Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    30—Ubutshaba Phakathi Komntu Nosathana

    “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.” Genesis 3:15. Isigwebo sezulu esawiswa phezu kukaSathana emva kokuwa komntu sasikwasisiprofeto, esihlanganisa zonke izizukulwana kuse ekupheleni kwexesha, saye sibonisa kwangaphambili imfazwe enkulu eyayiza kubandakanya zonke iintlanga zabantu ezaziza kuphila phezu komhlaba. IE18 448.1

    UThixo uthi: “Ndiya kumisa ubutshaba.” Obu butshaba abubikho ngendalo. Wathi akuba umntu egqithe umthetho wezulu ongcwele, indalo yakhe yonakala waza wahambelana nembangi yesono. Bobabini baba babi ngokukreqa. Umkreqi akaze aphumle, ngaphandle kwaxa ezuza uvelwano nenkxaso ngokulukuhla abanye ukuba balandele umzekelo wakhe. Ngenxa yesi sizathu, ingelosi ezawayo nabantu abakhohlakeleyo bamanyana ngobuqabane obunobungonyama.Ukuba uThixo wayengangenelelanga ngendlela eyodwa, uSathana nomntu ngebangena kwisivumelwano sokulwa nezulu; kuthi endaweni yokuba nobutshaba ngakuSathana, uluntu luphelele lwaluya kuba lumanyene ukuchasa uThixo.IE18 448.2

    USathana wamhenda umntu ukuba one, njengoko wenzayo kwiingelosi ukuba zivukele, ukuze azuze intsebenziswano kwimfazwe yokulwa neZulu. Kwakungekho ukungavani phakathi kwakhe neengelosi eziwileyo ngokubhekiselele kwintiyo yazo ngakuKristu; lo gama ngazo zonke ezinye iindawo kwakukho ukungaboni ngaso-nye, zazimanyene ngokuqinileyo ekuchaseni igunya loMlawuli weyunivesi. Wathi uSathana akuva kuvakaliswa ukuba ubutshaba buya kubakho phakathi kwakhe nomfazi, naphakathi kwembewu yakhe [umfazi], wazi ukuba amalinge akhe okuthoba indalo yomntu aya kuphazanyiswa; nokuba ngandlela ithile, umntu wayeza kwenziwa ukuba akwazi ukumelana namandla akhe.IE18 448.3

    Ubutshaba bukaSathana ngakuhlanga loluntu buyavutha kuba, ngenxa kaKristu, bangabaxhamli bothando nenceba kaThixo. Ulangazelela ukulichitha icebo lezulu lokuhlangulwa komntu, ukwenza ukuba uThixo angazukiswa, ngokucima nokungcolisa umsebenzi wezandla zakhe wayenga angenza kubekho intlungu ezulwini, awuzalise umhlaba ngosizi nenkxwaleko. Walatha konke oku kubi njengesiphumo somsebenzi kaThixo ekudaleni umntu.IE18 448.4

    Lubabalo uKristu alutyala emphefumlweni oludala emntwini ubutshaba ngakuSathana. Ngaphandle kolu babalo luguqulayo namandla ahlaziyayo, umntu ebeya kuhlala elikhoboka likaSathana, umkhonzi olungele ngamaxesha onke ukwenza umyalelo wakhe. Noko kunjalo, umthetho-siseko omtsha emphefumlweni, udala ungquzulwano apho, ukuza kuthi ga ngoku, bekukade kukho uxolo. Amandla awanikayo uKristu, amenza umntu akwazi ukumelana nesikrelemnqa nomhluthi [wokungekuko okwakhe]. Nabani na obonwa esithiyile isono endaweni yokusithanda, nabani na omelana aze oyise ezo mvakalelo zilawula ngaphakathi, ubonisa ukusebenza komthetho-siseko ovela ngasentla okanye phezulu ngokupheleleyo.IE18 449.1

    Inkcaso ekhoyo phakathi komoya kaKristu nomoya kaSathana yabonakalaliswa ngokuphandle kakhulu ekwamkelweni kukaKristu emhlabeni. Kwakungengakuba wabonakala engenabo ubutyebi basemhlabeni, ubuyokoyoko, okanye ubuhle okwenza ukuba amaYuda akhokelelwe ekubeni amale. Abona ukuba wayenawo amandla awaye nokuma endaweni yokungabikho kokuhle kwangaphandle. Yayibubunyulu nobungcwele bukaKristu obambizela ukuthiywa ngabantu abangahloneli Thixo. Ubomi baKhe bokuzilandula, nokuzinikela okungenasono, kwahlala ikukungxolisa kubantu abanekratshi abangenako ukuziphatha kakuhle. Yinto le eyavusa ubutshaba bokuchasa uNyana kaThixo. USathana neengelosi ezikhohlakeleyo bahlangana kunye nabantu abakhohlakeleyo. Onke amandla okreqo aceba okukhohlakeleyo ngeTshawe lenyaniso. Kwabona obo butshaba bunye bubonakalaliswe kubalandeli bakaKristu njengoko babonakalaliswa kwiNkosi yabo. Wonke osukuba ebona imeko embi kakhulu yesono, aze athi, ngamandla avela ngasentla amelane nesilingo, ngokuqinisekileyo, uza kuvusa ingqumbo kaSathana nabantu bakhe. Intiyo yemithetho-siseko enyulu yenyaniso, nengcikivo nentshutshiso kubenzi bayo, zizinto eziya kubakho lonke ixesha isono naboni besekhona. Abalandeli bakaKristu nabakhonzi bakaSathana abasayi kuze bavumelane. Isikhubekiso somnqamlezo asiyekanga. “Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa.” 2 Timoti 3:12.IE18 449.2

    Abathunywa bakaSathana bathe rhoqo besebenza phantsi kokuyalela kwakhe ukuba bamisele igunya lakhe, bakhe ubukumkani bakhe ukuchasa ulawulo lukaThixo. Ukufeza oku, bazama ukukhohlisa abalandeli bakaKristu bebarhwebesha ukubasusa ekwayameni kwabo [kuYe]. Njengenkokeli yabo, bayazijika bazigqwethe iziBhalo ukufezekisa eyabo injongo. Njengoko uSathana wazama ukuzisa ingcikivo kuThixo, benjenjalo nabathunywa bakhe ukuzama ukunyelisa abantu bakaThixo. Umoya owabulala uKristu usebenza kwabakhohlakeleyo ukuba batshabalalise abalandeli baKhe. Konke kutyhilwe kwangaphambili kweso siprofeto sokuqala: “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe.” Oku kuza kuqhuba kuse ekupheleni kwexesha. IE18 450.1

    USathana ubiza yonke imikhosi yakhe, aze azibhokoxe onke amandla wakhe ekulweni. Kungani ukuba angaqubisani nenkcaso enkulu? Kutheni amasoldati kaKristu enobuthongo nokungakhathali okungaka? Kungokuba uqhagamshelano olululo analo noKristu luncinane kakhulu; kuba amswele kakhulu uMoya waKhe. Kuwo isono asinto engafunekiyo nethiyekileyo, ngohlobo esasilulo kwiNkosi yawo. Awahlangabezani naso, njengoko wenzayo uKristu, ngokumelana nokuzimisela okupheleleyo. [La masoldati kaKristu] awabuqondi ububi nobungozi obukhulu kakhulu besono, aye anobumfama kuko kokubini—isimilo namandla enkosi yobumnyama. Buncinane ubutshaba ngakuSathana nemisebenzi yakhe, kuba kukhulu ukungazi ngamandla akhe nenkohlakalo yakhe, kunye nobubanzi elifikelela kubo idabi lakhe lokulwa uKristu nebandla laKhe. Izihlwele ziyalahleka apha. Azazi ukuba utshaba yinjengele enamandla amakhulu elawula iingqondo zeengelosi ezikhohlakeleyo, nokuba, ngamacebo avuthwe kakhulu neentshukumo ezinobuchule, ulwa noKristu ukuthintela ukusindiswa kwemiphefumlo. Phakathi kwabazibiza ngokuba bangamaKristu, naphakathi kwabafundisi beendaba ezilungileyo, akuvakali nto ithethwa ngokubhekiselele kuSathana, ngaphandle kokukhankanywa nje ngelo xesha epulpitini. Bajonga ngaphaya kobungqina bomsebenzi wakhe oqhubeka njalo, kwanempumelelo yawo; bayazityeshela izilumkiso ezininzi ezingobuqhophololo bakhe; babonakala bengabukhathalele ubukho bakhe.IE18 450.2

    Ngeli xesha abantu bengazi ngamacebo alo, olu tshaba luphaphamileyo luthe chu emva kwabo umzuzu nomzuzu. Lungena ngenkani kuwo onke amasebe ekhaya, kuzo zonke izitrato zezixeko zethu, ezinkonzweni, kumaqumrhu olawulo ezizwe, lulukuhla, kuyo yonke indawo, lubulala imiphefumlo nemizimba yamadoda, abafazi nabantwana, luqhekeza iintsapho, luhlwayela intiyo, ukuphangelana, imbambano, ukulahlekisa, nokubulala. Ngelo xesha, ilizwe lobuKristu libonakala lizithabatha ezi zinto ngokungathi uThixo uzinyule, ngoko kufuneka zibe khona.IE18 450.3

    USathana uthe rhoqo ezama ukoyisa abantu bakaThixo ngokuwisa iindonga ezibahlula ehlabathini. UIsrayeli wakudala wawexulelwa esonweni bakuya kungena kulwalamano olwalelweyo nabahedeni. Ulahlekiswa ngokunjalo noIsrayeli weli xesha. “Uthixo weli phakade wazimfamekisa iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo.” 2 Korinte 4:4. Bonke abangaphelelisanga ekulandeleni uKristu bangabakhonzi bakaSathana. Kwintliziyo engaguqukanga kukho ukuthanda isono nokukekelela ekusonwabeleni nokusithethelela. Kukho entliziyweni eyenziwe yantsha ukuthiywa kwesono nokumelana naso ngokusichasa okuzimiseleyo. Xa amaKristu enyula ulwalamano nabantu abangahloneli Thixo abangakholwayo, azibeka esichengeni sokulingwa. USathana uyazifihla ekubonakaleni aze athi ngokucondobezayo awagqume amehlo abo ngesigqubuthelo senkohliso. Abakwazi ukubona ukuba ulwalamano olunjalo lulungiselelwe ukubenzakalisa; kuze kuthi, lonke ixesha bezifanisa nehlabathi ngesimilo, ngamazwi, nangezenzo, baye besiba ziimfama ngakumbi nangakumbi.IE18 451.1

    Ukuvumelana namasiko ehlabathi kuguqulela ibandla ehlabathini; akuze kuliguqulele ihlabathi kuKristu. Ukuqhelana nesono, ekugqibeleni, kuza kwenza ukuba sibonakale singesibi kakhulu. Lowo ukhetha ulwalamano nabakhonzi bakaSathana, kungekudala, uza kuyeka ukuyoyika inkosi yabo. Xa sisendleleni yomsebenzi, sihlangana nezihendo, njengoko kwakunjalo kuDaniyeli kwibhotwe likakumkani, singaqiniseka ukuba uThixo uya kusikhusela; kodwa ukuba sizibeka phantsi kwesilingo, siya kuwa kungekudala.IE18 451.2

    Umlingi ukholisa ukusebenza ngempumelelo enkulu ngabo baneetalente nemfundo, baye bethandwa behlonitshwa, ngokungathi ezi zakhono ziya kukuthethelela ukungabikho kokumoyika uThixo okanye zibenza abantu ukuba bafanele ukuthandwa nguYe. Italente nenkcubeko, xa kujongwe kuzo kuphela, zizipho zikaThixo; kodwa xa zithe zenza ukuba zithabathe indawo yobungcwele, lo gama, endaweni yokuba ziwusondeze ngakumbi umphefumlo kuThixo, zisuka ziwuse kude kuYe, zisuka zibe sisiqalekiso nomgibe. Kukho imbono egqubayo kwabaninzi le yokuba, imbeko okanye ukuchubeka, ngandlela ithile, ikumtsalela kuKristu. Ayizanga yabakho impazamo enkulu kunaleyo. Ezi mpawu zimele ukufumaneka kwisimilo sakhe wonke umKristu, kuba ziya kuyenzela impembelelo enamandla inkolo yenene yobuKristu; kodwa kufuneka zinikelwe kuThixo, kungenjalo zikwangamandla obubi. Abantu abaninzi abachubekileyo benokuziphatha okuhle, abangenakuhla bafumaneke kwisenzo sokungakwazi ukuziphatha, bayakwazi ukuba zizixhobo ezandleni zikaSathana. Isimilo esinobungozi nenkohliso sempembelelo yabo sibenza babe ziintshaba ezinobungozi kakhulu emsebenzini kaKristu kunabo bangazi nto nabangachubekanga.IE18 451.3

    Ngomthandazo onenzondelelo nokuxhomekeka kuKristu, uSolomon wazuza ubulumko obavusa ukukhwankqiswa nokunqwenelwa lihlabathi. Wathi kodwa akusuka kwiThende lamandla akhe, wabheka phambili exhomekeke kwisiqu sakhe, waba lixhoba lokulingwa. Athi amandla amangalisayo awayenikwe oyena kumkani osisilumko, asuka amenza wangumthunywa osebenza kakhulu womchasi wemiphefumlo.IE18 452.1

    Ngeli xesha uSathana ethe rhoqo ezama ukuzimfamekisa iingqondo zawo kule nyaniso, amaKristu makangaze alibale ukuba “[awazamani] negazi nenyama; [koko azamana] nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imikhosi yomoya abakhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.” Efese 6:12. Isilumkiso esiphefumlelweyo siza sivela kwiinkulungwane ukuza kufika kweli lethu ixesha, sisithi: “Yibani nobungcathu, phaphamani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamqwengayo.” 1 Petros 5:8. “Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.” Efese 6:11.IE18 452.2

    Kususela kwimihla ka-Adam ukuza kwixesha lethu, utshaba lwethu olukhulu lube lusebenzisa amandla alo ukuba lucinezele lutshabalalise. Ngoku lulungiselele iphulo lalo lokugqibela lokulwa ibandla. Bonke abazama ukulandela uYesu baza kungquzulana nolu tshaba lungenalusizi. Okona esiya esondela umKristu ekulinganiseni uMzekelo Ongcwele, okona kuqinisekileyo ukuba uza kuzenza ixhoba lohlaselo lukaSathana. Bonke abakhutheleyo ekwenzeni umsebenzi kaThixo, bezama ukutyhila isigqubuthelo seenkohliso zongendawo nokuveza uKristu phambi kwabantu, baya kukwazi ukuhlangana noPawulos ekunikeni ubungqina, apho athetha ngokusebenzela iNkosi ngako konke ukuthobeka kwenqondo, ngeenyembezi ezininzi, nezihendo.IE18 452.3

    USathana wamhlasela uKristu ngezona zihendo zoyikekayo kakhulu nezona zirhubuluzayo, kodwa woyiswa kuwo onke amadabi. Loo madabi aliwa ngenxa yethu; olo loyiso lwenza ukuba sibe nako ukoyisa. UKristu uya kubanika amandla bonke abawafunayo. Akukho mntu oya kuthi, ngaphandle kweyakhe imvume, oyiswe nguSathana. Umlingi akanawo amandla okulawula ingqondo okanye okuwunyanzela umphefumlo ukuba wone. Angalwenza uxinzelelo, kodwa akakwazi ukudyobha. Angayenza intlungu, kodwa angangcolisi. Inyaniso yokuba uKristu woyisile kufuneka ibakhuthaze abalandeli baKhe ngesibindi sokulwa ngokwamadoda idabi lokuchasa isono noSathana.IE18 452.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents