Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    34—Iintlola Ezilushumi Elinambini

    [Esi sahluko sisekwe kwiNumeri 13 ne-14.]

    Iintsuku ezilishumi elinanye emva kokuba beyishiyile iNtaba yeHorebhe, isihlwele samaHebhere sayakumisa eKadesh, kwintlango yaseParan, eyayingekude kwimida yeZwe leDinga. Apha abantu bacebisa ukuba kuthunyelwe iintlola ukuba ziye kulihlola ilizwe. Umcimbi wabekwa phambi kukaYehova nguMoses, yanikwa imvume, inomyalelo othi kufuneka abalawuli besizwe ngasinye banyulelwe lo msebenzi. Anyulwa amadoda ngokomyalelo, waza uMoses wathuma ukuba ahambe ayokulikhangela ilizwe, ukuba laliyintoni, imeko yalo nokuhle okukokwemvelo; nabantu abahleli kulo, nokuba babomelele na okanye babuthakathaka, bambalwa na okanye baninzi; nokuba kujongisiswe ukuba unjani umhlaba nokuvelisa kwawo, kubuywe nesiqhamo somhlaba.ANa 387.1

    Bahamba, balihlola lonke ilizwe, bengene kumda ongasezantsi badlulela kumda ongasentla. Babuya emva kokuba bemke iintsuku ezimashumi mane. Abantu bakwaIsrayeli babenamathemba amakhulu belindele ngomdla omkhulu. Iindaba zokubuya kweentlola kwizizwe zonke, zamkelwa ngovuyo. Abantu bakhawuleza ukuya kuhlangana nabathunywa, ababuya bekhuselekile kumsebenzi oyingozi ababeyokuwenza. Iintlola, zeza ziphethe imiboniso yeziqhamo, ezibonakalisa ukutyeba komhlaba. Yayilixesha leediliya ezivuthiweyo, kwaza kweziwa kuphethwe izihloko ezikhulu kangangokuba zaziphethwe ngamadoda amabini sisinye. Zeza nawo namafiya neerhalinati ezazikhula apho ziqhamile.ANa 387.2

    Abantu bavuya kuba beza kufumana ilizwe elihle kangako, baza baphulaphula ngomdla xa kunikwa ingxelo kuMoses, abaphoswa nalelinye ilizwi. “Safika kwelo zwe wasithuma kulo; inene, libaleka amasi nobusi; nazi neziqhamo zalo.” Abantu bathabatheka kakhulu; babeya kulithobelangenzondeleloilizwilikaYehova,baze banyuke ngokukhawuleza balithabathe ilizwe. Emva kokuchaza ubuhle nokutyeba kwelizwe, zonke, ngaphandle kwezimbini, iintlola zababaza ubunzima neengozi ezaziphambi kwamaIsrayeli ukuba angangenela ukuba ayithabathe ngokuyoyisa iKanan. Babala izizwe ezinamandla ezimi kwiindawo eziliqela zelizwe, baxela nokuba izixeko zibiyelwe ngeendonga ezinkulu kakhulu, kwaye nabantu abahlala khona bomelele, kangangokuba abanako ukuboyisa. Baya baxela ukuba babone iingxilimbela, oonyana baka-Anaki, batsho besithi, kulilize ukucinga ngokulizuza ilizwe.ANa 388.1

    Waguquka ngoku umbono. Ithemba nesibindi zadeda kwangena ukunikezela nobugwala, zakuba iintlola zinika izimvo zeentliziyo zazo ezingakholwayo, nezizaliswe kukutyhafiswa okwakuvuselelwe nguSathana. Ukungakholwa kwazo kwaphosa ithunzi losizi kulo lonke ibandla, amandla amakhulu kaThixo, awayesoloko ebonakaliswa ngenxa yesizwe esinyuliweyo, alityalwa. Abantu abazange bathabathe thuba lakucinga; abazange babonisane ukuthi Lowo waza kubafikisa apha, ngokuqinisekileyo uya kubanika ilizwe; abazange bakhumbule indlela emangalisayo awabahlangula ngayo kubacinezeli babo, wavula indlela elwandle, etshabalalisa imikhosi ebasukelayo kaFaro. Bamkhupha uThixo engxakini (yabo), baziphatha ngokungathi bamelwe kukuxhomekeka kuphela emandleni ezixhobo.ANa 388.2

    Ekungakholweni kwabo, bawacuntsa amandla kaThixo, abasithemba isandla esasibakhokela bekhuselekile ukuza kufika kule ndawo. Bayiphinda impazamo yabo yangaphambili yokukrokra ngakuMoses noAron. “Esi, ngoko, sisiphelo samathemba ethu abe ephezulu,” batsho. “Eli lilizwe esihambe yonke le ndlela ukusuka eYiputa ukuba silizuze.” Batyhola iinkokeli zabo ngokukhohlisa abantu nokuzisa inkathazo phezu kukaIsrayeli. Abantu babesengxingweni kukudaniswa nokuphelelwa lithemba. Isimbonono sentlungu savakala sixutywe nokukrokra okusisiphithiphithi samazwi. UKalebhi wayiqonda imeko, wathi, enesibindi sokumela ilizwi likaThixo, wenza konke okusemandleni akhe ukumelana nempembelelo yobubi bamahlakani akhe anganyanisekanga.ANa 388.3

    Okomzuzwana, abantu bathuliswa ukuba baphulaphule amazwi akhe ethemba nesibindi ngokubhekisele kwilizwe elitsha. Akazange akuphikise oko kwakusele kuthethiwe; iindonga zaziphakamile namaKanan omelele. UThixo kodwa wayethembise uIsrayeli ngeli lizwe. “Masinyuke kwangoku, silihluthe,” wanyanzelisa uKalebhi, “ngokuba siya kuleyisa kakade.” Sekunjalo, ishumi (leentlola) limphazamisa,lazoba umfanekiso omfiliba kakhulu kunakuqala. Asinako ukunyuka “siye kwabo bantu,” “Asinako,” latsho; “ngokuba bomelele kunathi. . . . Abantu bonke esababonayo kulo babengabafo abade. Sazibona khona iingxilimbela, oonyana baka-Anaki basezingxilimbeleni; sesuka emehlweni ethu saba njengemicikwane, sanjalo nasemehlweni abo.”ANa 388.4

    La madoda, akuba engene kwikhondo elingalunganga, athi, ngenkani, azimisela ukuphikisana noKalebhi noYoshuwa, noMoses, kunye noThixo. Lonke inyathelo elalibheka phambili, lawenza aya ezimisela ngakumbi nangakumbi. Ayegqibile ukuba aya kuwatyhafisa onke amalinge okuzuza iKanan. Ayipetya inyaniso ukuze axhase impembelelo yawo ekhohlakeleyo. “Lilizwe elibadlayo abemi balo,” atsho. Le, yayinganelanga nje ukuba yingxelo embi, kodwa yayikwabubuxoki. Yayiphikisana kwayodwa. Iintlola zazithe ilizwe linobutyebi nempumelelo, nabantu bazingxilimbela, izinto ezo ezingenako ukuba njalo ukuba imo yentlalo yayingenampilo kangangokuba kuthiwe “lilizwe elibadlayo abemi balo.” Xa ke, abantu benikela iintliziyo zabo ekungakholweni, bazibeka phantsi kolawulo lukaSathana, kwaye akakho ongaxela ukuba angabakhokela ayokubafikisa phi.ANa 389.1

    “Lonke ibandla laliphakamisa lalikhupha ilizwi lalo, balila abantu ngobo busuku.” Uvukelo nokulwa kwabo bodwa kwalandela ngokukhawuleza; kuba uSathana walawula ngokupheleleyo, baza abantu bakhangeleka belahlekwe kukucinga. Baqalekisa uMoses noAron, belibele ukuba uThixo uyaziva iintetho zabo ezikhohlakeleyo, nokuba, igqunywe ngumqulu welifu, iNgelosi yoBukho baKhe yayikujongile ukudubula komsindo wabo owoyikekayo. Bathi, besebukrakreni, bakhala, “Akwaba besifele ezweni laseYiputa! Akwaba besifele nakule ntlango!” Imvakalelo yabo yenyuka ukuchasa uThixo: “Yini na ukuba uYehova asizise kweli lizwe ukuze siwe likrele, abafazi nabantwana bethu babe lixhoba? Akusilungele na kanye ukuba sibuyele eYiputa? Batshono ukuthi, Masizimisele umphathi, sibuyele eYiputa.” Ngoko ke, babengasoli uMoses kuphela, kodwa noThixo ngokwaKhe, ngenkohliso, ngokubathembisa ilizwe ababengenako ukulizuza. Bada bafikelela kwindawo yokuzinyulela umphathi ukuba abakhokelele emva kwilizwe lentlungu nobukhoboka babo, apho babehlangulwe khona ngengalo yOnamandla onke.ANa 389.2

    Ngenxa yengcikivo noxinzelelo, “Bawa ooMoses noAron ngobuso babo phambi kwesikhungu sonke sebandla loonyana bakaIsrayeli,” bengazi ukuba bangenza ntoni ukubabuyisa kwinjongo yabo yobutyhuthutyhuthu nevutha ngumsindo.UKalebhi noYoshuwa bazama ukuthulisa isiphithiphithi. Bazikrazula iingubo zabo ukubonisa intlungu nengqumbo, bakhawuleza bangena phakathi kwabantu, amazwi abo avakala enkenteza ngaphezu kwesivuthuvuthu sesikhalo nentlungu yovukelo: “Ilizwe esacanda kulo silihlola, lilizwe elihle kakhulu kunene. Ukuba uYehova usinonelele, wosisa kwelo zwe, asinike; ilizwe elibaleka amasi nobusi. Kodwa musani ukugwilika kuYehova, musani ukuboyika abantu belo zwe nina; kuba bakukudla kwethu. Umkile umthunzi wabo kubo, uYehova unathi; musani ukoyika.”ANa 390.1

    AmaKanan ayewuzalisile umlinganiselo wobugwenxa bawo, waba uYehova engasenako ukuwanyamezela. Inkuselo yakhe yakuba isusiwe, ayeya kuba lixhoba elilula. Ngomnqophiso kaThixo, ilizwe laqinisekiselwa uIsrayeli. Noko kunjalo, ingxelo ebubuxoki beentlola ezingathembekanga yamkelwa, kwathi ngayo, lonke ibandla lalahlekiswa. Abangcatshi babewenzile umsebenzi wabo. Ukuba yayingala madoda mabini kuphela awayeze nengxelo embi, laza lonke ishumi labakhuthaza ukuba balithabathe ilizwe egameni likaYehova, babesaya kuqhubeka bathabathe icebiso lababini endaweni yeshumi, ngenxa yenkohlakalo yokungakholwa kwabo. Ngoku ke, babebabini abathetha okulungileyo, laye ishumi lonke likwicala lovukelo.ANa 390.2

    Iintlola ezingathembekanga zazithetha kakhulu ukusingela phantsi uKalebhi noYoshuwa, saza senyuka isikhalo sokuba baxulutywe. Isixuku esiphambeneyo sachola iingqanda zamatye ukuba abulawe loo madoda anyanisekileyo. Bagxalathelana ukuza ngaphambili benemikhwazo yempambano, kwaza kwathi ngequbuliso awa amatye, qithi qithi ukuphuma ezandleni, kwakho inzolo kubo bonke, bangcangcazela kukoyika. UThixo wayengenelele ukuza kunqanda icebo labo lokubulala. Ubuqaqawuli bobukho baKhe, njengokukhanya okudanyazelayo, kwawukhanyisa umnquba. Bonke abantu babona uphawu lukaYehova. Omkhulu kunabo wazityhila, akwaba sabakho namnye uqhubeka nenkcaso kubo. Iintlola ezazize nengxelo embi, zathi buthatha, zibethwa kukoyika, zathi, sezisebeza, zafuna iintente zazo.ANa 390.3

    UMoses ngoku waphakama wangena emnqubeni. UYehova wathi kuye, “Ndiya kubabetha ngendyikitya yokufa, ndibagqogqe; wena ndikwenze uhlanga olukhulu.” UMoses waphinda wabacengela abantu bakhe. Wayengakwazi ukuvuma ukuba batshatyalaliswe, aze yena enziwe uhlanga olukhulu. Ebhenela kwinceba kaThixo, wathi: “[Ndiyakukhunga], amandla eNkosi makabe makhulu, njengoko wathethayo wena, wathi, uYehova uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. . . .Buxolele, ndiyakukhunga, ubugwenxababa bantu ngokobukhulu benceba yaKho, njengoko ubuxoleleyo ubugwenxa baba bantu, uthabathele eYiputa wezisa apha.”ANa 390.4

    UYehova wathembisa ukumsindisa uIsrayeli kwintshabalalo ekhawulezileyo; kodwa ngenxa yokungakholwa kwabo nobugwala babo, wayengayi kuwabonakalalisa amandla aKhe ukuba azoyise iintshaba zabo. Ngenxa yoko, ngenceba yaKhe, wabayalela njengendlela ekuphela kwayo ekhuselekileyo, ukuba babuye umva basinge kuLwandle oluBomvu.ANa 391.1

    Ekuvukeleni kwabo abantu babekhale bathi, Akwaba [Thixo] besifele nakule ntlango!” Ngoku lo mthandazo wawuza kuphendulwa. Wathi uYehova: “Njengoko nithethileyo ezindlebeni zam, ndiya kwenjenjalo kuni. Izidumbu zenu ziya kuwa kule ntlango; nabo bonke ababalwayo kuni ngokwenani lenu lonke, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, banyuse. . . . Ke usapho lwenu, ebe nisithi luya kuba lixhoba, ndiya kulungenisa lona, lulazi ilizwe enilicekisileyo.” Wathi ngoKalebhi, “Ke yena umkhonzi wam uKalebhi, ngenxa enokuba ebenamoya wumbi, wakholisa ukundilandela, ndiya kumfikisa ezweni ebeye kulo; lihluthwe yimbewu yakhe.” Njengoko iintlola zachitha iintsuku ezimashumi mane kuhambo lwazo, ngokunjalo imikhosi kaIsrayeli yayiza kubhadula entlango iminyaka emashumi mane.ANa 391.2

    Wathi akusazisa uMoses ebantwini isigqibo sezulu, ingubo yabo yaguquka yakukukhala. Bazi ukuba isohlwayo sabo sasifanelekile. Iintlola ezilushumi ezingathembekanga, zabethwa lizulu ngesibetho, zatshabalala phambi kwamehlo onke kaIsrayeli; kwathi kwisiphelo sabo, abantu bafunda eyabo intshabalalo.ANa 391.3

    Ngoku, bakhangeleka benyanisekile ekuguqukeni kwisimilo sabo sesono; kodwa baba buhlungu ngenxa yesiphumo sendlela yabo yobubi kunokuba babe buhlungu ngenxa yokwazi ukungabi nambulelo nokungathobeli kwabo. Bathi bakufumanisa ukuba uYehova akaguquki kumthetho waKhe, ukuzithandela kwabo kwavuka kwakhona, bavakalisa ukuba abasayi kubuyela entlango. Ekubayaleleni kwaKhe ukuba barhoxe kwizwe leentshaba zabo, uThixo wayevavanya oku kungathi kukuzinikela kwabo, wakufumana ukuba akunyanisekanga. Babesazi ukuba bona kakhulu ngokuvumela ukuba imvakalelo yabo edyuduzelayo ibalawule, kwanokufuna kwabo ukubulala iintlola ezazibakhuthaza ukuba bathobele uThixo; kodwa babesoyika, baphawula ukuba benze impazamo embi eziphumo zayo zaba yintshabalalo kubo. Iintliziyo zabo zazingaguqukanga, ntonje befuna isizathu sokuba baphinde benze into ekwafana naleyo [babeyenzile]. Oku kwaya kwenzeka xa uMoses, ngegunya likaThixo, wayebayalela ukuba babuyele entlango.ANa 391.4

    Ummiselo wokuba uIsrayeli akayi kuyingena iKanan kude kuphele amashumi amane eminyaka, wazisa udano olukhulu kuMoses nakuAron, kuKalebhi nakuYoshuwa; kodwa bathi ngaphandle kokukrokra, basamkela isigqibo sezulu. Bona aba babekhalazela indlela uThixo abaphethe ngayo, bade bathi baya kubuyela eYiputa, balila bekhala kakhulu, xa iintsikelelo abazicekisayo zithatyathwa kubo. Babekhalaze kungekho nto, ngoku uThixo wabanika isizathu sokukhala. Ukuba babeye basikhalela isono sabo sakuba sibekwe ngokunyaniseka phambi kwabo, esi sigwebo ngesingazange savakaliswa; kodwa bakhalela isigwebo; intlungu yabo yayingeyiyo inguquko, ngoko yayingakwazi ukubazuzela ukurhoxiswa kwesigwebo.ANa 392.1

    Ubusuku bachithwa kukhalwa, kodwa intsasa yeza nethemba. Bagqiba ukuba baboyise ubugwala babo. Wathi uThixo akuthi mabanyuke balithabathe ilizwe, bala; wathi ngoku akubayalela ukuba babuye umva, bavukela ngokunjalo. Bazimisela ukulithabatha ilizwe ukuba libe lelabo; mhlawumbi uThixo angawamkela umsebenzi wabo ayiguqule injongo yaKhe ngakubo.ANa 392.2

    UThixo wayekwenze kwalilungelo noxanduva lwabo ukulingena ilizwe ngexesha alimisileyo, kodwa ngenxa yokungakhathali kwabo okuneenkani, larhoxiswa elo lungelo. USathana wayeyizuzile injongo yakhe yokubanqanda ukuba bangangeni eKanan; waza ngoku wabakhuthazela ukuba benze le nto kanye, ngokuchasene nokwala kwezulu, bangazange bavume ukuyenza xa uThixo wayefuna. Ngaloo ndlela umkhohlisi omkhulu wazuza uloyiso ngokubakhokelela ekuvukeleni okwesibini. Babengazange bawathembe amandla kaThixo ekusebenzeni nemizamo yabo ukuthabatha iKanan; kanti ngoku bacinga ukuba, ngawabo amandla bangawenza umsebenzi bengayamanga kuncedo lwezulu. “Sonile kuYehova; sonyuka thina, silwe njengako konke asiyalele ngako uYehova uThixo wethu.” Duteronomi 1:41. Babemfamekiswe kakhulu kukwaphula umthetho. UYehova wayengazange abayalele ukuba “benyuke balwe.” Yayingeyiyo injongo yaKhe ukuba balizuze ilizwe ngemfazwe, kodwa kube ngokuthobela ngqongqo imiyalelo yaKhe.ANa 392.3

    Nangona iintliziyo zabo zazingaguqukanga, kwenzeka ukuba abantu bakuvume ukuba nesono kunye nobudenge bovukelo lwabo kwakunikwa ingxelo yeentlola. Balibona ngoku ixabiso lentsikelelo abathi ngobutyhuthutyhuthu bayilahla. Bavuma ukuba kukungakholwa kwabo okwabavalela ngaphandlekweKanan. “Sonile,” batsho, bevuma ukuba impazamo yayikubo, ingekho kuThixo, ababesoloko bemtyhola ngokusilela ukuzalisekisa izithembiso zaKhe kubo. Nangona ukuvuma kwabo kwakungaphumi kwinguquko yenene, kwanceda ukubonisa ubulungisa bukaThixo ekusebenzeni kwaKhe kunye nabo.ANa 392.4

    UThixo usasebenza ngale ndlela inye ukuzukisa igama laKhe, ngokuthi abazise abantu kwindawo apho beza kubuvuma ubulungisa baKhe. Xa abo bathi bayamthanda bekhalaza ngokwazelela kwaKhe, bacekise izithembiso zaKhe, baziyekele ekulingweni, bazimanye neengelosi ezikhohlakeleyo ukoyisa injongo kaThixo, uYehova uye azilawule iimeko ukuze abazise aba bantu endaweni apho, baya kusibona isono sabo baze banyanzeleke ukuba bayivume inkohlakalo yendlela yabo kunye nobulungisa nokulunga kukaThixo ekubaphatheni kwaKhe. Wenjenjalo uThixo ukusebenzisa izithinteli ukuba zisebenze ukuba ziveze elubala imisebenzi yobumnyama. Kuthi, naxa umoya oye wakhokelela kwindlela embi ungathanga utshintshe ngokukhawuleza, kubekho kona ukuvuma okubonisa uzuko lukaThixo, kunike ubungqina ngabantu baKhe abakhalima benyanisekile, abaye bachaswe, kuthethwe kakubi ngabo. Kuya kuba njalo xa ingqumbo kaThixo iya kuthululwa ekugqibeleni. Xa ithe “yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo, ukuba igwebe bonke,” iya kuthi “ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo.” Yuda 14, 15. Wonke ongumoni uya kwenziwa ukuba abubone, abuvume ubulungisa bokugweba kwaKhe.ANa 393.1

    Athi, engakhathalelanga nokuba isigwebo sezulu sithini, amaIsrayeli alungiselela ukuyithabatha ngezigalo iKanan. Exhobe ngezikrweqe nezixhobo zemfazwe, ngokukokwawo, ezicingela ukuba ayeyilungele ngokupheleleyo imfazwe; kodwa, engayilungelanga ngendlela elusizi emehlweni kaThixo nawabakhonzi baKhe abanentlungu. Phantse kwiminyaka emashumi mane emva koko, xa uYehova wayeyalela uIsrayeli ukuba anyuke athabathe iYeriko, wathembisa ukuhamba nabo. Ityeya eyayinomthetho waKhe yayithwelwe ngaphambili kwemikhosi yabo. Iinkokeli ezinyuliweyo zaziza kuzikhokela iihambo zabo, phantsi kweliso lezulu. Ngenkokelo enjalo, akukho ngozi yayinokuza kubo. Ngoku, ngokuchaseneyo nomyalelo kaThixo, kunye nokwala okundilisekileyo kweenkokeli zabo, ngaphandle kwetyeya, nangaphandle kukaMoses, baphuma baya kuqubisana nemikhosi yotshaba.ANa 393.2

    Isigodlo sahlaba umkhosi, waza uMoses wabakhawulezela ngesilumkiso, “Yinina, le nto niwugqithayo umlomo kaYehova? Le nto ayiyi kuphumelela. Musani ukunyuka, kuba uYehova akakho phakathi kwenu; ningagxothwa ziintshaba zenu. Ngokuba ama-Amaleki namaKanan akhona phambi kwenu, niya kuwa likrele.”ANa 393.3

    AmaKanan ayevile ngemfihlelo yamandla angathi abakhusele aba bantu, nemimangaliso eyenzeka ngenxa yabo, aza abiza umkhosi onamandla ukuba ubagxothe abangeneleli [kwizwe labo]. Umkhosi owawuhlasela wawungenayo inkokeli. Akuzange kuthandazwe kucelwe uThixo ukuba abanike uloyiso. Baphuma benenjongo yokuzincama ukuba basijike isiphelo sabo okanye bafele edabini. Nangona babengaqeqeshwanga emfazweni, babesisihlwele esikhulu samadoda axhobileyo, baza bathemba ukuba, ngohlaselo oluqubulayo noloyikekayo, baya kulungqula phantsi lonke utshaba. Basuka baluhlasela utshaba olungakhange lucinge nto ngokubahlasela.ANa 394.1

    AmaKanan ayezimise phezu kwentaba kwindawo ethe tyaba kakuhle enamatye, efikeleleka kuphela ngeendlela ezinzima nezimxinwa, neqhina elinyuka kakhulu neliyingozi. Amanani amakhulu amaHebhere ayeya kwenza ukuba ukoyiswa kwawo kube kubi kakhulu. Athi chu ukuhamba kwiindledlana zentaba, esisisulu kwiintolo ezibulalayo zeentshaba ezingaphezulu. Amatye amakhulu aqengqeleka esuka phezulu, esenza ukuba indlela yabo izaliswe ligazi lababuleweyo. Abo baya kufika encotsheni, benxaphile kukunyuka, boyiswa ngendlela eyoyikekayo, baqhutyelwa emva benelahleko enkulu. Ibala ledabi lashiywa lithe saa imizimba yabafileyo. Umkhosi kaIsrayeli wabethelwa oogqirha nezicaka. Intshabalalo nokufa kwaba sisiphumo selo linge lovukelo.ANa 394.2

    Benyanzelekile ukuba banikezele ekugqibeleni, abasindayo, [kuthiwa ngabo], “Nabuya ke nalila phambi koYehova;” kodwa “akaliphulaphula uYehova izwi lenu.” Duteronomi 1:45. Ngoloyiso oluncamisileyo, iintshaba zikaIsrayeli, ezazilindele ngaphambili ukuvela komkhosi omkhulu, zavuselelwa kukuzithemba ukuba zimelane nawo. Zonke iingxelo ezazivakele ngezinto ezimangalisayo uThixo awazenzela abantu baKhe, zathatyathwa njengobuxoki, zabona [ezi ntshaba] ukuba akukho sizathu sokoyika. Oko koyiswa kokuqala kukaIsrayeli, ngokukhuthaza amaKanan ngesibindi nesigqibo, kwazandisa kakhulu iinkathazo zokulwela ilizwe. Kwakungasekho nto yayisele kuIsrayeli ngaphandle kokubaleka phambi kweentshaba eziboyisileyo, bangene entlango, besazi ukuba liya kuba lapho ingcwaba laso sonke isizukulwana.ANa 394.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents