Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    29—Ukuchasa Umthetho KukaSathana

    Uvukelo lokuqala lukaSathana, zisuka nje, lwalujonge ukubhukuqa umthetho kaThixo, lusenziwa phakathi kwabemi abangenasono basezulwini, lwaza, okwethutyana, lwakhangeleka ngathi lunempumelelo. Iqela elikhulu leengelosi lakhohliseka; kodwa okwakubonakala ngathi luloyiso lukaSathana kwaba nesiphumo sokoyiswa nelahleko, ukwahlukana noThixo nokugxothelwa ngaphandle kwezulu.ANa 331.1

    Yathi yakuphindwa emhlabeni imfazwe, uSathana wazuza into embonakalo yayo ingathi luloyiso. Ngokwaphula umthetho, umntu waba libanjwa lakhe, baza ubukumkani bomntu ngokungcatshwa, bawela ezandleni zomvukeli omkhulu. Ngoku, yakhangeleka ivulekile indlela kuSathana ukuba amise ubukumkani obuzimele geqe, nokuba adelele igunya likaThixo kunye noNyana waKhe. Sekunjalo, icebo losindiso lenza ukuba umntu aphinde abuyiselwe kubudlelwane noThixo, nokuba awuthobele umthetho waKhe, ukuze, kokubini, umntu kunye nomhlaba, ekugqibeleni, kuhlangulwe kwigunya longendawo.ANa 331.2

    Waphinda woyiswa uSathana, kodwa wabuya wayibuyisela inkohliso, enethemba lokuguqula ukoyiswa kwakhe kube luloyiso. Ukuvusa uvukelo kuhlanga oluwileyo, wamveza ngoku uThixo njengongenabo ubulungisa ngokumvumela umntu ukuba awophule umthetho waKhe. “Ngokuba kutheni?” watsho umlingi olichule, “njengoko uThixo wayesazi ukuba sasiya kuba yintoni isiphumo, ukuze avume ukuba umntu abekwe kuvavanyo, esonweni, ukuze kubekho inkxwaleko nokufa?” Abantwana baka-Adam, ngomonde wenceba owanika umntu olunye uvavanyo, naxa sekukho umbingelelo omangalisayo oluthe uvukelo lwakhe [umntu] lwanexabiso elibubomi boKumkani wezulu, baphulaphula umlingi, bamkrokrela Lowo ekuphela kwaKhe onokubasindisa kwigunya elitshabalalisayo likaSathana.ANa 331.3

    Kukho amawaka abantu namhlanje abaphinda olo vukelo lokumkhalala uThixo. Ababoni ukuba ukumvimba inkululeko yokuzikhethela kungaba kukumhlutha ilungelo njengomntu onobuchopho, kumenze oko umashini ozisebenzayo. Asiyiyo injongo kaThixo ukuyinyanzela intando. Umntu wadalwa wasisidalwa esinenkululeko ekuziphatheni. Njengabemi bawo onke amanye amazwe, kufuneka abe phantsi kovavanyo lwentobelo; kodwa akaze abekwe kwimeko apho ukoyiseka bububi kuba yinto enyanzelekileyo. Akukho silingo okanye sihendo sivunyelwayo ukuba sifike kulowo ongekhe akwazi ukumelana naso. UThixo weyenze umsindleko owaneleyo kangangokuba, umntu wayengamele ukuba woyiswa edabini noSathana.ANa 331.4

    Ngokuya besanda abantu emhlabeni, phantse wonke umhlaba wangenelela kwimikhosi yovukelo. Kwakhona, uSathana waba ngathi uzuza uloyiso. Usomandla waphinda wawuqhawula umsebenzi wobugwenxa, waza umhlaba wacocwa kwimo yokuzingcolisa kwawo ekuziphatheni ngoNogumbe.ANa 332.1

    Uthi umprofeti, “Xenikweni imigwebo yakho ibhekiswe ehlabathini, baya kufunda ubulungisa abemi belimiweyo. Nokuba uthe wababalwa ongendawo, akafundi bulungisa; . . . akabuboni ubungangamsha bukaYehova.” Isaya 26:9, 10. Kwakunjalo emva kukaNogumbe. Bakuba bekhululekile kwizigwebo zaKhe, abemi basemhlabeni baphinda bamvukela uYehova. Kabini, umnqophiso kaThixo nemimiselo yaKhe isaliwa lihlabathi. Omabini amaqela abantu, phambi kukaNogumbe nenzala kaNowa balilahla igunya lezulu. Ngoko uThixo wangena emnqophisweni noAbraham, wathabathela kuYe abantu ukuba babe ngabagciniswe umthetho waKhe. Ukulahlekisa nokutshabalalisa aba bantu, uSathana waqala kwangoko ukubeka izabatha zakhe. Abantwana bakaYakobi balingwa ukuba bangene emitshatweni nabahedeni, nokuba banqule izithixo zabo. Yena uYosefu wayethembekile kuThixo, kwaza ukunyaniseka kwakhe kwaba bubungqina kwinkolo yenyaniso. Yayikukuzama ukucima oku kukhanya okwenza ukuba uSathana asebenze ngomona wabakhuluwa bakaYosefu ukwenza ukuba athengiswe njengekhoboka elizweni labahedeni. Sekunjalo, UThixo wazilawula iziganeko, ukuze ukwaziwa kwaKhe kunikezwe kubantu baseYiputa. Kuko kokubini, endlwini kaPotifaro nasentolongweni, uYosefu wafumana imfundo noqeqesho olwathi, lunokoyika uThixo, lwamlungisela isikhundla sakhe esiphezulu njengenkulu-mbuso yesizwe. Ukususela kwibhotwe likaFaro, impembelelo yakhe yaviwa kumhlaba wonke, nokwaziwa kukaThixo kwasasazeka kude nangokubanzi. AmaIsrayeli eYiputa aba nempumelelo, azizityebi, ngenxa yoko, athi ngokunyaniseka kuThixo, asasaza impembelelo kwindawo yonke. Ababingeleli ababenqula izithixo bazaliswa kukothuka bakubona inkolo entsha ithandwa. Bathi, bephenjelelwe nguSathana ngobakhe ubutshaba ngakuThixo, bazimisela ukukucima ukukhanya. Kwanikelwa kubabingeleli ukufundiswa kwendlalifa eza kulandela ukuhlala etroneni, yaza yaba ngulo moya owagqiba ngenkcaso kuThixo nenzondelelo yonqulo-zithixo ekwakhiweni kwesimilo sekumkani yexesha elizayo, waza wakhokelela kwinkohlakalo nengcinezelo ngakumaHebhere.ANa 332.2

    Ngexesha leminyaka engamashumi amane uMoses ebalekile eYiputa, kwaba ngathi loyisiwe unqulo lwezithixo. Umnyaka ngomnyaka amathemba amaIsrayeli aya efiphala ngokufiphala. Bobabini, ukumkani nabantu, bavuyela amandla abo, bamgculela uThixo kaIsrayeli. Le nto yakhula yada yafikelela kuFaro awajongana naye uMoses. Naxa inkokeli yamaHebhere yema phambi kokumkani inesigidimi esivela ku“Yehova, uThixo kaIsrayeli,” yayingekuko ukungamazi uThixo oyinyaniso, kodwa ikukudelela amandla aKhe, okwenza ukuba kubekho impendulo ethi, “Ngubani na uYehova, ukuba ndiphulaphule izwi lakhe? . . . Andimazi uYehova.” Kususela kwasekuqaleni kuse ekugqibeleni, ukuchasa kukaFaro umyalelo wezulu kwakungaphumi ekungazini, kodwa kwakuyintiyo nokudelela.ANa 333.1

    Nangona amaYiputa ayenexesha elide ekwala ukumazi uThixo, uYehova wayesawanikile ithuba lokuguquka. Ngemihla kaYosefu, iYiputa yayiyindawo yokubalekela kuIsrayeli; uThixo waphakanyiswa bububele obaboniswa ngabantu baKhe; ngoku Lowo unokunyamezela, ozeka kade umsindo, nozele yimfesane, wanika isigwebo ngasinye ngexesha ukuba senze umsebenzi waso; amaYiputa, eqalekiswe ngezi zinto kanye ayezinqula, aba nobungqina obuphathekayo ngamandla kaYehova, aza onke awayenakho, azinikela kuThixo asinda kwizigwebo zaKhe. Iinkani nokuqhankqalaza kukakumkani kwaba nesiphumo sokusasazeka kokumazi uThixo, nokuzisa abaninzi bamaYiputa ekuzinikeleni ekukhonzweni kwaKhe.ANa 333.2

    Kwakungenxa yokuba amaIsrayeli ayekuthande kakhulu ukuzihlanganisa nabahedeni nokulinganisa kwabo ukunqula izithixo okwenza ukuba uThixo abavumele baye eYiputa, apho yayivakala kakhulu impembelelo kaYosefu, nalapho iimeko zazibavumela ukuba bahlale bengabantu abakhethekileyo. Kukwalapha apho unqulo lwezithixo olukhulu lwamaYiputa nenkohlakalo nengcinezelo yawo ngemihla yokugqibela yokuphambukela kwamaHebhere kwakunokuwakhuthaza ukuba akuthiye ukunqula izithixo, kuze kuwakhokelele ekusabeni afune inkuseleko kuThixo wooyise. Oku kubonelela kukaThixo, kuko kanye uSathana afune ukuba usebenzisa ukufezekisa injongo yakhe, ukuzenza mnyama iingqiqo zamaIsrayeli nokuwakhokelela ukuba alinganise izenzo zeenkosi zawozabahedeni.Ngendlelayenkolo yokuhlonitshwa kwezilwanyana ngamaYiputa, amaHebhere ayengavumelekanga, ngexesha lobukhoboka bawo, ukuba enze imibingelelo. Ngenxa yoko, iingqondo zawo azizange zikhokelelwe kuMbingelelo omkhulu yile nkonzo, nokholo lwawo lwababuthakathaka. Lathi lakufika ixesha lokukhululwa kukaIsrayeli, uSathana wazimisela ukumelana neenjongo zikaThixo. Kwaba sekuzimiseleni kwakhe ukuba, olu hlanga lukhulu lwabantu, beyimiphefumlo engaphezu kwezigidi ezibini, kufuneka begcinwe bengazi, beneenkolo. Abantu awaye uThixo wabathembisa ngokubasikelela nokubandisa, ukubenza igunya emhlabeni, waza kuthi ngabo enze abagcini bomthetho waKhe, ngabo kanye uSathana awayefuna ukubagcina besemfihlakalweni nasebukhobokeni, ukuze akucime ezingqondweni zabo ukukhumbula uThixo.ANa 333.3

    Kwathi kwakwenziwa imimangaliso phambi kokumkani, waye ekho uSathana ukuba ayithintele impembelelo yayo, amthintele noFaro ekubuvumeni ubukhulu bukaThixo nasekuthobeleni umyalelo waKhe. USathana wenza konke okusemandleni akhe ukwenza okufana nomsebenzi kaThixo nokumelana nentando yaKhe. Esona siphumo yaba kukulungiselelwa kwemiboniso emikhulu yamandla angcwele nobuqaqawuli, nokwenza kucace ngakumbi, kumaIsrayeli nakuwo onke amaYiputa, ubukho bobungangamsha bukaThixo oyinyaniso nophilileyo.ANa 334.1

    UThixo wamhlangula uIsrayeli ngemiqondiso emikhulu yamandla aKhe, nangemigwebo phezu kwabo bonke oothixo baseYiputa. “Wabakhupha abantu bakhe benemihlali, abanyulwa bakhe bememelela: . . . ukuze bayigcine imimiselo yakhe, bayibambe imiyalelo yakhe.” Ndumiso 105:43-45. Wabahlangula kwimeko yobukhoboka babo, ukuze abazise kwilizwe elilungileyo — ilizwe elathi ngokwazelelela kwaKhe lalungiselelwa bona njengendawo yokubalekela ukusaba kwiintshaba zabo, apho babeya kuhlala khona phantsi komthunzi wamaphiko aKhe. Wayeza kubazisa kuYe, abawole ngeengalo zaKhe ezingunaphakade; kuze ukubuyekeza konke ukulunga nenceba yaKhe kubo, kufuneke ukuba bona bangabi nathixo bambi ngaphandle kwaKhe (uYehova), uThixo ophilileyo, baliphakamise igama laKhe balenze lizukiswe emhlabeni.ANa 334.2

    Ngexesha lobukhoboka eYiputa, amaIsrayeli amaninzi, kakhulukazi, alahlekana nokuwazi umthetho kaThixo, axuba imiyalelo namasiko nezithethe zabahedeni. UThixo wabazisa eSinayi, waza apho, ngelaKhe ilizwi, wawuvakalisa umthetho waKhe.ANa 334.3

    USathana nezithunywa zakhe ezikhohlakeleyo babekho kula ndawo. Nangexesha uThixo wayevakalisa umthetho waKhe, uSathana wayeceba ukubalinga ukuba bone. Aba bantu uThixo abanyulileyo, (uSathana) wayeza kubahlutha kuYe, iZulu lijongile. Ngokubakhokelela ekunquleni izithixo, wayeza kutshabalalisa ukusebenza kwalo lonke unqulo; kuba yayinokwenzeka njani into yokuphakanyiselwa komntu phezulu kukunqula into engamdluliyo nenokufuziselwa ngumsebenzi wezakhe izandla? Ukuba umntu ebengamfamekiswa kangako kwigunya, kubungangamsha, nobuqaqawuli boThixo ongenasiphelo, kangangokuba enze ukuba amelwe ngumfanekiso oqingqiweyo, okanye isilwanyana, okanye icikilishe; ukuba bangathi balibale kangako olwabo ulwalamano nezulu, bade benze umfanekiso woMenzi wabo, bade baguqe phantsi kwezi zinto zithiyekileyo nezingenayo ingqondo—ngoko ke indlela yayivulekile ukuba kubekho isivumelwano esingekho mgangathweni; iinkanuko ezimbi zentliziyo zazingayi kulawuleka,aze uSathana abe nolawulo olupheleleyo.ANa 335.1

    Kanye emazantsi eSinayi, uSathana waqala ukwenza amacebo akhe okubhukuqa umthetho kaThixo, ngolo hlobo eqhubela phambili umsebenzi wakhe awawuqala ezulwini. Ngeentsuku ezimashumi mane uMoses esentabeni noThixo, uSathana waxakeka efaka intandabuzo, ukukreqa, novukelo. Ngeli xesha uThixo ebhala phantsi umthetho waKhe, owawuza kunikelwa kubantu baKhe bomnqophiso, amaIsrayeli, ekutshikilela ukunyaniseka kwawo kuYehova, ayefuna ngamandla oothixo begolide! Wathi akubuya uMoses kubuqaqawuli obungcwele oboyikekayo, ephethe imiyalelo yomthetho ababebhambathise ukuba baya kuyithobela, wabafumana bekuqhankqalazo oluphandle ngakwimiyalelo leyo, bethoba ngentlonipho phambi komfanekiso wegolide.ANa 335.2

    Ngokukhokelela uIsrayeli kwesi sithuko nonyeliso lunesibindi ngakuYehova, uSathana wayecebe ukubazisela intshabalalo yabo. Njengoko bona ngokwabo bazibonakalisa ukuba bahlazeke ngokwenene, balahlekwe yiyo yonke ingqondo yamalungelo neentsikelelo uThixo awayebanikile, baza bathi kwizibhambathiso zabo abazenzayo ezinendili nabaziphindayo zokuba baya kunyaniseka, wakholwa [uSathana] ukuba, uYehova uya kubalahla bemke kuye abanikele entshabalalweni. Ngaloo ndlela yayiya kuba ifunyenwe indlela yokutshabalalisa imbewu ka-Abraham, imbewu yesithembiso eyayiza kugcina ukwaziwa kukaThixo ophilayo, nalowo eyayiya kufika ngaye—iMbewu yenyaniso, eyayiza koyisa uSathana. Umvukeli omkhulu wayecebe ukumtshabalalisa uIsrayeli, abe ngaloo ndlela uyaziphuthisa iinjongo zikaThixo. Sekunjalo, nangeli xesha, woyiswa. Benesono benjalo, abantu bakwaIsrayeli abazange batshatyalaliswe. Nangona abo bazayamanisa necala likaSathana baya banqanyulwa, abantu abazithobayo baguquka, ngenceba baxolelwa. Imbali yesi sono yayiza kuma ibe bubungqina obungunaphakade bobutyala nokohlwaywa konqulo lwezithixo, kunye nobulungisa basemthethweni nokuzeka kade umsindo kwenceba kaThixo.ANa 335.3

    Iyunivesiyonkeyayibona imibonisoyaseSinayi.Ekusebenzeni kwamagunya amabini olawulo, wabonakala umahluko phakathi kolawulo lukaThixo nolukaSathana. Kwakhona, abemi abangenasono bamanye amazwe bazibona iziphumo zokreqo lukaSathana, nohlobo lolawulo awayeza kulumisa ezulwini ukuba wayevunyelwe ukuba kwenzeke ngokuthanda kwakhe.ANa 336.1

    Ngokwenza ukuba umntu ophule umthetho wesibini, uSathana wayejonge ukuyihlisa imbono yabo ngaLowo uNgcwele. Ngokubekela bucala umthetho wesine, wayeya kubenza ukuba bamlibale ngokupheleleyo uThixo. Ibango likaThixo lokuhlonitshwa nokunqulwa, ngaphezu koothixo babahedeni, lisekwe kwinto yokuba unguMdali, nokuba zonke ezinye izinto zixhomekeke kuzo ngobukho bazo. Ibekwe ngolo hlobo eBhayibhileni. Uthi umprofeti uYeremiya: “Ke yena uYehova nguThixo, inyaniso, nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade. . . . Oothixo abangalenzanga izulu nehlabathi, baya kudaka ehlabathini, naphantsi kwezulu. Ke yena ngulowenza ihlabathi ngamandla akhe; ulozinzisa elimiweyo ngobulumko bakhe; waneka izulu ngengqondo yakhe.” “Uba sisityhakala wonke umntu, engenakwazi; udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide ngumfanekiso oqingqiweyo, ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya. Zingamampunge ezo zinto, zizenzo zokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziyadaka. Akanjengazo yena uSahlulelo sikaYakobi, ngokuba ngumbumbi weento zonke yena.” Yeremiya 10:10-12, 14-16. ISabatha, njengesikhumbuzo samandla akhe okudala, yayalatha kuYe njengomenzi wamazulu nomhlaba. Kungoko ibubungqina obuthe rhoqo bobukho baKhe nesikhumbuzo sobukhulu baKhe, ubulumko baKhe, kunye nothando lwaKhe. Ukuba iSabatha ibiye yahlala igcinwe ngcwele, ngekungazange kwabakho umntu ongakholelwayo kubukho bukaThixo okanye umntu onqula izithixo.ANa 336.2

    Isimiso seSabatha, esaqala e-Eden, sidala njengoko unjalo umhlaba. Sagcinwa ngawo onke amanyange, kususela ekudalweni ukuhla. Ngexesha lobukhoboka eYiputa, amaIsrayeli ayenyanzelwa ngabaqhubi bawo ukuba ayophule iSabatha, aza alahlekana kakhulu nokubazi ubungcwele bayo. Ekuvakalisweni komthetho eSinayi, amazwi okuqala omthetho wesine athi, “Khumbula umhla wesabatha, ukuba uwungcwalise”--ubonisa ukuba iSabatha yayingamiselwa ngelo xesha; sikhonjiswa emva apho isuka khona ekudalweni. Ukuze acime uThixo ezingqondweni zabantu, uSathana wajolisa ekusingeleni phantsi esi sikhumbuzo sibalulekileyo. Ukuba abantu bangenziwa ukuba balibale uMdali, abasayi kuzama ukwenza ilinge lokumelana nobubi, aze uSathana aqiniseke ngamaxhoba akhe.ANa 336.3

    Ubutshaba bukaSathana ngakuThixo bamnyanzelisa ukuba alwe umthetho ngamnye kwimiThetho eliShumi. Kumthetho-siseko omkhulu wothando nokunyaniseka kuThixo, uYise wako konke, umthetho-siseko wothando lobuzalwana wayame kakhulu kuwo. Ukujongela phantsi kwegunya lobuzali kuya kukhawuleza ukukhokelela ekudeleleni igunya likaThixo. Ngeso sizathu, amalinge kaSathana ajoliswa ekunciphiseni amabango omthetho wesihlanu. Phakathi kwabantu abangabahedeni, umthetho-siseko onyanzeliswa kulo mthetho wathotyelwa kancinane. Kwizizwe ezininzi abazali bayalahlwa okanye babulawe ngako nje ukuba iminyaka ibenze bangakwazi ukuzondla. Ekhaya, umama wayenikwa imbeko encinane, kuthi kwakufa umyeni wakhe kufuneke ukuba athobe phantsi kwegunya lonyana wakhe wamazibulo. Ukuthobela kobuntwana kwanyanzeliswa nguMoses; kodwa ngokumka kukaIsrayeli kuYehova, umthetho wesihlanu, kunye neminye, wayekwa ukuthotyelwa.ANa 337.1

    USathana “waye esisibulala-mntu kwasekuqaleni” (Yohane 8:44); waza wathi, ngako nje ukuba azuze igunya phezu kohlanga loluntu, akanela nje ukubenza ukuba bathiye babulalane omnye nomnye, kodwa, bathi, ngokudlulisa bedelela igunya likaThixo, wabenza ukuba ukwaphula umthetho wesithandathu kube yinxalenye yenkolo yabo.ANa 337.2

    Ngokuba neembono ezigqwethekileyo ngeempawu zobungcwele, izizwe zabahedeni zenziwa ukuba zikholelwe ukuba imibingelelo yabantu iyafuneka ukuze kuzuzwe ukuthandwa ngoothixo; nezona nkohlakalo zimbi zahambela phambili phantsi kweendlela ezahlukeneyo zokunqulwa kwezithixo. Phakathi kwezi, yayisisenzo sokudluliswa kwabantwana emlilweni phambi kwezithixo zabo. Ubesithi omnye akudlula kule ntlungu engalimelanga, abantu bakholelwe ukuba iminikelo yabo yamkelekile; athi lowo uhlangulwe ngolo hlobo, athatyathwe njengothandwe ngendlela eyodwa ngoothixo, aze afunjwe ngezinto ezintle, aze ukususela ngoko ahlonitshwe kakhulu; kude kuthi nokuba kube kukhulu kangakanani ukuwaphula kwakhe umthetho, angaze ohlwaywe. Ubesithi ke omnye xa athe watsha ekudluleni emlilweni, abe ungofileyo; kwakukholelwa ukuba ingqumbo yoothixo ingathomalaliswa kuphela ngokubulala ixhoba, lize ngokunjalo linikelwe njengedini. Ngamaxesha okreqo olukhulu, lamasikizi ayexhaphakile, naphakathi kwamaIsrayeli.ANa 337.3

    Ukwaphulwa komthetho wesixhenxe, nako yinto eyenziwa phantsi kwegama lenkolo. Ezona nkonzozombulozimbinezithiyekileyo zaziyinxalenye yonqulo lobuhedeni. Oothixo bona ngokwabo babefuziselwe njengabangekho nyulu, nabakhonzi babo baziyekela ekulawulweni ziinkanuko eziphantsi. Ububi obungadalwanga babugquba kwaye imigidi yenkolo yayiphawulwa kukungcola okuthe tshitshilili nokusekuhleni.ANa 338.1

    Ukuba nabafazi abaninzi kwenziwa kwakwimihla yasekuqaleni. Kwakusesinye sezono ezehlisa ingqumbo kaThixo phezu kwabantu ababephila phambi koNogumbe. Kanti kuthe kunjalo, emva kukaNogumbe, kwaphinda kwasasazeka kwakhona. Yayililinge alifundisise kakuhle uSathana ukuze agqwethe ummiselo womtshato, aqhokre izinyanzeliso zawo, abuphelise ubungcwele bawo; kuba yayingekho enye indlela eqiniseke kakhulu yokucima umfanekiso kaThixo emntwini nokuvula ucango oluya kwintlupheko nobubi.ANa 338.2

    Kwasekuqaleni kwembambano enkulu, yayiyinjongo kaSathana ukusiveza ngendlela engeyiyo isimilo sikaThixo nokuvusa uvukelo ngakumthetho waKhe, kwaye lo msebenzi ukhangeleka ngathi unempumelelo. Iinkulungwane ziyakumamela ukulahlekisa kukaSathana zize zisimise kwicala elilwa noThixo. Sekunjalo, phakathi kokusebenza kobubi, iinjongo zikaThixo zithe chuu ukubheka phambili zifezeka; kuzo zonke izidalwa ezicingayo, uyabubonakalisa ubulungisa bomthetho kwanobubele baKhe. Ngokulingwa nguSathana, lonke uhlanga loluntu lungabaphuli bomthetho kaThixo, kodwa ngombingelelo woNyana waKhe, indlela ivulekile ekungathi ngayo babuyele kuThixo. Ngobabalo lukaKristu, bayakwazi ukuwuthobela umthetho kaBawo. Kungoko kuso sonke isizukulwana, kususela embindini wokreqo novukelo, uThixo uqokelela abantu abanyanisekileyo kuYe, bantu abo “[i]siyalo [sikaThixo sise]ntliziyweni yabo.” Isaya 51:7.ANa 338.3

    Yayiyinkohliso kaSathana eyalahlekisa iingelosi; ngaloo ndlela uwuqhubele phambili umsebenzi wakhe phakathi kwabantu, kwaye uya kukwenza oku kude kube sekupheleni. Ukuba angathi akubonakalise phandle ukulwa kwakhe noThixo nomthetho waKhe, abantu bangamqonda; kodwa uyazifihla, axube inyaniso nobuxoki. Olona lulahlekiso lunamandla lolo kuxutywe kulo inyaniso. Ngolo hlobo, iziphoso eziwuthimbayo ziwutshabalalise umphefumlo ziyamkelwa. Ngale ndlela, uSathana ulithwala ahambe nalo ihlabathi. Iyeza kodwa imini xa uloyiso lwakhe luya kuphela ngonaphakade.ANa 338.4

    Ukulusebenza kukaThixo uvukelo luya kufikelela apho awutyhila ngokupheleleyo umsebenzi okade uqhutywa ekhusini. Iziphumo zolawulo lukaSathana, iziqhamo zokubekela bucala imiyalelo engcwele, iya kwandlalwa ukuba ibonwe zizo zonke izidalwa ezinengqondo. UmthethokaThixo uya kuma ucace gca into oyiyo. Kuya kubonakalaANa 338.5

    ukuba konke ukuphatha kukaThixo kwakusenziwa ngokubhekiselele ekulungelweni okungunaphakade kwabantu baKhe, nokulungelwa kwawo onke amazwe awadalileyo. USathana ngokwakhe, phambi kweyunivesi yonke ebukeleyo, uya kubuvuma ubulungisa bolawulo lukaThixo kunye nobulungisa bomthetho waKhe.ANa 338.6

    Alikho kude ixesha aya kuthi ngalo uThixo asuke ukuba enze impindezelo ngokunyeliswa kwegunya laKhe. “UYehova uphuma endaweni yakhe, ukuze abuvelele kubo ubugwenxa babemi behlabathi.” Isaya 26:21. “Ngubani na ke onokuyinyamezela imini yokuza kwakhe? Ngubani na ke onokuma ekubonakaleni kwakhe?” Malaki 3:2. Abantu bakwaIsrayeli, ngenxa yesono sabo, balelwa ukuba beze entabeni ngexesha uThixo wayeza kuhla avakalise umthetho waKhe, hleze badliwe kukuvutha kobuqaqawuli boBukho baKhe. Ukuba isibonakaliso esinjalo samandla aKhe saphawula indawo ekhethekileyo yokuvakalisa umthetho kaThixo, inokoyikeka kangakanani inkundla yaKhe xa esiza kugweba ngenxa yemimiselo yaKhe! Abo balinyathelela phantsi igunya laKhe baya kumelana njani nobuqaqawuli baKhe ngemini enkulu yembuyekezo yokugqibela? Izinto ezoyikekayo ezazisenzeka eSinayi zazifuzisela ebantwini imibono yomgwebo. Isandi sexilongo labiza uIsrayeli ukuba ahlangane noThixo. Ilizwi lesiphatha-zithunywa nexilongo likaThixo liya kubiza wonke umhlaba, abaphilileyo nabafileyo phambi koMgwebi wabo. UYise noNyana bephahlwe yintlaninge yezithunywa zezulu, babekho apho entabeni. Ngemini enkulu yomgwebo, uKristu uya kuza “esebuqaqawulini boYise, enezithunywa zakhe.” Mateyu 16:27. Ngelo xesha uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli baKhe, zize zihlanganiselwe phambi kwaKhe zonke izizwe.ANa 339.1

    Ngexesha kubonakaliswa uBukho obungcwele phezu kweSinayi, ubuqaqawuli bukaYehova babunje ngomlilo odlayo phambi kwakhe wonke uIsrayeli. Kuya kuthi ke xa uKristu esiza esebuqaqawulini enezithunywa zaKhe ezingcwele, umhlaba wonke uya kukhanyiselwa kukukhanya okoyikekayo boBukho baKhe. “Uyeza uThixo wethu, akayi kuthi cwaka. Kudla umlilo phambi kwakhe. Ngeenxa zonke kuye sisaqhwithi esikhulu. Ubiza izulu phezulu, nehlabathi, ukuba agwebe phakathi kwabantu bakhe.” Ndumiso 50:3, 4. Umsinga womlilo uya kuhla uphuma phambi kwaKhe, oya kwenza ukuba iziqalelo zinyibilike bubushushu obukhulu, nomhlaba nawo, kunye nemisebenzi ekuwo, iya kutsha iphele.[Koba njalo] “ekutyhilekeni kweNkosiuYesu, ivela emazulwini inezithunywa zamandla ayo, inomlilo odangazelayo, ibaphindezela abangamaziyo uThixo, nabangazilulameliyo iindaba ezilungileyo.” 2 Tesalonika 1:7, 8.ANa 339.2

    Akuzange, seloko wadalwayo umntu, kwakha kwakho ukubonakaliswa okunjalo kwamandla ezulu, njengelixa kwakuvakaliswa umthetho eSinayi. “Lanyikima ihlabathi, lavuza izulu ebusweni bukaThixo, iSinayi leya [yashukunyiswa] ebusweni bukaThixo, uThixo kaIsrayeli.” Ndumiso 68:8. Phakathi kokuzamazama okukhulu kwendalo, ilizwi likaThixo, njengexilongo, lavakala liphuma efini. Intaba yashukuma ukusuka emazanti ukuya encotsheni, umkhosi kaIsrayeli, uluthuthu ungcangcazela kukoyika, wawa ngobuso phantsi emhlabeni. Lowo ozwi laKhe lashukumisa umhlaba, uthe, “Kusaya kuba mzuzwana endiyakuthi mna ndinganyikimisi mhlaba wodwa, ndinyikimise nalo izulu.” Hebhere 12:26. Sithi isiBhalo, “UYehova uya kubharhula phezulu, alikhuphe ilizwi lakhe ekhayeni lakhe eliyingcwele;” “linyikime izulu nehlabathi.” Yeremiya 25:30; Yoweli 3:16. Ngaloo mini inkulu izayo, izulu liya kumka “njengencwadi esongiweyo.” IsiTyhilelo 6:14. Zonke iintaba neziqithi ziya kusuka ezindaweni zazo. “Ihlabathi ke logxadazela njengenxila; lophephuka okwephempe mhla ngomoyakazi. Ihlabathi liyasindeka zizono zalo; losuka lithi folokohlo kube sisiphelo eso.” Isaya 24:20, IBHAYIBHILE.ANa 340.1

    “Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke,” “ubuso bonke busuke baluthuthu,” “zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile.” Bangenelwe kukoyika: “bafikelwe kukupenapena nayinimba.” “Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo” utsho uYehova, “ndiliphelise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi.” Isaya 13:7, 8, 11; Yeremiya 30:6.ANa 340.2

    Ngexesha uMoses wayebuya kuBukho obungcwele entabeni, apho wayamkele khona amacwecwe esingqino, uIsrayeli onetyala akazange akwazi ukumelana nokukhanya okwakubengezela kwimbonakalo yakhe. Kuya kubanjani ke ukuba nganeno kubaphuli bomthetho ukukwazi ukukhangela uNyana woMntu xa ebonakala esebuqaqawulini bukaYise, ephahlwe nguwo wonke umkhosi wezulu, ezokugweba abophuli bomthetho waKhe nabo balwalayo ucamagushelo lwaKhe. Abo bangawukhathalelanga umthetho kaThixo, balinyhasha phantsi kwenyawo igazi likaKristu, “ookumkani bomhlaba, namanene, nezityebi, nabathetheli-waka, nabanamandla,” bayakuzifihla“emiqolombeni nasemaweni eentaba,” bathi kwiintaba nakumawa “Siweleni, nisifihle ebusweni balowo uhleli phezu kwetrone, nasengqumbeni yeMvana; ngokuba ufikile umhla omkhulu wengqumbo yayo ngubani na ke onako ukuma?” IsiTyhilelo 6:15-17. “Ngaloo mini umntu uya kuziphosa ezintukwini nasemalulwaneni izithixo zakhe ezingeni zesilivere, nezithixo zakhe ezingeni zegolide, . . . angene ezimfanteni zamawa nasemiqhokrweni yeengxondorha, ngenxa yokoyika uYehova, nangenxa yozuko lobungangamsha bakhe, ekuphakameni kwakhe ukuba angcangcazelise ilizwe.” Isaya 2:20, 21.ANa 340.3

    Ngelo xesha kuya kubonwa ukuba uvukelo lukaSathana ngakuThixo lube neziphumo eziyintshabalalo kuye nakubo bonke abanyule ukuba phantsi kolawulo lwakhe. Wayeme ngelokuba, kukhulu okulungileyo okuya kuphuma ekwaphulweni komthetho, kodwa kuya kubonakala ukuba, “umvuzo wesono kukufa.” “Ngokuba, yabonani, iyeza imini evutha njengeziko; baya kuba ziindiza bonke abakhukhumali, nabenzi bonke bokungendawo, ibalenye loo mini izayo, utsho uYehova wemikhosi, ingabashiyeli ngcambu nasebe.” Malaki 4:1. USathana, ingcambu yaso sonke isono, nabo bonke abasebenzi bobubi, abangamasebe akhe, baya kunqanyulwa kuphele. Siya kupheliswa isono, nayo yonke imbandezelo nentshabalalo, iziphumo zaso. Uthi umdumisi, “Uzikhalimele iintlanga, wabatshabalalisa abantw’ abagwenxa, waliphanzisa kwaphela igama labo. Iintshaba zethu zibhangile mpela,” Ndumiso 9:5, 6, IBHAYIBHILE.ANa 341.1

    Phakathi koqhwithela lwezulu, abantwana bakaThixo abayi kuba nasizathu sokoyika. “UYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaIsrayeli.” Yoweli 3:16. Imini ezisa ukoyika nentshabalalo kubagqithi bomthetho kaThixo, iya kuzisa kwabathobelayo “[u]vuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo” “Bahlanganiseleni kum abam benceba,” utsho uYehova, “abenze umnqophiso nam ngombingelelo. Izulu lixela ubulungisa bakhe, ngokuba uThixo eza kugweba yena.”ANa 341.2

    “Nobuya ke niwubone umahluko phakathi kwelungisa nongendawo, phakathi komkhonzayo uThixo nongamkhonziyo.” Malaki 3:18. “Phulaphulani kum, nina nibaziyo ubulungisa, bantu banesiyalo sam entliziyweni yabo.” “Yabona, ndiyayithabatha esandleni sakho indebe ehexisayo, . . . akusayi kuphinda usele kuyo.” “Mna ndinguye uMthuthuzeli wenu.” Isaya 51:7, 22, 12. “Ngokuba zingadezimkeiintaba,neenduli zishukume;yonainceba yam ayiyi kumka kuwe, ungashukumi nomnqophiso wam woxolo; utsho onemfesane kuwe uYehova.” Isaya 54:10.ANa 341.3

    Icebo elikhulu lohlangulo lineziphumo zokubuyiselwa ehlabathini kothando lukaThixo ngokupheleleyo. Konke okwalahleka ngenxa yesono, kwabuyiselwa. Asingumntu kuphela kodwa nomhlaba wahlangulwa, ukuba ube yindawo yokuhlala abathobelayo. Kwiminyaka engamawaka amathandathu uSathana wayelwela ukugcina umhlaba ungowakhe. Ngoku, injongo kaThixo yasekuqaleni yokuwudala ifezekisiwe. “Ke ubukumkani baya kubuthabatha abangcwele bOsenyanweni, babume ubukumkani, kude kuse ephakadeni lamaphakade.” Daniyeli 7:18.ANa 342.1

    “Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, malidunyiswe igama likaYehova.” Ndumiso 113:3. “Ngaloo mini iya kuba nguYehova yedwa, negama lakhe lodwa.” Zekariya 14:9. IsiBhalo sithi, “Lingunaphakade, Yehova, limi emazulwini ilizwi lakho.” “Zithembekile zonke iziyalezo zakho. Zizimasekile nanini nangonaphakade.” Ndumiso 119:89; 111:7, 8. Izimiso ezingcwele awazithiyayo uSathana wazama ukuzitshabalalisa, ziya kuphakanyiswa kuyo yonke iyunivesi engenasono. “Kuba njengoko ilizwe livelisa izilimo zalo, njengoko umyezo untshulisa intlwayelelo yawo, yenjenjalo iNkosi uYehova ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke.” Isaya 61:11.ANa 342.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents