Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    37—Inkuseleko Ngezibhalo

    “Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.” Isaya 8:20. Abantu bakaThixo bakhokelelwa eziBhalweni njengesikhuselo sabo kwimpembelelo yeetitshala zobuxoki namandla yemimoya yobumnyama elahlekisayo. USathana usebenzisa lonke icebo analo ukuthintela abantu ekuzuzeni ukuyazi iBhayibhile; kuba iintetho zayo ezicacileyo zityhila iinkohliso zakhe. Kulo lonke uvuselelo lomsebenzi kaThixo, itshawe lobubi livuselwa kokungaphezulu ukusebenza; ngoku lenza onke amalinge alo okulwa okokugqibela noKristu kunye nabalandeli baKhe. Ulahlekiso olukhulu lokugqibela lukufuphi ukuba lubonakale phambi kwethu. Umchasi-Kristu uza kwenza imisebenzi yakhe emangalisayo sijongile. Umyelelaniso uza kusondela kakhulu ekufaneni nenyaniso kangangokuba kube nzima ukwahlula phakathi kwako kokubini ngaphandle kokusebenzisa iziBhalo eziNgcwele. Ngobungqina bazo iziBhalo, zonke iintetho nayo yonke imimangaliso kuza kufuneka zivavanyiwe. IE18 525.1

    Abo bazama ukuyithobela yonke imithetho kaThixo baza kuchaswa bagculelwe. Banokuma kuphela kuThixo. Ukuze bakwazi ukunyamezela uvavanyo oluphambi kwabo, kufuneka bayiqonde intando kaThixo njengoko ityhiliwe elizwini laKhe; nangokumzukisa kuphela xa benolwazi olulungileyo lwesimilo saKhe, ulawulo, kunye neenjongo zaKhe, baze benze ngokwazo. Abakho abanye ngaphandlekwabo bazinqabiseiingqondo zabo ngeenyaniso zeBhayibhile abaya kuma kwidabi elikhulu lokugqibela. Kuwo wonke umphefumlo liza kufika ixesha lovavanyo oluphengululayo: Ingaba ndiza kuthobela uThixo kunabantu? Ilixa lokugqibela ngoku selisemnyango. Ingaba iinyawo zethu zizinzile na kwiliwa elililizwi likaThixo elingaguqukiyo? Ingaba sikulungele na ukuma siyikhusele imithetho kaThixo nokholo lukaYesu? IE18 525.2

    Phambi kokubethelelwa kwaKhe emnqamlezweni, uMsindisi wabachazela abafundi baKhe ukuba uza kubulawa aze avuke kwakhona engcwabeni, kwaye zazikho iingelosi ukuba ziwabethelele amazwi aKhe ezingqondweni nasezintliziyweni. Bona abafundi babekhangele kuhlangulo lwasemhlabeni kwidyokhwe yamaRoma, baza abakwazi ukuyinyamezela ingcamango yokuba Lowo babe beke kuYe amathemba abo uza kufa ukufa kwehlazo. Amazwi ababedinga ukuwakhumbula agxothwa emka ezingqondweni zabo; laza lathi lakufika ixesha lovavanyo, labafumana bengalilungelanga. Ukufa kukaYesu kwawatshabalalisa ngokupheleleyo amathemba abo ngokungathi wayengazanga wabalumkisa kwangaphambili. Kwangokunjalo, eziprofetweni, ikamva lanekiwe phambi kwethu ngokucace njengoko lalanekwe phambi kwabafundi ngamazwi kaKristu. Iziganeko ezihlangene nokuvalwa kwenceba nomsebenzi wokulungiselela ixesha lembandezelo, zibekwe ngokucacileyo. Sekunjalo, izihlwele azikwazi ukuziqonda ngokwaneleyo ezi nyaniso zibalulekileyo ngokungathi azizanga zatyhilwa. USathana ulalele ukuba ayihluthe abaleke nayo yonke imbono eya kubenza babe nobulumko obusindisayo, lize libafikele ixesha lembandezelo bengalilungelanga.IE18 525.3

    Xa uThixo ethumela ebantwini izilumkiso ezibaluleke kangangokuba zifuziselwe nezivakaliswa ziingelosi eziphaphazela esazulwini sezulu, ufuna ukuba wonke onikwe amandla okucinga asithobele isigidimi. Izigwebo ezoyikekayo ezavakaliswa ukuchasa unqulo lwerhamncwa nomfanekiselo walo (IsiTyhilelo 14:9-11), kufuneka zibakhokelele ekufundeni ngenkuthalo iziprofeto ukuze bazi ukuba luyintoni uphawu lwerhamncwa, nokuba bangakuphepha njani ukulwamkela. Sekunjalo, inginginya yabantu iyazisusa iindlebe zabo ekuyiphulaphuleni inyaniso baze baye ezintsomini. Umpostile uPawulos wathi, ekhangele kwimihlayokugqibela: “Kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo.” 2 Timoti 4:3. Elo xesha lifike ngokupheleleyo. Inkitha yabantu ayiyifuni inyaniso yeBhayibhile, kuba iphazamisana neminqweno yentliziyo ezaliswe sisono nokuthanda ihlabathi; abe uSathana ezinika iinkohliso ezizithandayo.IE18 526.1

    UThixo unga abantu phezu komhlaba bangagcina iBhayibhile, iBhayibhile kuphela, njengomgangatho wazo zonke iimfundiso nesiseko zalo lonke uhlaziyo. Iingcamango zabantu abafundileyo, okugqitywa yisayensi, iinkonzo nezigqibo zamaqumrhu eenkonzo, zininzi zingangqinelani zinjalo zonke ezi zinto, kufuneka zibonwe njengobungqina bokuxhasa okanye bokuchasa yonke imbono yokholo lwenkolo. Ngaphambi kokwamkela nayiphi imfundiso okanye umyalelo, kufuneka sifune u“Ithi iNkosi” ocacileyo ukuyixhasa. IE18 526.2

    USathana uthe rhoqo ezama ukutsalela ingqondo emntwini endaweni kaThixo. Ubakhokelela abantu ekubeni bakhangele koobhishophu, kubafundisi, kooprofesa bemfundo ngoThixo, njengabakhokeli babo, endaweni yokuphengulula iziBhalo bazifundele ngokwabo umthwalo wabo. Emva koko, ngokulawula iingqondo zezi nkokeli, unako ukuphembelela izihlwele ngokwentando yakhe.IE18 526.3

    Ngexesha uYesu weza ukuba athethe amazwi obomi, abantu bamphulaphula ngovuyo; baza abaninzi, nakubabingeleli nabaphathi, bakholelwa kuYe. Noko kunjalo, inkokeli yesibingeleli namadoda aphambili esizwe, bazimisela ukumgweba baziphikise iimfundiso zaKhe. Nangona babedidekile kuyo yonke imizamo yabo yokufumana izityholo ngakuYe, nangona babengenako ukuzinceda ekuveni impembelelo yamandla ezulu nobulumko obabufumaneka emazwini aKhe, kodwa bazivalela kwintiyo; ababamkela ubungqina obabucace kakhulu bokuba nguMesiya kwaKhe, hleze banyanzeleke ukuba babe ngabafundi baKhe. Aba bachasi bakaYesu babengamadoda abantu abafundiswa kwasebumvekwini ukuba babahloniphe, nabaqheliswa ukuba baqubude kwigunya labo ngokungathandabuzekiyo. “Kutheni,” babuza, “le nto abalawuli bethu nababhali bengakholelwa kuYesu? IngabalamadodaoyikauThixo ebengayi kumamkela ukuba ebenguKristu?” Yayiyimpembelelo yeetitshala ezinjalo eyakhokelela uhlanga lwamaYuda ekubeni limale uMhlanguli.IE18 527.1

    Umoya owawuqhuba abo babingeleli nabaphathi usabonakalaliswa ngabaninzi abathetha kakhulu ngokoyika kwabo uThixo. Bayala ukuhlola ubungqina beziBhalo ngokubhekiselele kwiinyaniso ezizodwa zeli xesha. Balatha kumanani abo, ubutyebi, nokuthandwa, baze babajonge babadele abavakalisa inyaniso, abambalwa, abahluphekileyo nabangathandwayo, benokholo olubahlulayo ehlabathini. IE18 527.2

    UKristu wakubona kwangaphambili ukuba ubuganga obungafanelekanga begunya elasetyenziswangababhali nabaFarisi babungasayi kuyeka ngokusasazwa kwamaYuda. Wayenembono yobuprofeto yomsebenzi wokuphakanyiswa kwegunya lomntu ekulawuleni isazela, nto leyo ebe sisiqalekiso esibi ebandleni kuzo zonke izizukulwana. Konke ukukhalimela kwaKhe ngokoyikekayo ababhali nabaFarisi, nezilumkiso zaKhe kubantu ukuba bangazilandeli ezi nkokeli zizimfama, kwabhalwa njengesikizi kwizizukulwana ezilandelayo. IE18 527.3

    IBandla laseRoma liluyekele kwisifundisi ilungelo lokuchaza iziBhalo. Ngenxa yokuba ngabafundisi kuphela abakwaziyo ukuchaza ilizwi likaThixo, liye labanjwa lingafiki kubantu nje. [BONA INQAKU LESIHLOMELO SEPHEPHA 340.] Nangona uHlaziyo lwanika iziBhalo kumntu wonke, kanti ke, kwawona loo mthetho-siseko wawugcinwe yiRoma uyazithintela izihlwele zabantu kumabandla amaProtestanti ukuba zingaziphengululi ngokwazo iziBhalo. Zifundiswa ukwamkela imfundiso yeziBhalo njengoko ichazwa libandla; kwaye kukho amawaka abantu angakwazi kwamkela nto, nokuba ityhilwe ngokucace kangakanani esiBhalweni, echasene nenkolo okanye imfundiso emiselweyo yebandla labo. IE18 527.4

    Sele kukho konke okuzalise iBhayibhile okuzizilumkiso ngakwiititshala zobuxoki, baninzi abasalungele ukunikela ukugcinwa kobomi babo kwisifundisi. Namhlanje kukho amawaka azibiza ngenkolo abangakwazi kunika nasinye isizathu seengongoma zokholo abalubambileyo kunokuba babenjaloxa babefundiswa ziinkokeli zabo zenkolo. Bazidlula kwelinye icala [596]IE18 528.1

    [597] iimfundiso zoMsindisi phantse bengaziqondanga, bebeka ithemba elipheleleyo kumazwi abafundisi. Kanti ke, bona abafundisi abakwazi ukwenza iimpazamo? Singayiyeka njani imiphefumlo yethu kwinkokelo yabo singakhange sazi ngokwelizwi likaThixo ukuba bangabathwali bokukhanya? Ukungabikho kwesibindi esihle sokuthi cebu ecaleni kwindlela eyagangathwayo yehlabathi kukhokelela ekulandeleni emanyathelweni abantu abafundileyo; kuthi ngokubamathidala ukuziphengululela, babopheleleke ngamatyathanga emposiso. Babona ukuba inyaniso yeli xesha ivezwe ngokucacileyo yiBhayibhile; bawave amandla kaMoya Oyingcwele enokuvakalisa kwayo; kanti bona bavumela inkcaso yesifundisi ukuba ibasuse ekukhanyeni. Nangona ingqondo nesazela zoyisakele, le miphefumlo ilahlekisiweyo ayikwazi ukucinga ngokwahlukileyo kumfundisi; kuze ukubona kwayo, noko ikuthandayo kungunaphakade, konke kuyekelwe ekungakholweni, kwikratshi, nentiyo, yomnye.IE18 528.2

    Zininzi iindlela uSathana asebenza ngazo ngempembelelo yabantu ukubopha abathinjwa bakhe. Uqinisela izihlwele kuye ngokuzithungela ngentambo yesilika yothando kwabo bazintshaba zomnqamlezo kaKristu. Nokuba luyintoni olu qhagamshelo,--ngabazali, yinzala, ngokutshata, okanye ngokuhlala,--isiphumo sinye; abachasi benyaniso baqinisa amandla abo ekulawuleni isazela, ize imiphefumlo ebanjwe phantsi kolawulo lwabo ingabi naso isibindi esaneleyo, okanye ukuzimela ukuba ithobele umsebenzi weengqiqo zayo [loo miphefumlo].IE18 528.3

    Inyaniso nozuko lukaThixo azahlukani; asingeke thina, sikwazi ukufikelela eBhayibhileni, ukuba simzukise uThixo ngeengcinga ezingalunganga. Abaninzi bathi akukhathaleki nokuba ubani ukholelwa ntoni, ukuba nje ubomi bakhe bulungile. Phofu, ubomi bulungiswa lukholo. Ukuba ukukhanya nenyaniso kuyafikeleleka kuthi, size sikuhilizele ukuphuhlisa ilungelo lokuva nokukubona, ngolo hlobo sikwalile; sinyula ubumnyama kunokukhanya.IE18 528.4

    “Kukho indlela ethe tye phambi komntu, ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” IMizekeliso 16:25.Ukungaziakuyithetheleliimposisookanye isono, xa likho lonke ithuba lokuyazi intando kaThixo. Umntu uhamba abuyele kwindawo apho kukho iindlela ezininzi nesalathiso esibonisa apho iyileyo ikhokelela khona. Ukuba akasikhathaleli isikhomba-ndlela, aze athabathe nokuba yeyiphi indlela ebonakala kuye ilungile, usenokuba unyaniseke kakhulu, kodwa, sekwenzeke konke, uya kuzifumana ekwindlela engalunganga.IE18 529.1

    UThixo usinike ilizwi laKhe ukuze siqhelane neemfundiso, sizazele ngokwethu oko akufunayo kuthi. Xa umqondisi-mthetho weza kuYesu enombuzo, “Ndingenza ntoni ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” uMsindisi wambhekisa eziBhalweni, esithi: “Kubhalwe ntoni emthethweni? Ufunda njani?” Ukungazi akuyi kuthethelela omtsha nomdala, kungayi kubakhulula kwisohlwayo esifanelekileyo ngokugqitha umthetho kaThixo; kuba kubekwe ezandleni zabo ngokuthembeka umthetho nemithetho-siseko kunye namabango [awo]. Akwanelanga ukuba neenjongo ezilungileyo; akwanelanga ukwenza oko umntu acinga ukuba kulungile okanye oko umfundisi athi kuye kulungile. Usindiso lomphefumlo wakhe lusengozini, kwaye kufuneka aziphengululele ngokwakhe iziBhalo. Nokuba zinamandla kangakanani iingcamango zakhe, nokuba ukuthembe kangakanani ukwazi kukamfundisi ukuba iyintoni inyaniso, esi ayisiso isiseko sakhe. Unesiboniso esalatha zonke iimpawu ezibonisa indlela kuhambo olusinga ezulwini, kwaye akufuneki aqashele nantoni na.IE18 529.2

    Ngumthwalo wokuqala nowona uphezulu wakhe wonke umntu osezingqondweni ukuba afunde eziBhalweni ukuba iyintoni inyaniso, aze ahambe ekukhanyeni, akhuthaze nabanye ukuba balandele umzekelo wakhe. Kufuneka imihla ngemihla siyifunde ngenkuthalo iBhayibhile, sizibeke esikalini zonke iingcamango, sithelekisa isibhalo nesibhalo. Ngoncedo lwezulu, kufuneka senze ezethu iimbono ngokwethu njengabaya kuziphendulela ngokwethu phambi kukaThixo.IE18 529.3

    Iinyaniso ezicace kakhulu ezityhilwe eBhayibhileni ziye zabandakanywa kwintandabuzo nobumnyama babantu abafundileyo, abathi, ngokuzimilisa okwabanobulumko obukhulu, bafundise ukuba iziBhalo zinentsingiselo esitheleyo, eyimfihlelo, engabonakali lula ngenxa yolwimi olusetyenzisiweyo.Aba bantubaziititshalazobuxoki.Wayebabhekisa kubantu abanjalo uYesu xa wayesithi: “[Anizazi] iziBhalo kwanamandla kaThixo.” Marko 12:24. Intetho yeBhayibhile kufuneka icaciswe ngokwentsingiselo yayo ecacileyo, ngaphandle kokuba kusetyenziswe umfuziselo okanye umfanekiso. UKristu unike isithembiso: “Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le.” Yohane 7:17. Ukuba abantu bebengayithabatha iBhayibhile njengoko ithetha, ukuba bezingekho iititshala zobuxoki ukuba zibalahlekise, ziziphazamise iingqondo zabo, umsebenzi obungafezwa ubuya kwenza iingelosi zivuye, nobuya kuzisa emhlambini kaKristu amawaka ngamawaka, ngoku abhadula kwimposiso. IE18 529.4

    Kufuneka sisebenzise onke amandla engqondo ekufundeni kwethu iziBhalo, size sisebenzise ukuqonda ukuze sizazi, kangangoko abantu banako, izinto ezinzulu zikaThixo; kanti kufuneka singalibali ukuba ukuthobeka nokuzinikela komntwana ngumoya onyanisileyo womfundi. Izinto ezinzima zesiBhalo azingeke zaziwe ngeendlela ezinye nezo zisetyenziswa ekuzamazameni neengxaki zolwazi. Akufuneki singene ekufundeni iBhayibhile ngokuxhomekeka kuthi abathi abaninzi bakusebenzise ekungeneni kwimimandla yesayensi, kodwa makube ngokuxhomekeka ngomthandazo kuThixo nokufuna ngokunyanisekileyo ukuyazi intando yaKhe. Kufuneka size sinomoya othobekileyo nofundisekayo kuNDINGUYE omkhulu. Kungenjalo, iingelosi ezikhohlakeleyo ziya kuzimfamekisa iingqondo zethu zizenze lukhuni iintliziyo zethu ukuze singathabatheki yinyaniso. IE18 530.1

    Iindawo ezininzi zesiBhalo athi amadoda afundileyo ziyimfihlelo, okanye azidlule njengezingabalulekanga, zizele yintuthuzelo nemfundiso kulowo ufunde esikolweni sikaKristu. Isizathu esinye sokuba abafunda ngoThixo abaninzi bangaqondi ngokucacileyo ngelizwi likaThixo, sesokuba bayawavala amehlo abo ngakwiinyaniso abangathandi ukuzenza. Kanti ke, ukuyiqonda inyaniso yeBhayibhile akuxhomekeke kakhulu kumandla engqondo athi abekho ngokuphengulula, ngaphezu kokuba nenjongo enye, yokulangazelela ngenzondelelo ubulungisa. IE18 530.2

    IBhayibhile, akufuneki ukuba ifundwe ngaphandle komthandazo. UMoya Oyingcwele nguYe kuphela onokwenza ukuba sikuve ukubaluleka kwezo zinto kufuneka ziqondiwe, okanye usithintele ukuba zingazikruni iinyaniso ekunzima ukuziqonda. Ngumsebenzi weengelosi zezulu ukulungisa intliziyo ukuba iliqonde ilizwi likaThixo ukuze siyotywe bubuhle balo, silulekwe zizilumkiso zalo, okanye siphiliswe somelezwe zizithembiso zalo. Kufuneka sisenze isicelo somdumisi sibe sesethu: “Vula amehlo am, ukuba ndiyibone imisebenzi ebalulekileyo yasemyalelweni wakho.” Ndumiso 119:18. Izihendo zikholisa ukubonakala zingenako ukumelwa, ngenxa yokutyeshelwa komthandazo nokufundwa kweBhayibhile, ohendwayo akakwazi ukuzikhumbula ngoko nangoko izithembiso zikaThixo aze aqubisane naye uSathana ngezixhobo zesiBhalo. Zona iingelosi zihlala zibangqongile abo bakulungeleyo ukufundiswa izinto zezulu; kuthi ngexesha lesidingo esikhulu, bazikhumbule ezo nyaniso zidingekayo. Ngoko, “xa utshaba luya kuza njengomsinga, uMoya kaYehova uya kuphakamisa ibhanile ukuluchasa.”Isaya 59:19, NKJV.IE18 530.3

    UYesu wabathembisa abafundi baKhe, wathi: “UMthetheleli, uMoya Oyingcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.” Yohane 14:26. Kuza kufuneka ukuba iimfundiso zikaKristu ebezigcinwe engqondweni kwangaphambili uMoya kaThixo asikhumbuze ngexesha lobunzithinzithi. “Ndiyibeke intetho yakho entliziyweni yam, ukuze ndingoni kuwe.” Ndumiso 119:11.IE18 531.1

    Bonke abaxabisa izinto zabo zikanaphakade kufuneka balumkele ukungenelela kokuyithandabuza inyaniso. Ezona ntsika zenyaniso ziya kuhlaselwa. Akwenzeki ukuhlala ngaphaya kokufikelelwa yimpoxo nokuxoxiswa ngokuqhathwa, ziimfundiso ezinobungozi neziyityhefu, zokungakholwa kweli xesha. USathana umilisela izilingo zakhe kuzo zonke iindidi. Uhlasela abangafundanga ngokuqhula nokunyevula, lo gama ehlangana nabafundileyo ngeenkcaso ezinesayensi nokuzathuza kolwazi oluphandiweyo, konke kubalelwe ukuvusa ukungathembi okanye ukudela iziBhalo.Nolutshaolunamavaamancinane lunobuganga bokurhesha kwintandabuzo ngokubhekiselele kwisiseko semithetho-siseko yobuKristu. Oku kungakholwa kwabatsha, kungenzulu kunjalo, kunayo impembelelo. Abaninzi benziwa ukuba bahlekise ngokholo looyise nokuba benze ngokuchasene noMoya wobabalo. Hebhere 10:29. Ubomi obuninzi obe buthembisa ukuba luzuko kuThixo nentsikelelo ehlabathini buye batshaza ngumoya ongcolileyo wokungakholwa. Bonke abathembele kwizigqibo zokuzibabaza zengqiqo yabantu baze bacinge ukuba bangakwazi ukucacisa iimfihlelo zezulu baze bafikelele kwinyaniso bengancedwanga bubulumko bukaThixo, baziqamangela kumgibe kaSathana.IE18 531.2

    Siphila kwelona xesha loyikekayo kwimbali yehlabathi. Isiphelo sezihlwele ezizalise umhlaba sikufuphi ukumiselwa. Ukuma kwethu kakuhle kwikamva lethu nokusindiswa kwemiphefumlo yethu kuxhomekeke phezu kwekhondo esililandelayo ngoku. Sidinga ukukhokelwa nguMoya wenyaniso. Wonke umlandeli kaKristu kufuneka, ngokunyaniseka, abuze, athi, “Nkosi, yintoni onga ndingayenza?” Sidinga ukuzithoba phambi kweNkosi, ngokuzila nokuthandaza, nokucamngca ngelizwi laYo, ngakumbi ngemiboniso yomgwebo. Kufuneka ngoku sifune amava anzulu naphilileyo kwizinto zikaThixo. Akufuneki silahlekwe nangumzuzu. Iziganeko ezibaluleke kakhulu ziyenzeka ecaleni kwethu; sikumhlaba othandwa nguSathana. Musani ukulala, balindi bakaThixo; utshaba lubuthume kufuphi, lulungele nawuphi umzuzu, ningathi nje niyekelele nozele, ukuba lunitsibele lunenze ixhoba lwalo. IE18 531.3

    Abaninzi bayazikhohlisa ngeyona meko yabo phambi kukaThixo. Bayazincoma ngezenzo ezingalunganga abangazenziyo, balibale ukubala izenzo ezilungileyo nezibalulekileyo azifunayo kubo uThixo, kodwa bekutyeshele ukuzenza. Akwanelanga ukuba babe yimithi esitiyeni sikaThixo. Kufuneka basabele koko akulindeleyo ngokuthwala isiqhamo. Baza kunika ingxelo kuYe ngokusilela ukwenza konke okulungileyo abebe nako ukukwenza, ngobabalo lwakhe olubomelezayo. Ezincwadini zezulu babhaliswe njengemithi ebulala umhlaba ibe ingavelisi ziqhamo. Kanti umcimbi walo nolu udidi awuphelelwanga lithemba kwaphela. Nangabo bayebayixhaya inceba kaThixo baluphatha gwenxa ubabalo lwaKhe, intliziyo yothando olunonyamezelo isacenga. “Kungoku athi, Vuka wena uleleyo, uvuke kwabafileyo; uKristu wokukhanyisela. Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; . . . nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo.” Efese 5:14 -16.IE18 532.1

    Lakuba lifikile ixesha lovavanyo, abo bathi ilizwi likaThixo balenza umgangatho wobomi babo, baya kutyhileka. Ehlotyeni awubonakali umahluko phakathi kwemithi ehlala iluhlaza neminye imithi; kodwa athi akufika amahlanza obusika, imithi ehlala iluhlaza ingaguquki, lo gama eminye imithi iwalahla amagqabi ayo. Ngoko ke, lowo ontliziyo yakhe izele bubuxoki, usenokungahluki ngoku kumKristu wenene, kodwa lisifikele ixesha lokuba umahluko ucace. Inkcaso mayivuke, iinkani nokunganyamezeli makulawule, intshutshiso ibaswe, abo bantliziyo zingaphelelisanga nabahanahanisayo baza kuthingaza baluyeke ukholo; kodwa umKristu wenene uya kuma aqine njengeliwa, ukholo lwakhe lomelele ngakumbi, ithemba lakhe likhanye ngakumbi, kunangemihla yempumelelo.IE18 532.2

    Uthi umdumisi: “Ngezingqino zakho ndiyacamngca.” “Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda, ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.” Ndumiso 119:99, 104.IE18 532.3

    “Hayi uyolo lomntu ofumene ubulumko.” “Yoba njengomthi omiliselwe emanzini, unabise iingcambu zawo phezu komlambo, ungoyiki xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ungakhathali ngomnyaka wokubalela, ungayeki ukuvelisa iziqhamo.” IMizekeliso 3:13; Yeremiya 17:8. IE18 533.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents