41—Ukuphanziswa komhlaba
IMBAMBANO ENKULU
- Contents- INGABULA-ZIGCAWU
- INTSHAYELELO
- 1—Ukutshatyalaliswa kweyerusalem
- 2—Intshutshiso Yeenkulungwane Zokuqala
- 3—Ixesha Lobumnyama Basemoyeni —(Ukreqo)
- 4—Amawaldensi
- 5—Ujohn Wycliffe
- 6—Uhuss Nojerome
- 7—Ukwahlukana Kukalutere Neroma
- 8—Ulutere Phambi Kweentlanganiso Ezinkulu
- 9—Umhlaziyi Waseswitzerland
- 10—Inkqubela Yohlaziyo Ejamani
- 11—Uvukelo Lwabaphathi
- 12—Uhlaziyo Lwasefrance
- 13—Inetherlands Nescandinavia
- 14—Abahlaziyi Basengilane Bexesha Lamva
- 15—Ibhayibhile Novukelo Lwasefrance
- 16—Abafuduki Basengilane
- 17—Abavakalisi Bentsasa
- 18—UmHlaziyi wasemelika
- 19—Ukuza kokukhanya ngobumnyama
- 20—Ukuvuselelwa okukhulu konqulo
- 21—Ukwaliwa kwesilumkiso
- 22—Ukuzaliseka kweziprofeto
- 23—Iyintoni ingcwele?
- 24—kwingcwele kangcwele
- 25—Umthetho Kathixo Awunakuguqulwa
- 26—Umsebenzi Wohlaziyo
- 27—Iimvuselelo Zangoku
- 28—Ukugocwagocwa kwengxelo yobomi
- 29—Imvelaphi yobubi
- 30—Ubutshaba Phakathi Komntu Nosathana
- 31—Izenzeleli Ezingoomoya Ababi
- 32—Imigibe Kasathana
- 33—Inkohliso Enkulu Yokuqala
- 34—Bangathetha Na Nathi Abethu Abafileyo?
- 35—Ukuhlaselwa Kwenkululeko Yesazela
- 36—Ungquzulwano Oluzayo
- 37—Inkuseleko Ngezibhalo
- 38—Isilumkiso Sokugqibela
- 39—Ixesha Lembandezelo
- 40—Ukuhlangulwa Kwabantu Bakathixo
- 41—Ukuphanziswa komhlaba
- 42—Ukuphela Kwembambano
Search Results
- Results
- Related
- Featured
- Weighted Relevancy
- Content Sequence
- Relevancy
- Earliest First
- Latest First
- Exact Match First, Root Words Second
- Exact word match
- Root word match
- EGW Collections
- All collections
- Lifetime Works (1845-1917)
- Compilations (1918-present)
- Adventist Pioneer Library
- My Bible
- Dictionary
- Reference
- Short
- Long
- Paragraph
No results.
EGW Extras
Directory
41—Ukuphanziswa komhlaba
“Izono zayo ziye zafikelela emazulwini, nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo. Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo, niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo; indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani. Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo. Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili. Ngenxa yoko ziya kufika ngamininye izibetho zayo, ukufa nesijwili, nendlala. Iya kutsha ngumlilo, ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo. Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, bayimbambazelele, . . . besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.” IsiTyhilelo 18:5-10. IE18 576.1
“Abarhwebi bomhlaba,” abo “baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo,” “baya kuma kude, nangenxa yokoyika intuthumbo yayo, belila, besenza isijwili, besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo emfusa, uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka.” IsiTyhilelo 18:11, 3, 15 -17.IE18 576.2
Zaba njalo izigwebo ezawa phezu kweBhabheli ngemini yokufikelwa kwayo yingqumbo kaThixo. Yayiwuzalisile umlinganiselo wobugwenxa bayo; ixesha layo lifikile; ilungele ukutshatyalaliswa.IE18 576.3
Xa ilizwi likaThixo libuyisa ukuthinjwa kwabantu baKhe, kukho ukuvuka okoyikekayo kwabo babelahlekwe kuko konke kungquzulwano olukhulu lobomi. Lo gama inceba iqhubeka, babemfamekiswe ziinkohliso zikaSathana, baza bayithethelela indlela yabo yesono. Abazizityebi bazigabisa ngokuba ngaphezulu kwabo babe ngenanto; kodwa ubutyebi babo babe bufumene ngokwaphula umthetho kaThixo. Bakutyeshela ukondla abalambileyo, ukunxiba abaze, ukwenza ngobulungisa, nokuthanda inceba. Bafuna ukuziphakamisa bona nokuzuza intlonelo ngabanye abadalwe nabo. Ngoku baphucwe konke oko kwabenza bakhulu, bashiywa bezindwayi bengenalo nokhuselo. Bayikhangela ngoloyiko intshabalalo yezithixo abazithandayo ngaphezu koMenzi wabo. Bathengise ngemiphefumlo yabo ngobutyebi bomhlaba nolonwabo, abakufuna ukuba nobutyebi ngakuThixo. Isiphumo kukuba ubomi babo busilele; iziyolo zabo ngoku zijike zaba yinyongo, indyebo yabo yonakala. Inzuzo yobomi bonke itshayelelwe kude ngomzuzwana. Izityebi zikhalela intshabalalo yezindlu zazo ezintle, ukuchithachithwa kwegolide nesilivere yabo. Sekunjalo, izililo zabo zithuliswa kukoyika ukuba bona ngokwabo baza kutshabalala nezithixo zabo.IE18 576.4
Abakhohlakeleyo bazaliswe kukuzisola, kungengakuba benze isono sokutyeshela uThixo kunye nabazalwana babo, kodwa kuba uThixo woyisile. Balila kuba isiphumo siyile nto siyiyo; kodwa abaguquki kwinkohlakalo yabo. Abayi kushiya kukho into abangayizamanga ukuba boyise, ukuba banako. IE18 577.1
Ihlabathi libona olu didi kanye belilihleka liligculela, lilangazelela ukulicima liphele, lidlula lingenanto imbi kwindlala, izaqhwithi, nenyikima. Lowo ungumlilo odlayo kubagqithi bomthetho waKhe, nesithe elikhuselekileyo kubantu baKhe. IE18 577.2
Umlungiseleli obingelele ngenyaniso ukuze athandwe ngabantu ngoku uyasiqonda isimilo nempembelelo yeemfundiso zakhe. Kuyacaca ukuba iliso elazi konke lalimlandela ngexesha emi eqongeni, xa ecanda izitrato, xa ezixuba nabantu kwizinto ezahlukeneyo zobomi. Yonke imvakalelo yomphefumlo, wonke umgca obhaliweyo, lonke ilizwi elithethiweyo, sonke isenzo esakhokelela abantu ukuba baphumle kwinqaba yokuphephela ebubuxoki, konke kube kuhlwayela imbewu; ngoku ke, kwimiphefumlo exhwalekileyo, elahlekileyo emjikelezileyo, uyasibona isivuno.IE18 577.3
Uthi uYehova: “Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.” “Ngenxa enokuba niyenze buhlungu ngobuxoki intliziyo yelungisa, endingalenzanga buhlungu mna; nazomeleza izandla zongendawo, ukuze angabuyi endleleni yakhe embi, asindiswe [ngokumthembisa ubomi — KJV].” Yeremiya 8:11; Hezekile 13:22.IE18 577.4
“Yeha ke, abalusi abatshabalalisa bachithachithe umhlambi wedlelo lam! . . . Yabonani, ndiya kunivelela ngenxa yobubi beentlondi zenu.” “Bhombolozani, balusi, nikhale; nizigalele ngothuthu, zingangamsha zomhlambi; ngokuba izalisekile imihla yenu yokuba nisikwe; . . . iphele intsabo kubalusi, nokusinda kwiingangamsha.” Yeremiya 23:1, 2; 25:34, 35.IE18 577.5
Abalungiseleli nabantu bayabona ukuba abakhange babugcine bulungile ubudlelane noThixo. Bayabona ukuba baye bayivukela iMbangi yawo wonke umthetho onobulungisa nolungileyo. Ukubekela bucala imiyalelo engcwele kwenza ukuba kubekho amawaka emithombo emibi, isiphithiphithi, intiyo, ubugwenxa, wada umhlaba waba lithafakazi elikhulu lokulwa, umhadi omnye ongcolileyo wenkohlakalo. Yimbono le ethi ibonakale kwabo bayalayo inyaniso bakhetha ukonwabela imposiso. Alukho ulwimi olunokulubeka ulangazelelo abo bangazange bathobele nabanganyanisekanga abaluvayo ngenxa yoko kubalahleke ngonaphakade—ubomi obungunaphakade. Abantu ababenqulwa lihlabathi ngenxa yeetalente zabo nobuciko babo ngokubabona ezi zinto zinjengoko zinjalo. Bayayiqonda into ebalahlekeleyo ngenxa yokugqitha umthetho, baze bawe ezinyaweni zabo abakunyaniseka kwabo babekudelile, bahlekisa ngako, batsho bavume ukuba uThixo ubathandile.IE18 578.1
Abantu bayabona ukuba bebelahlekisiwe. Bayatyholana ngokukhokelelana entshabalalweni; kodwa bonke bamanyene ekufumbeni esona sigxeko sibukhali kakhulu phezu kwabalungiseleli. Abafundisi abanganyanisekanga baprofeta izinto ezigudileyo; babakhokelela abaphulaphuli babo ekwenzeni into engento umthetho kaThixo nokuba batshutshise abo babewugcina ngcwele. Ngoku, ekuphelelweni lithemba kwabo, aba bafundisi bayawuvuma phambi komhlaba umsebenzi wabo wolahlekiso. Izihlwele zizaliswe ngumsindo. “Silahlekile!” ziyakhala, “kwaye nina ningunobangela wentshabalalo yethu;” baze babajikele abelusi bobuxoki. Kwabona aba babekhe babathanda kakhulu baza kubathuka ngezona zithuko zoyikekayo. Zona ezo zandla kanye zazibathwese izithsaba ziya kuphakanyiselwa ukubatshabalalisa. Amakrele awayeza kubulala abantu bakaThixo asetyenziswa ukutshabalalisa iintshaba zabo. Kuyo yonke indawo kulidabi nokuphalala kwegazi.IE18 578.2
“Ingxolo iya kufika esiphelweni sehlabathi, ngokuba uYehova ubambene neentlanga; uya kugweba phakathi kwenyama yonke; abangendawo ubanikela ekreleni.” Yeremiya 25:31. Kuyiminyaka engamawaka amathandathu iqhuba imbambano enkulu; uNyana kaThixo nabathunywa baKhe abasezulwini bebesemfazweni namagunya ongendawo, ukuba alumkise, akhanyisele, asindise oonyana babantu. Ngoku, bonke bazenzile izigqibo zabo; abakhohlakeleyo bazimanye ngokupheleleyo noSathana kwimfazwe yakhe yokulwa noThixo. Ixesha lifikile lokuba uThixo agwebele igunya laKhe ngomthetho waKhe owanyhashwayo. Ngoku imbambano ayikuphela noSathana yedwa, kodwa nabantu. “UYehova ubambene neentlanga;” “Abangendawo ubanikela ekreleni.”IE18 578.3
Uphawu lokuhlangulwa lubekiwe phezu kwabo kuthiwa ngamadoda “agcumayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo.” Ngoku ingelosi yokufa iyaphuma, imelwe embonweni kaHezekile ngamadoda aphethe izixhobo zokubulala, nanikwa umyalelo othi: “[Xabelani], malingabi nanceba iliso lenu ningabachongi; amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, . . . ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam.” Uthi umprofeti: “Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.” Hezekile 9:1-6. Umsebenzi wentshabalalo uqala kwabo babesithi bangabagcini basemoyeni babantu. Abalindi bobuxoki bangabokuqala ukuwa. Akukho ukhoyo ukuba abe novelwano okanye asindise. Amadoda, abafazi, amantombazana, nabantwana abancinane, bonke bayatshabalala kunye.IE18 579.1
“UYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvulele kubo ubugwenxa babemi behlabathi; ihlabathi lowatyhila amagazi alo, lingabi sabaselela ababuleweyo balo.” Isaya 26:21. “Siso esi isibetho aya kuzibetha ngaso uYehova zonke izizwe eziyiphumele umkhosi iYerusalem: uya kuyingcungcuthekisa inyama yomntu, emi ngeenyawo zakhe, aphelele amehlo akhe emakrolomeni awo, kuphelele ulwimi lwakhe emlonyeni wakhe. Kothi ngaloo mini, sibe sikhulu isaqunge phakathi kwazo siphuma kuYehova; babambe elowo isandla sakhe siphakamele isandla somelwane wakhe.” Zekariya 14:12, 13. Kwidabi lempambano yokulwa neenkanuko zabo ezoyikekayo, nangokuthululwa kwengqumbo kaThixo egalelwe emhlabeni ingaphithikeziwe [nenceba], baya kuwa abemi abakhohlakeleyo bomhlaba—ababingeleli, abaphathi, nabantu, abazizityebi nabangamahlwempu, abaphezulu nabaphantsi. “Ababuleweyo nguYehova ngaloo mini, bathabathele ekupheleni kwehlabathi, bese ekupheleni kwehlabathi, bangambanjazelelwa, bangahlanganiswa, bangangcwatywa.” Yeremiya 25:33. IE18 579.2
Ekufikeni kukaKristu, abakhohlakeleyo baya kucinywa ebusweni bomhlaba wonke—badliwe ngumoya womlomo waKhe, batshatyalaliswe kukubengezela kobuqaqawuli baKhe. UKristu uthabatha abantu baKhe abase eMzini kaThixo, uze umhlaba ube yindawo engamiwanga bantu. “Yabona uYehova ulithi qongqololo ihlabathi, ulenza amagqagala, uyabuphethula ubuso balo, uyabachithachitha abemi balo.” “Ihlabathi lithiwe qongqololo ngakunye, liphangwe liphangiwe; kuba uYehova elithethile elo lizwi.” “Ngokokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade. Ngenxa yoko lidliwe ihlabathi kukuqalekiswa, bathwele ityala abemiyo kulo; ngenxa yoko baphanzile abemi behlabathi.” Isaya 24:1, 3, 5, 6.IE18 579.3
Umhlaba wonke ubonakala uyintlango esenyanyeni. Iindonga zezixeko nemizi ezitshatyalaliswe yinyikima, imithi encothukileyo, amawa aqhekekileyo avunjululwe lulwandle okanye aqhekeke emhlabeni ngokwawo, athe saa phezu kobuso bomhlaba, lo gama imisele ebanzi ibonisa apho iintaba ziye zasuka khona kwiziseko zazo.IE18 580.1
Ngoku kwenzeka isiganeko esityhilwe yinkonzo yokugqibela yeMini yoCamagushelo. Lwakuba ulungiselelo kwingcwele kangcwele lugqityiwe, izono zikaIsrayeli zisusiwe engcweleni ngamandla egazi lomnikelo wesono, ithi ibhokhwe inikelwe iphilile phambi kukaYehova; kuze kuthi, phambi kwentlanganiso, umbingeleli omkhulu abuvume phezu kwayo “bonke ubugwenxa boonyana bakaIsrayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe.” Levitikus 16:21. Ngokukwanjalo, wakuba umsebenzi wocamagushelo ugqityiwe kwingcwele yasezulwini, phambi kukaThixo nezithunywa zezulu nemikhosi yabahlangulweyo, izono zabantu bakaThixo ziya kubekwa phezu kukaSathana; kuya kuthiwa unetyala labo bonke ububi awenza ukuba babenze. Kuya kuthi, njengoko inkunzi yebhokhwe [ka-Azazele] yayithunyelwa kude kwindawo engamiwanga bantu, ngokunjalo uSathana uya kugxothelwa emhlabeni ongumqwebedu, indawo engenabemi, intlango eyinkqantosi.IE18 580.2
Umtyhilelwa ukuxela kwangaphambili ukugxothwa kukaSathana nemeko yenkxwaleko nokuba ngumqwebedu oza kuba yiyo umhlaba, aze athi le meko iya kubakho iminyaka eliwaka. Emva kokuba enike imiboniso yokubuya kwesibini kweNkosi nokutshatyalaliswa kwabakhohlakeleyo, isiprofeto siqhuba sithi: “Ndabona isithunywa sezulu, sisihla siphuma emazulwini, sinesitshixo senzonzobila, nomxokelelwane omkhulu esandleni saso. Sayibamba inamba, loo nyoka yakudala enguMtyholi, uSathana ke, sayikhonkxa iminyaka eliwaka. Sayiphosa enzonzobileni, sayivalela, satywina ngaphezu kwayo, ukuze ingabi sazilahlekisa iintlanga, ide izaliseke iminyaka eliwaka; emva koko imelwe kukukhululwa ixeshana elincinane.” IsiTyhilelo 20:1-3. Ngokubhekiselele kwimeko yomhlaba “ekuqalekeni,” ingxelo yeBhayibhile ithi “kwakusenyanyeni, kuselubala; kwakumnyama phezu kwamanzi enzonzobila.” Genesis 1:2. [QAPHELA: IGAMA LESIHEBHERE ELIGUQULWE NGOKUTHI “NZONZOBILA”KWINGUQULELO EYISEPTUAGINT (YESIGRIKE) XA ISIGUQULA ISIHEBHERE, LIKWASETYENZISWE KWISITYHILELO 20:1-3.] Isiprofeto sifundisa ukuba umhlaba uza kubuyiselwa, kancinane, kule meko. Ekhangele phambili kwimini enkulu kaThixo, umprofeti uYeremiya wathetha, wathi: “Ndakhangela emhlabeni, nanko kusenyanyeni, lilubala; nasezulwini akwabakho kukhanya kulo. Ndakhangela ezintabeni, nanzo zinyikima, neenduli zonke zididizela. Ndakhangela, nanko ke kungekho mntu, neentaka zonke zezulu zibalekile. Ndakhangela, nantso iKarmele iyintlango, yonke imizi yayo idilikile phambi koYehova, phambi kokuvutha komsindo wakhe.” Yeremiya 4:23-26.IE18 580.3
Eli liza kuba likhaya likaSathana kunye neengelosi zakhe ezikhohlakeleyo iminyaka eliwaka. Ephelele apha emhlabeni, akasayi kukwazi ukufikelela kwamanye amazwe ukuba alinge, aphazamise abo bangazanga bawa. Yile meko ke le ethi ubotshiwe: akukho bantu baseleyo, anokusebenzisa kubo igunya lakhe. Unqanyulwe kwaphela emsebenzini wokukhohlisa nokubulala, eyayikuphela kwesonwabiso sakhe iinkulungwane ezininzi.IE18 581.1
Umprofeti uIsaya, ekhangele phambili kwixesha lokoyiswa kukaSathana, udanduluka athi: “Utheni na ukuwa emazulwini Khwezi, nyana wesifingo! Ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga! . . . Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; . . . ndizifanise nOsenyangweni; kanti uya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi. Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani? Eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke? ” Isaya 14:12-17.IE18 581.2
Kube ngamawaka amathandathu umsebenzi kaSathana wovukelo “[uli]gungqisa ihlabathi.” [Yindoda] “eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; ayabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke.” Iminyaka engamawaka amathandathu intolongo yakhe yamkela abantu bakaThixo, kanti wayenokubagcina bengabathinjwa ngonaphakade; kodwa uKristuwawaqhawula amakhamandela akhe wabandulula bekhululekile abathinjwa bakhe.IE18 581.3
Nabakhohlakeleyo ngoku babekwe ngaphaya kwegunya likaSathana, waza wathi eyedwa kunye neengelosi zakhe ezikhohlakeleyo, basala ukuze baliqonde igalelo lesiqalekiso esiziswe sisono. “Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe [ingcwaba]; ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi. . . . Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho.” Isaya 14:18-20.IE18 581.4
Iya kuba liwaka leminyaka uSathana ebhadula esihla enyuka emhlabeni ongumqwebedu ukuba ebone iziphumo zovukelo lwakhe ngakumthetho kaThixo. Ngeli xesha, intlungu yakhe iza kuba nzima. Kususela ukuba wawa, ubomi bakhe bomsebenzi ongapheliyo bukugxothile ukucinga ngawo; ngoku uphucwe amandla wakhe washiywa ukuba acamngce ngendawo awayidlalayo ukusuka ekuqaleni kwakhe ukuvukela ulawulo lwezulu, nokuba akhangele phambili ngokungcangcazela noloyiko kwikamva eloyikekayo xa eza kuva ubuhlungu ngabo bonke ububi abenzileyo aze ohlwaywe ngenxa yezono athe wenza ukuba zenziwe.IE18 582.1
Ebantwini bakaThixo, ukubanjwa kukaSathana kuya kuzisa ulonwabo novuyo. Uthi umprofeti: “Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni okunzima, enakhonziswa ngako, nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli [omele uSathana apha], nithi, Utheni na ukupheza umqhubi! . . . UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yobulawuli, ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa.” Iindima 3-6. IE18 582.2
Ngexesha lewaka leminyaka phakathi kovuko lokuqala nolwesibini, kugwetywa abakhohlakeleyo. Umpostile uPawulos walatha kulo mgwebo njengesiganeko esilandela ukubuya kwesibini. “Musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalisile amacebo entliziyo.” 1 Korinte 4:5. UDaniyeli uthi, xa athe wafika uNyangeleMihla “wabagwebela abangcwele bOsenyangweni.” Daniyeli 7:22. Ngeli xesha amalungisa alawula njengookumkani nababingeleli kuThixo. UYohane kwisiTyhilelo uthi: Ndabona iitrone, nabahleli phezu kwazo, banikwa ugwebo.” “Baya kusuka babe ngababingeleli bakaThixo nabakaKristu, babe ngookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.” IsiTyhilelo 20:4, 6. Kungeli xesha, elaxelwa kwangaphambili nguPawulos, xa “abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi.” 1 Korinte 6:2. Bekunye noKristu, bagweba abakhohlakeleyo, bethelekisa izenzo zabo nencwadi yemimiselo, iBhayibhile, baligqibe ityala ngalinye ngokwezenzo ezenziwe ngomzimba. Ngelo xesha, isabelo ekufuneka sizuzwe ngabakhohlakeleyo siyakhutshwa, ngokwemisebenzi yabo; kwaye ibhaliwe ecaleni kwamagama abo encwadini yokufa. IE18 582.3
Naye uSathana nezithunywa zakhe bagwetywa nguKristu nabantu baKhe. Uthi uPawulos: “Anazi na, ukuba niya kugweba izithunywa zezulu?” Indima 3. UYuda yena uthi, “izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, zigcinelwe umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade.” Yuda 6.IE18 582.4
Ekupheleni kwewaka leminyaka, kuya kubakho uvuko lwesibini. Ngelo xesha, abakhohlakeleyo baya kuvuswa kwelabafileyo bavele phambi kukaThixo ukuze kwenziwe “isigwebo esibhaliweyo.” Kungoko athi umtyhilelwa, emva kokuba echaze uvuko lwamalungisa: “Abafileyo abaseleyo ababuyanga badle bomi, yada yazaliseka iminyaka eliwaka.” IsiTyhilelo 20:5. Yena uIsaya uvakalise wenjenje xa ethetha ngokubhekiselele kwabakhohlakeleyo: “Bahlanganiswe bahlanganiswa njengamakhonkxwa emhadini; bavalelwe entolongweni, bavelelwe kwakuba yimihla emininzi.” Isaya 24:22.IE18 583.1