Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    23—Iyintoni ingcwele?

    IsiBhalo esasingaphezu kwazo zonke ezinye saba sisiseko nentsika yenkolo yokuza kwesibini sasikukuvakalisa ukuthi: “Koda kube kukuhlwa kusisa okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukuhlanjululwa ingcwele.” Daniyeli 8:14, KJV. La yayingamazwi aqhelekileyo kuye wonke okholelwa ekuzeni kweNkosi kwesibini okukhawulezileyo. Ngemilebe yamawaka esi siprofeto saphindaphindwa njengesaci esisisikhuzo sokholo lwabo. Bonke babesiva ukuba, phezu kwazo zonke iziganeko ezixeliweyo apho kwakulele okona kulindela okuqaqambileyo kwamathemba ababenawo. Ezi ntsuku zesiprofeto zaziboniswa njengezaziza kuphela ekwindla ngowe-1844. Ngokuqondwa kunye nehlabathi lobuKristu liphela, ama-Adventists ngoko ayebambe ukuthi umhlaba, okanye indawo ethile yawo, wawuyingcwele. Babesazi ukuba ukuhlanjululwa kwengcwele yayikukwenziwa nyulu komhlaba ngemililo yomhla wokugqibela, nokuba oku kwakuza kwenzeka ekufikeni kwesibini, Kungoko kwagqitywa ekuthini uKristu wayeza kubuya aze emhlabeni ngowe-1844. IE18 366.1

    Lona ixesha elalibekiwe lalidlule, iNkosi ingabonakalanga. Abakholwayo babesazi ukuba ilizwi likaThixo alinako ukusilela; inokuba kukusichaza kwabo isiprofeto okwakuphazamile; kodwa yayiphi impazamo? Abaninzi batyhuthuzela baliqhawula ikhonkco lobunzima ngokukhanyela ukuba iintsuku ezingama-2300 zaziphela ngowe-1844. Kwakungekho sizathu sinokunikwa ngoku ngaphandle kokuba uKristu wayengazange afike ngexesha awayelindeleke ngalo. Baxoxa besithi, ukuba iintsuku zesiprofeto zaziphelile ngowe-1844, uKristu ngewayebuyile ukuza kuhlambulula ingcwele ngokuhlambulula umhlaba ngomlilo; nokuthi, kususela ukuba engabuyanga, iintsuku zazingenako ukuba ziphelile. IE18 366.2

    Ukwamkela esi sigqibo yayikukulahla indlela yokuqala yokubala amaxesha esiprofeto. Iintsuku ezingama-2300 zafunyanwa ukuba zazibalelwe ekuqalekeni kwexesha xa umthetho ka-Artashashta wokubuyiselwa kwakhiwe iYerusalem waqala ukusebenza, ekwindla ngowama-457 B.C. Ukuthabatha le njengendawo ekuqalwa kuyo, kwakukho ukuvumelana okugqibeleleyo ekusebenziseni zonke iziganeko ezaxelwa kwangaphambili kwinkcazo yelo xesha likuDaniyeli 9:25-27. Iiveki ezimashumi mathandathu anethoba, ezokuqala kwiminyaka engama-2300, zaziza kufikelela kuMesiya, Lowo Othanjisiweyo; nakubhaptizo lukaKristu nokuthanjiswa nguMoya Oyingcwele ngowama-A.D. 27, konke kwathi gingci ukuzizalisekisa iinkcukacha zesiprofeto. Esazulwini seveki yamashumi asixhenxe, uMesiya wayeza kunqanyulwa angabikho. Kwiminyaka emithathu enesiqingatha emva kokubhaptizwa kwaKhe, uKristu wabethelelwa emnqamlezweni, entlakohlaza ngowama-A.D. 31. Iveki ezingamashumi asixhenxe, okanye ama-490 eminyaka, ayejonge ngokukodwa kumaYuda. Ekupheleni kweli xesha, isizwe sakutywina ukwala kwaso uKristu ngokutshutshisa abafundi baKhe, baza abapostile babhenela eziNtlangeni, ngowama-A.D. 34. Ama-490 yeminyaka yokuqala yama-2300 eminyaka akuba ephelile, iminyaka eli-1810 yayiza kusala. Ukususela kowama-34, iminyaka eli-1810 ifikelela kowe-1844. “Yandule,” yatsho ingelosi, “ukulungiswa [ukuhlanjululwa] ingcwele.” Zonke iinkcukacha ezikhokelayo zesiprofeto zazaliseka ngapha kwengxoxo ngexesha elimiselweyo. IE18 366.3

    Ngoku kubala, konke kwakucacile kuvumelana, ngaphandle kokuba kwakungabonwanga ukuba nasiphi isiganeko esiphendula ukuhlanjululwa kwengcwele sasenzekile ngowe-1844. Ukwala ukuba iintsuku zaphela ngelo xesha yayikukuyiphosa yonke lengxaki kwisiphithiphithi, nokushiya indawo eyayimiswe ngokuzaliseka kweziprofeto ngendlela engenako ukuphazanywa. IE18 367.1

    UThixo Yena wayebakhokele abantu baKhe kwintshukumo enkulu yokufika; amandla aKhe nozuko zazikho kulo msebenzi, waza akavuma ukuba uphele ngobumnyama nokudaniswa, ukuba ufumane ingcikivo njengokuthabathekisa okububuxoki nobubaxekileyo. Wayengayi kulishiya ilizwi laKhe kwintandabuzo nokungaqiniseki. Nangona abaninzi bayishiya indlela yangaphambili yokubala amaxesha esiprofeto akukhanyela ukulunga kwentshukumo okwakusekwe kuyo loo ndlela yokubala, abanye babengenayo intumekelelo yokushiya iindawo zokholo namava awayexhaswa ziziBhalo nabubungqina bukaMoya kaThixo. Bakholwa ukuba basebenzise imithetho-siseko ephilileyo ekufundeni kwabo iziprofeto, nokuba yayiluxanduva lwabo ukuzibamba ngokuqinileyo iinyaniso ezazisele zifunyenwe, nokuqhubeka kwangelo khondo ukuphanda iBhayibhile. Benomthanzazo onenzondelelo, bakuphinda ukuyijonga indawo abakuyo, bazifunda iziBhalo ukuba bafumane impazamo yabo. Njengoko babengaboni mpazamo ekubaleni kwabo amaxesha esiprofeto, kwanyanzeleka ukuba bahlole ngakumbi umxholo wengcwele.IE18 367.2

    Ekuphengululeni kwabo, bafumanisa ukuba akukho nto esiBhalweni ebonakalayo exhasa imbono eqhelekileyo yokuba umhlaba uyingcwele; kodwa bafumana eBhayibhileni inkcazelo ezeleyo ngomcimbi wengcwele, ubume bayo, indawo, neenkonzo; ubungqina bababhali abangcwele bucacile bubuninzi kangangokuba bunako ukuwubeka umcimbi ngaphaya kwayo yonke intandabuzo. Umpostile uPawulos, kwiNcwadi eya kumaHebhere, uthi: “Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawunezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi. Kuba kwakhiwa umnquba lowo. Igumbi lokuqala lalinesiphatho sezibane, kwanetafile, nesiboniso sezonka; lona kuthiwa yingcwele. Emva ke kwesesibini isikhuselo kwabakho umnquba lo kuthiwa yingcwele kangcwele; unesibingelelo segolide sokuqhumisa; nayo ityeya yomnqophiso, yalekwe ngegolide ngeenxa zonke, inesitya segolide ngaphakathi esinemana, inentonga ka-Aron eyadubulayo, inawo amacwecwe omnqophiso. Ke ngaphezu kwayo kwema iikerubhi zobuqaqawuli, zisibekele isicamagushelo; izinto ezo esinganakuthetha ngazo ngazinye ngoku.” Hebhere 9:1-5.IE18 368.1

    Ingcwele uPawulos abhekisa kuyo apha yayingumnquba owakhiwa nguMoses ngokuyalelwa nguThixo njengendawo yaKhe yasemhlabeni yokuhlala Osenyangweni. “Bandenzele indawo engcwele, ndihlale phakathi kwabo”(Eksodus 25:8),yayingumyalelo owanikwauMosesngexesha wayesentabeni noThixo. AmaIsrayeli ayecandaentlango, waza umnquba wakhiwa ngendlela yokuba ukwazi ukususwa ukuya kwiindawo ngeendawo; kanti ke, wawusisakhiwo esihle kakhulu. Iindonga zawo zazenziwe ngeebhodi ezimisiweyo zigqunywe ngqindilili ngegolide zigangxwe kwiimbobo zesilivere, lube lona uphahla lwenziwe ngodederhu lwemidiyadiya, okanye izinto zokugquma, ngaphandle izizikhumba, ngaphakathi iyilinen ecikizekileyo eyenziwe kakuhle ngezinto ezimilise okweekherubhi. Ngaphandle kwentendelezo yangaphandle, eyayinesibingelelo somnikelo onyuswayo, umnquba wona wawunamagumbi amabini abizwa ngokuthi yingcwele nengcwele kangcwele, ahlulwe ngomdiyadiya onexabiso nomhle, okanye ikhuselo esasivale umnyango ongena kwigumbi lokuqala.IE18 368.2

    Endaweni engcwele kwakukho isiphatho samakhandlela, ngasezantsi, sinesibane sazo ezisixhenxe ezikhanyisa kwindawo engcwele imini nobusuku; ngasentla kwakumi itafile yesonka sokubonisa; phambi kwekhuselo elahlula ingcwele kwingcwele kangcwele kwakumi isibingelelo segolide sesiqhumiso, ekwakusithi kulo kunyuke ilifu levumba elimnandi, nemithandazo kaIsrayeli, liye phambi kukaThixo, yonke imihla.IE18 368.3

    Kwingcwele kangcwele kwakumi ityeya, ibhokisi eyenziwe ngomthi onexabiso ngaphezulu egqunywe ngegolide, apho kwakugcinwe amacwecwe amabini amatye ekwakukrolwe kuwo nguThixo imiThetho eliShumi. Ngaphezu kwetyeya, kukho isigqubuthelo sale bhokisi ingcwele, kwakukho isihlalo senceba, umsebenzi omhle wezandla, ekukho phezu kwaso, kumacala omabini, iikherubhi ezimbini, enye ikwelinye nenye kwelinye, zonke zenziwe ngegolide. Kweli gumbi, ubukho bukaThixo babubonakalaliswa elifini lobuqaqawuli phakathi kweekherubhi. IE18 369.1

    Emva kokuhlala kwamaHebhere eKanan, kwenziwa itempile kaSolomon endaweni yomnquba, eyathi, nangona yayisisakhiwo esisigxina sisikhulu, kwalandelwa izinto ezifanayo, kwafakwa iimpahla ezifanayo. Yahlala ikule mo ingcwele—ngaphandle kokuba yayiziindonga zodwa ngexesha likaDaniyeli—yada yatshatyalaliswa ngamaRoma, ngowama--A.D. 70.IE18 369.2

    Kuphelakwengcwele eyayikhoemhlabeni iBhayibhile enika ulwazi ngayo. Yile wathi uPawulos yingcwele yomnqophiso wokuqala. Ingaba ke umnqophiso omtsha wona awunayo ingcwele?IE18 369.3

    Bebuyela kwakhona kwincwadi yamaHebhere, abaphengululi benyaniso bafumana ukuba ubukho beyesibini, okanye ingcwele yomnqophiso omtsha, kwakuthethwa ngayo ngamazwi kaPawulos asele ecatshulwe: “Ke ngoko nowokuqala umnqophiso wawu[kwa]nezimiselo zombuso, kwanendawo engcwele yehlabathi.” [Fumana ingcaciso ngalo ‘kwa’ ekupheleni kwesi sahluko.] Ukuthi “kwa” ku“wawu [kwa] nemimiselo” kurhesha ukuba uPawulos ebekhe wayikhankanya le ngcwele. Bebuyela ekuqalekeni kwesahluko esidlulileyo, bafunda: “Eyona nto iyintloko kwezizinto zithethwayo yile: Sinombingeleli omkhulu onje, othe wahlala phantsi ngasekunene kwetrone yobuKhulu emazulwini, onguMbusi wengcwele, nowomnquba wenyaniso owamiswayo yiNkosi, awamiswa ngumntu.” Hebhere 8:1, 2. IE18 369.4

    Apha kutyhilwe ingcwele yomnqophiso omtsha. Ingcwele yomnqophiso wokuqala yayimiswe ngumntu, yakhiwa nguMoses; le imiswe nguYehova, hayi ngumntu. Kuloo ngcwele ababingeleli basemhlabeni benza inkonzo yabo; kule, uKristu, umbingeleli wethu omKhulu, ulungiselela ekunene kukaThixo. Enye ingcwele yayisemhlabeni, enye isezulwini.IE18 369.5

    Ngapha koko, umnquba owawenziwe nguMoses, wenziwa ngokomfanekiso. UYehova wamyalela: “Njengako konke endikubonisa kona: ngokomfanekiso womnquba, nomfanekiso weempahla zawo zonke, ize nenjenjalo ukuwenza.” Kwaphindwa kwanikwa umyalelo, “Khangela ke, uzenze ngokomfuziselo wazo, owawubona entabeni.” Eksodus 25:9, 40. Kanti uPawulos uthi, umnquba wokuqala waye “ungumzekeliso ozise exesheni elingeneyo, ekuthi ngalo kusondezwe iminikelo kwanamadini;” oko kukuthi iindawo ezingcwele “[zaziyi]mizekelo yezinto ezisemazulwini;” nokuba ababingeleli ababenikela izipho ngokusemthethweni babekhonza “umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini,” nokuba “uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” Hebhere 9:9, 23; 8:5; 9:24.IE18 369.6

    Ingcwele esezulwini, apho uYesu alungiselela khona ngenxa yethu, yenkulu yemveli, eyenziwa yangumfanekiso wayo eyayakhiwe nguMoses. UThixo wabeka uMoya waKhe kubakhi bengcwele yasemhlabeni. Ubuchule bokwenza obaboniswayo ekwakhiweni kwayo kwakubonakalalisa ubulumko bezulu. Iindonga zazinembonakalo yegolide eninzi, iphosa macal’ onke ukukhanya kwezibane ezisixhenxe ezazikwiziphatho zegolide. Itafile yesonka sokubonisa nesibingelelo sesiqhumiso zazibengezela okwegolide epolishiweyo. Umdiyadiya omhle kakhulu owawenze isilingi, unemifanekiso yengelosi yemibala oluhlaza okwezibhakabhaka, omfusa, nobomvu, yongeza kubuhle baloo mboniso. Ngaphaya kwekhuselo lesibini kwakukho iShekina engcwele, ukubonakalaliswa okubonwayo kobuqaqawuli bukaThixo, ekwakungekho namnye, ngaphandle kukambingeleli omkhulu owayenako ukungena phambi kwako aze aphile.IE18 370.1

    Ubumenyemenye obungenamlinganiso bomnquba wasemhlabeni babubonisa emehlweni abantu ubuqaqawuli baloo tempile yasezulwini apho uKristu umanduleli wethu alungiselela thina phambi kwetrone kaThixo. Indawo yokuhlala uKumkani wookumkani, apho amawaka amawaka aphindwe ngamawaka amawaka amiyo phambi kwaKhe (Daniyeli 7:10); loo tempile, ezaliswe bubuqaqawuli betrone kanaphakade, apho iiserafim, abalindi bayo ababengezelayo, zibugqumayo ubuso bazo ngokunika imbeko, zithi zifumane, kwesona sakhiwo sihle ngendlela emangalisayo esakha senziwa ngezandla zabantu, umfanekiso oluzizi wobubanzi nobuqaqawuli bayo. Kanti iinyaniso ezibalulekileyo ezingengcwele yasezulwini kunye nomsebenzi omkhulu owenziwayo apho ngenxa yokuhlangulwa komntu zazifundiswa ngengcwele yasemhlabeni neenkonzo zayo. IE18 370.2

    Iindawo ezingcwele zengcwele yasezulwini zimelwe ngamagumbi amabini engcwele yasemhlabeni. Njengokuba embonweni umpostile uYohane wanikwa umbono wetempile kaThixo ezulwini, wabona apho “izibane ezisixhenxe zomlilo zivutha phambi kwetrone.” IsiTyhilelo 4:5. Wabona isithunywa “sinesiqhumiselo segolide, sanikwa iziqhumiso zazininzi, ukuze sizinikele, kunye nemithandazo yabangcwele bonke, phezu kwesibingelelo segolide esiphambi kwetrone.” IsiTyhilelo 8:3. Apha kwavunywa ukuba abone igumbi lokuqala lengcwele yasezulwini; waza wabona apho “izibane ezisixhenxe zomlilo” kunye “nesibingelelo segolide,” ezazimelwe sisiphatho samakhandlela segolide nesibingelelo sesiqhumiso engcweleni yasemhlabeni. Kwakhona, “itempile kaThixo yayivuliwe” (IsiTyhilelo 11:19), waza wakhangela okungaphakathi kwesikhuselo sangaphakathi, kwingcwele kangcwele. Apha wabona “ityeya yomnqophiso,” emelwe yityeya engcwele eyayakhiwe nguMoses ukuba ihlale umthetho kaThixo.IE18 370.3

    Ngaloo ndlela, abo babefunda umxholo wengcwele, bafumana ubungqina obungenakuphikwa bobukho bengcwele ezulwini. UMoses wenza ingcwele yasemhlabeni ngokomzekelo awayewubonisiwe. UPawulos ufundisa ukuba loo mzekelo wawuyingcwele yenene esemazulwini. NoYohane ungqina ukuba wayibona ezulwini.IE18 371.1

    Etempileni esezulwini, indawo yokuhlala kaThixo, itrone yaKhe imiswe ngobulungisa nogwebo. Kwingcwele kangcwele kukho umthetho waKhe, umgaqo omkhulu wokulungileyo oluthi lucikidwa ngawo lonke uluntu. Ityeya ehlala amacwecwe omthetho igqunywe sisihlalo senceba, athi phambi kwaso uKristu abongoze ngegazi laKhe ngenxa yomoni. Ngoko ke, kuboniswa umanyano phakathi kobulungisa nenceba kwicebo lokuhlangulwa komntu. Olu manyano, bubulumko obungenamda kuphela obunokuluceba ibe ngamandla angenamda anokulufeza; bubunye obuzalise lonke izulu ngomnqa nokudumisa. Iikherubi zengcwele yasemhlabeni, zikhangele phantsi ngembeko kwisihlalo senceba, zimele unandipho ethi wonke umkhosi wasezulwini ucamngce umsebenzi wokuhlangulwa. Yimfihlakalo le yenceba ezinga zingayibona—ukuba uThixo unako ukuba lilungisa ngeli xesha egwebela umoni oguqukayo enze lutsha ulwalamano nohlanga oluwileyo; nokuba uKristu athobe kangaka ukuba aphakamise izihlwele ezingako zabantu ezinganako ukubalwa ezikhupha kumhadi wentshabalalo abambathise ngeengubo ezingenalo nechaphaza zobaKhe ubulungisa ukuze abamanye neengelosi ezingazanga zawa ukuba bahlale ngonaphakade ebusweni bukaThixo. IE18 371.2

    Umsebenzi kaKristu njengommeli womntu ubekwe kwisiprofeto esihle sikaZekariyaesingaLowo“ogama laKhe linguHlumelo.” Uthi umprofeti: “Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova, ithweswe uzuko, ihlale ilawule etroneni yayo [kaYise]; ibe ngumbingeleli etroneni yayo, icebo loxolo libe phakathi kwabo bobabini.” Zekariya 6:12, 13.IE18 371.3

    “Iya kuyakha ke yona itempile kaYehova.” Ngombingelelo waKhe nokuthethelela kwaKhe, uKristu usisiseko, ekwa ngumakhi webandla likaThixo. Umpostile uPawulos walatha kuYe esithi “[uli]litye lembombo; esithi kuye sonke isakhiwo, sihlangene kakuhle, sikhule, sibe yitempile engcwele eNkosini, enithi,” uthi,” nakhelwe ndawonye kuye, ukuze nibe yindawo yokuhlala kaThixo ngaye uMoya.” Efese 2:20-22. IE18 372.1

    “Uya kuba nobuqaqawuli.” KuKristu kukho ubuqaqawuli bokuhlangula uhlanga oluwileyo. Emaphakadeni, ingoma yabahlangulweyo iya kuthi: “Kulowo wasithandayo, wasikhulula ezonweni zethu ngelilelakhe igazi, . . . kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 1:5, 6. IE18 372.2

    [Yikumkani] eya kuthi “ihlale ilawule etroneni yayo, ibe ngumbingeleli etroneni yayo.” Ayikho ngoku “phezu kwetrone yobuqaqawuli baYo;” [kuba] ubukumkani bozuko abukangeniswa. Koda kube ngexa umsebenzi waKhe wokuba ngumthetheleli uya kuba uphelile, xa iNkosi uThixo “iya kumnika itrone kaDavide,” ubukumkani “[obungayi kuba] nasiphelo.” Luka 1:32, 33. Njengombingeleli, uKristu uhleli phantsi ngoku noYise etroneni yaKhe.” IsiTyhilelo 3:21. Phezu kwetrone naLowo wamandulo, kukho Lowo “uzithabathele phezu kwakhe izifo zethu, wathwala umvandedwa wethu,” “nowahendwayo ngeento zonke, ngokokufana nathi, engenasono,” ukuze “[abe nako] ukubasiza abahendwayo.” “Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise.” Isaya 53:4; Hebrews 4:15; 2:18; 1 Yohane 2:1. Ukuthethelela kwaKhe koko komzimba owahlatywayo waphulwa, nobomi obungenabala. Izandla ezenziwa amanxeba, icala elahlatywayo, iinyawo ezonakaliswayo, ziyabongoza ngenxa yomntu owileyo, okuhlangulwa kwakhe kwathengwa ngexabiso elikhulu kangako elingenamda. IE18 372.3

    “Icebo loxolo libe phakathi kwaBo bobabini.” Uthando lukaYise, olungekho ngaphantsi kolukaNyana, lungumthombo wosindiso lohlanga olulahlekileyo.WathiuYesukubafundi baKhephambi kokuba emke: “Anditsho kuni ukuthi ndiya kunicelela kuBawo; kuba uBawo ngokwakhe uyanithanda.” Yohane 16:26, 27. UThixo “waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi.” 2 Korinte 5:19. Ekulungiseleleni engcweleni engasentla, “icebo loxolo libe phakathi kwabo bobabini.” “Wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.” Yohane 3:16.IE18 372.4

    Umbuzo othi, Iyintoni ingcwele? Uphendulwe ngokucacileyo eziBhalweni. Isaci, “ingcwele,” njengoko sisetyenzisiwe eBhayibhileni, sibhekisa, kuqala, kumnquba owakhiwa nguMoses, ngokomfanekiso wezinto zasezulwini; okwesibini, “kumnquba wenyaniso” ezulwini, eyayisalatha kuwo ingcwele yasemhlabeni. Ekufeni kukaKristu, inkonzo yemifuziselo yaphela. “Umnquba wenyaniso” ezulwini owawusalatha kuwo yingcwele yomnqophiso omtsha. Ekupheleni kwama-2300 eentsuku, ngowe-1844, yayingekho ingcwele emhlabeni iinkulungwane ezininzi. Kungoko isiprofeto esithi, “Koda kube ziintsuku ezimawaka mabini anantathu, yandule ukulungiswa ingcwele,” sisalatha, ngaphandle kwamathandabuzo, kwingcwele esezulwini.IE18 373.1

    Sekunjalo, owona mbuzo ubaluleke kakhulu usasele ungaphendulwanga: Kukuthini ukuhlanjululwa [ukulungiswa] kwengcwele? Into yokuba kwakukho inkonzo enjalo ngokuhlangene nengcwele yasemhlabeni, ixeliwe kwizibhalo zeTestamene eNdala. Phofu ke, ingaba ikho into ezulwini ekufuneka ihlanjululwe? KumaHebhere 9, ukuhlanjululwa kwazo zombini iingcwele, eyasemhlabeni neyasezulwini, kufundiswe ngokucacileyo. “Zonke izinto ziphantse ukuba zihlanjuluwe ngegazi; kungaphalalanga gazi akubikho kuxolelwa. Kwakufuneka ngoko, ukuba okunene izisekelo zezinto ezisemazulwini zihlanjululwe ngezinto ezinjalo, kodwa zona iziqu zazo ezasemazulwini zihlanjululwe ngamadini alungileyo kunalawo” (Hebhere 9:22, 23), igazi elinexabiso likaKristu. IE18 373.2

    Ukuhlanjululwa, ngomfuziselo nangokwenene, kufunekakugqitywe ngegazi: kumfuziselo, ngegazi lezilwanyana; kokwenene, ngegazi likaKristu. UPawulos uthi, enika isizathu sokuba kungani oku kuhlanjululwa kufuneka kwenziwe ngegazi, nokuba, ngaphandle kokuphalala kwegazi alukho uxolelo. Uxolelo, okanye ukususwa kwesono, kungumsebenzi ekufuneka ugqityiwe. Phofu, sihlangana njani isono nengcwele, nokuba isezulwini okanye emhlabeni? Oku kungafundwa ngokukhangela kwinkonzo yomfuziselo; kuba ababingeleli ababekhonza emhlabeni, babe khonza “umzekelo nesithunzi sezinto zasemazulwini.” Hebhere 8:5. IE18 373.3

    Ulungiselelo kwingcwele yasemhlabeni kwakunamahlelo amabini; ababingeleli belungiselela yonke imihla endaweni engcwele, lo gama, kanye ngomnyaka, umbingeleli omkhulu wayesenza umsebenzi owodwa wocamagushelo kwingcwele kangcwele, ukuze kuhlanjululwe ingcwele. Imihla ngemihla umoni oguqukayo wayezisa umnikelo wakhe emnyango womnquba aze, akuba ebeke isandla sakhe phezu kwentloko yexhoba, avume izono zakhe, ngaloo ndlela esenza umfuziselo wokuzisusa kuye azise kwidini elimsulwa. Isilwanyana sasiye sibulawe. “Kungaphalalanga gazi,” uthi umpostile, akubikho ukuxolelwa kwesono. “Umphefumlo wenyama usegazini wona.” Levitikus 17:11. Umthetho owaphukileyo kaThixo wawufuna ubomi bowaphukileyo. Igazi, limele ubomi obuncanyiweyo bomoni, otyala lakhe lithwalwa lixhoba, lisiwe ngumbingeleli kwindawo engcwele litshizwe phambi kwekhuselo, apho emva kwalo kwakukho ityeya enomthetho lowo wawaphulwe ngumoni. Ngale nkonzo, isono, ngalo igazi, sasisiwe, ngokomfuziselo, engcweleni. Kwezinye iimeko, igazi lalingasiwa kwindawo engcwele; kodwa inyama yayityiwa ngumbingeleli, njengoko wabayalelayo uMoses oonyana baka-Aron, esithi: “[UThixo] uninike lona ukuze nibuthwale ubugwenxa bebandla.” Levitikus 10:17. Zombini ezi nkonzo, ngokufanayo, zazifuzisela ukususwa kwesono koguqukayo sisiwe engcweleni. IE18 373.4

    Wawuqhuba ngolo hlobo umsebenzi, imihla ngemihla, kuwo wonke umnyaka. Izono zikaIsrayeli zazisuswa ngolo hlobo ukusiwa engcweleni, waza umsebenzi ofuneka ngokukhethekileyo wadingeka ukwenza oko. UThixo wayalela ukuba igumbi ngalinye elingcwele lenzelwe ucamagushelo. “Ayicamagushele ingcwele ngenxa yobunqambi boonyana bakaSirayeli, nangenxa yezikreqo zabo ngokubhekisele ezonweni zabo zonke; enjenjalo kwintente yokuhlangana ehleliyo nabo phakathi kobunqambi babo.” Ucamagushelo lwalusenzelwa nesibingelelo, umbingeleli waye “asihlambulule, asingcwalise, ebunqambini boonyana bakaSirayeli.” Levitikus 16:16, 19.IE18 374.1

    Kanye ngomnyaka, ngeMini yoCamagushelo, umbingeleli wayengena kwingcwele kangcwele ukuhlambulula ingcwele. Umsebenzi owawusenziwa apho wawufeza umjikelo wolungiselelo, minyaka yonke. NgeMini yoCamagushelo amaxhwane amabini ebhokhwe ayeziswa emnyangweni womnquba, kwenziwe amaqashiso phezu kwawo, “elinye iqashiso libe lelikaYehova, elinye iqashiso libe lelika-Azazele.” Indima 8. Ibhokhwe eliwe kuyo iqashiso likaYehova yayibulawa ibe ngumnikelo wesono sabantu. Umbingeleli wayelizisa igazi layo ngaphakathi kwekhuselo alifefe phezu kwesihlalo senceba naphambi kwesihlalo senceba. Igazi lalikwafefwa phezu kwesibingelelo sesiqhumiso esasiphambi kwekhuselo.IE18 374.2

    “Acinezele uAron ngezandla zakhe zozibini entlokweni yenkunzi yebhokhwe ephilileyo, abuvume phezu kwayo ubugwenxa boonyana bakaSirayeli, nezikreqo zabo zonke ngokubhekisele ezonweni zabo zonke, azibeke ke phezu kwentloko yenkunzi leyo yebhokhwe, ayithumele entlango ngendoda ezilungisele oko. Inkunzi leyo yebhokhwe yobuthwala ke phezu kwayo bonke ubugwenxa babo, iye ezweni eliqhiwukileyo.” Iindima 21, 22. UAzazele wayengabuyeli enkampini yakwaIsrayeli, nendoda eyayimse kude kwakufuneka izihlambe, yona neempahla zayo, ngamanzi ngaphambi kokuba ibuyele enkampini. IE18 374.3

    Iyonke inkonzo yalungiselwa ukunika amaIsrayeli umbono wobungcwele bukaThixo nokusithiya kwaKhe isono; ukudlula apho, ukuwabonisa ukuba abakwazi ukuhlangana nesono baze bangangcoli. Wonke umntu kwakufuneka awuthuthumbise umphefumlo wakhe lo gama umsebenzi wokucanyagushelwa ubhekaphambili. Wonke umsebenzi kwakufuneka ubekwe bucala, lize ngaphezu koko, lonke ibandla lakwaIsrayeli lichithe imini ngokuzithoba okunendili phambi kukaThixo, lithandaza, lizila, lizigocagoca ngokunzulu intliziyo.IE18 375.1

    Iinyaniso ezibalulekileyo ezingocamagushelo zifundiswa ngenkonzo yomfuziselo. Kwamkelwa isibambiso endaweni yomoni; kodwa sona isono sasingacinywa ngegazi lexhoba. Ngenxa yoko, indlela yenziwa ekwakuthi ngayo isono sisuswe engcweleni. Ngokunikela igazi, umoni wayevuma igunya lomthetho, evuma ityala lakhe ngokuwugqitha, ebonisa ulangazelelo lwakhe lokuxolelwa ngokholo kuMhlanguli ozayo; kodwa wayengekakhululeki ngokupheleleyo ekugwetyweni ngumthetho. NgeMini yoCamagushelo umbingeleli omkhulu, akuba ewuthabathile umnikelo ebandleni, wayengena kwingcwele kangcwele negazi lalo mnikelo, ukuba anelise amabango awo. Emva koko, ngokohlobo lomthetheleli, wayezithabathela phezu kwakhe izono azithwale zisuke engcweleni. Ebeka izandla zakhe phezu kwentloko ka-Azazele, wayezivuma phezu kwakhe zonke ezi zono, ngaloo ndlela ngokomfuziselo, zazizidlulisa kuye ziye phezu kwebhokwe. Ibhokhwe yayizithwala imke nazo, zize zithatyathwe njengezisuswe ngonaphakade ebantwini. IE18 375.2

    Yayinjalo inkonzo eyayisenziwa “ngokomzekelo nesithunzi sezinto zasezulwini.” Oko ke kwakusenziwa kungumfuziselo ekulungiseleleni kwingcwele yasemhlabeni kwenziwa ngokuyinene kulungiselelo kwingcwele yasezulwini. Emva kokunyuka kwaKhe, uMsindisi wethu waqala umsebenzi waKhe wombingeleli omkhulu. Uthi uPawulos: “UKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” Hebhere 9:24. IE18 375.3

    Ulungiselelo lombingeleli kumnyaka wonke kwigumbi lokuqala lengcwele, “ngaphaya kwekhuselo” elalilucango elahlula indawo engcwele kwintendelezo yangaphandle, lumele umsebenzi wolungiselelo atheuKristu wangena kuwo ekunyukeni kwaKhe. Yayingumsebenzi wombingeleli kulungiselelo lwemihla ngemihla ukubeka phambi kukaThixo igazi lomnikelo wesono, nesiqhumiso esasinyuka nemithandazo kaIsrayeli. Ngokunjalo, uKristu ucenga ngegazi laKhe phambi kukaYise ngenxa yaboni, aze abeke kwaphambi kwaKhe, ngevumba eliqholiweyo lobaKhe ubulungisa, imithandazo yabakholwayo abazohlwayayo. Wawunjalo umsebenzi wokulungiselela kwigumbi lokuqala kwingcwele yasezulwini.IE18 375.4

    Kulapho ukholo lwabafundi bakaKristu lwamlandela lusiya khona xa wayenyuka esithela emehlweni abo. Apha, amathemba abo ayemile khona, “ithemba ke esinalo,” ngokutsho kukaPawulos, “ngokweankile yomphefumlo, linqabile likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo; apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, . . . waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.” “Kungengalo igazi leebhokhwe nelamathole, kungegazi elilelakhe; wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.” Hebhere 6:19, 20; 9:12.IE18 376.1

    Kwaba ziinkulungwane ezilishumi elinesibhozo lo msebenzi wolungiselelo uqhuba kwigumbi lokuqala lengcwele. Igazi likaKristu, licengela abakholwayo abazohlwayayo, lakufumana ukuxolelwa kwabo nokwamkelwa nguBawo, kanti ke izono zabo zisahleli kwiincwadi zengxelo. Njengoko inkonzo yomfuziselo yayingumsebenzi wocamagushelo ekupheleni komnyaka, ngokunjalo, phambi kokuba umsebenzi kaKristu wokuhlambulula abantu ugqitywe, kukho umsebenzi wocamagushelo wokususwa kwesono engcweleni. Le yinkonzo eyaqala xa kwakuphela ama-2300 eentsuku. Ngelo xesha, njengoku kwakuxelwe kwangaphambili nguDaniyeli umprofeti, umBingeleli wethu omKhulu wangena kwingcwele kangcwele, ukuba enze icandelo lokugqibela lomsebenzi waKhe onendili—ukuhlambulula ingcwele. IE18 376.2

    Njengakudala, izono zabantu, ngokholo, zazibekwa phezu komnikelo wesono, kuze kuthi, ngegazi lawo, zifuduselwe, ngokomfuziselo, kwingcwele yasemhlabeni; ngokunjalo nasemnqophisweni omtsha, izono zoguqukayo zithi, ngokholo, zibekwe phezu kukaKristu, zize zidluliselwe kwingcwele yasezulwini. Njengoko ukungcwaliswa kweyasemhlabeni itempile okungumfuziselo kwakufezwa ngokususwa kwezono ezaziyingcolisile, ngokunjalo okona kuhlanjululwa kweyasezulwini kuya kufezwa ngokususwa, okanye ukucinywa, kwezono ezibhalwe apho. Ngaphambi kokuba oku kufezwe, kufuneka kubekho ukuhlolwa kweencwadi zengxelo ukugqiba ukuba ngoobani abathe ngokuguquka esonweni nokukholwa kuKristu, bafumana ilungelo locamagushelo lwaKhe. Ukuhlanjululwa kwengcwele, ke ngoko kubandakanya uphengululo—umsebenzi womgwebo. Lo msebenzi kufuneka wenziwe ngaphambi kokuza kukaKrisu ukuza kuhlangula abantu baKhe; kuba xa esiza, umvuzo waKhe unaYe ukuba anike wonke umntu ngokwemisebenzi yakhe. IsiTyhilelo 22: 12.IE18 376.3

    Ngoko ke, abo balandela ekukhanyeni kwelizwi lesiprofeto babona ukuba, endaweni yokuza emhlabeni ekupheleni kwama-2300 eentsuku ngowe-1844, uKristu ngelo xesha wangena kwingcwele kangcwele yengcwele yasezulwini ukuya kwenza umsebenzi wokuqoshelisa ucamagushelo olulungiselela ukuza kwaKhe.IE18 377.1

    Kwaya kwabonwa, kwakhona ukuba, lo gama umnikelo wesono wawusalatha kuKristu njengombingelelo, aze umbingeleli omkhulu amele uKristu njengomthetheleli, ibhokhwe uAzazele yayifuzisela uSathana, imbangi yesono, ekuya kuthi ekugqibeleni kubekwe phezu kwakhe izono zabazohlwaye ngenene. Xa umbingeleli omkhulu, ngenxa yegazi lomnikelo wesono, ebezisusa izono kwingcwele, azibeka phezu kwebhokhwe uAzazele. Xa uKristu, ngelilelaKhe igazi, ezisusile izono zabantu baKhe kwingcwele yasezulwini ekupheleni kolungiselelo lwaKhe, uya kuzibeka phezu kukaSathana, oya kuthi, ekwenziweni kwesigwebo [esiya kuba siwisiwe], kufuneke athwale isohlwayo sokugqibela. Ibhokhwe uAzazele wayethunyelwa kwindawo engamiwanga bantu, angaze aphinde abuyele kwintlanganiso kaIsrayeli. Kuya kuba njalo, kuba uSathana uya kugxothwa ngonaphakade phambi kukaThixo nabantu baKhe, aze acinywe angabikho ngentshabalalo yokugqibela nesono kunye naboni.IE18 377.2

    {Kwiphepha [413] kukho u[kwa] ofakelweyo. KwisiGrike ngu-kai; kwisiNgesi ngu-also. Umelwe ukufakwa kuba umbhali uyathetha ngaye.}

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents