Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    52—Izidlo zomnyaka

    Yayimithathu ngonyaka imihlangano kaIsrayeli ewonke ukuba anqule engcweleni. Eksodus 23:14-16. IShilo yayiyindawo yale mihlangano okwethuba elithile; kodwa iYerusalem emva koko yaba lizikolo lokunqula kwesizwe, kwaye kulapha apho iintlanga [zakwaIsrayeli] zazihlanganela khona ukwenza izidlo ezizukileyo.ANa 537.1

    Abantu baberhangqwe ziintlanga ezoyikekayo, ezithanda imfazwe, nezazizondelele ukuthabatha imihlaba yabo; kanti ke, kathathu ngomnyaka onke amadoda anemizimba ephelele kakuhle, nabo bonke abantu ababenokuthabatha uhambo babeyalelwa ukuba bawashiye amakhaya abo baye kwindawo yokuhlangana, kufutshane nombindi womhlaba. Yintoni eyayiza kuthintela iintshaba zabo ukuba zingawatshayeli loo makhaya angakhuselekanga, ziwenze abe ngamanxuwa ngomlilo nekrele? Yintoni eyayiza kunqanda ukungenelelwa kwelizwe, nto leyo eyayiya kusa uIsrayeli ekuthinjweni kutshaba lwasemzini. UThixo wayethembise ukuba ngumkhuseli wabantu baKhe. “Isithunywa sikaYehova sibangqinga ngeenxa zonke abamoyikayo, sibahlangule” Ndumiso 34:7. Xa amaIsrayeli ayenyuka ukuya kunqula, amandla ezulu ayezinqumamisa iintshaba zawo. Isithembiso sikaThixo sasisithi, “Kuba ndiya kuzigqogqa iintlanga phambi kwakho, ndiwenze banzi umda wakho, linganqwenelwa nangubani ilizwe lakho, ekunyukeni kwakho usiya kubonakala ebusweni bukaYehova uThixo wakho izihlandlo ezithathu ngomnyaka.” Eksodus 34:24.ANa 537.2

    Owokuqala kule misitho, iPasika, isidlo sesonka esingenagwele, wawubakho ngenyanga ka-Abib, inyanga yokuqala kumnyaka wesiYuda, uhambelana nokuphela kukaMatshi nasekuqaleni kuka-Apreli. Ingqele yobusika yayidlule, imvula yamva iphelile, indalo yonke ivuyile kubutsha bobuhle bexesha lentlakohlaza. Ingca yayiluhlaza ezindulini nasezintilini, iintyatyambo zasendle zikho kuyo yonke indawo ukuqhakazisa emadlelweni. Inyanga ngelo xesha isondela ekubeni ibe yinyanga epheleleyo, isenza ukuba kubekho urhatya olunodlamko. Yayilixesha elazotywa kakuhle yimvumi xa isithi:ANa 537.3

    “Ubusika budlule,
    Imvula igqithile yemka;
    Iintyatyambo zibonakele ezweni;
    Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile;
    Izwi lehobe livakele ezweni lethu;
    Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo,
    Imidiliya ityatyambile,
    Itsho ngevumba elimnandi.”
    ANa 538.1

    Ingoma Yazo Iingoma 2:11-13.

    Kulo lonke ilizwe, abahambi beyimiqodi, babesiya eYordan. Abelusi bempahla emfutshane besuka kwimihlambi yabo, abempahla enkulu besuka ezintabeni, abalobi abavela kulwandle lwaseGalili, abalimi abaphuma emasimini abo, noonyana babaprofeti abaphuma kwizikolo zabo ezingcwele, bonke babezijika iinyawo zabo zisinge apho kwakutyhilwe khona ubukho bukaThixo. Babehamba, amaqela ngamaqela, kuba baninzi ababehamba ngeenyawo. Imiqokozo yeenkamela yayithe rhoqo ukungenelela, yaba seyimikhulu kakhulu xa sekufikwa kwiSixeko esiNgcwele.ANa 538.2

    Ukonwaba kwendalo kwazisa uvuyo ezintliziyweni zikaIsrayeli nombulelo kuLowo onguMniki wako konke okulungileyo. Iindumiso ezimnandi zamaHebhere zaziculwa, zibabaza uzuko nobungangamsha bukaYehova. Ekuvakaleni kwesandi sesigodlo, kunye nomculo nezinto ezikhenkcezayo, ingoma yokubulela, ibinyuka, isandiswa ngamakhulukhulu amazwi:ANa 538.3

    “Ndavuya bakuthi kum,
    Masiye endlwini kaYehova.
    Iinyawo zethu zifike zema
    Emasangweni akho, Yerusalem. . . .
    Apho zinyuka ziye khona izizwe,
    izizwe zikaYehova; . . .
    Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova. . . .
    Celelani iYerusalem uxolo;
    Mababe nokuchulumanca abakuthandayo.”
    ANa 538.4

    Ndumiso122:1-6.

    Babesithi bakuzikhangela iinduli ezibarhangqileyo apho abahedeni babesa kubasa khona imililo yemibingelelo, basuke bacule abantwana bakaIsrayeli:ANa 538.5

    “Ndiwaphakamisele ezintabeni na
    amehlo am?
    Luya kuvela phi na uncedo lwam?
    Uncedo lwam luvela kuYehova,
    UMenzi wezulu nehlabathi.”
    ANa 538.6

    Ndumiso 121:1, 2.

    “Abo bakholosa ngoYehova,
    Banje ngentaba yaseZiyon:
    Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.
    IYerusalem ijikelezwe ziintaba;
    Ke uYehova ubajikelezile naye
    abantu bakhe,
    Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.”
    ANa 538.7

    Ndumiso 125:1, 2.

    Ekunyukeni iinduli, babone uMzi oNgcwele, babekhangela babone ngentlonipho eyoyikekayo imiqodi yabakhonzi ijika-jika indlela yayo esinga etempileni. Babewubona umsi wesiqhumiso unyuka, bathi xa besiva amaxilongo abaLevi evakalisa inkonzo engcwele, bafumane umfutho weyure, bacule:ANa 539.1

    “Mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene
    Emzini kaThixo wethu, entabeni
    yakhe engcwele.
    Intle ukuphakama kwayo, yimihlali
    yehlabathi lonke,
    Intaba yaseZiyon, intlomo yasentla,
    Umzi woKumkani omkhulu.”
    ANa 539.2

    Ndumiso 48:1, 2.

    “Malube luxolo eludongeni lwakho
    olurhaqileyo,
    Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.”

    “Ndivuleleni amasango obulungisa;
    Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.”
    “Ewe, ndiya kuzizalisa izibhambathiso kuYehova,
    Phambi kwabantu bakhe bonke,
    Ezintendelezweni zendlu kaYehova,
    Esazulwini sakhe, Yerusalem.”
    ANa 539.3

    Ndumiso 122:7; 118:19; 116:18, 19.

    Zonke izindlu zaseYerusalem zazivulelwa abahambi, amagumbi afakwa impahla ingahlawulelwa; kodwa oku kwakungalanelanga ibandla elikhulu, kuze kumiswe iintente kuyo yonke indawo efumaneka ivulekile esixekweni nakwiinduli ezijikelezileyo.ANa 539.4

    Ngomhla we-14 enyangeni, ngokuhlwa, kwakusenziwa isidlo sePasika, iinkonzo zaso ezinendili nezibukekayo zikhumbuza ukuhlangulwa ebukhobokeni baseYiputa, zisalatha phambili kumbingelelo owawuza kuhlangula ebukhobokeni besono. Wathi uMsindisi akunikela ubomi baKhe eKhalvari, ukubaluleka kwePasika kwaphela, kwaza kwamiselwa isiDlo seNkosi njengesikhumbuzo seso siganeko sinye esasifuziselwa ngePasika.ANa 539.5

    IPasika yayilandelwa yimihla esixhenxe yesidlo sesonka esingenagwele. Umhla wokuqala nowesixhenxe yayiyimihla yentlanganiso engcwele, xa kwakungafuneki kwenziwe msebenzi wakukhonza. Ngomhla wesibini wesidlo, ulibo lomnyaka wesivuno lwaluziswa phambi kukaThixo. Irhasi yayikukutya okuneenkozo kokuqala ePalestina, kuze kuthi ekuqaleni kwesidlo ibe yona iqalisa ukuvuthwa. Isithungu sale rhasi sasitshangatshangiswa ngumbingeleli phambi kwesibingelelo sikaThixo, njengesivumo sokuba, konke kwakukokwaKhe. Ingekenziwa le nkonzo, isivuno sasingenakho ukuqokelelwa.ANa 539.6

    Emva kwemihla engamashumi amahlanu ukusuka ekunikelweni kolibo, kwakuba yiPentekoste eyayikwabizwa ngoku sisidlo sokuvuna nesidlo seeveki. Ukubonakalisa umbulelo ngenxa yokudla okuziinkozo, kwakusenziwa imibhako emibini yezonka ezingenagwele zize zinikelwe phambi koThixo. IPentekoste yayiba lusuku olunye, olwalunikelwa ukuba kwenziwe umsebenzi wokukhonza.ANa 540.1

    Ngenyanga yesixhenxe, kwakuba sisiDlo seMinquba, okanye sokuqokelela. Esi sidlo, sasiphawula ubuninzi bendyebo kaThixo kumabhoma, kwizigcume zeminquma, nasezidiliyeni. Yayisisidlo sokugqibela esihle kakhulu emnyakeni. Umhlaba wawunemveliso yayo, isivuno sihlanganiselwe koovimba, iziqhamo, ioli, kunye newayini zigciniwe, ulibo nalo lugciniwe, ngoku abantu beza neminikelo yabo yombulelo kuThixo, oye wabasikelela kakhulu.ANa 540.2

    Esi sidlo sasiza kuba sisiganeko esibalulekileyo sovuyo Sasisenzeka kanye emva kweMini yoCamagusho, yakuba inikiwe ingqinisekiso yokuba ubugwenxa babo abusayi kubuya bukhunjulwe. Bathi benoxolo, beze ngoku phambi kukaThixo ukuba bavume ukulunga kwaKhe, bamdumise ngenceba yaKhe. Ukusebenza nzima kokuvuna koba kuphelile, kungekaqali ukusebenza nzima komnyaka omtsha, abantu bekhululekile ekuxakekeni, babe nokuzinikela kwimpembelelo engcwele, nenovuyo yelo xesha. Nangona yayikuphela kootata noonyana ababe yalelwe ukuba babekho esidlweni, kwakusithi kangangoko kunokwenzeka, zonke iintsapho zabo zazisiza zibekho, kuthi ngobubele bazo kubo abakhonzi, abaLevi, owasemzini, nolihlwempu, bonke bamkeleke.ANa 540.3

    NjengePasika, isiDlo seMinquba sasisisikhumbuzo. Ekukhumbuleni ubomi bohambo lwabo lwasentlango, abantu kwakufuneka ngoku bazishiye izindlu zabo bahlale emaphempeni, okanye phantsi kwemithi enemithunzi eyenziwe ngamahlahla aluhlaza “emithi okuhombisa, amagqabi amasundu, namasebe emithi ethe shinyi, nemingculuba yasemlanjeni.” Levitikus 23:40, 42, 43.ANa 540.4

    Umhla wokuqala wawuyintlanganiso engcwele, kuze kwimihla esixhenxe kongezwe owesibhozo, owawugcinwa kwangolo hlobo nawo.ANa 540.5

    Kwezi ntlanganiso zomnyaka, iintliziyo zabadala nabatsha zazikhuthazwa ekukhonzeni uThixo, lo gama ukuhlangana kwabantu abaphuma kwiinkalo ngeenkalo zelizwe, babesomeleza amaqhina abaqamangelebonke kuThixo,nakomnyenomnye.BekungabaANa 541.1

    kuhle ebantwini bakaThixo ngeli xesha ukuba bekungakho isiDlo seMinquba—isikhumbuzo esinovuyo seentsikelelo zikaThixo kubo. Njengabantwana bakaIsrayeli bekhumbula ukuhlangulwa uThixo awakwenza kooyise, nokubagcina ngendlela emangalisayo ngexesha lokuhamba kwabo bephuma eYiputa, nathi besinokuthi, ngombulelo sikhumbule iindlela ezahlukeneyo athe uThixo wazibeka ukuba asikhuphe ehlabathini, nakubumnyama bolahleko, wasizisa ekukhanyeni okuxabisekileyo kobabalo lwaKhe nenyaniso yaKhe.ANa 541.2

    Kwabo babehlala kude nomnquba, kwakuba ngaphezu kwenyanga minyaka le ukuza kwabo kwezi zidlo zomnyaka. Lo mzekelo wokuzinikela kuThixo, umele ukubonakalisa ukubaluleka konqulo nokudingeka kokubeka umona wethu, ukuthanda kwethu ihlabathi, ngaphantsi kwezo zinto zizezikamoya nezingunaphakade. Siyalahlekelwa xa silityeshela ilungelo lokuhlangana kunye ukuba somelezane sikhuthazane emsebenzini kaThixo. Iinyaniso zelizwi laKhe, zilahlekelwa kukucaca ngokuthe gca kwanokubaluleka ezingqondweni zethu. Iintliziyo zethu ziyayeka ukukhanyiselwa nokuvuswa yimpembelelo engcwalisayo, size sihle ngokwasemoyeni. Ekuhlanganeni kwethu njengamaKristu, silahlekwa kakhulu ngenxa yokuswela uvelwano omnye nomnye. Lowo uzivalelayo ngaphakathi kwakhe, akayizalisi indawo uThixo ayilungisele ukuba ayizalise. Kukukhulisa ngendlela eyiyo iziqalelo zasekuhlaleni zendalo yethu okuthi kusenze sibe novelwano nabazalwana bethu nokusinika ulonwabo ekuzameni kwethu ukusikelela abanye.ANa 541.3

    IsiDlo seMinquba sasinganele kuba sisikhumbuzo, kodwa sasikwa ngumfuziselo. Sasingalathi emva kuhambo lwasentlango kuphela, kodwa, njengesidlo sesivuno, sasivuyisana nokuqokelelwa kwesiqhamo somhlaba, sisalatha phambili kwimini enkulu yokuqokelelwa kokugqibela, xa uYehova wesivuno eya kuthuma abavuni baKhe ukuba babuthele umlilo umdiza uzizithungu, baze bayibuthele ingqolowa kuvimba waKhe. Ngelo xesha abakhohlakeleyo baya kutshatyalaliswa. Baya kuba zizizwe “[ezi]ngathi azizange zabakho.” UObhadiya 16, IBHAYIBHILE. Lonke ilizwi kuyo yonke indalo liya kuhlangana ngendumiso yovuyo kuThixo. Uthi umtyhilelwa, “Kananjalo zonke izidalwa ezisezulwini, naphezu komhlaba, naphantsi komhlaba, naphezu kolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, ndaziva zisithi: Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, Makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” IsiTyhilelo 5:13.ANa 541.4

    Abantu bakwaIsrayeli babemdumisa uThixo kwisiDlo seMinquba, ngexesha bekhumbula inceba yaKhe ekubahlanguleni kubukhoboka baseYiputa nokubagcina kwaKhe ngothando ngexesha lobomi babo bokubhadula entlango. Babevuyela nokwazi ngokuxolelwa nokwamkelwa kwabo, ngenkonzo yeMini yoCamagusho, eyayisanda kuphela. Kuya kuthi xa abahlangulweyo bakaYehova behlanganiselwe kwiKanan yasezulwini, bekhululwe ngonaphakade kubukhoboka besiqalekiso sesono, kuba phantsi kwaso “yonke indalo iyancwina, inenimba kunye, unangoku” (Roma 8:22), baya kuvuya ngovuyo olungathethekiyo oluzukisiweyo. Umsebenzi omkhulu kaKristu wokucamagushela abantu uya kuba ugqityiwe, izono zabo zibe zisuswe ngonaphakade.ANa 542.1

    “Inemihlali intlango nomqwebedu;
    Iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo,
    Iyatyatyamba ithi rhoqo; iyagcoba, ewe, iyagcoba,
    imemelele, inikwe ubuqaqawuli beLebhanon,
    Ubungangamela beKarmele neSharon;
    Ezo ndawo ziya kububona ubuqaqawuli bukaYehova,
    ubungangamela bukaThixo wethu.

    “Aya kuvulwa amehlo emfama,
    Zivulwe iindlebe zezithulu;
    Size sitsibe njengexhama isiqhwala,
    Lumemelele ulwimi lwesidenge;

    “Ngokuba kuya kugqobhoka amanzi entlango,
    Nemilambo enkqantosini;
    Neendawo ezinxaniweyo
    zimpompoze amanzi. . . .

    “Kuya kubakho umendo khona, kubekho indlela,
    Kuthiwe ukubizwa kwayo,
    yindlela engcwele le.
    Akuyi kudlula nto iyinqambi ngayo;
    Yeyabo yona:
    Abahamba loo ndlela-nabazizihula abayi kulahleka kuyo.

    “Akuyi kubakho ngonyama khona,
    Aliyi kuqabela khona irhamncwa
    eliqwengayo;
    Aliyi kufunyanwa khona;
    Kuya kuhamba khona abakhululwe ngokuhlawulelwa;

    “Abakhululwa bakaYehova babuye
    Beze eZiyon bememelela;
    Benovuyo olungunaphakade phezu kweentolo zabo;
    Baya kufumana imihlali nemivuyo,
    Sisabe isingqala nosizi.”
    ANa 542.2

    Isaya 35:1, 2, 5-10.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents