Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    2—Indalo

    [Esi sahluko sisekwe kwiGenesis: 1 nesesi-2.]

    “Lenzeka ngelizwi likaYehova izulu, umkhosi walo lonke ngomoya womlomo wakhe.” “Ngokuba wathetha, kwabakho; wawisa umthetho yena, kwema.” Ndumiso 33:6, 9. “Waliseka ihlabathi phezu kwemimiso yalo, ukuba lingashukunyiswa naphakade.” Ndumiso 104:5.ANa 44.1

    Ukuphuma komhlaba ezandleni zikaMenzi wawo, wawumhle ngokugqithisileyo. Ubuso bawo babahlulahlulwe ziintaba, iinduli, namathafa, kuthungela phakathi kwazo imilambo emihle namaqula athandekayo; kodwa iinduli neentaba zazingeyomiqhokro engambethanga, zizele zingxondorha ezimbi nemiwonyo eyoyikekayo, njengoko zinjalo ngoku; iindawo eziyingozi ezinezixhobo zamawa omhlaba zazingaphantsi komhlaba otyebileyo, owawunotyani obuhle bohlaza. Kwakungekho migxobhozo ingathandekiyo okanye iintlango ezibharhileyo. Amatyholo andilisekileyo neentyatyambo ezibukekayo zazilibulisa iliso kuyo yonke indawo. Iindawo eziphezulu zazinezixhobo zemithi emikhulu kunale ikhoyo ngoku. Umoya, ungangcoliswanga livumba elibi, wawucocekile unempilo. Imbonakalo yonke yomhlaba othe tshitshilili, yayiyidlula ngobuhle imihlaba elungisiweyo yeyona bhotwe lihle. Umkhosi weengelosi zaziwubuka ngovuyo umbono, ziyivuyela imisebenzi kaThixo emangalisayo.ANa 44.2

    Emva kokuba kuthethwe wakho umhlaba ozele zizilwanyana nemifuno, umntu, umsebenzi wokugqibela nowona uphezulu woMdali, nowawenzelwe ukuba ulungele yena umhlaba omhle, wafika ebaleni lomdlalo. Kwanikelwa kuye ubukhosi phezu kwayo yonke into enokubonwa liliso lakhe; kuba “wathi uThixo, Masenze umntu ngokomfanekiselo wethu ngokufana nathi. Mababe nobukhosi . . . nasemhlabeni wonke. . . . Wamdala ke uThixo umntu ngokomfanekiselo wakhe; . . . wadala indoda nenkazana.” Apha kubekwa ngokucacileyo imvelaphi yohlanga loluntu; kwaye ingxelo engcwele icacekakhulukangangokuba alikhoithubalokufikelela kwizigqibo eziphuthileyo. UThixo wamdala umntu ngokomfanekiselo waKhe. Akukho mfihlelo apha. Akukho mhlaba wengcinga enika ingqondo yokuba umntu waya ekhula kancinane ephuma ezilwanyaneni eziphantsi okanye emifunweni. Imfundiso enjalo iyawuthoba umsebenzi omkhulu woMdali uwuse kumgangatho weembono zomntu zasemhlabeni ezicuthekileyo. Abantu bazimisele ngendlela eyodwa ukuba bamsuse uThixo kubungangamsha bayo yonke into eyadalwayo kangangokuba umntu bamthobela phantsi bamhluthe isidima semvelo yakhe. Lowo wabeka amazwe eenkwenkwezi phezulu, wahombisa ngobuchule obuhle iintyatyambo zomhlaba, owazalisa umhlaba namazulu ngemimangaliso yamandla aKhe, wathi xa efika ekubeni aqoshelise ngobuhle umsebenzi waKhe onozuko, ukuba abeke phakathi kwawo oya kuthi abe ngumlawuli womhlaba omhle, akazange asilele ukudala into [umntu] efanelekileyo ukuba ayinike ubomi. Inzala yohlanga lwethu, ngokunikwa yimpefumlelo, ilandwa imvelaphi yayo, hayi kukhozo lobomi elikhulayo, kwinkumba, nakwizilwanyana ezimanqina-mane, kodwa kuMdali omkhulu. Nangona enziwe ngothuli, uAdam wayengu-“Nyana kaThixo.”ANa 44.3

    Wabekwa, njengommeli kaThixo, phezu kwezinto eziphantsi ngokomgangatho. Azikwazi ukuqonda okanye ukubuvuma ubukhulu bukaThixo, kanti zenziwa ukuze zikwazi ukumthanda zimsebenzele umntu. Umdumisi uthi, “Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, zonke izinto uzibeke phantsi kwenyawo zakhe: . . . kwaneenyamakazi zonke; iintaka zezulu, . . . into ehamba ngeendlela zolwandle.” Ndumiso 8:6-8.ANa 45.1

    Umntu kwakuza kufuneka abe ngumfanekiselo kaThixo, ngaphandle nangesimilo. NguKristu kuphela ongu-“mceph’ ucandiwe” (Hebhere 1:3, IBHAYIBHILE) kaYise; kodwa umntu wenziwa ngokomfanekiselo kaThixo. Imvelo yakhe yayihambelana nentando kaThixo. Ingqondo yakhe yayinako ukuziqonda izinto ezingcwele. Ukuthanda kwakhe izinto kwakunyulu; ilithe nemizwa yakhe zizinto ezaziphantsi kolawulo lwengqondo. Wayengcwele, onwabile ekubeni ngumfanekiselo kaThixo, eyithobele ngokugqibeleleyo intando yaKhe.ANa 45.2

    Ukuphuma kwakhe esandleni soMdali wakhe, umntu wayemde ngesithomo, egqibelele ngokumila. Imbonakalo yakhe yayinebala elingqombo elibonisa impilo, ebengezela kukukhanya kobomi novuyo. Ubude buka-Adam babungaphezulu kakhulu kokwamadoda akhoyo emhlabeni ngoku. UEva wayengaphantsana ngesithomo; kanti ke ukumila kwakhe kwakunesidima emhle kakhulu. Isibini esingenasono, sasinganxibanga zimpahla zenziweyo; zazambathiswe ngokukhanya nobuqaqawuli, obufana nobunxitywa ziingelosi. Ngalo lonke ixesha bephila ngokuthobela uThixo, le ngubo yokukhanya yayiya kusoloko ibagubungele.ANa 45.3

    Emva kokuba edaliwe uAdam, sonke isilwanyana esiphilayo saziswa phambi kwakhe ukuba asinike igama; waza wabona ukuba ngasinye kuzo sineqabane, kodwa phakathi kwazo “akafunyanelwanga mncedi unguwabo.” Phakathi kwazo zonke izilwanyana awazenzayo uThixo emhlabeni, sasingekho esilingana nomntu. Wathi uThixo, “Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi onguwabo.” Umntu akazange enziwe ukuba ahlale elilolo; kwakufuneka ukuba abe nabanye abantu. Ngaphandle kobuqabane, imibono emihle nemisebenzi eyonwabisayo yase-Eden, ngeyasilela ukuvelisa ulonwabo olugqibeleleyo. Nokuxhumana neengelosi ngokwazo, kwakungayi kukwanelisa ukulangazelela uvelwano nobulingane. Sasingekho isidalwa esinendalo efana neyakhe, enokuthanda kwanokuthandwa.ANa 46.1

    NguThixo ngokwaKhe owanika uAdam iqabane. “Wamenzela umncedi onguwabo”—umncedi ohambelana naye--owayefanelekile ukuba abe liqabane lakhe, nowayeya kuba mnye naye eluthandweni naseluvelwaneni. UEva wayethatyathwe elubambeni ecaleni lika-Adam, into eyayifuzisela ukuba wayengayi kumlawula njengentloko, okanye amnyhashe phantsi kweenyawo zakhe njengophantsi, kodwa ukuze ame ecaleni kwakhe njengolinganayo naye, ukuba athandwe akhuselwe nguye (uAdam). Inxalenye yendoda, ithambo lamathambo ayo, inyama yenyama yayo, wayeza kuba sisiqu sayo sesibini, into ebonisa ukudlelana okusondeleyo kunye nokwayamana okunothando okumele ukuba kubekho koku kudlelana. “Akukho namnye wakha wayithiya eyakhe inyama; usuka ayondle, ayigcine.” Efese 5:29. “Ngenxa yoko indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.”ANa 46.2

    UThixo waziyolisa ngomtshato wokuqala. Ngoko ke, esi sisimiso somqali waso onguMdali weyunivesi. “Umtshato uxabisekile.” (Hebhere 13:4, IBHAYIBHILE); usesinye sezimiso ezibini ezathi, emva kokuWa, uAdam waphuma nazo ngaphaya kwamasango eParadesi. Xa imithetho-siseko engcwele isamkelwa ithotyelwe kobu budlelane, umtshato uyintsikelelo; ukhusela ubunyulu nolonwabo lohlanga, unika umntu iimfuno zasekuhlaleni, uphakamisa umzimba, ingqondo, nemvelo yokuziphatha.ANa 46.3

    “UYehova uThixo watyala umyezo e-Eden ngasempumalanga; wambeka khona umntu abembumbile.” Yonke into uThixo awayenzayo yayinengqibeleloyobuhle, kungekho nto ifuna ukwenziwa ukongeza kulonwabo lwesibini esingcwele, uMdali wabanika nomnye umqondiso wothando lwaKhe, ngokubalungiselela igadi ukuba ibe likhaya labo ngendlela ekhethekileyo. Kule gadi kwakukho imithi yeentlobo ezininzi, emininzi kuyo izele ziziqhamo ezazinevumba elimnandi, nazo zinencasa. Kwakukho imidiliya emihle, ikhula ibheka phezulu, ikwanika imbonakalo enesidima, inamasebe agobileyo kukusindwa ziziqhamo ezinomtsalane, ezityebileyo nezinemibala emininzi emihle. Yayingumsebenzi ka-Adam ukwenza ukuba amasebe omdiliya abe yindawo yokusithela, ngolo hlobo babenendawo yokuhlala kwimithi ephilayo egqunywe ngamagqabi neziqhamo. Kwakukho neentyatyambo ezinuka kamnandi ezinayo yonke imibala emihle ixinene. Esazulwini segadi, kwakumi umthi wobomi, uyidlula yonke eminye imithi ngobuhle. Isiqhamo sawo sasinenkangeleko yama-apile egolide nesilivere, sinamandla okunika ubomi obungenasiphelo.ANa 47.1

    Ukudala kwakugqityiwe ngoku. “Agqitywa ke amazulu nehlabathi, nawo wonke umkhosi wezo zinto.” “Wakubona uThixo konke akwenzileyo, nanko, kulungile kunene.” IEden yayineentyatyambo emhlabeni. UAdam noEva babekhululekile ukuba bafikelele kumthi wobomi. Kwakungekho bala lasono okanye ithunzi lokufa elangcolisa indalo entle. “Ngaloo ntsasa iinkwenkwezi zamemelela, izidwangube zakwaThixo zanemincili.” Yobi 38:7, IBHAYIBHILE.ANa 47.2

    UYehova omkhulu wayemise iziseko zomhlaba; wayewambathise wonke umhlaba ngengubo yobuhle wawuzalisa ngezinto eziluncedo emntwini; wadala zonke izinto ezimangalisayo zasemhlabeni naselwandle. Ngeentsuku ezintandathu umsebenzi omkhulu wokudala wawugqityiwe. UThixo “waphumla ngomhla wesixhenxe kuwo wonke umsebenzi wakhe awawenzayo. Wawusikelela uThixo umhla wesixhenxe, wawungcwalisa; ngokuba waphumla ngawo kuwo wonke umsebenzi wakhe wawudalayo uThixo, wawenza.” UThixo wawukhangela ngokwaneliseka umsebenzi wezandla zaKhe. Konke kwakugqibelele, uyifanele iMbangi yawo engcwele, waphumla, kungenje ngodiniweyo, kodwa njengowaneliseke kakhulu ziziqhamo zobulumko baKhe, nokulunga nokubonakala kobuqaqawuli baKhe.ANa 47.3

    Akuba ephumle ngomhla wesixhenxe, uThixo wawungcwalisa, okanye wawubeka bucala, njengomhla wokuphumla komntu. Elandela umzekelo woMdali, umntu wayeza kuphumla ngalo mhla ungcwele, ukuze athi xa ekhangele amazulu nomhlaba, akhumbule ngomsebenzi omkhulu kaThixo wokudala; athi xa ebona ubungqina bobulumko bukaThixo nokulunga kwaKhe, intliziyo yakhe izaliswe luthando nentlonipho kuMenzi wakhe.ANa 47.4

    E-Eden, uThixo wamisa isikhumbuzo somsebenzi waKhe wokudala, wabeka intsikelelo yaKhe phezu komhla wesixhenxe. ISabatha yanikelwa kuAdam, uyise nommeli wosapho lonke loluntu. Ukuyigcina kwakuza kuba sisenzo sokuvuma ngombulelo, kubo bonke abaya kuhlala emhlabeni, ukuba uThixo wayenguMdali wabo nonelungelo lobukhosi phezu kwabo; nokuba babengumsebenzi wezandla zaKhe nabantu anegunya phezu kwabo. Ngoko ke, umiselo lwalusisikhumbuzo ngokupheleleyo, saye sinikelwe kubo bonke abantu. Akukho nto yayingacacanga kuyo okanye enesithintelo ekwenziweni nangabaphi na abantu.ANa 48.1

    UThixo wabona ukuba iSabatha iyafuneka emntwini, kwase-Paradesi. Wayedinga ukuba abeke bucala izinto zakhe azithandayo nazenzayo umhla omnye kwesixhenxe, ukuze acinge ngokupheleleyo ngemisebenzi kaThixo; acamngce ngamandla nokulunga kwaKhe. Wayeyidinga iSabatha ukuba imkhumbuze ngakumbi ngokucacileyo ngoThixo, ivuselele umbulelo ngenxa yako konke akonwabelayo noko anako, okuvela esandleni esinobubele soMdali.ANa 48.2

    UThixo ulungiselele ukuba iSabatha ikhokelele iingqondo zabantu ekucamngceni ngemisebenzi ayidalileyo. Indalo iyathetha ezingqondweni zabo, ivakalisa ukuba ukho uThixo ophilayo, uMdali, uMlawuli oMkhulu wako konke. “Izulu libalisa uzuko lukaThixo, saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe. Imini impompozela imini intetho, ubusuku buxelela ubusuku ukwazi.” Ndumiso 19:1, 2. Ubuhle obambathise umhlaba luphawu lothando lukaThixo. Singalubona kwiinduli ezingunaphakade, kwimithi emide, kumathupha avulekayo, nakwiintyatyambo ezintle. Konke kuthetha nathi ngoThixo. ISabatha, isoloko isalatha kuYe owazenzayo zonke, ibayalela abantu ukuba bavule incwadi enkulu yendalo balande kuyo ubulumko, amandla, kunye nothando loMdali.ANa 48.3

    Abazali bethu bokuqala, nangona babedalwe bemsulwa, bengcwele, babengenziwanga ukuba babekwimeko yokuba bangaze bayenze imposiso. UThixo wabenza bangabantu abanako ukuzikhethela, babenako ukuthanda ubulumko nobubele besimilo saKhe nobulungisa bemimiselo yaKhe, baze bathi, ngenkululeko epheleleyo, baziyekele okanye bazirhoxise ekuthobeleni. Babeza konwabela ukuxhumana naYe kunye nezithunywa ezingcwele; kodwa phambi kokuba kuthiwe bakhuseleke ngonaphakade, ukunyaniseka kwabo kwakufuneka kuvavanyiwe. Ekuqalekeni nje kobukho bomntu, kwabekwa into yokuthintela ukunqwenela ukuziyekela, nemizwa ebulalayo, izintoezazikwisiseko sokuwakukaSathana.Umthi wokwazi, owawumi ngakumthi wobomi esazulwini segadi, kwakufuneka uvavanye ukuthobela, ukholo, nothando lwabazali bethu. Nangona babevunyelwe ukuba batye ngokukhululekileyo kuyo yonke eminye imithi, babalelwe ukuba bangcamle kulo, ngesithembiso sokufa. Babekwasesichengeni sezihendo zikaSathana; kodwa ukuba banyamezele ukulingwa, ekugqibeleni babeya kubekwa kude negunya lakhe, bonwabele uthando lukaThixo olungunaphakade.ANa 48.4

    UThixo wambeka umntu phantsi komthetho, njengemeko engenako ukususwa yobukho bakhe. Wayephantsi kolawulo lwezulu, kwaye alukho ulawulo olungenawo umthetho. UThixo wayenako ukumdala umntu ngendlela enokwenza ukuba angabi namandla okuwaphula umthetho waKhe; wayenokusibamba isandla sika-Adam ukuba singawuchukumisi umthi owalelweyo; kodwa kuloo meko, umntu wayeya kuba akakhululekanga ukuba azenzele ngokuthanda, kodwa abe ngumashini ekwenzeni kwakhe. Ngaphandle kwenkululeko yokuzikhethela, ukuthobela kwakhe kwakungayi kuba kukuzithandela, kodwa kube kukunyanzelwa. Kwakungayi kubakho ukukhula kwesimilo. Loo ndlela yayiya kuba ichasene necebo likaThixo ekusebenzeni nabahlali bamanye amazwe. Yayiya kuba ayimfanelanga umntu njengesidalwa esinengqondo, ize imxhase uSathana kwisityholo esithi uThixo ulawula ngegqudu.ANa 49.1

    UThixo wamenza wagqibelela umntu; wamnika iimpawu eziphakamileyo zesimilo, engakekelelanga esonweni. Wamthi jize ngamandla aphezulu obuchopho, wabeka phambi kwakhe izinto ezinamandla amakhulu okumtsalela ekubeni anyaniseke ekuthobeleni kwakhe. Ukuthobela, okufezekileyo, okungapheliyo, kwakuyimeko yolonwabo olungunaphakade. Kule meko, wayeza kuba nenxaxheba yokufikelela kumthi wobomi.ANa 49.2

    Ikhaya labazali bethu bokuqala lalingumfuziselo wamanye amakhaya njengoko abantwana babo babeza kuphuma balizalise ihlabathi. Elo khaya, lalihonjiswe sisandla sikaThixo ngokwaKhe, lalingelilo ibhotwe elimakhazikhazi. Abantu, ngekratshi labo, bakholiswa zizakhiwo ezihle nezixabisa kakhulu baze bazukiswe yimisebenzi yezabo izandla; kodwa uThixo wambeka egadini uAdam. Le yayiyindawo yakhe yokuhlala. Amazulu aluhlaza ayeyingqukuva phezulu kwayo; umhlaba, neentyatyambo zawo ezintle kunye nomandlalo oluhlaza oluphilayo, ingumgangatho; amasebe anamagqabi emithi emihle yayiluphahla. Emacaleni kwakujinga imihombiso eyayimihle ngokuncamisileyo--umsebenzi wezandla zelona Chule liKhulu. Kule ndawo yesi sibini esasingcwele, kwakukho okunokufundwa ngalo lonke ixesha--ukuba ulonwabo lwenene luyafumaneka, hayi ekuziyekeleni ekratshini nasekuhlaleni kubucwebecwebe, kodwa kunxulumano noThixo ngemisebenzi yaKhe ayidalileyo. Ukuba abantu bebenganika ingqalelo encinane kwizinto ezenziwe ngezandla zomntu, baze banike ingqalelo kubumsulwa, bebeya kusondela kakhulu ekusabeleni kwinjongo kaThixo ekubadaleni kwabo. Ikratshi nokuthand’ udumo zizinto ezingazanga zanelisa, kodwa abo balumke ngokwenene baya kufumana okuninzi okuphathekayo nokuphakamisayo kwizinto zokonwabisa uThixo azibeke apho wonke ubani anokufikelela khona.ANa 49.3

    Abahlali base-Eden babenikwe umsebenzi wokukhathalela igadi, “ukuba bayisebenze, bayigcine.” Umsebenzi wabo wawungabadinisi, kodwa umnandi, udlamkisa. UThixo wawunikela umsebenzi ukuba ube yintsikelelo emntwini, usebenzise ingqondo yakhe, womeleze umzimba wakhe, uphuhlise izakhono zakhe. Ekusebenziseni ingqondo nomzimba, uAdam wafumana olona lonwabo lukhulu lobungcwele bobukho bakhe emhlabeni. Wathi, ngokwesiphumo sokungathobeli kwakhe, akugxothwa kwikhaya lakhe elihle, wanyanzeleka ukuba azamane nomhlaba onenkani ukuze azuze isonka sakhe semihla ngemihla, kodwa wona loo msebenzi, noxa wawahluke kakhulu kulowo wawumnandi wangaphakathi egadini, wawukwasisikhuselo kwisihendo, ukwalijelo lokonwaba. Abo bawuthabatha njengesiqalekiso umsebenzi, nangona udinisa, unayo nentlungu, banempazamo. Abazizityebi baye babajongele phantsi abasebenzi, kodwa oku kwahluke kakhulu kwinjongo kaThixo ekumdaleni kwaKhe umntu. Ziyintoni izinto anazo, noyena mntu osesona sityebi, xa zithelekiswa nelifa elanikwa uAdam onobukhosi? Kanti ke, uAdam kwakungafuneki angabi nawo umsebenzi. UMdali wethu, oyiqondayo into efanele ukwenza umntu onwabe, wamnika umsebenzi uAdam. Uvuyo lwenene ebomini lufunyanwa kuphela ngamadoda nabafazi abasebenzayo. Iingelosi zingabasebenzi abakhutheleyo; zingabalungiseleli bakaThixo ebantwaneni babantu. Ayikho indawo ayilungisileyo uMdali elichibi elimiyo lobuvila.ANa 50.1

    Ngalo lonke ixesha babenyanisekile kuThixo, uAdam neqabane lakhe kwakufuneka balawule phezu komhlaba. Ababenikwe ulawulo olungenamda phezu kwayo yonke into ephilayo. Ingonyama nemvana zazidlala ziseluxolweni phakathi kwazo okanye zilale kunye ezinyaweni zabo. Iintaka ezonwabileyo zaziphaphazela ecaleni kwabo zingenaloyiko; zithi xa iingoma zazo zovuyo zinyuka zibonga uThixo, uAdam noEva bangenelele kunye nazo ekubuleleni uYise noNyana.ANa 50.2

    Esi sibini singcwele sasingengabo abantwana abaphantsi kokhathalelo lukaThixo, kodwa singabafundi ababefumana imfundiso kuMdali owazi konke. Babetyelelwa ziingelosi, benikwe ukuxhumana noMenzi wabo, kungekho sigqubuthelo phakathi kwabo. Babezele ngamandla abawafumana kumthi wobomi, ubuchopho babo bungaphantsikancinane kobeengelosi. Iimfihlelo zeyunivesi ebonakalayo —“imisebenzi ebalulekileyo yoSokwazi (Yobhi 37:16) yayibanika umthombo ongatshiyo wolwazi nolonwabo. Imithetho nokusebenza kwendalo, exakekise abantu ngokufunda amawaka amathandathu eminyaka, yayandlaliwe ezingqondweni zabo nguMbumbi noMxhasi wako konke. Babe nentetho, negqabi, nentyatyambo, nomthi, beqokelela kwinto nganye ulwazi ngobomi bayo. UAdam wayeqhelene naso sonke isidalwa esiphilayo, ukusuka kwesona sikhulu esidlala emanzini kuse kwesona sinambuzane sincinane esiphapha emitheni yelanga. Wayenike igama kuso ngasinye, eqhelene nemvelo yaso kunye nendlela esiphila ngayo. Uzuko lukaThixo emazulwini, amazwe angenakubalwa kwimijikelezo yawo, “ukulinganiselwa kwamafu,” iimfihlelo zokukhanya nesandi, imini nobusuku--zonke zazivulekile ukuba zifundwe ngabazali bethu bokuqala. Kwigqabi ngalinye ehlathini okanye kwilitye ngalinye ezintabeni, kwinkwenkwezi nganye ekhanyayo, emhlabeni nasemoyeni nasesibhakabhakeni, igama likaThixo lalibhaliwe. Ucwangco nokuhambelana kwendalo kwakuthetha ngobulumko namandla angenasiphelo. Ngalo lonke ixesha babefumana into enomtsalane eyayizalisa iintliziyo zabo ngothando olunzulu, nto leyo eyayisenza ukuba kuhlaziyeke umbulelo.ANa 50.3

    Lonke ixesha behleli bethembekile kumthetho wezulu, isakhono sabo sokwazi, sokonwabela nokuthanda, sasiya kukhula njalo. Babeya kuthi rhoqo bezuza ubutyebi bolwazi olutsha, bazuze imithombo ehlaziyiweyo yolonwabo, kwaneembono ezicace ngakumbi nangakumbi zothando lukaThixo olungenamlinganiselo nolungayi kuze luphele.ANa 51.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents