Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    42—Ukuphindwa Komthetho

    [Esi sahluko sisekwe kwiDuteronomi 4 ukuya kwi-6; 28.]

    UYehova wamxelela uMoses ukuba ixesha elalimisiwe lokuhlutha iKanan lalifikile; waza wathi umprofeti osele ekhulile, emi kwiindawo eziphakamileyo ezivelele umlambo iYordan kunye neZwe leDinga, wakhangela ngomdla omkhulu kwilifa labantu bakhe. Ingaba kungenzeka ukuba, isigwebo awasinikwa ngenxa yesono sakhe eKadeshe, singarhoxiswa? Wathi, ngenzondelelo enkulu, wacenga, “Nkosi yam, Yehova, uqalile ukumbonisa umkhonzi wakho ubukhulu bakho, nesandla sakho esithe nkqi; ngokuba nguwuphi na uthixo emazulwini nasehlabathini, ongenza ngokwezenzo zakho, nangokwemisebenzi yakho yobugorha? Makhe ndiwele kaloku, ndilibone ilizwe elo lihle, liphesheya kweYordan, loo ntaba yeLebhanon.” Duteronomi 3:24, 25.ANa 462.1

    Impendulo yathi, “Yanela, musa ukuba saphinda uthethe kum ngale ndawo. Nyuka uye encotsheni yePisga, uphose amehlo akho entshonalanga, nasentla, nasezantsi, nasempumalanga, ulikhangele ngamehlo; ngokuba akuyi kuyiwela le Yordan.” (Iindima 26, 27).ANa 462.2

    Ngaphandle kokukrokra, uMoses wawuthobela umyalelo kaThixo. Ngoku elona xhala lakhe likhulu yayinguIsrayeli. Ngubani owayeya kuziva enomthwalo wokuphatheka kwabo kakuhle njengoku yena wayeziva? Kwintliziyo yakhe ezeleyo, waphalaza umthandazo, “UYehova, uThixo woomoya benyama yonke, makamise indoda yokuvelela ibandla; eya kuphuma phambi kwabo, ingene phambi kwabo, ibakhuphe ibangenise; lingabi njengezimvu ezingenamalusi ibandla likaYehova.” Numeri 27:16, 17.ANa 462.3

    UYehova wawuva umthandazo womkhonzi waKhe; yafika impendulo, “Zithabathele uYoshuwa, unyana kaNun, indoda okuyo umoya, ucinezele ngesandla sakho phezu kwakhe, ummise phambi koElazare umbingeleli, naphambi kwebandla lonke, umwisele umthetho emehlweni abo; uthabathe kwindili yakho, ubeke phezu kwakhe, ukuze limvelonke ibandlaloonyana bakaIsrayeli.” Iindima 18-20. UYoshuwa wayenethuba elide emkhapha uMoses; kwathi kuba eyindoda enobulumko, isakhono, kunye nokholo, wanyulwa ukuba amlandele.ANa 462.4

    Ngokubekwa kwezandla phezu kwakhe nguMoses, nokwathi kwalandelwa ngowona mngeni ukhuthazayo, ngendili, uYoshuwa wabekwa bucala ukuba abe yinkokeli kaIsrayeli. Waya wangeniswa kwisabelo esasikho solawulo. Amazwi kaYehova ngoYoshuwa eza ngoMoses ebandleni, “Maze eme phambi ko-Elazare umbingeleli, yena ambuzele ukugweba kweeUrim phambi koYehova, baphume ngokomlomo wakhe, bangene ngokomlomo wakhe, yena noonyana bonke bakaIsrayeli ndawonye naye, nebandla lonke.” Indima 21.ANa 463.1

    Phambi kokuba asishiye isikhundla sakhe njengenkokeli ebonakalayo kaIsrayeli, uMoses wayalelwa ukuba ayiphinde kubo imbali yokukhululwa kwabo eYiputa neehambo zabo entlango, kwanokuba akhe aphinde ngokufutshane umthetho owathethwa eSinayi. Ukunikwa komthetho, bambalwa ebandleni ababebadala kangangokuba bangakuqonda ukundiliseka okoyikekayo kweso siganeko. Njengoko babesondele kakhulu ukuba bayiwele iYordan, balihluthe iZwe leDinga, uThixo wayeza kubeka phambi kwabo amabango omthetho waKhe aze abayale ukuba bawuthobele njengoko unokubanika impumelelo.ANa 463.2

    UMoses wema phambi kwabantu waziphinda izilumkiso neziyalo zakhe zokugqibela. Ubuso bakhe babubengezela kukukhanya okungcwele. Iinwele zakhe zimhlophe kukukhula; kodwa ukuma kwakhe kwakuthe nkqo, imbonakalo ibonisa impilo engehlanga, amehlo akhe emahle engenalurhatyazo. Saba sisiganeko esibalulekileyo, wathi ngemvakalelo enzulu, wawuzoba umfanekiso wothando nenceba yoMkhuseli Onamandla Onke:ANa 463.3

    “Khawubuze emihleni yamandulo, eyayikho ngaphambi kwakho, kususela kumhla uThixo awadala ngawo umntu ehlabathini, uthabathele esiphelweni sezulu, ude use esiphelweni sezulu, ukuba khe kwakho na into enjengale nto ukuba nkulu, ukuba khe kwaviwa into enjengale na? Bakha baliva na abantu izwi loThixo ethetha phakathi komlilo, njengoko walivayo wena, baphila noko? Okanye kukho thixo wakhe walinga na ukuya kuzithabathela uhlanga phakathi kohlanga ngezilingo, nangemiqondiso, nangezimanga, nangemfazwe, nangesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo, nangokoyikeka okukhulu, njengako konke akwenzileyo kuni uYehova uThixo wenu eYiputa, emehlweni akho?” Waboniswa wen, ukuze wazi ukuba uYehova nguye uThixo; akukho wumbi, nguye yedwa.ANa 463.4

    “Akungabuninzi benu kunezinye izizwe zonke, le nto athene nca nani uYehova, waninyula; kuba nimbalwa kunezinye izizwe zonke. Kungokunithanda kukaYehova, kungokusigcina kwakhe isifungo abesifungela ooyihlo, le nto anikhuphe ngesandla esithe nkqi uYehova, wanikhumbula ngentlawulelo endlwini yobukhoboka, esandleni sikaFaro, ukumkani waseYiputa. Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana.” Duteronomi 7:7-9.ANa 464.1

    Abantu bakwaIsrayeli babelungele ukwayamanisa iinkathazo zabo noMoses; kodwa ngoku urhano lwabo olwalulawulwa likratshi, ukunqwena, okanye umona, lwalususiwe, baza bawaphulaphula ngokuthembekileyo amazwi akhe. UMoses, wathi ngokunyaniseka, wazibeka phambi kwabo iziphoso zabo kunye nezikreqo zooyise. Babesoloko bengabi nawo umonde koko bavukele ngenxa yokuzula kwabo ixesha elide entlango; kodwa uThixo wayengasoleki ngoku kulityaziswa kokuhluthwa kweKanan; kodwa wayehlungisiwe ngakumbi kunabo kuba engenako ukubenza balihluthe kwakamsinyane iZwe leDinga, ukuze ngaloo ndlela kubonakale kuzo zonke izizwe amandla aKhe amakhulu ekuhlanguleni abantu baKhe. Ngokungamthembi kwabo uThixo, ikratshi labo nokungakholwa, babengakulungelanga ukungena eKanan. Babengenako konke ukumela abo bantu uThixo wabo unguYehova; kuba babengenaso isimilo saKhe sobunyulu, ukulunga, nobubele. Ukuba ooyise babeziyekele ngokholo ekukhokelweni nguThixo, balawulwe zizimiso zaKhe, bahambe kwimimiselo yaKhe, ngebangena bazinza kudala eKanan, bengabantu abanempumelelo, abangcwele nabonwabileyo. Ukulityaziswa kokungena kwabo kwilizwe elihle, akuzange kumzukise uThixo, koko kwazisusa iingqondo kuzuko lwaKhe emehlweni ezizwe ezazibangqongile.ANa 464.2

    UMoses, owayesiqonda isimilo nexabiso lomthetho kaThixo, wabaqinisekisa abantu ukuba asikho esinye isizwe esinemigaqo enobulumko, nobulungisa, kunye nenceba njengaleyo yayinikwe amaHebhere. “Yabonani,” watsho, “ndinifundise imimiselo namasiko, njengoko ndawiselwa umthetho nguYehova uThixo wam, ukuze nenze ngokunjalo phakathi kwelizwe eningena kulo, ukuba nilime. Yigcineni ke niyenze; ngokuba obu bubulumko benu, nengqondo yenu, emehlweni abantu abaya kuyiva yonke le mimiselo; bathi, Olu hlanga lukhulu ngabantu abalumkileyo, abanengqondo bodwa.”ANa 464.3

    UMoses wabakhumbuza “ngomhla owema ngawo phambi koYehova uThixo wakho eHorebhe.” Wawunika umngeni umkhosi wamaHebhere: “Luluphi na uhlanga olukhulu, oluthixo usondeleyo kulo, njengoYehova uThixo wethu, ekumbizeni kwethu konke? Luluphi na uhlanga olukhulu olunemimiselo namasiko anobulungisa, njengalo myalelo wonke ndiwubekayo phambi kwenu namhla?” Namhla umngeni kuIsrayeli ungaphindwa. Imithetho uThixo awayinika abantu bakudala yayilumkile kakhulu, ingcono, inobuntu kunaleyo yawona mazwe achubekileyo asemhlabeni. Imithetho yezizwe ineempawu zobuthakathaka nemizwa yeentliziyo ezingahlaziyekanga; kodwa umthetho kaThixo unophawu lwezulu.ANa 465.1

    “Unithabathile uYehova, wanikhupha kwiziko lesinyithi,” watsho uMoses, “ukuba nibe ngabantu abalilifa kuye.” Ilizwe ababeza kungena kulo kungekudala, nelaliza kuba lelabo ukuba bathe bawuthobela umthetho kaThixo, lachazwa ngolo hlobo kubo--anokuba la mazwi azivuselela njani iintliziyo zikaIsrayeli, bakukhumbula ukuba, lo uzoba umfanekiso obengezela kangako weentsikelelo zelizwe elihle, wathi, ngenxa yezono zabo, wavalelwa ukuba angalixhamli ilifa labantu bakhe:ANa 465.2

    “UYehova uThixo wakho ukungenisa ezweni elihle,” “alinjengelizwe laseYiputa, elo naphuma kulo, apho wayihlwayelayo imbewu yakho, waza wayinkcenkcesha ngonyawo lwakho, njengomyezo wemifuno. Ke lona ilizwe eniwelela kulo, nisiya kulihlutha, lilizwe leentaba nezihlambo, elisela amanzi emvula yezulu;” “ezweni lemilanjana yamanzi, lemithombo namanzi enzonzobila, aphuma ezihlanjeni nasezintabeni; ezweni lengqolowa, nerhasi, neediliya, nemikhiwane, neerharnate; ezweni leminquma ye-oli, nobusi; ezweni ongayi kudla sonka kulo uyimbedlenge, ongayi kuswela nanye into kulo; ezweni elimatye asinyithi, elintaba womba ubhedu kuzo;” “lilizwe alikhathaleleyo uYehova uThixo wakho, ahlala ekulo amehlo kaYehova uThixo wakho, ethabathela ekuqaleni komnyaka, ade ase ekupheleni komnyaka.” Duteronomi 8:7-9; 11:10-12.ANa 465.3

    “Kothi, xa athe wakungenisa uYehova uThixo wakho kulo ilizwe abelifungele ooyihlo, ooAbraham noIsake noYakobi, ukuba akunike: Imizi emikhulu, emihle, ongayakhanga; nezindlu ezizele zizinto zonke ezintle, ongazizalisanga, namaqula ambiweyo, ongawambanga; nezidiliya nezinquma, ongazityalanga; wadla wahlutha: uzigcine, hleze umlibale uYehova.” “Zigcineni hleze niwulibale umnqophiso kaYehova uThixo wenu. . . . Ngokuba uYehova uThixo wakho ungumlilo odlayo, unguThixo onekhwele.” Ukuba bathe benza ububi emehlweni kaYehova, ngoko, wathi uMoses, “nodaka mpela kamsinya, ningabikho kwelo zwe, niwela iYordan nisiya kulo ukuba nilime.”ANa 466.1

    Emva kokuba ewuphindile phambi kwabantu umthetho, uMoses wawugqiba ukuwenza umsebenzi wokubhala yonke imithetho, nemimiselo, namasiko uThixo amnikileyo, nayo yonke imiyalelo engohlelo lweenkonzo zemibingelelo. Incwadi eyayiqulathe konke oku yanikelwa ukuba igcinwe ngabaphathi abafanelekileyo, kwaza kwafuneka igcinwe kwindawo ekhuselekileyo ecaleni letyeya. Le nkokeli inkulu yayise nalo uloyiko lokuba abantu bangemka kuThixo. Ngendlela ezuke kakhulu nentetho evuyisayo, wabeka phambi kwabo iintsikelelo ababeya kuzifumana ukuba bathe bathobela, neziqalekiso eziya kubalandela ukuba bathe bona:ANa 466.2

    “Kothi, ukuba uthe waliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, . . . wosikelelwa phakathi komzi, usikelelwe emaphandleni; sisikelelwe isiqhamo sesizalo sakho, nesiqhamo sempahla yakho ezitho zine, . . . isikelelwe ingobozi yakho, nomkhombe wakho wokuxovulela intlama. Wosikelelwa ekungeneni kwakho, nasekuphumeni kwakho. UYehova wozinikela zixatyelwe phambi kwakho iintshaba zakho. . . . UYehova uya kuthetha intsikelelo, ibe nawe emaqongeni akho, nasezintweni zonke osisa kuzo isandla sakho.”ANa 466.3

    “Kothi, ukuba uthe akwaliphulaphula ngenkuthalo izwi likaYehova uThixo wakho, ukuba ugcine wenze yonke imithetho yakhe endikuwiselayo namhla, zize phezu kwakho ezi ziqalekiso zonke zikufumane,” “ube ngummangaliso, nondaba-mlonyeni, nento yentsini phakathi kwezizwe zonke athe uYehova wakuqhubela kuzo.” “aniphangalalise uYehova phakathi kwezizwe zonke, ethabathela esiphelweni sehlabathi; ukhonze thixo bambi khona, ongabazanga wena nooyihlo, imithi namatye. Phakathi kwezo ntlanga akusayi kunyhamnyheka, ayisayi kuba nakuphumla intende yonyawo lwakho; uYehova wokunika apho ukugungqa kwentliziyo nokuphela kwamehlo, nokuthiswa komphefumlo.Ubomi bakho bojinga ngomsonto phambi kwakho; woyike ubusuku nemini, ungakholwa bubomi bakho; kusasa wothi, Akwaba bekungokuhlwa! Ngokuhlwa wothi, Akwaba bekukusasa! ngenxa yokunkwantya kwentliziyo yakho oya kunkwantya ngako, nangenxa yokubona aya kukubona amehlo akho.”ANa 466.4

    NgoMoya weMpefumlelo, ekhangele kude ezizukulwaneni, uMoses waba nomfanekiso wemibono emibi yokubhukuqwa kukaIsrayeli njengesizwe, nokutshatyalaliswa kweYerusalem yimikhosi yaseRoma: “UYehova wokuzisela uhlanga oluvela kude, esiphelweni sehlabathi, olutshwebeleza njengokhozi; uhlanga olulwimi ungayikuluva; uhlanga olubuso bungwanyalala, olungakhethi buso bandoda inkulu, olungabi nakubabala namfana.”ANa 467.1

    Ukonakaliswa kwelizwe ngokupheleleyo nokuphatheka kakubi kakhulu kwabantu ngexesha lokungqingwa kweYerusalem phantsi kukaTito iinkulungwane ezininzi emva koko, kwakuzotywe ngokucacileyo: “Lodla isiqhamo senkomo yakho, nesiqhamo somhlaba wakho, ude utshabalale. . . . Lokungqinga emasangweni akho onke, zide ziwe iindonga zakho eziphakamileyo, ezinqabileyo, okholose ngazo ezweni lakho lonke. . . . Udle isiqhamo sesizalo sakho, inyama yoonyana bakho neentombi zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho, ekungqingweni, nasekuxinweni, olokuxina ngako utshaba lwakho.” “Intokazi eling’awukazi, exhamle ubuncwane phakathi kwakho, ebingalingi ukubeka intende yonyawo lwayo emhlabeni, ngenxa yokuxhamla ubuncwane, nangenxa yokuba iling’awukazi, yoyikhangela ngeliso indoda yesifuba sayo, . . . nangenxa yabantwana bayo ethe yabazala; kuba yobadla ngasese ekuswelekeni kweento zonke, ekungqingweni nasekuxinweni olokuxina ngalo utshaba lwakho emasangweni akho.”ANa 467.2

    UMoses wavala ngala mazwi achukumisayo: “Ndingqinisisa amazulu nehlabathi namhla ngani; ndibeke phambi kwenu ubomi nokufa, intsikelelo nesiqalekiso. Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye; ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho; ukuze uhlale emhlabeni lowo awafunga uYehova kooyihlo oo-Abhraham noIsake noYakobi, ukuba wobanika.” Duteronomi 30:19, 20.ANa 467.3

    Ukuzibethelelangakumbiezi nyaniso kuzo zonkeiingqondo, inkokeli enkulu yazifaka engomeni engcwele. Le ngoma yayinganele kunika nje imbali, kodwa ikwa profeta. Lo gama ibalula indlela emangalisayo uThixo awabaphatha ngayo abantu baKhe kwixesha eladlulayo, yayikwabonisa iziganeko ezikhulu zexesha elizayo, uloyiso lokugqibela lwabakholwayo xa uKristu eya kuza okwesibini esemandleni nasebuqaqawulini. Abantu bayalelwa ukuba bawufake lo mbongo uyimbali engqondweni, baze bawufundise abantwana, nabantwana babantwana babo. Kwakufuneka uculwe libandla xa lihlangene linqula, nabantu bawuphindaphinde xa besenza imisebenzi yabo yemihla ngemihla. Yayingumthwalo wabazali ukuwabethelela la mazwi kwiingqondo zabantwana ezamkela lula ukuze angaze alityalwe.ANa 468.1

    Njengoko amaIsrayeli, ayeza kuthi, ngendlela ekhethekileyo, abe ngabalusi nabagcini bomthetho kaThixo, ukubaluleka kwemiyalelo yawo nokubaluleka kokuwuthobela zizinto ezo ekwakufuneka zibethelelwe kubo, ukuze kuthi ngabo, zibetheleleke kubantwana, nasebantwaneni babantwana babo. UYehova wamyalela wenjenje, ngemimiselo yaKhe: “Niwafundise oonyana benu, uthethe ngawo ekuhlaleni kwakho endlwini yakho, nasekuhambeni kwakho ngendlela, nasekuhlaleni kwakho nasekuvukeni kwakho, uwabhale emigubasini yendlu yakho, nasemasangweni.”ANa 468.2

    Baya kuthi bakubuza abantwana babo exesheni, besithi, “Zezani na ezi zingqino nemimiselo namasiko, aniwiseleyo uYehova uThixo wethu?” babaphendule abazali bayiphinde imbali yobubele awabaphatha ngabo uThixo, indlela uYehova awenza ngayo ukubahlangula khon’ ukuze bathobele umthetho waKhe, babaxelele bathi, “Wasiwisela umthetho uYehova, ukuba siyenze le mimiselo yonke, ukuba simoyike uYehova uThixo wethu, kulunge kuthi yonke imihla, silondolozelwe ebomini, njengoko kunjalo namhla. Koba bubulungisa kuthi, xa sithe sagcina ukuwenza wonke lo mthetho phambi koYehova uThixo wethu, njengoko wasiwiselayo umthetho.”ANa 468.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents