Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    34—Bangathetha Na Nathi Abethu Abafileyo?

    Ulungiselelo lweengelosi ezingcwele, njengoko lubekwe eziBhalweni, luyinyaniso eyintuthuzelo nexabisekileyo kakhulu kuye wonke umlandeli kaKristu. Imfundiso yeBhayibhile ngalo mba ibisithiwe ikwagqwethiwe ziimpazamo zokufundwa ngoThixo okuqhelekileyo. Imfundiso yokungabi nako ukufa ngokwendalo, eyabolekwa kuqala kulwazi lobuhedeni, kwathi kubumnyama bokreqo olukhulu, yabandakanywa kwinkolo yobuKristu, yancothula yema endaweni yenyaniso, efundiswe ngokucace kakhulu esiBhalweni, ethi, “abafileyo abazi lutho.” Izihlwele ziye zakholelwa ukuba “yimimoya yabafileyo eyimimoya elungiselelayo ethunyelwe ukuba ilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso.” Oku kunjalo, nangona kukho ubungqina besiBhalo ngobukho bezithunywa zezulu, nokuhlangana kwazo nembali yomntu, ngaphambi kokufa komntu odaliweyo.IE18 488.1

    Imfundiso yokuba sezingqondweni komntu ofileyo, ngakumbi inkolo yokuba imimoya yabafileyo iyabuya ukuza kulungiselela kwabaphilileyo, ilungisele indlela unqulo lwemimoya lwale mihla. Ukuba abafileyo bayavunyelwa phambi kobuso bukaThixo nezithunywa ezingcwele, baze banikwe ukwazi okudlula kakhulu ngaphaya koko babe nako ngaphambili, kungani ukuba bangabuyeli emhlabeni bakhanyisele bafundise abaphilileyo? Ukuba, njengoko befundisa abanolwazi abafundisa ngoThixo, imimoya yabafileyo iphaphazela ijikeleza izihlobo zabo ezisemhlabeni, kungani ukubaingavunyelwaukuba ithethe nabo, ibalumkise ngobubi, okanye ibathuthuzele kwintlungu yabo? Bathini abo bakholelwa ekubeni sezingqondweni ekufeni ukwala oko kuze kubo njengokukhanya kwezulu okuthunyelwa yimimoya ezukisiweyo? Lilo eli ijelo elibonwa lingcwele, athi uSathana asebenze ngalo ukufeza injongo yakhe. Izithunywa eziwileyo ezenza oko azithuma kona zibonakala njengabathunywa abavela kwilizwe lomoya. Lo gama zisithi zenza abaphilileyo ukuba bathethe nabafileyo, inkosi yobumnyama isebenzisa impembelelo yokuthakatha kwakhe ezingqondweni zabo.IE18 488.2

    Unamandla okuzisa phambi kwabantu imbonakalo yabahlobo babo abangasekhoyo. Unomgogwana ugqibelele; inkangeleko eqhelekileyo, amazwi, imvakalozwi, zivezwa ngokucace ngokumangalisayo. Abaninzi bathuthuzelwa kukuqiniseka kokuba ababo ababathandayo bonwabele ubumnandi basezulwini, baze bathi, bengenakukrokrela ngozi, bayiphulaphule “imimoya elukuhlayo, neemfundiso zeedemon.”IE18 489.1

    Bathi bakuba bekhokelelwe ekukholelweni ukuba abafileyo ngokwenene baya buya ukuza kuthetha nabo, uSathana abenze ukuba bavele abo baya emangcwabeni bengakulungelanga. Bathi bonwabile ezulwini, bade bathi bakwizikhundla eziphezulu apho, ukuze ngenxa yoko impazamo ifundiswe ngokubanzi ethi, akukho mahluko phakathi kwelungisa nokhohlakeleyo. Ezi ndwendwe zokuzenzisa zivela kwilizwe lemimoya, maxa wambi zithetha iingcebiso nezilumkiso eziye zibe yinyaniso. Ngoko kuthi, ngokubakho kokuzithemba, zinike iimfundiso ngqo ezikulahlela phantsi ngokungqalileyo ukukholelwa eziBhalweni. Zithi zinembonakalo yokuba nomdla onzulu kwintlalontle yabahlobo bazo emhlabeni, zithethe ezona mposiso ziyingozi. Into yokuba zibe neenyaniso ezizithethayo, zaye, maxa wambi, zizixele kwangaphambili iziganeko eziza kwenzeka, yenza loo nto ukuba zibe nokuthenjwa iintetho zazo; zize izihlwele zizamkele lula iimfundiso zazo zobuxoki, zizikholelwe ngokupheleleyo, ngokungathi zezona nyaniso zingcwele zeBhayibhile. Umthetho kaThixo ubekelwa bucala, uMoya wobabalo udelwe, igazi lomnqophiso libalwe njengento engekho ngcwele. Imimoya iyakukhanyela ukuba uKristu unguThixo ide ibeke noMdali kumgangatho olingana nayo. Uthi ke, phantsi kokuzifihla okutsha, umvukeli omkhulu aqhubeke nokulwa kwakhe noThixo awakuqala ezulwini, kwaza kwaqhubeka phantse amawaka amathandathu eminyaka emhlabeni.IE18 489.2

    Abaninzi bazama ukunika ingxelo yezinto ezibonakalayo ngokuzibalela ngokupheleleyo kubumenemene nemilingo kulowo uzenzayo. Kanti ke, nangona kuyinyaniso ukuba iziphumo zobuqhetseba ziye zisunduzelwe ecaleni njengezinto ezingamaqhinga, ziye zibekho, nazo, iziboniso zamandla angaphezu kwendalo. Intshwaqane ekhawulezayo eyenziwa ngamandla okungaziwayo olwaqala ngayo unqulo lwemimoya lwangoku, yayingesiso isiphumo sobuqhetseba okanye ubuqhophololo, kodwa yayingumsebenzi ngqo weengelosi zobubi, ezaya zaqala ulahlekiso oluneyona mpumelelo inkulu ekutshabalaliseni umphefumlo. Abaninzi baza kubanjiswa ngenkolo yokuba unqulo lwemimoya yinto nje eyenziwe ngumntu; baze bathi bakujongana ubuso ngobuso nokubonwayo abanyanzelekayo ukuba bakuthabathe njengokuvela ngaphaya kwendalo, bakhohliswe, baze benziwe bakwamkele njengamandla amakhulu kaThixo.IE18 489.3

    Aba bantu badlula ngaphaya kobungqina beziBhalo obuthetha ngommangaliso kaSathana nezithunywa zakhe. Yayiluncedo olukhohlakeleyo olwenza ukuba abobugqi bakaFaro bakwazi ukwenza umyelela womsebenzi kaThixo. UPawulos uyangqina ukuba phambi kokufika kwesibini kuza kubakho izibonakalaliso zamandla enkohlakalo. Ukuza kweNkosi kuza kukhokelwa “[ku]kusebenza kukaSathana, ngayo imisebenzi yonke yamandla, nemiqondiso nezimanga zobuxoki, nangako ukulukuhla konke kokungalungisi.” 2 Tesalonika 2:9,10. Yena umpostile uYohane, echaza igunya elenza imimangaliso eliza kubonakala ngemihla yokugqibela, uthi: “Lenza imiqondiso emikhulu, ukuze lihlise nomlilo ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu, libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze.” IsiTyhilelo 13:13, 14. La asingamabhedengu nje ekuxelwe ngawo kwangaphambili. Abantu balahlekiswa yimimangaliso izithunywa zikaSathana ezinamandla okuyenza, hayi ezenza ngokungathi ziyayenza.IE18 490.1

    Inkosi yobumnyama, ekukade isebenzisa amandla okutshatshela kwayokumsebenzi wokukhohlisa, izimisele ngobuchule izilingo zayo ebantwini bazo zonke iindidi neemeko. Kubantu benkcubeko nempucuko, ulubeka unqulo lwemimoya ngendlela ephucuke kakhulu nemiba yalo ngokuhlakaniphileyo aze akwazi ukuphumelela ukutsalela abaninzi kumgibe wakhe. Ubulumko obunikwa lunqulo lwemimoya nolu luchazwe ngumpostile uYakobi, “lolwasemhlabeni, lolwemvelo, lolweedemon.” (Yakobi 3:15). Oku, phofu, umkhohlisi omkhulu ukufihla xa imfihlo iyilungela kakhulu injongo yakhe. Lowo owakwazi ukuvela phambi koKristu kwintlango yesihendo ambethe ubuqaqawuli beserafi yasezulwini, uze ebantwini ngendlela enomkhokha omkhulu kakhulu, njengengelosi yokukhanya. Unika umngeni ingcinga ngokubeka iingongoma eziphakamisayo; ubavuyisa abanqwenayo ngemiboniso edanyazayo yothando nobubele. Uyinyusela ingcinga ekubhabheni phezulu, abenze abantu bazidle kakhulu ngobulumko babo baze ezintliziyweni zabo bamdele Ongunaphakade. Eso sidalwa sinamandla sakwazi ukuthabatha uMhlanguli womhlaba samsa kweyona ntaba iphakame ngokugqithisileyo, sabeka phambi kwaKhe zonke izikumkani zomhlaba ngendlela yokugqwetha iingqondo zabo bonke abangenalo ukhuselo lwamandla ezulu. IE18 490.2

    USathana ubakhohlisa ngoku abantu njengoko wenjenjalo ukukhohlisa uEva e-Eden ngokuqhatha, ngokuphemba umnqweno wokuzuza ukwazi okwalelweyo, ngokuvusa ibhongo nokuziphakamisa. Yaba kukondla obu bubi okwabangela ukuwa kwakhe, aze athi ngabo azimisele ukubiyela intshabalalo yabantu. “Niya kuba njengoothixo,” watsho, “nazi okulungileyo nokubi.” Genesis 3:5, KJV. Unqulo lwemimoya lufundisa “ukuba umntu usisidalwa senkqubela; nokuba sisiphelo sakhe ukususela ekuzalweni ukubheka phambili, kude kuse kunaphakade, ase ekubeni abe nguThixo.” Kwakhona: “Iyileyo ingqondo iya kuzigweba ngokwayo ingabi yenye.” “Ukugweba kuya kulunga, kuba kukugweba kwayo. . . . Itrone ingaphakathi kwakho.” Yathi ititshala yonqulo lwemimoya, “ukuba sezingqondweni zomoya” kwavuka ngaphakathi kwayo: “Abazalwana bam, bonke babe ngoothixo-mntu.” Omnye uthi: “Wonke umntu olungileyo nogqibeleleyo unguKristu.”IE18 490.3

    Ngaloo ndlela, endaweni yobulungisa nokugqibelela kukaThixo Ongenasiphelo, oyena umi engowokudunyiswa; endaweni yobulungisa obugqibeleleyo bomthetho waKhe, ongumgangatho oyinyaniso wokufikelelwa ngumntu, uSathana umise indalo yomntu ngokwakhe, inesono, ineziphoso, njengekuphela kwayo enokudunyiswa, isilinganiso ekuphela kwaso sogwebo, okanye umgangatho wesimilo. Yinkqubela le, engabheki phezulu, kodwa ebheka ezantsi.IE18 491.1

    Kungumthetho wezinto ezimbini - imvelo yengqondo nemvelo yasemoyeni - ukuba ngokukhangela siyaguquka. Ingqondo iye iziqhelanise nezinto ethi ivunyelwe ukuba ihlale icamngca ngazo. Iginywa yiloo nto iqhele ukuyithanda iyihloniphe. Umntu akasokuze anyuke ngaphezu komgangatho wakhe wobunyulu okanye wokulunga okanye wenyaniso. Ukuba umna uyeyona nto iphezulu ajonge kuyo, akasokuze afikelele nakweyiphi into engaphezulu. Endaweni yoko, uya kuthi rhoqo esihla ngokuhla. Lubabalo lukaThixo kuphela olunamandla okumphakamisa. Xa kuyekelwe kuye, ngokuqinisekileyo, ikhondo lakhe libheka ezantsi.IE18 491.2

    Koziyekeleyo, othanda iziyolo, oweedemon, unqulo lwemimoya luziveza phantsi kokuzifihla okunganeno kunakwabo bachubekileyo bahlakaniphileyo; kwiimo zalo ezimbi kakhulu bafumana oko kuhambelana nabakuthandayo. USathana uyifunda yonke into ebonisa ukungabi namandla kwendalo yomntu, uqaphela zonke izono umntu ngamnye akekelele ekuzenzeni, aze aqinisekise ukuba amathuba awayi kunqaba ukumenza akekelele ebubini. Ubahenda abantu ukuba badlulise kwinto yona ngokwayo esemthethweni, abenze, ngokungabi ngcathu, ukuba benze buthakathaka umzimba, ingqondo namandla okuziphatha. Ubulele, kwaye usabulala amawaka ngokuziyekela kwiinkanuko, ngolo hlobo exikixa indalo yonke yomntu. Ukuwugqiba umsebenzi wakhe, wazisa, ngemimoya ukuba “ulwazi lwenene lumbeka umntu ngaphezu kwawo wonke umthetho;” oko kukuthi, “nokuba yintoni, ilungile;” ukutsho ukuthi, “uThixo akagwebi;” kanti nokuthi “zonke izono ezenziwayo zimsulwa.” Xa abantu benziwa bakholelwe ukuba umnqweno unguwona mthetho uphezulu, inkululeko yimvume, nokubaumntu uyakuphendula kuphelakuye ngokwakhe, ngubanionokumangaliswaxainkohlakalonokuhla kuzalise macala onke? Izihlwele zizamkela ngomdla iimfundiso ezizishiya zikhuselekile ukuba zithobele okufunwa yintliziyo yenyama. Imikhala yokuzilawula entanyeni yenkanuko, amandla engqondo nomphefumlo afakwe phantsi kolawulo lweenkanuko zobulwanyana, abe uSathana, ngovuyo, etshayelela kumnatha wakhe amawaka athi angabalandeli bakaKristu.IE18 491.3

    Makungabikho bakhohliswa ngamabango onqulo lwemimoya. UThixo ulinike ihlabathi ukukhanya okwaneleyo ukuba luwubone umgibe. Njengoko kubonisiwe, ingcingane eyenza esona siseko sonqulo lwemimoya iyalwa nezona ntetho zicacileyo zesiBhalo. IBhayibhile iyaxela ukuba abafileyo abazi nto, nokuba iingcinga zabo zitshabalele; abanasabelo nakweyiphi into eyenziwa phantsi kwelanga; abalwazi uvuyo okanye iintlungu zabo babebathanda emhlabeni. IE18 492.1

    Ngaphezu koko, uThixo wayekwalele ngokupheleleyo ukuthetha okulinganiswayo nemimoya engasekhoyo. Ngemihla yamaHebhere lwalukho udidi lwabantu olwalusithi, njengoko besitsho abemimoya namhlanje, bayathetha nabafileyo. Eyona nto, “imimoya eqhelekileyo,” ngokokubizwa kwazo ezi ndwendwe zivela kwamanye amazwe, ithi iBhayibhile “iyimimoya yeedemon.” (Thelekisa noNumeri 25:1-3; Ndumiso 106:28; 1 Korinte 10:20; IsiTyhilelo 16:14.) Umsebenzi wokusebenza nemimoya eqhelekileyo kwathiwa ulisikizi kuYehova, kwaza kwalelwa kunesohlwayo sokubulawa. Levitikus 19:31; 20:27. Kwaigama eli lobugqwirha lijongelwe phantsi. Ibango lokuba abantu babenonxulumano nemimoya emibi lithatyathwa njengentsomi yeXesha lobuMnyama. Lona unqulo lwemimoya, oluwabalela kumakhulu amawaka abalandeli balo, ewe, ngezigidi, okuye kwangena kwimimango yobunkcuba-buchopho besayensi, olwangena kakhulu emabandleni, kwaza kwathandwa ngamaziko owiso-mithetho, nakumabhotwe ookumkani—le nkohliso inkulu iyimvuselelo, ukuzifihla okutsha, kobugqwirha obagxekwa, busalelwa kwakudala. IE18 492.2

    Ukuba abukho obunye ubungqina beyona meko yonqulo lwemimoya, kufuneka kwanele kumKristu ukuba ayenzi mahluko phakathi kobulungisa nesono, phakathi kwabona bafundi banesidima nabanyulu kwabapostile bakaKristu nabona bakhohlakeleyo kubakhonzi bakaSathana. Ngokumela abona baphantsi kubantu ngokuthi basezulwini nokuba baphakanyiselwe phezulu apho, USathana uthi ehlabathini: “Kulungile nokuba ukhohlakele kangakanani; nokuba uyakholwa okanye akukholwa kuThixo neBhayibhile. Phila njengoko uthanda; izulu likhaya lakho. Eyona nto ithethwa ziititshala zoomoya ithi: “Bonke abenza okubi balungile emehlweni kaYehova, ubananzile yena; okanye nithi, Uphi na uThixo wokugweba?” Malaki 2:17. Lithi ilizwi likaThixo: “Yeha, abathi okubi kulungile, okulungileyo kubi; abamisa ubumnyama endaweni yokukhanya, ukukhanya endaweni yobumnyama.” Isaya 5:20. IE18 493.1

    Abapostile, njengoko bevezwa ngokuthi le mimoya ixokayo izimilise okwentsobi yabo, benziwa ukuba baphikise oko babekubhalile ngokubizelwa nguMoya Oyingcwele ngexesha wayesemhlabeni. Bakhanyela imvelaphi engcwele yeBhayibhile, baze badilize isiseko sethemba lomKristu, bakucime ukukhanya okubonisa indlela eya ezulwini. USathana wenza ukuba ihlabathi likholelwe ukuthi iBhayibhile iyincwadi nje yentsomi, okanye yincwadi nje elungele ubuncinane bohlanga, kodwa ngoku ifanele ukuba ibekelwe bucala okanye ithatyathwe njengeyaphelelwa lixesha. Ukuthabatha indawo yelizwi likaThixo, uzisa izibonakalaliso zemimoya. Lijelo eli eliphantsi kolawulo lwakhe ngokupheleleyo; kwaye ngale ndlela unako ukwenza ukuba ilizwe likholelwe ukuba unako. INcwadi eza kumgweba kunye nabalandeli bakhe, uyibeka ethunzini, kanye apho ayifuna ibekhona; uMsindisi wehlabathi umenza abe ngumntu nje oqhelekileyo. Kuthi njengoko ibutho lamaRoma lalilinde ingcwaba likaYesu laza lasasaza ingxelo yobuxoki eyayibekwe emilonyeni yalo ngababingeleli neenkokeli ukuba baphikise ukuvuka kwaKhe, benza njalo abakholwa kwizibonakalaliso zemimoya ukuzama ukwenza kubukeke ngokungathi akukho nto ingummangaliso kwiimeko zobomi boMsindisi wethu. Emva koku kuzama ukubeka uYesu ngasemva, batsalela ingqalelo kweyabo imimangaliso, besithi, le iyidlula kude kakhulu imisebenzi kaKristu.IE18 493.2

    Kuyinyaniso ukuba unqulo lwemimoya ngokuluguqula isimo luze luthi, luzigquma ezinyezeempawuzaloezingathandekiyo, luthabatheimo Yokuzifihla lufane nobuKristu. Zona iintetho zalo eqongeni nasemaphepheni sekwaba yiminyaka ziphambi kwabantu, kwaye kweli xesha eyona meko ziyiyo ihlala ityhilekile. Ezi mfundiso azinako ukukhanyelwa okanye ukufihlwa.IE18 493.3

    Kanti nakwimeko eyiyo ngeli xesha, ekude kakhulu ukuba ingakufanela ukunyamezelwa kunangaphambili, iyingozi enkulu ngokwenene, kuba iyinkohliso erhubuluza kakhulu. Nangona ngaphambili yayigxeka uKristu neBhayibhile, ngoku ithi yamkela kokubini. Phofu iBhayibhile ichazwa ngendlela ekholisa intliziyo engenziwanga ntsha, lo gama iinyaniso zayo eziphakamileyo neziphilisayo zenziwa zingabi nto yanto. Kugxilwa eluthandweni njengophawu oluphambili lukaThixo, kodwa luthotyelwe phantsi kwimvakalelo engenamandla, eyenza umahluko omncinane phakathi kokulungileyo nokubi. Ubulungisa bukaThixo, ukukhalimela kwakhe isono, okufunwa ngumthetho waKhe ongcwele, konke kufihliwe emehlweni. Abantu bafundiswa ukuba bayibone imithetho eliShumi njengengasebenziyo. Iintsomi ezithandwayo, nezithimba ingqondo, zithimba izimvo zibenze abantu bangayifuni iBhayibhile njengesiseko sokholo lwabo. UKristu usakhanyelwa ngokwenene njengokuba kwakunjalo ngaphambili; kodwa uSathana uwamfamekise amehlo abantu kangangokuba ulahlekiso aluqondwa. IE18 494.1

    Bambalwa abanayo imbono nje eyiyo yamandla akhohlisayo onqulo lwemimoya nengozi yokuba ngaphantsi kwempembelelo yawo. Abaninzi babhucabhucana nawo amandla lawo nje ukuba banelise ukufuna kwabo ukwazi. Abakholelwa ncam kulo unqulo kwaye bebeya kuzaliswa luloyiko ngokucinga nje ukuba baye baziyekela kulawulo lwemimoya. Phofu bayathanda ukungena kumhlaba owalelweyo, aze athi oyingangalala yokukhohlisa asebenzise amandla akhe kubo ukuchasa intando yabo. Ukuba bangoyiswa nje kube kanye ukuba bayekele iingqondo zabo kwimiyalelo yakhe, angabathimba babe ngamakhoboka. Abanakho ukuthi ngawabo amandla baqhawule kumtsalane othimba ingqondo ubatsale. Ngamandla kaThixo kuphela, anikwa ngokuphendulwa komthandazo wokholo, akwazi ukuyihlangula le miphefumlo ibanjisiweyo.IE18 494.2

    Bonke abaziyekela kwiimpawu zesono, okanye abathi ngenkani bonwabele isono esaziwayo, bamema izihendo zikaSathana. Bayazahlula kuThixo nakwinkathalelo yezithunywa zaKhe; njengoko lowo ungendawo ezisa iinkohliso zakhe, bona abanalo ukhuselo, baze babe ngamaxhoba alula. Abo bazibeka egunyeni lakhe ngaloo ndlela, bakuqonda kancinane apho liya kuphela khona ikhondo abalilandelayo. Uthi akuba ekufezile ukuboyisa, umlingi omkhulu ubasebenzisa njengabathunywa bakhe ukuloba abanye beze entshabalalweni.IE18 494.3

    Uthi umprofeti uIsaya: “Xa bathe kuni, Quqelani kwabaneshologu nakoosiyazi, abalozayo, abadumzelayo, yithini, Abantu mabangaquqeli kuThixo wabo, yini na? Ngenxa yabaphilileyo mabaquqele kwabafileyo na? Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.” Isaya 8:19, 20. Ukuba abantu bebekuthanda ukuyamkela inyaniso ebekwe ngokucace kangaka eziBhalweni ngokubhekiselele kwindalo yomntu nemeko yabafileyo, bebeya kubona kumabango nasekubonakalalisweni konqulo lwemimoya ukusebenza kukaSathana ngamandla nemiqondiso nezimanga zobuxoki. Kunokuba zinikele inkululeko ethandwa kangaka yintliziyo yenyama, zishiye izono ezizithandayo, izihlwele ziyawavala amehlo ekukhanyeni zihambe ngqo ukubheka phambili, sezikho zinjalo izilumkiso, lo gama uSathana ephinya-phinyela izibatha zizijikeleze, zize zibe ngamaxhoba akhe. “Ngenxa enokuba bengakwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe,” ngoko “uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki.” 2 Tesalonika 2:10, 11. IE18 495.1

    Abo bachasa iimfundiso zonqulo lwemimoya abahlaseli abantu kuphela kodwa bahlasela noSathana nezithunywa zakhe. Bangene kwidabi neziphatha-mandla namagunya nemimoya ekhohlakeleyo kwiindawo eziphezulu. USathana akasayi kuze ayeke nesuntswana lomhlaba ngaphandle kwaxa egxothwa ngamandla ezithunywa zezulu. Abantu bakaThixo kufuneka bakwazi ukuhlangabezana naye, njengoko wenzayo uMsindisi wethu, ngamazwi athi: “Kubhaliwe.” USathana uyakwazi ukucaphula isiBhalo ngoku njengemihla kaKristu, kwaye uya kuzigqwetha iimfundiso zaso ukuxhasa ulahlekiso lwakhe. Abo banga bangema ngeli xesha lengozi, kufuneka baziqondele ngokwabo ubungqina beziBhalo.IE18 495.2

    Abaninzi baza kujongana nemimoya yeedemon ezimilise okwezizalwana ezithandwayo okanye abahlobo, evakalisa ulahlekiso oluyingozi kakhulu. Ezi ndwendwe ziya kubhenela kwiimfesane zethu ezinothando zize zisebenzise imimangaliso ukuxhasa ukuxoka kwazo. Kufuneka silungele ukumelana nazo ngenyaniso yeBhayibhile exelayo ukuba abafileyo abazi lutho nokuba abo bavelayo bayimimoya yeedemon.IE18 495.3

    Kufuphi apha phambi kwethu kukho “ilixa lokulingwa, eliza kuza phezu kwelimiweyo liphela, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.” IsiTyhilelo 3:10. Bonke abalukholo lwabo lungamilanga ngokuzinzileyo phezu kwelizwi likaThixo, baya kukhohliswa boyiswe. USathana “[usebenza] nangako ukulukuhla konke kokungalungisi” ukuba azuze ukubalawula oonyana babantu, ukuze ukulahlekisa kwakhe kuye kukhula ngokukhula. Phofu unako ukuyizuza injongo yakhe njengoko abantu bezinikela ngokuzithandela kwizihendo zakhe. Abo bafuna ngenzondelelo ukwazi inyaniso babe bezama ukwenza nyulu imiphefumlo yabo ngokuthobela, ngokwenza njalo banako ukulilungiselela idabi, bafumane, kuThixo wenyaniso, ukhuseleko oluqinisekileyo. “Ngokuba waligcina ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina” (indima 10), sisithembiso soMsindisi eso. Uza kuthi, kungekudala, azithume zonke izithunywa ziphume ezulwini ukuya kukhusela abantu baKhe kunokuba ashiye umphefumlo nokuba mnye othembele kuYe ukuba oyiswe nguSathana.IE18 495.4

    Umprofeti uIsaya utyhila inkohliso eyoyikekayo eza kuza phezu kwabakhohlakeleyo, ibenze ukuba bazibalele ukuba bakhuselekile kwizibetho zikaThixo. “Sinqophisene nokufa, sivumelene nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, asiyi kufika kuthi, kuba amanga siwenze ihlathi lethu, sasithela ngobuxoki.” Isaya 28:15. Kudidi lwabantu abachazwe apha, kukho abathe ngeenkani zokungafuni kwabo ukuzohlwaya, bazithuthuzela ngokuziqinisekisa ukuba akukho kohlwaywa komoni; nokuba lonke uluntu, nokuba lonakelekangakanani, luza kunyuselwa ezulwini, ukuba lube ziingelosi zikaThixo. Abona bacinezela kakhulu ngabo benza umnqophiso nokufa nesivumelwano nesihogo, abashiye iinyaniso ababezinikwe lizulu njengesikhuselo samalungisa ngemini yembandezelo, baza bamkela, endaweni yaso, indawo yokubalekela ebuxokini obunikwa nguSathana—ubuxoki obulahlekisayo bonqulo lwemimoya.IE18 496.1

    Bumangalisa ngaphezu kokuba bunokubaliswa ubumfama babantu besi sizukulwana. Amawaka ala ilizwi likaThixo njengelingafanele kukholelwa, aze athi, ngesibindi nenzondelelo, amkele ulahlekiso lukaSathana. Abo bangakholwayo nabagxeki bagxeka iinkani zabo balwela inkolo yabaprofeti nabapostile, baze bona bajike baphakamise ukuhlekisa kwabo ngeentetho ezinendili zeziBhalo ezingoKristu necebo losindiso, nempindezelo eza kuza kwabayalayo inyaniso. Babonakalalisa uvelwano olukhulu kwiingqondo abazibona zicuthene, zingenawo amandla, nezineenkolo kangangokuba zide zivume amabango kaThixo, zithobele okufunwa ngumthetho waKhe. Bakwabonakalalisa ingqiniseko enkulu ngokungathi, ngokwenene, benze umnqophiso nokufa nesivumelwano nengcwaba—ngokungathi bakhe udonga ekungenako ukudlulwa kulo olungenako ukugqobhoka phakathi kwabo nempindezelo kaThixo. Akukho nto ivusa ukoyika kubo. Baziyekele ngokupheleleyo kumhendi, bazimanya ngokwayame kakhulu naye, bazaliswa ngokupheleleyo ngumoya wakhe, kangangokuba abanawo amandla, bengenako nokukekelela ekuqhawuleni kumgibe wakhe.IE18 496.2

    Kukade uSathana elungiselela ilinge lakhe lokugqibela lokukhohlisa ihlabathi. Isiseko somsebenzi wakhe sabekwa ngengqiniseko eyanikwa uEva e-Eden: “Anisayi kufa, inene.” Genesis 3:4, KJV. “Mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Genesis 3:5. Kancinane kancinane uyilungisile indlela yenkohliso yakhe ebalaseleyo ekuphuhliseni unqulo lwemimoya. Akakafikeleli ekuwafezeni ngokupheleleyo amacebo akhe; kodwauza kufikelela ngexesha lokugqibela eliseleyo. Uthi umprofeti: “Ndabona . . . oomoya abathathu abangcolileyo befana namasele;. . . bangoomoya beedemon, besebenza imiqondiso; baphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.” IsiTyhilelo 16:13, 14. Ngaphandle kwabo bagcinwe ngamandla kaThixo, ngokukholwa kwilizwi laKhe, ihlabathi lonke liya kutshayelwa liye kwizintlu zolahlekiso. Abantu bayakhawuleza ukulaliswa kwinkuseleko ebulalayo, ukuze bavuswe kuphela kukuthululwa kwengqumbo kaThixo.IE18 497.1

    Ithi iNkosi uYehova: “Isiko ndolenza intambo yokulinganisa, ubulungisa ndibenze ilothe yokulungelelanisa; isichotho siya kumka nalo ihlathi lamanga, amanzi ayikhukulise indawo yokusithela. Kuya kucinywa ukunqophisana kwenu nokufa, kungemi ukuvumelana kwenu nelabafileyo; isibetho esingumkhukula, xa singenelayo, sonenza nibe yinto egqushiweyo.” Isaya 28:17, 18. IE18 497.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents