Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    31—Izenzeleli Ezingoomoya Ababi

    Ukuhlangana phakathi kwamazwe amabini, elibonakalayo nelingabonakaliyo, ulungiselelo lwezithunywa zikaThixo, nezenzeleli zoomoya ababi, kuvezwe ngokucace kakhulu eziBhalweni, kwaye kuphinyelene kakhulu nembali yoluntu. Kukho umkhwa wokungabukholelwa ubukho bemimoya emibi, zize zithi izithunywa ezingcwele “[ezilungiselela] abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso” (Hebhere 1:14) zithatyathwe njengoomoya babafileyo. Kanti ke, iziBhalo azaneli kufundisa nje ubukho beengelosi, ezilungileyo nezikhohlakeleyo, kodwa zinika ubungqina obungenako ukuphikwa bokuba ezi ngelosi asiyiyo imimoya ekhutshwe kwimizimba yabantu abafileyo.IE18 454.1

    Ngaphambi kokudalwa komntu, iingelosi zazikho; kuba xa kwakubekwa iziseko zomhlaba, “[kwakumemelela] amakhwezi okusa, beduma bonke oonyana bakaThixo.” Yobhi 38:7. Emva kokuwa kwakhe umntu, iingelosi zathunyelwa ukuba ziwulinde umthi wobomi, kanti oku kwenzeka ngaphambi kokuba umntu afe. Iingelosi, ngokwendalo yazo, zingaphezulu ebantwini, kuba umdumisi uyaxela ukuba umntu wenziwa “wasilela kancinane kwizithunywa zezulu.” Indumiso 8:5, [NKJV].IE18 454.2

    Siyaxelelwa esiBhalweni ngobuninzi, nangamandla nobuqaqawuli, bezidalwa zasezulwini, nangokuhlangana kwazo nolawulo lukaThixo, kwanolwalamano lwazo nomsebenzi wokuhlangula. “UYehova uyizinzisile emazulwini itrone yakhe, ubukumkani bakhe bulawula into yonke.” Uthi yena umprofeti, “Ndeva izwi lezithunywa zezulu ezininzi, zenze isangqa etroneni.”Phambi kwegumbilikaKumkani wookumkani zilindile—“iingelosi . . . amagorha omeleleyo,” “alenzayo ilizwi lakhe.” INdumiso 103:19-21; IsiTyhilelo 5:11. Yayingamawaka aphindaphindwe ngamawaka amawaka izithunywa zasezulwini ezabonwa ngumprofeti uDaniyeli. UPawulos uthi nga“mawakawaka ezithunywa zezulu.” Daniyeli 7:10; Hebhere 12:22. Xa izithunywa zikaThixo zaziphuma, “ngokokubonakala kokuphambaphamba kombane,” (Hezekile 1:14), kwaye kubengezela ubuqaqawuli bazo, kunamendu amakhulu ukuphapha kwazo. Isithunywa esabonakala engcwabeni loMsindisi, imbonakalo yaso yaye “injengombane, nesambatho saso saye simhlophe njengekhephu.” Senza ukuba abalindi, ngokusoyika, bangcangcazela, “baba njengabafileyo.”Mateyu 28:3, 4. Xa uSenakeribhe, wayegculela enyelisa uThixo, ethembisa ukutshabalalisa uIsrayeli, “kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo lamawaka.” “Kwathi shwaka onke amagorha anobukroti, neenganga, nabathetheli,” basemkhosini kaSenakeribhe. “Wabuya ubuso bakhe buthe khunubembe.” 2 Kumkani 19:35; 2 IZikronike 32:21.IE18 454.3

    Iingelosi ziyathunyelwa kwimisebenzi yemfesane kubantwana bakaThixo. KuAbraham zeza nezithembiso zentsikelelo; emasangweni aseSodom, ukuba zihlangule ilungisa uLote kwintshabalalo yayo yomlilo; kuEliya, xa wayeza kubulawa kukudinwa nendlala entlango; kuElisha, ngeenqwelo zomlilo ezazirhangqe idolophana apho wayevalelwe zintshaba zakhe; kuDaniyeli, xa wayefuna ubulumko bezulu ekwibhotwe lokumkani ongumhedeni, okanye eyekelwe ukuba abe lixhoba leengonyama; kuPetros, owayegwetyelwe ukuba afe entolongweni engumgxobhozo kaHerode; kumabanjwa aseFilipi; kuPawulos namahlakani akhe ngobusuku besaqhwithi elwandle; ekuvuleni ingqondo kaKorneli ukuze amkele iindaba ezilungileyo; ukundulula uPetros nesigidimi sosindiso aye koweNtlanga angamaziyo,—zenjenjalo izithunywa ezingcwele, kuzo zonke izizukulwana, ukulungiselela ebantwini bakaThixo.IE18 455.1

    Kukho ingelosi ehlala ikhangele eyabelwe wonke umlandeli kaKristu. Aba balindi basezulwini bakhusela amalungisa kumandlaongendawo. USathana ngokwakhe wakuvuma oku xa wayesithi: “UYobhi lo ufumana emoyikela ilize na uThixo? Akuthanga na wena wambiyela wamjikeleza, wayijikeleza indlu yakhe; wayijikeleza into yonke anayo ngeenxa zonke?” Yobhi 1:9, 10. Izenzeleli uThixo akhusela ngazo abantu baKhe zibekwe ngamazwi omdumisi athi: “Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo sibahlangule.” INdumiso 34:7. Wathi uMsindisi, ethetha ngabo bakholelwayo kuYe: “Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane; kuba ndithi kuni, izithunywa zabo emazulwini zihlala zibubona ubuso bukaBawo osemazulwini.” Mateyu 18:10. Izithunywa ezibekelwe ukulungiselela abantwana bakaThixo, ngamaxesha onke zinendlela engena phambi kwaKhe.IE18 455.2

    Kungoko abantu bakaThixo, abajongene namandla enkohliso nenkohlakalo engaphumliyo yetshawe lobumnyama, nokulwa nayo yonke imikhosi yobubi, baqinisekiswa ngokukhuselwa okungapheliyo ziingelosi zasezulwini. Nale ngqinisekiso ayinikwa kungekho sidingo. Ukuba uThixo ubanike abantwana baKhe isithembiso sobabalo nenkuselo, kungokuba kukho izenzeleli ezinamandla zobubi ekufuneke kuqutyiswene nazo—izenzeleli ezininzi, ezizimiseleyo, nezingadinwayo, ekuthi, kububi namandla azo kungabikho namnye onokuthi akhuseleke ngokungazi okanye ngokungaphulaphuli.IE18 455.3

    Imimoya emibi, eyayidalwe ayabinasono ekuqalekeni, yayilingana ngokwendalo, amandla nobuqaqawuli nezithunywa ezingcwele ezingabathunywa bakaThixo ngoku. Yathi kuba iwe esonweni, yahlangana kunye ukuba ingamzukisi uThixo nokuba kutshatyalaliswe abantu. Imanyene noSathana kuvukelo lwakhe, yaza yalahlelwa ngaphandle kwezulu kunye naye, ithe, kuzo zonke izizukulwana ezilandelayo, yasebenzisana naye kwimfazwe yakhe yokulwa igunya lezulu. Siyaxelelwa esiBhalweni ngembumba yayo norhulumente, ngokwamanqanaba ayo awahlukeneyo, ngobuchule bolwazi lwayo nokurhubuluza kwayo, nangamacebo ayo enkohlakalo, okulwa uxolo nolonwabo lwabantu.IE18 456.1

    Imbali yeTestamente eNdala imana ikhankanya ubukho nobenzeleli bayo; kodwa kwakungexesha likaYesu eyathi loo mimoya mibi yaveza amandla ayo ngeyona ndlela iwaveza kakhulu. UYesu wayeze ukuba aqale ukungena kwicebo elenzelwa ukuhlangulwa komntu, waza uSathana wazimisela ukuba akhokelise ilungelo lakhe ukulawula ihlabathi. Wayephumelele ukumisa unqulo lwezithixo kuzo zonke iindawo zasemhlabeni ngaphandle kommandla wasePalestina. Kummandla ekuphela kwawo ongazanga wayekelwa kwaphela kulawulo lomlingi, uKristu weza ukuze abanike abantu ukukhanya kwezulu. Apha, amagunya amabini angavaniyo abanga ukongama. UYesu wayezolulile iingalo zaKhe zothando, emema bonke abavumayo ukuba bafumane uxolelo noxolo kuYe. Imikhosi yobumnyama yabona ukuba ayinalulawulo lungenamida, yaza yaqonda ukuthi, ukuba umsebenzi azele wona uKristu unganempumelelo, ulawulo lwayo lwaluya kuphela kwakamsinyane. USathana wagquma njengengonyama ebotshelelweyo waza, ngokudelela, wabonisa amandla wakhe phezu kwemizimba kunye nemiphefumlo yabantu.IE18 456.2

    Into yokuba abantu bebeba needemon, ibekwe ngokucacileyo kwiTestamente eNtsha. Abantu abebethuthunjiswa ngolo hlobo babenganelanga ukugula zizifo nje ezibangwa yindalo. UKristu wayeyazi ngokugqibeleleyo into awayejongene nayo, ebuvuma ubukho ngokuqinisekileyo nokusebenza kwemimoya engcolileyo.IE18 456.3

    Umzekelo ophandle wobuninzi, amandla nenkohlakalo yayo, kwanamandla nenceba kaKristu, unikwe esiBhalweni kwingxelo yokuphiliswa kwababeneedemon eGadara. Ezo ntsizi zazigula ngengqondo, zikucekisa konke ukunqandwa, zibhanyalaza, zixhaph’ amagwebu, zinomsindo, zizalisa yonke indawo ngengxolo yokukhwaza kwazo, zizenzakalisa, ziyingozi nakwabo babesiza kuzo. Ukopha nokulimala neengqondo eziphithizelayo zazinika umbono owawulanelisa kakhulu itshawe lobumnyama. Enye yeedemon ezilawula ababulalekayo yathi: “NguMkhosi igama lam; kuba sibaninzi.” Marko 5:9. Umkhosi wamaRoma wawuba namawaka amathathu ukuya kwamahlanu amadoda. Imikhosi kaSathana nayo ihlanganiswe ngamaqela, lize iqela elinye ezazikulo ezi demon lingabi nganeno komkhosi.IE18 457.1

    Ngokuyalelwa nguYesu, imimoya engcolileyo yawashiya amaxhobaayo, iwashiya ehleliezolileezinyawenizoMsindisi,ethule, esezingqondweni, enabo nobubele. Kanti ke, iidemon zavunyelwa ukuba zikhukhulise umhlambi weehagu ukuya kungena elwandle; kubahlali baseGadara ilahleko yazo yaba ngaphezu kweentsikelelo awazithululayo uKristu, waza wacelwa uMphilisi wezulu ukuba emke. Esi yaba sisiphumo awayecebe ukusizuza uSathana. Ngokuphosa ityala lelahleko yabo phezu kukaYesu, wavusa uloyiko lomona ebantwini waza wabathintela ukuba bawaphulaphule amazwi aKhe. USathana uthe rhoqo emangalela amaKristu njengabangela ilahleko, ilishwa, nokutsala nzima, endaweni yokuvuma ingcikivo iwe apho ifaneleke khona—phezu kwakhe nabathunywa bakhe. IE18 457.2

    Zona iinjongo zikaKristu azizange ziphazanyiswe. Wayivumela imimoya emibi ukuba iwutshabalalise umhlambi weehagu njengendlela yokukhalima kuloo maYuda ayefuya izilwanyana ezizinqambi ukuze zenze ingeniso. Ukuba uKristu wayengazinqandanga iidemon, ngeza lahlelwa elwandle, kungekuphela iihagu, kodwa nabo babezalusile kunye nabanini bazo. Ukugcinwa kwabagcini kunye nabanini kwaba kuphela ngamandla aKhe, awasetyenziswa ngemfesane yokuhlangulwa kwabo. Ngapha koko, esi siganeko savunyelwa ukuba senzeke ukuze abafundi bawabone amandla enkohlakalo kaSathana ebantwini nakwizilwanyana. UMsindisi wayenqwenela ukuba abalandeli baKhe babe nalo ulwazi lotshaba ekufuneka bequbisene nalo, ukuze bangakhohliswa baze boyiswe ngamacebo alo. Yayikwayintando yaKhe ukuba abantu abakuloo mmandla balibone igunya laKhe lokuqhawula iimbophelelo zikaSathana akhulule abathinjwa bakhe. Nangona uYesu ngokwaKhe wemka, abantu abahlangulwa ngommangaliso bahlala ukuba bavakalise inceba yaLowo wabahlangulayo.IE18 457.3

    Ezinye iziganeko ezifana nezi ziyafumaneka eziBhalweni. Intombi yomfazi ongumSirofeni yayiphethwe kakubi ngendlela eyingozi ngumoya ongcolileyo, uYesu awawugxotha ngelizwi laKhe. (Marko 7:26-30). “Ophethwe yidemon, eyimfama, esisidenge” (Mateyu 12:22); omtsha owayenomoya ongathethiyo, owawusithi ngamaxesha athile “umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise” (Marko 9:17-27); owayegula ngengqondo, ethuthunjiswa “ngumoya wedemon engcolileyo” (Luka 4:33-36), waphazamisa inzolo yeSabatha eKapernahum—bonke baphiliswa nguMsindisi onemfesane. Phantse kuzo zonke ezi ziganeko, uKristu wayethetha nedemon njengento enengqondo, eyiyalela ukuba iphume kwixhoba layo ingabuye ilithuthumbise. Abanquli baseKapernahum, bakubona amandla amakhulu, “bathi qhiphu umbilini bonke, baye bethetha bodwa besithi, Lilizwi lini na eli, le nto abathethela ngegunya nangamandla oomoya abangcolileyo aba baze baphume? Luka 4:36.IE18 458.1

    Abo babe needemon babekholisa ngokuvezwa njengabakwimeko ebuhlungu kakhulu; kanti ke babekho abasecaleni kweso siqhelo. Ngenxa yokufuna ukuzuza amandla angaphaya kwendalo, abanye bayamkela imeko yalo moya ukhohlakeleyo. Aba bona babengachasananga needemon. Kolu didi, kwakukho ababe nemimoya yokuvumisa,--uSimon Magus, uElima usiyazi, nentwazana eyalandela uPawulos noSilas eFilipi.IE18 458.2

    Abakho abakwingozi enkulu kwimpembelelo yemimoya emibi ukudlula abo bathi, benobungqina obutsolileyo nobuninzi beziBhalo, babukhanyele ubukho nobenzeleli bongendawo nezithunywa zakhe. Lo gama singazi ngendlela ezilukuhla ngazo, zinethuba elihle ngendlela ekunzima ukuyiqonda; abaninzi bayaziphulaphula iingcebiso zazo lo gama besithi bona balandela okuphuma kobabo ubulumko. Yiyo le nto, njengokuba sisondela ekupheleni kwexesha, xa uSathana eza kusebenza ngawona mandla makhulu ukukhohlisa atshabalalise, usasaza kuyo yonke indawo inkolo yokuba akakho. Yindlela asebenza ngayo ukuzifihla, yena nendlela asebenza ngayo.IE18 458.3

    Ayikho into eyoyikwa ngumkhohlisi omkhulu ngaphezu kokuba sisuke siwaqhele amacebo akhe. Ukuze asifihle kakuhle isimilo sakhe neenjongo zakhe, uzenze ukuba avezwe njengovusa iimvakalelo ezifana nokugculela nokudelela. Waneliseka kakhulu xa ezotywa njengesibhanxa nocekisekayo, into ekumila kubi, omo yakhe ingumntu nesilwanyana. Uyakholwa kukuva igama lakhe lisetyenziswa ngemfeketho nokugculelwa ngabo bazicingela ukuba bahlakaniphile, banolwazi.IE18 458.4

    Kungokuba uzifihle ngobuchule obugqibeleleyo le nto kubuzwa kuyo yonke indawo, kusithiwa: “Ingaba ngokwenene ukho umntu onjalo?” Kukubonakala kwempumelelo yakhe okwenza kubekho iintetho ezinika ubuxoki kubungqina obucace kakhulu beziBhalo kwihlabathi elikholwayo. Kungokuba kulula kuSathana ukuzilawula iingqondo zabo bangayiqapheliyo impembelelo yakhe, nto leyo eyenza ukuba ilizwi likaThixo lisinike imizekelo emininzi yomsebenzi wakhe wenkohlakalo, liyityhile phambi kwethu imikhosi yakhe efihlakeleyo, ukuze sihlale sikuphaphamele ukuhlasela kwakhe.IE18 459.1

    Amandla nenkohlakalo kaSathana nomkhosi wakhe bangasothusa ngokufanelekileyo [okanye ngokulula] ukuba ibingeyiyo into yokuba sifumana ukukhuselwa nokuhlangulwa kwigunya elingentla loMhlanguli wethu. Sizinqabisa ngononophelo olukhulu izindlu zethu, ngeebholiti namaqhaga ukukhusela iimpahla zethu nobomi bethu kubantu abakhohlakeleyo; kodwa asikholisi ngokucinga ngezithunywa ezikhohlakeleyo ezithe rhoqo zifuna ukufikelela kuthi, nesithi, ekuhlaselweni zizo, ngawethu amandla, singabi nayo indlela yokukhuseleka. Ukuba zingavunyelwa, zingaziphazamisa iingqondo zethu, zidide zithuthumbise imizimba yethu, zitshabalalise izinto esinazo nobomi bethu. Eyona nto ibavuyisayo [uSathana nezithunywa zakhe] kukwenza buhlungu nokutshabalalisa. Iyoyikeka imeko yabo bawalayo amabango ezulu baze baziyekele kwizihendo zikaSathana, ade uThixo abancame abayekele kulawulo lwemimoya emibi. Bona abo balandela uKristu bahlala bekhuselekile phantsi kweliso laKhe elikhathalayo. Iingelosi ezibalasele ngamandla ziyathunyelwa zivela ezulwini ukuba zibakhusele. Abakhohlakeleyo abakwazi ukugqobhoza kumkhosi wokhuselo uThixo awumisileyo, ojikeleze abantu baKhe.IE18 459.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents