Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    60—Ubuganga BukaSawule

    [Esi sahluko sisekwe ku-1 Samuweli 13; 14.]

    Emva kwentlangano yaseGiligali, uSawule wawuchitha umkhosi awayewenze ukuze oyise ama-Amon, wazigcinela kuphela amawaka amabini amadoda awayemi phantsi kolawulo lwakhe eMikmas, kunye newaka ukuba lisebenzele unyana wakhe uYonatan eGibheya. Le yaba yimpazamo enkulu. Umkhosi wakhe wawuzaliswe lithemba nesibindi ngenxa yoloyiso olutsha; kwaye, ukuba wawuye wabheka phambili usilwa nezinye iintshaba zikaIsrayeli, ngekwazuzwa uloyiso olukhulu olwaluza kuba ziinkululeko zesizwe.ANa 616.1

    Lonke eli xesha, abathandi bemfazwe, amaFilisti, ayesebenza. Emva kokoyiswa e-Ebhenezere, ayesazigcinile ezinye iinduli zeenqaba kumhlaba kaIsrayeli, aza ngoku azimisa kanye embindini welizwe. Ngokweempahla, izixhobo zokulwa nezinye izixhobo, amaFilisti ayewadlula kakhulu amaIsrayeli. Ngexesha elide lolawulo lwawo lwengcinezelo, aphumelela ukuwomeleza amandla awo ngokuwalela amaIsrayeli ukuba enze ishishini lawo lokukhanda izixhobo, hleze enze izixhobo zemfazwe. Emva kokuba kuvunyelwene ngoxolo, amaHebhere ayesaxhomekeke kwimikhosi yamaFilisti emi phakathi kwawo kwimisebenzi ethile ekwakufuneka yenziwe. Athi ngokulawulwa kukuthanda ubomi bokungenzi nto, abantu bakwaIsrayeli bakholisa ukukutyeshela ukuzenzela izixhobo zokulwa. Izaphetha nezilinge zazisetyenziswa emfazweni, kwaye kwakulula kumaIsrayeli ukuba nazo, ngaphandle koSawule nonyana wakhe uYonatan, ababe nomkhonto okanye ikrele.ANa 616.2

    Kwada kwaba ngumnyaka wesibini phambi kokuba uSawule azame ukoyisa amaFilisti. Igalelo lokuqala lenziwa nguYonatana, unyana kakumkani,owahlasela woyisa ibutho elaliseGebha.AmaFilisti, ecatshukiswe koku koyiswa, alungiselela ukuhlasela uIsrayeli ngokukhawuleza. USawule wathi makuvakaliswe imfazwe ngesandi sesigodlo kulo lonke ilizwe, ebiza onke amadoda emfazwe, kuhlangene nezizwe ezazingaphesheya kweYordan, ukuba kuhlanganwe eGiligali. Esi simemo sathotyelwa.ANa 617.1

    AmaFilisti ayeqokelele umkhosi omkhulu eMikmas, “iinqwelo zokulwa zaba ngamashumi omathathu amawaka, nabamahashe bangamawaka amathandathu, abantu bangangentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi.” Zathi zakufika iindaba kuSawule nomkhosi wakhe eGiligali, abantu banxunguphala kakhulu kukucinga ukuba kufuneka bequbisene nemikhosi enamandla angako edabini. Babe ngakulungelanga ukuhlangana notshaba, baza abaninzi boyika kangangokuba abazange babe nako ukuza kuvavanyo olunjalo. Kwabakho abawela iYordan lo gama abanye bazifihla emiqolombeni nasezimfanteni nasezingxondorheni ezazizalise loo ngingqi. Lathi ngokuya lisondela ixesha lokuba kuqutyiswanwe, inani labarhoxayo lakhula ngokukhawuleza, baza abo bangabuyanga mva emkhosini bazaliswa kukunxuba nokoyika.ANa 617.2

    Ukuqala kukaSawule ukuthanjiselwa ukuba ngukumkani kaIsrayeli, wayefumene kuSamuweli imiyalelo ecacileyo ngekhondo ekufuneka lilandelwe ngeli xesha. [Kufuneka] “uhle uye phambi kwam eGiligali,” watsho umprofeti; “Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wolinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise okuya kukwenza.” 1 Samuweli 10:8.ANa 617.3

    Imihla ngemihla uSawule walinda, kodwa engenzi mizamo icacileyo ukukhuthaza abantu nokubaphembelela ukuba bamthembe uThixo. Ngaphambi kokuba liphele ngokupheleleyo ixesha elibekwe ngumprofeti, waphelelwa ngumonde kukulibazisa waza wazivumela ukuba atyhafiswe ziimeko ezinzima ezimrhangqileyo. Endaweni yokuthembeka ekubalungiseleleni abantu umsebenzi awayesiza ukuba awenze uSamuweli, wasuka wanokungakholwa nokunxuba. Umsebenzi wokufuna uThixo ngokubingelela wawunguwona msebenzi uneyona ndili nobalulekileyo; kwaye uThixo wayefuna ukuba abantu bazihlole iintliziyo zabo, baguquke kwizono zabo, ukuze umnikelo wenziwe wamkeleke phambi kwaKhe, nokuze intsikelelo ilandelane namalinge abo okoyisa utshaba. USawule waba nokungonwabi; bathi abantu, endaweni yokuba bathembele kuThixo ngoncedo lwabo, basukabakhangela kukumkaniababemnyulile,ukubaabakhokele abanike imiyalelo.ANa 617.4

    Noko kunjalo, uYehova wayesabakhathalele akabayekela kwiintlekele ezazinokubafikela ukuba ingalo ebuthakathaka yenyama yayiza kuba kuphela kwenkxaso yabo. Wabasa kwiindawo ezimxinwa, ukuze babubone ubuyatha bokuxhomekeka emntwini, nokuze babuyele kuYe njengoncedo lwabo elikuphela kwalo. Ixesha lokuvavanywa kukaSawule lalifikile ngoku. Kwakuza kufuneka abonise ukuba uya okanye akayi kuxhomekeka kuThixo alinde ngomone ngokomyalelo waKhe, ngolo hlobo aziveze njengalowo uThixo anakho ukumthemba kwiindawo ezinzima njengomlawuli wabantu baKhe, okanye uya kuthandabuza angawufaneli umsebenzi ongcwele oye wabekwa phezu kwakhe. Ingaba ukumkani amkhethileyo uIsrayeli uya kumphulaphula na uMlawuli wokumkani? Ingaba angayibuyisela na ingqondo yamasoldati akhe aqhiphuke umbilini kuLowo ekukho kuYe amandla angunaphakade nokuhlangula?ANa 618.1

    Wathi ekhulelwa kukuphelelwa ngumonde, walindela ukufika kukaSamuweli, esibalela isiphithiphithi noxinzelelo nokurhoxa kumkhosi wakhe ekungabonakalini komprofeti. Lafika ixesha elimisiweyo, kodwa indoda kaThixo ayakhawuleza ukuvela. Ukwazelelela kukaThixo kwamlibazisa umkhonzi waKhe. Umoya ongonwabanga nongxamayo kaSawule awuzange ube nokubambeka. Wathi ngokuva ukuba kumele kubekho into eyenziwayo ukuthomalalisa uloyiko lwabantu, wazimisela ukumemela intlanganiso enkonzweni yenkolo, aze athi ngombingelelo acele uncedo lwezulu. “UThixo wayeyalele ukuba kuphela ngabo bawuthanjiselweyo umsebenzi abafanele ukunyusa amadini phambi kwakhe. Noko kunjalo, uSawule wakhupha umyalelo, Zisani kum idini elinyukayo;” wathi, exhobe enjalo zizikrweqe nezixhobo zemfazwe, waya esibingelelweni wanikela umbingelelo phambi kukaThixo.ANa 618.2

    “Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise.” USamuweli wabona kwangoko ukuba uSawule uhambe ngokuchaseneyo nemiyalelo awayeyinikiwe. UYehova wayethethe ngomprofeti waKhe ukuba, ngeli xesha uya kuyityhila into ekufuneka yenziwe nguIsrayeli kule ntlekele. Ukuba uSawule wayeyifezekisile imiqathango eyayibekwe lizulu, uYehova ngewawenza ummangaliso wokuhlangula uIsrayeli, ngabambalwa ababenyanisekile kukumkani. Yena uSawule wayaneliseke kakhulu ngumsebenzi awawenzayo kangangokuba wesuka waya kumkhawulela umprofeti njengalowo umele ukumncoma endaweni yokuba amthethise.ANa 618.3

    Imbonakalo kaSamuweli yayizele lunxunguphalo nokuhlupheka; kodwa kumbuzo wakhe othi, “Yintoni le uyenzileyo?” uSawule wanika izizathwana ngesenzo sakhe awazicingela ngokwakhe ukuba asenze. Wathi, “Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungafiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas; ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGilgali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.ANa 621.1

    “Wathi uSamuweli kuSawule, Wenze ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaIsrayeli, kude kuse ephakadeni. Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yinganga yabantu bakhe. . . . Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali yakwaBhenjamin.”ANa 621.2

    Kwakuza kufuneka ukuba, mhlawumbi, uIsrayeli ayeke ukuba ngabantu bakaThixo, okanye umthetho-siseko ekwakhiwe phezu kwawo ubukumkani ugcinwe, size isizwe silawulwe ngegunya lezulu. Ukuba uIsrayeli wayeza kuba ngokaYehova ngokupheleleyo, ukuba intando yomntu eyeyehlabathi yayizakuyekelwa kwintando kaThixo, wayeza kuqhubeka enguMlawuli kaIsrayeli. Lo gama ukumkani kunye nabantu beza kuziphatha ngokwabantu abalawulwa nguThixo, wayeya kuba lukhuselo lwabo. Noko ke, kwaIsrayeli yayingekho ikumkani eyayiya kuphumelela ingathanga, kuzo zonke izinto, ibuvume ubukhulu begunya likaThixo.ANa 621.3

    Ukuba uSawule wayebonise ukuyihlonipha imiqathango kaThixo ngexesha lokuvavanywa, uThixo ngewayeyisebenze ngaye intando yaKhe. Ukusilela kwakhe ngoku kwabonakalisa ukungafaneli kwakhe ukuba ngummeli kaThixo kubantu baKhe. Wayeza kumlahlekisa uIsrayeli. Intando yakhe, endaweni yentando kaThixo, yayiza kuba ligunya elilawulayo. Ukuba uSawule wayenyanisekile, ubukumkani bakhe ngebabumiselwe ngonaphakade; kodwa kuba wasilela, injongo kaThixo kwafuneka ifezekiswe ngomnye. Ulawulo lukaIsrayeli kufuneka lunikelwe kulowo uya kubalawula abantu ngokwentando yeZulu.ANa 621.4

    Asikwazi ukuba kungakanani okungumdla omkhulu okwabekelwa ukuvavanywa nguThixo. Akukho kukhuseleka ngaphandle kokuthobela okungqongqo ilizwi likaThixo. Zonke izithembiso zaKhe zenziwa phezu kwemeko yokholo nokuthobela, kuze kuthi ukusilela ukuvumelana nemiyalelo yaKhe kukuqhawule ukuzalisekiswa kwemisindleko etyebileyo yeziBhalo. Akufuneki silandele imvakalelo, kungafuneki silandele iimbono zabantu; kufuneka sikhangele kwintando etyhiliweyo kaThixo sihambe ngokomyalelo waKhe oqinisekileyo, nokuba sezinjani iimeko ezisingqongileyo. UThixo uya kuzikhathalela iziphumo; ngokunyaniseka elizwini laKhe, siya kuthi ngexesha lokulingwa sibonakale phambi kwabantu neengelosi ukuba, uYehova angasithemba kwiindawo ezinzima ukuba senze intando yaKhe, sizukise igama laKhe, sibasikelele abantu baKhe.ANa 622.1

    USawule wayengamthandi ngokwaneleyo uThixo, kwaye engazimiselanga ukuyithoba intliziyo yakhe ngokuguquka. Awayengenako kubungcwele benene, wayezama ukukwenza ngenzondelelo kwiindlela zenkolo. USawule wayengaswele lwazi ngokoyiswa kukaIsrayeli xa ityeya kaThixo wayibuyiselwa enkampini nguHofeni noPinehazi; kodwa, wathi ekwazi konke oku, wazimisela ukuyibiza ityesi engcwele nombingeleli oyijongayo. Ukuba ebengathi ngale ndlela aphembelele ukuthenjwa ngabantu, wayethembe ukuhlanganisa umkhosi wakhe osasazekileyo aze alwe namaFilisti. Ngoku wayeza kwenza ngaphandle kobukho kunye nenkxaso kaSamuweli, aze ngoko azikhulule kwizigxeko nokukhalima okungamkelekanga kukamprofeti.ANa 622.2

    UMoya Oyingcwele wayewunikiwe uSawule ukuze ukhanyise ingqiqo yakhe ithambise intliziyo yakhe. Wayefumene umyalelo onyanisekileyo nokuthethiswa ngumprofeti kaThixo. Sekunjalo, babangakanani ubugwenxa bakhe! Imbali yokumkani wokuqala kaIsrayeli inika umzekelo olusizi wamandla emikhwa yokuqala egwenxa. Ebutsheni bakhe, uSawule akazange amthande amoyike uThixo; waza loo moya wokudyuduza, ongazange waqeqeshwa kwasekuqaleni ukuba uzinikele, wahlala ulungele ukuvukela igunya lezulu. Abo bathi ebutsheni babo bakuthande ukuyihlonipha intando kaThixo, bayenze ngokuthembeka imisebenzi yezikhundla zabo, baya kuwulungela umsebenzi ophezulu kubomi bamva. Abantu abangekhe bachithe iminyaka besebenzisa gwenxa amandla uThixo abanike wona, baze bathi, xa befuna ukuguquka, bawafumane la mandla ematsha ekhululekile ukuba balandele ikhondo elibheka kwelinye icala.ANa 622.3

    Imizamo kaSawule yokuvusa abantu yafumaneka ililize. Wathi akubona ukuba umkhosi wakhe uhlile wangamadoda angamakhulu amathandathu, wayishiya iGiligali waya kuhlala kwinqaba yaseGebha, eyathi kamva yathatyathwa ngamaFilisti. Le nqaba yayikwicala langasezantsi kwintili enzulu, enamawa, okanye umwonyo, kwiimayile ezimbalwa ngakumntla wendawo yaseYerusalem. Kwicala langasentla kwakuloo ntili, eMikmas, umkhosi wamaFilisti wamisa ngexesha amaqela amabutho ephuma ngeendlela ezahlukeneyo ukulidlavula ilizwe.ANa 622.4

    UThixo wazivumela iimeko ukuba zifike kwintlekele ukuze akwazi ukubukhalimela ubugwenxa bukaSawule abafundise abantu baKhe isifundo sokuzithoba nokholo. Ngenxa yesono sikaSawule kubuganga bokubingelela kwakhe, uYehova wayengasayi kumnika imbeko yokoyisa amaFilisti. UYonatan, unyana kakumkani owayemoyika uYehova, wanyulwa njengesixhobo sokuhlangula uIsrayeli. Eqhutywa yintshiseko yezulu, wathetha nomphathi-zintonga wakhe ukuba baye kuhlaselo olusemfihlakalweni kwinkampu yotshaba. “Mhlawumbi,” wakhuthaza, “uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa.”ANa 623.1

    Umphathi-zintonga, naye, eyindoda yokholo nomthandazo, walikhuthaza eli cebo, baza bebobabini besuka enkampini, ngokufihlakeleyo, hleze injongo yabo ichaswe. Benomthandazo onyanisekileyo kuMkhokeli wooyise, bavumelana ngomqondiso ababeya kuthi ngawo baqonde ukuba bangabheka phambili njani. Bahamba bangena kumwonyo owahlula le mikhosi mibini, bahamba ngokuzolileyo, phantsi kwethunzi leliwa, befihlakele nganxanye phantsi kweenduli namangqamakwe entili. Bathi xa bevela kwiinqaba zamaFilisti, babonakala kwiintshaba zabo, ezathi, zibagezela, “Nanga amaHebhere ephuma emingxunyeni abezimele kuyo,” abanika umngeni, “Nyukani nize kuthi, sinibonise,” zithetha ukuba ziya kuwohlwaya la maIsrayeli mabini ngenxa yesibindi sawo. Lo mngeni wawunguqondiso uYonatan namaqabane akhe abavumelana ukuba bawamkele njengesibonakaliso sokuba uYehova uya kubaphumelelisa kumsebenzi ababeza kuwenza. Edlula ekobonakaleni kumaFilisti, eakhetha indlela efihlakeleyo nenzima, la madoda okulwa ahamba aya kufika encotsheni yeliwa elalithatyathwa ngokuba kunzima ukungena kulo, laye lalingaqatshelwanga kakhulu. Ngaloo ndlela akwazi ukungena kwinkampu yotshaba ababulala abalindi, abathi, ngokumangaliswa nokoyika, ababa nako ukuxhathisa.ANa 623.2

    Iingelosi zezulu zabakhusela uYonatan nomncedi wakhe, iingelosi zalwa ngakwicala labo, awa amaFilisti phambi kwabo. Umhlaba wangcangcazela kwangathi kuvela umkhosi omkhulu wamahashe neenqwelo zokulwa. UYonatan waphawula imiqondiso yoncedo lwezulu, namaFilisti azi ukuba uThixo uyasebenza ukuhlangula uIsrayeli. Uloyiko olukhulu lawuthi hlasi umkhosi, ebaleni nasebuthweni elalibekiwe ukuba lijonge. Kwisiphithiphithi, ephazamisa awawo amasoldati neentshaba zawo, amaFilisti axabelana omnye nomnye.ANa 623.3

    Kungekudala, ingxolo yedabi yavakala kwinkampu kaIsrayeli. Abalindi bakakumkani babika ukuba kukho isiphithiphithi esikhulu phakathi kwamaFilisti, nokuba amanani awo ayacutheka. Noko kunjalo, kwakungaziwa ukuba kukho inxenye yamaHebhere eyayiphumile enkampini. Kwathi kwakuphandwa, kwafunyaniswa ukuba bakho bonke ngaphandle kukaYonatan nomphathi-zintonga wakhe. Kwathi, kodwa, kwakubonwa ukuba amaFilisti ayabaleka, uSawule wawukhokela umkhosi wakhe ukuba uhlangane nohlaselo olo. AmaHebhere awayeqhekekele ngaselutshabeni, abuya ngoku ukuba alwe nawo; amaqela amakhulu aphuma kwiindawo zawo zokuzimela, athi ngexesha amaFilisti ebaleka, edidekile, umkhosi kaSawule wenza isaqunge esikhulu kwiimbacu.ANa 624.1

    Wathi ngokuzimisela ukuba alisebenzise kakhulu eli thuba lihle analo, ukumkani wakhawuleza wawalela amasoldati akhe ukuba atye imini yonke, anyanzelisa umyalelo wakhe ngesiqalekiso esinendili, “Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam.” Uloyiso lwalusele luzuziwe, ngaphandle kokwazi okanye ukuxhasa kukaSawule, kodwa wathemba ukuzibalula ngokuwutshabalalisa uphele umkhosi owawusele woyisiwe. Umyalelo wokuba kungatyiwa wawuphuma ekuthandeni udumo, waye umveza ukumkani njengalowo ungazikhathaleliyo izidingo zabantu bakhe xa zingqubana nomnqweno wakhe wokuziphakamisa. Ukuqinisekisa isalelo sakhe ngesifungo esinendili, kwamveza uSawule ukuba usisityhuthutyhuthu nokuba ungcolile. Kwa amazwi la esiqalekiso abubungqina bokuba inzondelelo kaSawule yayijonge kuye, ingajonge ekuzukiseni uThixo. Wayivakalisa injongo yakhe ukuba ayithi, “ade uYehova aziphindezelele ezintshabeni zaKhe,” kodwa “ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam.”ANa 624.2

    Isalelo saba nesiphumo sokubakhokelela abantu ekwaphuleni umyalelo kaThixo. Babesedabini imini yonke, baye betyhafile kukulamba; ngako nje ukuba lidlule ixesha elalibekiwe, bawangenela amaxhoba bayitya inyama inegazi, ngaloo ndlela baba bagqitha umthetho owawusala ukuba lityiwe igazi.ANa 624.3

    Ngeli xesha ledabi lemini yonke, uYonatan, owayengazange awuve umyalelo kakumkani, wathi engaqondanga wona ngokungcamla intwana yobusi xa wayedlula ehlathini. USawule wayiva le nto ngokuhlwa. Wayeyalele ukuba ukwaphulwa kwalo mthetho kuya kugwetywa ngokufa; wathi, nangona uYonatan wayengonanga ngeenkani, nangona uThixo wabugcina ngendlela emangalisayo ubomi bakhe, wazisa ukuhlangulwa ngaye, ukumkani wavakalisa ukubaisigwebokufunekasenziwe.Ukusindisa ubomibonyanawakhe kwakuya kuba kukuvuma ukuba, yena Sawule wona ngokwenza isifungo ngokungxama. Oku kwakuya kuba kuyalithoba ikratshi lakhe. “UThixo makenjenje kum aqokele ukwenjenje,” yaba sisigwebo sakhe esibuhlungu: “inene, ukufa uya kufa, Yonatan.”ANa 624.4

    USawule wayengenakho ukubanga udumo loloyiso, kodwa wathemba ukudunyiswa ngenzondelelo yakhe yokugcina ubungcwele besifungo sakhe. Nokuba kwakuthetha ukuncama unyana wakhe, wayeza kubethelela kubantu bakhe ukuba igunya lobukhosi kufuneka ligciniwe. EGiligali, kungekudala nje ngaphambi koko, uSawule waba nobuganga bokwenza umsebenzi wombingeleli, waza wazithethelela ngeenkani, kodwa apha, nangona umyalelo wawungenasizathu waza waphulwa ngobudenge, ukumkani okwanguyise, wamgwebela ukufa unyana wakhe.ANa 625.1

    Abantu bala ukuvuma ukuba isigwebo siphunyezwe. Bema ngezibindi phambi komsindo kakumkani, bathi, “Afe na uYonatan, owenze olu lusindiso lukhulu kwaIsrayeli? Makube lee oko! Ehleli nje uYehova, akusayi kuwa nonwele lwentloko yakhe emhlabeni; ngokuba usebenzisene noThixo namhla.” Ikumkani ezaliswe likratshi, ayizange ikwazi ukungasixabisi esi sigwebo sesininzi, baza ubomi bukaYonatan baba buyasinda.ANa 625.2

    USawule ayikho enye indlela awayenokuva ngayo ngaphandle kokuba unyana wakhe wayethandwa kunaye, ngabantu nanguYehova. Ukuhlangulwa kukaYonatan kwaba kukuthethisa okulukhuni kobutyhuthutyhuthu bukakumkani. Wakuva ukunxuba okwakuza kuziswa ziziqalekiso zakhe phezu kwentloko yakhe. Akazange abe saqhubeka nemfazwe namaFilisti, kodwa wabuyela ekhayeni lakhe, entshingintshingi, enganelisekanga.ANa 625.3

    Abo abasoloko bekulungele ukuzixolela okanye ukuzithethelela esonweni bayathanda ukuba ngqongqo ekugwebeni nasekusoleni abanye. Abaninzi, njengoSawule, bazizisela ukungakholiswa kukaThixo, kodwa balale icebiso bakudele ukuthethiswa. Bathi naxa boyisakele ukuba uThixo akasenabo, bakwale ukumbona kubo unobangela weenkathazo zabo. Bahlala benekratshi, benomoya wokuqhayisa, lo gama bexakeke kukugweba ngenkohlakalo okanye ukuthethisa ngqongqo abanye, phofu, abangcono bona kunabo. Kuya kuba kuhle ukuba abagwebi abazenzela umthetho ngolo hlobo bawetyise amazwi kaKristu: “Kuba ngogwebo enigweba ngalo, niya kugwetywa kwangalo nani; nangomlinganiselo enilinganisela abanye ngawo niya kulinganiselwa kwangawo nani.” Mateyu 7:2.ANa 625.4

    Kuyakholisa ukuba abo bafuna ukuziphakamisa babekwe kwizikhundla apho siye sityhileke khona esona simile sabo. Kwakunjalo nakwimeko kaSawule. Indlela yakhe yabaqinisekisa abantu ukuba ukuzukiswa negunya likakumkani zizinto ezazibaluleke kakhulu kuyo kunobulungisa, inceba, okanye ububele. Ngoko ke, abantu benziwa bayibona impazamo yabo ngokwala ulawulo awayebanike lona uThixo. Bamnanisa umprofeti ongcwele, omithandazo yakhe yayithoba iintsikelelo, ngokumkani, owathi ngenzondelelo yakhe emfamekileyo, wazisa isiqalekiso phezu kwabo.ANa 626.1

    Ukuba ayengangenelanga amadoda akwaIsrayeli ukusindisa ubomi bukaYonatan, umhlanguli wabo ngewatshabalala ngokomyalelo kakumkani. Kunokuba kwabamathidala njani kwaba bantu ukulandela inkokelo kaSawule emva koko! Intlungu enjalo yokucinga ukuba wayebekwe esihlalweni sobukhosi ngesenzo sabo! UYehova uthabatha ithuba elide ezinyamezele iinkani zabantu, aze abanike bonke ithuma lokuzibona bazishiye izono zabo; kodwa nangona ebonakala ebaphumelelisa abo bayityeshelayo intando yaKhe bezidelela izilumkiso zaKhe, uya kuthi, ngelilelaKhe ixesha, ngokuqinisekileyo, abutyhile ubuyatha babo.ANa 626.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents