Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Ingabula-Zigcawu

    Abapapashi bathumela lo msebenzi ngengqondo ethi uya kunika ukukhanya kwisifundo esibaluleke kakhulu nesinomdla jikelele, nekufuneka kakhulu kuso ukukhanya; nokuba sibeka iinyaniso ezaziwa kancinane kakhulu okanye ezityeshelwe ngokubanzi. Imfazwe enkulu phakathi kwenyaniso nemposiso, phakathi kokukhanya nobumnyama, phakathi kwegunya likaThixo nokuzanywa kokusetyenziswa gwenxa lutshaba kubo bonke ubulungisa, isisibonelo esinye esikhulu ekufanelekileyo ukucinga ukuthi, imele ukufumana ingqalelo kuwo onke amazwe. Into yokuba imfazwe ikho isisiphumo sesono, nokuba iya kudlula kwizigaba eziliqela ukuya phambili, ize iphele ngendlela eya kuphakamisa uzuko lukaThixo nokuphakanyiselwa phezulu kwabakhonzi baKhe abanyanisekileyo, iqiniseke njengokuba iqinisekile iBhayibhile ukuba isisityhilelo sikaThixo kubantu. Elo lizwi lityhila iimpawu ezinkulu zemfazwe, idabi elibandakanya ukuhlangulwa kwehlabathi; kwaye kukho amaxesha ethi le mibuzo ithabathe umdla ongaqhelekanga, ukuze ube ngumcimbi ohamba phambili, owokuqonda ukuhlangana kwethu nayo (imfazwe).ANa 17.1

    Elo xesha leli langoku, kuba zonke izinto zibonisa ukuba, ngoku singaba naso isibindi sokuba nalo ithemba lokuba, le mfazwe inde kangaka isondela ekupheleni. Noko kunjalo, baninzi ngoku ababukeka beyiphosa ngasemva njengentsomi ingxelo esityhilela amanyathelo awahanjwa leli lizwe lethu ukuze libandakanyeke kule mbambano inkulu; abanye, naxa bekuphepha ukuba bade bahambe loo mgama, nabo bayijonga njengeyaphelelwa lixesha nengabalulekanga, baze bazifumane bengayikhathalele.ANa 17.2

    Inokuba ngubani ongenakunqwenela ukuyiqwalasela imfihlelo engunobangela woqhekeko olungako nolungaqhelekanga; ukuba awuqonde umoya wayo, aphawule neziphumo zawo, aze afunde nendlela yokuphepha iziphumo zayo? Lo mqulu uphethe iingongoma ezinjalo. Ukhuthaza umdla ophilayo kwezo ndawo kakhulu elizwini likaThixo. Unika intsingiselo entsha izithembiso neziprofeto zengxelo engcwele, inike ubungqina ngendlela uThixo aluphethe ngayo uvukelo, ibonise ubabalo olumangalisayo lukaThixo ekwenzeni indlela yokusindisa umntu ongumoni. Ngaloo ndlela, sisiwa ekuqalekeni kwembali yalo msebenzi, xa kwakusandlalwa, phambi kwabantu abanyuliweyo, amacebo neenjongo zikaThixo.ANa 17.3

    Nangona kuphethwe imicimbi ephakame kangako, imicimbi echukumisa intliziyo ngaphakathi, ivuselele eyona mizwa iphilileyo yengqondo, indlela yayo le ncwadi icacile, lwaye nolwimi lwayo lucacile, luthe ngqo. Siwuncoma ukufaneleka lo mqulu kuye wonke umntu okonwabelayo ukufunda icebo lezulu ngokuhlangulwa koluntu noziva enomdla kubudlelwane bomphefumlo wakhe nomsebenzi kaKristu wokucamagushela; nakubo bonke abanye, siyayincoma, ukuze ivuse kubo umdla kwezi zinto. Ukubona ukuba ukuyifunda bekungayintsikelelo nokulungelwa kwabo bayifundayo, size isiphumo sibe kukubuyiselwa kweenyawo zabaninzi kwindlela yobomi, ngumthandazo onyanisekileyo waba--ANa 18.1

    Papashi.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents