Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    INTSHAYELELO

    Phambi kokungena kwesono, uAdam wayonwabele ukuxhumana noMdali wakhe; kodwa, kususela ukuba umntu wazahlula kuThixo ngokwaphula umthetho, uhlanga loluntu lwaphulukana neli lungelo liphakamileyo. Ngecebo lokuhlangula, sekunjalo, yavulwa indlela abanokuthi abemi bomhlaba babe nalo uqhagamshelano nezulu. UThixo uthethe nabantu ngoMoya Oyingcwele, kwaza ukukhanya okungcwele kwanikelwa emhlabeni ngezityhilelo kubakhonzi baKhe abanyuliweyo. “Abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya Oyingcwele.” 2 Petros 1:21. IE18 10.1

    Ngexesha leminyaka yokuqala engamakhulu angamashumi amabini anesihlanu yembali yoluntu, kwakungekho siTyhilelo sibhaliweyo. Abo babefundiswe nguThixo, baludlulisela ulwazi lwabo kwabanye, lwaza, ukusuka kuyise, lwadluliselwa kunyana, kuse kwizizukulwana ezilandelayo. Ukulungiswa kwelizwi elibhaliweyo kwaqala ngexesha likaMoses. IsiTyhilelo esiphefumlelweyo ngoko sahlanganiswa kwincwadi ephefumlelweyo. Lo msebenzi waqhubeka ixesha elide leminyaka engamakhulu alishumi elinesithandathu—ukusuka kuMoses, umbhali wembali yokudala nomthetho, ukuya kuYohane, umbhali wezona nyaniso zibalasele kakhulu, zegospile.IE18 10.2

    IBhayibhile yalatha kuThixo njengombhali wayo; kanti ke yabhalwa ngezandla zabantu; nangezimbo zokubhala ezahlukeneyo zeencwadi ezahlukeneyo, inika iimpawu zababhali abaliqela. Iinyaniso ezityhiliweyo zonke “[zi]phefumlelwe nguThixo” (2 Timoti 3:16); kanti ke zibekwe ngamazwi abantu. Lowo ungenasiphelo, ngoMoya waKhe Oyingcwele wanika ukukhanya ezingqondweni nasezintliziyweni zabakhonzi baKhe. Unike amaphupha nemibono, imifuziselo nemifanekiso; kwaye abo inyansio yathi yatyhilwa ngaloo ndlela kubo, bona bayinika [okanye bayibeka] ingcinga ngolwimi lwabantu. IE18 10.3

    ImiThetho eliShumi yathethwa nguThixo ngokwaKhe, yaza yabhalwa sesaKhe isandla. Ingcwele, kwaye ayenziwanga ngumntu. Yona iBhayibhile, neenyaniso zayo ezinikwe nguThixo, nezibekwe ngolwimi lwabantu, inika ukumanyana kwezulu nomntu. Umanyano olunjalo lwabakho kwindalo kaKristu, owayenguNyana kaThixo noNyana womntu. Ngoko ke, kunyanisiwe nangeBhayibhile, njengoko kwakunjalo nangoKristu, ukuthi “uLizwi waba yinyama, wahlala phakathi kwethu.” Yohane 1:14. IE18 10.4

    Kuba ibhalwe ngamaxesha awahlukeneyo, ngabantu ababehlukene ngokubanzi kakhulu ngamanqwanqwa okuphila, nomsebenzi, nangengqondo kunye nezipho zomoya, iincwadi zeBhayibhile zinika ukwahlukana okubanzi ngesimbo, kunye nokwahlukana kwimo yemiba etyhiliweyo. Kusetyenziswe iindlela ezahlukeneyo zokuwubeka umcimbi ngababhali abahlukeneyo; kukholise ukuba inyaniso enye ibekwe ngendlela enika umdla kakhulu ngomnye kunomnye umbhali. Ngenxa yokuba ababhali abaliqela bewubeka umxholo phantsi kwemiba nokwayamana okwahlukeneyo, kunokubonakala, kumfundi ogwengula phezulu, ongaqaphelisisiyo, okanye onento angayithandiyo, ngokungathi kukho ukungahambelani okanye impikiswano, apho umfundi ocingisisayo, osendleleni, onombono osulungekileyo, abona ukuhambelana okubuthume ngaphantsi koko kubhaliweyo. IE18 11.1

    Njengoko inikelwe kubantu abangafaniyo, inyaniso ivezwa ngamacala awahlukeneyo. Omnye umbhali uthabatheka ngamandla licala elithile lomxholo; uye abambe loo manqaku ahambelana namava wakhe okanye namandla okuqiqa nokuhluza kwakhe; omnye ubamba icala elahlukileyo; elowo, phantsi kwenkokelo kaMoya Oyingcwele, ubeka oko kuthe kwamngena ngeyona ndlela inamandla engqondweni yakhe—icala elahlukileyo lenyaniso kuye yedwa, kodwa kubekho ukuvumelana okugqibeleleyo kubo bonke. Iinyaniso ezityhilwe ngolo hlobo, ziyamanyana ukwenza into epheleleyo negqibeleleyo, elungiselwe ukuhlangabezana neentswelo zabantu kuzo zonke iimeko namava obomi. IE18 11.2

    UThixo ube anelisiwe kukuyidlulisela inyaniso yaKhe emhlabeni ngezenzeleli ezingabantu, aze Yena ngokwaKhe, ngoMoya waKhe Oyingcwele, aphuhlise isakhono sabantu, abenze bakwazi ukuwenza lo msebenzi. Wayikhokela ingqondo ekukhetheni oko emakuthethwe nemakubhalwe. Indyebo yanikelwa kwizitya zomdongwe, ukanti seyinjalo, ivela eZulwini. Ubungqina buhanjiswa buthwelwe ngolwimi lomntu olungagqibelelanga, ukanti bubungqina bukaThixo; kwaye umntwana kaThixo othobelayo, okholwayo ubona kubo ubuqaqawuli bamandla angcwele, buzele lubabalo nenyaniso. IE18 11.3

    Elizwini laKhe, uThixo unikele ebantwini ulwazi oludingekayo ekusindisweni. IziBhalo eziNgcwele kufuneka zamkelwe njengentyilelo enegunya, nengenamposiso yentando yaKhe. Zingumgangatho wesimilo, umtyhili weemfundiso, novavanyo lwamava. “Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo.” 2 Timoti 3:16, 17. IE18 11.4

    Kanti ke, inyaniso yokuba uThixo eyityhile intando yaKhe ebantwini ngelizwi laKhe, ayenzanga ukuba kungadingeki ukuba ahlale ekho ekhokela uMoya Oyingcwele. Ngenxa yoko, uMoya wathenjiswa nguMsindisi wethu, ukuba avule ilizwi kubakhonzi baKhe, akhanyise asebenzise imfundiso yalo. Njengoko yayinguMoya kaThixo owaphefumlela iBhayibhile, akukwazi ukwenzeka ukuba imfundiso kaMoya ize ichasane naleyo yelizwi. IE18 12.1

    UMoya akazange anikwe—engasayi kuze anikwe—ukuze abe ngaphezulu kweBhayibhile; kuba iziBhalo zikubeka ngokucacileyo ukuba, ilizwi likaThixo lingumgangatho ethi yonke imfundiso namava okuphila avavanywe ngawo. Uthi umpostile uYohane, “Musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphume bangena ehlabathini.” 1 Yohane 4:1. Yena uIsaya uthi: “Bhekani esiyalweni, esingqinweni! Ukuba bathe abathetha ngokwelo lizwi, boba abanasifingo.” Isaya 8:20. IE18 12.2

    Ingcikivo enkulu iye yenziwa emsebenzini kaMoya Oyingcwele ziimposiso zodidi lwabo bathi, bebanga ukukhanyiselwa, babe besithi, abayidingi inkokelo evela elizwini likaThixo. Balawulwa ziimbono abazithabatha njengelizwilikaThixo emphefumlweni. Nokokunjalo, umoya obalawulayoasinguye uMoya kaThixo.Oku kulandelwa kweembono, kube kutyeshelwa iziBhalo, kungakhokelela kuphela esiphithiphithini, kulahlekiso, nentshabalalo. Kunceda kuphela ekuhambiseleni phambili amacebo ongendawo. Kususela ekubeni nje ulungiselelo lukaMoya Oyingcwele lubaluleke kakhulu ebandleni likaKristu, lelinye lamacebo kaSathana, ngeziphoso zabanxaxhele kwelinye icala nabanye abangababaxi, ukwenza ukuba kubekho ukujongelwa phantsi komsebenzi kaMoya nokwenza ukuba abantu bakaThixo balityeshele eli thende lamandla ethe iNkosi yethu ngokwaYo yenza ukuba libekho. IE18 12.3

    Ngokuhambelana nelizwi likaThixo, uMoya waKhe wayeza kuqhubeka nomsebenzi waKhe ngexesha lokuhanjiswa kweendaba ezilungileyo. Ngamaxesha kwakunikwa iziBhalo zazo zombini iiTestamente, eNdala neNtsha, uMoya Oyingcwele akazange ayeke ukudlulisela ukukhanya kwiingqondo zabantu ngabanye, ngaphandle kweziTyhilelo ezihlanganiswe kuMqulu weziBhalo eziNgcwele. IBhayibhile ngokwayo iyayixela indlela abathe, ngoMoya Oyingcwele, abantu bafumana ukulunyukiswa, ukungxoliswa, ukucetyiswa, nemfundiso, kwimiba engabhekise nangayiphi indlela ekunikweni kweziBhalo. Kuthethwa ngabaprofeti kumaxesha awahlukeneyo, abantetho zabo zingabhalwanga. Ngokunjalo, nasemva kokuba kuvaliwe ukuqokelelwa okwamkelekileyo njengeziBhalo, uMoya Oyingcwele ube esaqhubeka nomsebenzi wakhe, ukukhanyisela, ukulumkisa, nokuthuthuzela abantwana bakaThixo. IE18 12.4

    UYesu wathembisa abafundi baKhe, wathi, “Ke uMthetheleli, uMoya Oyingcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.” “Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; . . . anibikele izinto ezizayo.” Yohane 14:26; 16:13. IsiBhalo sikufundisa ngokucacileyo ukuba ezi zithembiso, kude lee kunokuba zazibhekiselele kwimihla yabapostile, zihamba zifikelele kwibandla kuzo zonke izizukulwana. UMsindisi uqinisekisa abalandeli baKhe ngelithi, “Mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mateyu 28:20. Yena uPawulos wazisa ukuba, izipho nezibonakalaliso zikaMoyazabekwa ebandleni “ukuzeabangcwele basulungekiselwe basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu.” Efese 4:12, 13. IE18 13.1

    Umpostile wawathandazela amakholwa ase-Efese, wenjenje: “UThixo weNkosi yethu uYesu Kristu, uYise wozuko, aninike umoya wobulumko wokunityhilela, nimazi kakuhle; nikhanyiselwe amehlo engqondo, ukuze nilazi into eliyiyo ithemba lobizo lwakhe, . . . nento obuyiyo ubukhulu obuncamisileyo bamandla akhe abhekisele kuthi, thina bakholwayo.” Efese 1:17-19. Ulungiselelo lukaMoya Oyingcwele ekukhanyiseleni ingqiqo nokuvula ingqondo kwizinto ezinzulu zelizwi elingcwele likaThixo, yintsikelelo uPawulos awayeyibongozela ibandla lase-Efese. IE18 13.2

    Emva kokubonakalaliswa okumangalisayo kukaMoya Oyingcwele ngeMini yePentekoste, uPetros wababongoza abantu ukuba baguquke babhaptizwe egameni likaKristu, ukuze baxolelwe izono zabo; waza wathi: “[Niya kwamkela] isipho soMoya Oyingcwele. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.” IZenzo 2:38, 39.IE18 13.3

    Ngokusondele kakhulu ekuhlanganeni nale miboniso yemini enkulu kaThixo, iNkosi, ngomprofeti uYoweli, ithembise ukubonakalaliswa okukhethekileyo koMoya waKhe. Yoweli 2:28. Esi siprofeto saba nokuzaliseka nganxanye ekuthululweni kukaMoya ngeMini yePentekoste; kodwa siya kufikelela ekufezekisweni ngokupheleleyo ekubonakalalisweni kobabalo lwezulu oluya kuthi lubekho xa kuvalwa umsebenzi weendaba ezilungileyo. IE18 14.1

    Imbambano enkulu phakathi kokulungileyo nokubi iza kukhula ngokuqina kude kuse ekupheleni kwexesha. Kuzo zonke izizukulwana, ingqumbo kaSathana iye yabonakalaliswa ekuchaseni ibandla likaKristu; waza uThixo wanika ubabalo lwaKhe noMoya waKhe phezu kwabantu baKhe ukuze abanike amandla ukuba bamelane negunya longendawo. Xa kwakufuneka ukuba abapostile bakaKristu base igospile emhlabeni nokuba bayibhalele amaxesha azayo,bazaliswa ngendlela eyodwa kukukhanya kukaMoya. Kuza kuthi kodwa, xa ibandla lifike ekuhlangulweni kwalo kokugqibela, uSathana asebenze ngamandla amakhulu kakhulu. Uhla “enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane.” IsiTyhilelo 12:12. Uza kusebenza “[nga]mandla, nemiqondiso, nezimanga zobuxoki.” 2 Tesalonika 2:9. Kungamawaka amathandathu lo ngqondo-ngqondo wayekhe wayeyona ngelosi inkulu phakathi kweengelosi zikaThixo, ezinikele ukusebenza inkohliso nentshabalalo. Zonke iinzulu zobuchule benkohlakalo nobuqhophololo ezifumanekayo, yonke inkohlakalo ephuhlisiweyo, ngeli xesha lamadabi eminyaka, ziza kusetyenziswa ukulwa nabantu bakaThixo kwidabi lokugqibela. Ngeli xesha lomngcipheko, abalandeli bakaKristu kuza kufuneka base ehlabathini isilumkiso sokubuya kwesibini kweNkosi, “[be]ngenabala [be]ngenasiphako.” 2 Petros 3:14. Ngeli xesha, ukuzaliswa ngendlela ekhethekileyo lubabalo lwezulu namandla akudingeki ngaphantsi ebandleni kunokuba kwakunjalo ngemihla yabapostile. IE18 14.2

    Ngokukhanyisa kukaMoya Oyingcwele, imiboniso yongquzulwano, ekukade luqhuba phakathi kokulungileyo nokubi, ityhiliwe kumbhali wala maphepha. Kumaxesha ngamaxesha, ndiye ndavunyelwa ukuba ndibone ukusebenza, kumaxesha adlulileyo, kwembambano enkulu phakathi kukaKristu, uMthetheli wobomi, iMbangi yosindiso lwethu, kunye noSathana, inkosana yobubi, imbangi yesono, umgqithi wokuqala womthetho ongcwele kaThixo. Ubutshaba bukaSathana ngakuKristu bubonakalaliswe kubalandeli baKhe, uKristu. Kwayona loo ntiyo inye yomthetho-siseko kaThixo, wona loo mgaqo-nkqubo wolahlekiso, ekuthi ngayo imposiso yenziwe ukuba ibonakale iyinyaniso, nekuthi ngayo imithetho yabantu imiswe endaweni yomthetho kaThixo, baze abantu bakhokelelwe ekunquleni isidalwa endaweni yoMdali, inokulandwa kuyo yonke imbali yexesha eladlulayo. Amalinge kaSathana okusiveza ngendlela engeyiyo isimilo sikaThixo, okwenza ukuba abantu baxabise ingcamango ebubuxoki ngoMdali, baze bamamkele ngoloyiko nentiyo endaweni yothando; imizamo yakhe yokubekela bucala umthetho ongcwele, ekhokelela abantu ekubeni bazicingele ukuba bakhululekile koko ukufunayo [umthetho]; nentshutshiso yakhe yabo babanesibindi sokumelana nenkohliso yakhe, konke kulandelwe ngenzondelelo kuzo Zonke izizukulwana. [Le miboniso] inokulandwa embalini yamanyange, abaprofeti, abapostile, eyabafelukholo, nabahlaziyi.IE18 14.3

    Kungquzulwano olukhulu lokugqibela, uSathana uza kusebenzisa umgaqo-nkqubo, abonakalalise kwalo moya mnye, asebenzele isiphelo esinye njengeminyaka yangaphambili. Oko kwakukho, kuya kubakho, ngaphandle nje kokuba idabi lokugqibela liya kuqina ngokoyikekayo ngendlela engazanga yabonwa emhlabeni. Ulahlekiso lukaSathana luya kurhubuluza, uhlaselo lwakhe luzimisele. Ukuba kunokwenzeka, uya kulahlekisa abanyuliweyo. Marko 13:22.IE18 15.1

    Njengoko uMoya kaThixo utyhile engqondweni yam iinyaniso ezinkulu zelizwi laKhe, nemibono yexesha elidlulileyo nelizayo, ndiyalelwe ukuba ndazise abanye oko kutyhiliweyo—ukulanda imbali yembambano yeminyaka eyadlulayo, ngakumbi ukuze ibekwe ngendlela eza kuthi inike ukukhanya kwedabi elizayo ngokukhawuleza kwixa elizayo. Ekulandeleni le njongo, ndizame ukukhetha ndihlanganise iziganeko zembali yebandla ngendlela yokulanda ukutyhileka kweenyaniso ezinkulu ezivavanyayo ezathi, ngamaxesha awahlukeneyo zanikelwa ehlabathini, zavuselela ingqumbo kaSathana, nobutshaba bebandla elithanda ihlabathi, nezaya zagcinwa bubungqina babo “bangalithandanga ihlabathi kwada kwasa ekufeni.”IE18 15.2

    Kula mazwi, sizame ukuveza imfawe ephambi kwethu. Xa siwathabatha ngokukhanya kwelizwi likaThixo, nangokukhanyisa kukaMoya Oyingcwele, siya kukubona ukutyhilwa kwamacebo ongendawo, neengozi ekufuneka beziphephile abo baya kufunyanwa “bengenasiphako” phambi kweNkosi, ekufikeni kwaYo. IE18 15.3

    Iziganeko ezikhulu eziphawulwe kukuhambela phambili kohlaziyo kumaxesha awadlulayo, ziyimiba yembali, zaziwa kakhulu, zaye zisamkelwa lilizwe lobuProtestanti; ziinyaniso ekungekho unokuziphika. Le mbali ndiyinike ngokufutshane, ngokobukhulu bencwadi, nobufutshane ekufuneka bugciniwe, iinyaniso zishwankathelwe kwindawo encinane njengoko kuhambelana nokuqonda okukuko kokusetyenziswa kwazo. Kwezinye iimeko, apho umbhali wembali ahlanganise iziganeko ukuze enze imbali emfutshane yembono epheleleyo yomxholo, okanye eshwankathele iinkcukacha ngendlela efanelekileyo, amazwi akhe acatshulwe; kodwa kwezinye iindawo akunikwanga apho aphuma khona, njengoko izicatshulwa zingenziwanga ngenjongo yokunika umbhali njengonegunya, kodwa iintetho zakhe zenza kubekho ukubeka ngamandla oko sekukho kungomxholo lowo. Ekuchazeni amava neembono zabo babehambisela phambili umsebenzi wohlaziyo ngeli xesha lethu, kwenziwe njalo nangeyabo imisebenzi epapashiweyo.IE18 15.4

    Asiyiyo eyona njongo inkulu yale ncwadi ukuzisa iinyaniso ezintsha ngokulwa kwangaphambili, ngaphezu kokuzisa iinyaniso nemithetho-siseko enegalelo kwiziganeko ezizayo. Xa zibonwa njengenxalenye yembambano phakathi kwemikhosi yokhanyo neyobumnyama, zonke ezi ngxelo zexesha eladlulayo ziba nokubaluleka okutsha; kuze kuthi ngazo kunikwe ukukhanya kwixesha elizayo, kukhanyise indlela yabo bathi, njengabahlaziyi bangaphambili, babizwe, sele kuza kulahleka konke okwasemhlabeni, ukuba bangqine “ngelizwi likaThixo, nobungqina bukaYesu Kristu.”IE18 16.1

    Ukutyhila imiboniso yembambano enkulu phakathi kwenyaniso nemposiso; ukutyhila inkohlakalo kaSathana, nendlela anokumelwa ngayo ngempumelelo; ukunika isisombululo esanelisayo kwingxaki yobubi enkulu, ukunika ukukhanya kwimvelaphi nemeko yokugqibela yesono ukwenza ukuba kubonakalaliswe ngokupheleleyo ubulungisa nobubele bukaThixo kuko konke ukuphatha kwaKhe izidalwa zaKhe; nokubonisa ubungcwele, obungaguqukiyo bomthetho waKhe, ngumxholo wale ncwadi. Ukuze kuthi ngempembelelo yayo imiphefumlo ihlangulwe kwigunya lobumnyama, ibe “[no]kwahlulelwa ilifa labangcwele ekukhanyeni,” kuse ekudunyisweni kwaLowo wasithandayo, wazinikela ngenxa yethu, lowo ngumthandazo onenzondelelo wombhali.IE18 16.2

    E.G.W.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents