Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    38—Isilumkiso Sokugqibela

    “Ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso. Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi: Iwile, iwile iBhabheli enkulu, yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo.” “Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu baM, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo.” IsiTyhilelo 18:1, 2, 4. IE18 534.1

    Esi sibhalo salatha phambili kwixesha xa, isaziso sokuwa kweBhabheli siya kuphindwa, njengoko sasenziwe yingelosi yesibini yesiTyhilelo 14 (indima 8), saye siza kuphindwa, ngokuxelwa okungaphezulu kweenkohlakalo ezibe zingena kumahlelo aliqela awenza iBhabheli, kususela ukuba kwanikwa isigidimi sokuqala, ngehlobo lowe-1844. Imeko embi yehlabathi lenkolo ichaziwe apha. Ngako konke ukwaliwa kwenyaniso, iingqondo zabantu ziza kuya zibamnyama, iintliziyo zabo zibe neenkani ngakumbi, zide zingene nzulu ekuqaqadekeni kokungakholwa. Ngokudelela izilumkiso azinikileyo uThixo, baya kuqhubeka nokunyathelela phantsi imiyalelo yemiThetho eliShumi, bade bafikelele apho babatshutshisayo abo bayibambe ngokuthi ingcwele. UKristu wenziwaintoengento ngokudelelwakwelizwi laKhe nabantubaKhe.Xa kusamkelwaiimfundiso zemimoya ngamabandla, isithintelo esibekwe kwintliziyo yenyama siyasuswa, kuthi ukuzibiza ngenkolo kube yingubo yokufihla ubugwenxa obuphantsi kakhulu. Inkolo yokukholelwa ekubonakalalisweni kwemimoya kuvula ucango kwimimoya elahlekisayo neemfundiso zongendawo, ukuze kuvakale impembelelo yeengelosi zobubi emabandleni.IE18 534.2

    NgeBhabheli, ngexesha elivezwe kwesi siprofeto, kuthiwa: “Izono zayo ziye zafikelela emazulwini, nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo.” IsiTyhilelo 18:5. Iwuzalisile umlinganiselo wetyala layo, kwaye intshabalalo ikufuphi ukuba iyifikele. Sekunjalo, uThixo usenabo abantu eBhabheli; ngenxa yoko, phambi kokuba ifikelwe zizibetho zaKhe, aba bathembekileyo kufuneka bebiziwe baphuma, ukuze bangaxhamli kwizono zayo nokuze “[ba]ngamkeliswa kwizibetho zayo.” Kungoko intshukumo efuziselwe ngengelosi ehla ivela ezulwini, ikhanyisela umhlaba ngobuqaqawuli bayo nokukhwaza kwayo ngamandla ngezwi elikhulu, ixela ngezono zeBhabheli. Kuhlangene nesigidimi sayo, kuvakala ubizo: “Phumani kuyo, bantu bam.” Ezi zaziso zihlangana nesigidimi sengelosi yesithathu, zenze isilumkiso sokugqibela esiza kunikwa kubemi bomhlaba.IE18 534.3

    Iyoyikeka imeko umhlaba oza kubekwa kuyo. Amagunya omhlaba ahlangana ukuba alwe nomthetho kaThixo, aza kuwenza umthetho oza kwenza ukuba “bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka” (IsiTyhilelo 13:16), bavumelane namasiko ebandla ngokugcina isabatha yobuxoki. Bonke abalayo ukuthobela baza kubethwa ngezohlwayo zomthetho, kuze, ekugqibeleni, kuthiwe bafanelwe kukufa. Kwelinye icala, umthetho kaThixo oyalela uphumlo lwemini yoMdali, ufuna ukuthotyelwa, uthembisa ngengqumbo kubo bonke abagqithayo kwimiyalelo yawo. IE18 535.1

    Xa umcimbi ubekwe ngokucacileyo phambi kwakhe, lowo uya kunyhasha umthetho kaThixo ukuze athobele omiselwe ngumntu, ufumana uphawu lwerhamncwa; wamkela umqondiso wokuthobela igunya khetheukulithobela endaweni kaThixo. Isilumkiso esivela ezulwini sithi: “Ukuba umntu yalinqula irhamncwa nomfanekiselo walo, amkele uphawu lwalo ebunzini lakhe, nokuba kusesandleni sakhe: yena wosela iwayini yomsindo kaThixo, egalelwe ingaphithikeziwe endebeni yengqumbo yakhe.” IsiTyhilelo 14:9, 10.IE18 535.2

    Akakho oya kohlwaywa ngengqumbo kaThixo ide ibe inyaniso ifikile engqondweni nakwisazela sakhe, yaza yaliwa. Baninzi abangazanga banalo ithuba lokuziva iinyaniso ezikhethekileyo zeli xesha. Ukunyanzeleka komthetho wesine akuzange kubekwe phambi kwabo ngokukhanya okuyinyaniso. Lowo uzifundayo intliziyo, azihlole zonke izimvo, akayi kushiya namnye olangazelela ulwazi lwenyaniso, ukuba akhohliswe ngokwemiba yembambano. Umthetho awusayi kunyanzelwa ngobudenge phezu kwabantu. Wonke umntu uza kuba nokukhanya okwaneleyo ukuze asenze ngokuhlakanipha isigqibo sakhe.IE18 535.3

    ISabatha iya kuba luvavanyo olukhulu lokunyaniseka, kuba iyindawo yenyaniso ekubanjwene ngayo ngokukhethekileyo. Xa uvavanyo lokugqibela luza kubekwa phezu kwabantu, umgca wokwahlula uza kutsalwa phakathi kwabo bakhonza uThixo nabo bangamkhonziyo. Ngeli xesha ukugcinwa kwesabatha yobuxoki ngokuthobela umthetho wesizwe, ngokuchasene nomthetho wesine, kuya kuba kukufungisisa kokuthobela igunya elichasene noThixo, ukugcinwa kweSabatha yenyaniso, ukuthobela umthetho kaThixo, bubungqina bokunyaniseka kuMdali. Lo gama olunye udidi, ngokwamkela umqondiso wokuziyekela kumagunya asemhlabeni, lusamkela uphawu lwerhamncwa, olunye lukhetha uphawu lokuthobela igunya lezulu, lwamkela itywina likaThixo.IE18 535.4

    Ukuza kufika kweli xesha, abo bavakalisa iinyaniso zesigidimi sengelosi yesithathu bebesoloko bebonwa njengabothusayo. Ukuxelwa kwangaphambili kokuba, ukungabi nakunyamezelwa kwenkolo kuya kulawulwa eUnited States, nokuba ibandla norhulumente baya kumanyana ukutshutshisa abo bagcina imithetho kaThixo, bekuthethwa ngako njengokungamilanga ntweni nokungafanelekanga. Kube kutshiwo ngesibindiukuthi, lo mhlabaawusokuze ube yenyeintoeyahlukileyo kuleyo uhleli uyiyo—umkhuseliwenkululekoyenkolo.Kantike,xa kukhuthazwa umcimbi wokunyanzeliswa kokugcinwa kweCawa, isiganeko ekukade sithandatyuzwa singakholelwa, sibonakala sifika, isigidimi sesithathu siya kuba negalelo esingazange sakwazi ukuba nalo ngaphambili.IE18 536.1

    Kwisizukulwana ngasinye, uThixo wathumela abakhonzi baKhe ukuba bakhalimele isono, ehlabathini nasebandleni. Phofu abantu banga kungathethwa izinto ezigudileyo kubo, ize inyaniso enyulu, engadyobhekanga ingamkeleki. AbaHlaziyi abaninzi, ekuqaleni kwabo umsebenzi wabo, bazimisela ukusebenzisa ubulumko obukhulu ekuhlaseleni izono zebandla nezesizwe. Bathemba ukuba, ngomzekelo wobomi bobuKristu obunyulu, bangabakhokelela abantu ekubeni babuyele kwiimfundiso zeBhayibhile. Noko kunjalo, uMoya kaThixo wafika kubo njengoko wafika kuEliya, umtyhalela ukuba akhalimele izono zikakumkani okhohlakeleyo nabantu abagwilikileyo; baza abakwazi ukuzibamba ekushumayeleni iintetho eziphandle zeBhayibhile--iimfundiso ababengakhululekanga ukuba bathethe ngazo. Banyanzeleka ukuba bavakalise ngenzondelelo inyaniso kwanengozi eyayizela imiphefumlo yabo. Amazwi eyabanika wona iNkosi bawathetha, ngaphandle kokoyika iziphumo, baza abantu banyanzeleka ukuba basive isilumkiso.IE18 536.2

    Siza kuvakaliswa ngaloo ndlela ke isigidimi sengelosi yesithathu. Liya kuthi xa lifika ixesha lokuba sinikwe ngamandlakazi amakhulu, iNkosi isebenze ngezixhobo ezithobekileyo, ikhokelele iingqondo zabo bazinikelayo emsebenzini wayo. Abasebenzi baza kulungiswa ngokuqhutywa nguMoya waYo ngaphezu kokuqeqeshwa kumaziko emfundo. Amadoda okholo nomthandazo aya kunyanzeleka ukuba aphume enenzondelelo engcwele, avakalise amazwi uThixo awanika wona. Izono zeBhabheli ziya kutyhilwa. Iziphumo ezoyikekayo zokunyanzeliswa kwezimiso zebandla ligunya lolawulo, ukungena konqulo lwemimoya, ukuchwechwa kodwa kukhawulezile kokuhambela phambili kwegunya lobupopi—konke kuya kutyhilwa. Ngezi zilumkiso zinendili, abantu baya kushukunyiswa. Amawakangamawaka angazanga aweva amazwi afana nala aya kuphulaphula. Ngokukhwankqiswa bathi bave ubungqina bokuba iBhabheli libandla, liwile ngenxa yeziphoso nezono zalo, ngenxa yokwala kwalo inyaniso ethunyelwe kulo ivela eZulwini. Baza kuthi xa abantu besiya kwiititshala zabo zangaphambili benombuzo, ngokuzimisela, Ingaba ezi zinto zinjalo na? Abafundisi babanike iintsomi, baprofete izinto ezigudileyo, bathomalalise uloyiko lwabo, bethulisa isazela esivusiweyo. Phofu, njengokuba abaninzi baya kwala ukwaneliseka ligunya nje labantu baze bafune u“Itsho iNkosi,” ocacileyo, isifundisi esaziwayo, njengabaFarisi bakudala, sizaliswa ngumsindo xa igunya laso lixoxiswa, sithethe kakubi ngesigidimi sikaSathana [ngokutsho kwaso], size sixhokonxe izihlwele ezithanda isono ukuba zibathuke, zibatshutshise abo basivakalisayo.IE18 536.3

    Ithi xa ikhula imbambano ingena kwimihlaba emitsha, nengqondo zabantu zibizelwa kumthetho kaThixo onyhashiweyo, uSathana uya phazamiseka. Amandla esinawo isigidimi siya kubaphambanisa abo basichasayo. Isifundisi siya kwenza amalinge aphantsa ukudlula awendalo ukuvala ukuba ukukhanya kungakhanyi phezu kwemihlambi yaso. Ngazo zonke iindlela aba bafundisi abanokwenza ngazo, baya kuzama ukuyicinezela ingxoxo engale miba ibalulekileyo. Ibandla libhenela kwingalo enamandla yomthetho woburhulumente, ukuze kuthi, kulo msebenzi, abobupopi namaProtestanti bamanyane. Ithi xa intshukumo yokunyanzeliswa kweCawa [usuku] kuya kuqina kuba necala, umthetho ukhuthazwe ukuchasa abagcina umthetho [kaThixo]. Baza kutyityinjiselwa umnwe ngeentlawulo nokuvalelwa entolongweni, kanti abanye baya kunikwa izikhundla eziphezulu, neminye imivuzo nokuhle, izinto zokubaloba ukuba bayishiye inkolo. Sekunjalo, impendulo yabo ezingileyo ithi: “Siboniseni elizwini likaThixo imposiso yethu”—isicelo esinye esenziwa nguLutere ephantsi kweemeko ezifanayo. Abo bamiswe ezinkundleni bayimela ngamandla inyaniso, baze abanye abavayo bazibone beyimela nabo inyaniso ukuba bayigcine yonke imithetho kaThixo. Ngalo ndlela, ukukhanya kuza kuziswa phambi kwamawaka awayengayi kuze azi nto ngezi nyaniso.IE18 537.1

    Ukuthobela kokuzikhethela okusezingqondweni ilizwi likaThixo, kuya kuthatyathwa njengovukelo. Emfamekiswe nguSathana, umzali uya kubalukhuni abe qatha ngakumntwana wakhe okholwayo; inkosi okanye inkosikazi iya kumcinezela umkhonzi wayo ogcina umthetho. Uthando luya kuphela; abantwana bahlanjwe bagxothwe emakhayeni abo. Amazwi kaPawulos aya kuzalisekiswa ngendlela ephathekayo: “Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.” 2 Timothy 3:12. Njengoko abakhuseli benyaniso besala ukuhlonipha isabatha eyiCawa, abanye babo baya kuphoswa ezintolongweni, abanye baya kugxothelwa elubhacweni, abanye baphathwe njengamakhoboka. Ebulumkweni babantu, konke oku ngokwangoku, kubonakala kungeke kwenzeke; kodwa uya kuthi xa umoya othintelayo kaThixo utsalwa ebantwini, babe phantsi kolawulo lukaSathana, oyithiyileyo imiyalelo engcwele, kubekho iinguqu ezintsha. Intliziyo iyakwazi ukukhohlakala kakhulu xa ukoyika nothando lukaThixo lususiwe. IE18 538.1

    Sithi xa isaqhwithi sivela, iqela elikhulu labo bebesithi bayakholwa kwisigidimi sengelosi yesithathu, kodwa bengakhange bangcwaliswa ngokuyithobela inyaniso, baya kuyishiya indawo yabo bazimanye nezintlu zabachasi. Ngokuzimanya nehlabathi, nokuba nenxaxheba kumoya walo, baye bayibona imicimbi phantse ngokukhanya okunye; kuze kuthi xa lufika uvavanyo, bakulungele ukukhetha icala elilula nelithandwayo. Abantu abanetalente nokuthetha okwanelisayo, abakha bayonwabela inyaniso, basebenzisa amandla abo ukukhohlisa nokulahlekisa imiphefumlo. Bathi babe zezona ntshaba zinkulu zabazalwana babo bangaphambili. Kuthi xa abagcini beSabatha beziswa ezinkundleni ukuba baphendule ngenkolo yabo, aba bakreqi babe ngabona bathunywa bakaSathana banamandla ukubaxoka nokubatyhola, kuze kuthi ngeengxelo zobuxoki nokuthetha okungeyiyo inyaniso bakwazi ukuxhokonxa abaphathi ukuba babachase.IE18 538.2

    Ngeli xesha lentshutshiso, ukholo lwabakhonzi beNkosi luya kuvavanywa. Bebenike ubungqina ngokuthembeka, bekhangele kuThixo nakwilizwi laKhe kuphela.UMoyakaThixo,usebenza ezintliziywenizabo,uye wabanyanzela ukuba bathethe. Beqhutywa yinzondelelo engcwele, nayimvakalelo enamandla phezu kwabo, bangena ekuwenzeni umsebenzi wabo bengenasazela sibandayo nesibala iziphumo zokuthetha nabantu ilizwi iNkosi ebanike lona. Abakhange bafakane imilomo nabathandana nabo basemhlabeni, bengakhange bazame ukusindisa amagama abo okanye ubomi babo. Kanti ke, luya kuthi lwakuvuka uqhwithelo phezu kwabo, abanye, ngokoyikiswa lixhala, baya kulungela ukukhala bathi: “Ukuba besizibone kwangoko iziphumo zamazwi ethu, ngesathula sathi cwaka.” Barhangqwe ziinzima. USathana ubahlasela ngezihendo ezoyikekayo. Umsebenzi abawuthabathileyo ubonakala ngokungathi ungaphezulu kakhulu kwizakhono zabo ukuba bangakwazi ukuwufeza. Intshiseko eyabavuselelayo iphelile; kanti ke ngoku abakwazi ukujika. Ngoko ke, bathi beziva bengenalo konke uncedo, babalekele kuSomandla ukuba abanike amandla. Bakhumbula ukuba amazwi abawathethileyo ayengengawo awabo, kodwa ayengawaLowo wabanika isilumkiso. UThixo wayebeke inyaniso ezintliziyweni zabo, baza abakwazi ukwala ukuyivakalisa.IE18 538.3

    Ukulingwa okunjalo kwafunyanwa ngamadoda kaThixo kumaxesha awadlulayo. UWycliffe, uHuss, uLutere, uTyndale, uBaxter, noWesley, banyanzelisa ukuba zonke iimfundiso zibekwe eluvavanyweni ngeBhayibhile besithi baya kushiya yonke into eyigwebayo. Ukulwa la madoda, kwabakho intshutshiso eyeza ngengqumbo engathintelekiyo; kodwa awazange ayeke ukuyivakalisa inyaniso. Amaxesha awahlukeneyo embali yebandla, lilelo libe liphawulwe kukuhluma kwenyaniso eyodwa, efanele iimfuno zabantu bakaThixo ngelo xesha. Yonke inyaniso entsha iwenzile umda wayo okujongana nentiyo nenkcaso; abo basikelelwa kukukhanya kwayo bahendwa balingwa. INkosi inika inyaniso eyodwa kubantu abakwingxaki. Ngubani onganesibindi sokungayisasazi? Ubayalela abakhonzi baKhe ukuba banike isimemo sokugqibela senceba ehlabathini. Abakwazi ukuthula, bangayibeki engozini imiphefumlo yabo.Abameli bakaKristu abananto yakwenza neziphumo. Kufuneka benze umsebenzi wabo, baziyekele kuThixo iziphumo.IE18 539.1

    Ithi xa inkcaso inyukela kwelona zinga loyikeka kakhulu, abakhonzi bakaThixo baphinde badideke; kuba kusuka kube ngathi ngabo abazise ingxaki. Sona isazela nelizwi likaThixo ziyabaqinisekisa ukuba ikhondo labo lilungile; nokuba, nangona izilingo ziqhubeka, bayomelezwa ukuba bazithwale. Idabi liya lisondlela liba bukhali kakhulu, kodwa ukholo lwabo nesibindi sabo sikhula nentlekele. Ubungqina babo buthi: “Asisokuze sichukumise ilizwi likaThixo, siwahlule umthetho waKhe ongcwele; sithi, inxenye iyafuneka enye ayifuneki, ukuze sithandwe lihlabathi. INkosi esiyikhonzayo inako ukusihlangula. UKristu uwoyisile amagunya asemhlabeni; singaba siza koyika ihlabathi eseloyisiwe?”IE18 539.2

    Intshutshiso, ikwiimo zayo ezahlukeneyo, ikukuhluma komthetho-siseko oza kuhlala ukho lo gama uSathana esekho nobuKristu bunegunya elibalulekileyo. Akakho umtu onokukhonza uThixo engathanga azimise ekubeni achaswe yimikhosi yobumnyama. Iingelosi ezikhohlakeleyo ziya kumhlasela, zothuswe kuba impembelelo yakhe ihlutha ixhoba ezandleni zazo. Abantu abakhohlakeleyo, bekhalinyelwa ngumzekelo wakhe, baya kuzimanya nazo ekuzameni ukumahlula kuThixo ngezihendo ezinomtsalane. Xa ezi zingaphumeleli, athi amandla anyanzelisayo asetyenziswe ukunyanzela isazela.IE18 539.3

    Phofu, sekunjalo, uYesu esengumthetheleli womntu engcweleni engaseNtla, impembelelo ethintelayo kaMoya Oyingcwele iyaviwa ngabaphathi nabantu. Isayilawula noko imithetho yomhlaba. Ukuba bekungengayo le mithetho, imeko yomhlaba ngeyimbi kakhulu kunokuba injalo ngoku. Nangona abaninzi kubaphathi bethu bengabathunywa abasebenzayo bakaSathana, uThixo unabo naYe abaKhe abathunywa phakathi kwamadoda aphambili esizwe. Utshaba lusebenza ezintliziyweni zabakhonzi balo ukucebisa ngamanyathelo aya kuthi awuphazamise kakhulu umsebenzi kaThixo; kodwa abathandi besizwe abayoyikayo iNkosi baphenjelelwa ziingelosi ezingcwele ukuba bachase onke amacebiso anjaloIE18 540.1

    Ngeengxoxo ezingaphendulekiyo. Ngenxa yoko, abantu abambalwa baya kuwunqanda umsinga wobubi onamandla. Inkcaso yeentshaba zenyaniso iya kukuthintela ukuba isigidimi sengelosi yesithathu siwenze umsebenzi waso. Xa isilumkiso sokugqibela sinikiwe, siya kutsala ingqalelo kula madoda aphambili esebenza ngawo ngoku iNkosi, amanye wawo aza kusamkela, aze ame nabantu bakaThixo kwixesha lembandezelo.IE18 540.2

    Ingelosi ezimanya nokuvakaliswa kwesigidimi sengelosi yesithathu iza kukhanyisela wonke umhlaba ngobuqaqawuli bayo. Umsebenzi obubanzi bawo bungangelizwe lonke, namandla angaqhelekanga uxelwa kwangaphambili apha. Intshukumo yokubuya [kwesibini] yowe-1840-1844 yayikukubonakalaliswa kobuqaqawuli bamandla kaThixo; isigidimi sengelosi yokuqala sasiwa kuyo yonke indawo yovangelo emhlabeni, kanti nakwamanye amazwe wawukho umdla omkhulu wenkolo owabonakala nakweliphi ilizwe kususela kuHlaziyo lwenkulungwane yeshumi elinesithandathu; kodwa ezi [ntshukumo] ziza kudlulwa yintshukumo enamandla phantsi kwesilumkiso sengelosi yesithathu.IE18 540.3

    Umsebenzi uya kufana nalowo weMini yePentekoste. Njengoko “imvula yakuqala” yayinikwa, ekuthululweni koMoya Oyingcwele ekuqalekeni kwegospile, ukuze kukhuliswe imbewu exabisekileyo, ngokunjalo, “imvula yamva” iya kunikwa ekupheleni kwexesha laso ukuze kuvuthwe isivuno. “Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe. Hoseya 6:3. “Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyalelo wokuba kubekho ubulungisa [okanye imvula yangaphambili], anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo ekuqaleni.” Yoweli 2:23. “Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama.” “Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.” IZenzo 2:17, 21.IE18 540.4

    Umsebenzi omkhulu wegospile awuyi kuvala ngokubonakalaliswa okunganeno kwamandla kaThixo kunasekuqaleni kwawo.Iziprofeto ezazaliseka ekuthululweni kwemvula yangaphambili ekuqalweni kwegospile ziza kuphinda zizaliseke kwimvula yamva ekuvalweni kwayo. La “ngamathuba okuphumza awayekhangele kuwo umpostile uPetros xa wayesithi: “Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi; ithume uYesu Kristu.” IZenzo 3:19, 20.IE18 541.1

    Abakhonzi bakaThixo, benobuso obukhanyayo nobubengezela bubungcwele bokuzinikela, baya kukhawuleza ukuya kwiindawo ngeendawo bevakalisa isigidimi ezivela ezulwini. Ngamawaka amazwi, kuwo wonke umhlaba, isilumkiso siya kunikwa. Imimangaliso iya kwenziwa, abagulayo baphiliswe, imiqondiso nemimangaliso iya kulandelana namakholwa. USathana naye uyasebenza, ngemimangaliso yobuxoki, ade ahlise nomlilo uphuma ezulwini abantu bekhangele. IsiTyhilelo 13:13. Ngoko ke, abemi bomhlaba baya kufuneka babe necala abemi kulo.IE18 541.2

    Isigidimi asiyi kuthwalwa kakhulu ngengxoxo kunokoyiseka okunzulu ngoMoya kaThixo. Iingxoxo zenziwe. Imbewu ihlwayelwe, ngoku iza kuntshula ikhule, ithwale isiqhamo. Iincwadi ezisasazwe ngabasebenzi abangabavangeli zibe nayo impembelelo yazo, baza abaninzi abangqondo zabo zakhuthazekayo bathintelwa ekuyiqondeni ngokupheleleyo inyaniso okanye ekuziyekeleni ekuthobeleni. Ngoku, imitha yokukhanya ingena kuyo yonke indawo, inyaniso ibonwa ngolu hlobo icace ngalo, baye abantwana bakaThixo abanyanisekileyo bewaqhawula amatyathanga ababambileyo. Ukuhlangana neentsapho, ubudlelane namabandla, konke akunawo amandla okubabamba ngoku. Inyaniso ixabiseke kakhulu kunako konke okunye. Nangona izenzeleli zihlangana ukuchasa inyaniso, iqela elikhulu liyema ngakwicala leNkosi.IE18 541.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents