Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    27—Iimvuselelo Zangoku

    Kuzo zonke iindawo apho ilizwi likaThixo lithe lashunyayelwa ngokuthembeka khona, iziphumo ziye zilandele zingqinelana nemvelaphi yalo engcwele. UMoya kaThixo wasikhapha isigidimi sabakhonzi baKhe, laza ilizwi lanamandla. Aboni baziva zivuselelwa izazela zabo. “[Ukhanyiso] olubakhanyiselayo abantu bonke, [lu]siza ehlabathini” lwakhanyisa kumagumbi afihlakeleyo emiphefumlo yabo, zathi izinto ezifihliweyo zobumnyama zabonakalaliswa. Ukoyiseka okunzulu kwazithimba iingqondo neentliziyo zabo. Baba nengqondo yobulungisa bukaYehova, bakuva ukoyikeka kokubonakala, benetyala nokungcola, phambi koMphengululi weentliziyo. Bathi besentlungwini, bakhala: “Ngubani na oya kundihlangula kulo mzimba woku kufa?” Xa umnqamlezo waseKalvari, ekwakukho kuwo idini lezono zabantu, wawuvezwa, babona ukuba akukho nto ngaphandle kokuhle kukaKristu okunganela ukucamagushela izikreqo zabo; koku kuphela okunokuxolelanisa umntu kuThixo. Ngokholo nokuzithoba, bayamkela iMvana kaThixo, ethwala isuse isono sehlabathi. Ngegazi likaYesu bakufumana “ukuyekelelwa kwezono ezibe zenziwe ngenxa engaphambili.”IE18 410.1

    Le miphefumlo yaveza iziqhamo ezifanele inguquko. Yakholwa yabhaptizwa, yasuka ukuba ihambe kubutsha bobomi—izidalwa ezitsha kuKristu Yesu; abantu abangazimilisingokweenkanukozangaphambili, kodwa ngokokholo lukaNyana kaThixo ukuba balandele emanyathelweni aKhe, babonakalalise isimilo saKhe, bazenze nyulu njengoko naYe anyulu. Izinto ababezithiyile ngaphambili, ngoku bazithanda, zathi izinto ababezithanda ngaphambili ngoku bazithiya. Ikratshi nokuzigqatsa kwaba bubulali nokuthobeka kwentliziyo. Abanekratshi bazimisela bengazinyakathisi. Onentetho emdaka wanentobelo, onxilayo waba sezingqondweni, nabaziphethe kakubi banyulu. Iimpahla ezithandwayo zexesha zabekelwa bucala. AmaKristu ayengafuni “ukuhomba . . . kwangaphandle kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; [kodwa] . . . kube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.” 1 Petros 3:3, 4.IE18 410.2

    Iimvuselelo zazisa ukuphengulula intliziyo okunzulu nokuthobeka. Baba nokundileka, umtsalane wokunyaniseka kumoni, ngovelwano olunzulu ngabathengwe ngegazi likaKristu. Amadoda nabafazi athandaza abambana noThixo ngokusindiswa kwemiphefumlo. Iziqhamo zeemvuselelo ezi njalo zabonakala kwimiphefumlo eyacuthekayo, kungengakuba izilandula okanye izibingelela, kodwa inovuyo kuba yayibalelwa ekuthini ikufanele ukufumana ingcikivo nokulingwa ngenxa kaKristu. Amadoda awabona ukuguquka kobomi babo babelibiza igama likaYesu. Uluntu lwazuza ngempembelelo yawo. Ayebuthela ndawonye noKristu, ahlwayela ngokoMoya, ukuze avune ubomi obungunaphakade. IE18 411.1

    Kwathiwa ngabo: “Nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni.” “Kuba ubuhlungu obungokukaThixo busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa. Kuba yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina ngokwenu.” 2 Korinte 7:9 -11.IE18 411.2

    Esi sisiphumo somsebenzi kaMoya kaThixo. Ayibikho into ebonakalisa inguquko yenene ngaphandle kokuba ithi isebenzeukuhlaziyeka. Ukuba oguqukayo uthi abuyisele isibhambathiso, abuyisele oko ebeqhathe ngako, avume izono zakhe, amthande uThixo nomzalwana wakhe, umoni angaqiniseka ukuba ulufumene uxolo noThixo. Zaba njalo iziphumo ezalandela iminyaka yangaphambili yamaxesha okuvuka kwenkolo. Bebonwa ngeziqhamo zabo, baziwa ukuba basikelelwe nguThixo, ngokusindiswa kwabantu kunye nokuphakanyiswa koluntu.IE18 411.3

    Kanti ke, iimvuselelo ezininzi zale mihla, zibonisa umahluko omkhulu kunezo zinto zokubonakalaliswa kobabalo lwezulu okwakuthi ngemihla yangaphambili kulandele imisebenzi yabakhonzi bakaThixo. Kuyinyaniso ukuba unandipho olukhulu lubanekiwe, baninzi abathi bayaguquka, baye bebaninzi abamkelwa emabandleni; sekunjalo, iziphumo azikwazi ukunika inkolo yokuba kukho ukukhula okuhambelana nobomi benene basemoyeni. Ukukhanya okuvutha okwexeshana kubehle kuphele, kushiye ubumnyama obungqingqwa kunexesha langaphambili. IE18 411.4

    Iimvuselelo ezithandwayo zikholisa ukuba nezibheno eziya engqondweni, ngezimvo ezithathekisayo, ngokwaneliswa kothando lwento entle nexhomisa amehlo. Abaguqukayo abaye bazuzwe ngolo hlobo, mncinane umnqweno wabo wokumamela inyaniso yeBhayibhile, luncinane unandipho lobungqina babaprofeti nabapostile. Ukuba inkonzo ayibanga nanto ithathekisayo, ayinawo umtsalane kubo. Isigidimi esithetha kwingqiqo engenamvakalelo, asinawo umtsalane kubo. Izilumkiso eziphandle nje zelizwi likaThixo, ezayame nqo kwizinto ezibalungiselela unaphakade, azihoywa. IE18 411.5

    Kuye wonke umphefumlo oguqukayo ngokwenene, ulwalamano noThixo nezinto zikanaphakade luba yincoko enkulu yobomi. Kanti ke, uphi, kumabandla aziwayo amakhulu namhlanje, umoya wokuzinikela kuThixo? Abaguqukayo abalishiyi ikratshi labo nokuthanda kwabo ihlabathi. Abakulungelanga mpela ukuzithiba, bathabathe umnqamlezo, balandele uYesu onobulali nothobekileyo, kunokuba babenjalo ngaphambi kokuba baguquke. Inkolo isuke yayinto yokudlala kwabo bangakholwayo nabanentandabuzo ngenxa yokuba baninzi kwabazibiza ngegama layo babe bengazi nto ngemithetho-siseko yayo [inkolo]. Amandla okuhlonela uThixo akufuphi ekumkeni kumabandla amaninzi. Iipikniki, imiboniso yebandla, ukuthengiswa kwezinto libandla, izindlu ezintle, ihombo yabantu, zonke ezi zinto zizigxothile iingcinga ezingoThixo. Imihlaba neempahla, nemisebenzi yelizwe zizalise ingqondo, zathi izinto zikanaphakade kwanzima kwaukuba zibonakale.IE18 412.1

    Nangona kukho kunjalo ukuhla kokholo nokoyika uThixo okuthe tshitshilili kwindawo yonke, basekho kula mabandla abalandeli abanyanisileyo bakaKristu. Ngaphambi kokufikelwa kokugqibela zizigwebo zikaThixo phezu komhlaba, kuya kubakho phakathi kwabantu bakaYehova imvuselelo enkulu yokoyika uThixo kwakudala okungazanga kwabona kususela kumaxesha abapostile. UMoya namandla kaThixo aya kuthululwa phezu kwabantwana baKhe. Ngelo xesha, abaninzi baya kuzahlula kuloo mabandla apho ukuthandwa kweli hlabathi kuthe kwamiswa endaweni yokuthandwa kukaThixo nelizwi laKhe. Abaninzi, kubafundisi nabantu, baya kuzamkela ngovuyo iinyaniso ezinkulu athe uThixo wenza ukuba zivakaliswe ngeli xesha lokulungiselela abantu ukuza kweNkosi kwesibini. Utshaba lwemiphefumlo lulangazelela ukuwuthintela lo msebenzi; kuze kuthi phambi kwexesha lokuba ifike intshukumo enjalo, azame ukuyithintela ngokuvelisa unomgogwana. Kuloo mabandla anokukwazi ukuwaziza phantsi kwegunya lakhe lolahlekiso, uya kwenza ukuba kubonakale ngokungathi intsikelelo ekhethekileyo kaThixo ithululwe; kuya kubonakalaliswa oko kucingwa ukuba ngumsebenzi omkhulu wokholo. Izihlwele ziya kuvuya kuba uThixo esebenza imimangaliso ngazo, ube umsebenzi wona ungowomnye umoya. Phantsi kwesigqubuthelo senkolo, uSathana uya kuzama ukuyandisa impembelelo yakhe phezu kwehlabathi lamaKristu. IE18 412.2

    Kwiimvuselelo ezininzi ezenzeke kwisiqingatha senkulungwane edlulileyo, kwazona ezi mpembelelo zazikade zisebenza, kangangoko, kwaye oko kuya kubonakalaliswa ngokukhulu kakhulu ziintshukumo zexesha elizayo. Kukho ukuthathekiswa ziimvakalelo, ukuxutywa kwenyaniso nobuxoki, okulungiselelwe ngendlela eyiyo ukuba kulahlekise. Kanti ke akukho noyedwa ekufuneka akhohliswe. Ekukhanyeni kwelizwi likaThixo akunzima ukuyibona imilo yezi ntshukumo. Kuyo yonke indawo apho abantu bebutyeshela ubungqina beBhayibhile, bemka kwezo nyaniso ziwuvavanyayo umphefumlo ezifuna kubekho ukuzilandula nokulishiya ihlabathi, singaqiniseka ukuba intsikelelo kaThixo ayithululwanga apho. Kanti, ngokommiselo obekwe nguKristu ngokwaKhe, “Nobaqonda ngeziqhamo zabo” (Mateyu 7:16), kuya bonakala ukuba ezi ntshukumo azinguwo umsebenzi kaMoya kaThixo. IE18 413.1

    Kwiinyaniso zeliZwi laKhe, uThixo unike abantu isityhilelo esingaYe; kwaye kubo bonke abazamkelayo, zilikhaka ngakwiinkohliso zikaSathana. Kukutyeshelwa kwezi nyaniso okuye kwavulela ucango ububi obuthe saa ngoku kwiinkolo zehlabathi. Indalo nokubaluleka komthetho kaThixo kuye kwasithela kakhulu. Imbono engeyiyo yesimo, ukuba ngunaphakade, nokunyanzeleka komthetho ongcwele kukhokelele kwiimpazamo ngokuqonde kwinguquko nokungcwaliswa, kwaza kwanesiphumo sokuthotywa komgangatho wokuhlonelwa kukaThixo ebandleni. Apha kufumaneka imfihlo yokunqongophala koMoya namandla kaThixo kwiimvuselelo zexesha lethu.IE18 413.2

    Kukho, kumabandla awahlukahlukeneyo, abantu abadume ngokuhlonela kwabo uThixo, ekuthi ngabo le nyaniso ivunyweithywe. UProfesa Edwards A. Park, ekubekeni kwakhe iingozi zenkolo, uchana ucwethe xa athi: “Enye imvelaphi yengozi kukutyeshela kwepulpiti ukunyanzela umthetho wezulu. Ngemihla yangaphambili, ipulpiti yayikukuhlokoma kwelizwi lesazela. . . . Abona bashumayeli bethu bagqamileyo, babenika ubungangamsha obukhulu kwiintshumayelo zabo ngokulandela umzekelo weNkosi, bebalula ubukhulu bomthetho, imiyalelo yawo, neentsongelo zawo. Babeziphindaphinda izaci ezibini ezikhulu, esokuba, umthetho ukukukhutshelwa kokufezeka kwezulu, nokuba, umtu ongawuthandiyo umthetho, akazithandi iindaba ezilungileyo; kuba umthetho, neendaba ezilungileyo zisisipili esibonisa esona similo sisiso sikaThixo. Le ngozi ikhokelela kwenye, eyokubujongela phantsi ububi besono, ukunaba kwaso, nokusibona singenamadlala. Ngokulingana nokulunga komthetho kukho ubugwenxa bokungawuthobeli. . . .IE18 413.3

    “Ukumanyana neengozi esele zikhankanyiwe, kukho ingozi yokubucuntsa ubulungisa bukaThixo. Umkhwa wepulpiti yale mihla kukubuhluzabulahlwe ubulungisa bezulu kububele obungcwele, ukuhlisa ububele bube yimvakalelo endaweni yokubuphakamisa bube ngumthetho-siseko. Intetho entsha yolwazi ngoThixo iyakwahlula oko uThixo akumanyileyo. Ingaba umthetho ongcwele ulungile okanye ukhohlakele? Ulungile. Ngoko ke, ubulungisa bulungile; kuba buluhlelo lokwenziwa komthetho. Ukususela kumkhwa wokuwujongela phantsi umthetho ongcwele nobulungisa, ububanzi nokuhla kokungathobeli kwabantu, abantu baqengqelekela lula kumkhwa wokujongela phantsi ubabalo olwenze kwakho ukucamagushelwa kwesono.” Ngaloo ndlela, igospile ilahlekwa lixabiso nokubaluleka kwayo ezingqondweni zabantu, kuze kuthi, kungekudala, balungele ukuphosa ecaleni iBhayibhile ngokwayo. IE18 414.1

    Iititshala ezininzi zenkolo zithi ngokufa kwakhe uKristu wawubhangisa umthetho, kungoko, ukususela ngoko, abantu bakhululekile kwiimfuno zawo. Bakho abanye abawubeka njengedyokhwe enzima, kuze kuthi, ngokungafaniyo nobukhoboka bomthetho babeke inkululeko yokonwatyelwa phantsi kweendaba ezilungileyo. IE18 414.2

    Bona abaprofeti nabapostile abazange bawubone unjalo umthetho ongcwele kaThixo. UDavide wathi: “Ndihamba-hambe endaweni ebanzi, ngokuba ndifuna iziyalezo zakho.” Ndumiso 119:45. Umpostile uYakobi, owabhala emva kokufa kukaKristu, ubhekisa kwimiThetho eliShumi ngokuthi “umthetho wakomkhulu” “[nomthetho] ogqibeleleyo wayo inkululeko.” Yakobi 2:8; 1:25. Yena umtyhilelwa, kwisiqingatha senkulungwane emva kokubethelelwa emnqamlezweni, uvakalisa intsikelelo phezu kwabo “bayenzayo imithetho yaKhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi.” IsiTyhilelo 22:14. IE18 414.3

    Ibango lokuthi uKristu, ngokufa kwaKhe, wawubhangisa umthetho kaYise, alinaso isiseko. Ukuba kwakunokwenzeka ukuba umthetho uguqulwe okanye ubekwe bucala, uKristu ngoko wayengadingi ukuba afe ukusindisa umntu kwisohlwayo sesono. Ukufa kukaKristu, njengoko kukude kakhulu ekubhangiseni umthetho, kubonisa ukuba awunako ukuguquka. UNyana kaThixo weza “ukuba awukhulise umyalo, wawenza wanobungangamsha.” Isaya 42:21. Wathi: Ningabi ndize kuchitha umthetho,” “koda kudlule izulu nehlabathi, kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni.” Mateyu 5:17, 18. Xa athetha ngaYe uthi: “Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.” Ndumiso 40:8.IE18 414.4

    Umthetho kaThixo, kwasendalweni nje yawo, awuguquki. Usisityhilelo sentando nesimilo somEnzi wawo. UThixo uluthando, nomthetho waKhe uluthando. Imithetho-siseko yawo emikhulu iluthando kuThixo nothando emntwini. “Uthando luyinzaliseko yomthetho.” Roma 13:10. Isimilo sikaThixo sibubulungisa nenyaniso; injalo indalo yomthetho waKhe. Uthi umdumisi: “Umyalelo wakho uyinyaniso;” “yonke imithetho yakho inobulungisa.” Ndumiso 119:142, 172. Umpostile uPawulos uthi: “Umyalelo okunene ungcwele; nomthetho ungcwele, unobulungisa, ulungile.” Roma 7:12. Umthetho onjalo, osisibonakalaliso sengqondo nentando kaThixo, umele ukuba uhlala uhleli njengoMenzi wawo.IE18 415.1

    Ngumsebenzini wokuguquka nokungcwaliswa ukuze ukuxolelaniswa kwabantu noThixo ngokuza nabo kuvumelwano nemithetho-sisekelo yomthetho waKhe. Ekuqalekeni, umntu wadalwa ngokomfanekiselo kaThixo. Wayekuvumelwano olugqibeleleyo nendalo kunye nomthetho kaThixo; imithetho-siseko yobulungisa yayibhalwe entliziyweni yakhe. Isono samenza wanobutshaba noMenzi wakhe. Akazange abe sabonakalalisa umfanekiselo ongcwele. Intliziyo yakhe yaba semfazweni nemithetho-siseko yomthetho kaThixo. “Ukunyameka kwenyama kububutshaba kuThixo: kuba umthetho kaThixo kungawululameli, kuba kungenako nokuba nako ukwenjenjalo.” Roma 8:7. Kanti ke, “wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana waKhe ekuphela kwamzeleyo,” ukuze umntu axolelaniswe noThixo. Ngokuhle kukaKristu, unako ukubuyiselwa kwintsebenziswano noMenzi wakhe. Intliziyo yakhe kufuneka yenziwe yabantsha ngobabalo olungcwele; kufuneka abe nobomi obutsha obuvela ngasentla. Le nguqulelo kukuzalwa ngokutsha, ngaphandle kwako, uthi uYesu, “akanako ukububona ubukumkani bukaThixo.IE18 415.2

    Inyathelo lokuqala ekuxolelanisweni kuThixo kukoyiseka sisono. “Sona isono sikukuchasana nomthetho.” “Isono saziwe ngokubakho komthetho.” 1 Yohane 3:4; Roma 3:20. Ukuze alibone ityala lakhe, umoni kufuneka avavanye isimilo saKhe ngomgangatho omkhulu kaThixo wobulungisa. Usisipili esibonisa ukugqibelela kwesimilo esilungileyo, size simenze ukuba azibone iziphako ngokwakhe.IE18 415.3

    Umthetho umtyhilela umntu izono zakhe, kodwa awuniki mathunga. Nangona uthembisa ubomi kothobelayo, ukwavakalisa ukuba ukufa kusisabelo kowugqithayo. Iindaba ezilungileyo zikaKristu zizo kuphela ezinokumkhulula ekugwetyweni nguwo okanye ekungcolisweni sisono. Kufuneka abonise inguquko ngakuThixo, omthetho waKhe athe wawugqitha; nokholo kuKristu, olucamagushelo lwakhe. Ngaloo ndlela ufumana “ukuxolelwa kwezono ezadlulayo” aze abe nenxaxheba kwindalo engcwele. Ungumntwana kaThixo, owamkele umoya wokwamkelwa njengomntwana, athi ngawo akhale, athi: “Abba, Bawo!”IE18 416.1

    Angaba ngoku ukhululekile ukuba awugqithe umthetho kaThixo? Uthi uPawulos: “Umthetho ngoko siyawuphuthisa na ngalo ukholo? Nakanye! Siyawumisa wona umthetho.” “Thina safayo nje kwisono, singathini na ukuba sahlala kuso?” Abe esithi yena uYohane: “Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.” Roma 3:31; 6:2; 1 Yohane 5:3. Kuzalo olutsha, intliziyo yenziwa ihambelane noThixo, njengoko iziswa ekuvumelaneni nomthetho waKhe. Xa le nguqulelo inamandla ithe yenzeka kumoni, udlule ekufeni wangena ebomini, esonweni wangena kubungcwele, ekukreqeni novukelo wangena ekuthobeleni nasekunyanisekeni. Ubomi obudala bobutshaba noThixo buphelile; ubomi obutsha boxolelaniso, bokholo nothando, buqalile. Ngoko ke, “ubulungisa bomthetho” buya kuthi “[bu]zaliseke kuthi, thina singahambiyo ngokwenyama; sihambayo ngokoMoya.” Roma 8:4. Intetho yomphefumlo iya kuthi: “Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho! Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.” INdumiso 119:97.IE18 416.2

    “Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo.” INdumiso 19:7. Ngaphandle komthetho, abantu abanawo umbono onguwo wobunyulu nobungcwele bukaThixo okanye wobabo ubutyala nokungcola. Abanako ukoyiseka okuyinene sisono kwaye bengasiva isidingo senguquko. Ngokungayiboni imeko yabo yokulahleka njengabagqithi bomthetho kaThixo, abasiqondi isidingo segazi elicamagushayo likaKristu. Ithemba losindiso lamkelwa ngaphandle kwenguquko engamandla yentliziyo okanye yokuhlaziyeka kobomi. Ngoko iinguquko ezihamba nje phezulu zininzi, kwaye izihlwele zimanywa nebandla zingazanga zamanywa noKristu.IE18 416.3

    Iimfundiso ezigwenxa zongcwaliso, nazo, eziphuma ekutyeshelweni okanye ekwaliweni komthetho ongcwele, zinendawo ebalulekileyo kwiintshukumo zenkolo zanamhlanje. Ezi mfundiso ziyimfundiso yobuxoki neyingozi ngeziphumo zazo eziphathekayo; kwaye into yokuba zamkelwa ngobubele jikelele, yenza ukuba kubaluleke ngokuphindiweyo ukuba bonke abantu bayiqonde kakuhle into efundiswa ziziBhalo ngale ndawo.IE18 416.4

    Ungcwaliso oluyinyaniso yimfundiso yeBhayibhile. Umpostile uPawulos, kwincwadi yakhe eya kwibandla laseTesalonika, uthi: “Oku kukuthanda kukaThixo ukungcwaliswa kwenu.” Aze athandaze, athi: “Wanga uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile.” 1 Tesalonika 4:3; 5:23. IBhayibile ikufundisa ngokucacileyo ukuba kuyintoni ukungcwaliswa kunye nendlela ekuthi kufumaneke ngayo. UMsindisi wabathandazela abafundi baKhe, wathi: “Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi laKho liyinyaniso.” Yohane 17:17. Kanti uPawulos ufundisa amakholwa ukuba kufuneka “[e]ngcwalisiwe ngoMoya Oyingcwele.” Roma 15:16. Uyintoni umsebenzi kaMoya Oyingcwele? UYesu wabaxelela abafundi baKhe: “Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” Yohane 16:13. Kanti yena umdumisi uthi: “Imithetho yakho iyinyaniso.” Ngelizwi nangoMoya kaThixo, kuvuleleke ebantwini imithetho-siseko emikhulu equlathwe emthethweni waKhe. Kanti ke, njengoko umthetho kaThixo “ungcwele, unobulungisa, ulungile,” umbhalo wokugqibelela wokungcwele, kuyenzeka ukuba isimilo esidaleke ngokuthobela umthetho lowo siya kuba ngcwele. UKristu ungumzekelo ogqibeleleyo wesimilo esinjalo. Uthi: “Ndayigcinayo [nje] imithetho kaBawo,” “[nde]nza izinto ezikholekileyo kuye.” Yohane 15:10; 8:29. Abalandeli bakaKristu kufuneka bafane naYe—ngobabalo lukaThixo uzenza izimilo zihambelane nemithetho-siseko yomthetho waKhe ongcwele. Oku, kukungcwaliswa kweBhayibhile.IE18 417.1

    Lo msebenzi ungafezwa kuphela ngokholo kuKristu, ngamandla okuhlala ngaphakathi kukaMoya kaThixo. UPawulos ululeka amakholwa: “Lusebenzeni . . . olwenu usindiso, ninokuzoyikela nokungcangcazela. . . . kuba nguThixo okusebenzayo ngaphakathi kwenu ukuthanda oko kwanokusebenza ngenxa yenkolelo yakhe.” Filipu 2:12, 13. UmKristu uya kukuva ukuqhutywa sisono, kodwa uya kuthi rhoqo esedabini lokulwa naso. Kulapha apho uncedo lukaKristu ludingeka khona. Ukungabi namandla komntu kuthi kumanyane namandla ezulu, luze ukholo ludanduluke, luthi: “Makubulelwe ke kuThixo, osinikayo uloyiso olo, ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu.” 1 Korinte 15:57.IE18 417.2

    IziBhalo zibonisa ngokucacileyo ukuba umsebenzi wokungcwalisa unenkqubela. Xa athe ekuguqukeni, umoni walufumana uxolo noThixo ngegazi locamagushelo, ubomi bomKristu kukona buqalileyo. Ngoku uza kuthi “[a]qhubeke kwelokukhula;” akhulele “emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu.” Uthi umpostile uPawulos: “Ndenza nto-nye: Ndithi ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kweziphambili, ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.” Filipi 3:13, 14. Aze yena uPetros abeke phambi kwethu amanyathelo ekuthi ngawo ungcwaliso lweBhayibhile luzuzeke: “Nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi; ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo; ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana. . . . Nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke.” 2 Petros 1:5-10. IE18 417.3

    Abo bathi bangcwaliswe ngokweBhayibhile baya kubonakalalisa umoya wokuzithoba. NjengoMoses, babubonile ubungangamsha oboyikekayo bobungcwele, baza babona okwabo ukungafaneleki xa kuthelekiswa nobunyulu nokugqibelela okuphakamileyo kOngenasiphelo. IE18 418.1

    Umprofeti uDaniyeli wayengumzekelo wokungcwaliswa kwenyaniso. Ubomi bakhe obude bazaliswa yinkonzo enentlonelo kwiNkosi yakhe. Wayeyindoda “eyintanda” (Daniyeli 10:11, KJV) yeZulu. Kanti ke, endaweni yokuzixela ukuba unyulu engcwele, lo mprofeti uzukileyo wazibona yena ekunye noIsrayeli owayenesono ngokwenene waza wabongoza phambi kukaThixo ngenxa yabantu bakhe: “Akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi.” “Sonile, senze okungendawo.” Uthi: “Ndandithetha, ndithandaza ndivuma isono sam nesono sabantu bakowethu.” Wathi xa ngexesha lamva evela uNyana kaThixo, ukuba amnike umyalelo, uDaniyeli uthi: “Nebala lobuso bam lasuka lajika, lonakala kum, ndaphelelwa ngamandla.” Daniyeli 9:18, 15, 20; 10:8.IE18 418.2

    Wathi uYobhi akuliva ilizwi likaYehova esaqhwithini, wadanduluka, wathi: “Ndiyazicekisa, ndizohlwaye, ndiseluthulini naseluthuthwini.” Yobhi 42:6. Kwakungexesha uIsaya wabona ubuqaqawuli bukaYehova, weva ikherubhi idanduluka, isithi: “Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele, uYehova wemikhosi,” ukuze akhale athi, “Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka.” Isaya 6:3, 5. UPawulos, emva kokuba wayexhwilelwe kwelesithathu izulu waza weva izinto awayengenako ukukwazi ukuzikhankanya umntu, uthetha ngaye athi, “ungoyena mncinanana kubo bonke abangcwele.” 2 Korinte 12:2-4, (okongeziweyo, KJV); Efese 3:8. YayinguYohane oyintanda, owayesayama esifubeni sikaYesu abubone ubuqaqawuli baKhe, owawa njengofileyo phambi kweenyawo zesithunywa sezulu. IsiTyhilelo 1:17. IE18 418.3

    Akunakubakho ukuziphakamisa, ukuzigwagwisa ekukhululekeni esonweni, kwabo bahamba ethunzini lomnqamelezo waseKalvari. Bayeva ukuba kwakungenxa yesono sabo ukuze kubekho intlungu eyaphula intliziyo yoNyana kaThixo, kwaye le ngcinga iya kubakhokelela ekuzibekeni phantsi. Abo baphila kufuphi kakhulu kuYesu, babuqonda kakuhle ubuthakathaka bokuzaliswa sisono koluntu, lize ithemba labo ekuphela kwalo libe kokuhle koMsindisi obebethelelwe wabuya wavuka.IE18 418.4

    Ukungcwaliswa okugqamileyo ngoku elizweni lenkolo kunomoya wokuziphakamisa nokungawukhathaleli umthetho kaThixo, okuwubona njengongahambelaniyo nenkolo yeBhayibhile. Abaphakamisi bawo bafundisa ukuba ukungcwaliswa ngumsebenzi owenzeka ngomzuzwana, ekuthi ngawo, ngokholo kuphela, bazuze ubungcwele obugqibeleleyo. “Kholwa nje qha,” batsho, “intsikelelo yeyakho.” Akukho mzamo wanto kulowo uzuzayo omelwe kukufunwa. Kwangelo xesha linye balikhanyela igunya lomthetho kaThixo, besithi bakhululwe ekunyanzelekeni kokuba bagcine imithetho. Kanti ke, banako na abantu ukuba babengcwele, ngokuhambelana nentando nesimilo sikaThixo, bengakhange bavumelane nemithetho-siseko ekukutyhilwa kwendalo nentando yaKhe, nebonisa ukuba yintoni emkholisa kakuhle?IE18 419.1

    Ukunqwenela inkolo elula engafuni kutsala nzima, nakuzilandula, engafuni kwahlukana nobuhiba behlabathi, kuyenze imfundiso yokholo, ukholo lodwa, yayimfundiso ethandwayo; kodwa lithini ilizwi likaThixo? Uthi umpostile uYakobi: “Kunceda ntoni na bazalwana bam, ukuba umntu uthi unokholo, abe imisebenzi ke engenayo? Lunako yini na ukumsindisa ukholo lwakhe? . . . Uyathanda na ke ukwazi, mntundini ungento, ukuba ukholo olu, ingekho imisebenzi, lufile? UAbraham, ubawo wethu, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akumnikela uIsake, unyana wakhe, phezu kwesibingelelo? Uyabona ukuba ukholo lwalusebenzisana nemisebenzi yakhe, lwenziwa lwagqibelela ukholo ngokwasemisebenzini? . . . Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa.” Yakobi 2:14-24.IE18 419.2

    Ubungqina belizwi likaThixo buchasene nale mfundiso ingumgibe yokholo olungenayo imisebenzi. Asilulo ukholo olufuna uthando lweZulu ngaphandle kokuvumelana nemeko ethi ngazo inceba inikwe, bubuganga; kuba ukholo loqobo lunesiseko salo kwizithembiso nemisindleko yeziBhalo.IE18 419.3

    Makungabikho bazikhohlisayo ngenkolo yokuba bangaba ngcwele lo gama besaphula ngenkani nokuba kunye kuphela kokufunwa nguThixo. Ukwenziwa kwesono esaziwayo kuyalithulisa ilizwi elingqinayo likaMoya, liwahlule umphefumlo kuThixo. “Isono sikukuchasana nomthetho.” Kwaye “bonke abonayo [abagqitha umthetho] abambonanga, abamazanga nokumazi.” 1 Yohane 3:6. Nangona uYohane kwileta yakhe egxile kakhulu eluthandweni, akalibazisi ukusiveza esona similo solu didi luthi lungcwalisiwe lube luphila ngokugqitha umthetho kaThixo. “Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso. Ke othi aligicine iizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.” 1 Yohane 2:4, 5. Lulapha uvavanyo lwako konke ukuzibiza komntu. Asinako ukubalela ubungcwele nakubani ngaphandle kokuba simzise kwisilinganiso esinye, esingumgangatho wobungcwele bukaThixo ezulwini nasemhlabeni. Ukuba abantu abasiva isisindo somthetho wokuziphatha, ukuba bayayicuntsa bahlekise ngayo imiyalelo kaThixo, ukuba bophula nokuba mnye kweyona mincinanana yale mithetho, baze bafundise abantu njalo, abasayi kuba naxabiso emehlweni eZulu, size nathi sazi ukuba amabango abo awanaso isiseko.IE18 419.4

    Ibango lokungabi nasono, lona ngokwalo, libonisa ukuba lowo ulenzayo ibango elo ukude nokuba ngcwele. Kungokuba akanalo ulwazi olululo lobunyulu obungapheliyo nobungcwele bukaThixo, okanye into abamelwe kukuba yiyo abo baya kuvumelana nesimilo saKhe; ngenxa yokuba engabuqondi kakuhle ubunyulu nokuthandeka okuphakamileyo kukaYesu, kwakunye nenkohlakalo nobubi besono, loo mntu angazithabatha ngokuthi ungcwele. Okona ubamkhulu umsantsa phakathi kwakhe noKristu, nokuba ngakumbi kokungakwazi ukuqiqa kwakhe isimilo nokufunwayo okungcwele, kokona kubonakala kulungile kwawakhe amehlo. IE18 420.1

    Ungcwaliso olubekiweyo eziBhalweni lubandakanya umntu ephelele—umoya, umphefumlo, nomzimba. UPawulos wathandazela amaTesalonika ukuba “ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.” 1 Tesalonika 5:23. Uphinda awabhalele amakholwa esithi: “Ndiyanivuselela ngoko, bazalwana, ngeemfefe zikaThixo, ukuba niyinikele imizimba yenu ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo.” Roma 12:1. Ngexesha likaIsrayeli wakudala, yonke iminikelo eyayiziswa njengemibingelelo kuThixo yayihlolisiswa ngononophelo. Kwakuba kufunyenwe isiphako kwisilwanyana esinikelwayo, sasisaliwa; kuba uThixo wayeyalele ukuba umnikelo “ungabi nasiphako.” Ngokunjalo amaKristu ayalelwe ukuba anikele imizimba yawo, “ibe lidini eliphilileyo, elingcwele, elamkelekileyo kuThixo.” Ukuze akwenze oku, onke amandla awo kufuneka agcinwe ekweyona meko intle kangangoko. Sonke isenzo esenza buthakathaka umzimba okanye ingqondo simenza umntu lowo ukuba angawufaneli umsebenzi woMdali waKhe. Angaba uThixo uza kukholiswa yiyo nayiphi into enganeno kweyona ilunge kakhulu esinokukwazi ukuyinikela? Wathi uKristu: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke.” Abo bamthanda uThixo ngentliziyo yabo yonke baya kunqwenela ukumnika eyona nkonzo intle ebomini babo, baye beya kuthi rhoqo befuna ukuzisa onke amandla abo kulungelelwano nemithetho eya kukhuthaza isakhono sabo ekwenzeni intando yaKhe. Abayi kuthi, ngokuziyekela ekuthandeni ukutya okanye kwimvakalelo, bawenze buthakathaka okanye bawungcolise umnikelo abawubeka phambi kukaBawo wabo osemazulwini.IE18 420.2

    UPetros uthi: “[Khumkani] ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo.” 1 Petros 2:11. Konke ukwaneliswa kwesono kunento yokuzidodobalisa izakhono nokubulala iimbono zengqondo nezomoya, lize ilizwi noMoya kaThixo zibe negalelo elincinane elingenamandla entliziyweni. UPawulos ubhalela amaKorinte: “Masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo.” 2 Korinte 7:1. Uthi, kunye neziqhamo zikaMoya—“uthando, uvuyo, uxolo, kuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali,” ahlanganise “ukuzeyisa.” Galati 5:22, 23.IE18 421.1

    Nangona zikho ezi ziphakamiso ziphefumlelweyo, baninzi kakhulu abazibiza ngobuKristu ababulala amandla abo ngokusukela inzuzo okanye ukunqula izinto zeli xesha; bebaninzi nabarhuqela phantsi ubuntu babo obungumfanekiselo kaThixo ngokubawa, ukusela utywala, nangeziyolo ezalelweyo. Lona ibandla, endaweni yokukhalima, likholisa ukukhuthaza ububi ngokubhenela ekuthandweni kokutya, kulangazelelo lwenzuzo okanye ukuthandwa kweziyolo, ukuze lingenise imali kuvimba, okuthi ukuthanda uKristu kungabi nawo kakhulu amandla ukuba kuyizise. Ukuba uYesu ebengangena emabandleni ethu namhlanje abone ukudla nokuhliwa kunyukwa apho okwenziwa egameni lenkolo, ebengayi kubagxotha na abo bangcolisayo, njengoko wagxotha abananisi ngemali etempileni? IE18 421.2

    Umpostile uYakobi uthi, ubulumko baphezulu “kuqala bunyulu.” Ukuba wayehlangene nabo basebenzisa igama likaYesu ngemilebe engcoliswe licuba, abo bamphefumlo wabo neziqu zabo ezingcoliswe livumba elibi, abangcolisa umoya wezulu banyanzele ukuba bonke ababajikelezileyo barhogole ityhefu—ukuba umpostile ebengahlangana nesenzo esichasene ngolo hlobo nobunyulu beendaba ezilungileyo, ebengayi kusigxeka na ngelithi “sesasemhlabeni, sesemvelo, seseedemon”? Amakhoboka ecuba, ebanga intsikelelo yako konke ukungcwaliswa, athetha ngethemba lawo lezulu; kodwa ilizwi likaThixo litsho ngokuphandle ukuthi, “Akusayi kungena kuwo nanye into eyenza inqambi.” IsiTyhilelo 21:27.IE18 421.3

    “Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya Oyingwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo.” 1 Korinte 6:19, 20. Lowo umzimba wakhe uyitempile kaMoya Oyingcwele akayi kuba likhoboka lemikhwa ebulalayo. Amandla wakhe ngakaKristu, owamthenga ngexabiso legazi. UngoweNkosi. Angathini ukuchitha, ngaphandle kwesazela, oko akunikelwe ukuba afumane inzala ngako? Abazibiza ngokuba bangamaKristu, minyaka le, bachitha imali ezinkulu ngezinto ezingenamsebenzi nokuziyekela kwizinto ezibulalayo, ngeli xesha imiphefumlo itshabalala ngokuswela ilizwi lobomi. UThixo uqhathwa kwizishumi neminikelo, ngeli xesha idliwa kwisibingelelo senkanuko etshabalalisayo kunokuba inikelwe ukunceda abahluphekileyo okanye ukuxhasa umsebenzi weendaba ezilungileyo. Ukuba bonke abathi bangabalandeli bakaKristu bebengcwalisekile ngokwenene, indyebo yabo, endaweni yokuchithwa ngokuziyekela kwizinto ezingadingekiyo nezide zibe ziyalimaza, ibiya kubuyiselwa kuvimba weNkosi, aze amaKristu abe ngumzekelo wokuzithiba, wokuzilandula, nokuzincama. Ebeya kuba kukukhanya kwehlabathi.IE18 422.1

    Ihlabathi liziyekele ekuziyekeleleni. “Inkanuko yenyama nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi” zilawula into eninzi yabantu. Bona abalandeli bakaKristu banobizo olungcwele olungaphezulu. “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, nento engcolileyo ningayichukumisi.” Ngokokukhanya kwelizwi likaThixo siyathetheleleka xa sisithi, ukungcwaliswa akunako ukuba kunyanisekile xa kungakusebenzi ukushiywa kwemisebenzi yesono nokwaneliswa kweenkanuko zehlabathi. IE18 422.2

    Kwabo bazithobelayo ezi meko, “Phumani phakathi kwabo, nizahlule, . . . nento engcolileyo ningayichukumisi,” isithembiso sikaThixo sithi, “Ndandiya kunamkela, ndibe nguyihlo, nina nibe ngoonyana neentombi kum, itsho iNkosi uSomandla.” 2 Korinte 6:17, 18. Lilungelo noxanduva lwakhewonke umKristu ukuba abe namava atyebileyo namaninzi kwizinto zikaThixo. “Ndim ukhanyiselo lwehlabathi,” watsho uYesu. “Lowo undilandelayo akasayi kuhamba ebumnyameni; yena uya kuba nalo ukhanyiso lobomi.” Yohane 8:12. “Ke wona umendo wamalungisa unjengokukhanya komso, okuya kuba mhlophe ngokuba mhlophe, kude kube semini enkulu.” Mizekeliso 4:18. Inyathelo ngalinye lokholo nokuthobela liwusondeza ngakumbi umphefumlo ekuhlanganeni noKhanyiselo lwehlabathi, “akukho bumnyama kuye nakanye.” Imitha ekhanyayo yeLanga loBulungisa ikhanya phezu kwabakhonzi bakaThixo, ukuze kufuneke ukuba bona bayibonise imitha yaKhe. Njengoko iinkwenkwezi zisixelela ukuba kukho ukukhanya okukhulu emazulwini ezikhanyiswa zona bubuqaqawuli bako, ngokunjalo namaKristu kufuneka enze kubonakale ukuba kukho uThixo etroneni yeyunivesi osimilo saKhe sifanele ukudunyiswa nokulinganiswa. Izibabalo zikaMoya waKhe, ubunyulu nobungcwele besimilo saKhe, ziya kubonakalaliswa kumangqina aKhe.IE18 422.3

    UPawulos kwileta yakhe eya kwabaseKolose uveza iintsikelelo ezinikwa abantwana bakaThixo. Uthi: “Nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya; ukuze nihambe ngokuyifaneleyo iNkosi, nise kuko konke ukukholisa, nixakathe isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo, nikhulela ekumazini uThixo; nisomelezwa ngokomelela konke, ngokokuqina kozuko lwakhe, nide nise kuko konke ukunyamezela, nokuzeka kade umsindo kunye novuyo.” Kolose 1:9-11. IE18 423.1

    Uphinda abhale ngomnqweno wakhe wokuba abazalwana base-Efese bangafikelela ekukuqondeni ukuphakama kwelungelo lobuKristu. Ubatyhilela, ngeyona ntetho inokuqondwa, amandla nokwazi okumangalisayo abanokuba nako njengoonyana neentombi zOsenyangweni. Kwakukokwabo “ukomelezwa ngamandla ngaye uMoya wakhe ngokusingisele emntwini ongaphakathi,” esithi, ukuze “nendele nisekelwe eluthandweni,” khon’ ukuze “nibe nako ukubuqiqa, nabo bonke abangcwele, ububanzi, nobude nobunzulu, nokuphakama kwalo, kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi.” Kanti ke umthandazo wompostile ufikelela encotsheni yelungelo xa ethandazela ukuba “niye nizala ngako konke ukuzala kukaThixo.” Efese 3:16-19.IE18 423.2

    Apha kutyhilwe ukuphakama kokonwatyiswa esingakufikelela ngokholo kwizithembiso zikaBawo wethu wasemazulwini, xa sizizalisekisa izidingo zaKhe. Ngokuhle kukaKristu, sinenyoba yokufikelela etroneni kaSomandla ongenasiphelo. “Lowo gxebe ungamchonganga owakhe uNyana, wesuka wamnikela ngenxa yethu sonke, angathini na ukuba angasibabali ngazo zonke ezo zinto, ndawonye naye?” Roma 8:32. UBawo wanikela ngoMoya waKhe ngaphandle komlinganiselo kuNyana waKhe, sinakho ukuba nenxaxheba ekuzalisekeni kwawo. UYesu uthi, “Ukuba ke ngoko nina, ningendawo nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi na ke yena uYihlo wasemazulwini, ukugqithisela ukubapha uMoya Oyingcwele abo bamcelayo.” Luka 11:13. “Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.” “Celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.” Yohane 14:14: 16:24.IE18 423.3

    Nangona ubomi bomKristu kufuneka bubonakele ngokuthobeka, akufuneki baziwe ngokubalusizi nokudakumba. Lilungelo lomntu wonke ukuba aphile ngendlela eya kwenza ukuba uThixo akholiswe aze amsikelele. Asiyiyo intando kaBawo wethu osemazulwini ukuba sisoloko siphantsi kwelifu lokugwetywa nobumnyama. Akukho nto ibonakala ikukuthobeka ekuhambeni intloko ijonge phantsi nentliziyo izaliswe ziingcinga zokuzidla. Singaya kuYesu sihlanjwe, sime phambi komthetho singenazintloni nakuzisola. “Ngoko ke, ngoku akukho kugwetywa kwabakuKristu Yesu; abangahambiyo ngokwenyama, abahamba ngokoMoya.” Roma 8:1.IE18 424.1

    NgoYesu, oonyana baka-Adam abawileyo baba “ngoonyana bakaThixo.” “Lowo ungcwalisayo, kwanabo bangcwaliswayo, baphuma kumnye bonke; ekungenxa yeli thuba angenazintloni ukubabiza ngokuthi ngabazalwana.” Hebhere 2:11. Ubomi bomKristu kufuneka bube bobokholo, uloyiso, novuyo kuThixo. “Konke okuzelweyo nguThixo kuyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.” 1 Yohane 5:4. Wayenyanisile umkhonzi kaThixo uNehemiya xa athi: “Uvuyo lukaYehova ligwiba lenu.” Nehemiya 8:10. Uthi yena uPawulos: “Vuyani eNkosini amaxesha onke; ndiyaphinda ndithi, Vuyani.” “Hlalani nivuya. Thandazani ningayeki. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.” Filipi 4:4; 1 Tesalonika 5:16-18.IE18 424.2

    Zinjalo iziqhamo zenguquko nokungcwaliswa kweBhayibhile; kwaye kungenxa yokuba imithetho-siseko emikhulu ebekiweyo emthethweni kaThixo ayikhathalelwanga kakhulu lihlabathi lobuKristu le nto ezi ziqhamo zingakholisi kubakho. Yiyo le nto ubonakala kancinane kakhulu umsebenzi onzulu nohlala ukho woMoya kaThixo owawubonakala kwiimvuselelo zeminyaka yangaphambili.IE18 424.3

    Kungokujonga esithi siguqulwe. Kanti kuthi xa, loo miyalelo ingcwele athe uThixo ngayo wavulela abantu ukufezeka nobungcwele besimilo saKhe, ithe yatyeshelwa, zaza iingqondo zabantu zatsalelwa kwiimfundiso neengcinga zabantu, into ekhwankqisayo ethi ilandele, iba kukuhla kokuphila ngokoyika uThixo ebandleni. Uthi uYehova: “Ngokuba benze ububi obubini abantu bam: bandishiyile mna, thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.” Yeremiya 2:13.IE18 424.4

    “Hayi, uyolo lomntu ongahambiyo ngecebo labangendawo, ongemiyo endleleni yaboni, ongahlaliyo embuthweni yabagxeki! Yena unonelela umyalelo wakhe imini nobusuku: unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, ogqabi lawo lingabuniyo, konke akwenzayo kophumelela.” Ndumiso 1:1-3. Kuphela xa umthetho kaThixo ubuyiselwe endaweni yawo efaneleyo ekunokuthi kubekho imvuselelo yokholo lwakuqala nokuhlonela uThixo phakathi kwabantu abazibiza ngegama laKhe. “Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.” Yeremiya 6:16.IE18 425.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents