguYe onako ukukhusela.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 8.IE18 170.2

    Kwileta yesibini, awayibhala esendleleni eya eWittenberg, uLutere wongeza, wathi: “Ndikulungele ukwenza ukuba kubekho ukungavani nawe mhlekazi nokuba kubekho ingqumbo kumhlaba wonke. Abazizo izimvu zam abantu baseWittenberg yini na? Akabanikelanga esandleni sam na uThixo? Andifanele na, xa kufanelekile, ukuba ndizibeke esichengeni sokufa ngenxa yabo? Ngaphandle koko, ndiyoyika ukubona kugqabhuka isihikahika esoyikekayo eJamani, aya kuthi uThixo ohlwaye ngaso isizwe sethu.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 7.IE18 170.3

    Ngononophelo olukhulu nokuzithoba okukhulu, kodwa ngesigqibo nokuqina, wawuqala umsebenzi wakhe. “Kungelizwi,” watsho, “ekufuneka sikoyise sikutshabalalise oko kumiswe ngobundlobongela. Andisayi kusebenzisa amandla ukulwa iinkolelo nokungakholwa. . . . Akukho bani kufuneka abandezelwe. Inkululeko inguwona mongo wenkolo.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 8. IE18 170.4

    Kwakhawuleza kwavakaliswa kuyo yonke iWittenberg ukuba uLutere ubuyile nokuba uza kushumayela. Abantu baba yimiqodi bevela nkalo zonke, yaza inkonzo yazala yaphuphuma. Wathi akukhwela epulpitini, wafundisa ngobulumko nobubele obukhulu, wakhuthaza, wakhalima. Xa echukumisa ikhondo labanye ababhenela kumanyathelo obundlobongela ekuchitheni umthendeleko [njengoko usenziwa eRoma], wathi:IE18 170.5

    “Umthendeleko njengoko usenziwa [eRoma] yinto embi; uThixo uchasene nawo; kufuneka ubhangisiwe; kwaye ndinga kuwo wonke umhlaba kungamiswa endaweni yawo isidlo segospile. Sekunjalo, makungabikho bani ususwa kuwo ngamandla. Kufuneka siwuyekele umcimbi ezandleni zikaThixo. Ilizwi laKhe kufuneka libe lilo elisebenzayo, ingabi sithi. Ngokuba kutheni? Ningabuza. Kungokuba andiphethanga iintliziyo zabantu esandleni sam, njengoko umbumbi ephatha udongwe. Sinalo ilungelo lokuthetha: asinalo ilungelo lokwenza. Masishumayele; okunye kokukaThixo. Ukuba bendiza kusebenzisa amandla, bendiza kuzuza ntoni? Ukunyevulelwa, ukulandelwa nje kwesiqhelo,ukulinganiswa, imimiselo yabantu nokuhanahanisa.. . . bekungayi kubakho ukunyaniseka kwentliziyo, kungabikho lukholo, kungabikho luthando. Apho zingekhoyo ezi zinto zintathu, konke kulilize, ndaye ndingeke ndihlawule nesenti ukuba ndifumane isiphumo esinjalo. . . . UThixo wenza okukhulu ngelizwi laKhe lilodwa kunani kunye nam emhlabeni wonke ngamandla wethu amanyeneyo. UThixo unegunya entliziyweni; ithi ke intliziyo yakuba izuziwe, konke kube kuzuziwe. . . . IE18 171.1

    “Ndiya kushumayela, ndixoxe, ndibhale; kodwa andisayi kunyanzela mntu, kuba ukholo sisenzo sokuzithandela. Bonani oko ndikwenzileyo. Ndiye ndema ndichasana noPopi, noYekelelo, nobupopi, kodwa kungekho bundlongondlongo nasiphithiphithi. Ndibeka phambili ilizwi likaThixo; ndashumayela, ndabhala—kuphela kwento endayenzayo. Kuthe ke ngexesha ndilele, . . . ilizwi endalishumayelayo laboyisa ubupopi, ukuze kungabikho mphathi nokuba ngukumkani olonakalisayo. Kanti ke ndithe ndingenzanga nto; ilizwi lilodwa lakwenza konke. Ukuba bendinqwenele ukubhenela emandleni, iJamani yonke mhlawumbi ngeyaqubha egazini. Besiya kuba yintoni isiphumo? Intshabalalo, imbuqo yomzimba nomphefumlo. Ngenxa yoko, ndathula, ndashiya ilizwi ukuba liwucande umhlaba lilodwa.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 8.IE18 171.2

    Imihla ngemihla, iveki yonke, uLutere waqhubeka eshumayela kwizihlwele ezinomdla. Ilizwi likaThixo lakuqhawula ukuthinjwa kukuthabatheka kobutsha-ntliziyo. Amandla egospile ababuyisela endleleni yenyaniso abantu ababelahlekisiwe. IE18 171.3

    ULutere wayengenawo umnqweno wokugilana namatsha-ntliziyo andlela yawo yaba ngunozala wobubi obukhulu. Wayesazi ukuba angamadoda angqiqo ingazinzanga, namvakalelo zawo zingalawulekiyo, awayeza kuthi, lo gama esithi akhanyiselwe ngendlela eyodwa lizulu, angakwazi kunyamezela nesuntswana lokuphikiswa okanye nokuthethiswa ngobubele okanye icebiso. Eziphakamisele kwelona gunya liphezulu, ayefuna ukuba wonke umntu, ngaphandle kombuzo, ukuba awavume amabango awo. Kwathi kodwa kuba afuna ukuba nodliwano-ndlebe kunye naye, wavuma ukuhlangana nawo; waza wakubeka elubala ngempumelelo ukuzigwagwisa kwawo kangangokuba abakhohlisi bakhawuleza bayishiya iWittenberg. IE18 171.4

    Ubutsha-ntliziyo baya banqunyanyiswa okwexesha; kodwa kwiminyaka eliqela emva koko kwaphinda kwavuka ngobundlobongela obukhulu neziphumo ezibi kakhulu. Wathi uLutere, ngokubhekiselele kwiinkokeli ezikule ntshukumo: “Kubo, iziBhalo eziNgcwele zaziyincwadi efileyo, baza baza bonke baqala ukukhala, ‘UMoya! UMoya!’ kodwa eyona nto iqinisekileyo yeyokuba andisayi kulandela ukuya apho umoya wabo ubakhokelela khona. Wanga uThixo wenceba yaKhe angandikhusela ndingabi kwibandla elineengcwele kuphela. Ndinqwenela ukuhlala nabathobekileyo, abangenamandla, abagulayo, abazaziyo nabazivayo izono zabo, nabagcumayo bekhala njalo kuThixo kusuka kumazantsi eentliziyo zabo ukuba bazuze intuthuzelo nenkxaso yaKhe.”-- D'Aubigne, b. 10, ch. 10.IE18 172.1

    UThomas Munzer, elona tshantliziyo lalishushu kakhulu, wayeyindoda enesakhono esikhulu, esasinokuthi xa sisetyenziswe ngendlela eyiyo, simenze ukuba enze okulungileyo; kodwa wayengayifundanga imithetho-siseko yokuqala yenkolo. “Wayezaliswe lulangazelelo lokuhlaziya ihlabathi, walibala, njengawo onke amatsha-ntliziyo, ukuba uhlaziyo kumele luqale ngesiqu sakhe.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 8. Wayelangazelela kakhulu ukufumana isikhundla nempembelelo, engakulungelanga ukuba kwindawo yesibini, nalapho kuLutere. Waya wathi, abaHlaziyi, ngokumisa igunya lesiBhalo endaweni yelikaPopi, ayemisela nje olunye uhlobo lobupopi. Yena ngokwakhe, wathi, wayethunywe lizulu ukuba angenise uhlaziyo lwenyaniso. “Lowo unomoya,” watsho, “unenkolo yenyaniso, nokuba akaze wasibona isiBhalo ebomini bakhe.”-- D'Aubigne, b. 10, ch. 10.IE18 172.2

    Abafundisi abangamatsha-ntliziyo bazinikela ekubeni balawulwe ziimbono, ngokubhekiselele kuyo yonke ingcamango nentshiseko njengelizwi likaThixo; ngenxa yoko, basuka bagabadela kakhulu. Abanye bada bazitshisa iiBhayibhile, besithi: “Incwadi iyabulala, kodwa nguMoya odlisa ubomi.” Imfundiso kaMunzer yaba negalelo kumnqweno wabantu wokufuna okona kuhle lo gama yanelisa ikratshi labo ngokuthi ibeke iingcinga neengcamango zomntu ngaphezu kwelizwi likaThixo. Iimfundiso zakhe zamkelwa ngamawaka. Wakhawuleza waluhlasela lonke ucwangco kunqulo lukawonke-wonke, esithi ukuthobela abaphathi kukuzama ukukhonza iinkosi ezimbini, uThixo noBheliyali [itshijolo].IE18 172.3

    Iingqondo zabantu, ezazisele ziqala ukuyilahla idyokhwe yobupopi, zaziphelelwakukunyamezelaphantsikobunzima begunya loburhulumente. Iimfundiso zikaMunzer zovukelo, ezazibanga ukwamkelwa lizulu, zabakhokelela ekubeni baqhawule kulo lonke ulawulo banikele ulawulo kwiintiyo nemvakalelo. Eyona mibono mibi yokuxhokonxa inkathazo nokulwa yalandela, aza amathafa aseJamani azaliswa ligazi.IE18 173.1

    Intlungu yomphefumlo awayenayo uLutere kudala ngaphambili e-Erfurt yaphinda yamcinezela ngokuphindiweyo xa ebona iziphumo zokuhlaselwa koHlaziyo ngamatsha-ntliziyo. Abaphathi bobupopi bathi—baye bebaninzi abalungele ukuyamkela le ntetho—uvukelo lwalusisiqhamo esifanelekileyo seemfundiso zikaLutere. Nangona esi sityholo sasingenaso nesincinane isiseko, sakwazi ukumenza umHlaziyi abe noxinzelelo olukhulu. Into yokuba umsebenzi wenyaniso uhlazwe ngolo hlobo ngokulinganiswa nowona uphantsi umoya wamatsha-ntliziyo, wabonakala ungaphezulu kokuba angawunyamezela. Kwelinye icala, iinkokeli kuvukelo zamthiya uLutere kuba wayenganelanga nje ukuphikisana neemfundiso elandula amabango okuphefumlelwa lizulu, kodwa wazixela ukuba zikukuvukela igunya eliphetheyo. Ukuphindezela, bamsingela phantsi njengomkhohlisi ophantsi. Kwaba ngathi uzibizele phezu kwakhe ubutshaba babaphathi nobabantu. IE18 173.2

    Bavuya kakhulu abamaRoma, belindele ukubona ukuwa okukhawulezileyo koHlaziyo; baza bagxeka uLutere, nangeempazamo awayezama kangangoko ukuzilungisa. Iqela lamatsha—ntliziyo, ngokubanga ngobuxoki ukuba liye laphathwa kakubi kakhulu, laphumelela ukuzuza uvelwano lweqela elikhulu labantu, kwathi, njengoko kuye kube njalo kwabo bathabatha icala elingelilo, bafika apho babonwa njengabafelukholo. Ngaloo ndlela, abo babe sebenzisa onke amandla abo ukuchasa uHlaziyo basuka basizelwa, baphakanyiswa njengamaxhoba enkohlakalo nenkcaso. Lo yayingumsebenzi kaSathana, owawuqhutywa ngumoya omnye wovukelo owaqala ukubonakalaliswa ezulwini.IE18 173.3

    USathana uthe rhoqo ezama ukukhohlisa abantu nokubakhokelela ekubizeni isono ngokuthi bubulungisa, nokuthi ubulungisa sisono. Indlela umsebenzi wakheonempumelelongayo! Kukangakananiukugxekwa nokugculelwa okwenziwa kubakhonzi bakaThixo abathembikeleyo baya beya kuma bengoyiki ukukhusela inyaniso! Amadoda azizithunywa zikaSathana ayadunyiswa akhohliswe, ade abonwe njengafelukholo, lo gama lawo abefanele ukuhlonitshwa, eshiywa emi odwa, ekrokrelwa engathenjwanga.IE18 173.4

    Unomgogwana wobungcwele, ukungcwaliseka okucekisekayo, kusawenza umsebenzi wako wokulahlekisa. Phantsi kweemo ezahlukheneyo, kubonisa umoya omnye njengemihla kaLutere, ujika iingqondo uzisusa esiBhalweni ukhokelela ebantu ekulandeleni ezabo izimvo neembono endaweni yokuziyekela ekuthobeleni umthetho kaThixo. Eli lelinye lamacebo kaSathana anempumelelo lokwenza ukuba kubekho ukugxekwa kobunyulu nenyaniso. IE18 174.1

    Ngokungoyiki, uLutere wayikhusela igospile kuhlaselo olwaluvela macal’ onke. Ilizwi likaThixo lazibonakalalisa ukuba lisisixhobo esinamandla kulo naliphi idabi. Ngelo lizwi, walwa negunya likaPopi elisetyenziswa gwenxa, nolwazi olungenakuqonda lwamadoda emfundo, lo gama wayemi eqine okweliwa ukuchaza ukutshiseka okwakuzama ukuzayamanisa noHlaziyo. IE18 174.2

    Igalelo ngalinye elichasayo, ngolwalo uhlobo, lwalubekela bucala iziBhalo eziNgcwele liphakamisa ubulumko bomntu njengethende lenyaniso nolwazi lwenkolo. Ukulandela ingqondo yodwa kungamkelwa enye into kukwenza ukucinga kube sisithixo ukuze kube ngumgangatho wenkolo. UbuRoma, obubanga ukuba igunya labo lobupopi obunobungangalala obaphuma buyinzala engaqhawukanga ndawo kubapostile, nobungenako ukuguqulwa lixesha, bunika ithuba elaneleyo kulo lonke uhlobo lokuthsafaza nenkohlakalo ukuba ifihlwe phantsi kobungcwele bomyalelo owathunywa abapostile. Impefumlelo, awayesithi uMunzer namahlakani akhe banayo, yayingaphumi ngaphaya kwamaphupha eengcinga zabo, yaye impembelelo yayo [loo mpefumlelo] icinezela lonke igunya, elomntu nelikaThixo. UbuKristu benene bamkela ilizwi likaThixo njengovimba omkhulu wenyaniso ephefumlelweyo nevavanya yonke impefumlelo. IE18 174.3

    Akuba ebuyile eWartburg, uLutere wagqibezela ukuguqula iTestamente eNtsha, yazaemva koko igospileyakhawuleza ukunikwaabantu baseJamani ngolwabo ulwimi. Le nguqulelo yamkelwa ngovuyo olukhulu ngabo bonke ababeyithanda inyaniso; kodwa yaliwa ngokugculelwa ngabo bakhetha izithethe nemithetho yabantu.IE18 174.4

    Ababingeleli baya bakhwankqiswa bakucinga ukuba abantu nje bayakwazi ukuzixoxela ngemiyalelo yelizwi likaThixo, nokuba okwabo [babingeleli] ukungazi kwakutyhiliwe. Izixhobo zengqiqo yabo yenyama zazingenawo amandla okumelana nekrele likaMoya. IRoma yenza konke okusegunyeni layo ukuthintela ukusasazwa kweziBhalo; kodwa imithetho, iziqalekiso, nentuthumbiso, zonke zaba lilize. Okona yayigxeka isalela iBhayibhile, okona kwaba kukhulu kakhulu ukunxanelwa kwabantu ukwazi ukuba yintoni kanye eyifundisayo. Bonke ababekwazi ukufunda balangazelela ukuzifundela ngokwabo ilizwi likaThixo. Baliphatha bejikeleza nalo, balifunda, baqokela ukulifunda, bengade baneliseke bengekazifundi bazazi ngentloko iindawo ezininzi. Wathi akubona uthando eyamkeleke ngalo iTestamente eNtsha, uLutere, kwangoko, wakhawuleza ukuguqula eNdala, kuthi, ngako nje ukuba indawo ethile igqitywe, ibe seyisasazwa.IE18 175.1

    Okubhalwe nguLutere kwamkelwa ngokufanayo esixekweni nakwiindawo ezincinane. “Oko uLutere nabahlobo bakhe bakuqambayo, kwasasazwa ngabanye. Iimonk, zoyisakele kukungabi semthethweni kwemiqathango yasezindaweni ezihlala kuzo, zanqwenela ukunikezela ngobomi obude bobuxelegu zithabathe obokusebenza ngamandla, kodwa, kuba zazingenalo kakhulu ulwazi ngelizwi likaThixo, zangena ezithilini, zihambela iidolophana nezindlu, apho zazithengisa iincwadi zikaLutere nabahlobo bakhe. Kungekudala iJamani yazala ngaba bathengisi beencwadi banesibindi.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 11. IE18 175.2

    Olu ncwadi lwalufundwa ngomdla omkhulu ngabazizityebi nabangamahlwempu, ngabafundileyo nabangafundanga. Ebusuku, iititshala zezikolo ezisezilalini zazizifundela kakhulu amaqela abuthene eziko. Kwilinge ngalinye, imiphefumlo ethile yayisoyisakala yinyaniso, ize ithi, yakuba ilamkele ilizwi ngovuyo, nayo ihambe ixelele abanye iindaba ezilungileyo.IE18 175.3

    Amazwi empefumlelo aqinisekiswa: “Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa, kuqondisa abazizidenge.” Ndumiso 119:130. Ukufunda iziBhalo kwakusebenza ngamandla ukuguqula iingqondo neentliziyo zabantu. Umgaqo wobupopi wawubeke kubantu abaphantsi kwawo idyokhwe yentsimbi eyababamba bengazi, bekumgangatho ophantsi. Ukugcinwa ngokweenkolelo kweenkonzo kwakusenziwa ngononophelo olukhulu; kodwa kuko konke ukukhonza kwabo, intliziyo nobuchopho zazinendawo encinane. Ukushumayela kukaLutere, okwabeka iinyaniso ezicacileyo zelizwi likaThixo, laza lathi nalo ilizwi, lakuba libekwe ezandleni zabantu, lavusa amandla abekade elele, linganeli kuhlaziya nokukhulisa indalo yasemoyeni nje kuphela, kodwa linika amandla amatsha nokudlamka kwengqondo.IE18 175.4

    Abantu bawo wonke amanqanaba kwakufuneka bebonwe beneBhayibhile ezandleni zabo, bekhusela imfundiso yoHlaziyo. Abobupopi, ababekuyekele kubapristi nakubafundisi ukuzifunda iziBhalo, bababiza ukuba baze ngaphambili baphikise iimfundiso ezintsha. Nabo, bengazazi ngokufanayo iziBhalo namandla kaThixo, abapristi nabafundisi boyiswa kwaphela ngabo babebasingele phantsi njengabangafundanga nabalahlekisi. “Engonwabanga,” watsho umbhali womKatolika, “uLutere waboyisela abalandeli bakhe ukuba bangalubeki ukholo lwabo nakweyiphi enye intsonkotha yoosiyazi ngaphandle kweziBhalo eziNgcwele.” D'Aubigne, b. 9, ch. 11. Izihlwele zazibuthelana ukuza kuva inyaniso ivakaliswa ngabantu abangafundanga, ide ixoxwe nezifundiswa nezingamaciko ngokufunda ngoThixo. Ubudenge obulihlazo bala madoda makhulu babubonakala xa kuqutyiswana neengxoxo zawo ngeemfundiso nje ezilula zelizwi likaThixo. Abasebenzi, amasoldati, nabantwana, babeqhelene ngcono neemfundiso zeBhayibhile kunabapristi noogqirha abafundileyo. IE18 176.1

    Umahluko phakathi kwabafundi begospile nabaphakamisi beenkolelo zobupopi wawukwacacile nakumanqanaba ezifundiswa kubantu abangelutho. “Ukuchasa amaqhawe amadala aphetheyo, awatyeshela ukufunda iilwimi zeBhayibhile nokukhuliswa koncwadi, . . . kwakusenziwa lulutsha olunobubele, olwaluzinikele ekufundeni nasekuphengululeni iziBhalo, nokuzenza luqhelane namaxwebhu akudala. Kuba enengqondo ekhutheleyo, nomphefumlo ophakamileyo, nentliziyo engenaloyiko, la madodana akhawuleza alufumana ulwazi olwaluya kuthabatha ixesha elide ukuba kubekho abanokumelana nabo. . . . Ngokukwanjalo, xa aba bakhuseli batsha boHlaziyo bequbisana noogqirha bobuRoma nakweyiphi intlanganiso, babebahlasela kalula nangesibindi kangangokuba la madoda angazi nto ayeba mathidala, aphoxeke, adeleke phambi kwawo onke amehlo awayebanike imbeko.”-- D'Aubigne, b. 9, ch. 11. IE18 176.2

    Sathi isifundisi samaRoma sakubona izikhungu zincipha, sacela uncedo lwabalawuli, zaza zathi, ngazo zonke iindlela ezisemandleni azo, zazama ukubabuyisa abaphulaphuli bazo. Abantu babefumene kwiimfundiso ezintsha oko kwakusanelisa iimfuno zemiphefumlo yabo, baza babashiya abo babesoloko bebondla ixesha lonke ngamakhatshu eenkonzo zeenkolelo nezithethe zabantu.IE18 176.3

    Yathi yakuphenjwa intshutshiso ukuchasa abafundisi benyaniso, basuka bathobela amazwi kaKristu: “Xa sukuba ke benitshutshisa kuloo mzi, sabelani kuwumbi.” Mateyu 10:23. Ukukhanya kwangena kuyo yonke indawo. Iimbacu zazifika kwenye indawo zivulelwe ucango, zithi zihleli apho, zishumayele uKristu, maxa wambi enkonzweni, okanye, ukuba ziyalivinjwa ilungelo, emakhayeni okanye esidlangalaleni, emathafeni. Nakweyiphi indawo apho zazinokumanyelwa khona, loo ndawo yayiyitempile esikelelweyo. Inyaniso, eyavakaliswa ngamandla angako nengqiniseko engako, yasasazeka ngamandla ekwakungeke kume nto phambi kwawo.IE18 177.1

    Kwaba lilize ukuba omabini amagunya, elenkonzo nelaselulawulweni lwesizwe, akhuthazelwe ukuba anyhashe ukreqo. Ngelize, abhenela ekuvaleleni entolongweni, ekuthuthumbiseni, emlilweni, nasekreleni. Amawaka amakholwa alutywina ukholo lwawo ngegazi lawo, ukanti umsebenzi wona waqhubeka. Intshutshiso yasebenza kuphela ukwandisa inyaniso, kwathi ukubaxa uSathana awazama ukukumanya nabo kwaphumela ekwenzeni ukuba kucace ngakumbi umahluko phakathi komsebenzi kaSathana nomsebenzi kaThixo.IE18 177.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents