Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    58—Izikolo ZabaProfeti

    UYehova ngokwaKhe wakhokela imfundo kaIsrayeli. Inkathalo yaKhe yayingaphelelanga kubomi basenkolweni; nantoni na eyayichukumisa ingqondo, okanye imilo yomzimba, yayiphantsi kokwenzelela okungcwele kukaThixo, kwaye konke kuphantsi kolawulo lomthetho wezulu.ANa 592.1

    UThixo wayewayalele amaHebhere ukuba abafundise abantwana bawo imigaqo yaKhe, abenze baqhelane nako konke ukusebenza kwaKhe nooyise. Lo yayingomnye wemisebenzi ekhethekileyo yomzali ngamnye, owawungenakho ukuyekelwa komnye [umntu]. Endaweni yemilebe yowasemzini, iintliziyo zikamama notata kwakufuneka zinike imfundo abantwana babo. Iingcamango zikaThixo kwakufuneka zihlanganiswe nazo zonke iziganeko zobomi bemihla ngemihla. Imisebenzi enamandla kaThixo ekuhlanguleni abantu baKhe, nezithembiso ngoMhlanguli oza kuza, kwakufuneka ziphindaphindiwe emakhayeni kaIsrayeli; nokusetyenziswa kwemifanekiso nemifuziselo kwenza ukuba izifundo zibetheleleke engqondweni. Iinyaniso ezinkulu zokubonelela kukaThixo nezobomi bexesha elizayo zazifakwa kwingqondo eselula. Yaqeqeshwa ukuba iyibone ngokufanayo imibono yendalo namazwi esityhilelo. Iinkwenkwezi zezulu, imithi neentyatyambo zasendle, iintaba ezinde, imifula ebaleka amanzi, zonke zizinto ezazithetha ngoMdali. Inkonzo ezukileyo yombingelelo nonqulo engcweleni kunye neentetho zabaprofeti zazikukutyhilwa kukaThixo.ANa 592.2

    Lwalunjalo uqeqesho lukaMoses kwikhaya lakhe elithobekileyo lamaplanga eGoshen; noSamuweli, nguHana onyanisekileyo; noDavide, kwinduli awayehlala kuyo eBhetelehem; noDaniyeli, phambi kwemibono yasekuthinjweni eyayimahlule nekhaya looyise. Babukwanjalo nobomi basekuqaleni bukaKristu eNazarete; lunjalo noqeqesho awalufundayo umntwana uTimoti kwimilebe kamakhulu wakhe uLoyisi, nakumamawakhe uYunisi (2 Timoti 1:5; 3:15), iinyaniso zeziBhalo eziNgcwele.ANa 592.3

    Kwaya kongezwa ngokwenziwa komsindleko wokufundisa abantu abatsha, ngokusekwa kwezikolo zabaprofeti. Ukuba umntu omtsha wayelangazelela ukuphanda nzulu kwiinyaniso zelizwi likaThixo nokufuna ubulumko basezulwini, ukuze abe ngumfundisi kwaIsrayeli, ezi zikolo zazivulekile kuye. Izikolo zabaprofeti zasekwa nguSamuweli ukuba zibe yindawo yolutsha yentlalo-ntle ekuziphatheni nangasemoyeni, nokukhuthaza impumelelo yesizwe ngokuveza amadoda akufaneleyo ukusebenza, esoyika uThixo, njengeenkokeli nabacebisi. Ukuyifezekisa le njongo, uSamuweli wahlanganisa amaqela abantu abatsha ababengcwele, abanobuchopho, nabakukhuthaleleyo ukufunda. Aba babebizwa ngokuba ngoonyana babaprofeti. Ngexesha beqhagamshelana noThixo, befunda ilizwi laKhe nemisebenzi yaKhe, ubulumko basezulwini bongezwa kwizipho zabo zendalo. Abahlohli babengamadoda anganelanga nje ukuba zingcali kuphela kwiinyaniso ezingcwele, kodwa yayingalawo nawo ayekonwabela ukuthetha noThixo nawamkela isipho esikhethekileyo sikaMoya waKhe. Afumana ukuhlonitshwa nokuthenjwa ngabantu, ngenxa yokufunda kunye nobungcwele.ANa 593.1

    Ngemihla kaSamuweli, zazizibini ezi zikolo, sisinye eRama, eyayilikhaya lomprofeti; esinye sasiseKiriyati-yeharim, apho yayikhona ityeya ngelo xesha. Ezinye zakhiwa kamva.ANa 593.2

    Abantwana bezi zikolo babezixhasa ngokusebenza kwabo ekulimeni umhlaba okanye komnye umsebenzi wezandla. KwaIsrayeli, le nto yayingathatyathwa njengengaqhelekanga okanye emthobayo umntu; kuba kaloku, kwakubonwa njengolwaphulo-mthetho ukuyeka umntwana akhule engazi nto ngomsebenzi oluncedo. Ngomyalelo kaThixo, wonke umntwana wayefundiswa ishishini elithile, nokuba wayeza kufundiselwa isikhundla esingcwele. Abaninzi kubafundisi benkolo, babezixhasa ngomsebenzi wezandla. Kwada kwaza kuba kamva lixesha labapostile, uPawulos no-Akwila, abazange behle sidima kuba babephila ngeshishini labo lokwenza iintente.ANa 593.3

    Izifundo ezaziphambili kwezi zikolo yayingumthetho kaThixo, uhlangene nemiyalelo eyayinikelwe uMoses, imbali engcwele, umculo ongcwele, nezibongo. Indlela yokufundisa yayahluke kakhulu kuleyo yasezikolweni zofundo-ngoThixo zale mihla yangoku, ekuphuma kuzo abafundi abathweswa benolwazi oluncinane ngoThixo nenyaniso yenkolo kunexesha lokungena kwabo.Kwezo zikolo zexesha lakudala, yayiyinjongo ephambili yayo yonke imfundo ukufunda intando kaThixo nokulindeleke emntwini ngakuYe. Kwiingxelo zembali engcwele kwakuhanjwa emanyathelweni kaYehova. Iinyaniso ezinkulu ezazivezwa yimifuziselo zazityhilwa, lwaza ukholo lwayibamba eyona njongo ingumongo yelo hlelo, iMvana eyayiza kuthwala isuse isono sehlabathi.ANa 593.4

    Kwakukho umoya wokuzinikela. Abafundi babengafundiswa into eyenziwa kukuthandaza kuphela, kodwa nendlela yokuthandaza, indlela yokuya kuMdali wabo, indlela yokusebenzisa ukholo kuYe, nokuziqonda kwanokuzithobela iimfundiso zikaMoya waKhe. Iingqondo ezingcwalisiweyo zazikhupha kuvimba kaThixo izinto ezintsha nezindala, kunye noMoya kaThixo, zizinto ezabonakala ngokuprofeta nangengoma engcwele.ANa 594.1

    Umculo wenzela ukuba uzalise injongo engcwele, uphakamisele iingcinga kwizinto ezinyulu, okuzukileyo, nokuphakamisayo, nokuvusa emphefumlweni ukuzinikela nombulelo kuThixo. Athi, umahluko phakathi kwesiko lakudala nezinto osetyenziselwa zona umculo ngoku! Abaninzi basisebenzisela esi sipho ukuphakamisa umna endaweni yokusisebenzisela ukuzukisa uThixo! Uthando lomculo lubakhokelela abangaphaphamanga ukuba bazimanye nabathandi behlabathi kwimihlangano yeziyolo apho uThixo abalelayo abantwana baKhe ukuba baye. Ngaloo ndlela, ithi loo nto ebingaba yintsikelelo enkulu xa isetyenziswe kakuhle, isuke ibe sesinye sezona zenzeleli zinempumelelo athi ngazo uSathana ayilobe ingqondo ukuba isuke emsebenzini nasekucamngceni ngezinto ezingunaphakade.ANa 594.2

    Umculo uyinxalenye yokunqulwa kukaThixo kwiinkundla zasezulwini, kwaye kufuneka sizame, kwiingoma zethu zokudumisa, ukuba sisondele kangangoko ekuhambelaneni neekwayala zasezulwini. Uqeqesho ngendlela eyiyo kwelizwi kuluphawu olubaluleke kakhulu emfundweni kwaye akufuneki kutyeshelwe. Ukucula, njengenxalenye yenkonzo, kusisenzo sokunqula njengoko unjalo umthandazo. Intliziyo kufuneka iwuve umoya wengoma ukuze iwuvakalise ngokufanelekileyo.ANa 594.3

    Hay’ ububanzi bomahluko phakathi kwezo zikolo zazifundiswa ngabaprofeti bakaThixo namaziko ethu emfundo eli xesha! Ukuba mbalwa kwezikolo ezikhoyo ezingalawulwa zizaci namasiko ehlabathi! Kukho ukungabikho okulusizi kokuzibamba okukuko nokuzilawula ngobulumko. Ukuswela ulwazi lwelizwi likaThixo okukhoyo phakathi kubantu abathi bangamaKristu, kuyaxhalabisa. Intetho engenabunzulu, ukuphelela nje ekuthabathekeni, yeyona nto yenzekayo ekufundiseni ngokuziphatha nenkolo. Ubulungisa nenceba kaThixo,ubuhle bobungcwele nomvuzo oqinisekileyo wokwenza okulungileyo, isimilo esibi sesono nokuqiniseka kweziphumo ezibi zaso, azibethelelwa ezingqondweni zabatsha. Amaqabane akhohlakeleyo alufundisa ulutsha iindlela zokwaphula umthetho, ukurheletya, nokuzinikela ekwaneliseni inyama.ANa 594.4

    Azikho na izifundo ezinokufundwa ngabafundisayo bale mihla kwizikolo zamaHebhere ezinokuba nenzuzo? Lowo wadala umntu wenze umsindleko wokumkhulisa emzimbeni, engqondweni nasemphefumlweni. Kungoko, eyona mpumelelo kwimfundo ixhomekeka ekunyanisekeni abathi abantu balenze ngako icebo likaThixo.ANa 595.1

    Eyona njongo iyiyo yemfundo kukubuyisela umfanekiso kaThixo emphefumlweni. Ekuqalekeni uThixo wamdala umntu ngokwemfano yaKhe. Wamnika izipho zeempawu zokuhle eziphakamileyo. Ingqondo yakhe yayizinze kakuhle, kwaye ayesebenzisana onke amandla akhe. UkuWa neziphumo zako kwazigqwetha ezi zipho. Isono sawonakalisa, kwasilela kancinane ukuba siwucime umfanekiso kaThixo emntwini. Kukubuyiselwa koku okwenza ukuba kumiswe icebo losindiso, waza umntu waphiwa ubomi bokwenzelwa inceba. Ukubuyisela kuye ukugqibelela awayedalwe nako ekuqaleni, yinjongo enkulu yobomi, injongo ezakhelwe kuyo zonke ezinye. Ngumsebenzi wabazali nabafundisi, ekufundisweni kwabatsha, ukusebenzisana nenjongo yezulu, kuba ngokwenza njalo baya kuba “[bangaba]sebenzisi bakaThixo.” 1 Korinte 3:9.ANa 595.2

    Zonke izakhono ezahlukeneyo abantu abanazo, ezengqondo, nomphefumlo, nomzimba, bazinikwe nguThixo, ukuba zisetyenziswe kufikelelwe kwelona qondo liphezulu lokulunga. Oku ke, akukwazi ukuba kube kokokuzithandela nokubeka abanye ecaleni; kuba isimilo sikaThixo, ekufuneka sibenemfano yaso, bububele nothando. Onke amandla engqondo, sonke isiphiwo, athe uMdali wasinika sona, kufuneka sisetyenziselwe uzuko lwaKhe nokuphakamisa abantu bethu. Kulo msebenzi ke, kulapho kufunyanwa ukusetyenziswa kwaso okudlulisileyo ngobunyulu, ngokubalasela, imbeko, novuyo.ANa 595.3

    Ukuba lo mthetho-siseko ubunokunikwa ingqwalasela efanelwe kukubaluleka kwawo, bekuya kubakho inguqulelo engamandla kwezinye iindlela ezikhoyo zokufundisa. Endaweni yokukhuthaza ukuzithanda nokuthanda ukuphakanyiswa, nokuphemba umoya wokuzama ukuzilinganisa nabanye, abafundisi bebeya kuzama ukuvuselela uthando lokulungileyo nenyaniso kunye nobuhle, oko kukuthi, ukuvusa ulangazelelo lokubalasela kokuhle. Umfundi ebeya kuzama ukukhulisa izipho zikaThixo kuye, kungabi kukudlula abanye, kodwa kube kukufezekisa injongo yoMdali nokwamkela imfano yaKhe.Endaweniyokukhokelelwakwimigangatho nje yehlabathi,okanye ekuqhutyweni lulangazelelo lokuziphakamisa, kwalona oludodobalisayo nolugxekekayo phofu, ingqondo ibiya kukhokelelwa kuMdali, ukumazi nokufana naYe.ANa 595.4

    “Yingqalo yokulumka ukoyika uYehova; ukumazi Oyingcwele kwaphela yingqondo.” Mizekeliso 9:10. Umsebenzi omkhulu wobomi kukwakha isimilo, nokwazi uThixo kusisiseko sayo yonke imfundo yenene. Ukugqithisa olu lwazi nokuqulunqa isimilo ngokuhambelana nalo, kumele ukuba kube yinjongo yomsebenzi walowo ufundisayo. Umthetho kaThixo usisibonakaliso sesimilo saKhe. Kungoko athi umdumisi, Yonke imithetho yakho inobulungisa;” nokuba “ngeziyalezo zakho ndinokuqonda.” Ndumiso 119:172, 104. UThixo uzityhilile kuthi elizwini laKhe nasemisebenzini yendalo. Kubuninzi bempefumlelo nencwadi yendalo, siyakwazi ukufumana ukumazi uThixo.ANa 596.1

    Ngumthetho wengqondo ukuba iye izimilisela kwizifundo ethi iqeqeshelwe ukuba ihlale kuzo. Ukuba ixakekiswe ngemicimbi engenamsebenzi kuphela, iya kudodobala ibe buthakathaka. Ukuba ayize ilindeleke ukuba izamane neengxaki ezinzima, emva kwexesha, iya kulahlekwa ngamandla okukhula. Njengamandla afundisayo, iBhayibhile ayinayo intanga. Elizwini likaThixo, ingqondo ifumana isifundo seyona ngcinga inzulu, neyona nkuthazo iphezulu. IBhayibhile yeyona mbali ifundisayo abanayo abantu. Yaphuma intsha [ingangxengwanga] kumthombo wenyaniso engunaphakade, saza isandla esingcwele sezulu sabugcina ubunyulu bayo kuzo zonke izizukulwana. Ikhanyisa ixesha eladlula kudala, apho ukuphanda komntu kuzama ukugqobhoza khona, ngelize. Elizwini likaThixo, sibona amandla awandlala isiseko somhlaba, sanweba amazulu. Kulapha kuphela apho sifumana imbali yohlanga lwethu ingangcoliswanga kukwenziwa kwezigqibo kwabantu kungaphandwanga okanye kukuziphakamisa kwabantu. Apha kubhalwe amadabi, ukoyiswa, nokoyisa kwawona madoda makhulu aka aziwa kweli hlabathi. Apha, iingxaki ezinkulu zomsebenzi nesiphelo, zityhiliwe. Umdiyadiya owahlula okubonakalayo kokungabonakaliyo ehlabathini, uphakanyisiwe, ngoku sibona imbambano yemikhosi ejongeneyo yokulunga nobubi, kususela ekungeneni kokuqala kwesono kuse kuloyiso lokugqibela lobulungisa nenyaniso; kwaye konke kutyhila isimilo sikaThixo. Ekucamngceni ngentlonipho iinyaniso ezinikwe elizwini laKhe, ingqondo yomfundi iziswa ekuthetheni nengqondo engenasiphelo. Isifundo esinjalo asipheleli nje ekuhlaziyeni nasekwenzeni ukuba kuhlonipheke isimilo, kodwa asikwazi ukungandisi sihlaziye amandla engqondo.ANa 596.2

    Imfundiso yeBhayibhile inegalelo eliphilileyo kwimpumelelo yomntu kubo bonke ubudlelwane kobu bomi. Ityhila imithetho-siseko elilitye lembombo kwimpumelelo yesizwe; imithetho-siseko equke konke ukuhlalisana kakuhle emphakathini, nekwalukhuselo losapho; imithetho-siseko ekungekhe kuthi ngaphandle kwayo kubekho ukuxabiseka, ulonwabo, nentlonipho kobu bomi, okanye nokuthemba ukuzuza ikamva, ubomi obungunaphakade. Akukho sikhundla ebomini, akukho bakala lamava omntu, apho imfundiso yeBhayibhile ithi ingakwazi ukulungiselela. Ukuba liye lafundwa, lathotyelwa, ilizwi likaThixo liya kulinika ihlabathi amadoda obuchopho obomelele nobusebenza ngakumbi kunokuba kunokwenziwa, ngenzondelelo, konke okufundiswayo okuqukwe kulwazi lwabantu. Ibiya kuveza amadoda anamandla nesimilo esiqinileyo, engqiqo enenzondelelo neembono ezizinzileyo, amadoda abeya kuba luzuko kuThixo nentsikelelo ehlabathini.ANa 599.1

    Kwizifundo zesayensi, sisenako ukuzuza ulwazi ngoMdali. Yonke isayensi eyiyo ikukuchaza umbhalo wesandla sikaThixo kwilizwe eliphathekayo. Isayensi izisa kuphando lwayo kuphela ubungqina obutsha bobulumko namandla kaThixo. Ukuba kuqondwa kakuhle, zombini, incwadi yendalo neyelizwi elibhaliweyo, zisiqhelanisa noThixo ngokusifundisa ukuba ikho into yobulumko nesisa kwimithetho asebenza ngayo.ANa 599.2

    Umfundi kufuneka akhokelwe ukuba abone uThixo kuyo yonke imisebenzi yendalo. Abafundisi kufuneka ukuba balinganise umzekelo weTitshala eNkulu, owayesithi, kwizinto ezibonwayo zendalo akhuphe imizekeliso eyayizenza lula iimfundiso zaYo, izibethelele nzulu ngakumbi ezingqondweni zabo babemamele. Iintaka ezintyiloza emasebeni ayokozela amagqabi, iintyatyambo zentili, imithi emide, amasimi agcwele iziqhamo, ingqolowa ehlumayo, umhlaba obharhileyo, ilanga elitshonayo elikhazimla emazulwini ngemitha ebugolide, zonke [ezi zinto] zizixhobo zokufundisa. Wahlanganisa imisebenzi ebonakalayo yoMdali kunye namazwi obomi awawathethayo, ukuze, lonke ixesha ezi zinto zibekwa phambi kwamehlo abo bamphulaphuleyo, iingcinga zabo zibuyele kwizifundo zenyaniso ayihlanganise nazo.ANa 599.3

    Isitampu sobuThixo, esibonakala kumaphepha esityhilelo, sibonakala kwiintaba eziphakamileyo, kwiintili ezinemveliso, kulwandleolubanzinolunzulu.Izintozendalozithetha nomntungothandoloMdali wakhe. Usiqamangele kuYe ngemiqondiso engenakubalwa esezulwini nasemhlabeni. Eli lizwe aliyontlungu nenkxwaleko kuphela. “UThixo uluthando,” ngumbhalo lowo kulo lonke ithupha elivulekayo, kumagqatyana entyatyambo nganye, nakuwo wonke umcinga wengca. Nangona isiqalekiso senze ukuba umhlaba uveze ameva namakhakakhaka, zikho iintyatyambo phezu kwamakhakakhaka kwaye ameva afihlwe bubuhle beentyatyambo [zerozi]. Zonke izinto zendalo zingqina ngothando olunobubele, lokukhathala njengomzali kukaThixo wethu ukwenza ukuba abantwana baKhe bavuye. Izithintelo zaKhe nezilumkiso, azijonge kuphela ukubonakalisa nje igunya laKhe, kodwa kuko konke akwenzayo, unombono wokuphatheka kakuhle kwabantwana baKhe. Akafuni kubo ukuba bayeke nantoni eya kuba lulutho kubo xa beyigcinile.ANa 600.1

    Ingcamango ethe tshitshilili kwezinye izifundo zoluntu, le yokuba inkolo ayikhokeleli empilweni okanye kulonwabo kobu bomi, yenye yezona mpazamo zenzakalisayo. IsiBhalo sithi: “Ukoyika uYehova kusa ebomini; onako uya kuhlala ehluthi.” Mizekeliso 19:23. “Ngubani na umntu obungxameleyo ubomi, othanda imihla yokubona okulungileyo? Gcina ulwimi lwakho ebubini, umlomo wakho ungathethi nkohliso. Suka ebubini, wenze okulungileyo; funa uxolo, uluphuthume.” Ndumiso 34:12-14. Intetho yobulumko “ibubomi kwabayifumanayo, nempiliso enyameni yabo bonke.” Mizekeliso 4:22.ANa 600.2

    Inkolo yenene imzisa umntu kuvumelwano nemithetho kaThixo, ngomzimba, ingqondo, nokuziphatha. Ifundisa ukuzilawula, ukuba nesidima, nozilo. Inkolo iyayiphakamisa ingqondo, iliphucule ilithe, iyingcwalise intelekelelo. Iwenza umphefumlo ube nenxaxheba kubunyulu bezulu. Ukukholelwa kuthando nasekuboneleleni kukaThixo okulawula konke kuyenza lula imithwalo yexhala nokukhathala. Iyizalisa intliziyo ngovuyo nokwaneliseka kwelona liphezulu okanye lisezantsi ibakala. Inkolo ikholisa ngokukhuthaza ngokucacileyo impilo, nokwandisa ukuphila, nokunyusa izinga lokonwabela kwethu zonke iintsikelelo zayo. Ivulela umphefumlo umthombo wovuyo ongasokuze utshe. Akwaba bonke abangekamkhethi uKristu bebengaqonda ukuba unento engcono kakhulu anokubanika yona abazifunela yona bona. Umntu uzilimaza kakhulu, engenzi bulungisa kowakhe umphefumlo, xa ecinga, esenza ngokuchasene nentando kaThixo. Alukho uvuyo lwenene olunokufunyanwa kwindlela eyalelwe nguLowo wazi okona kulungileyo, nozicebela okulungileyo izidalwa zaKhe. Indlela yobugwenxa ikhokelela kwintlekele nentshabalalo; kodwa, ubulumko, “iindlela zabo ziindlela ezimnandi,wonke umendo wabouluxolo.” Mizekeliso 3:17.ANa 600.3

    Uqeqesho lomzimba nolwenkolo olwenziwa kwizikolo zamaHebhere kungayinzuzo ukulufunda. Ixabiso lengqeqesho enjalo alaziwa. Kukho ulwalamano olusondeleyo phakathi kwengqondo nomzimba, kwaye, ukuze kufikelelwe kumgangatho ophezulu wokuziphatha nokufikelela kwenggqondo, imithetho elawula umzimba wethu kufuneka ithotyelwe. Ukuzuza isimilo esomeleleyo, nesizinze kakuhle, kokubini, amandla engqondo namandla omzimba kufuneka asetyenziswe, aphuhliswe. Sesiphi isifundo esinokubaluleka kakhulu kubantu abatsha kuneso siphatha lo mzimba umangalisayo uThixo asinike wona, kwanemithetho onokuthi ugcinwe ngayo usempilweni?ANa 601.1

    Ngoko ke, ngoku, njengakwimihla kaIsrayeli, wonke umntu omtsha kufuneka afundiswe imisebenzi yobomi bokusebenza. Ngamnye kufuneka azuze ulwazi oluthile kumsebenzi wezandla, anokuthi ngawo, xa kukho isidingo, abe nokukwazi ukuphila. Oku kuyafuneka, kungakuba kusisikhuselo kumahla-ndinyuka obomi kuphela, kodwa nangenxa yegalelo lwalo ekukhuliseni umzimba, ingqondo, nokuziphatha. Nokuba ingayinto eqinisekileyo ukuba akasayi kuze abhenele kumsebenzi wezandla ukuzixhasa, kunjalo, kufuneka awufundiswe umsebenzi. Ngaphandle kokusebenza komzimba, akakho umntu onokuba nomzimba owakheke kakuhle nempilo edlamkileyo; kanti uqeqesho kumsebenzi olungiswe kakuhle alukho nganeno ngokufuneka kolo lokuzuza ingqondo eyomeleleyo nesimilo esinesidima.ANa 601.2

    Wonke umfundi kufuneka anikele inxenye yemini nganye kumsebenzi oshukumisa umzimba. Ngaloo ndlela, imikhwa yokukhuthala ingakhiwa, ukhuthazwe nomoya wokuxhomekeka kuye umntu, lo gama umntu omtsha eya kukhuseleka kwizenzo ezininzi zobubi nezihlazisayo ezikholisa ngokuba sisiphumo sokungenzi nto. Konke oku, kuhambelana nenjongo ephambili yemfundo, kuba ngokukhuthaza ukwenza, ukukhuthala, nobunyulu, siza ekuhambelaneni noMdali.ANa 601.3

    Abantu abatsha mabakhokelelwe ekuyiqondeni injongo yokudalwa kwabo--ukuzukisa uThixo nokusikelela abanye abantu; mababone uthando olunobubele uBawo osezulwini alubonakalise kubo, nesiphelo ababizelwa kuso, ngokokude babe ngoonyana bakaThixo, aze amawaka azishiye ngenzondelelo nokuzithiya iinjongo eziphantsi nezokuthanda umna kunye neziyolo ezinemfeketho, eziye zabenza bathi ti ukuza kuthi ga ngoku. Baya kufunda ukusithiya isono nokusiphepha, kungakuphela ngokuthemba umvuzo okanye ukoyika ukohlwaywa, kodwa ngengqondo ebona ububi obuyindalo ngengqondo ebona ububi obuyindalo yaso ephantsi, kuba siya kuba kukuhlazisa amandla abo abawanikwe nguThixo, ibala kubudoda babo bokufana noThixo.ANa 601.4

    UThixo akathi ulutsha malube nomnqweno ophantsi. Iziseko zesimilo esenza ukuba indoda ibe nempumelelo izukiswe phakathi kwamadoda, ulangazelelo olungenako ukucinezelwa, okulungileyo okukhulu, intando engoyiswayo, ukusebenza ngamandla, ukuzingisa okungadinwayo, akufuneki ezo zinto zinyathelelwe phantsi. Ngobabalo lukaThixo kufuneka bekhokelelwe kwiinjongo eziphezulu kakhulu kunakwiinjongo nje zokutsalela kubo nezexeshana, kanye njengoko amazulu ephakamile kunomhlaba. Imfundo eqalwe kobu bomi iya kuqhutywa nakubomi obuzayo. Imihla ngemihla, imisebenzi emangalisayo kaThixo, izibonakaliso zobulumko namandla aKhe ekudaleni nasekuxhaseni izwe lonke, imfihlelo engenasiphelo yothando nobulumko kwicebo lohlangulo, iya kwanekeka engqondweni inobuhle obutsha. Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe, nezingathanga qatha entliziyweni yomntu, zizo uThixo awazilungisela abo bamthandayo.” 1 Korinte 2:9. Nakobu ubomi, singanako ukubuthi tshazi ubukho baKhe, singcamle uvuyo lokuthetha neZulu, nangona ukuphelela kovuyo nentsikelelo yalo kuya kufikelelwa kulo kubomi obuzayo. Ngunaphakade kuphela onako ukutyhila isiphelo esinobuqaqawuli anokufikelela kuso umntu obuyiselwe kumfanekiso kaThixo.ANa 602.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents