Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    28—Ukugocwagocwa kwengxelo yobomi

    “Ndabona,” utsho umprofeti uDaniyeli, “zada zamiswa iitrone, wahlala uNyangelemihla; isambatho sakhe simhlophe njengekhephu, neenwele zentloko yakhe zinjengoboya bezimvu obunyulu, itrone yakhe ingamalangatye, iivili zayo ngumlilo olenyayo. Kwaphuma umlambo womlilo phambi kwakhe, amawaka amawaka ayelungiselela kuye, nezigidi zezigidi bezimisa phambi kwakhe, abagwebi bahlala phantsi, iincwadi zavulwa.” Daniyeli 7:9, 10. IE18 426.1

    Wabekwa ngolo hlobo embonweni kamprofeti umhla omkhulu nowoyikekayo xa izimilo nobomi babantu babuza kudlula buhlolwa phambi koMgwebi womhlaba wonke, kwaye bonke abantu kuza kufuneka benikwe “ngokwemisebenzi yabo.” UNyangelemihla nguThixo uYise. Uthi umdumisi: “Kungekazalwa zintaba, ungekavelisi mhlaba, nazwe limiweyo, kususela kwaphakade kuse ephakadeni, wena unguThixo.” INdumiso 90:2. NguYe, iliso layo yonke indalo, nomthombo womthetho, oza kuhlala emgwebeni. Izithunywa ezingcwele zingabalungiseleli, namangqina, ngenani “ngamawaka alishumi aphindwe ngamawaka alishumi, namawaka amawaka,” zikho kule nkundla yamatyala inkulu. IE18 426.2

    “Ndabona . . . nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengoNyana woMntu,wafika kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe. Wanikwa igunya igunya nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse; igunya lakhe ligunya elingunaphakade, elingapheliyo; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.” Daniyeli 7:13, 14. Ukuza kukaKristu okuchazwe apha asikuko ukuza kwaKhe kwesibini emhlabeni. Uza kuNyangelemihla ezulwini ukuba amkele ubungangamsha nobuqaqawuli nobukumkani, izinto eziza kunikwa ekupheleni komsebenzi wakhe engumthetheleli. Koku kuza, kungekuko ukuza kwaKhe kwesibini emhlabeni, okwakuxelwe kwangaphambili kwisiprofeto okwakuza kwenzeka ekupheleni kwama-2300 eentsuku ngowe-1844. Ekhatshwa ziingelosi zasezulwini, uMbingeleli wethu oMkhulu ungena kwingcwele kangcwele, aze apho avele phambi kukaThixo ukuba enze imisebenzi yolungiselelo lwaKhe lokugqibela ngenxa yomntu—ukwenza umsebenzi womgwebo wophengululo nokwenza ucamagushelo lwabo bonke ababonise ukufanelwa kokuhle kwalo.IE18 426.3

    Kwinkonzo yomfuziselo, kuphela ngabo beza phambi koThixo bezivuma benenguquko, nezithe izono zabo, ngegazi lomnikelo wesono, zadluliselwa engcweleni, abanesabelo enkonzweni yeMini yoCamagushelo. Ngoko ke, ngemini enkulu yocamagushelo lokugqibela nomgwebo wophengululo, amatyala ekuphela kwawo aqwalaselwayo ngalawo abantu abazibize ngoThixo. Umgwebo wabakhohlakeleyo umi wodwa, ungumsebenzi owahlukileyo, owenzeka ngexesha lamva. Ugwebo luqale ngendlu kaThixo. Ukuba ke luqala ngathi, “koba yintoni na ukuphela kwabo bangazivayo iindaba ezilungileyo?” 1 Petros 4:17.IE18 427.1

    Iincwadi zengxelo ezulwini, apho amagama nezenzo zabantu zibhalwe khona, ziza kukhokela kwizigqibo zomgwebo. Uthi umprofeti uDaniyeli: “Waqala umgwebo, zavulwa iincwadi.” Umtyhilelwa, echaza kwawona loo mboniso, wongeza, athi: “Kwavulwa nenye incwadi, eyeyobomi; bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.” IsiTyhilelo 20:12.IE18 427.2

    Incwadi yobomi inamagama abo bonke abakha bangena emsebenzini kaThixo. UYesu wathi kubafundi baKhe: “vuyelanikekanye okokuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.” Luka 10:20. UPawulos uthetha ngabasebenzi kunye naye abathembekileyo, “abamagama abo abhaliweyo encwadini yobomi.” Filipu 4:3. UDaniyeli, elikhangele kude “ixesha lembandezelo elingazanga labakho elinjalo,” uthi abantu bakaThixo baya kuhlangulwa, “bonke abafunyenwe bebhaliwe encwadini.” Aze umbhali wesiTyhilelo athi, ngabo kuphela abaya kungena emzini kaThixo abamagama abo “[a]bhalwe encwadini yobomi yeMvana.” Daniyeli 12:1; IsiTyhilelo 21:27.IE18 427.3

    “Incwadi yokukhumbuza” ibhalwe phambi kukaThixo, apho kubhalwe izenzo ezilungileyo “zabo abamoyikayo uYehova, abacinga ngegama lakhe.” Malaki 3:16. Amazwi abo okholo, izenzo zabo zothando, zibhaliwe ezulwini. UNehemiya uthetha ngoku xa athi: “Ndikhumbule, Thixo wam, . . . musa ukuzicima iinceba zam, endizenzileyo endlwini kaThixo wam.” Nehemiya 13:14. Encwadini kaThixo yokukhumbuza zonke izenzo zobulungisa zikrolwe unaphakade. Apho, sonke isihendo esoyisiweyo, bonke ububi oboyisiweyo, lonke ilizwi lovelwano olunothando elithethiweyo, likrolwe ngokuthembeka. Sonke isenzo sokuzincama, bonke ubunzima nentlungu enyamezelweyo ngenxa kaKristu, ibhaliwe. Uthi umdumisi: “Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; azisencwadini yakho na?” INdumiso 56:8.IE18 427.4

    Ikwakho nengxelo yezono zabantu. “ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni, izinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile nokuba zimbi.” “Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo.” Uthi umMsindisi: “Ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.” Intshumayeli 12:14; Mateyu 12:36, 37. Iinjongo ezifihlakeleyo nezizathu zikho kwingxelo engaphazamiyo; kuba uThixo “eya kuthi azikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo.” 1 Korinte 4:5. “Yabona, kubhaliwe phambi kwam, . . . izenzo zenu ezigwenxa, nezenzo ezigwenxa zooyihlo kunye, utsho uYehova.” Isaya 65:6, 7.IE18 428.1

    Wonke umsebenzi womntu udlula ekuhlolweni phambi kukaThixo kwaye ubhaliwe ukuze uhlolelwe ukunyaniseka okanye ukunganyaniseki. Ecaleni kwegama ngalinye ezincwadini zezulu kufakwe, ngoqaphelo oluqinisekileyo, lonke ilizwi eligwenxa, sonke isenzo somona, wonke umsebenzi ongagqitywanga, sonke isono sasemfihlakalweni, nalo lonke unyhwalazo olwenziwe ngobuchule. Izilumkiso ebezithunyelwe lizulu okanye ukuthethiswa okuye kwatyeshelwa, imizuzu echithwe ngelize, amathuba angaphuhliswanga, impembelelo eyenziweyo yokulungileyo okanye okubi, neziphumo ezikhulu zayo, konke kukroliwe yingelosi ethabatha ingxelo.IE18 428.2

    Umthetho kaThixo ungumlinganiselo [womgangatho] ekuza kuthi izimilo nobomi babantu bucikidwe ngawo emgwebeni. Ithi indoda esisilumko: “Yoyika uThixo, ugcine imithetho yakhe, ngokuba indawo leyo yimfanelo yoluntu lonke. Ngokuba izenzo zonke uThixo uya kuzizisa ekugwetyweni.” Intshumayeli 12:13, 14. Umpostile uYakobi ucebisa abazalwana bakhe, ngelithi: “Yithini ukuthetha, yithini ukwenza, nenze njengabaza kugwetywa ngomthetho wenkululeko.” Yakobi 2:12IE18 428.3

    Abo basemgwebeni “kuthiwe bafanele” baya kuba nesabelo eluvukweni lwamalungisa. UYesu wathi: “Ke bona abo kuthiwe bafanele ukufika kwelo phakade, nakukuvuka kwabafileyo, . . . kananjalo bangoonyana bakaThixo, bengabovuko njalo.” Luka 20:35, 36. Uphinda kwakhona axele ukuba “abo benza izinto ezilungileyo” baza kuza “eluvukweni lobomi.” Yohane 5:29. “Amalungisa afileyo awayi kuvuka kude kube semva komgwebo ekuya kuthi kuwo akufanele “ukuvukela ebomini.” Kungoko engayi kubakho ubuqu enkundleni xa iingxelo zawo zihlolwa kugqitywa ngamatyala awo.IE18 428.4

    UYesu uza kubonakala engummeli wabo, ukuba abongoze ngenxa yabo phambi kukaThixo. “Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.” 1 Yohane 2:1. “Kuba uKristu akangenanga kweyona ngcwele inokwenziwa ngezandla, engumfuziselo weyenyaniso; ungene kuwo amazulu ngokwawo, ukuba abonakale ngoku ebusweni bukaThixo ngenxa yethu.” “Ngoko unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.” Hebhere 9:24; 7:25. IE18 429.1

    Zithi xa zivulwa iincwadi zengxelo emgwebeni, ubomi babo bonke abakha bakholwa kuYesu buvele phambi kukaThixo. Kuqalela kwabo babephila phezu komhlaba, uMthetheleli wethu ubeka amatyala ngokulandelelana kwezizukulwana, aphele ngesiphilayo. Igama ngalinye liyakhankanywa, lonke ityala liphengululwe ngokucokisekileyo. Amagama ayamkelwa, amagama ayaliwa. Xa bekho abanezono ezisekwiincwadi zengxelo, zingaguqukelwanga, zingaxolelwanga, amagama abo aya kucinywa encwadini yobomi, zize iingxelo zezenzo zabo ezihle zicinywe encwadini kaThixo yokukhumbuza. UYehova wathi kuMoses: “Ubani osukuba onile kum, ndiya kucima yena encwadini yam.” Eksodus 32:33. Athi yena umprofeti uHezekile: “Khona ekubuyeni kwelungisa ebulungiseni balo, . . . yonke imisebenzi yalo yobulungisa elayenzayo ayiyi kukhunjulwa.” Hezekile 18:24. IE18 429.2

    Bonke abaguquka ngokwenene esonweni, bathi ngokholo babanga igazi likaKristu njengombingelelo wocamagushelo lwabo, bazuza ukuxolelwa okubhalwe ecaleni kwamagama abo ezincwadini zasezulwini; njengokuba baye banesabelo kubulungisa bukaKristu, zaza izimilo zabo zafunyanwa zihambelana nomthetho kaThixo, izono zabo ziya kucinywa, baze babalelwe ekuthini babufanele ubomi obungunaphakade. UYehova uthi, ngomprofeti uIsaya: “Mna ndinguye ocima izikreqo zakho ngenxa yam, ndingazikhumbuli izono zakho.” Isaya 43:25. Uthi uYesu: “Lowo weyisayo uya kuthiwa wambu ngeengubo ezimhlophe. Andisayi kulicima igama lakhe encwadini yobomi; ndiya kulivuma igama lakhe emehlweni kaBawo, naphambi kwezithunywa zakhe.” “Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.” IsiTyhilelo 3:5; Mateyu 10:32, 33.IE18 429.3

    Owona mdla unzulu kakhulu obonakalaliswa phakathi kwabantu kwizigqibo zeenkundla zasemhlabeni uyinto encinane kakhulu xa uthelekiswa nalowo obonakala kwiinkundla zasezulwini xa amagama asezincwadini zobomi ebizwa ukuba ahlolwe phambi koMgwebi womhlaba wonke. UMthetheleli ongcwele ubeka isicengo sokuba bonke aboyisileyo ngokukholwa kwigazi laKhe baxolelwe izikreqo zabo, ukuze babuyiselwe kwikhaya labo iEden, bathwaliswe izithsaba njengeendlamafa kunye naYe “kolwangaphambili ulawulo.” Mika 4:8. USathana, kumalinge akhe okukhohlisa nokuhenda uhlanga lwethu, wacinga ukuthintela icebo lezulu ngokudalwa komntu; kodwa uKristu ngoku ucela ukuba abantu baKhe, banganeli ukunikwa uxolelo nokugwetyelwa nje kuphela, luzele luphelele, kodwa isabelo sobuqaqawuli baKhe nesihlalo phezu kwetrone yaKhe. IE18 429.4

    Ngeli xesha uYesu ebongozela abantu baKhe ngobabalo lwaKhe, uSathana uyabamangalela phambi kukaThixo njengabagqithi bomthetho. Umkhohlisi omkhulu uzame ukubenza babenentandabuzo, ukubenza balahlekwe kukumthemba uThixo, bazahlule kuthando lwaKhe, nokuba bawaphule umthetho waKhe. Ngoku, walatha kwingxelo yobomi babo, kwiziphako zesimilo, ukungafani noKristu, nto leyo engamzukisanga uMhlanguli wabo, nakuzo zonke izono awathi wabalinga ngazo ukuba bazenze, aze athi, ngenxa yako konke oku, ababange njengabangabakhe. IE18 430.1

    UYesu akazikhuseli izono zabo, kodwa ubonisa ukuzohlwaya nokholo lwabo, aze, ebanga ukuxolelwa kwabo, aphakamise izandla zaKhe ezinamanxeba phambi kukaYise nezithunywa ezingcwele, athi, Ndibazi ngamagama. Ndiwakrolile ezintendeni zezandla zam. “Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, intliziyo etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.” INdumiso 51:17. Kummangaleli wabantu bakaThixo, uthi: “UYehova makakukhalimele, Sathana; akukhalimele uYehova oyinyulileyo iYerusalem; lo akasikhuni esirholwe emlilweni na?” Zekariya 3:2. UKristu uya kubambesa abaKhe abathembekileyo ngobaKhe ubulungisa, ukuze abamise kuYise “[be]libandla elingenabala, elingenamibimbi, nanye into enjalo.” Efese 5:27. Amagama abo ebhaliwe encwadini yobomi, kwaye ngawo kubhaliwe kwathiwa: “Baya kuhamba nam benezimhlophe; ngokuba bafanelekile.” IsiTyhilelo 3:4.IE18 430.2

    Ngoko ke, kuya kuqondwa ukuphelela kokuzaliseka kwesithembiso somnqophiso omtsha: “Ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.” “Ngaloo mihla nangelo xesha, utsho uYehova, buya kufunwa ubugwenxa bukaIsrayeli, bungabikho; nezono zikaYuda zingafumaneki.” Yeremiya 31:34; 50:20. “Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaIsrayeli. Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe ungcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem.” Isaya 4:2, 3.IE18 430.3

    Umsebenzi womgwebo wophengululo nokucinywa kwezono kufuneka ugqitywe ngaphambi kokufika kwesibini kweNkosi. Njengoko abafileyo beza kugwetywa ngokwezinto ezibhalwe ezincwadini, azikwazi ukuba izono zabantu zingacinywa kude kube semva komgwebo apho amatyala abo kufuneka ephengululwe khona. Yena umpostile uPetros ukuxela ngokucacileyo ukuba, izono zabakholwayo ziya kucinywa kwakuba “[kufike] amathuba okuphumza, evela ebusweni beNkosi; ithume uYesu Kristu.” IZenzo 3:19, 20. Xa umgwebo wophengululo uphela, uKristu uya kuza, ube umvuzo waKhe unaye ukuba anike wonke umntu njengoko umsebenzi wakhe uya kuba unjalo.IE18 431.1

    Kwinkonzo yomfuziselo, umbingeleli omkhulu, akuba elwenzile ucamagushelo ngenxa kaIsrayeli, wayephuma alisikelele ibandla. Ngoko ke, uKristu, ekupheleni komsebenzi waKhe njengomthetheleli, uya kubonakala, “ngaphandle kwesono . . . ezisa usindiso” (Hebhere 9:28), ukuba asikelele abantu baKhe abalindileyo ngobomi obungunaphakade. Njengokuba umbingeleli, ekuzisuseni izono engcweleni, wayezivuma phezu kwentloko yebhokhwe uAzazele, ngokunjalo uKristu uya kuzibeka zonke izono phezu kukaSathana, imbangi nomkhuthazi wesono. Ibhokhwe uAzazele, eyayithwele izono zikaIsrayeli, yayithunyelwa kude “apho kungahlali mntu khona” (Eyonqulo 16:22, IBHAYIBHILE); ngoko, uSathana, ethwele ityala lazo zonke izono awenza ukuba abantu bakaThixo bazenze,uyakugcinwaiminyakaeliwaka emhlabeni,oyakuba usenyanyeni, ungenabemi, aze ekugqibeleni afumane isohlwayo esipheleleyo sesono emililweni eya kutshabalalisa bonke abakhohlakeleyo. Ngaloo ndlela, icebo elikhulu losindiso liya kuba lifikelele ekufezekisweni, ekuncothulweni kokugqibela kwesono nokuhlangulwa kwabo bonke abo baba nentumekelelo yokubushiya ububi.IE18 431.2

    Ngexesha elimisiweyo lomgwebo—ekupheleni kwama-2300 eentsuku, ngowe-1844,--waqala umsebenzi wophengululo nokucinywa kwezono. Bonke abaka balibiza igama likaKristu kufuneka bedlule kuphengululo olungqongqo. Bonke abaphilileyo nabafileyo baza kugwetywa “ngokubhaliweyo ezincwadini ezo, ngokwemisebenzi yabo.”IE18 431.3

    Izono, ekungakhange kuguqukwe kuzo zize zishiywe, azisayi kuxolelwa zingasayi kucinywa ezincwadini zengxelo, kodwa ziya kuma zibe bubungqina ukuchasa umoni ngemini kaThixo. Usenokuba wazenza izenzo zakhe ezibi kukhanya emini okanye ebumnyameni bobusuku; kodwa zavulwa zabonakalaliswa phambi kwaLowo esinento yokwenza naYe. Iingelosi zikaThixo zasibona isono ngasinye zasibhala kwingxelo engaphazamiyo. Isono sisenokufihlwa, sikhanyelwe, sigqunywe kutata, kumama, emfazini, ebantwaneni, nakumaqabane; akakho ngaphandle kwabo banetyala basenzayo abanokondla nokokugqibela ukukrokra ngobubi; kodwa siyatyhilwa phambi kwezazi zasezulwini. Ubumnyama bobona busuku bumnyama, imfihlo kubo bonke ubuchule benkohliso, abanele ukugquma nokuba yingcinga enye ekwaziweni ngonguNaphakade. UThixo unengxelo ethe ngqo yayo yonke ingxelo engalunganga nako konke ukwenza okukhohlakeleyo. Akakhohliswa yimbonakalo yokumoyika. Akenzi mpazamo ekuqikeleleni kwaKhe isimilo. Abantu bangakhohliswa ngabo bakhohlakeleyo entliziyweni, kodwa uThixo ugqobhoza kuko konke ukuzifihla afunde ubomi obungaphakathi. IE18 431.4

    Ukundiliseka kwaloo ngcamango! Imihla ngemihla, idlula isiya kunaphakade, ithwele umthwalo weengxelo zeencwadi zezulu. Amazwi athethwayo, izenzo ezakha zenziwa, azisayi kuze zikhunjulwe. Iingelosi zizibhalile, ezilungileyo nezimbi. Umoyisi olelona gorha linamandla emhlabeni akakwazi ukukhumbula ingxelo yemini nganye. Izenzo zethu, amazwi ethu, nezona njongo ziyimfihlo ngaphakathi kwethu, zonke zinobunzima bazo ekwenzeni isigqibo ngesiphelo sethu, ngokuhle okanye okanye ngokubi. Nangona zisenokuba zilibalekile kuthi, zobazibuthwele ubungqina bazo bokugwebela okanye ukugweba.IE18 432.1

    Njengoko iimpawu zembonakalo zivezwa ngokucace kakhulu kubuso bento azoba kuyo umzobi, sinjalo isimilo ukubekwa kwaso ezincwadini zaphezulu. Kanti ke, ayincinane nje inkathalo ebonakala iviwa ngezo ngxelo ekuza kuhlanganwa nazo zizidalwa zasezulwini! Ukuba ikhuselo elahlula ilizwe elibonakalayo kwelingabonakaliyo belingasuswa, baze abantwana babantu babone ingelosi ethabatha ingxelo yegama ngalinye nesenzo ngasinye, ekufuneka kuhlangenwe nazo emgwebeni, mangaphi amazwi athethiweyo abenokuhlala engathethwanga, zingaphi izenzo ebekunokuhlalwa zingenziwanga! IE18 432.2

    Emgwebeni, ukusetyenziswa kwayo yonke italente kuza kuhlolisiswa. Siyisebenzise njani inkunzi ebesiyibolekwe liZulu? Ingaba iNkosi ekufikeni kwayo ingakufumana okwayo kunenzala? Ingaba siwaphuhlisile amandla agciniswe thina, ngesandla nentliziyo nengqondo, ekuzukiseni uThixo nokusikelela ihlabathi? Silisebenzise njani ixesha, usiba, ilizwi, imali yethu, impembelelo yethu? Simenzele ntoni uKristu ngokukhanya nenyaniso asinike zona ukuba silumkise abantu baye elusindisweni? Akukho xabiso layanyiswe ekuzibizeni nje ngokukholwa kuKristu; kuphela luthando oluboniswa ngemisebenzi olubalwa ukuba luyinyaniso. Kanti ke, luthando kuphela oluthi, ngokokubona kweZulu, lwenze ukuba nasiphi isenzo sibe nexabiso. Nokuba yintoni eyenziwa ngothando, nokuba ibonakala incinane ngokuqikelela kwabantu, iyamkeleka ivuzwe nguThixo.IE18 432.3

    Umona ofihlakeleyo wabantu uyatyhilwa ezincwadini zezulu. Kukho ingxelo yemisebenzi engazalisekiswanga kubazalwana babo, yokulibala amabango oMsindisi. Apho, baya kubona indlela abebesoloko benika ngayo uSathana ixesha, ingcinga, namandla, izinto ezizezikaKristu. Ilusizi ingxelo eziswa zizithunywa ezulwini. Abantu abanobuchopho, abazibiza ngokuba bangabalandeli bakaKrisu, bathabathekile ekuzuzeni ubutyebi behlabathiokanyeekonwabeleniiziyolozomhlaba.Imali,ixesha, namandla ancanyelwa nokuziyekela; kodwa ambalwa amathuba anikelwe ekuthandazeni, ekuphengululeni iziBhalo, ekuthotyweni komphefumlo nokuvunywa kwesono.IE18 433.1

    USathana uveza amacebo angenakubalwa okuxakekisa iingqondo zethu, ukuze zingahlali kumsebenzi kanye ebesimele ukuba siqhelana nawo kakhulu. Umkhohlisi omkhulu uzithiyile iinyaniso ezinkulu ezityhila umnikelo ocamagushelayo nomthetheleli onamandla onke. Uyazi ukuba kuye yonke into ixhomekeke ekuyijikeni ingqondo isuke kuYesu nakwinyaniso yaKhe.IE18 433.2

    Abo banga banganesabelo kokuhle kokuthethelela koMsindisi kufuneka bangavumeli nto ukuba iphazamisane nomsebenzi wabo wokufezekisa ubungcwele babo ekoyikeni uThixo. Iiyure ezixabisekileyo, kunokuba zinikelwe eziyolweni, ekuqhayiseni, okanye ekufuneni inzuzo, zimele ukunikelwa ekufundeni ilizwi lenyaniso ngenzondelelo, nomthandazo. Isifundo sengcwele nomgwebo wophengululo kufuneka siqondwe ngokucacileyo ngabantu bakaThixo. Bonke badinga ukuzazela ngokwabo ngendawo akuyo nomsebenzi woMbingeleli wabo omKhulu. Kungenjalo abayi kukwazi ukusebenzisa ukholo olufunekayo neli xesha okanye babe kwindawo uThixo ayilungiselele ukuba babe kuyo. Umntu ngamnye unomphemfulo ekufuneka ewusindisile okanye umlahleke. Elowo unetyala elimlindeleyo phambi kwenkundla kaThixo. Elowo kufuneka ejongene nomGwebi ubuso ngobuso. Kubalulekile kakhulu, ke ngoko, ukuba yonke ingqondo ithi rhoqo ukucamngca umbono owoyikekayo xa ukugweba kuya kuhlala, iincwadi zivulwe, xa, kunye noDaniyeli, wonke ubani eya kuma kwiqashiso lakhe, ekupheleni kwemihla.IE18 433.3

    Bonke abakwamkelayo ukukhanya kwezi ndawo kuza kufuneka bathwale ubungqina beenyaniso ezinkulu uThixo abanike zona. Ingcwele yasezulwini lelona ziko lomsebenzi kaKristu ngenxa yabantu. Inento yokwenza nawo wonke umphefumlo ophilayo phezu komhlaba. Ityhila icebo lohlangulo, isiziza ezantsi ekupheleni kanye kwexesha ityhile umba woloyiso kumlo phakathi kobulungisa nesono. Kubaluleke kakhulu ukuba bonke baziphengulule ngenzondelelo ngenzondelelo ezi ndawo baze bakwazi ukuphendula kuye wonke obuzayo isizathu sethemba abanalo ngaphakathi kwabo.IE18 433.4

    Ukuthethelela kukaKristu ngenxa yomntu engcweleni engasentla kuyinto efunekayo kwicebo losindiso njengoko ukufa kwaKhe kwawuqala loo msebenzi, awathi, emva kokuvuka kwaKhe, wenyuka ukuba awugqibe ezulwini. Kufuneka ngokholo singene ngaphaya kwekhuselo, “apho umanduleli wethu wangena khona ngenxa yethu.” Hebhere 6:20. Apho, ukukhanya okusuka emnqamlezweni waseKalvari kuyabonakala. Kunokubakho inzuzo ecace kakhulu ebonakalayo ngaphakathi kwiimfihlakalo zokuhlangulwa. Usindiso lomntu lufezwe ngexabiso elingenamlinganiselo ezulwini; umbingelelo owenziweyo ulingana nokona kubanzi okufunwa ngumthetho kaThixo owaphuliweyo. UYesu uvule indlela eya etroneni kaBawo, kwaye, ngokuthethelela kwaKhe ulangazelelo olunenzondelelo lwabo bonke abeza kuYe ngokholo, lunako ukubekwa phambi koThixo.IE18 434.1

    “Osigubungelayo isono sakhe akayi kuba nampumelelo; ke yena osivumayo, asishiye, uya kufumana inceba.” IMizekeliso 28:13. Ukuba abo bazifihlayo bazithethelele iziphoso zabo bebengabona indlela uSathana avuya ngayo ngenxa yabo, nendlela achukusha ngayo uKristu nezithunywa zaKhe ezingcwele ngenxa yekhondo labo, bebeya kukhawuleza ukuzivuma izono zabo bazishiye. Ngenxa yeziphako zesimilo, uSathana usebenzela ukuzuza ulawulo lwayo yonke ingqondo, kwaye uyazi ukuba, ukuba ezi ziphako zithi zondliwe, uya kuphumelela. Ngoko ke, uzama rhoqo ukukhohlisa abalandeli bakaKristu ngobuciko bakhe obubulalayo, aziyo ukuba abanako ukuboyisa. Kanti ke, uYesu ubongoza ngenxa yezandla zaKhe ezinamanxeba, umzimba wakhe owaphulwayo; aze athi kubo bonke abanga bangamlandela: “Ubabalo lwam lukwanele.” 2 Korinte 12:9. “Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo, noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.” Mateyu 11:29, 30. Makungabikho bani, ke ngoko, ozithabatha iziphako zakhe njengezinganyangekiyo. UThixo uya kunika ukholo nobabalo ukuba zoyiswe.IE18 434.2

    Siphila ngoku kwiminienkuluyocamagusho. Kwinkonzo yemifuziselo, ngexesha umbingeleli omkhulu wayesenza ucamagushelo ngenxa kaIsrayeli, bonke kwakufuneka bazithuthumbise imiphefumlo yabo ngokuguquka esonweni nokuzithobela phantsi phambi kukaYehova, hleze banqanyulwe phakathi kwabantu. Ngokunjalo, bonke abanga amagama abo angagcinwa encwadini yobomi ngoku, kule mihla imbalwa ishiyekileyo yenceba yabo, kufuneka bayithuthumbise imiphefumlo yabo phambi kukaThixo ngobuhlungu ngenxa yesono nenguquko enyanisileyo. Kufuneka kubekho uphengululo lwentliziyo olunzulu noluthembekileyo. Umoya olula, nowokudlala ekungenwa kuwo ngabaninzi abazibiza ngobuba bangamaKristu kufuneka kwahlukwanwe nawo. Eli dabi linenzondelelo phambi kwabo bonke abanga bangoyisa imikhwa emibi ezama ukulawula. Umsebenzi wokulungiselela ngumsebenzi womntu ngamnye. Asisindiswa ngamaqela. Ubunyulu nokuzinikela komnye akusokuze kususe imfuno yoku kuhle komnye. Nangona zonke izizwe ziza kudlula emgwebeni phambi kukaThixo, Yena [uThixo] uza kuhlola ityala lomntu ngamnye ngokuqaphela okusondeleyo nokuphengululayo ngokungathi akakho omnye umntu phezu komhlaba. Wonke ubani kufuneka ecikidiwe aze afunyanwe engenabala okanye umbimbi okanye nanye into enjalo. IE18 435.1

    Iyoyikeka imiboniso ehlangene nokuvalwa komsebenzi wocamagushelo. Kukhulu okwenza umdla okwenzekayo apho. Umgwebo ngoku ungena phakathi engcweleni ephezulu. Kuyiminyaka emininzi lo msebenzi uqhuba. Kungekudala—akakho owaziyo ukuba kangakanani—uza kudlulela kumatyala abaphilileyo. Phambi kukaThixo owoyikekayo, ubomi bethu buza kuhlolwa. Ngeli xesha, ngaphezu kwawo onke, kufanele ukuba wonke umphefumlo uthobele isiyalo soMsindisi: “Musani ukulala, thandazani. Kuba anilazi ukuba linini ixesha elo.” Marko 13:33. “Ukuba ngoko akuthanga ulinde, ndokufikela njengesela; akusayi kulazi ilixa endokufikela ngalo.” IsiTyhilelo 3:3. IE18 435.2

    Wawusithi xa uphela umsebenzi womgwebo wophengululo, libe ikamva labo bonke ligqityiwe, ngobomi okanye ngokufa. Inceba iphele kancinane nje ngaphambi kokuba iNkosi ize ngamafu ezulu. UKristu, kwisiTyhilelo, ekhangele phambili kwelo xesha, wenza isaziso, esithi: “Lowo ungalungisiyo, makaselehlala engalungisi; lowo uyinyhukunyhuku, makaselehlala eyinyhukunyhuku, nolilungisa makaselehlala elungisa; nongcwele makaselehlala ezingcwalisile. Yabona, ndiyeza kamsinya; umvuzo wam unam, ukuba ndivuze elowo njengoko umsebenzi wakhe uya kuba njalo.” IsiTyhilelo 22:11, 12.IE18 435.3

    Amalungisa nabakhohlakeleyo baseza kuphila phezu komhlaba bekwimo yabo enokufa—abantu baza kutyala, bakhe, badle basele, bonke bengaqondi ukuba isigqibo sokugqibela esingenakube sirhoxiswe sesivakalisiwe engcweleni phezulu. Phambi koNogumbe, emva kokuba uNowa engenile emkhombeni, uThixo wamvalela ngaphakathi ebavalela ngaphandle abangamoyikiyo uThixo; kodwa kwaba ziintsuku ezisixhenxe bengazi ukuba intshabalalo yabo yayisele imisiwe, beqhubeka bengakhathali, nobomi babo bokuthanda iziyolo, behlekisa ngazo izilumkiso zomgwebo owawukufuphi. “Koba njalo,” utsho uMsindisi, “nokufika koNyana woMntu.” Mateyu 24:39. Ngokuzolileyo, ngokungaqaphelekiyo njengesela ezinzulwini zobusuku, iya kuza iyure yokugqibela ephawula ukumiswa kwazo zonke iziphelo zomntu, ukurhoxiswa kokugqibela kwesipho senceba kubantu abanetyala.IE18 436.1

    “Lindani ngoko, . . . hleze afike ngebhaqo, anifumane nilele.” Marko 13:35, 36. Inomngcipheko imeko yabo abathi, ngokudinwa kukulinda kwabo, bajika baya kwizinto ezinomtsalane zehlabathi. Ngeli xesha indoda yeshishini iqwalasele ekusukeleni inzuzo, ngeli xesha othanda iziyolo efuna ukuzeyelisa kuzo, ngeli xesha intwazana ethanda ezeli xesha iimpahla ilungisa amakhazikhazi ayo—kusenokuba yiyure uMgwebi womhlaba wonke aza kuvakalisa isigwebo: “Wena ulinganisiwe esikalini, wafunyanwa ulula.” Daniyeli 5:27.IE18 436.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents