Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    4—Icebo Lokuhlangulwa

    Ukuwa komntu kwalizalisa lonke izulu ngosizi. Ilizwe awayelidalile uThixo lashwatyulelwa sisiqalekiso sesono, limiwe ngabantu ababeza kujongana nenkxwaleko nokufa. Yabonakala ingekho indlela yokuphuncuka kwabo baphule umthetho. Iingelosi zaziyeka iingoma zazo zokudumisa. Kuzo zonke iintendelezo zezulu kwabakho ukukhala ngenxa yentshabalaloeze nesono.ANa 63.1

    UNyana kaThixo, uMlawuli womkhosi wezulu, wachukunyiswa luvelwano ngoluntu oluwileyo. Intliziyo yaKhe yazaliswa yimfesane xa wayebona iintlekele zelizwe elilahlekileyo. Uthando olungcwele lwaluse lucwangcise icebo angathi ahlangulwe ngalo umntu. Umthetho owaphulweyo wawufuna ubomi bomoni. Kuyo yonke indalo (iyunivesi) wayemnye kuphela, onokuthi, endaweni yomntu, awanelise amabango awo. Njengoko umthetho wezulu ungcwele njengoThixo ngokwaKhe, kuphela ngolingana noThixo owayenokwenza ucamagushelo, ngokwaphulwa kwawo. Akukho wumbi, ingenguYe uKristu, owaye nokuhlangula uluntu oluwileyo kwisiqalekiso somthetho, aze ambuyisele ekuvumelaneni neZulu. UKristu wayeza kuthabathela phezu kwaKhe ubutyala nehlazo lesono--isono esithiyekileyo kuThixo ongcwele kangangokuba sahlula uYise noNyana waKhe. UKristu wayeza kufikelela kubunzulu benceba ukuhlangula uhlanga oluwileyo.ANa 63.2

    Phambi kukaYise, wayeza kuthethelela umoni, ngeli xesha umkhosi wezulu ulindele isiphumo ngomdla omkhulu angenako amazwi ukuwuzoba. Yaqhubeka ixesha elide intetho eligqugula-“icebo loxolo” (Zekariya 6:13), ngoonyana babantu abawileyo. Icebo losindiso labekwa phambi kokuba udalwe umhlaba; kuba uKristu uyi“Mvana exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi” (IsiTyhilelo 13:8); kanti kwakungumgudu nakuKumkani wendalo yonke (iyunivesi) ukunikela uNyana waKhe ukuba afele uhlanga olunetyala. Noko kwakunjalo, “Wenjenje uThixo ukulithanda kwaKhe ihlabathi, ude wancama uNyana waKhe amzeleyo ukuze bonke abakholwayo kuYe bangatshabalali kokobabenobomi obungunaphakade.” Yohane 3:16. Owu! Imfihlelo yokuhlangulwa! Ukuthanda kukaThixo ilizwe elalingamthandi! Ngubani onokuzazi iinzulu zolo thando “ludlula ukwazi”? Kuya kuba zizizukulwana ezingenasiphelo, iingqondo ezingenakufa zizama ukuqonda imfihlelo yolo thando lungenakwaziwa, ziya kumangala zidumise.ANa 63.3

    UThixo wayeza kubonakalaliswa kuKristu “elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi.” 2 Korinte 5:19. Isono samthoba kakhulu umntu emgangathweni kangangokuba kuye ngokwakhe kwabanzima ukuba avumelane naLowo ondalo yaKhe ibubunyulu nokulunga. Noko kunjalo, emva kokuba uKristu emhlangule umntu ekugwetyweni ngumthetho, wakwazi ukumnika amandla ezulu ukuze ahlangane nelinge lomntu. Ngokuguqukela kuThixo nokukholwa kuKristu, abantwana abawileyo baka-Adam babuya kwakhona baba “ngabantwana bakaThixo.” 1 Yohane 3:2.ANa 64.1

    Icebo elikuphela kwalo elalinokuzuza usindiso lomntu, lalibandakanya lonke izulu kumbingelelo walo ongenasiphelo. Iingelosi azizange zikwazi ukuvuya xa uKristu ebeka phambi kwazo icebo lokuhlangulwa; kuba zabona ukuba ukusindiswa komntu kufuneka kubangele intlungu engathethekiyo kuMphathi wazo. Zathi zinentlungu nokukhwankqiswa, zawaphulaphula amazwi aKhe ngexesha ezixelela ngendlela ekufuneka ahle ngayo ukusuka kubunyulu bezulu noxolo, kuvuyo, nobuqaqawuli kunye nobomi bokuba nokungafi, aze ahlangane nokuthotyelwa phantsi kwasemhlabeni, ukuze athwale usizi lwawo, ihlazo, nokufa. Kwakuza kufuneka ame phakathi komoni nesohlwayo sesono; ukanti bambalwa abaya kumamkela njengoNyana kaThixo. Wayeza kushiya isikhundla saKhe esiphezulu njengeNgangalala yezulu, abonakale emhlabeni, azithobe njengomntu, ngamava aKhe aqhelane neentlungu nezihendo ekwakufuneka zithwelwe ngumntu. Konke oku kwakuza kufuneka ukuze akwazi ukunceda abo baza kuhendwa. Hebhere 2:18. Wakuba umsebenzi waKhe njengetitshala uphelile, kuya kufuneka enikelwe kwizandla zabantu abakhohlakeleyo ajongane naso sonke isithuko nokungcungcuthekiswa anokuthi uSathana enze ukuba bamvise kona. Kufuneka afe okona kufa kwakha kwakhohlakala, axhonywe phakathi kwamazulu nehlabathi njengomoni onetyala. Kufuneka achithe iiyure ezinde zentlungu embi kangangokuba iingelosi zazingenako ukuyijonga, kodwa zibugqume ubuso bazo kuloo mbono. Kufuneka athwale uxinzelelo lomphefumlo, ukuzifihla ubuso kukaYise, lo gama ubutyala bolwaphulo-mthetho—ubunzima bezono zehlabathi lonke—bumele ukuba phezu kwaKhe.ANa 64.2

    IingelosizaziwisaphantsiezinyawenizoMkhokeliwazo zazinikelaukubazibengumbingelelongenxayomntu. Phofu ke, ubomi bengelosi babungenako ukulihlawula ityala; kuphela nguLowo wamdalayo umntu owayenawo amandla okumhlawulela. Iingelosi nazo zazinayo into ezaziza kuyenza kwicebo lokuhlangulwa. UKristu waye“ncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu . . . ngenxa yeentlungu zokufa.” Hebhere 2:9. Njengoko wayeza kuthabathela kuYe indalo yomntu, amandla aKhe ayengayi kulingana nawazo, ngoko ke zona kwakuya kufuneka zilungiselele Yena, ukumomeleza nokumthuthuzela, phantsi kokuphatheka kakubi. Zaziza kuba kwangoomoya abalungiselelayo, balungiselele abo babeza kuba ziindlamafa zosindiso. Hebhere 1:14. Zaziza kwalusa amalungu obabalo kumandla eengelosi zobubi nakubumnyama abagutyungelwa ngabo rhoqo nguSathana.ANa 65.1

    Ukuba iingelosi zazinokubona intlungu nokugculelwa kweNkosi yazo, zaziya kuzaliswa yintlungu nokucaphuka zize zifune ukuyihlangula kubabulali baYo; kodwa kwakungayi kufuneka zingenelele ukuze zithintele nantoni ezaziya kuyibona. Kwakuyinxalenye yecebo lokuhlangulwa ukuba uKristu abulaleke ngokugculelwa nokuphathwa kakubi ngabantu abakhohlakeleyo, waza wakuvuma konke oku xa wayesiba nguMhlanguli womntu.ANa 65.2

    UKristu waziqinisekisa iingelosi ukuba, ngokufa kwaKhe uya kuhlawulela abaninzi, amtshabalalise lowo wayenamandla okufa. Wayeya kubuzuza kwakhona ubukumkani obalahlwa ngumntu ngokwaphula umthetho, baze abahlangulweyo bawume kunye naYe, bahlale kuwo ngonaphakade. Isono, kunye naboni, siya kucinywa siphele, singaze sibuye siphazamise uxolo lwezulu okanye lomhlaba. Wasikhuthaza isihlwele seengelosi ukuba zivumelane necebo alamkeleyo uYise, zivuye, kuba, ngokufa kwaKhe, umntu owileyo unako ukuxolelaniswa noThixo.ANa 65.3

    Ngoko uvuyo, olungathethekiyo lona uvuyo, lwazalisa izulu. Uzuko nokusikeleleka komhlaba ohlangulweyo, kwadlula ngaphaya kokubandezeleka nombingelelo weTshawe lobomi. Kuzo zonke iintendelezo zezulu kwahlokoma imigca yokuqala yaloo ngoma yayiza kuvakala kwiinduli zaseBhetelehem—“Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkokelo ebantwini.” Luka 2:14. Ngoku yayivakala ngolonwabo olunzulu kakhulu kunoko kwakunjalo xa kwakuvela indalo entsha, apho “ekumemeleleni kunye kwamakhwezi okusa, [ba]beduma bonke oonyana bakaThixo.” Yobhi 38:7.ANa 65.4

    Emntwini, isaziso sokuqala sokuhlangulwa, savakaliswa kwintetho eyayibhekisa kuSathana esitiyeni. Wathi uYehova, “Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko,wenauyakuyityumza isithende.”Genesis 3:15. Esisigwebo, sithethwe ezindlebeni zabazali bethu bokuqala, kubo yayisisithembiso. Nangona yayixela kwangaphambili imfazwe eyayiza kubakho phakathi komntu noSathana, yayikwavakalisa ukuba, amandla omchasi omkhulu ayeya kwaphulwa ekugqibeleni. UAdam noEva babeza kuma njengabaphuli-mthetho phambi koMgwebi olilungisa, balindele isigwebo esabangelwa kukwaphulwa komthetho; kodwa, ngaphambi kokuba beve ngobomi bokusebenza nzima nentlungu ekwakuza kufuneka ibe yinxalenye yobomi babo, okanye umthetho othi kuza kufuneka babuyele eluthulini, baya baphulaphula amazwi awayengenako ukusilela ukubanika ithemba. Nangona kufuneka bephetheke kakubi kwigunya lotshaba lwabo olunamandla, kwakuya kufuneka bakhangele phambili kuloyiso lokugqibela.ANa 65.5

    Wathi uSathana akuva ukuba kumele kubekho ubutshaba phakathi kwakhe nomfazi, naphakathi kwembewu yakhe (Sathana) nembewu yomfazi, wayazi into yokuba umsebenzi wakhe wokonakalisa indalo yoluntu uya kuphazanyiswa; nokuba, ngandlela ithile, umntu uya kunikwa isakhono sokumelana negunya lakhe. Lathi lakwandlalwa ngokupheleleyo icebo losindiso, uSathana, enezithunywa zakhe wavuya, kuba, akuba emwisile umntu, wakwazi nokumhlisa uNyana kaThixo kwisikhundla saKhe esiphezulu. Wavakalisa ukuba, amacebo akhe ukuza kufikelela ngoko, abe yimpumelelo emhlabeni, nokuba, ukuba uthabathele kuYe (uNyana) imvelo yomntu, naYe angoyiswa, ukuze kube kuthintelwe ukuhlangulwa kohlanga oluwileyo.ANa 66.1

    Iingelosi zezulu zalityhila ngokupheleleyo ngakumbi kubazali bethu bokuqala icebo elalilungiselwe ukusindiswa kwabo. UAdam neqabane lakhe baqinisekiswa ukuba, nangona sisikhulu isono sabo, babengasayi kuyekelwa ekulawulweni nguSathana. UNyana kaThixo wanikela ukuba acamagushele ngobomi baKhe ukreqo lwabo. Babeya kulinikwa ithuba lenceba, baze bathi, ngokuguquka nokukholwa kuKristu, babuye kwakhona babe ngabantwana bakaThixo.ANa 66.2

    Umbingelelo ofunwe lukreqo lwabo, watyhila kuAdam noEva isimilo esingcwele somthetho kaThixo; baza babona, ngendlela abangazanga babona ngayo ngaphambili, ubutyala besono neziphumo zaso ezibi. Ngokuzisola nangentlungu, bacela ukuba isohlwayo singawi phezu kwaLowo othando lwaKhe lwalulithende lovuyo lwabo; endaweni yoko sihle phezu kwabo nenzala yabo.ANa 66.3

    Baxelelwa ukuba, njengoko umthetho kaYehova usisiseko solawulo lwaKhe ezulwini nasemhlabeni, kwa ubomi bengelosi babungenako ukwamkelwa njengombingelelo wokwaphulwa kwawo. Akukho namnye umyalelo wawo owawungasuswa okanye uguqulwe ukuhlangabezana nomntu kwimeko yokuwa kwakhe; kodwa uNyana kaThixo,owayedale umntu, wayenakoukwenza ucamagushongenxa yakhe. Njengoko ukwaphula umthetho kuka-Adam kwazisa inkxwaleko nokufa, wona umbingelelo kaKristu uya kuzisa ubomi nokungabi nakufa.ANa 66.4

    Asingumntu kuphela, kodwa nomhlaba owathi ngenxa yesono wangena phantsi kwegunya lokhohlakeleyo, nekwakufuneka ubuyiselwe ngecebo lokuhlangulwa. Ekudalweni kwakhe, uAdam wabekwa wanobukhosi phezu komhlaba. Ngokuyekela kwisihendo, wangena phantsi kwegunya likaSathana. “Lowo athi ubani oyiswe nguye, ukhonzisiwe nokukhonziswa kuye.” 2 Petros 2:19. Wathi umntu akuba libanjwa likaSathana, ubukhosi bakhe badlulela kumoyisi wakhe. Kungoko ke wathi uSathana wangu“thixo lweliphakade.” 2 Korinte 4:4. Wabuphanga ubukhosi phezu komhlaba obabunikwe uAdam kwasekuqalekeni. Sekunjalo, uKristu, ngombingelelo waKhe ohlawulela isohlwayo sesono, wayengayi kumhlangula umntu nje kuphela, kodwa wayeya kumbuyisela ubukhosi awabulahlayo. Konke okwalahleka kowokuqala uAdam kuya kubuyiselwa ngowesibini. Uthi umprofeti, “Wena ke, nqaba ende yomhambi, nduli yentombi enguZiyon, luya kuza lufikelele kuwe olwangaphambili ulawulo.” Mika 4:8. Umpostile uPawulos walatha phambili kwixesha “[lo]kukhululeka ngentlawulelo kwabo baziinqobo.” Efese 1:14.ANa 67.1

    UThixo wawudala umhlaba ukuba ube yindawo yokuhlala abantu abangcwele nabonwabileyo. UYehova “nguye umdali wamazulu; ngenene nguye oyena-yena Thixo. Ihlabathi eli labunjwa nguye; walenza waza walizinzisa. Akalenzanga laba ngumqwebedu obharhileyo; walenzela ukuze limiwe luluntu.” Isaya 45:18, IBHAYIBHILE. Loo njongo iya kuzaliseka, xa, uthe wenziwa mtsha ngamandla kaThixo, wakhululwa esonweni nasentlungwini, uya kuba yindawo yokuhlala abahlanguliweyo. “amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe, ahlale kulo ngonaphakade.” “Akusayi kuba sabakho nasinye isiqalekiso; yaye itrone kaThixo neyeMvana iya kubakho kuwo; abakhonzi bakhe bamkhonze, babubone ubuso bakhe, negama lakhe libe semabunzini abo.” Ndumiso 37:29; IsiTyhilelo 22:3.ANa 67.2

    UAdam kubumsulwa bakhe, wayesonwabela ukuxhumana noMenzi wakhe; kodwa, isono senza kwabakho umsantsa phakathi koThixo nomntu, kwaye ilucamagusho lukaKristu kuphela olwalunokuvala umwonyo, ukuze lukwazi uqhagamshelwano lwentsikelelo okanye losindiso ukuphuma ezulwini luze emhlabeni. Umntu wayesamisiwe ukuba aye ngqo kuMdali wakhe, kodwa uThixo wayeza kuthetha naye ngoKristu nezithunywa zezulu.ANa 67.3

    Watyhilelwa uAdam iziganeko ezibalulekileyo zembali yoluntu, kususela ekuwisweni kwesigwebo sezulu e-Eden, kuye kuNogumbe, kubheke phambili ekufikeni kokuqala kukaNyana kaThixo. Waboniswa ukuba, nangona umbingelelo kaKristu unexabiso elifaneleyo ukuba liwusindise wonkeumhlaba,baninzi abaya kukhethaubomibesonoendaweniyokuguqukanokuthobela.Ulwaphulo-mthetho lwaluza kwanda kwizizukulwana ezilandelelanayo, size isono sizinze ngakumbi phezu kohlanga loluntu, phezu kwezilwanyana, naphezu komhlaba. Imihla yomntu iya kwenziwa mifutshane ngenxa yendlela yakhe yesono; uya kuhla kwisithomo somzimba, ekunyamezeleni nakumandla okuziphatha nawengqondo, lide ilizwe lizaliswe yinkxwaleko yazo zonke iindidi. Ngokuziyekela ukuthandeni ukutya nasenkanukweni, abantu abayi kukwazi ukumela ngokwabo iinyaniso zecebo lokuhlangulwa. Noko kunjalo, uKristu, ngokunyaniseka kwaKhe kwinjongo yaKhe awashiya izulu ngenxa yayo, wayeya kuqhubeka nokubakhathalela abantu, abamemele kuYe ukuba babufihle kuYe ubuthakathaka neziphako zabo. Uya kubanika oko bakusweleyo bonke abeza kuYe ngokholo. Baya kuhlala bekho abo bambalwa baya kukugcina ukumazi uThixo bahlale bengaphazanyiswa nto phakathi kobugwenxa obugqubayo.ANa 67.4

    Iminikelo yamadini yamiselwa nguThixo ukuba ibe sisikhumbuzo esingunaphakade emntwini, nokuvuma isono sakhe okuthe rhoqo, nesivumo senkolo yakhe kuMhlanguli othenjisiweyo. Kwakujongwe ukuba ishicilele ezingqondweni zohlanga oluwileyo inyaniso ezukileyo yokuba, sisono esibange ukufa. KuAdam, umnikelo wombingelelo wokuqala, wawuyeyona nkonzo ibuhlungu. Kwafuneka esiphakamisile isandla sakhe ukuba akhuphe ubomi, inguThixo yedwa onokubunika. Kwakulixesha lokuqala ukuba abone ukufa, wazi ukuba, ukuba wayemthobele uThixo, ngekwakungazange kwabakho ukufa komntu okanye isilwanyana. Wathi xa ebulala ixhoba elimsulwa, wangcangcazela akucinga ukuba isono sakhe siza kuphalaza igazi elingenachaphaza leMvana kaThixo. Lo mbono wamnika ingqondo enzulu necace kakhulu ngobukhulu bokwaphula kwakhe umthetho, ekungekho nto inokucamagushela ngaphandle kokufa koNyana othandwayo kaThixo. Wamangaliswa kukulunga okungenamda okwanika intlawulo enjalo ukusindisa aboni. Inkwenkwezi yethemba yakhanyisa ixesha elizayo elimnyama nelibi, yayisusa kulo ixesha elo intshabalaliso epheleleyo.ANa 68.1

    Icebo lokuhlangula lalinenjongo enobubanzi nobunzulu obungaphezulu kokusindisa umntu. Wayengazelanga oku kuphela uKristu emhlabeni; kwakungaphelelanga ekubeni abemi beli lizwana baxabise umthetho kaThixo njengoko umele ukuxatyiswa; kodwa kwakukho nokutyhila isimilo sikaThixo kuyo yonke iyunivesi. Kwesi siphumo sombingelelo waKhe omkhulu-kwimpembelelo yawo kwizidalwa zamanye amazwe, nasemntwini-kulapho wayekhangele khona uMsindisi xa, kanye, phambi kokuba abethelelwe, wathi: “Kungoku ukugwetywa kwalo eli hlabathi; kungoku umphathi walo elihlabathiayakukhutshelwa phandle.Mnake,ukubandithe ndaphakanyiswa emhlabeni, ndiya kubatsalela bonke kum.” Yohane 12:31, 32. Isenzo sikaKristu sokufela ukusindisa umntu sasingayi kwenza nje kuphela ukuba izulu lifikeleleke eluntwini, kodwa, phambi kwayo yonke iyunivesi, sasiya kumgwebela uThixo noNyana waKhe kwindlela abaphatha ngayo uvukelo lukaSathana. Sasiya kumisela ukuba unaphakade womthetho kaThixo utyhilile indalo nesiphumo sesono.ANa 68.2

    Kususela kwasekuqaleni, imbambano enkulu yayingomthetho kaThixo. USathana wayefuna ukubonisa ukuba uThixo wayengenabo ubulungisa, umthetho waKhe wawunamakhwiniba, nokuba ukuze kulunge kwiyunivesi yonke kwakufuneka uguqulwe. Ngokuhlasela umthetho, wayejonge ekubhukuqeni iMbangi wawo. Kwimbambano kwakufuneka kucacile ukuba imiyalelo yezulu ineziphako, ngoko inako ukuguqulwa, okanye igqibelele, ngenxa yoko ayinako ukuguqulwa.ANa 69.1

    Wathi uSathana akulahlelwa ngaphandle kwezulu, wazimisela ukuba amise ubukumkani bakhe emhlabeni. Wathi akulinga amoyise uAdam, wacinga ukuba uwufumene wangowakhe wonke umhlaba; “kuba,” watsho, “bandikhethile ukuba ndibe ngumlawuli wabo.” Wathi akunakuze kwenzeke ukuba umoni axolelwe, ngenxa yoko, uhlanga oluwileyo ngabantu abaphantsi kwakhe, nomhlaba wonke ngowakhe. UThixo wanikela ngoNyana waKhe amthandayo-olingana naYe-ukuba athwale isohlwayo solwaphulo-mthetho, ngolo hlobo waba uvula indlela ababeya kuthi ngayo babuyiselwe eluthandweni lwaKhe, babuyiselwe ekhayeni labo, iEden. UKristu wazimisela ukumhlangula umntu, alisindise nehlabathi kwisandla sikaSathana. Imbambano enkulu eyaqala ezulwini yayiza kuqosheliswa kanye kweli hlabathi, kule ntsimi inye, ayibangayo njengeyakhe uSathana.ANa 69.2

    Kwaba ngummangaliso kuyo yonke indalo/yunivesi ukuba uKristu azithobe ukuba asindise umntu owileyo. Into yokuba Lowo utyhutyhe zonke iinkwenkwezi, namazwe ngamazwe, esongamela konke, ngokwazelela kwaKhe enika konke okufuneka kuzo zonke iindidi zezidalwa kububanzi bonke bendalo yaKhe-avume ukushiya ubuqaqawuli baKhe athabathele kuYe indalo yomntu, yaba yimfihlelo ezazilangazelela ukuyiqonda zonke izidalwa ezinengqondo zamanye amazwe. Wathi uKristu akuza kulo mhlaba wethu ekwimo yobuntu, zonke [izidalwa] zaba nomdla omkhulu wokumlandela, xa wayehamba, kwinyathelo ngalinye, indlela engcoliswe ligazi ukusuka emkhombeni wesitali ukuya eKhalvari. Izulu laphawula isithuko nesigculelo awazifumanayo, lazi ukuba kwakungenxa yokufunza kukaSathana. Kwaphawulwa ukuba umsebenzi wezithunywa ezichasayo ubheka phambili; uSathana uthe rhoqo enyanzela ubumnyama, usizi, nokubulaleka phezu kohlanga, noKristu ewuchitha [loo msebenzi].Babukelaidabiphakathi kokukhanyanobumnyamalisiyalikhula. Ngexesha uKristu, ekwintlungu yokuphela kwaKhe emnqamlezweni, ekhala esithi, “Kugqityiwe!” (Yohane 19:30), intsholo yoloyiso yahlokoma kulo lonke ilizwe, nasezulwini ngokwalo. Ukhuphiswano olukhulu olwalukade luqhubeka kweli lizwe lwada lwanecala. UKristu wangumoyisi. Ukufa kwaKhe kwanika impendulo kumbuzo wokuba, kakade uYise noNyana banalo ngokwaneleyo na uthando emntwini kangangokuba bangade babe nokuzincama, nomoya wokuzinikela. USathana wasityhila esona similo sakhe njengexoki nombulali. Kwabonwa ukuba, kanye lo moya alawule ngawo abantwana babantu ababephantsi kolawulo lwakhe, ngewawubonakalalisa ukuba wayevunyelwe ukuba alawule izidalwa ezinengqondo zasezulwini. Yonke iyunivesi yahlangana ngazwi-nye ukuphakamisela phezulu ulawulo lwezulu.ANa 69.3

    Ukuba umthetho wawunokuguqulwa, umntu ngewasindiswa ngaphandle kombingelelo kaKristu; kodwa kwa-ukuba kufuneke ukuba uKristu anikele ngobomi baKhe ngenxa yohlanga oluwileyo, ibonisa ukuba umthetho kaThixo awuyi kumkhulula umoni kumabango awo phezu kwakhe. Kubonakaliswa ukuba umvuzo wesono kukufa. Ngokufa kukaYesu, intshabalalo kaSathana yaqinisekiswa. Ukuba umthetho wawubhangisiwe emnqamlezweni, njengoko besitsho abaninzi, intlungu nokufa kukaNyana kaThixo kungaba kwakuqonde ukunika uSathana kanye le nto wayeyifuna; ibe yoyisile inkosana yobubi, zibe zixhasiwe izityholo ezazibekwa ngakulawulo lwezulu. Kwale nto yokuba uKristu athwale ukohlwaywa kokwaphulwa komthetho ngumntu, yingxoxo enamandla kuzo zonke izidalwa ezinengqondo ukuba umthetho awunako ukuguqulwa; nokuba uThixo ulilungisa, unenceba nokuzincama; nokuba ubulungisa obungenasiphelo kunye nenceba ziyahlangana ekumiseleni ulawulo lwaKhe.ANa 70.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents