Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    33—Inkohliso Enkulu Yokuqala

    Kweyona mbali yasekuqaleni yomntu, uSathana wawaqala amalinge akhe okukhohlisa uhlanga lwethu. Lowo wayeqalise uqhushululu ezulwini wanqwenela ukunga angabenza abemi basemhlabeni bamanyane naye kwidabi lokulwa nolawulo lukaThixo. UAdam noEva babonwabe ngokupheleleyo ekuthobeleni umthetho kaThixo, kwaza oku kwahlala kububungqina obuchasa ibango likaSathana awayelenza ezulwini, lokuba umthetho kaThixo wawunengcinezelo uchasana nokulungele izidalwa zaKhe. Ngapha koko, umona kaSathana wavuka akukhangela ikhaya elihle elilungiselwe isibini esingenasono. Wazimisela ukubenza bawe, ukuze, xa abahlule kuThixo wabazisa phantsi kwelakhe igunya, angawuzuza ube ngowakhe umhlaba, aze apha, amisele ubukumkani bakhe obuchasene nOsenyangweni.IE18 471.1

    Ukuba uSathana wayesityhilile esona similo sakhe sisiso, ngewagxothwa kwangoko, kuba uAdam noEva babelunyukisiwe ngolu tshaba luyingozi; kodwa wasebenza ebumnyameni, eyifihla injongo yakhe, ukuze akwazi ukuyifeza ngempumelelo. Ngokusebenzisa ijelo eliyinyoka, eyayisisidalwa esinomtsalane kakhulu ngembonakalo, wathetha ngokwakhe noEva: “Utshilo na okunene uThixo ukuthi, Zeningadli kuyo yonke imithi yomyezo?” Genesis 3:1. Ukuba uEva wayengangenanga kwingxoxo nomlingi, ngewasinda; kodwa wasuka wamphatha kakuhle, waza waba lixhoba kumaqhinga alo. Boyiswa ngolo hlobo ke nabanye abaninzi. Bathandabuza baxoxe ngokufunwa nguThixo; endaweni yokuthobela imiyalelo yezulu, bamkela iimbono zabantu, ezifihle amacebo kaSathana.IE18 471.2

    “Wathi umfazi kwinyoka, eziqhameni zemithi yomyezo singadla; ke eziqhameni zomthi osemyezweni phakathi, uthe uThixo, Zeningadli kuzo; zeningazichukumisi, hleze nife. Yathi inyoka kumfazi, Anisayi kufa: kuba esazi uThixo ukuba, mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo, nazi okulungileyo nokubi.” Iindima 2-5. Wathi baya kufana noThixo, babe nobulumko obukhulu kunangaphambili, bakwazi ukuba kumgangatho ophezulu wokuphila. UEva waziyekela kwisilingo; wathi ngempembelelo yakhe, uAdam wenziwa wona. Bamkela amazwi enyoka, athi uThixo wayengathethi oku wayekuthetha; abamthemba uMdali wabo bacinga ukuba wayethintela inkululeko yabo, nokuba babengafumana ubulumko obukhulu nokuphakanyiswa ngokugqitha umthetho waKhe.IE18 471.3

    Kanti wafumana ntoni uAdam, emva kwesono sakhe, ngokuthethwa ngamazwi athi, “Mhlana uthe wawudla, uya kufa”? Ingaba wawafumana esithi, uza kungeniswa kwimo ephakame kakhulu kubukho bakhe, njengoko uSathana wamenza ukuba akholwe,? Ngokwenene emva koko, kwabakho okulungileyo okukhulu okwakuza kuzuzwa ngokugqitha umthetho, aze uSathana afunyanwe engumncedi wohlanga. Yena uAdam akazange akufumane oku kuthetha isigwebo sezulu. UThixo waxela ukuba, kwisohlwayo sesono, umntu uya kubuyela emhlabeni apho wayethatyathwe khona: “Uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.” Indima 19. Amazwi kaSathana, “Oqabuka amehlo enu,” abonakala eyinyaniso ngolu hlobo: Emva kokuba uAdam noEva bengamthobelanga uThixo, amehlo abo avuleka ukuba babubone ubuyatha babo; babazi ububi, basingcamla isiqhamo esikrakra sokugqitha umthetho.IE18 472.1

    Esazulwini se-Eden, kwakukho umthi wobomi, osiqhamo sawo sasinamandla okwenza ubomi bungaze buphele. Ukuba uAdam wayehleli ethobela kuThixo, wayeya kuhlala eqhubeka nokonwabela ukufikelela lula kulo mthi aze aphile ngonaphakade. Wathi kodwa akona, wanqanyulwa ekuthabatheni kumthi wobomi, waza waphantsi kokufa. Isigwebo sezulu esithi, “Uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini,” salatha ekutshabalaleni kuphele kobomi.IE18 472.2

    Ukungabi nakufa, okwathenjiswa umntu kuxhomekeke ekuthobeleni, kwalahlwa ngokugqitha umthetho. UAdam akazange akwazi ukudlulisela kwinzala yakhe oko wayengenako; kwaza akwenzeka ukuba libekho ithemba ngohlanga oluwileyo, ngaphandle kokuba uThixo, ngokuncama uNyana waKhe, akuzise ukubangabi nakufa ukuba bakwazi ukufikelela kubo. Nangona “ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo,” uKristu “wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo.” Roma 5:12; 2 Timoti 1:10. Kungokuphela ngoKristu ekunokuthi kube nokuzuzwa ukungabi nakufa. Wathi uYesu: “Lowo ukholwayo kuNyana, unobomi obungunaphakade; ke lowo ungamviyo uNyana, akayi kubona bomi.” Yohane 3:36. Wonke ubani angaba naso esi sipho singenamlinganiselo sentsikelelo ukuba angathobela iimeko ezibekiweyo. Bonke “abathi ngokomonde emsebenzini olungileyo bafune uzuko nembeko nokungonakali,” baya kuzuza “ubomi obungunaphakade.” Roma 2:7.IE18 472.3

    Ekuphela kwakhe owathembisa uAdam ubomi emva kokungathobeli yayingumkhohlisi omkhulu. Okwathethwa yinyoka kuEva e-Eden—“Anisayi kufa”—kwabayintshumayelo yokuqala eyakha yashunyayelwa ngokungafi komphefumlo. Kanti esi saziso, sakhelwe kuphela phezu kwegunya likaSathana, siphindaphindwa ezipulpitini zobuKristu size sikholelwe sisininzi soluntu ngokulula njengoko samkelwa ngabazali bethu bokuqala. Isigwebo sezulu, “Umphefumlo owonayo kuya kufa wona wodwa” (Hezekile 18:20), senziwa ukuba sithethe ukuthi: Umphefumlo owonayo awusayi kufa, kodwa uya kuphila ngonaphakade. Asikwazi ukuba singamangaliswa kukuthi phithi luthando olubenza abantu bakholelwe lula kangaka kumazwi kaSathana nokuba bangakholelwa kangaka kumazwi kaThixo.IE18 473.1

    Ukuba umntu emvakokuwa kwakhe esonweni wayevunyelwe ukuba akwazi ukufika kumthi wobomi, wayeya kuphila ngonaphakade, ngoko ke sibe isono sinikwe unaphakade. Kwabekwa ikherubhi enekrele lomlilo ukuba iyijonge “indlela eya emthini wobomi” (Genesis 3:24), ukuze kungayi noyedwa kusapho luka-Adam ovunyelwayo ukuba adlule kweso sithintelo athabathe kumthi onika ubomi. Ngoko ke, akakho umoni ongenako ukufa.IE18 473.2

    Kanti ke, emva kokuwa, uSathana wayalela izithunywa zakhe ukuba zenze ilinge elilodwa lokufaka inkolo yokungabi nakufa komntu; wathi akuba ebakhuthazile abantu ukuba bayamkele le mposiso, babeza kwenziwa ukuba bagqibe kwelithi umoni uya kuhlala esengxakini ngonaphakade. Ngoku, inkosi yobumnyama, isebenza ngabathunywa bayo, imveza uThixo njengesigebenga esinempindezelo esithi, uThixo ubaphosa esihogweni bonke abangamanelisiyo, abenze ukuba bayive ingqumbo yaKhe; nokuba, ngexesha esiva ubunzima bentlungu engathethekiyo bejubalaza emalangatyeni kanaphakade, uMdali wabo ubakhangele besezantsi anelisekile.IE18 473.3

    Lwenjenjalo utshaba olukhulu ukwambathisa ngeempawu zalo uMdali noMncedi woluntu. Inkohlakalo ingcolile. UThixo uluthando; kwaye konke awakudalayo kwakunyulu, kungcwele, kukuhle, sada isono sangeniswa ngumvukeli omkhulu wokuqala. USathana ngokwakhe ulutshaba oluhenda umntu ukuba one, aze amtshabalalise xa ekwazi; aze athi akuba eqinisekile ngexhoba lakhe, avuye yintshabalalo ayenzileyo. Ukuba ebenokuvunyelwa, ebengalutshayela lonke uhlanga lungene kumnatha wakhe. Ukuba bekungengakungenelela kwamandla ezulu, bekungayi kubakho noyedwa unyana okanye intombi ka-Adam ebiya kusinda.IE18 473.4

    USathana uzama ukoyisa abantu namhlanje, njengoko woyisa abazali bethu bokuqala, ngokushukumisa ukuthembela kwabo kuMdali wabo nokubakhokelela ekubeni babuthandabuze ubulumko bolawulo lwaKhe nobulungisa bomthetho waKhe. USathana nasebenzisana nabo bambeka uThixo ukuba abe mbi ngaphezu kwabo, ukuze bathethelele eyabo inkohlakalo novukelo. Umkhohlisi omkhulu uzama ukusunduzela inkohlakalo yesimilo sakhe eyoyikekayo kuBawo wethu osemazulwini, ukuze azenze yena abonakale inguye owoniwa kakhulu ngokugxothwa ezulwini ngenxa yokuba engenako ukwamkela umlawuli ongalunganga kangako. Ubeka phambi kwehlabathi inkululeko abanokuyonwabela phantsi kolawulo lwakhe olumnandi, xa luthelekiswa nobukhoboka bemithetho engqongqo kaYehova. Uphumelela ngaloo ndlela ekulobeni imiphefumlo ukuba ikushiye ukunyaniseka kuThixo.IE18 474.1

    Indlela ethiyeke ngayo kuyo yonke imvakalelo yothando nenceba, nakuluvo lwethu lobulungisa, imfundiso yokuba abafileyo abakhohlakeleyo bathuthunjiswa ngomlilo nesalfure kwisihogo esivutha singaze siyeke; oko, ngenxa yezono zomzuzu omfutshane wobomi basemhlabeni baza kuthuthunjiswa lonke ixesha uThixo esaphila. Kanti ke, le mfundiso ifundiswe ngokubanzi kwaye isekho kwiinkolo zonqulo zobuKristu. Wathi omnye ugqirha wezobuThixo: “Umbono wokuthuthumbisa kwesihogo uya kukuphakamisa ukonwaba kwabangcwele ngonaphakade. Xa bebona abanye abanendalo nokuzalwa okufanayo nokwabo, phantsi kweemeko ezikwanye, bephoswe kwintlekele enjalo, babe bona bephakanyiswe kangako, loo nto iya kubenza bayiqonde indlela abonwabe ngayo.” Omnye wasebenzisa la mazwi, “Ngeli xesha umthetho wenceba usebenza ngonaphakade kwizitya zengqumbo, umsi wokuthuthunjiswa kwazo uya kunyuka ngonaphakade zijongile izitya zenceba, kunokuba zithabathe indawo yezi ntsizi, ziya kuthi, Amen, Haleluya! Mayibongwe iNkosi!” IE18 474.2

    Kuphi, kumaphepha elizwi likaThixo, apho ifumaneka khona imfundiso enjalo? Ingaba abahlangulweyo ezulwini baza kulahlekwa zizo zonke iimvakalelo zosizi nemfesane, kwanezimvo zobuntu obuqhelekileyo? Ingaba ezi zinto kunaniswe ngazo ngokungakhathali kwenkohlakalo yokungabi nanceba nenkohlakalo yobulwanyana obuqwengayo? Hayi, hayi; enjalo asiyiyo imfundiso yeNcwadi kaThixo. Abo babeka iimbono ezinjalo ezikwizicatshulwa ezilapha ngasentla, basenokuba bafundile nokuba ngabantu abanyanisekileyo, kodwa balahlekisiwe bubuxoki bukaSathana. Ubenze bazigqwetha iintetho zesiBhalo, beyinika intetho umbala wobukrakra nenkohlakalo ehambelana naye, kodwa, hayi noMdali wethu. “Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yinina ukuba nide nife?” Hezekile 33:11.IE18 474.3

    Yintoni ebingazuzwa nguThixo xa besingavuma ukuba uya kuthakazelela ukubona ukuthuthunjiswa okungayekiyo; nokuthi uzonwabisa ngezincwino nezikhalo ezikrakra neziqalekiso zezidalwa eziva ubuhlungu azigcine emalangatyeni esihogo? Zingangumculonjani ezi zandi zimasikizi endlebeni yonothando olungenako ukulinganiswa? Kuthiwa ukuthuthunjiswa ngentlungu engenasiphelo kwabakhohlakeleyo bekuya kubonisa ukusithiya kukaThixo isono njengento etshabalalisa uxolo nocwangco kwiyunivesi. Ukunyelisa okoyikekayo! Ngokungathi ukusithiya kukaThixo isono ngunobangela wokuba singaze siphele. Kuba, ngokweemfundiso zaba bafundi ngoThixo, ukuthuthumbisa okuqhubeka ixesha elide kungekho themba lanceba, kuyawaphambanisa amaxhoba ako aze athi xa ethulula ingqumbo yawo ngezithuko nezinyeliso, abe akhulisa ngonaphakade umthwalo wetyala lawo. Uzuko lukaThixo alukhuliswa ngokwandiswa okungapheliyo kwesono kumaphakade angenasiphelo.IE18 475.1

    Kungaphaya kwamandla engqondo yomntu ukuqikelela ububi obenziwe lulahlekiso ngokuthuthunjiswa okungunaphakade. Inkolo yeBhayibhile, ezele luthando nokulunga, ephuphuma yimfesane, yenziwa mnyama ziinkolo nokwambathiswa ngoloyiko. Xa siphawula amabala obuxoki athi uSathana azobe ngawo isimilo sikaThixo, singamangala na xa uMdali wethu onenceba esoyikwa, eqhiphul’ umbilini, ade athiywe? Iimbono ezikhwankqisayo ngoThixo ezithe zasasazwa emhlabeni wonke kwiimfundiso zeqonga lokushumayela zenze amawaka, ewe, izigidi, zabathandabuzayo nabangakholwayo.IE18 475.2

    Intetho engentuthumbo engunaphakade yenye yeemfundiso zobuxoki eziyinxalenye yewayini yamasikizi eBhabheli, enxilisa zonke iintlanga ngayo. IsiTyhilelo 14:8; 17:2. Into yokuba abafundisi bakaKristu balwamkele olu lahlekiso ngokwenene yimfihlakalo. Bayifumana eRoma, xa babesamkela isabatha yobuxoki. Ngokwenene, iye yafundisa ngamadoda amakhulu alungileyo; kodwa ukukhanya kulo mcimbi kwakungafikanga kuwo njengoko kuthe kwafika kuthi. Ayenokuphendula kuphela ngokukhanya okwakukhanya ngexesha lawo; thina siza kuphendula ngoko kukhanya kuthi ngale yethu imini. Ukuba siyasuka kubungqina belizwi likaThixo, samkele iimfundiso ezibubuxoki kuba oobawo bethu bazifundisa, siwa phantsi kokugwetywa okuvakaliswe phezu kweBhabheli; sinxile yiwayini yamasikizi ayo.IE18 475.3

    Udidi olukhulu lwabantu ehlasimlisayo kulo imfundiso yokuthuthunjiswa kwaphakade lwenziwa lubalekele kwimposiso ekwelinye icala. Babona ukuba iziBhalo zimbeka uThixo njengonothando nemfesane, babe bengakwazi ukukholelwa ukuba angathumela izidalwa zaKhe emililweni yesihogo esivutha ngonaphakade. Bathi kodwa ngokuthi imiphefumlo ngokwendalo ayifi, ababoni nto yimbi, baze bagqibe kwelokuba bonke abantu, ekugqibeleni, baza kusindiswa. Abaninzi bazithabatha izoyikiso zeBhayibhile njengezilungiselwe ukoyikisa abantu ukuze bathobele, zingade zizaliseke ngokuphathekayo zona. Ngoko ke, umoni angaphila eluyolweni nokuzithandela, angakuhoyi okufunwa nguThixo, kanti usalindele ukuthi ekugqibeleni amkelelwe kwinceba kaThixo. Imfundiso enjalo, inobuganga ngenceba kaThixo, kodwa ingabukhathaleli ubulungisa baKhe, ikholisa intliziyo yenyama ebaqinisele abakhohlakeleyo ebugwenxeni babo.IE18 476.1

    Ukubonisa indlela abakholelwa kusindiso lomntu wonke kujija iziBhalo ukuba zixhase iimfundiso zabo ezitshabalalisa umphefumlo, kuya dingeka ukucaphula nje izinto abazithethayo. Emngcwabeni womfana owayengenankolo, owayebulewe ngesiquphe ngengozi, umfundisi wooSindisa-Bonke, wakhetha indima yakhe yesiBhalo intetho engoDavide: “Wayeselethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile.” 2 Samuweli 13:39.IE18 476.2

    “Ndiyabuzwa rhoqo,” watsho othethayo, “siya kuba yintoni isiphelo sabo balishiya ihlabathi besesonweni, bafe, mhlawumbi, benxilile, bafe benamabala abomvu okwaphula umthetho bengahlanjwanga kwiingubo zabo, okanye bafe ngendlela afe ngayo lo mfana, engazanga wavuma okanye onwabele amava enkolo. Siyaneliswa ziziBhalo; impendulo yazo iza kuyisombulula ingxaki. UAmnon wayengumoni ngendlela ephakame kakhulu; wayengaguqukanga, wayenxilisiwe, waza wathi ngeli xesha anxilileyo, wabulawa. UDavide wayengumprofeti kaThixo; wayemele ukwazi ukuba kwakuza kuba kubi okanye kulunge kuAmnon kwilizwe elizayo. Yathetha yathini intliziyo yakhe? ‘UDavide ukumkani walangazelela ukuphuma aye kuAbhisalom, kuba wayeselethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile.’ Indima 39.IE18 476.3

    “Ithini into ekuzanywa ukuthethwa yona enokufunyanwa kule ntetho? Ayithi ukubulaleka okungenasiphelo akuyiyo inxalenye yenkolo yakhe? Sicinga njalo; kwaye apha sifumana intetho yoloyiso ukuxhasa ingcinga engaqinisekiswanga exolisa kakhulu, ekhanyiselweyo, enobubele kakhulu yobunyulu noxolo olukuyo yonke indawo. Wathuthuzeleka, ebona ukuba unyana wakhe ufile. Kuba kutheni? Kuba, ngeliso lesiprofeto, wayekwazi ukukhangela phambili kwikamva eliqaqambileyo abone ukuba unyana wakhe ukude kakhulu kwizilingo, ekhululwe ebukhobokeni ehlanjululwe ekonakalisweni sisono, ukuze kuthi emva kokuba enziwe wangcwele wakhanyiselwa ngokwaneleyo, angeniswe kwisikhungu semimoya eyanyuswayo nevuyayo. Intuthuzelo anayo ekuphela kwayo yeyokuba, ekususweni kule meko yangoku yesono nokubulaleka, unyana wakhe amthandayo waya apho ezona mpefumlelo ziphezulu zikaMoya Oyingcwele zaziza kuthululelwa phezu komphefumlo wakhe osebumnyameni, apho ingqondo yakhe yayiza kutyhileka kubulumko bezulu nakwimigcobo yothando olungafiyo, abe ngoko ekulungele ngendalo engcwalisiweyo ukonwabela uphumlo nentlalo yelifa lasemazulwini.IE18 476.4

    “Kwezi ngcinga, besingaziwa njengabakholelwa ukuba usindiso lwezulu aluxhomekeki nakweyiphi into esinokuyenza kobu bomi; nasekuguqukeni kwentliziyo kweli xesha, nakwinkolo yeli xesha, okanye ekuyivumeni inkolo kweli xesha.”IE18 477.1

    Ngaloo ndlela, owaziwa ngokuba ungumfundisi kaKristu uphinda ubuxoki obathethwa yinyoka e-Eden: “Anisayi kufa.” “Mhlana nithe nadla kuzo, oqabuka amehlo enu, nibe njengoThixo.” Uthi, nongoyena umbi kuboni—umbulali, isela, nomkrexezi—uza kuthi emva kokufa alungiselwe ukungena kumgcobo ongasokuze uphele.IE18 477.2

    Uzifumana phi lo mgqwethi weziBhalo ezi zinto afikelela kuzo? Kwisivakalisiesinyeesixela ngokuvuma kukaDavide ixesha lokubonelela kukaThixo. Umphefumlo wakhe “walangazelela ukuphuma aye kuAbhisalom, kuba wayesethuthuzelekile ngoAmnon kuba efile.” Ubukhali bentlungu yakhe buye bathuliswa lixesha, iingcinga zakhe zabuya kunyana ofileyo zeza kophileyo, owaya kuzifihla ngenxa yokuzohlwaya ngenxa yesenzo sakhe solwaphulo-mthetho. Oku kukubonakalisa ukuba uAmnon, owenza umbulo enxilile wathi xa afayo, waxhwilwa kwangoko wasiwa kwiindawo zomgcobo, ukuba ahlanjululwe alungiselwe ukuhamba neengelosi ezingenasono! Intsomi exolisayo ngokwenene, elunge kakuhle ukukhohlisa intliziyo yenyama! Le yimfundiso kaSathana ngokwakhe, kwaye iwenza ngempumelelo umsebenzi wayo. Ingaba ke singamangala xa kuthi, ngobukho bemfundiso enjalo, inkohlakalo yande?IE18 477.3

    Ikhondo elilandelwa yile titshala inye yobuxoki libonisa nelo lezinye ezininzi. Amazwi ambalwa esiBhalo ayahlulwa kwindawo abhalwe kuyo, ethi kwiimeko ezininzi ibonise ukuba intsingiselo yawo ichasene nqo nenkcaza enikwa wona; zithi iindawo ezinjalo ezingahlangananga zigqwethwe zisetyenziselwe ukuxhasa iimfundiso ezingenaso isiseko elizwini likaThixo. Ubungqina obucatshulweyo njengobubonisa ukuba uAmnon usezulwini kukucingela nje okuphikiswa ngokupheleleyo yintetho ecacileyo nelungileyo yeziBhalo exelayo ukuba alikho inxila eliya kuze libudle ilifa ubukumkani bukaThixo. 1 Korinte 6:10. Benza njalo abangaqinisekanga, abangakholwayo, nabayithandabuzayo inyaniso ukuyijika ibe bubuxoki. Izihlwele ziye zakhohliswa bubuxoki, zathuthuzelwa zalala kwinkuseleko yasenyameni.IE18 477.4

    Ukuba bekuyinyaniso ukuba imiphefumlo yabo bonke abantu idlula iye ngqo ezulwini ngeyure yokuphela, ngoko nathi besifanele ukukunqwenela ukufa kunobomi. Baninzi abenziwe yile nkolo ukuba babucime ubukho babo [bazibulale]. Bathi xa besoyiswa ziinkathazo, ukudideka, nokuphoxwa, kubonakale kuyinto elula ukuwuqhawula umsonto ocekeceke wobomi baze banyukele kumgcobo welizwe likanaphakade.IE18 478.1

    UThixo usinikile elizwini laKhe ubungqina obupheleleyo bokuba uza kubohlwayaabagqithi bomthetho waKhe. Abobazikhohlisangokuthi unenceba kakhulu ukuba angenza ubulungisa kuboni, kufuneka bakhangele nje eKalvari. Ukufa koNyana kaThixo ongenachaphaza lasono kungqina ukuba “umvuzo wesono kukufa,” nokuba konke ukwaphulwa komthetho kufuneka kuzuze imbuyekezo efaneleyo. UKristu ongenasono waba sisono ngenxa yomntu. Wathwala ityala lokreqo, nokusitheliswa kobuso bukaYise, yada intliziyo yaKhe yaphuka, nobomi bakhe batyumka baphela. Wonke lo mbingelelo wenziwa ukuze aboni bahlangulwe. Ayikho enye indlela umntu awayenokukhululwa ngayo kwisohlwayo sesono. Kanti ke, wonke umphefumlo owalayo ukuba nenxaxheba kucamagushelo olunikiweyo ngexabiso elingako kuza kufuneka uzithwalele ityala lawo nesohlwayo sokuwugqitha umthetho. IE18 478.2

    Masiqaphele okufundiswa yiBhayibhile ngaphezu ngokuqondene nabangamhloneliyo uThixo nabo bangaguqukanga, athi uSindisa-Bonke abafake ezulwini njengeengelosi ezingcwele nezinovuyo. IE18 478.3

    “Ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.” IsiTyhilelo 21:6. Esi sithembiso sesabo kuphela abanxanwayo. Abakho abanye ngaphandle kwabo baziva bewadinga amanzi obomi, bawafune, belahlekwa zizo zonke ezinye izinto, abaya kuwanikwa. “Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe nguNyana wam.” Indima 7. Nalapha, iimeko zibekwe zacaca. Ukuze sizidle ilifa zonke izinto, kufuneka silwe sisoyise isono.IE18 478.4

    UYehova uthetha ngomprofeti uIsaya, esithi: “Yithi kumalungisa, kuya kulunga kuwo.” “Yeha ongendawo! Kuya kuba kubi kuye ngokuba ukuphatha kwezandla zakhe kuya kwenziwa kuye.” Isaya 3:10, 11. “Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ithi indoda esisilumko, “ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni baKhe; kungalungi kongendawo.” INtshumayeli 8:12, 13. Yena uPawulos ungqina ukuba, umoni uzigcinele ngokwakhe “ingqumbo, ngemini yengqumbo nokutyhilwa komgwebo onobulungisa kaThixo; oya kuvuza ulowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe;” “imbandezelo noxinaniso emphefumlweni wabantu bonke abasebenza okubi.” Roma 2:5, 6, 9.IE18 479.1

    “Wonke umenzi wombulo, nomntu ongcolileyo, nolibawa, engumkhonzi wezithixo, akanalifa ebukumkanini bukaKristu noThixo.” Efese 5:5. “Phuthumani uxolo nabo bonke, nobungcwele, ekungekho namnye uya kuyibona iNkosi, engenabo.” Hebhere 12:14. “Banoyolo abo bayenzayo imithetho yakhe, ukuze igunya labo libe semthini wobomi, bangene ngamasango kuwo umzi. Ngaphandle ke zizinja, nabakhafuli, nabenzi bombulo, nababulali, nabakhonzi bezithixo, nabo bonke ababuthandayo, ababenzayo ubuxoki” IsiTyhilelo 22:14, 15.IE18 479.2

    UThixo ukunikele ebantwini ukuvakalisa isimilo saKhe nendlela yokusebenza ngesono. “UYehova, uYehova, uThixo onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso, olondolozela amawaka inceba, oxolela ubugwenxa, nokreqo nesono; ongakhe amenze msulwa onetyala.” Eksodus 34:6, 7. “Abatshabalalise bonke abangendawo.” “Ke bona abangendawo batshatyalaliswa kuphele; izivela-mva zongendawo ziyanqanyulwa.” INdumiso 145:20; 37:38. Amandla negunya lolawulo lwezulu liya kusetyenziswa ukuphelisa uvukeko; kanti ke, ukubonakalaliswa kobulungisa bembuyekezo kuya kuqhubeka ngokuhambelana kakuhle nesimilo sikaThixo njengonenceba, ozeka kade umsindo onobubele.IE18 479.3

    UThixo akayinyanzeli intando okanye imbono yomntu. Akakonwabeli ukuthobela ngokwekhoboka. Unqwenela ukuba izidalwa zezandla zaKhe zimthande kuba efanele ukuthandwa. Unga zingamthobela kuba zinombulelo ophuma engqondweni ngobulumko, ubulungisa nobubele baKhe. Zonke ezinayo imbono elungileyo yezi zakhono ziya kumthanda kuba zitsalelwa kuYe kukuthanda iimpawu zaKhe.IE18 479.4

    Imithetho-siseko yobubele, inceba nothando, eyafundiswa yaphilwa nguMsindisi wethu, ingumbhalo wentando nesimilo sikaThixo. UKristu waxela ukuba akukho nto ayifundisayo ingeyiyo awayifumana kuYise. Imithetho-siseko yolawulo lwezulu ihambelana ngokugqibeleleyo nomyalelo woMsindisi, othi, “Zithandeni iintshaba zenu.” UThixo wenza ubulungisa kwabakhohlakeleyo, khon’ ukuze kulunge kwiyunivesi, kwanokulungelwa kwabo bafikelwa zizigwebo zaKhe. Uya kubenza bavuye xa ekwenza oko ngokuvuhambelana nemithetho yolawulo lwaKhe nobulungisa besimilo saKhe. Ubajikeleze ngemiqondiso yothando lwaKhe, ubanika ukwazi umthetho waKhe, abalandele ngezipho zeenceba zaKhe; kodwa basuka baludelele uthando lwaKhe, bawenze into engento umthetho waKhe, baze bayale inceba yaKhe. Nangona bethi rhoqo bezuza izipho zaKhe, baya mhlaza uMniki; bamthiyile uThixo kuba bayazi ukuba uyasicekisa isono. INkosi ibunyamezela ixesha elide ubugqwetha; kodwa iyure yokugqibela yesigqibo iza kufika ekugqibeleni, xa isiphelo sabo siya kugqitywa. Ingaba uya kubabophelela aba bavukeli kwicala laKhe? Ingaba uya kubanyanzela ukuba benze intando yaKhe?IE18 480.1

    Abo bakhethe uSathana ukuba abe yinkokeli yabo babe bebelawulwa ligunya lakhe, abakulungelanga ukuza kuma ebusweni bukaThixo. Ikratshi, inkohliso, ukuthanda iziyolo, inkohlakalo zisuke zaba sisigxina ezimilweni zabo. Bangangena na ezulwini ukuba bahlale ngonaphakade nabo baya babadela babathiya emhlabeni? Inyaniso ayisokuze yamkeleke exokini; ukululama akusokuze kukwanelise ukuziphakamisa nekratshi; ubunyulu abamkeleki kokhohlakeleyo; uthando olungenamkhethe alunamtsalane konomona. Lungaphuma phi ulonwabo olunokunikwa lizulu abo bazinikele ngokupheleleyo ekuthandeni umhlaba nezinto zawo ezinqwenelekayo?IE18 480.2

    Ukuba abo babomi babo buchithelwe kuvukelo ngakuThixo bebengathi ngequbuliso baxhwilelwe ezulwini baze babone umgangatho ophezulu, nongcwele wokugqibelela ohlala uhleli apho—wonke umphefumlo ozele luthando, yonke imbonakalo izele luvuyo, intsholo yomculo ngezandi eziluncuthu zinyuka ekuzukiseni uThixo neMvana, nemitha yokukhanya engenasiphelo iphuma isuka kwabahlangulweyo ebusweni baLowo uhleli phezu kwetrone,--ingaba abo bantliziyo zabo zizaliswe yintiyo ngakuThixo, inyaniso, nobungcwele, bangaxubana nesihlwele sasezulwini sithelele kwiingoma zabo zokudumisa? Bangabunyamezela ubuqaqawuli bukaThixo nobeMvana? Hayi, nakanye; iminyaka yenceba babeyinikiwe, ukuze bakwazi ukwenza izimilo zezulu, kodwa abazange baziqeqeshe iingqondo zabo ukuba zibuthande ubunyulu; ngoku sekusemva kakhulu. Ubomi bokuvukela uThixo bubenze ukuba bangalifaneli izulu. Ubunyulu, ubungcwele, noxolo lwalo lungaba yintuthumbiso kubo; ubuqaqawuli bukaThixo bungangumlilo odlayo. Bayakulangazelela ukubaleka kuloo ndawo ingcwele. Bayakwamkela intshabalalo, ukuze bafihlwe ebusweni baLowo wafayo ukuba abahlangule. Isiphelo sabakhohlakeleyo simiswe kukukhetha kwabo. Ukungafakwa kwabo ezulwini kungenxa yokuzithandela kwabo nokulunga nenceba ngakwicala likaThixo.IE18 480.3

    Njengamanzi kaNogumbe, imililo yemini enkulu ixela isiphumo setyala sokuba abakhohlakeleyo abanako ukunyangwa okanye ukuncedwa. Abananto ithi mabaziyekele kwigunya lezulu. Intando yabo bayisebenzise ekuvukeleni; buthi ke ubomi xa buphela, kube sekusemva kakhulu ukuba bangawujika umsinga wengcinga zabo uye kwelinye icala, kusemva kakhulu ukubuya ekukreqeni baze ekuthobeleni, ukubuya kwintiyo baze eluthandweni.IE18 481.1

    Ngokusindisa ubomi bukaKayin umbulali, uThixo wanika ihlabathi umzekelo wento eya kuba sisiphumo sokuvumela umoni ukuba aphile aze aqhubeke nekhondo lobugwenxa obungenamikhala. Ngempembelelo yemfundiso nomzekelo kaKayin, izihlwele zenzala yakhe zakhokelelwa ekoneni, wada [wathi uThixo], “ububi babantu bandile ehlabathini: kwaye “ukuyila kweengcinga zentliziyo yabo kubububi bodwa.” “Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.” Genesis 6:5, 11.IE18 481.2

    Ngenceba emhlabeni, uThixo wabacima abemi abakhohlakeleyo bexesha likaNowa. Ngenceba, wabatshabalalisa abahlali abakhohlakeleyo baseSodom. Ngamandla akhohlisayo kaSathana, abasebenzi bobugwenxa bafumana imfesane nokunconywa, baza baqhubeka nokukhokelela abanye kuvukelo. Kwakunjalo ngemihla kaKayin noNowa, nangexesha lika-Abraham noLote; kunjalo nangelethu ixesha. Kungenceba kwiyunivesi ukuba uThixo, ekugqibeleni, eza kubatshabalalisa abo balwalayo ubabalo lwaKhe.IE18 481.3

    “Umvuzo wesono kukufa; ke sona isibabalo sikaThixo bubomi obungunaphakade kuYesu Kristu iNkosi yethu.” Roma 6:23. Njengoko ubomi bulilifa lamalungisa, ukufa kusisabelo sabakhohlakeleyo. UMoses wathi kuIsrayeli: “Ndibeke phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi.” Duteronomi 30:15. Ukufa ekuthethwe ngako kwesi sibhalo asikuko okwavakaliswa phezu kukaAdam, kuba uluntu lonke luyohlwayeka ngenxa yokugqithwa komthetho kaThixo. Kona “kukufa kwesibini” okuthelekiswa nobomi obungunaphakade.IE18 481.4

    Ngokwesiphumo sika-Adam, ukufa kwadlula phezu kwalo lonke uhlanga loluntu. Bonke ngokufanayo bayehla baye engcwabeni. Kuya kuthi ngomsindleko wecebo losindiso, bonke bavuswe baphume emangcwabeni abo. “Kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabange- malungisa;” “kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke.” IZenzo 24:15; 1 Korinte 15:22. Kukho umahluko owenziwayo phakathi kweendidi ezimbini ezivuswayo. “Bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe; baphume ke: abo benza izinto ezilungileyo beze eluvukweni lobomi; nabo ke benza izinto ezimbi, beze eluvukweni lokugwetywa.” Yohane 5:28, 29. Abo kuthiwe “bakufanele” ukuvukela ebomini “basikelelwe bangcwele.” Ukufa kwesibini akunagunya kubo abanjalo.” IsiTyhilelo 20:6. Abo bangathanga, ngokuguquka nokholo, bakuzuze ukuxolelwa, kuza kufuneka bazuze isohlwayo sokwaphula umthetho—“umvuzo wesono.” Bafumana ukohlwaywa okwahluka ngobude nobunzima, “ngokwemisebenzi yabo,” kodwa ekugqibeleni kuphelele ekufeni kwesibini. Njengokuba engakwazi uThixo, ngokuhambelana nobulungisa nenceba yaKhe, ukumsindisa umoni esezonweni zakhe, uthi amenze angabikho njengoko ukreqo lwakhe lwenze ukuba ancame, nanjengokuba naye athe wazibonakalalisa ukuba akakufanele ukwenzelwa ubulungisa nenceba. Uthi umbhali ophefumlelweyo: “Kusaya kuba mzuzwana, angabikho ongendawo; uthi wakuyikhangela indawo yakhe, angabikho.” Aze athi omnye: “Zibe ngathi zange zabakho [iintlanga].” INdumiso 37:10; Obhadiya 16, IBHAYIBHILE. Zigqunywe yinkohlakalo, ziya kutshona kwelokulibala elingunaphakade ongenathemba.IE18 482.1

    Siya kuba njalo isiphelo sesono, sinalo lonke usizi nentshabalalo, ezibe zisisiphumo saso. Uthi umdumisi: “Wabatshabalalisa abantw’ abagwenxa, waliphanzisa kwapheLa igama labo. Iintshaba zethu zibhangile mpela.” INdumiso 9:5, 6, IBHAYIBHILE. UYohane, kwisiTyhilelo, ekhangele phambili kwimeko engunaphakade, uva ingoma yokudumisa yehlabathi lonke ingaphazanyiswa nalelilodwa ilizwana elincinane lobuyilo. Zonke izidalwa zezulu nomhlaba zaviwa zinika uzuko kuThixo. IsiTyhilelo 5:13. Ngelo xesha ayikubakho imiphefumlo elahlekele ekunyeliseni uThixo njengoko iya kuba izibhijabhija kwintuthumbo engapheliyo; kungekho bantu baxhwalekileyo esihogweni baya kuhlanganisa ukukhwaza kwabo neengoma zabo basindisiweyo.IE18 482.2

    Phezu kwemposiso esisiseko yokungabi nakufa ngokwendalo, kumi imfundiso yokuba sezingqondweni ekufeni—imfundiso, enjengale yokuthuthunjiswa ngonaphakade, echasene neemfundiso zeziBhalo, kuse ekulawulweni kwengqiqo, neemvakalelo zoluntu. Ngokwenkolo eqhelekileyo, abahlangulweyo abasezulwini baqhelene nako konke okwenzekayo emhlabeni ngakumbi ngobomi babahlobo ababashiya ngasemva. Kungalithende lolonwabo njani kwabafileyo ukwazi iinkathazo zabaphilileyo, ukubona izono zisenziwa ngabo babathandayo, nokubabona bethwele iintlungu, ukudaniswa, nosizi lobomi? Kungakanani ukugcoba kwezulu obuya konwatyelwa ngabo bajinga phezu kwabahlobo babo abasemhlabeni? Ihlasimlisa kangakanani inkolo yokuba ngako nje ukuba umoya uwushiye umzimba wongazohlwayanga uthunyelwa emalangatyeni esihogo! Kukubunzulu obungakanani bentlungu ekufuneka befakwe kubo abo babona abahlobo babo bedlulela engcwabeni bengakulungelanga, nokuba bangene kunaphakade wosizi nesono! Abaninzi benziwe baphambana yile ngcinga ihlungisayo.IE18 482.3

    Zithini iziBhalo ngezi zinto? UDavide uxela ukuba umntu akakho zingqondweni xaefile.“Uyaphumaumoyawakhe,abuyeleyena emhlabeni wakhe; ngaloo mini ayatshitsha amabhongo akhe.” INdumiso 146:4. USolomon unika ubungqina obunye: “Abadla ubomi bayazi ukuba baya kufa; ke bona abafileyo abazi lutho.” “Seluphelile kade uthando lwabo, nentiyo yabo, nekhwele labo; abasenasabelo naphakade ezintweni zonke ezenzekayo phantsi kwelanga.” “Ngokuba akukho kwenza, nakucinga, nakwazi, nakulumka kwelabafileyo, apho uya khona wena.” Intshumayeli 9:5, 6, 10.IE18 483.1

    Wathi, ekuphendulweni komthandazo wakhe, ubomi bukaHezekiya bandiswe ngeshumi elinesihlanu leminyaka, ukumkani ozaliswe ngumbulelo wenza umbulelo wendumiso kuThixo ngenceba yaKhe enkulu. Kule ngoma, uxela isizathu sokuba avuye kangaka: “Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; abahla baye emhadini abakulindele ukunyanisa kwakho. Ophilileyo, ophilileyo, nguye owokuncoma, njengam nje namhla.” Isaya 38:18, 19. Ukufunda ngokwazi uThixo okuqhelekileyo kubabeka abangamalungisa njengabasezulwini, abangene kulonwabo nokudumisa uThixo ngolwimi olungenakuze lukubone ukufa; kodwa yena uHezekiya akazange abone themba linobuqaqawuli ekufeni. Ngamazwi wakhe, buyavuma ubungqina bomdumisi: “Ngokuba ekufeni akusekho kukukhumbula; kwelabafileyo ngubani na osenokubulela kuwe?” “Asingabafileyo abamdumisayo uYehova, Asingabo bonke abehlayo baye kwelokuzola.” INdumiso 6:5; 115:17.IE18 483.2

    UPetros, ngeMini yePentekoste, wavakalisa ukuba, inyange uDavide “wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.” “Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini.” IZenzo 2:29, 34. Inyaniso yokuba uDavide uhleli engcwabeni kude kube luvuko ibonisa ukuba amalungisa awayi ezulwini xa esifa. Kuphela ngokuvuka, nangobuhle benyaniso yokuba uKristu uvukile, ukuba abe uDavide, ekugqibeleni, angahlala ngakwisandla sasekunene sikaThixo. IE18 484.1

    Wathi uPawulos: “Ukuba abafileyo abavuki, noKristu woba akavukanga. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu; ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.” 1 Korinte 15:16-18. Ukuba kumawaka amane eminyaka, amalungisaayangqo ezulwini ukufa kwawo, kwakungani ukuba uPawulos athethe athi, xa kungekholuvuko, “nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.”? Akuyi kudingeka luvuko.IE18 484.2

    Owafelukholo uTyndale, ebhekisa kwimeko yabafileyo, wathi: “Ndiyavuma ngokuphandle, ukuba andoyisekanga ukuba sele bekuzuko olupheleleyo akulo noKristu, okanye iingelosi ezinyuliweyo zikaThixo ezikulo. Asiyiyo into endiyikholelwayo mna, ukuba bekunjalo, ngokwam ukubona, ukushunyayelwa kovuko lwenyama bekuya kuba yinto elilize.”--William Tyndale, Preface to New Testament (ed. 1534). Reprinted in British Reformers--Tindal, Frith, Barnes, page 349.IE18 484.3

    Yinyaniso engenakuphikwa eyokuba ithemba lokusikeleleka okungapheliyo ekufeni kukhokelele ekutyeshelweni kwemfundiso yeBhayibhile yovuko. Esi siqhelo saphawulwa nguDr. Adam Clarke, wathi: “Imfundiso yovuko ibonakala ingathi yacingelwa ukuba ineziphumo ezikhulu kumaKristu akudala kunokuba kunjalo ngoku! Yenziwa yintoni loo nto? Abapostile babekholisa ukugxininisa kuyo, babathabathekise abalandeli bakaThixo ekubeni bakhuthale, bathobele, bachulumance ngayo. Kanti abalandeli babo kule mihla abakholisi ukulukhankanya! Babeshumayela njalo abapostile, ngokunjalo amaKristu okuqala akholwa; nathi sishumayela njalo, ngokunjalo abo basivayo bayakholwa. Ayikho imfundiso kwigospile ecinizelwe ukuyidlula; kanti ayikho imfundiso kuhlelo lokushumayela lweli xesha ephethwe ngokungakhathalelwa okungaphezulu!-- Commentary, inkcazo ngo-1 Korinte 15, iparagrafu 3.IE18 484.4

    Oku kwaqhubeka yada inyaniso eqaqambileyo o yaphantsa ukusithela ilahleke ekubonweni lilizwe lobuKristu. Umbhali ophambili ngenkolo, enika inkcazo ngamazwi kaPawulos aku-1 Tesalonika 4:13-18, uthi: “Ngenxa yazo zonke iinjongo eziphathekayo zentuthuzelo, imfundiso yokungabi nakufa kwamalungisa esikelelekileyo, isithabathela indawo kuyo nayiphi imfundiso ethandabuzekayo yokuza kwesibini kweNkosi. Ekufeni kwethu, iNkosi izile kuthi. Yeyona nto leyo ekufuneka siyilindele siyikhangele. Abafileyosebedlulele eluzukweni. Abalindeli xilongo ukuba bagwetywe basikelelwe.IE18 484.5

    Kanti ke, xa wayeza kubashiya abafundi baKhe, uYesu akazange athi baya kuya kuYe kwakamsinyane. “Ndiya kunilungisela indawo,” watsho. “Ukuba ke ndimkile ndaya kunilungisela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam.” Yohane 14:2, 3. Aze uPawulos aqhubeke asixelele ukuba, “iNkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala; sandule thina babudlayo ubomi, basaseleyo, sixwilelwe emafini kwakunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi esibhakabhakeni; size ngokunjalo sihlale sihleli, sindawonye neNkosi.” Aze ongeze athi: “Thuthuzelanani ngala mazwi.” 1 Tesalonika 4:16-18. Ubanzi kakhulu umahluko phakathi kwala mazwi entuthuzelo nalawo omfundisi wooSindisa-Bonke abecatshulwe ngaphambili! Umfundisi wooSindisa-Bonke wabathuthuzela abahlobo abafelweyo ngokuqinisekisa ukuba, nokuba ofileyo wayenjani, xa wayephuma umphefumlo apha wayeza kwamkelelwa phakathi kweengelosi. UPawulos ubakhombisa abazalwana bakhe kwixesha elizayo lokuza kweNkosi, xa amatyathanga engcwaba eya kuqhawuka, baze “abafele kuKristu” bavuselwe ebomini obungunaphakade.IE18 485.1

    Ngaphambi kokuba nabani angene kumabhotwe abasikelelweyo, kufuneka amatyala abo aphengululwe, zize izimilo nezenzo zabo zidlule ekuhlolweni phambi koThixo. Bonke kufuneka begwetywe ngokwezinto ezibhaliweyo ezincwadini, bavuzwe ngokoko imisebenzi yabo ibinjalo. Lo mgwebo awenzeki ngexesha lokufa. Qaphela amazwi kaPawulos: “Ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.” Izenzo 17:31. Apha, umpostile walibeka ngokucacileyo ixesha eliqinisekileyo, elisezayo, elamiswayo lokugwetywa komhlaba. IE18 485.2

    UYuda, ebhekisa kwakweli xesha linye, uthi: “Izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zasuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsikwesithokothoko.” Aze aphinde acaphule amazwikaEnoki: “Yabonani,yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo, ukuba ibagwebe bonke.” Yuda 6, 14, 15. UYohane uthi “[wa]babona abafileyo, abancinane nabakhulu, bemi phambi koThixo. Zavulwa incwadi; . . . bagwetywa abafileyo ngokubhaliweyo ezincwadini ezo.” IsiTyhilelo 20:12.IE18 485.3

    Ukuba kodwa abafileyo sele bonwabele uyolo lwasezulwini okanye bayabhuqabhuqeka amalangatyeni esihogo, usadingeka ngantoni umgwebo ozayo? Iimfundiso zelizwi likaThixo ngale miba ibalulekileyo azifihlakalanga zingaphikisani; zinako ukuqondwa naziingqondo ezilula. Phofu, yeyiphi ingqondo ecinga nje ngokuphandle ebona ubulumko okanye ubulungisa kule mbono ikhoyo? Ingaba amalungisa, emva kokuphengululwa kwamatyala awo, angakufumana na ukunconywa okuthi, “Hee ke, mkhonzi ulungileyo, uthembekileyo! . . . ngena eluvuyweni lwenkosi yakho,” xa ebehleli phambi kobuso baKhe, mhlawumbi iminyaka emininzi? Ingaba abakhohlakeleyo babizwa kwindawo yokuthuthunjiswa ukuze bamkele kuMgwebi wawo wonke umhlaba: “Mkani kum, nina baqalekiswa, niye emlilweni ongunaphakade”? Mateyu 25:21, 41. Intlekisa emangalisayo! Ukususwa esihlalweni okulihlazo kobulumko nobulungisa bukaThixo! IE18 486.1

    Intetho ethi umphefumlo awufi yayiyenye yezo mfundiso zobuxoki eyathi iRoma, iziboleke kubuhedeni, yazifaka phakathi kwinkolo yobuKristu. UMartin Lutere wayifaka kudidi “lweentsomi ezoyikekayo eziyinxalenye yomthonyama wemithetho yobupopi.”--E. Petavel, The Problem of Immortality, page 255. Echaza ngamazwi kaSolomon kwiNtshumayeli, athi abafileyo abazi lutho, umHlaziyi uthi: Ikho “enye indawo ebonisa ukuba abafileyo abanazo izimvo. Uthi, akukho msebenzi, akukho buchule, akukho lwazi, akukho bulumko apho. USolomon uthi abafileyo balele, bengenazimvo konke. Abafileyo belele apho, benganiki ngxelo nganto, nokuba kungeentsuku nokuba kungeminyaka, kodwa xa bevuswa, baya kuba ngathi bebelele ngaphantsi komzuzu.”--Martin Lutere, Exposition of Solomon’s Booke Called Ecclesiastes, page 152.IE18 486.2

    Ayikho indawo esiBhalweni esiNgcwele apho kukho intetho ethi amalungisa awufumana umvuzo wawo okanye abakhohlakeleyo bathunyelwa ekohlwayweni kwabo xa bafayo. Amanyange nabaprofeti abashiyanga siqinisekiso sinjalo. IBhayibhile ikufundisa ngokucacileyo ukuba abafileyo abayi kwangoko ezulwini. Babekwe njengabalindileyo kude kube seluvukweni. 1 Tesalonika 4:14; Yobhi 14:10-12. Ngemini kanye ekuqhawuka ngayo umsonto wesilivere size siqhekeke isitya segolide, (Intshumayeli 12:6), iingcinga zomntu ziyatshabalala. Abehlayo baye kwelabafileyo bathule. Abazi nto kwezo zenzeka phantsi kwelanga. Yobhi 14:21. Ukuphumla okusikelelekileyo kwamalungisa! Ixesha, nokuba lide okanye lifutshane, kodwa lingumzuzwana kubo. Bayalala; bavuswa lixilongo likaThixo besiya kukungabi nakufa okuqaqambileyo. “Kuba liya kulila ixilongo, bavuke abafileyo bengenakonakala. . . . Xa ke oku konakalayo kuthe kwambatha ukungonakali, noku kufayo kuthe kwambatha ukungafi, liya kwandula ukwenzeka ilizwi elibhaliweyo lokuthi, Ukufa kufincelwe eloyisweni.” 1 Korinte 15:52-54. Bathi xa bevuswa kubuthongo babo obunzulu, baqale ukucinga ukuba bayeka nini [ukuphila]. Uluvo lokugqibela ababa nalo yayikukuhlatywa kukufa; ingcinga yokugqibela, yayiyeyokuba bawa phantsi kwegunya lengcwaba. Xa bevuka engcwabeni, ingcinga yabo yokuqala iya kuphindaphindwa kumkhwazo woloyiso: “Luphi na, kufa ulwamvila lwakho? Luphina, Hadesi, uloyiso lwakho?” Indima 55.IE18 486.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents