Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    71—Isono Nokuguquka KukaDavide

    [Esi sahluko sisekwe ku-2 Samuweli 11; 12.]

    Kuncinane kakhulu enako iBhayibhile ukuncoma abantu. Incinane kakhulu indawo echaza okuhle okwenziwa nangabona bantu balungileyo baka baphila. Oku kuthi cwaka akungaphandle kwesizathu; akuswelanga sifundo. Zonke izakhono ezihle abantu abanazo zizisipho esivela kuThixo; izenzo zabo ezihle zenziwa ngobabalo lukaThixo ngoKristu. Kususela ukuba konke kuvela kuThixo, uzuko lwako konke abakuko okanye abakwenzayo lolwaKhe; bona bazizixhobo ezisezandleni zaKhe. Ngaphezu koko, njengoko zifundisa zonke iimbali zeBhayibhile, yingozi ukuncoma okanye ukuphakamisa abantu; kuba, xa athe ubani walahlekwa ngumfanekiso wokuxhomekeka kwakhe kuThixo, aze athembe awakhe amandla, uqinisekile ngokuwa. Umntu ulwa neentshaba ezomeleleyo kunaye. “Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.” Efese 6:12, IBHAYIBHILE. Asinakho thina ngawethu amandla ukumelana nemfazwe; kwaye nantoni na esusa ingqondo kuThixo, nantoni ekhokelela ekuziphakamiseni okanye ekuxhomekekeni kuthi, iqinisekile ukuba ilungisa indlela yokuwa kwethu. Eyona ijonge kuyo iBhayibhile kukumilisela ukungawathembi amandla omntu nokukhuthaza ukuthembela kumandla ezulu.ANa 717.1

    Yayingumoya wokuzithemba nokuziphakamisa owalungisa indlela yokuwa kukaDavide. Ukuqhatha nokulotywa okurhubuluzayo kwegunya nolonwabo, akuzange kungabi nampembelelo phezu kwakhe. Ukuhambelana nezizwe ezingqongileyo nako kwaba negalelo lempembelelo yobubi. Ngokwamasiko awayelawula kubalawuli baseMpuma, ukwaphulwa komthetho ekwakufuneka kunganyamezwelwanga kubantu abaphethweyo, lwalungagwetywa ngukumkani; ukumkani wayengaziboni enyanzelekile ukuba aziphathe ngokungqongqo njengabantu abaphetheyo. Konke oku kwaya kwabucutha engqondweni kaDavide ububi obukhulu besono. Endaweni yokuxhomekeka ngokuzithoba kumandla kaYehova, waqala ukuthembaobakheubulumko namandla.Ngako nje ukubauSathanaakwazi ukumahlula umntu kuThixo, iThende ekuphela kwalo lamandla, uya kuzama ukuvusa iinkanuko ezingahlambulukanga zemveli yenyama. Umsebenzi wotshaba awenziwa ngesiquphe; awenzeki, zisasuka, ngokukhawuleza nangokothusayo; uthi, emfihlakalweni, usebenze ukuwisa phantsi iinqaba zomthetho-siseko. Uqala ngezinto ezibonakala zincinane, ukutyeshela ukunyaniseka kuThixo nokuxhomekeka kuYe ngokupheleleyo, kunye nokulungela ukulandela amasiko nezenzo zehlabathi.ANa 717.2

    Phambi kokuba iphele imfazwe nama-Amoni, uDavide, eyekela ukulawulwa komkhosi kuYowabhi, wabuyela eYerusalem. AmaSiriya ayesele enikezele kumaIsrayeli, kwaye kubonakala kuqinisekile ukoyiswa kwama-Amoni. UDavide wayerhangqwe ziziqhamo zoloyiso naziimbeko zobulumko nokukwazi kwakhe ukulawula. Yaba lixesha eli, xa wayonwabile engakhuselekanga, awathi ngalo umlingi wathabatha ithuba lokusebenzisa ingqondo yakhe. Into yokuba uThixo wayemenze uDavide wasondelelana kakhulu naYe wabonakalalisa imfesane enkulu ngakuye, yayimele ukuba ibe yeyona nkuthazo inkulu ekugcineni isimilo sakhe singenasiphako. Noko kunjalo, ukonwaba nokuziva ekhuselekile kwamenza ukuba ayeke ukubambelela kuThixo, waza uDavide waziyekela kuSathana, wazisa emphefumlweni wakhe ibala lobutyala. Yena ngokwakhe, oyinkokeli eyayinyulwe liZulu, okhethwe nguThixo ukuba enze umthetho waKhe, wayinyhasha imimiselo yawo. Yena lowo wayesoyikwa ngabenzi bobubi, ngesenzo sakhe wazomeleza izandla zabo.ANa 718.1

    Phakathi kweengozi ebomini bakhe bangaphambili, uDavide, ngemfezeko esezingqondweni, wayekwazi ukuwubeka umcimbi wakhe kuThixo. Isandla sikaYehova sasimkhokele ekhuselekile ukudlula kwinyambalala yemigibe eyayibekwe phambi kweenyawo zakhe. Ngoku, enetyala, engaguqukanga, akazange acele luncedo nakukhokelwa liZulu, koko wafuna ukuzikhupha ezingozini esamfaka kuzo isono. UBhatshebha, obuhle bakhe buyingozi ebulalayo nowaba ngumgibe kukumkani, wayeyinkosikazi kaUriya umHiti, omnye wabaphathi abangawona magorha nanyaniseke kakhulu kaDavide. Akukho bani owayebona ngenx’ engaphambili ukuba singayintoni isiphumo ukuba oku kwaphulwa komthetho kungaziwa. Umthetho kaThixo wawusithi, onetyala lokukrexeza kufuneka afe, kwaye ijoni elinomoya wokuziphakamisa, xa loniwe ngokuhlaziswa ngolu hlobo, lalinokuziphindezela ngokubulala ukumkani okanye ngokuvuselela isizwe ukuba sivukele.ANa 718.2

    Yonke imizamo awayenzayo uDavide ukufihla ityala lakhe yaba lilize. Wazingcatsha ngokwakhe ukuba awe egunyeni likaSathana; wajikelezwayingozi, ukuhlazeka okubingaphezukokufaANa 719.1

    okwakuphambi kwakhe. Yabonakala inye kuphela indlela yokusinda, waza wathi ekuxinzelekeni kwakhe, wakhawuleza wongeza ukubulala phezu kokukrexeza. Lowo waququzelela intshabalalo kaSawule, ngoku wayezama ukukhokelela noDavide entshabalalweni. Nangona izilingo zazahlukene, zazifana ngokukhokelela ekugqitheni umthetho kaThixo. UDavide waba nesizathu esithi, ukuba u-Uriya uye wafa ngesandla sotshaba edabini, ityala lokufa kwakhe alinakulandwa lifike ekhaya kukumkani, nokuba uBhatshebha uya kukhululeka ukuba abe ngumfazi kaDavide, urhano lubhekiswe kwelinye icala, ukuze kugcinwe ukuhlonipheka kobukumkani.ANa 719.2

    U-Uriya wenziwa umthwali wegunya lokubulawa kwakhe. Incwadi eyathunyelwa ngesandla sakhe isiya kuYowabhi ivela kukumkani yanika umyalelo othi, “Mbekeni u-Uriya kweyona ndawo ishushu, angasisichenge kuyo emfazweni, nibuye umva, ukuze abinzwe afe.” UYowabhi, owayesengcoliswe lityala lokubulala ngokungcola, akazange alibazise ukuthobela imiyalelo kakumkani, waza u-Uriya wawa ngekrele labantwana baka-Amon.ANa 719.3

    Ukuza kuthi ga kwesi sithuba, ingxelo kaDavide njengomlawuli yayikumgangatho owafikelelwa ziikumkani ezimbalwa. Kubhalwe kwathiwa ngaye, “[Waye] esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke.” 2 Samuweli 8:15. Intlonipheko yakhe yamzuzela ukuthenjwa nokufanela ukuthotyelwa sisizwe. Noko kunjalo, ngexesha esimka kuThixo eziyekela kongendawo, okwexesha elo waba ngumthunywa kaSathana; nangona wayesabambe isikhundla kunye negunya uThixo awayemnike lona, kwaza kwathi ngenxa yoku, wabanga ukuthotyelwa okwakuya kubeka emngciphekweni loo mphefumlo uya kumthobela. Ngoko ke, uYowabhi, owathembeka kukumkani ngaphezu kukaThixo, wawugqitha umthetho kaThixo kuba eyalelwe oko ngukumkani.ANa 719.4

    Igunya uDavide wayelinikwe nguThixo, ukuba alisebenzise kuphela ngokuhambelana nomthetho wezulu. Wathi akuyalela okuchasene nomthetho kaThixo, kwaba sisono ukukuthobela oko. “Amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo” (Roma 13:1), kodwa akufuneki siwathobele ngokuchasene nomthetho kaThixo. Umpostile uPawulos, ebhalela abaseKorinte, wabeka umthetho-siseko ekufuneka silawulwe ngawo. Uthi, “Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.” 1 Korinte 11:1.ANa 719.5

    Ingxelo yokwenziwa komyalelo wakhe yathunyelwa kuDavide, ibekwe ngobona buchule ukuze ingamchaphazeli uYowabhi okanye ukumkani. UYowabhi “wamwiselaumthetho umthunywa, esithi, “Xaugqibileyo ukuzenzazonkeiindabazemfazwekukumkani, wathi kuwe, ukuba buthe benyuka ubushushu bokumkani, . . . uthi wena, Nomkhonzi wakho u-Uriya umHeti ufile naye. Wahamba ke umthunywa, waya, wamxelela uDavide konke uYowabhi abemthume khona.”ANa 720.1

    Impendulo kakumkani yathi, “Wotsho kuYowabhi ukuthi, Mayingabi mbi emehlweni akho le ndawo; ngokuba ikrele eli lidla kulo nakulowa. Komeleze ukulwa kwakho, nomzi lowo uwuchithe; uze umomeleze ke.”ANa 720.2

    UBhatshebha wasigcina sonke isithethe semihla yokuzilela indoda yakhe; yathi xa iphela, “wathumela uDavide, wamthabathela endlwini yakhe, waba ngumkakhe.” Lowo wayenesazela esinemfesane, nonembeko enkulu owayengenako ukuzivumela, naxa ubomi bakhe busengozini, ukuba olulele isandla sakhe ngakumthanjiswa kaYehova, ngoku uyawa, one, abulale elona joni linyanisekileyo neliligorha kumajoni akhe, aze athembe ukonwabela, engaphazanyiswa nto, umvuzo wesono sakhe. Yeha ke! Kwenze njani ukuba igolide igqole! Igolide ecikiziweyo iguquke njani na!ANa 720.3

    Kususela ekuqaleni, uSathana wamzobela umntu iinzuzo ezinokufumaneka ngokwaphula umthetho. Wenza njalo ukuwexula iingelosi. Wenza njalo ukulinga uAdam noEva ukuba bone. Usenza njalo nangoku ukukhokelela izihlwele kude nokuthobela uThixo. Indlela yolwaphulo lomthetho yenziwa ukuba ibonakale inqweneleka; “ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.” Mizekeliso 14:12. Banoyolo abo bathi, sebengenile kule ndlela, babufunda ubukrakra besiqhamo sesono, babuya kwangexesha. UThixo, kwinceba yaKhe, akazange amshiye uDavide ukuba alotyelwe kwintshabalalo epheleleyo yimivuzo ekhohlisayo yesono.ANa 720.4

    Ngenxa kaIsrayeli, kwafuneka ukuba uThixo angenelele. Ngokuhamba kwexesha, isono sikaDavide ngakuBhatshebha saziwa, kwaza kwakho norhano lokuba wakuceba ukufa kukaUriya. UYehova wahlaziswa. Wayemthandile, wamphakamisa uDavide, kodwa isono sikaDavide sasiveza ngendlela engeyiyo isimilo sikaThixo, saza salenza lagculelwa igama laKhe. Saba nokuwuthoba umgangatho wobulungisa kuIsrayeli, nokwenza kubukeke kukuncinane kwiingqondo ezininzi ukuthiyeka kwesono; kanti, nabo babengamthandi kwaye bengamoyiki uThixo, baya baqina ekwaphuleni umthetho.ANa 720.5

    UNatan umprofeti wathunywa ukuba athwale isigidimi sokungxolisa uDavide. Yayisisigidimi esibi ngokobunzima baso. Bambalwa abasegunyeni abanokungxoliswa ngolo hlobo aze lowo uthethisayo angahlawuli ngokufa okuqinisekileyo. UNatan wasigqithisa isigwebo sezulungesibindi,kodwa ngobulumko basezulwiningokudeazuze uvelwano lukakumkani, avuse isazela sakhe, kangangokuba kuphume emlonyeni wakhe [ukumkani] isigwebo sokufa esiza kwakuye. Ngokubhenela kuDavide njengomalusi onyulwe lizulu wamalungelo abantu bakhe, umprofeti waliphinda ibali lobugwenxa nengcinezelo elifuna kulungiswe.ANa 720.6

    “Kwakukho amadoda amabini mzini mnye:” watsho, “enye isisityebi, enye ilihlwempu. Esisityebi yayinempahla emfutshane neenkomo ezininzi kunene. Elihlwempu yayingenanto, kuphela yayinemvanazana encinane inye, ebiyizuzile, yayigcina; yakhulela kuyo nabantwana bayo ndaweni-nye, yadla eqhekezeni layo, yasela endebeni yayo, yalala esifubeni sayo, yanjengentombi yayo. Kwafika umhambi endodeni esisityebi, eso, sanqena ukuthabatha empahleni yaso emfutshane nasezinkomeni zaso, ukulungiselela umhambi lowo ufikileyo kuso; sesuka sathabatha imvanazana yendoda elihlwempu, salungiselela umntu ofike kuso.”ANa 721.1

    Wavutha umsindo kakumkani, wadanduluka wathi, “Ehleli nje uYehova, ngumfo wokufa loo ndoda yenze le nto. Iya kuyimisela ngesine imvanazana leyo, ngenxa enokuba yenze loo nto, nangenxa ingabanga nalufefe.” 2 Samuweli 12:5, 6.ANa 721.2

    UNatan wamthi ntshoo ukumkani; waphakamisa isandla sakhe sasekunene, ngesidima wathi, “Loo ndoda nguwe.” “Yini na,” waqhubeka, “ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe?” Abantu abanobutyala, njengoko wenjenjalo uDavide, bayakufihla ukwaphula kwabo umthetho ebantwini; bazame ukubungcwaba ububi babo emehlweni okanye ekwaziweni ngabantu; kodwa “izinto zonke zityhilekile, emehlweni alowo esinokuthana ni naye.” Hebhere 4:13. “Akukho nto igutyungelweyo ingayi kutyhilwa, nefihlakeleyo ingayi kwaziwa.” Mateyu 10:26.ANa 721.3

    Wathi uNatan: “Utsho uYehova uThixo kaIsrayeli ukuthi, Mna ndakuthambisa ukuba ube ngukumkani kumaIsrayeli, mna ndakuhlangula esandleni sikaSawule. . . . Yinina ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe, umbulale u-Uriya umHeti ngekrele, nomkakhe umzeke abe ngumkakho, umbulale ngekrele loonyana baka-Amon? Ke ngoko, ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade. . . . ndikuvelisela ububi obuya kuphuma endlwini yakho: ndibathabathe abafazi bakho emehlweni akho, ndibanike ummelwane wakho. . . . Ekubeni wena ukwenze oku ngasese, ke mna ndiya kuyenza le nto phambi kwamaIsrayeli onke, naphambi kwelanga eli.”ANa 721.4

    Ukukhalima komprofeti kwayichukumisa intliziyo kaDavide, isazela savuka; ityala lakhe lavela ngabo bonke ububi balo. Umphefumlo wakhe wathoba uguquka phambi kukaThixo. Ngemilebe engcangcazelayo wathi, “Ndonile kuYehova.” Konke ukona okwenziwe kwabanye, kubuya kwabo balinyaziweyo buye kuThixo. UDavide wenza isono esibi, ngaku-Uriya noBhatshebha, wayiva kabuhlungu le nto. Kunjalo nje, sasisikhulu kakhulu isono sakhe ngakuThixo.ANa 722.1

    Nangona kwakungekho onokufunyanwa kwaIsrayeli onokuwisa isigwebo sokufa phezu komthanjiswa kaYehova, uDavide wangcangcazela, hleze athi enetyala engaxolelwanga, anqunyulwe sisigwebo esikhawulezileyo sikaThixo. Sathunyelwa isigidimi kuye ngomprofeti, “UYehova usikhwelelisile isono sakho, akusayi kufa.” Sekunjalo, kufuneka ubulungisa bugciniwe. Isigwebo sokufa sasuswa kuDavide sasiwa kumntwana wesono sakhe. Ngaloo ndlela ukumkani wanikwa ithuba lokuguquka; nangona kuye intlungu nokufa komntwana, njengenxalenye yokohlwaywa kwakhe, kwaba buhlungu ngaphezulu kokuba bekuya kuba njalo ukufa kwakhe. Umprofeti wathi, “Ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova ngale nto, ke unyana omzalelweyo ngulo mfazi uya kufa ngenene.”ANa 722.2

    Wathi akubethwa umntwana wakhe, ngokuzila nokuzithoba okukhulu, wabucengela ubomi bakhe. Wazihluba iingubo zobukhosi, wasibeka phantsi isithsaba sakhe, ubusuku nobusuku walala phantsi emhlabeni, intliziyo yaphukile yintlungu ethethelela lo umsulwa uphatheke kakubi ngenxa yetyala lakhe. “Asuka amadoda amakhulu endlu yakhe, emvusa emhlabeni; akavuma.” Lonke ixesha xa isigwebo siwiswe ebantwini okanye ezixekweni, ukuzithoba nenguquko bezikujikela ecaleni ukubethwa, aze athi Ohlala enenceba, ophangisayo ukuxolela, athumele izithunywa zoxolo. Ekhuthazwa yile ngcamango, uDavide wazingisa ekuthandazeni lo gama umntwana esasindile. Wathi akuva ukuba ufile, ngokuzola waziyekela kumthetho kaThixo. Umvumbo wokuqala wawubethiwe kwimbuyekezo awayethe ngokwakhe ifanelekile; kodwa uDavide esathembe inceba kaThixo, akazange asale engenayo intuthuzelo.ANa 722.3

    Abaninzi kakhulu, abafunda imbali yokuwa kukaDavide, bayabuza bathi, “Kutheni ukuba ingxelo enje ityhilwe ekuhleni? Kungani ukuba uThixo abone kufanelekile ukuba ayandlale ehlabathini indawo emnyama ngolu hlobo ebomini balo uphakanyiswe kakhulu liZulu?” Umprofeti, ekuthethiseni kwakhe uDavide wathetha oku ngesono sakhe, “Ngenxa yokuba uzinike ithuba lokunyelisa iintshaba zikaYehova.” Kwizizukulwana zonke ezilandelelanayo, abangakholwayo kuThixo balatha kwisimilo sikaDavide, esineli bala limnyama, zidanduluke ngoloyiso nokugculela, “Indoda esenyongweni yakhe [uNdikhoyo/u‘Thixo’]” [IBHAYIBHILE]. Ngaloo ndlela isigculelo siye saziswa enkolweni, uThixo nelizwi laKhe banyeliswa, imiphefumlo yeqiniselwa ekungakholweni, baza abaninzi, phantsi kwengubo yobungcwele, bahlala esonweni ngesibindi.ANa 722.4

    Noko kunjalo, imbali kaDavide ayiniki nkangeleko yasono. Kwakungexesha awayehamba kwicebiso likaThixo, ngoku wayebizwa ngokuba uyindoda “esenyongweni” kaThixo. Wathi akona, kwayeka oku ukuba yinyaniso ngaye, wada wathi ngokuguquka wabuyela kuYehova. Ilizwi likaThixo, ngokucacileyo lithi, “Loo nto wayenzayo uDavide yaba mbi emehlweni kaYehova.” 2 Samuweli 11:27. Wathi uYehova kuDavide, ngomprofeti, “Yini na ukuba ulidele ilizwi likaYehova, wenze ububi emehlweni akhe? . . . Ke ngoko ikrele aliyi kumka endlwini yakho naphakade; ngenxa enokuba undidelile.” Nangona uDavide waguquka kwisono sakhe, waxolelwa wamkelwa nguYehova, wasivuna isivuno esibi sembewu awayeyihlwayele ngokwakhe. Izigwebo ezaba phezu kwakhe naphezu kwendlu yakhe zingqina indlela uThixo asithiye ngayo eso sono.ANa 723.1

    Ukuza kufikelela kwesi sithuba, ukubonelela kukaThixo kwakumgcinile uDavide kuko konke ukuceba kweentshaba zakhe, kwaye kusetyenziswa ngokuthe ngqo ekunqandeni uSawule. Ukona kukaDavide kwasuka kwakuguqula ukwalamana noThixo. UYehova wayengenakho ukuvumela ubugwenxa. Wayengakwazi ukusebenzisa amandla aKhe ukukhusela uDavide kwiziphumo zesono sakhe njengoko wayemkhusele kubutshaba bukaSawule.ANa 723.2

    Kwabakho inguqulelo enkulu kuDavide ngokwakhe. Wayaphukile emoyeni ngenxa yokusiqonda isono sakhe kunye neziphumo zaso ezazihamba indawo ende. Waziva ehlazeke kakhulu emehlweni abantu abaphetheyo. Impembelelo yakhe yaphulwa amandla. Ukuza kuthi ga kwesi sithuba, impumelelo yakhe yayibonwa njengesiphumo sokuthobela kwakhe okusezingqondweni imithetho kaYehova. Ngoku nje, abantu abaphantsi kwakhe, kuba besazi isono sakhe, babeya kukhokelelwa ekoneni ngokukhululekileyo. Igunya lakhe endlwini kusapho lwakhe, ibango lakhe lokuhlonelwa nokuthotyelwa ngoonyana bakhe, konke kwaphelelwa ngamandla. Ingcamango yetyala lakhe yamenza wathula naxa sekufuneka ekhalimele isono; yawethisa amandla engalo yakhe ekwenzeni ubulungisa endlwini yakhe. Umzekelo wakhe ombi waba nempembelelo koonyana bakhe, waye uThixo engangeneleli ukuba athintele isiphumo sawo. Wazivumela izinto ukuba zihambe indlela yazo, ngaloo ndlela uDavide waba wohlwayeka kakhulu.ANa 723.3

    Umnyaka wonke emva kokuwa kwakhe, uDavide wahlala enengcamangoyokubaukhuselekile; kwakungekho nto ibonakalisa ukunganeliseki kukaThixo. Noko kunjalo, isigwebosezulu sasijinga phezu kwentloko yakhe. Ngokukhawuleza nangokuqinisekileyo, imini yomgwebo nembuyekezo yayisondela, eyayingenakho nokujikwa yinguquko, intlungu nehlazo, ezaziza kubugubungela bonke ubomi bokuphila kwakhe emhlabeni. Abo bathi balathe kumzekelo kaDavide, baze bazame ukubenza lula ubutyala bezabo izono, kufuneka bafunde kwingxelo yeBhayibhile ukuba, indlela yesono inzima. Nangona, njengoDavide, bangabuya kwindlela yabo yobubi, isiphumo sesono, nakobu ubomi, siya kufumaneka sikrakra kunzima ukusinyamezela.ANa 724.1

    UThixo wafuna ukuba imbali yokuwa kukaDavide ibe sisilumkiso esiya kwenza ukuba nabo basikelelwe kakhulu nabathandwayo bangaziva bekhuselekile baze batyeshele ukuhlala bezingisa ekuthandazeni. Ngolo hlobo iyabonakala kwabo bathi, ngokuzithoba, bafune ukusifunda eso sifundo uThixo alungiselele ukusifundisa. Kwizizukulwana ngezizukulwana, amawaka akhokelwe ukuba ayiqonde ingozi ajongene nayo kwigunya lomlingi. Ukuwa kukaDavide, obenikwe imbeko enkulu nguThixo, kuvuse kubo ukungathembeli kwiziqu zabo. Bafikelele ekuqondeni ukuba nguThixo kuphela onokubagcina ngamandla aKhe ngalo ukholo. Ngokwazi ukuba kuYe kulapho kukho amandla nenkuseleko yabo, kwenza ukuba boyike ukuthabatha inyathelo lokuqala emhlabeni kaSathana.ANa 724.2

    Kwaphambi kokuba kuwiswe isigwebo kuDavide, wayesele eqalile ukuvuna isiphumo sokreqo. Isazela sakhe sasingenako ukuphumla. Intlungu yomoya awayinyamezelayo ibonakaliswa kwiNdumiso yamashumi amathathu anesibini. Uthi:ANa 724.3

    “Hayi uyolo lwakhe olukreqo luxolelweyo,
    osono siselelweyo!
    Hayi, uyolo lomntu angabubaleliyo
    uYehova kuye ubugwenxa.
    Ekungekho kukhohlisa emoyeni wakhe!
    Ndithi ndakuthi cwaka, aluphale amathambo am
    Ngokubhonga kwam imihla yonke.
    Ngokuba imini nobusuku,
    besinzima phezu kwam isandla sakho,
    Baguquka ubumanzi bam,
    baba kukubalela kwasehlotyeni.”
    ANa 724.4

    Ndumiso 32:1-4.

    INdumiso yamashumi amahlanu ananye ikukuvakaliswa ngenguquko kaDavide, sakuba sifikile kuye isigidimi sokumngxolisa esivela kuThixo:ANa 724.5

    “Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho!
    Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam!
    Ndixovule kunene, busuke ubugwenxa bam,
    Undihlambulule esonweni sam.
    Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam,
    Nesono sam siphambi kwam. . . .
    Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke;
    Ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu;
    Ndivise imihlali nemivuyo,
    Agcobe amathambo owacolileyo.
    Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam,
    Ubucime bonke ubugwenxa bam.
    Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo,
    Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.
    Musa ukundilahla ebusweni bakho,
    UMoya wakho Oyingcwele ungamsusi kum.
    Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho,
    Undixhase ngomoya wentumekelelo.
    Ndobafundisa abangendawo iindlela zakho,
    Babuyele kuwe aboni.
    Ndihlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo;
    Lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam.
    ANa 725.1

    Ndumiso 51:1-14.

    Ngaloo ndlela, kwingoma engcwele ekwakufuneka ivunyiwe kwiintlanganiso zasesidlangalaleni, enkundleni phambi kwababingeleli nabagwebi, phambi kweenkosana namadoda okulwa, neyayiza kugcinela isizukulwana nesona sokugqibela, ulwazi ngokuwa kwakhe, ukumkani kaIsrayeli wasiphindaphinda isono sakhe, inguquko yakhe, nethemba lokuxolelwa ngenceba kaThixo. Endaweni yokuzama ukufihla ityala lakhe, walangazelela ukuba abanye bafundiswe ngembali elusizi yokuwa kwakhe.ANa 725.2

    Ukuguquka kukaDavide kwakunyanisekile, kunzulu. Kwakungekho mizamo yokubetha ngoyaba ulwaphulo-mthetho lwakhe. Ukungabikho kolangazelelo lokusinda kwizigwebo ezazisendleleni, kwaphembelela umthandazo wakhe. Wasuka wabubona ububi bokona kwakhe ngakuThixo; wakubona ukungcoliswa komphefumlo wakhe; wasicekisa isono sakhe. Wayengathandazeli kuxolelwa, kodwa ubunyulu bentliziyo. Akazange uDavide athi ngokuncama akuyeke ukulwa. Emadingeni kaThixo kuboni abaguqukayo, wabona ubungqina bokuxolelwa nokwamkelwa kwakhe.ANa 725.3

    “Ngokuba akunanze mibingelelo, bendiya kukunika;
    Akalikholo kuwe amadini anyukayo.
    Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo,
    Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo,
    Thixo akuyi kuyidela.”
    ANa 725.4

    Ndumiso 51:16, 17.

    Nangona uDavide wayonile, uYehova wamphakamisa. Ngoku wayehambelana ngokupheleleyo noThixo enalo novelwano ngakwabanye abantu kunokuba wayenjalo ngaphambi kokuba awe. Kuvuyo lokukhululwa kwakhe, wavuma, wathi:ANa 726.1

    “Ndikwazisile isono sam, ubugwenxa bam andabugquma;
    Ndathi, Ndoluvuma ukreqo lwam kuYehova;
    Wabuxolela ke wena ubugwenxa besono sam. . . .
    Wena uyindawo yokuzimela kwam;
    uyandilondoloza embandezelweni,
    Undingqonge ngomemelelo lokusiza.”
    ANa 726.2

    Ndumiso 32:5-7.

    Baninzi abasolayo ngento abayibiza ngokuthi kukuswela ubulungisa kuThixo ngokusindisa uDavide, osono sakhe sasisikhulu kakhulu, ekubeni ale uSawule obonakala kubo enze izono ezincinane kakhulu. UDavide wazithoba, wasivuma isono sakhe, kanti yena uSawule wakudelela ukuthethiswa wayenza lukhuni intliziyo yakhe ngokungaguquki.ANa 726.3

    Le ndawo, embalini kaDavide, inokubaluleka okukhulu kumoni oguqukayo. Iyenye yezona ndawo zizizibonelo ezinamandla esizinikiweyo emadabini nakwizihendo zoluntu, nenguquko yenene esinga kuThixo nokukholwa kwiNkosi yethu uYesu Kristu. Kuzo zonke izizukulwana, ibe yimbangi yenkuthazo kwimiphefumloethi, yakuba iwe esonweni, izama-zame phantsi komthwalo wesazela [esinetyala]. Amawaka-waka abantwana bakaThixo abawa esonweni, bathi sebeza kuncama, bakhumbule indlela yenguquko yenene nokuvuma kwakhe okwamkelwa ngayo nguThixo, nangona wabulaleka ngenxa yesikreqo sakhe, nabo babenesibindi baguquke bazame kwakhona ukuhamba endleleni nemithetho kaThixo.ANa 726.4

    Nabani na othi, phantsi kokuthethisa kukaThixo, awuthobe umphefumlo wakhe ngokuvuma nokuguquka, njengoko wenza uDavide, likho ithemba ngaye. Wonke oya kuthi, ngokholo, amkele izithembiso zikaThixo, uya kuzuza ukuxolelwa. UYehova akasayi kuze awulahle umphefumlo oguquka ngokwenene. Unike esi sithembiso: “Mababambelele egwibeni lam, baxolelane nam, ewe, baxolelane nam.” Isaya 27:5. “Ongendawo makashiye indlela yakhe, indoda enobutshinga mayishiye iingcinga zayo, ibuyele kuYehova: woba nemfesane kuyo; ibuyele kuThixo wethu ngokuba woxolela ngokukhulu.” Isaya 55:7.ANa 726.5

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents