Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    36—Ungquzulwano Oluzayo

    Kususela kwasekuqalekeni kwembambano enkulu eZulwini, yaba yinjongo kaSathana ukuwulahlela kude umthetho kaThixo. Yayikukufuna ukufeza oko okwenza ukuba aluqale uvukelo lwakhe ngakuMdali, wathi naxa walahlelwa ngaphandle kwaseZulwini, waqhubeka nayo loo mfazwe emhlabeni. Ukubakhohlisa abantu, aze abakhokelele ekuwugqitheni umthetho kaThixo, yinjongo ayilandela ngenzondelelo. Nokuba oku kuza kwenzeka ngokuwubekela ecaleni wonke umthetho, okanye ngokwala omnye kuwo, ekugqibeleni isiphumo siya kuba sinye. Lowo waphula “ube mnye,” ubonakalalisa ukuwujongela phantsi wonke umthetho; impembelelo yakhe nomzekelo wakhe ungakwicala lovukelo; uthi ke abe “netyala lawo wonke.” Yakobi 2:10. IE18 515.1

    Ekuzameni ukwenza ukuba kubekho ukudelelwa kwemiyalelo engcwele, uSathana wagqwetha iimfundiso zeBhayibhile, zaza iziphoso zabandakanywa kwinkolo yamawaka athi ayazikholelwa iziBhalo. Ungquzulwano olukhulu lokugqibela phakathi kwenyaniso nemposiso lulidabi lokugqibela lembambano ekade ikho ngokubhekiselele kumthetho kaThixo. Singena kwelo dabi ngoku—idabi phakathi kwemithetho yabantu nemimiselo kaYehova, phakathi kwenkolo yeBhayibhile nenkolo yentsomi nesithethe.IE18 515.2

    Izenzeleli eziza kumanyana ukuchasa inyaniso nobulungisa koku kungquzulana ziyasebenza ngoku. Ilizwi likaThixo elingcwele, elanikelwa kuthi ngexabiso elikhulu lokuphatheka kakubi kunye negazi, alixatyiswanga nakancinane. IBhayibhile iyafikelela kubo bonke, kodwa bambalwa abayamkelayo ngokwenene njengesikhokelo sobomi. Ukungakholwa koyisa ngendlela ekhwankqisayo, kungekho ehlabathini kuphela, kodwa nasebandleni. Baninzi abazikhanyelayo iimfundiso ezizintsika kanye zenkolo yobuKristu. Iinyaniso ezinkulu zendalo njengoko zibekwa ngababhali abaphefumlelweyo, ukuwa komntu [esonweni], ucamagushelo, nokuma ngonaphakade komthetho kaThixo, zaliwa nje ngokuphandle, zizonke okanye inxenye, liqela elikhulu lehlabathi elithi lingamaKristu. Amawaka athi azigabise ngobulumko nokungaxhomekeki, akuthabatha ngokuba kukubonakala kobuthakathaka ukubeka ukuthembela okupheleleyo eBhayibhileni; acinga ukuba kukubonisa ukongama kwetalente nokufunda ukuzichukela iziBhalo nokuzichaza ngokuzichaselisa njengezinto nje zikamoya ezona nyaniso zazo ezibalulekileyo. Abafundisi abaninzi babafundisa abantu babo, nooprofesa neetitshala ezininzi zifundisa abafundi bazo, ukuba umthetho kaThixo waguqulwa okanye wasuswa; baze abo bakuhlonelayo okufunwa nguwo njengokusasebenzayo, befuna ukuba kuthotyelwe ngendlela ebonakalayo, kucingwe ukuba bafanelwe kukuhlekwa okanye ukujongelwa phantsi kuphela. IE18 515.3

    Ekwaleni inyaniso, abantu bala uMenzi wayo. Ekunyatheleleni phantsi umthetho kaThixo, bala igunya loMniki-mthetho. Kulula kakhulu ukwenza isithixo seemfundiso zobuxoki njengokwenza isithixo somthi okanye ilitye. Ukuveza gwenxa iimpawu zikaThixo, uSathana ukhokelela abantu ukuba bambone enesimilo sobuxoki. Kwabaninzi, isithixo solwazi sibekwe esihlalweni sikaYehova; lo gama uThixo ophilileyo, njengoko etyhilwe elizwini laKhe, kuKristu, nasemisebenzini yendalo, enqulwa ngabambalwa. Amawaka enza indalo isithixo ngeli xesha emkhanyela uThixo wendalo. Nangona kungemo eyahlukileyo, unqulo lwezithixo lukho kwihlabathi lobuKristu namhlanje kanye njengoko lwalukho kuIsrayeli wakudala ngemihla kaEliya. Uthixo wabaninzi abathi bazizilumko, iifilosofa, iimbongi, abopolitiko, nabachola-choli beendaba—uThixo weendawo ezenziwe zabantle, weekholeji neeyunivesithi ezininzi, neminye yemizi yokuqeqesha abafunda ngoThixo—ungaphezulwana kancinane kuBhahali, uthixo welanga waseFenike.IE18 516.1

    Ayikho imposiso eyamkelwe lilizwe lonke lamaKristu elwa ngesibindi esikhulu negunya leZulu, ingekho neyingozi ukudlulisa ngeziphumo zayo, kunemfundiso yeli xesha, endlondlobalayo ukukhula, ethi umthetho kaThixo awusabaqamangeli abantu. Sonke isizwe sinemithetho yaso, efuna ukuhlonelwa ithotyelwe; akakho urhulumente onokuma ngaphandle kwayo; icingwa njani into yokuba uMdali wamazulu nomhlaba akanawo umthetho wokulawula abantu abadalileyo? Makhe sithi, abafundisi abaziwayo bebengafundisa esidlangalaleni ukuba imiyalelo elawula ilizwe labo, ikhusele amalungelo abemi balo, ayisanyanzelisi,--nokuba yalela iinkululeko zabantu, ngoko ke, ayimele kuthotyelwa; kungalixesha elingakanani abantu abanjalo benyamezelwe epulpitini? Ingaba sisikhubekiso esibi ngaphezulu ukungakhathaleli imithetho yeziteyiti nezizwe kunokuba kunyathelelwe phantsi imiyalelo yezulu esisiseko salo lonke ulawulo?IE18 516.2

    Bekungahambelana kakhulu nezizwe ukubhangisa imimiselo yazo, nokuvumela abantu ukuba benze unothanda, kunokuba uMlawuli weyunivesi achithe umthetho waKhe, alishiye ihlabathi lingenawo umgangatho wokulwa aboni okanye ukugwebela abathobelayo. Ingaba besinokusazi isiphumo sokuwenza into engento umthetho kaThixo? Umzekelo wenziwa. Zazimbi izinto ezazisenzeka eFrance ngexesha ukungakholwa kuThixo kwakulawula. Kwakungelo xesha ekwavela emhlabeni ukuba, ukulahla izithintelo athe uThixo wazibeka kukwamkela ulawulo lwezona ndlobongela zikhohlakeleyo. Xa umgangatho wobulungisa ubekwe bucala, indlela ivulekile ukuba umphathi wobubi amilisele igunya lakhe emhlabeni. IE18 517.1

    Konke apho imiyalelo engcwele isaliwa, isono siyayeka ukubonakala sisisono okanye ubulungisa bunqweneleka. Abo balayo ukuyekela kulawulo lukaThixo abakufanelanga konke ukuba balawule bona. Ngeemfundiso zabo ezibulalayo, umoya wokungathobeli uyatyalwa ezintliziyweni zabantwana nolutsha, bona, ngokwemveli yabo, bangenawo umonde wokuzibamba; size isiphumo sibe sisizukulwana esingenawo umthetho, nesithanda iziyolo. Ngeli xesha kuhlekiswa njengokukholelwa lula kwabo bathobela okufunwa nguThixo, izihlwele zamkela ngovuyo ulahlekiso lukaSathana. Banikela iintambo kwinkanuko nokwenziwa kwezono ezahlisela izibetho abahedeni.IE18 517.2

    Abo bafundisa abantu ukuba bayithabathe lula imithetho kaThixo, bahlwayela imbewu yokungathobeli baze bavune ukungathobeli. Ngako nje ukuba ukunqanda okwenziwayo ngumthetho ongcwele kulahlelwe kude, kungekudala, nemithetho yabantu iza kungakhathalelwa. Ngenxa yokuba uThixo esalela izenzo zokunganyaniseki, ukunqwena, ukuxoka, nobuqhetseba, abantu balungele ukunyathelela phantsi imiyalelo yaKhe njengesiphazamiso kwimpumelelo yabo yasehlabathini; kodwa iziphumo zokugxotha le miyalelo ziya kuba yinto ebingalindelwanga. Ukuba umthetho ubungabopheleli, lolwantoni uloyiko lokugqithwa komthetho? Iimpahla azikhuselekanga. Abantu bangathabatha izinto zommelwane ndlongondlongo, oyena ulihlwempu abe ngoyena usisityebi. Ubomi ngokwabo bebungayi kuhlonitshwa. Isifungo somtshato besingayi kuma njengodonga olungcwele ukukhusela usapho. Othe wanamandla, ebeya kuthi xa efuna, amthabathe umfazi wommelwane wakhe ngenkani. Umthetho wesihlanu ubuya kubekelwa bucala nowesine. Abantwana bebengayikoyika ukubulala abazali babo xa ngokwenjenjalo beya kuzuza ngokweminqweno yeentliziyo zabo ezikhohlakeleyo. Ilizwe lempucuko beliya kuba ngumhlambi wezikrelemnqa nababulali, luthi uxolo, uphumlo, nolonwabo lugxothwe lumke ebusweni bomhlaba.IE18 517.3

    Imfundiso yokuba abantu bakhululwe ekuthobeleni okufunwa nguThixo, sele iqalile ukuwathothisa amandla okunyanzeleka kokuziphatha yavula amasango obugwenxa phezu komhlaba. Ukungabikho komthetho, urheletyo, nenkohlakalo zenza isikhukhula phezu kwethu njengomsinga owoyisayo. Kwiintsapho, uSathana uyasebenza. Imbasa yakhe iyaphaphazela, nakumakhaya angawobuKristu. Kukho umona, ukuceba inkohlakalo, ukuphoxa obekuthenjiwe, ukuziyekela kwiinkanuko. Lulonke uhlelo lwemithetho-siseko yenkolo neemfundiso ebezimele ukuba sisiseko nesakhiwo sobomi bokuphila nabantu, lukhangeleka luyingxaki ehexahexayo, lulungele ukuwa lube ziindonga eziwileyo. Abagqithi bomthetho abangabona bakhohlakeleyo, xa befakwe entolongweni ngenxa yenkohlakalo yabo, bakholisaukuzuzaizipho nokuhoywa ngokungathi bafikelele kwinqanaba elinqwenelekayo. Kuthethwa kakhulu ngesimilo sabo nokwaphula kwabo umthetho. Amaphephandaba asasaza iinkcukacha enezothe zenkohlakalo, ngaloo ndlela eqeqesha abanye kwizenzo zobuqhetseba, ubusela, nokubulala; abe uSathanaevuya ngempumelelo yamacebo akhe enkohlakalo. Uthando olugqithileyo lobubi, ukubulala okungenankathalo, ukwandiswa kokungabi nabungcathu nobugwenxa bazo zonke iintlobo nomgangatho, kumele kubavuse bonke abamoyikayo uThixo, ukuba babuze okunokwenziwa ukunqanda umsinga wobubi.IE18 518.1

    Iinkundla zobulungisa zikhohlakele. Abaphathi baqhutywa kukubawela inzuzo nokuthanda ulonwabo lwesondo. Ukungabikho kobungcathu kubagqume amandla engqondo ngokwelifu abaninzi ukuze uSathana abe nolawulo olusondele ekupheleleni kubo. Abagwebi bangcolile, bayathengwa, bayakhohliswa. Ubunxila nokuzibhubhisa, inkanuko, umona, ukunganyaniseki kwazo zonke iintlobo, zizinto ezifumaneka kubantu abenza umthetho. “Ubulungisa bumi kude; ngokuba inyaniso ikhubekile endaweni yembutho, akunakungena okuthe gca.” Isaya 59:14.IE18 518.2

    Ubugwenxa nobumnyama basemoyeni obabukho phambi kokongama kweRoma babuziziphumo eziqinisekileyo zokucinezelwa kweziBhalo; kodwa kuphi apho kunokufunyanwa khona unobangela wokungathembeki okuthe tshitshilili, ukwaliwa komthetho kaThixo, nenkohlakalo ethi ilandele, phantsi kwedangatye elikhulu lokukhanya kwegospile ngexesha lenkululeko yenkolo? Ngoku, njengokuba uSathana engasakwazi ukuligcina ihlabathi phantsi kolawulo lwakhe ngokubamba iziBhalo, ubhenele kwezinye iindlela zokufeza kwayona loo njongo. Ukutshabalalisa ukholo eBhayibhileni kuyayenza injongo yakhe kwakunye nokutshabalalisa iBhayibhile ngokwayo. Ngokungenisa inkolo yokuba umthetho kaThixo awubopheleli, ubakhokelele ngempumelelo abantu ukuba bone ngokungathi abazi nto konke ngemiyalelo yayo [iBhayibhile]. Nangoku, njengakwizizukulwana zangaphambili, usebenze ngebandla ukuhambisela phambili amacebo akhe. Imibutho yeenkolo yanamhla yalile ukuphulaphula iinyaniso ezingathandekiyo ezivezwa ngokucacileyo eziBhalweni, kuze kuthi nasekuzilweni bamise iinguqulelo bame ezindaweniezihlwayele imbewu yokukrokra. Ukubambelela kwimposiso yobupopi yokungabi nakufa ngokwendalo nokuba umntu uba sezingqondweni ngokuafileyo, balahle isikhuselo ekuphela kwaso ngakulahlekiso lwenkolo yemimoya. Imfundiso yokuthuthunjiswa okungunaphakade yabenza abaninzi ukuba bangayikholelwa iBhayibhile. Kwathi xa amabango omthetho wesine ekhuthazwa ebantwini, kwafumaneka ukuba ukugcinwa kweSabatha yosuku lwesixhenxe kuyahlanganiswa apho; yaza yathi indlela ekuphela kwayo yokuzikhulula kumthwalo ababengenayo intumekelelo yokuwenza, iititshala ezininzi ezaziwayo zavakalisa ukuba umthetho kaThixo awusanyanzelekanga. Ngaloo ndlela zawulahla kude umthetho kunye neSabatha. Kuya kuthi xa uhlaziyo lweSabatha lunaba, oku kwaliwa komthetho ongcwele kuba kuphetshwa amabango omthetho wesine, kuya kusondela ekubeni lube kwizwe lonke. Iimfundiso zeenkokeli zenkolo zivule ucango ukuba kungene ukungathembeki, unqulo lwemimoya, nokujongelwa phantsi komthetho kaThixo ongcwele; kwaye phezu kwezi nkokeli kulele umthwalo owoyikekayo ngenxa yenkohlakalo ekhoyo kwihlabathi lobuKristu. IE18 518.3

    Kanti ke, lona olu didi lwenza ibango elithi, inkohlakalo esasazeka ngokukhawuleza yenziwa kakhulu kukungcoliswa yile nto kuthiwa “yiSabatha yobuKristu,” besithi ukunyanzeliswa ukugcinwa kweCawa kungakuphucula kakhulu ukuziphatha kwasekuhlaleni. Eli bango lakhuthazwa kakhulu eMelika, khona apho imfundiso yeSabatha yenyaniso yashunyayelwa ngokubanzi kakhulu. Apha, umsebenzi wobungcathu, omnye wolona luhlaziyo luphambili nolubalulekileyo lwendlela yokuziphatha, ukholisa ukuhlanganiswa nentshukumo yeCawa, baze abavakalisi bentshukumo yeCawa bazibeke njengabasebenzela ukukhuthaza owona mdla mkhulu ekuhlaleni; baze abo balayo ukuzimanya kunye nabo bahlaselwe njengeentshaba zobungcathu nohlaziyo. Yona into yokuba intshukumo yokumisela imposiso ihlangene nomsebenzi wona ngokwawo olungileyo, asiyiyo ingxoxo exhasa imposiso. Singayifihla ityhefu yokuyixuba nokutya okwakhayo, kodwa asiyiguquli yona imo yayo. Ngokuchaseneyo, yenziwa ukuba ibe yingozi ngaphezulu, njengoko inethuba lokuba ityiwe kungaqondwanga. Lelinye lamacebo kaSathana ukuhlanganisa nobuxoki inyaniso eyaneleyo nje ukuba nike ukuncomeka. Iinkokeli zentshukumo yeCawa zingathetha ngohlaziyo oludingwayo ngabantu, imithetho-siseko ehambelana neBhayibhile; kanti ke, kusahlangene koko kufuneka kwenziwe okuchasene nomthetho kaThixo, abakhonzi baKhe abanako ukuzimanya nabo. Akukho nto inokubathethelela ekubekeleni bucala imithetho kaThixo ukuze kwenziwe imiyalelo yabantu.IE18 519.1

    Ngeemposiso ezimbini ezinkulu, ukungabi nakufa [okanye ukungafi] komphefumlo nobungcwele beCawa, uSathana uza kubabeka phantsi kwenkohliso yakhe abantu. Lo gama le yokuqala [ukungafi komphefumlo] ibeka isiseko sonqulo lwemimoya [izinyanya], le yamva [iCawa engcwele] idala iqhina lovelwano neRoma. AmaProtestanti eMelika eManyeneyo [iU.S.A.] aya kuba phambili ekoluleni izandla ngaphaya komsantsa ukubamba isandla sonqulo lwemimoya; aya kufikelela ngaphaya komsantsa ukubambana negunya laseRoma; kuze kuthi phantsi kwempembelelo yomanyano lwalo nxa-ntathu, eli lizwe [iMelika] lilandele emanyathelweni eRoma ekunyhasheni amalungelo esazela.IE18 520.1

    Njengoko unqulo lwemimoya lulinganisa kakhulu oko kubizwa ngokuba bubuKristu banamhlanje, lunamandla amakhulu okukhohlisa nokubambisa. USathana ngokwakhe uguqukile, ngokokuhamba kwezinto zeli xesha. Uza kubonakala ekwimo yengelosi yokukhanya. Ngezenzeleli zonqulo lwemimoya, imimangaliso iza kwenziwa, abagulayo baphiliswe, nezimanga ezingenako ukuphikwa ziza kwenziwa. Kuza kuthi, njengoko imimoya izibiza ngenkolo yeBhayibhile, ibonakalalise intlonipho kwizimiso zebandla, umsebenzi wayo uya kwamkeleka njengokubonakalaliswa kwamandla kaThixo. IE18 520.2

    Umgca owahlulayo phakathi kwabazibiza ngokuba bangamaKristu nabangamhloneliyo uThixo ngoku kunzima ukuba ucace. Amalungu ebandla aya kuthanda oko kuthandwa lihlabathi kwaye akulungele ukuzimanya nabo [abehlabathi], abe uSathana ezimisele ukubamanya kumzimba omnye aze ngaloo ndlela awunike amandla umsebenzi wakhe ngokubatshayelela bonke kunqulo lwemimoya. Abobupopi, abaqhayisa ngemimangaliso njengophawu oluqinisekileyo lwebandla lenyaniso, baya kukhohliseka lula ngeli gunya lenza imimangaliso; namaProtestanti, kuba elilahlile ikhaka lenyaniso, aya kulahlekiswa. Abobupopi, amaProtestanti, nabathanda ihlabathi, bonke ngokufanayo, baya kulwamkela uhlobo lokungahlonelwakukaThixo olungenawoamandla,bazebabonekolu Manyano intshukumo entle kakhulu yokuguqulwa kwehlabathi nokwamkelwa kokungeniswa kwexesha leminyaka eliwaka ekwakukade yalindelwa.IE18 520.3

    Ngonqulo lwemimoya, uSathana ubonakala engoyintsikelelo yohlanga, ephilisa izifo zabantu, esithi unika uhlelo olutsha noluphakamisa kakhulu lokholo lwenkolo; kodwa, kwangelo xesha linye, usebenza njengomtshabalalisi. Izihendo zakhe zikhokelela izihlwele kwantshabalalo. Ukungabi nabungcathu kususa ingqiqo esihlalweni; ukuziyekela kwiziyolo, ukulwa, nokuphalala kwegazi kulandele. USathana wonwatyiswa yimfazwe, kuba ivusa ezona zimbi iimvakalelo zomphefumlo, aze emva koko awatshayelele kunaphakade amaxhoba akekelele kububi negazi. Yinjongo yakhe ukuvusa izizwe ukuba zilwe, esinye nesinye, kuba njalo unako ukuzijika iingqondo zabantu zisuke emsebenzini wokulungiselela ukuma ngemini kaThixo. IE18 521.1

    USathana usebenza ngeziqalelo ukuqokelela isivuno sakhe esiyimiphefumlo engalumkelanga nto. Uzifundile iimfihlelo zamaziko afunda ngendalo, aze asebenzise onke amandla anawo ukuba alawule iziqalelo kangangoko uThixo anokumvumela. Xa waye eyekiwe ukuba athuthumbise uYobhi, indlela awakhawuleza ngayo ukutshayela imihlambi nemiqodi, izicaka, izindlu, abantwana, iinkathazo zilandelelana ngomzuzu! NguThixo okhusela izidalwa zaKhe azivalele ngaphakathi kwesibaya ukuze zikhuseleke kumandla omtshabalalisi. Lona ilizwe lobuKristu lithe labonisa ukungawuxabisi umthetho kaYehova; ngoko iNkosi iya kwenza oko yayithe iya kukwenza--iya kuzirhoxisa iintsikelelo zaYo emhlabeni, iyisuse inkathalo yaYo ekhuselayo kwabo bavukela umthetho waYo, baze bafundise banyanzele abanye ukuba nabo benze ngokunjalo. USathana unolawulo kubo bonke abo uThixo abangabakhuselanga ngendlela ekhethekileyo. [USathana] uza kuthanda aphumelelise abanye ukuze akhulise amacebo akhe, aze abazisele inkathazo abanye, abenze abantu ukuba bakholelwe ekuthini nguThixo obangcungcuthekisayo. IE18 521.2

    Nangona ebonakala koonyana babantu njengogqirha omkhulu onako ukuphilisa zonke izilwelwe zabo, uza kuzisa izifo neentlekele, zide izixeko ezizele ngabantu zenziwe zibe ziindawo eziwileyo nezosizi.Nangoku uyasebenza. Kwiingozi nezihelegu ngolwandlenomhlaba, kwimililo emikhulu, kwiinkanyamba ezoyikekayo nezichotho ezikhulu, kwizivuthuvuthu, kwizikhukhula, uqhwithelo olukhulu, kwimisinga enamandla, neenyikima, kuyo yonke indawo ngeendlela ezingamawaka, uSathana usebenzisa amandla akhe. Usitshayela vuthu isivuno esele silungile, kuze kulandele indlala noxinzelelo. Ukhupha umoya ongcoliswe kukufa, aze amawaka atshabalale ngubhubhane. Oku kuvelelwa kuza kuthi rhoqo ukubakho kunobungozi obungaphezulu. Intshabalalo iya kuba phezu komntu nesilwanyana. “Ihlabathi lenza isijwili, libunile,” “bathe matshamatsha abaphakamileyo ebantwini behlabathi. Ihlabathi lihlanjelwe ngaphantsi kwabemi balo; ngokuba beyigqithile imiyalelo, badlula emimiselweni, bawaphula umnqophiso ongunaphakade.” Isaya 24:4, 5. IE18 521.3

    Ngelo xesha umkhohlisi omkhulu uya kuboyisela abantu kwinto ethi, ngabo bakhonza uThixo abenza kubekho bonke obu bubi. Iqela elixhokonxe ukungonwabi kweZulu liya kuzibeka zonke iinkathazo zalo phezu kwabo ekuthe ukuthobela kwabo imithetho kaThixo kwakukuthethisa okungenasiphelo kwabo bangabagqithi bomthetho. Kuya kuthiwa abantu bakhubekisa uThixo ngokwaphula iCawa eyisabatha; nokuba esi sono sizise iintlekele ezingasayi kuze ziphele kude ukugcinwa kweCawa kunyanzeliswe ngqongqo; nokuba abo babeka amabango omthetho wesine, ngokwenza njalo bechitha ukuhlonelwa kweCawa, bangabahluphi babantu, bethintela ukubuyiselwa kwabo kuthando lwezulu nempumelelo yasemhlabeni. Siya kuthi ngoko isityholo awabekwa sona umkhonzi kaThixo, siphindwe phezu kwemihlaba emiselwe ngokufanayo: “Kwathi, uAhabhi akumbona uEliya, wathi uAhabhi kuye, Ulapha na wena, uwahlisele intlekele amaIsrayeli? Wathi yena, Andiwahliselanga ntlekele amaIsrayeli; nguwe nendlu kayihlo, ngokushiya kwenu imithetho kaYehova, walandela ooBhahali.” 1 Kumkani 18:17, 18. Iya kuthi xa ingqumbo yabantu ivuswa zizityholo zobuxoki, [abantu] baya kulandela ikhondo elinye ngakubameli bakaThixo elifana twatse nelo abakreqayo bakwaIsrayeli balilandelayo ngakuEliya.IE18 522.1

    Eli gunya lisebenza imimangaliso ebonakalaliswa ngonqulo lwemimoya liza kuyinyanzelisa impembelelo yalo ukuchasa abo bathobela uThixo kunokuba bathobele abantu. Intetho evela kwimimoya iza kuxela ukuba uThixo uthumele yona ukuba yoyise abo bala iCawa ngemposiso yabo, iqinisele ukuba imithetho yelizwe imele ukuthotyelwa njengomthetho kaThixo. Iya kukhala ngenkohlakalo enkulu emhlabeni ize ibuxhase ubungqina beetitshala zenkolo ezithi, umgangatho ohlileyo wokuziphatha ubangelwa kukungcoliswa kweCawa. Uya kuba mkhulu umsindo oya kuvuswa ukulwa nabo bonke abalayo ukubamkela ubungqina bayo [imimoya].IE18 522.2

    Inkqubo kaSathana kweli dabi lokugqibela nabantu bakaThixo, inye naleyo wayisebenzisa ekuqaleni kwembambano enkulu ezulwini. Wathi ufuna ukukhuthaza uzinzo kulawulo lwezulu, lo gama emfihlakalweni ejija onke amalinge okuluwisa. Kwawona lo msebenzi wayezama ukuwufeza wawunikela kwizithunywa ezithembekileyo. Yona loo nkqubo yenkohliso iye yaluphawu lwembali yeBandla laseRoma. Liye lathi lisebenza njengommeli weZulu, lo gama lizama ukuziphakamisa ngaphezu kukaThixo nokuba liguqule umthetho waKhe. Phantsi kolawulo lweRoma, abo bafayo ngenxa yokuthembeka kwabo kwigospile, babonwa njengabenzi bobubi; kwathiwa bangumkhosi kaSathana; kwaza kwenziwa konke okusemandleni ukubambathisa ngezigculeo, ukubenza ukuba babonakale emehlweni abantu nakwawabo bengabona baphuli bomthetho ababi. Kuza kuba njalo nangoku. Lo gama uSathana ezama ukutshabalalisa abo bazukisa umthetho kaThixo, uza kwenza ukuba batyholwe njengabaphuli bomthetho, njengabantu abangamzukisiyo uThixo nabazisela izibetho emhlabeni.IE18 523.1

    UThixo akaze ayinyanzele intando okanye isazela; kodwa indlela asebenza ngayo uSathana, ukuba alawule abo angakwaziyo ukuboyisa, kukunyanzela ngenkohlakalo. Ngokusebenzisa ukoyika nokunyanzela uyaphumelela ukulawula isazela nokuzizuzela imbeko. Ukufeza oku, usebenzisa amagunya enkolo nawelizwe, ewenza ukuba anyanzelise imithetho yabantu ukudelela umthetho kaThixo.IE18 523.2

    Abo bahlonipha iSabatha yeBhayibhile baza kubonwa njengeentshaba zomthetho nocwangco, abawisa izithintelo zokuziphatha ekuhlaleni, bedala uqhushululu nenkohlakalo, bezisa izibetho zikaThixo emhlabeni. Ukulandela kwabo izazela zabo ngabom kuza kuthiwa ziinkani, ubungqola, nokudelela igunya. Baya kutyholwa ngokuchasa urhulumente. Abafundisi abakwalayo okufunwa ngumthetho wezulu baya kushumayela epulpitini ngokuthotyelwa kwamagunya awongamileyo amiselwe nguThixo. Kwizindlu zowiso-mthetho nasezinkundleni zobulungisa, kuya kuthethwa kakubi ngabagcini bomthetho baze bagwetywe. Aza kugqwethwa amazwi abo; kumiswe ngendlela engeyiyo iinjongo zabo.IE18 523.3

    Njengoko amabandla amaProstestanti ezala iintetho ezicacileyo zesiBhalo ezikhusela umthetho kaThixo, aya kunga angabathulisa abo balukholo lwabo bangakwaziyo ukuloyisa ngeBhayibhile. Nangona bewavala amehlo abo ngakwinyaniso, ngoku bathabatha ikhondo eliya kukhokelela ekutshutshiseni abo bathi ngabom bale ukwenza oko ilizwe lobuKristu likwenzayo, basuke bamkele amabango esabatha yobupopi.IE18 523.4

    Izikhulu zebandla nesizwe ziya kumanyana ukunyoba, ukuqhatha, okanye ukunyanzela bonke abantu ukuba bahloniphe iCawa. Ukungabikho kwegunya elingcwele kuya kunikwa ngemithetho yocinezelo. Inkohlakalo yopolitiko iya kutshabalalisa ukuthandwa kobulungisa nokuhlonelwa kwenyaniso; nakwiMelika ekhululekileyo, abaphathi nabawisi bomthetho, ukuze bazuze ukuthandwa ngabantu baya kuyekela kokufunwayo okungumthetho wokunyanzelisa kokugcinwa kweCawa. Inkululeko yesazela, ekwancanywa ubomi ngayo, ayisayi kuba sahlonitshwa. Kungquzulwano olukufuphi ukuba lufike, siza kubona ukwenzeka kwamazwi omprofeti: ‘Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.” IsiTyhilelo 12:17.IE18 524.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents