Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    10—Inqaba YeBhabheli

    [Esi sahluko sisekwe kwiGenesis 9:25-27; 11:1-9.]ANa 117.1

    Ukuze uphinde umiwe ngabantu kwakhona umhlaba oyinkqantosi, owawusanda kutshayelwa ukuziphatha kakubi kwabantu nguNogumbe, uThixo wayegcine intsapho enye kuphela, usapho lukaNowa, awathetha kulo uThixo, “Ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana” Genesis 7:1. Noko kunjalo, koonyana abathathu bakaNowa, kwavela ngokukhawuleza umahluko omnye omkhulu njengalowo wabonakala kwihlabathi elaliphambi koNogumbe. KuShem, kuHam, nakuYafete, ababeza kuba ngabaseki boluntu, kwabonakaliswa kwangaphambili izimilo zenzala yabo.ANa 117.2

    UNowa, ethetha ngempefumlelo yezulu, wayixela kwangaphambili imbali yezizwe ezithathu ezaziya kuphuma kwaba bazali bohlanga loluntu. Elanda isizukulwana sikaHam, ngonyana, hayi ngoyise, wathi, “Makaqalekiswe uKanan, abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.” Ulwaphulo lomthetho olwalungelulo olwemveli kuHam, luxela ukuba kwakukudala wayilahlayo ebomini bakhe imbeko yokuba ngumntwana, lwatyhila ukungahloneli Thixo nokungcola kwesimilo sakhe. Ezi mpawu zobubi zaqhubeka kuKanan nenzala yakhe, okwathi ukuqhubeka kokona kwakhe kwabazisela izigwebo zikaThixo.ANa 117.3

    Kwelinye icala, imbeko eyabonakaliswa nguShem noYafete kuyise, ngokunjalo nakwimithetho kaThixo, yathembisa ikamva eliqaqambileyo kwizizukulwana zabo. Xa kuthethwa ngaba nyana kwathiwa, “Makabongwe uYafete, ahlale ezintenteni zikaShem, uKanan abe sisicaka kubo.” Umnombo kaShem wawuza kuba ngowabantu abanyuliweyo, bomnqophiso kaThixo, woMhlanguli ekwathenjiswa ngaYe. UYehova wayenguThixo kaShem. Kuye kwakuza kuphuma uAbraham, nabantu bakaIsrayeli, ekwakuya kuthi kubo kuvele uKristu. “Hayi uyolo lwabantu abaThixo unguYehova!” Ndumiso 144:15. UYafete “ahlale ezintenteni zikaShem.” Kwiintsikelelo zendaba ezilungileyo, isizukulwana sikaYafete sasiya kuba nesabelo ngendlela ekhethekileyo.ANa 117.4

    Inzala kaKanan yehla yaya kowona mgangatho uphantsi wobuhedeni. Nangona isiqalekiso sesiprofeto sababekela ukuba babengamakhoboka, intshabalalo yabekelwa iinkulungwane (ezilandelayo). UThixo wakunyamezela ukungabi ngcwele kwabo nenkohlakalo yabo bada badlula kumda wokunyamezelwa lizulu. Emva koko balahlwa, babangamakhoboka kwinzala kaShem noYafete.ANa 118.1

    Isiprofeto sikaNowa sasingasekelezanga amaqhinga okuvakalisa umsindo okanye ukubabaza uthando lokuzithandela (okusemaqhingeni). Asizange simisele isiphelo soonyana bakhe. Sabonisa nje kuphela ukuba siya kuba yintoni isiphumo sendlela yobomi abazikhethela ngokwahlukeneyo kunye nesimilo abasiphuhlisayo. Sasikukuvakalisa injongo kaThixo ngakubo kunye nenzala yabo ngokwesimilo nokuziphatha kwabo. Ngokomthetho, abantwana bathabatha njengelifa iindlela ababona ngazo abazali kunye nokuziphatha kwabo, baze balinganise umzekelo wabo; zize izono zabazali zenziwe ngabantwana ukusuka kwisizukulwana kuye kwesinye. Ngolo hlobo ububi nokungahloniphi kukaHam kwabonakala kwinzala yakhe, kuzisa isiqalekiso phezu kwayo kwizizukulwana ezininzi. “Umoni emnye utshabalalisa okulungileyo okuninzi.” Intshumayeli 9:18.ANa 118.2

    Kwelinye icala, yaba nomvuzo omkhulu kangakanani intlonipho kaShem kuyise; bunjani bona ubuhle bomnombo wamadoda angcwele ovela kwinzala yakhe! “NguYehova umazi wemihla yabagqibeleleyo,” “nembewu yalo iyintsikelelo.” Ndumiso 37:18, 26. “Yazi ke, ukuba uYehova uThixo wakho nguye uThixo, uThixo wenyaniso, obagcinela umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe, ase ewakeni lesizukulwana.” Duteronomi 7:9.ANa 118.3

    Kwaba lixesha elithile izizukulwana zikaNowa zihleli phakathi kweentaba apho umkhombe waya wazinza khona. Ngokwanda kwamanani abo, ukreqo lwakhokelela ekwahlukaneni. Abo babenqwenela ukumlibala uMdali wabo, nokulahla ukunqandwa ngumthetho waKhe, baziva bekruqukile yimfundiso nomzekelo wamaqabane abo awoyika uThixo, baza bathi, emva kwexesha, bagqiba ukuba bazahlule kwabanqula uThixo. Ngaloo ndlela, bahamba baya kwithafa leShinar, kwiindonga zomlambo iEFrata. Babetsalwe bubuhle bokuma nobutyebi bomhlaba, baza bagqiba ukuba balakhe kweli thafa elabo ikhaya.ANa 118.4

    Bagqiba ukuba apha bakhe isixeko, bathi kuso bakhe inqaba ephakame kakhulu ukuba ibe ngummangaliso kulo lonke ihlabathi. Lemisebenzi yayulungiselelwe ukunqanda abantu ekumkeni bathi saa beyimiqodi. UThixo wayeyalele ukuba abantu basasazeke kuwo wonke umhlaba, bawuzalise, bawoyise; kodwa aba bakhi beBhabheli bazimisela ukubagcina abantu bemanyene beliqela elinye, baze bakhe ubukumkani obabuya kuthi ekugqibeleni luwubandakanye wonke umhlaba. Ngaloo ndlela isixeko sabo sasiya kuba sisixekokazi sobukumkani belizwe liphela; uzuko lwaso lunyanzelise ukuthandwa nembeko yehlabathi nokuba lwenze ukuba abaseki baso baziwe njengabanodumo olubalaseleyo. Inqaba ebalasele ngobuhle, efikelela emazulwini, kwakujongwe ukuba ime njengesikhumbuzo samandla nobulumko babakhi bayo, kufikelele udumo lwabo kwizizukulwana zabo ezilandelayo kude kuse ephakadeni.ANa 119.1

    Abahlali bethafa leShinare abazange bakholelwe kumnqophiso kaThixo wokuba akasayi kuphinda azise uNogumbe phezu komhlaba. Abaninzi babo abazange bakholelwe kubukho bukaThixo baza bathi uNogumbe wabangwa zizenzo zemveli. Abanye bakholelwa kOngaphezu konke, nokuba nguYe owatshabalalisa abantu ababephila kwihlabathi laphambi koNogumbe; zaza iintliziyo zabo, njengaleyo kaKayin, zanovukelo ngakuYe. Into enye ababejonge kuyo ngokwakha inqaba, yayiyinkuseleko yabo xa kunokubakho omnye unogumbe. Ngokusenza isakhiwo ukuba siye ngaphaya kokuphakama okwafikelelwa ngamanzi kaNogumbe, babecinga ukuzibeka kwindawo engenakuze ifikelelwe yingozi. Bathi kuba bekwazi ukunyukela kumhlaba ofikelela emafini, bathemba ukuba bangaqinisekisa ukuba yintoni eyenza uNogumbe. Iyonke le nto yayibonakalalisa ikratshi labenzi bayo nokususa iingqondo zezizukulwana zexesha elizayo kuThixo zikhokelelwe ekunquleni izithixo.ANa 119.2

    Yathi yakuba inqaba inendawo esele igqityiwe ukwakhiwa, kwahlalwa kuyo njengendawo yabakhi; amanye amagumbi, efakwe iimpahla ezintle, ehonjisiwe, anikelwa kwimifanekiso eqingqiweyo. Abantu bonwatyiswa yimpumelelo yabo, babadumisa oothixo besilivere negolide, bazibeka njengabachasene noMlawuli wezulu nomhlaba. Ngequbuliso, umsebenzi obuhambela phambii ngempumelelo wamiswa. Iingelosi zathunyelwa ukuba ziyiphuthise injongo yabakhi. Inqaba yayifikelele kubude obuphakame kakhulu, kwaye kunzima kubantu abasebenza phezulu ukuba bathethe ngqo nabo babephantsi; kwafuneka ukuba abantu babekwe kwiindawo ezithile, elowo afumane abuye abike kolandelayo umbiko wezixhobo ezifunekayo okanye eminye imiyalelo engomsebenzi. Zathi xa izigidimi zisihla zinyuka zisuka komnye zisiya komnye,ulwimi lwabhidana, nto leyo eyenza ukuba isixhobo esibiziweyoingabi seso sifunekayo, nemiyalelo ehanjiswayo ibe yechasene neyona ibinikiwe. Kwalandela isiphithiphithi nokukhwankqiswa. Wema ngxi wonke umsebenzi. Akwaba sabakho ukuvumelana nokusebenzisana. Abakhi abakwazi mpela ukuqonda nokuchaza ukungavani phakathi kwabo, basuka ngomsindo nokucaphuka bangxolisana. Imbumba yokusebenza kwabo yaphela ngokulwa nokuphalala kwegazi. Imibane yezulu, ingqina ngokunganeliseki kukaThixo, yayaphula incopho yenqaba yayilahla phantsi emhlabeni. Abantu benziwa ukuba baqonde ukuba ukho uThixo olawulayo emazulwini.ANa 119.3

    Ukuza kufikelela kweli xesha, bonke abantu babethetha ulwimi olunye; kodwa ngoku, abo baqondanayo ngentetho, bahlangana bangamaqela; abanye baya kwelinye icala, abanye kwelinye. “UYehova wabachithachitha kwalapho ehlabathini lonke.” Oku kuhlakazwa kwaba yindlela yokulizalisa ngabantu ihlabathi, yaba injongo kaThixo iyafezeka kanye ngesi sixhobo abantu bebesisebenzisela ukuthintela ukuzaliseka kwayo.ANa 120.1

    Ilahleko engako, kubantu ababezimisele ukuchasana noThixo! Yayiyinjongo yaKhe ukuba, bathi abantu xa behamba besiya kuqala izizwe kwiindawo ezahlukeneyo zomhlaba, bathwale ukwaziwa kwentando yaKhe, ukuze ukukhanya kwenyaniso kukhanye kungacimi kwizizukulwana ezilandelayo. UNowa, umshumayeli onyanisekileyo wobulungisa, waphila amakhulu amathathu anamashumi amahlanu eminyaka emva koNogumbe, uShem amakhulu amahlanu, ngoko izizukulwana zabo zaba nalo ithuba lokuqhelana neemfuno zikaThixo nembali yokuphatha kwaKhe ooyise. Abazange bathande ukuzimamela ezi nyaniso zingaginyeki kakuhle; babengalangazeleli ukumgcina uThixo elwazini lwabo; kwaza ngokudutywa kweelwimi, banqandwa kakhulu noko, ekuhlanganeni nabo babenokubanika ukukhanya.ANa 120.2

    Abakhi benqaba yeBhabheli babeziyekele kumoya wokukrokrela uThixo. Endaweni yokukhumbula inceba yaKhe ngakuAdam benombulelo, kunye nobabalo lomnqophiso waKhe kuNowa, bakhalaza ngokuba ngqongqo kwaKhe ngokugxotha isibini sokuqala e-Eden nokutshabalalisa ihlabathi ngamanzi. Eyona nto, ngeli xesha bekhalazela uThixo ngogonyamelo nobungqongqo, babesamkela ulawulo loyena mphathi ukhohlakeleyo. USathana wayefuna ukuzisa ukudelelwa kwiminikelo yemibingelelo eyayisalatha ekufeni kukaKristu; kuthi, njengoko iingqondo zabantu zimfanyekiswe kukunqula izithixo, abakhokelele ekwenzeni oonomgogwanabeminikelo, babingelele ngabantwanababo kwizibingelelo zoothixo babo. Xa besimka abantu kuThixo, iimpawu ezingcwele, ubulungisa, ubunyulu, nothando, kwema endaweni yazo ingcinezelo, ubundlobongela, nenkohlakalo.ANa 120.3

    Abantu baseBhabheli babezimisele ukumisa ulawulo olwaluza kuzimela lungaxhomekeki kuThixo. Babekho kodwa abanye phakathi kwabo, ababemoyika uYehova, kodwa ababelahlekisiwe ziintetho zabangahloneli Thixo batsalwa ngamacebo abo. Ngenxa yaba bathembekileyo, uYehova wazilibazisa izohlwayo zaKhe wabanika abantu ithuba lokuba basityhile esona similo sabo sisiso. Ngokuya kuphuhla oku, oonyana bakaThixo basebenza nzima ukubabuyisa kwinjongo yabo; kodwa abantu babemanyene kwilinge labo lokudelela izulu. Ukuba babenganqandwanga, ngebalonakalisa ihlabathi kwasebutsheni balo. Imbumba yabo yayisekwe phezu kovukelo; ubukumkani obakhelwe ukuziphakamisa, apho uThixo wayengayi kuba nalulawulo okanye ukuhlonitshwa. Ukuba le mbumba yayivunyelwe, igunya elinamandla ngelaphumelela ukubugxotha ubulungisa emhlabeni; kuze kumke nabo uxolo, ulonwabo, nenkuseleko. Endaweni yomyalelo wezulu, lowo “ungcwele, unobulungisa, ulungile,” (Roma 7:12), abantu bazama ukumisa imithetho evumelana nentando yokuzithandela kwabo, neentliziyo zabo ezikhohlakeleyo.ANa 123.1

    Abo bamoyikayo uYehova bakhala kuYe ukuba angenelele. “UYehova wehla, eza kukhangela umzi lowo, nenqaba leyo inde, bayakhayo oonyana boluntu.” Ngenceba awaba nayo ngakwihlabathi, wayichitha injongo yabakhi benqaba, wasibhukuqa isikhumbuzo sobugorha babo. Ngenceba, wayidubaduba intetho yabo, enqanda inkqubela yenjongo yovukelo lwabo. UThixo uyabunyamezela ubugwenxa babantu, ebanika ithuba elaneleyo ukuba baguquke; kodwa uyawaphawula onke amacebo abo okumelana negunya lomthetho waKhe onobulungisa nongcwele. Kumaxesha ngamaxesha isandla esingabonwayo esiphethe intonga yolawulo siyolulwa ukuba sibunqande ubugwenxa. Ubungqina obungenako ukuphazanywa bukhona bokuba uMdali weyunivesi, Lowo unobulumko obungenamda nothando nenyaniso ezingenamda, ungumlawuli omkhulu wezulu nomhlaba, kwaye kungekho unokudelela amandla aKhe angabi natyala.ANa 123.2

    Amaqhinga abakhi beBhabheli aphela ezintloni nokoyiswa. Isikhumbuzo soqhankqalazo lwabo saba sisikhumbuzo sobudenge babo. Sekunjalo, abantu basaqhubeka belandela kwa-elo khondo, bexhomekeka ku-mna, bewala umthetho kaThixo. Ngumthetho-siseko uSathana awazama ukuwenza ezulwini; kwa-lowo walawula uKayin ekunikeleni kwakhe umnikelo wakhe.ANa 123.3

    Bakho abakhi benqaba nangeli lethu ixesha. Abantu abangakholwayo bazakhela iingcamango zabo koko bakufumana kwisayensi, baze balilandule ilizwi elityhiliweyo likaThixo. Bazithabathela umsebenzi wokugweba ulawulo lukaThixo lwendlela yokuziphatha; bayawudelela umthetho waKhe baze baqhayise ngokufaneleka kokucinga koluntu. Bathi, kuba “isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.” Intshumayeli 8:11.ANa 124.1

    Kwilizwe elizibiza ngobuKristu, baninzi abasukayo kwimfundiso ecacileyo yeBhayibhile bazakhele izivumo zokholo zokucinga kwabantu neentsomi ezonwabisayo, baze balathe kwinqaba yabo njengendlela yokunyuka ukuya ezulwini. Abantu baxhoma uthando lwabo kwimilebe enobuciko ngexesha ifundisa ukuba umoni akasayi kufa, nokuba usindiso lungazuzwa ngaphandle kokuthobela umthetho kaThixo. Ukuba abazibiza ngokuba ngabalandeli bakaKristu bebengamkela umgangatho kaThixo, oko bekuya kubazisa kubunye; kodwa lo gama ubulumko bomntu buphakanyiswa ngaphezu kweLizwi laKhe eliNgcwele, kuya kubakho iiyantlukwano neembambano. Isiphithi-phithi esikhoyo sempixano yeenkolo namahlelo eenkonzo sichazwa ngokuthe ngqo sisaci “iBhabheli,” esibhekisa kuyo isiprofeto (IsiTyhilelo 14:8; 18:2) xa sithetha ngebandla lemihla yokugqibela elithanda ihlabathi.ANa 124.2

    Abaninzi bazama ukuzenzela izulu labo ngokuzuza ubutyebi namandla. “Bathetha ngokubandezela; benobubi, bathetha iindumbisa zamazwi.” (Ndumiso 73:8), benyathelela phantsi amalungelo abantu belityeshela igunya lezulu. Abo baziphakamisayo banganamandla amakhulu okwexesha, bazibone bephumelela kuko konke abakwenzayo; kodwa ekugqibeleni, baya kufumana kuphela udano nokuxhwaleka.ANa 124.3

    Ixesha likaThixo lophengululo lifikile. Osenyangweni uza kuhla ukuba abone oko abantwana babantu bakwakhileyo. Ubungangamsha baKhe buya kutyhilwa; imisebenzi yokuziphakamisa komntu ilahlwe phantsi. “Uqondele esemazulwini uYehova; uyababona bonke oonyana babantu; esendaweni yakhe yokuhlala, wondele kubemi bonke behlabathi.” “UYehova ulitshitshisile icebo leentlanga; uzalele iingcinga zezizwe. Icebo likaYehova limi ngonaphakade, iingcinga zentliziyo yakhe kwizizukulwana ngezizukulwana.” Ndumiso 33:13, 14, 10, 11.ANa 124.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents