Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    32—Imigibe Kasathana

    Imbambano enkulu phakathi kukaKristu noSathana, ekade iqhubela phambili phantse iminyaka engamawaka amathandathu, sele iza kuphela; kwaye lowo ukhohlakeleyo uyayiphindaphinda imizamo yakhe yokoyisa umsebenzi kaKristu ngenxa yomntu nokuyiqinisela imiphefumlo kwimigibe yakhe. Kubagcina abantu ebumnyameni nasekungazohlwayini kude kufikelele ekupheleni ukuthethelela koMsindisi, kuze kungabi sabakho mbingelelo wenziwayo ngenxa yesono, yinjongo azama ukuyifeza. IE18 460.1

    Xa kungekho mzamo ukhethekileyo wokumelana negunya lakhe, xa kulawula ukungakhathali ebandleni nasehlabathini, uSathana akakhathali; kuba akakho ngozini yakulahlekwa ngabo abakhokelela ebukhobokeni bentando yakhe. Kanti ke, xa ingqalelo ithe yatsalelwa kwizinto zikanaphakade, ize imiphefumlo ibuze: “Ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe?” ulapho ebaleni, ezama ukulinganisa awakhe amandla namandla kaKristu ukuze athintele impembelelo kaMoya Oyingcwele. IE18 460.2

    IziBhalo zixela ukuba, kwesinye isiganeko, xa izithunywa zikaThixo zazize kuzimisa phambi kukaYehova, uSathana weza naye phakathi kwazo (Yobhi 1:6), engazanga kuqubuda phambi koKumkani Ongunaphakade, kodwa ukuza kukhulisa amacebo enkohlakalo yakhe ekulweni amalungisa. Kwangaloo njongo inye, ubakho xa abantu behlangene ukuba banqule uThixo. Nangona efihlakele emehlweni, usebenza ngayo yonke inkuthalo ukulawula iingqondo zabanqulayo. Njengenjengele enobuchule, wandlala amacebo akhe kwangaphambili. UthixaebonaumthunywakaThixo ephengulula iziBhalo, awuqaphele umxholo oza kunikwa abantu. Uthi ke asebenzise bonke ubuqhophololo namaqhinga akhe ukuze eso sigidimi singafiki kwabo abakhohlisa kanye ngaloo ndawo. Lowo usidinga ngokwenene isiyalo eso uya kukhuthazwa ukuba aye kumcimbi othile ofuna ubukho bakhe, okanye ngandlela ithile athintelwe ukuba angaweva amazwi anokuba yincasa yobomi esa ebomini. IE18 460.3

    Kwakhona, uSathana ubona abakhonzi beNkosi besindwa ngumthwalo wobumnyama basemoyeni obabugubungele abantu. Uva imithandazo yabo enenzondelelo yobabalo namandla ezulu yokuba kwaphulwe ukuthinjwa kukungahoyi, ukungakhathali, nobuvila. Usuka ngoko, ngenzondelelo ehlaziyiweyo, asebenzise ubuchule bakhe. Ulinga abantu ukuba baziyekele ekuthandeni ukutya okanye nolunye uhlobo lokuzanelisa, aze ngaloo ndlela azilalise iimvakalelo zabo ukuze bangakwazi ukuziva izinto kanye ekudingeka kakhulu ukuba bazifunde. IE18 460.4

    USathana wazi kakuhle ukuba, bonke abo anokubenza bakutyeshele ukuthandaza nokuphengulula iziBhalo, bayakoyiswa kukuhlasela kwakhe. Ngoko ke, udala onke amacebo okuzibamba iingqondo zabo. Kwasoloko kukho udidi oluthi luyamhlonela uThixo, oluthi, endaweni yokuqhubeka ekuyazini inyaniso, lusuke luyenze inkolo yalo ukukhangela iziphako kwisimilo okanye imposiso yenkolo kwabo bangavumelaniyo nabo. Abanjalo ngabancedi abangamaxhadi kaSathana. Abamangaleli babazalwana abakho mbalwa, kwaye basoloko bexakekile xa uThixo esebenza nabakhonzi baKhe bemnika imbeko yenene. Baya kubeka ibala lobuxoki kumazwi nezenzo zabo bayithandayo beyithobela inyaniso. Baya kubaveza abona banyanisekileyo, abanenzondelelo, nabazilandulayo abakhonzi bakaKristu njengabakhohlisiweyo okanye abakhohlisi. Ngumsebenzi wabo ukuziveza gwenxa iinjongo zaso sonke isenzo senyaniso nesihle, ukuze kujikeleze urhesho lokucingela, nokuvusa urhanelo ezingqondweni zabangenawo amava. Ngayo yonke indlela enokucingeka, baya kuzama ukwenza oko kunyulu kulungileyo kubonakale kungcolile kulahlekisa. IE18 461.1

    Sekunjalo, akukho noyedwa ekufuneka ekhohlisiwe ngabo. Kunokubonakala lula ukuba bangabantwana bakabani, belandela umzekelo kabani,besenzaumsebenzi kabani.“Niyakubaqondangeziqhamo zabo.” Mateyu 7:16. Ikhondo labo lifana nelo likaSathana, umhlebi onobuhlungu, “ummangaleli wabazalwana bethu.” IsiTyhilelo 12:10.IE18 461.2

    Umkhohlisi omkhulu unabathunywa abaninzi abalungele ukubeka nayiphi, nalo naluphi uhlobo lwempazamo ukuze abambise imiphefumlo--ulahlekiso alulungisileyo ukuba lulungele iincasa nezakhono zabo anga angabatshabalalisa. Licebo lakhe ukungenisa ebandleni abantu abanganyanisekanga, abangazalwanga ngokutsha, abaza kukhuthaza intandabuzo nokungakholwa, nokuthintela bonke abanqwenela ukubona umsebenzi kaThixo uhambela phambili nabo behambela phambili kunye nawo. Abaninzi abangenalo ukholo lwenene kuThixo okanye elizwini laKhe bavuma eminye imithetho-siseko yenyaniso baze baphumelele ngokungathi bangamaKristu, baze bakwazi ukungenisa iimposiso njengeemfundiso zeziBhalo.IE18 461.3

    Indawo ekungekho nkathalo nokuba abantu bayayikholelwa yenye yezona aphumelela kuzo ukulahlekisa uSathana. Uyazi ukuba inyaniso, eyamkelwe ngoku ithandwa, ingcwalisa umphefumlo walowo uyamkelayo; ngoko ke, uthi rhoqo ezama ukubeka iingcamango ezibubuxoki, iintsomi, nenye ivangeli. Kususelwa kwasekuqalekeni, abakhonzi bakaThixo balwa neetitshala zobuxoki, ingengomadoda nje anenkohlakalo, kodwa abacebi bobuxoki ababengababulali bomphefumlo. UEliya, uYeremiya, uPawulos, babachasa ngokuqina nangesibindi abo babejika abantu elizwini likaThixo. Eso sisa silubala ukholo olulungileyo lwenkolo njengolungabalulekanga aluzange luthandwe ngaba bakhuseli bangcwele benyaniso. IE18 462.1

    Iinkcazo eziphum’ ecaleni nezinomtsalane zesiBhalo, nezinye iingcinga ezingqubanayo ngokokholo lwenkolo, ezifunyanwa kwilizwe lobuKristu zingumsebenzi womchasi omkhulu wokuphazamisa iingqondo ukuze zingayahluli inyaniso. Isiphithiphithi neyantlukwano ezikhoyo phakathi kwamabandla obuKristu, ubukhulu becala, zibangwa ngamasiko akhoyo akruna iziBhalo ukuba zixhase ingcinga ethandwayo. Kunokuba lifundwe ngononophelo ilizwi likaThixo, ngokuthobeka kwentliziyo, ukuze kuzuzwe ukuyazi intando yaKhe, abaninzi bafuna kuphela ukufumana into engaqhelekanga okanye entsha. Ukuze kuxhaswe iimfundiso zemposiso okanye izenzo ezichasene nobuKristu, abanye babamba indawo yesiBhalo bayikhuphe apho isetyenziswe khona, mhlawumbi bacaphule indawana yendima enye bebonisa ubunyaniso bento abayithethayo, lo gama intsalela yendima ibonisa intsingiselo eyahluke mpela. Ngobuqhophololo benyoka, bazimilisela ngokuzimela ngeentetho ezikruniweyo ukuba zilungele iminqweno yabo yenyama. Benza njalo abaninzi ukugqwetha ilizwi likaThixo. Abanye, abanemifanekiso ngqondweni esebenzayo, bathabatha imifanekiselo nemifuziselo kaMoya Oyingcwele, bayichaze ukuba ilungele abakuthandayo, bengabukhathalele kangako ubungqina besiBhalo njengesizichaza ngokwaso, baze emva koko banike ezabo iingcinga njengeemfundiso zeBhayibhile.IE18 462.2

    Lonke ixesha kungenwa ekufundweni kweziBhalo ngaphandle komoya womthandazo, othobekileyo nofundisekayo, ezona ndawo zicace kakhulu nezona zilula kunye nezinzima ziya kujijwa kweyona ntsingiselo yazo iyinyaniso. Iinkokeli zobuPopi zikhetha iindawo ezinjalo zesiBhalo njengezona zilungele ukufeza iinjongo zazo, zichaze ngokulunge kuzo, zize zizinike abantu, lo gama bebavimba ilungelo lokuzifundela ngokwabo iBhayibhile baziqonde iinyaniso zayo ezingcwele ngokwabo. Iyonke iBhayibhile kufuneka inikwe abantu njengoko ifundeka. Bekuya kulunga ngcono ukuba bebengayi kuyifundiswa kwaphela iBhayibhile kunokuba banikwe imfundiso yeziBhalo ebekwe gwenxa ngolo hlobo.IE18 462.3

    IBhayibhile yalungiselwa ukuba ibe sisikhokelo kubo bonke abanga bangaqhelana nentando yoMenzi wabo. UThixo unike abantu ilizwi eliqinisekileyo lesiprofeto; iingelosi, noYesu ngokwaKhe, bonke beza kwazisa imicimbi ebalulekileyo ekufuneka yenzekile kungekudala. Loo micimbi ibalulekileyo ijongene nosindiso lwethu ayizange ishiywe ifihlakele. Ayizange ityhilwe ngendlela edida ilahlekise ofuna inyaniso ngokuthembeka. Wathi uYehova kumprofeti uHabhakuki: “Bhala umbono, uwukrole, . . . ukuze abaleke owulesayo.” Habhakuki 2:2.IlizwilikaThixo licacilekubo bonkeabalifunda benomthandazo entliziyweni. Wonke umphefumlo onyaniseke ngokwenene, uya kukufumana ukukhanya kwenyaniso. “Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa.” INdumiso 97:11. Alikho ibandla elinokuhambela phambili ngaphandle kokuba amalungu alo ayifune ngenzondelelo inyaniso njengendyebo efihliweyo.IE18 463.1

    Ngendanduluko ethi, ‘Isisa!,’ abantu bamfamekiswa kumacebo omchasi wabo, lo gama lonke ixesha ethe chu ukusebenzela ukufeza injongo yakhe. Xa ephumelela ukubeka endaweni yeBhayibhile ukuqikelela kwabantu, umthetho kaThixo ubekwa bucala, aze amabandla abe phantsi kobukhoboka besono nangona athi akhululekile.IE18 463.2

    Kwabaninzi, uphando oluchubekileyo lusuke lwaba sisiqalekiso. UThixo uvumele isikhukhula sokhanyo ukuba kuthululwe phezu komhlaba ngokuzuzwa kwisayensi nobuchule; kodwa nezona ngqondo zinkulu, ukuba azikhokelwa lilizwi likaThixo kuphando lwazo, ziba nobundlongondlongo kwimizamo yazo ukuphanda ulwalamano lwesayensi nesityhilelo.IE18 463.3

    Ulwazi lomntu lwezinto eziphathekayo nezinto zikamoya aluphelelanga lwaye lungagqibelelanga; ngoko ke, abaninzi abakwazi ukuzenza zihambelane iimbono zabo zesayensi neentetho zesiBhalo. Abaninzi bamkela nje iintetho nokuqashisela ngokwenyaniso zesayensi, baze bacinge ukuba ilizwi likaThixo kufuneka licikidwe ngeemfundiso “zokwazi, okubizwa njalo.” 1 Timoti 6:20. UMdali nomsebenzi waKhe ungaphaya kokuqonda kwabo; kuze kuthi kuba bengakwazi ukuyichaza le mithetho yendalo, imbali yeBhayibhile ithatyathwe njengenako ukuba kungaxhonyekekwa kuyo. Abo bakuthandabuzayo ukuthembeka kwengxelo zeeTestamente eNdala neNtsha, bakholisa ukuthabatha unyawo ukubheka phambili, babuthandabuze ubukho bukaThixo baze amandla angenamlinganiselo bawanike indalo. Kuba beyiyekile iankile yabo, bayayekwa bantlitheke emaweni okungakholwa.IE18 463.4

    Ngale ndlela, abaninzi bayashenxa enkolweni balukuhlwe ngongendawo. Abantu bazama ukuba nobulumko ngaphezu koMdali wabo; ulwazi lwabantu luzame ukuphanda luchaze iimfihlakalo ezingayikuze zityhilwe kumaphakade onke. Ukuba abantu bebengaphanda bakuqonde oko uThixo wakwazisayo ngaYe, kunye neenjongozaKhe, bebeyakuzuza imbono yobuqaqawuli, ubungangamsha, namandla kaYehova, izinto ezingenza ukuba babuqonde ubuncinane babo baze baneliswe koko kuthe kwatyhilelwa bona nabantwana babo. IE18 464.1

    Yeyona ibalaseleyo kwiinkohliso zikaSathana ukuzigcina iingqondo zabantu ziphengulula zicinga ngoko uThixo sele ekwazisile nangenanjongo yokuba singakuqonda. Walahlekwa ngolo hlobo uKhwezi yindawo yakhe ezulwini. Akazange aneliseke kuba engazixelelwanga zonke iimfihlelo zikaThixo, waza akakukhathalela ngokupheleleyo okwakutyhiliwe, nokwaye kujongene nomsebenzi wakhe kwisikhundla esiphezulu esasibekelwe yena. Ngokuvusa ukunganeliseki okunye kwiingelosi ezaziphantsi kolawulo lwakhe, wabangela ukuwa kwazo. Ngoku, uzama ukuzalisa iingqondo zabantu ngaloo moya mnye nokubenza nabo ukuba bangayikhathaleli imiyalelo engqalileyo kaThixo. IE18 464.2

    Abo bangenayo intumekelelo yokwamkela iinyaniso zeBhayibhile ezicacileyo, nezihlabayo bahleli njalo befuna iintsomi ezikholisayo eziza kuthulisa isazela sabo. Okona zibuya nganeno ngokwasemoyeni, nokuzilandula, kunye nokuthobela phantsi iimfundiso ezinikwayo, okona kuba kukhulu ukuthandwa ezamkelwa ngako. Aba bantu bahlisa amandla engqondo ukuze bakhonze iminqweno yabo yenyama. Balumke kakhulu kwelabo ikratshi ukuba bangaphengulula iziBhalo ngomphefumlo otyumkileyo nomthandazo onenzondelelo ukuze bakhokelwe lizulu, abanaso isikhuselo ngakulahlekiso. USathana ukulungele ukunika iminqweno yentliziyo, kwaye unika iinkohliso endaweni yenyaniso. Kwakunjalo ukuze ubupopi buzuze amandla abo phezu kweengqondo zabantu; aza athi ngokwala inyaniso kuba ibandakanya umnqamlezo, amaProtestanti alandela kwaelo khondo. Bonke abalityeshelayo ilizwi likaThixo, bafunde okubafaneleyo nemigaqo, ukuze bangahambi nxamnye nehlabathi, baya kuyekwa ukuba bamkele ulahlekiso oluhlazisayo endaweni yenyaniso yenkolo. Lonke uhlobo olucingekayo lwesiphoso luya kwamkelwa ngabo bathi ngenkani bayale inyaniso. Lowo uyikhangela ngokoyika inkohliso ethile uya kuyamkela ngokulula enye. Umpostile uPawulos, ethetha ngodidi lwabantu “[abanga]kwamkelanga ukuyithanda inyaniso, ukuze basindiswe,” uthi: “nangenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki; ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.” 2 Tesalonika 2:10-12. Xa sinesilumkiso esinjalo phambi kwethu, kunyanzelekile ukuba sihlale siqaphele ukuba ziimfundiso ezinjani esizamkelayo.IE18 464.3

    Phakathi kwezona zenzeleli zineyona mpumelelo inkulu zomkhohlisi omkhulu ziimfundiso zokulahlekisa nemiqondiso yobuxoki yonqulo lwemimoya. Ezifihle njengengelosi yokukhanya, uyandlala iminatha yakhe apho anokukrokreleka kancinane kakhulu khona. Ukuba abantu bebengathi bayifunde iNcwadi kaThixo benomthandazo onenzondelelo ukuze bakwazi ukuyiqonda, bebengayi kushiywa ebumnyameni ukuze bamkele iimfundiso ezibubuxoki. Kuthi kuba beyala inyaniso, babe ngamaxhoba enkohliso.IE18 465.1

    Enye imposiso eyingozi yimfundiso ekhanyela ubuThixo bukaKristu, ethi wayengekho ngaphambi kokufika kwaKhe kulo mhlaba. Le ngcamango yamkelwa ngobubele liqela elikhulu labathibayayikholelwa iBhayibhile; kanti ichasana ngokuphandle neentetho ezicace kakhulu zoMsindisi ngolwalamano lwaKhe noYise, isimo sakhe esingcwele, nobukho baKhe kwangaphambili. Ayinako ukwamkelwa zingakhange zijijwe ngendlela engeyiyo iziBhalo. Ayaneli nje kuphela ukuzithoba iimbono zomntu ngomsebenzi wohlangulo, kodwa ilujongela phantsi nokholo eBhayibhileni njengesityhilelo esivela kuThixo. Njengokuba oku kuyenza [le mfundiso] ibe yingozi kakhulu, kukwakwenza kube nzima ngakumbi ukumelana nayo. Ukuba abantu bala ubungqina beziBhalo eziphefumlelweyo ngokuba nguThixo kukaKristu, kulilize ukuyixoxa nabo le ngongoma; kuba, akukho ngxoxo, nokuba icace kangakanani, inokuboyisela. “Owemvelo ke umntu akazamkeli izinto zoMoya kaThixo; kuba zibubudenge kuye; kanjalo akanakuzazi, ngokuba ziphicothwa ngokoMoya.” 1 Korinte 2:14. Akakho obambe le mposiso onokuba nembono enyanisileyo yesimilo okanye yomsebenzi azele wona uKristu, okanye yecebo elikhulu likaThixo lokuhlangulwa komntu. IE18 465.2

    Ikwakho nenye imposiso erhubuluzayo neyingozi, eyinkolo ekhawulezayo ukusasazeka, le yokuba uSathana akasiso isiqu esibambekayo; ethi igama lisetyenziswa sisiBhalo nje ukuba limele iingcinga neminqweno yabantu emibi.IE18 465.3

    Yimfundiso le evakaliswa kakhulu emaqongeni okushumayela aqhelekileyo, athi, ukufika kwesibini kukaKristu kukufika kwakhe emntwini ngamnye xa esifa, licebo lokuzijika iingqondo zabantu ekufikeni kwaKhe esisiqu ngamafu ezulu. Kuyiminyaka uSathana esithi, “Nanko emagumbini” (Mateyu 24:23-26); kwaye imiphefumlo emininzi ilahlekile ngokwamkela le nkohliso.IE18 465.4

    Kwakhona, ubulumko behlabathi busifundisa ukuba umthandazo awudingeki. Abantu besayensi bathi ayikwazi ukubakho impendulo eqinisekileyo emthandazweni; batsho bathi, oku kungaba kukwaphulwa komthetho, ummangaliso, besithi imimangaliso ayikho. Iyunivesi, bathi, ilawulwa yimithetho esisigxina, kwaye noThixo ngokwaKhe akayenzi into ephikisana nale mithetho. Ngoko ke, bambeka uThixo njengoqanyangelwe kwayimithetho yaKhe--ngokungathi imithetho yezulu iyakwazi ukuyibeka ecaleni inkululeko yezulu. Imfundiso enjalo ichasene nobungqina beziBhalo. Yayingenziwanga nguKristu nabapostile baKhe na imimangaliso? Kwayena lo Msindisi unovelwano usaphila nanamhla, kwaye usenentumekelelo yokuwuphulaphula umthandazo wokholo njengoko wayesenza ngexesha wayehamba ebonakala phakathi kwabantu. Okwendalo kusebenzisana nokwangasentla kwendalo. Yindawo yecebo likaThixo ukusinika, ephendula umthandazo wokholo, oko ebengayi kusinika ukuba besingacelanga njalo.IE18 466.1

    Azinakubaleka iimfundiso eziyimposiso neengcamango ezintle kakhulu ezifumaneka kumabandla obuKristu. Kunzima ukuqikelela iziphumo ezibi zokususwa komnye wemilimandlela owamiswa lilizwi likaThixo. Bambalwa abakwazi ukwahlukana noku kwaliwa kwenyaniso enye. Uninzi luqhubeka nokubekela ecaleni omnye emva komnye kwimithetho-siseko yenyaniso, bade bangakholwa mpela.IE18 466.2

    Iimposiso zokufunda ngoThixo okuqhelekileyo ziyenze imiphefumlo emininzi yanokukrokra, nalowo ubunako ukukholelwa eziBhalweni. Akakwazi ukwamkela iimfundiso ezihlasela uluvo analo ngobulungisa, ngenceba nobubele; kuthi ke kuba zibekwa njengeemfundiso zeBhayibhile, ale ukuyamkela [iBhayibhile] njengelizwi likaThixo.IE18 466.3

    Le yinjongo uSathana afuna ukuyifeza. Ayikho into ayinqwenela ngaphezu kokutshabalalisa ukuthenjwa kukaThixo nelizwi laKhe. USathana umi phambili kumkhosi wabathandabuzayo, kwaye usebenza kakhulu ngamandla ukulukuhla imiphefumlo ukuba ingene kwizintlu zakhe. Kuba yinto entle ukuthandabuza. Kukho udidi olukhulu ekuthi ngalo ilizwi likaThixo lijongwe ngokungalithembi ngenxa yesizathu esinye njengeso sokungathenjwa koMbhali walo--kuba likhalima ligwebe isono. Abo bangenayo intumekelelo yokuthobela oko likufunayo bazama ukuwisa igunya lalo. Bayayifunda iBhayibhile, okanye baphulaphule iimfundiso zayo xa zinikwa kwiqonga elingcwele, nje ukuba bafumane isiphoso eziBhalweni okanye kwintshumayelo. Abakho mbalwa abasuka bangakholwa ukuze banike isizathu okanye bazithethelele ngokutyeshela umsebenzi. Abanye bamkela imithetho-siseko ethandabuzekayo ephuma kwikratshi nobuvila. Bakuthanda kakhulu ukonwaba ukuba bangazahlula ngokugqiba nantoni efanele ukuhlonitshwa, efuna ukunyamezela nokuzilandula, baze bajonge ukwaziwa ngobulumko obungaphezulu ngokugxeka iBhayibhile. Kuninzi ethi ingqondo ephela kufutshane, ingakhanyiselwanga bubulumko bezulu, ingabi nawo amandla okukuqonda; baze bafumane ithuba lokugxeka. Baninzi ababonakala besiva ukuba kuhle ukuma ngakwicala lokungakholwa, lokuthandabuza, nokungathembeki. Kanti ke, ngaphantsi kwembonakalo yokuthetha phandle, kunokufunyaniswa ukuba abantu abanjalo baqhutywa kukuzithemba nekratshi. Abaninzi bavuyela ukufumana eziBhalweni into yokuphazamisa iingqondo zabanye. Abanye baqala ngokugxeka nokuxoxa kwicala elitenxileyo, ngokuthanda nje impikiswano. Abaqondi ukuba ngokwenjenjalo bazithandela ngomgibe wombambisi. Bathi ke, kuba bethethe ngokungakholwa esidlangalaleni, bazive benga bangema kwindawo yabo. Ngaloo ndlela bazimanya nabangahloneli Thixo baze bazivalele ngaphandle kwamasango aseParadesi. IE18 466.4

    UThixo ububekile elizwini laKhe ubungqina obaneleyo bemo yalo engcwele. Iinyaniso ezinkulu ezingokuhlangulwa zibekwe ngokucacileyo. NgoncedolukaMoyaOyingcwele, othenjiswekubobonke abamfuna ngenyameko, wonke umntu unako ukuziqonda ngokwakhe iinyaniso. UThixo unike abantu isiseko esiqinileyo apho banokumisa khona ukholo lwabo. Kanti ke, iingqondo eziphelelwayo zabantu azikwazi ngokupheleleyo ukuqonda amacebo neenjongo zOngenasiphelo. Asisokuze simfumane uThixo ngokuphanda. Akufuneki sizame ukuphakamisa ngesandla esinobuganga umdiyadiya athe wabugquma ngaphaya kwawo ubungangamsha baKhe. Umpostile udanduluka athi: “Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe!” Roma 11:33. Ukuza kufikelela apha, sinako ukuyiqonda indlela asiphethe ngayo, kwaneenjongo ezimqhubayo, zokuba sibe nokuluqonda uthando nenceba ezingenamda ezihlangene kumandla angenasiphelo. UBawo wethu osemazulwini uziyalela izinto zonke ngobulumko nangobulungisa, kwaye akufuneki singaneliseki singathembi, kodwa masithobe ngokuzinikela ngentlonipho. Uya kusityhilela okuninzi kangangoko kwiinjongo zaKhe okufanele ukuba sikwazi, kuthi ngaphezu koko, kufuneke sisithembe iSandla esinamandla onke, iNtliziyo ezele luthando.IE18 467.1

    Nangona uThixo enike ubungqina obuninzi ukuze lubekho ukholo, akasayi kuze akususe konke okwenza kubekho ukungakholwa. Bonke abakhangela izikhonkwane zokuxhoma konke ukuthandabuza kwabo baya kuwafumana. Bonke abo balayo ukulamkela nokulithobela ilizwi likaThixo kude kususwe konke ukuchasa, kungabi sabakho thuba lokuthandabuza, abasokuze beze ekukhanyeni. IE18 468.1

    Ukungathembi kuyinto yendalo ephuma kwintliziyo engenziwanga yabantsha, enobutshaba kunye naYe. Lona ukholo lukhuthazwa nguMoya Oyingcwele, kwaye luya kuqhama kuphela xa lusondliwa. Akakho umntu onokuba namandla elukholweni engenawo umzamo wokuzimisela. Ukungakholwa kufumana amandla xa kukhuthazwa; bathi xa abantu, endaweni yokugxila phezu kobungqina uThixo abunikileyo ukuba buxhase ukholo lwabo, basuke bazivumele ukuba babuze bakhalaze, baya kufumana ukuthandabuza kwabo kuthe rhoqo ukuya kuqiniselwa. IE18 468.2

    Bona abo bazithandabuzayo izithembiso zikaThixo baze bangakuthembi ukuqinisekiswa ngobabalo lwaKhe, abamzukisi uThixo; yaye impembelelo yabo, endaweni yokutsalelaabanye kuKristu, ikholisaukubagxotha kuYe. Bayimithi engavezi ziqhamo, ethi ivule amasebe wayo amnyama anabele kude, akuvale ukukhanya kwelanga nakwezinye izityalo, izenze ukuba zibune zife phantsi komthunzi wayo enengqele. Umsebenzi wobomi bonke waba bantu uya kubonakala ububungqina obungasokuze buphele ekubachaseni. Bahlwayela imbewu yentandabuzo nokungakholwa eqinisekileyo ngesivuno sayo. IE18 468.3

    Linye kuphela ikhondo amabalilandele abo banqwenela ngenzondelelo ukukhululeka kwintandabuzo. Kunokuba babe bebuza bekhalaza ngoko bangakuqondiyo, bona mabathobele ukukhanya okusele kukhanya phezu kwabo, baya kwamkela ukukhanya okukhulu. Mabenze wonke umsebenzi othe wacaciswa kwingqiqo yabo, baya kukhokelelwa ekuqondeni nasekwenzeni oko banentandabuzo ngako ngoku.IE18 468.4

    USathana uyakwazi ukubeka unomgogwana osondele kakhulu kwinyaniso ukuze ibakhohlise abo banentumekelelo yokukhohliswa, abalangazelela ukuphepha ukuzilandula nokuzincama okufunwa yinyaniso; kodwa akakwazi ukuwubamba phantsi kwegunya lakhe umphefumo olangazelela ngokunyanisekileyo ukuyazi inyaniso, nokuba kungawuxabisa ntoni. UKristu uyinyaniso no“Khanyiso, olubakhanyiselayo abantu bonke abeza ehlabathini.” Yohane 1:9, KJV. UMoya wenyaniso wathunyelwa ukuze abakhokelele bonke abantu kuyo yonke inyaniso. Kanti ke, ngegunya loNyana kaThixo, kuthiwa: “Funani nofumana.” “Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le.” Mateyu 7:7; Yohane 7:17.IE18 468.5

    Abalandeli bakaKristu bazi kancinane ngamacebo uSathana nemikhosi yakhe abawenzayo ukuba babachase. Lowo uhleli emazulwini uya kuwajika onke la macebo ukuze ngawo kufezwe awaKhe amacebo anzulu. INkosi iyabavumela abantu bayo ukuba bajongane nentuthumbo eshushu yesihendo, kungekuba iyalonwabela uxinzelelo nokuthuthunjiswa kwabo, kodwa ngenxa yokuba yindlela le efunekayo esinga kuloyiso lwabo lokugqibela. Ayikwazi ukuba, ngokuhambelana nobuqaqawuli baYo, ibakhusele kwizihendo; kuba eyona njongo yesilingo kukubalungiselela ukuba bamelane nako konke okungumtsalane wesono.IE18 469.1

    Nokuba ngabantu abakhohlakeleyo okanye iidemoni, abakho abanokuwuthintela umsebenzi kaThixo, okanye babuvale bungabonakali ubuso bukaThixo kubantu baKhe, ukuba baya kuthi, ngeentliziyo ezithobekileyo nezityumkileyo, bazivume bazibeke nxamnye izono zabo, bathi ngokholo bawabange amadinga aKhe. Sonke isihendo, wonke umoya ochasayo, nokuba uyabonakala okanye ufihlakele, kunako ukumelwana nawo ngempumelelo. “Akungabukroti, akungamandla, kungoMoya wam; utsho uYehova wemikhosi.” Zekariya 4:6.IE18 469.2

    “Ngokuba amehlo eNkosi aphezu kwamalungisa, neendlebe zayo zisingisele esikhungweni sawo. . . . Ngubani na yena owonona, ukuba nithe naba ngabalandeli bokulungileyo?” 1 Petros 3:12, 13. Xa uBhileham, wayelotywe ngesithembiso semivuzo emikhulu, wazama ukusebenzisa ukumthakatha uIsrayeli, waza wenza nemibingelelo kuYehova efuna ukubiza isiqalekiso phezu kwabantu baKhe, uMoya kaThixo wabalela ububi awayelangazelela ukubuvakalisa, waza uBhileham wanyanzeleka ukuba akhale: “Ndothini naukuqalekisa angamqalekisiyo uThixo? Ndothini na ukubhavumela angambhavumeliyo uYehova?” “Umphefumlo wam mawufe ukufa kwabathe tye, ukuphela kwam kube njengokwabo!” Wathi wakuba unikelwe umbingelelo, umprofeti ongamoyikiyo uThixo wadanduluka: “Yabona, ndamkele ukusikelela; usikelele, ke andinakukubuyisa. Akaboni butshinga kuYakobi, akukho kuvumisa ngoSirayeli. UYehova uThixo wakhe unaye. Ukuduma koKumkani kuphakathi kwakhe. Numeri 23:8, 10, 20, 21. “Nemilingo ingabuya nemband’ esikhova kuYakobi; nabuqili nabugqwirha buza ze kuSirayeli. Yona ngundaba-mlonyeni ngoYakobi noSirayeli, kusithiwa: ‘Khawubone ke imisebenzi kaThixo!” Eyasentlango 23:23, IBHAYIBHILE. Kanti ke, zakhiwa izibingelelo ixesha lesithathu, waphinda uBhileham wazama ukuzuza isiqalekiso. Kwasuka kwathi kwimilebe engenantumekelelo yomprofeti, uMoya kaThixo wakhwaza impumelelo yabanyulwa baKhe, wabukhalimela ubuyatha nenkohlakalo yeentshaba zabo: “Mabasikelelwe abakusikelelayo, baqalekiswe abakuqalekisayo.” Numeri 24:9.IE18 469.3

    Abantu bakwaIsrayeli babenyanisekile kuThixo ngeli xesha; kwathi ngalo lonke ixesha bewuthobela umthetho kaThixo, alabikho igunya emhlabeni okanyeesihogwenielalinakoukuboyisa. SonaisiqalekisouBhileham awayengavunyelwanga ukuba asiwise ukuchasa ngakubantu bakaThixo, ekugqibeleni wakwazi ukusenza ngokubalukuhlela esonweni. Bathi bakuyigqitha imithetho kaThixo, baqala bazahlula kuYe, baza bayekwa ukuba bawave amandla omtshabalalisi.IE18 470.1

    USathana ukuqonda kakuhle ukuba, owona mphefumlo ungenamandla ohleli kuKristu, ungaphaya kokuba yintanga nemikhosi yobumnyama, oko ke, kumele ukumbonisa ngokuphandle yena, ukuba kuya kuqutyiswana naye, oyiswe. Ngoko ke, ufuna ukuwatsalela kude amajoni omnqamlezo kwinqaba yawo eyomeleleyo, ngeli xesha ewalalele nemikhosi yakhe, elungele ukutshabalalisa wonke angena kumhlaba wakhe. Kuphela ngokuxhomekeka ngokuthobekileyo kuThixo, nokuyithobela yonke imithetho yaKhe, esinokuthi sikhuseleke.IE18 470.2

    Akukho ukhuselekileyo nosuku olunye okanye iyure enye ngaphandle komthandazo. Kufuneka siyibongoze ngendlela eyodwa iNkosi ukuba isinike ubulumko bokuliqonda ilizwi laYo. Kulapha apho kutyhilwe khona amaqhinga omlingi neendlela ekunokuthi kumelwane naye ngazo ngempumelelo. USathana utshatshele ekucaphuleni isiBhalo, efaka eyakhe inkcazo kwiindawo, athi athembe ukuba ngazo angasikhubekisa. Kufuneka siyifunde iBhayibhile sinokuthobeka kwentliziyo, singaze silahlekane nokukubona ukuxhomekeka kwethu kuThixo. Njengoko kufuneka sithe rhoqo ukuzilumkela kumacebo kaSathana, kufuneka sithandaze sikholwa singayeki, ukuthi: “Ungasingenisi ekuhendweni.” IE18 470.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents