Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    24—kwingcwele kangcwele

    Umcimbi wengcwele wawusisitshixo esavula imfihlakalo yodaniso lowe-1844. Saveza uhlelo olupheleleyo lwenyaniso, luhlangene luvumelana, lubonisa isandla sikaThixo esakhokela intshukumo enkulu yokuza satyhila umsebenzi weli xesha njengoko uveze indawo nomsebenzi wabantu baKhe. Njengabafundi bakaYesu, emva kobusuku bentlungu nokudaniswa, “BAVUYA BAKUYIBONA INKOSI,” bavuya ngokunjalo ngoku abo babekhangele ngokholo ekubuyeni kwaYo kwesibini. Babelindele ukuba uya kuvela esebuqaqawulini ukunika umvuzo kubakhonzi baKhe. Athi akudaniswa amathemba abo, bengamboni uYesu, benoMariya engcwabeni, bakhala, bathi: “Bayisusile iNkosi engcwabeni; asazi nalapho bayibeke khona.” Ngoku kwingcwele kangcwele, baqala ukuyibona, uMbingeleli wabo omKhulu onovelwano, oza kuthi kungekudala abonakale engukumkani nomhlanguli. Ukukhanya kwasengcweleni kwakhanyisa ixesha eladlulayo, elimiyo, nelizayo. Bazi ukuba uThixo wayebakhokela ngokubonelela kwaKhe okungaphazamiyo. Nangona, njengabafundi basekuqaleni, nabo ngokwabo basilela ukusiqonda isigidimi ababesithwele, kanti sasilungile ngeenxa zonke. Ekusivakaliseni babezalise injongo kaThixo, kwaza ukusebenza kwabo akwabi lilize eNkosini. Bezelwe “ngokutsha [ukuba babe] nethemba eliphilileyo,” bagcoba “ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo.”IE18 378.1

    Zozibini, isiprofeto sikaDaniyeli 8:14, “Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele,” kunye nesigidimi sengelosi yokuqala, “Moyikeni uThixo nimzukise, ngokuba lifikile ixa lokugweba kwakhe,” zalatha kulungiselelo lukaKristu engcweleni kangcwele, kumgwebo wophengululo, kungekuko ekubuyeni kukaKristu ukuza kuhlangula abantu baKhe nokutshabalalisa abakhohlakeleyo. Impazamo yayingekho ekubaleni amaxesha esiprofeto, kodwa kwisiganeko esasiza kwenzeka ekupheleni kweentsuku ezingama-2300. Ngale mpazamo, amakholwa ayefumene ukudaniswa, kanti konke kwakuxelwe kwangaphambili esiprofetweni, kanti konke okwakuxelwe kwangaphambili sisiprofeto, nako konke ababenako okwakuqinisekiswa sisiBhalo ukuba bakulindele, konke kwenzeka. Ngexesha kanye xa babekhalela ukuwa kwamathemba abo, kwakwenzeke isiganeko esasixelwe kwangaphambili sisigidimi, nekwakufuneka zizalisekile ngaphambi kokubonakala kweNkosi ukuza kunika imivuzo kubakhonzi baYo.IE18 378.2

    UKristu wayezile, hayi emhlabeni, njengoko babelindele, kodwa, njengoko kwakuboniswe emfuziselweni, kwingcwele kangcwele yetempile kaThixo ezulwini. Uboniswe ngumprofeti uDaniyeli esiza ngeli xesha kuNyangelemihla: “Ndabona emibonweni yasebusuku, nanko kusiza, ngamafu ezulu,“—hayi emhlabeni, kodwa—“kuNyangelemihla, wasondezwa phambi kwakhe.” Daniyeli 7:13. IE18 379.1

    Oku kuza kuxelwe kwangaphambili ngumprofeti uMalaki: “Iya kuza ke ngesiquphe etempileni yayo iNkosi leyo niyifunayo; kwaumthunywa womnqophiso enimlangazelelayo, yabona uyeza; utsho uYehova wemikhosi.” Malaki 3:1. Ukufika kweNkosi etempileni kwakuqubulisile, kungalindelekanga kubantu baYo. Babengayilindelanga apho. Babeyilindele ukuba iza kuza emhlabeni, “inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo.” 2 Tesaloninika 1:8. IE18 379.2

    Abantu bona babengakulungelanga ukuyihlangabeza iNkosi yabo. Kwakusekhoumsebenziwokulungiselelaekwakufunekabewenzelwe. Babeza kunikwa ukukhanya, kukhokelele iingqondo zabo etempileni kaThixo ezulwini; kuze kuthi, njengoko babeza kumlandela, ngokholo uMbingeleli oMkhulu kulungiselelo lwaKhe apho, kutyhilwe imisebenzi emitsha. Esinye isigidimi sokulumkisa nokufundisa sasiza kunikwa ibandla.IE18 379.3

    Uthi umprofeti: ngubani na ke onokuyinyamezela imini yokuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe? Ngokuba unje ngomlilo womnyibilikisi, unjengesoda yabaxovuli beengubo. Uya kuhlala ke engumnyibilikisi, engumcoci wesilivere; babe ngabazisa umnikelo kaYehova benobulungisa.” Malaki 3:2, 3. Abo baphila phezu komhlaba, xa ukuthethelela kukaKristu kuyeka, baya kuma phambi koThixo ongcwele bengenaye umthetheleli. Iingubo zabo kufuneka zibe zingenabala, izimilo zabo zihlanjiwe kwisono ngegazi lokutshizwa. Ngobabalo lukaThixo kunye namalinge abo akhutheleyo kufuneka babe ngaboyisi edabini lokulwa nobubi. Ngeli xesha umgwebo wophengululo uqhuba ezulwini, kufuneka kukho umsebenzi owodwa wohlambululo, ukususwa kwesono, phakathi kwabantu bakaThixo emhlabeni. Lo msebenzi unikwe ngokucace kakhulu kwizigidimi zesiTyhilelo 14.IE18 379.4

    Uya kuthi wakuba ufeziwe lo msebenzi, abalandeli bakaKristu baya kuba bekulungele ukubonakala kwaKhe. “Woba mnandi ke kuYehova umnikelo wakwaYuda nowaseYerusalem, ngokwemini zasephakadeni, ngokweminyaka yamandulo.” Malaki 3:4. Ngelo xesha, ibandla iNkosi yethu eza kulamkelela kuYo, liya kuba “linobuqaqawuli, lilibandla elingenabala, elingenamibimbi nanye into enjalo.” Efese 5:27. Liya kubonakala “njengesifingo, [lili]hle njengenyanga, [li]nyulu njengemikhosi eneebhanile.” Ingoma Yazo Iingoma 6:10.IE18 380.1

    Ngaphandle kokuza kweNkosi etempileni yayo, uMalaki ukwaxela kwangaphambiliukufika kwaYo kwesibini,ukuzakokwenza umgwebo, ngamazwi athi: “Ndiya kusondela kuni ukuba ndigwebe, ndibe lingqina elikhawulezayo kubakhafuli, nakubakrexezi, nakubafundi bobuxoki; nakwabacudisa umqeshwa ekumvuzeni, nomhlolokazi, nenkedama; nakwabathoba owasemzini, bangandoyiki mna, utsho uYehova wemikhosi.” Malaki 3:5. UYuda ubhekisa kwakulo mboniso mnye xa athi, “Yabonani, [i]yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo, ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo.” Yuda 14, 15. Oku kuza, nokuza kukaYehova etempileni, kucacile kwaye kuziziganeko ezahlukeneyo. IE18 380.2

    Ukuza kukaKristu kwingcwele kangcwele njengombingeleli wethu omkhulu, ukuza kuhlambulula ingcwele, kwavezwa kuDaniyeli 8:14; ukuza koNyana woMntu kuNyangelemihla, njengoko kunikiwe kuDaniyeli 7:13; nokuza kweNkosi etempileni, okwaxelwa ngaphambili nguMalaki, ziinkcazo zesiganeko esinye; kwaye noku nako kumelwe kukuza komyeni emtshatweni, okuchazwe kumzekeliso weentombi ezilishumi zikaMateyu 25. IE18 380.3

    Ehlotyeni nasekwindla ngowe-1844 kwenziwa ukukhwaza: “Nanko, umyeni esiza.” Iindidi ezimbini ezazimelwe ziintombi ezizingqondi neziziyatha zaya zabonakala—olunye udidi ezazikulindele ngovuyo ukubonakala kweNkosi, ezazikulungiselela ngenkuthalo ukuyihlangabeza; olunye udidi, olwaluqhutywa kukoyika lusebenza ngokothuka, lwaneliswa kukuthethwa kwenyaniso, kodwa lwalungenalo ubabalo lukaThxo. Apha kumzekeliso, xa umyeni esiza, “ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni.” Ukuza komyeni, okuboniswayo apha, kwenzeka phambi komtshato. Umtshato umele ukwamkela kukaKristu ubukumkani baKhe. UMzi Ongcwele, iYerusalem eNtsha, esisixeko esiyintloko nesimele ubukumkani, sibizwa ngokuthi ngu“mtshakazi, umfazi weMvana.” Yathi ingelosi kuYohane: “Yiza apha, ndikubonise umtshakazi, umfazi wayo iMvana.” “Sandisa ndikuMoya,” uthi umprofeti, “sandibonisa umzi omkhulu,iYerusalemengcwele,usihlauphumaemazulwini,uvela kuThixo.” IsiTyhilelo 21:9, 10. Ngokucacileyo, ngoko, umtshakazi umele uMzi Ongcwele, zize iintombi eziphuma ukuba zihlangabeze umyeni zibe ngumfuziselo webandla. KwisiTyhilelo abantu bakaThixo kuthiwa ngabamenywa kwisidlo somtshato. IsiTyhilelo 19:9. Ukuba bangabamenyiweyo, abanako ukuvezwa kwanjengokuba bangumtshakazi. UKristu, njengoko exelile umprofeti uDaniyeli, uza kwamkela kuNyangelemihla ezulwini, “igunya, nobuhandiba, nobukumkani;” uya kwamkela iYerusalem eNtsha, isixeko esiyintloko, “silungisiwe njengomtshakazi elungiselwe indoda yakhe.” Daniyeli 7:14; IsiTyhilelo 21:2. Akuba ebamkele ubukumkani, uya kuza esebuqaqawulini, enguKumkani wookumkani, uNkosi kankosi, ukuza kuhlangula abantu baKhe, abaza “kungqengqa ndawonye noAbraham noIsake noYakobi,” esithebeni saKhe ebukumkanini baKhe. (Mateyu 8:11; Luka 22:30), ukuba badle esidlweni somtshato weMvana.IE18 380.4

    Isaziso, “Nanko, uMyeni esiza,” ehlotyeni ngowe-1844, senza ukuba amawaka alindele ukufika kwangoko kweNkosi. Ngexesha elalilindelwe, kodwa kuNyangelemihla ezulwini, emtshatweni, ukwamkelwa kobukumkani baKhe. “Ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango.” Zazingayi kubakho iziqu emsithweni; kuba uqhubeka ezulwini, ngoku zona zisemhlabeni. Abalandeli bakaKristu baza “[kuyilindela] iNkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni.” Luka 12:36. Kuza kufuneka kodwa ukuba bawuqonde umsebenzi wabo baze bayilandele ngokholo xa ingena phambi kukaThixo. Kungale ndlela ke ekuthiwa bangena emsithweni. IE18 381.1

    Emzekelisweni, yayingabo babeneoli emaqhageni abo kunye nezibane zabo abangena emsithweni. Abo, ababe nolwazi lwenyaniso yeziBhalo, bekwanawo noMoya nobabalo lukaThixo, abathi, kubusuku bokulingwa okubi, balinda ngomonde, beyiphengulula iBhayibhile befuna ukukhanya okucace ngaphezulu—aba abayibonayo inyaniso engengcwele ezulwini nokuguquka kolungiselelo loMsindisi, baza ngokholo bamlandela emsebenzini waKhekwingcweleyaphezulu. Bonke abathi ngobungqina beziBhalo bazamkela ezo nyaniso zinye, belandela uKristu ngokholo xa engena phambi koThixo ukuya kwenza umsebenzi waKhe wokugqibela wokuthethelela, ekuza kuthi ekupheleni kwawo afumane ubukumkani baKhe—konke oku kufaniswe nokungena emsithweni.IE18 381.2

    Emzekelisweni kaMateyu 22, kwawona lo mfanekiso womsitho uveziwe, kanti nomgwebo wophengululo ubekwe ngokucacileyo njengowenzeka phambi komtshato. Ngaphambi komtshato, ukumkani uyeza ukuba abone abamenywa, abone ukuba bonke banxibe ingubo yomsitho, ingubo esisimilo esihlanjwe senziwa mhlophe egazini leMvana. Mateyu 22:11; IsiTyhilelo 7:14. Lowo ufunyenwe esilele ulahlelwa phandle, kodwa bonke abathe bakuhlolwa bafunyanwa benayo ingubo yomtshato bamkelwa nguThixo babalwe njengabakufaneleyo ukubuxhamla ubukumkani baKhe bahlale phezu kwetrone yaKhe. Lo msebenzi wokuhlolwa kwesimilo, wokwenza isigqibo sokuba ngubani obulungeleyo ubukumkani bukaThixo, ngulo womgwebo wophengululo, ongumsebenzi wokugqibela engcweleni yaphezulu.IE18 382.1

    Wakuba umsebenzi wophengululo ugqityiwe, xa onke amatyala abo, kuzo zonke izizukulwana, bathi bangabalandeli bakaKristu, aya kuba ehloliwe kwagqitywa ngayo, ngelo xesha, xa kude kwangoko, inceba iya kuvalwa, luze ucango lwenceba luvalwe. Ngoko, ngentetho nje enye emfutshane, ” Ezo bezisezilungile zangena naye emsithweni, lwavalwa ke ucango,” sikhokelelwa ekupheleni kolungiselelo loMsindisi lokugqibela, kwixesha xa umsebenzi omkhulu wokusindiswa komntu uya kuba ugqityiwe. IE18 382.2

    Kwinkonzo yengcwele yasemhlabeni, njengoko sesibonile, eyayingumfuziselo wenkozo esezulwini, xa umbingeleli omkhulu ngeMini yoCamagushelo wayengena kwingcwele kangcwele, ulungiselelo kwigumbi lokuqala luphele. UThixo wayalela: “Makungabikho mntu ententeni yokuhlangana, ekungeneni kwakhe ukuya kucamagusha engcweleni, kude kube sekuphumeni kwakhe.” Levitikus 16:17. Ngokunjalo, xa uKristu engene kwingcwele kangcwele ukuba enze umsebenzi waKhe wokugqibela wokucamagushela,waluyekaulungiselelo lwaKhekwigumbilokuqala. Lwathi lwakuphela ulungiselelo kwigumbi lokuqala, lwaqala ulungiselelo kwigumbi lesibini. Wayesithi kwinkonzo yemifuziselo akuyishiya umbingeleli omkhulu ingcwele ngeMini yoCamagushelo, aye phambi kukaThixo ukuya kubeka igazi lomnikelo wesono ngenxa yakhe wonke uIsrayeli owayeguquke ngenyaniso ezonweni zabo. Kwangokunjalo, uKristu wayegqibe kuphela inxenye yomsebenzi waKhe njengomthetheleli wethu, ukuze angene kwenye inxenye yomsebenzi, kwaye usacenga ngegazi laKhe phambi kukaYise ngenxa yaboni.IE18 382.3

    Lo mcimbi wawungaqondwa ngama-Adventists ngowe-1844. Lakuba lidlule ixesha lokulindelwa koMsindisi, ayesakholelwa ukuba ukuza kwaKhe kwakukufuphi; ayebambe ukuba afike kwinkohla ebalulekileyo nokuba umsebenzi kaKristu njengomthetheleli womntu phambi kukaThixo wawuphelile. Kwabonakala kuwo ukuba kwakufundiswa yiBhayibhile ukuba inceba yomntu yayiza kuvalwa kufutshane ngaphambi kokuza kweNkosi emafini ezulu. Kwabonakala kucacile oku ngokokubhaliweyo ukuba kwalatha kwixesha xa abantu beya kufuna, bankqonkqoze, bakhale emnyango wenceba, kodwa kungavulwa. Into eyaba ngumbuzo kubo yeyokuba, mhlawumbi, umhla ababelindele ukuza kukaKristu ngawo wawungazi kuphawula ukuqala kweli xesha lalikufuphi kanye ngaphambi kokuza kwaKhe. Kuba babenike isilumkiso sokuba umgwebo ukufuphi, bacinga ukuba umsebenzi wabo ehlabathini ugqityiwe, baza balahlekwa ngumsebenzi womphefumlo wabo wokusindiswa kwaboni, lo gama ukugxeka kwabanesibindi abanyelisayo bangahloneli Thixo kwakungathi kubo bobunye ubungqina bokuba uMoya kaThixo ubuyisiwe kwabo bayalayo inceba yaKhe. Konke oku kwaqinisekisa kubo inkolo yokuba inceba ivaliwe, okanye, ngokutsho kwabo ngelo xesha, “ucango lwenceba lwavalwa.”IE18 382.4

    Kwaya kwafika ukukhanya okwakhanya kakhulu nophengululo kumcimbi wengcwele. Baya babona ngoku ukuba babelungisa ekukholweni ukuba ukuphela kwama-2300 eentsuku, ngowe-1844 kwakuphawula isiganeko esibalulekileyo. Phofu, nangona kwakuyinyaniso ukuba ucango lwethemba nenceba, abathi abantu ngalo bafumana indlela yokuya kuThixo iminyaka eliwaka elinamakhulu asibhozo, lwaluvaliwe, kwavulwa olunye ucango, kwaza ukuxolelwa kwezono kwanikwa abantu ngokuthethelela kukaKristu kwingcwele kangcwele. Enye indawo yokulungiselela kwaKhe yavalwa, ukuze kuvulwe enye. Lwalusekho “ucango oluvuliweyo” olungena kwingcwele yasezulwini, apho uKristu wayelungiselela khona ngenxa yaboni.IE18 383.1

    Ngoku kwabonakala ukusebenza kwaloo mazwi kaKristu akwisiTyhilelo, abhekiswa ebandleni kanye ngeli xesha: “Utsho Oyingcwele, oyiNyaniso, lowo unaso isitshixo sikaDavide; lowo uvulayo kungavali namnye, avale kungavuli namnye, ukuthi: Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala.” IsiTyhilelo 3:7, 8. IE18 383.2

    Ngabo bathi ngokholo bamlandele uYesu kumsebenzi omkhulu wocamagusho abazuza okuhle ngokuthethelela kwaKhe ngenxa yabo, lo gama abo bakwalayo ukukhanya okuveza lo msebenzi wolungiselelo bengazuzi nto ngawo. AmaYuda awakwalayo ukukhanya okwakunikwe kukufika kokuqala kukaKristu, ala ukukholelwa kuYe njengoMsindisi womhlaba, awazange akwazi ukwamkelwa ukuxolelwa ngaYe. Xa uYesu ekunyukeni kwaKhe wangena ngelilelaKhe igazi engcweleni yasezulwini ukuba athulule iintsikelelo zokuthethelela kwaKhe phezu kwabafundi baKhe , amaYuda ashiywa esebumnyameni obupheleleyo ukuba aqhubeke namadini neminikelo yawo engenamsebenzi. Ulungiselelo lwemifuziselo nezithunzi lwayekwa. Olo cango ababefumana ngalo abantu ukungena kuThixo ngaphambili, lalingasavuliwe. AmaYuda ala ukumfuna ekuphela kwayo indlela anokuthi ngayo abe nokufunyanwa, ngolungiselelo kwingcwele yasezulwini. Ngoko ke, awazange alufumane uqhagamshelwano noThixo. Kuwo ucango lwaluvaliwe. Ayengamazi uKristu njengombingelelo oyinyaniso nomthetheleli ekuphela kwaKhe phambi kukaThixo; kungoko engazange akwamkele okuhle ngokuthethelela kwaKhe. IE18 383.3

    Imeko yamaYuda angakholwayo ibonisa imeko yabangakhathaliyo abangakholwayo kwabazibiza ngoKristu, abangazinto ngokuzithandela ngomsebenziwoMbingeleliwethuoMkhuluonovelwano. Kwinkonzo yemifuziselo, xa umbingeleli omkhulu wayengena kwingcwele kangcwele, wonke uIsrayeli kwakufuneka ayirhangqe ingcwele enokundiliseka okukhulu kokuzithoba phambi kukaThixo, ukuze bafumane ukuxolelwa kwezono zabo baze banganqanyulwa ebandleni. Kufuneka kakhulu ukuba, kule yenyaniso iMini yoCamagushelo, siwuqonde umsebenzi woMbingeleli oMkhulu wethu nokuba sikwazi ekufuneka sikwenzile.IE18 384.1

    Abantu abanako ukwala baze bangagwetywa isilumkiso atheuThixo ngenceba yaKhe wabathumela sona. Isigidimi sathunyelwa sivela ezulwini ngemihla kaNowa, lwaye usindiso lwabo luxhomekeke kwindlela abasiphatha ngayo isigidimi eso. Ngenxa yokuba basala isilumkiso, uMoya kaThxo watsalwa kuhlanga olunesono, batshabalala ngamanzi kanogumbe. Ngexesha lika-Abhraham, inceba yayeka ukucenga abemi abanetyala baseSodom, baza bonke, ngaphandle kukaLote nomfazi neentombi ezimbini bagqitywa ngumlilo owehla uvela ezulwini. Ngokunjalo nangemihla kaKristu. UNyana kaThixo wathi kumaYuda anga kholwayo eso sizukulwana: “Indlu yenu ishiywa nani ize.” Mateyu 23:38. Ikhangele kwimihla yokugqibela, kwalona eli gunya lingenamida lithi, ngabo “[ba] ngakwamkelanga ukuyithanda inyaniso ukuze basindiswe”: “Ngenxa yoko, uThixo uya kubathumela ulahlekiso olusebenza ngamandla, ukuze bakholwe bubuxoki; ukuze bagwetywe bonke abangakholwanga yiyo inyaniso, basuka bakholiswa kuko ukungalungisi.” 2 Tesalonika 2:10-12. Njengoko bezala iimfundiso zelizwi laKhe, uThixo uyawubuyisa uMoya waKhe abashiye kwiinkohliso abazithandayo.IE18 384.2

    Nangoku uKristu usathethelela ngenxa yomntu, kanti nokukhanya kuza kunikwa abo bakufunayo. Nangona oku kwakungaqondwa kuqala ngama-Adventists, emva koko kwenziwa kwacaca xa iziBhalo ezichaza indawo yawo eyinyaniso zathi zaqala ukutyhileka phambi kwawo. IE18 385.1

    Ukudlula kwexesha ngowe-1844 kwalandelwa lucikido olukhulu kwabo babesabambelele kwinkolo yokufika. Into ekuphela kwayo eyabakhululayo, ngokuqinisekiswakwendawo eyinyaniso abakuyo, yabakukukhanya okwakhokelela iingqondo zabo kwingcwele esezulwini. Abanye bakushiya ukukholelwa kwabo kwangaphambili kwindlela yokubala amaxesha eziprofeto, bayibiza ngokuthi ngumsebenzi wezenzeleli ezingabantu okanye ezikhohlakeleyo impembelelo enamandla kaMoya Oyingcwele, lowo yayinawo intshukumo yokufika.Olunye udidi, labambelela ngokuqinileyo kwinto ethi, iNkosi yabakhokela kumava adlulileyo; kwathi nangoku belindile bekhangele bethandaza ukuba bazi intando kaThixo, babona ukuba uMbingeleli wabo oMkhulu wangena komnye umsebenzi wolungiselelo, baza, ngokumlandela ngokholo, benziwa ukuba bakubone nokuvalwa komsebenzi webandla. Baba nokuziqonda ngokucace kakhulu izigidimi zeengelosi, eyokuqala neyesibini, baza balungela ukwamkela nokunika ihlabathi isilumkiso sengelosi yesithathu yesiTyhilelo 14.IE18 385.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents