Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    9—Iveki Eqhelekileyo

    NjengeSabatha, iveki yavela endalweni, kwaye yagcinwa yaziswa kuthi ngembali yeBhayibhile. UThixo ngokwaKhe wayilinganisela iveki yokuqala njengomzekelo weeveki ezilandelayo kude kube sekupheleni kwexesha. Njengayo nayiphina, yayinemihla esixhenxe le yesiqhelo. Imihla emithandathu yasetyenziswa kumsebenzi wokudala; kwaza ngowesixhenxe, uThixo waphumla, wawusikelela lo mhla wawubeka bucala njengomhla wokuphumla komntu.ANa 111.1

    Kumthetho owanikelwa eSinayi, uThixo uqaphela iveki, kunye nezinto exhomekeke kuzo. Emva kokuba enike umyalelo, “Khumbula umhla weSabatha, ukuba uwungcwalise,” waza waqinisekisa into emayenziwe ngemihla emithandathu, nento emayingenziwa ngowesixhenxe, unika isizathu sokuyigcina ngolo hlobo iveki, ngokuthi alathe emva kowaKhe umzekelo: “Kuba ngemihla emithandathu uYehova wenza izulu, nomhlaba, nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto, waphumla ngomhla wesixhenxe; ngenxa yoko uYehova wawusikelela umhla wesabatha, wawungcwalisa.” Eksodus 20:8-11. Esi sizathu sikhangeleka sisihle sikwanyanzelisa xa siqonda ukuba imihla yokudala yile iqhelekileyo. Imihla emithandathu yokuqala kwiveki nganye, inikwe umntu ukuba ibe yeyokusebenza, kuba uThixo wasebenzisa kwaelo xesha leveki yokuqala kumsebenzi wokudala. Ngomhla wesixhenxe, umntu kufuneka awuyeke umsebenzi, enze isikhumbuzo sokuphumla koMdali.ANa 111.2

    Ukucingela ukuba iziganeko zeveki yokuqala zazidinga amawaka ngamawaka eminyaka, kubetha kanye kwisiseko somthetho wesine. Kumveza uMdali eyalela abantu ukuba baqaphele iveki yeentsuku zesiqhelo ukukhumbula intabalala yexesha elingacacanga. Le nto ayifani nendlela uThixo asebenza ngayo nezidalwa zaKhe. Kwenza ukuba ingaqiniseki koko isithele into ayenze yacaca. Kukungakholwa okufihlakeleyo okuyingozi enkulu; obona bume babo bufihlakele kakhulu kangangokuba kuyamkelwa bufundiswe ngabaninzi abathi bayayikholelwa iBhayibhile.ANa 111.3

    “Lenzeka ngelizwi likaYehova izulu, umkhosi walo lonke ngomoya womlomo wakhe.” “Ngokuba wathetha, kwabakho; wawisa umthetho yena, kwema.” Ndumiso 33:6, 9. I-Bhayibhile ayivumelani nomtyhutyhumezo weminyaka emininzi ekwathi ngayo umhlaba wasombuluka kancinane ukhula uphuma enyanyeni esisiphithiphithi. Xa ithetha ngemini nganye ngokulandelelana kwazo, ingxelo engcwele ibabaza ukuba yayinokuhlwa nemini, njengayo yonke eminye imihla eyalandelayo. Ekupheleni kosuku ngalunye, kunikwa isiphumo somsebenzi woMdali. Intetho eyenziwa ekupheleni kwengxelo yeveki yokuqala ithi, “Yiyo le ke inzala yamazulu nehlabathi ekudalweni kwezo zinto.” Genesis 2:4. Le nto ayiniki ngqondo ethi iintsuku zokudala zaziyinto eyahlukileyo kwiintsuku eziqhelekileyo. Usuku ngalunye lwalubizwa ngokuba sisizukulwana, kuba ngalo uThixo waqala, okanye waveza, into entsha kumsebenzi waKhe.ANa 112.1

    Iinzululwazi ngokwakhiwa komhlaba zithi zifumana ubungqina emhlabeni ngokwawo ukuba mdala kakhulu kunokuba ifundisa ingxelo kaMoses. Amathambo abantu nezilwanyana, nezixhobo zokulwa, imithi ejike yangamatye, njalo njalo, izinto ezinkulu kakhulu kunezikhoyo ngoku, okanye ezazikho kumawaka eminyaka, zafunyanwa, kuze kuthiwe, koku kubonakala ukuba umhlaba wawumiwe kudala ngaphambi kwexesha elivezwa kwingxelo yendalo, nangabantu ababengaphezulu kakhulu ngobukhulu kubantu abaphila ngeli xesha. Ukuzathuza ngolo hlobo kukhokelele uninzi oluthi luyakholwa eBhayibhileni ukuba luthabathe indawo ethi, imihla yokudala yayiyintabalala yexesha elingacacanga.ANa 112.2

    Ingekho imbali yeBhayibhile, ubunzululwazi ngokwakhiwa komhlaba akukhonto bukwazi ukuyivavanya. Abo bathetha ngesibindi ngezinto obuzifumeneyo abanalwazi lwaneyo ngobukhulu babantu, izilwanyana, nemithi phambi kukaNogumbe, okanye iinguqulelo ezinkulu ezenzekayo ngelo xesha. Iintsalela [zabantu nezinto] ezifunyanwa emhlabeni ziyabunika ubungqina beemeko ezahluke ngeendawo ezininzi kwezangoku, kodwa ixesha ezazikho ngalo ezi meko lingafundwa kuphela kwiNgxelo ePhefumlelweyo. Kwimbali kaNogumbe, impefumlelo ichaze oko ubunzululwazi ngokwakhiwa komhlaba bungeze buthi bubodwa bufikelele kubunzulu bako. Ngemihla kaNogumbe abantu, izilwanyana, nemithi, izinto ezaziphindwe kaninzi ngobukhulu kwezi zikhoyo ngoku, zonke zangcwatywa, njalo zaba ziyagcinakala ukuze zibe bubungqina kwizizukulwana ezilandelayo bokuba, konke okwakukho phambi koNogumbe kwatshabalala emanzini. UThixo wenza ukuba ukufunyanwa kwezi zinto kumilisele ukholo kwimbali ephefumlelweyo; kodwa abantu, ngokuxoxa kwabo okungento, bawa kwa-kuloo mpazamo babewe kuyo abantu baphambi koNogumbe-izinto awabanika zona uThixo ukuba zibe luncedo, bazijika bazenza isiqalekiso ngokuzisebenzisa gwenxa.ANa 112.3

    Lelinye lamacebo kaSathana ukuba abantu bamkele iintsomi zokungakholwa; kuba ngaloo ndlela angawusithelisa umthetho kaThixo, ocacileyo phofu wona, aze abenze abantu babe nesibindi sokuvukela ulawulo lwezulu. Amalinge akhe abhekise ngokukodwa kumthetho wesine, kuba walatha ngokucacileyo kuThixo ophilayo, uMenzi wamazulu nomhlaba.ANa 113.1

    Kukho ilinge elizingileyo lokuchaza umsebenzi wokudala njengesiphumo sokwenziwa yimvelo; kwaye kusamkelwa ukucinga kwabantu nangabo bazibiza ngoKristu, ekuchaseni iinyaniso ezicacileyo zesiBhalo. Baninzi abachasana nophengululo lwesiprofeto, ngakumbi esikaDaniyeli nesiTyhilelo, besithi, zifihlakele kakhulu ukuba singaziqonda; ukanti kwabona abo bantu, bamkela iingcamango zabaphanda ngomhlaba, ngokuchasene nengxelo kaMoses. Ukuba ke oko uThixo akutyhilileyo kunzima kakhulu ukuba kuqondwe, leyo yinto engahambelaniyo kakhulu nokwamkela iingcamango nje ezimalunga noko angakutyhilanga!ANa 113.2

    “Izinto ezisitheleyo zezikaYehova uThixo wethu; izinto ezityhilekileyo zezethu, nezoonyana bethu kude kuse ephakadeni.” Duteronomi 29:29. Indlela uThixo awawufeza ngayo umsebenzi wokudala ayizange yatyhilwa ebantwini; ubunzulu-lwazi bomntu abungeze buziphande iimfihlelo zOsenyangweni. Amandla aKhe okudala anqabe kakhulu ukuba aziwe njengobukho baKhe.ANa 113.3

    UThixo uvumele ukuba isikhukula sokukhanya sithululwe phezu komhlaba kwisayensi nasebuchuleni; kodwa xa abaziwa ngokuba ngoososayensi beyiphatha imiba elolu hlobo ngokweembono zabantu nje, ngokuqinisekileyo baya kufikelela kwizigqibo ezingezizo. Kunokuba msulwa kona ukucinga ngaphaya koko kufumaneka eziBhalweni; kodwa, abo balishiyayo ilizwi likaThixo, bafune ukunika ingxelo ngemisebenzi yaKhe ayidalileyo besebenzisa imithetho-siseko yesayensi, badukuda kulwandle olungaziwayo ngaphandle kwemaphu nesalatha-mbombo [ikhampasi]. Ezona ngqondo zinkulu, ukuba azikhokelwa lilizwi likaThixo kuphando lwazo, ziyadideka kwimizamo yazo yokulanda ulwalamano lwesayensi nentyilelo. Ngenxa yokuba uMdali nemisebenzi yaKhe ekude kakhulu kulwazi lwabo kangangokuba bangakwazi ukumchaza ngemithetho yemveli, basuka bayithabathe imbali yeBhayibhile njengengathembekanga. Abo bangayithembanga into yokuba kunokuxhonyekekwa kwiingxelo zeTestamente eNdala neNtsha, unyawo lwabo luya kukhokelelwa phambili, ekuthandabuzeni ubukho bukaThixo; baze bathi, belahlekwe yiankile yabo, basale bentlitheka kumawa okungakholwa.ANa 113.4

    Aba bantu babulahlile ubulula bokholo. Kufuneka kubekho inkolo ezinzileyo kwigunya lezulu leLizwi eliNgcwele likaThixo. Akufuneki iBhayibhile ivavanywe ngeengcamango zolwazi lwabantu. Ulwazi lomntu lungumkhokeli ongathembekanga. Abathandabuzi abayifunela uchuku iBhayibhile, ngolwazi olungagqibelelanga lwesayensi okanye lwentyilelo, banokuthi bafumana okuphikisanayo kwezo zinto; kodwa ukuba zithi ziqondwe kakuhle, zihambelana ngokupheleleyo. UMoses wabhala ekhokelwa nguMoya kaThixo, kwaye ulwazi olululo ngomhlaba alusayi kuze lufumane izinto ezingekhe zihambelane noko akubhalileyo. Yonke inyaniso nokuba sisendalweni okanye kwintyilelo, ihleli inye ngazo zonke iindlela ethi izibonakalise ngazo.ANa 114.1

    Elizwini likaThixo kukho imibuzo engekhe iphendulwe nazezona ngcungela zezifundiswa. Ingqondo itsalela kule miba ukubonisa ukuba kungakanani okukhoyo, nakwizinto eziqhelekileyo zamihla le zobomi, ezithi iingqondo eziphelelwayo, zinako konke ukuzigwagwisa, zingaze zizazi ngokupheleleyo.ANa 114.2

    Sekunjalo, bona abantu besayensi bacinga ukuba banokubazi ubulumko bukaThixo, oko wakwenzayo okanye anokukwenza. Kakhulukazi, kukho ingqondo ethi uyalawulwa yimithetho yaKhe. Abantu bayabukhanyela okanye babubethisa ngoyaba ubukho baKhe, okanye bacinga ukuba bangachaza yonke into, kwa-indlela asebenza ngayo uMoya Oyingcwele entliziyweni yomntu; baze bangabi salihlonipha igama laKhe okanye bawoyike amandla aKhe. Abakholelwa kokungaphezu kwendalo, kuba bengayiqondi imithetho kaThixo, okanye amandla aKhe engenamda asebenza intando yaKhe ngabo (abantu). Njengoko sisetyenziswa rhoqo, isaci “imithetho yendalo” sibhekisa koko bakwazileyo abantu ukukufumana mayela nemithetho elawula ilizwe eli limiyo; kodwa, hayi ukunqongophala kolwazi lwabo, nobubanzi bendawo asebenza kuyo uMdali, ehambelana neyaKhe imithetho, ibe ingaphaya kokuqonda kwezidalwa ezinomda!ANa 114.3

    Abaninzi bafundisa ukuba into (ephathwayo) inamandla ayo [ayilawulayo] nokuthi zikho izakhono ezithile ezikule nto, ize ishiywe ukuba isebenze ngokwamandla lawo akhoyo kuyo; nokuba ukusebenza kwendalo kuhambelana nemithetho emiliselwe kuyo, angenako ukuyiphazamisa noThixo ngokwaKhe. Le sayensi ibubuxoki, ayixhaswa lilizwi likaThixo. Indalo isisicaka soMdali wayo. UThixo akayichithi imithetho yaKhe okanye asabenze ngokuchasene nayo, kodwa uthi rhoqo eyisebenzisa njengezixhobo zaKhe. Indalo ingqina ngobulumko, ubukho, amandla aphilayo, asebenza kuyo nangayo imithetho yayo. Endalweni kukho ukusebenza kukaYise noNyana okuhleli kuqhubeka. UKristu uthi, “UBawo uyasebenza kude kube ngoku, nam ndiyasebenza.” Yohane 5:17.ANa 114.4

    AbaLevi, kwingoma yabo ebhalwe nguNehemiya, bacula besithi, “Wena unguYehova wedwa, wena wenza izulu, izulu lawo amazulu, nomkhosi wawo wonke, umhlaba nento zonke ezikhona, . . . uzidlisa ubomi zonke ezo zinto.” Nehemiya 9:6. Ngokubhekiselele kweli lizwe, umsebenzi kaThixo wokudala wagqitywa njengoko “imisebenzi yenziwayo kususela ekusekweni kwehlabathi.” Hebhere 4:3. Noko kunjalo, amandla aKhe asasebenza ukubamba izinto zendalo yaKhe. Asikokusebenza kukamatshini ofakwe ngaphakathi oqhubeka nokuzisebenzela ngamandla awo emveli owenza ukuba kubethe intliziyo nomphefumlo uphume ungena; koko wonke umphefumlo, konke ukubetha kwentliziyo, kubonakalisa inkathalo esebenzayo yaLowo ekungaYe ukuba sibe “sihleli, siyashukuma, sikho.” Zenzo 17:28. Asikuba kukho amandla emveli ukuba umhlaba nyaka nonyaka uvelise ubutyebi bawo nokuba uqhubeke nokushukuma kwawo ujikeleza ilanga.ANa 115.1

    Isandla sikaThixo sikhokela amazwe siwagcine esendaweni yawo ejikeleza emazulwini. “Ngulokhupha umkhosi wazo ngamaqela, uzibiza zonke ziphela ngamagama, ngenxa yobukhulu bokomelela, ekhaliphile ngamandla; akusali nanye.” Isaya 40:26. Kungamandla aKhe oluthi utyani lutyatyambe, ekuthi kuvele amagqabi neentyatyambo ziqhakaze. U“ntshulisa utyani ezintabeni.” (Ndumiso 147:8), kuthi ngaYe iintili ziqhame. “Zonke izidalwa eziphilayo, ukusukela kwesona sinambuzane sincinane kuse emntwini, yonke imihla zixhomekeka ekwazeleleni kokukhathala kwaKhe. Ngokwamazwi amahle omdumisi, “Onke amarhamncwa ehlathi. . . . [azizilwanyana e]zifuna ukudla kwazo kuThixo. . . . Zonke ezo nto ziphela zikhangele kuwe, . . . . Uyazinika, ziyachola; Uyasivula isandla sakho, ziyahlutha kokulungileyo.” Ndumiso 104:20, 21, 27, 28. Ilizwi laKhe lilawula amandla endalo [ukuba] ambathise amazulu ngamafu aze alungiselele umhlaba imvula. “Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza.” Ndumiso 147:16. “Uthi akuduma kuyaluzele amanzi asesibhakabhakeni, kufunquke amafu emaphethelweni omhlaba. Uthumela umbane kunye nemvula, athulule uMoya koovimba bakhe.” Jeremiya 10:13, IBHAYIBHILE.ANa 115.2

    UThixo usisiseko sayo yonke into. Lonke ulwazi lwenene luyahambelana nemisebenzi yaKhe; yonke imfundo eyinene ikhokelela ekuthobeleni ulawulo lwakhe. Isayensi iveza izinto ezimangalisayo ezintsha ukuba sizibone; iyenyuka iye phezulu, ihle iphande iinzulu ezintsha; sekunjalo, ayizi nanto intsha kuphando lwayo engqubana nentyilelo yezulu. Ukuswela ulwazi kungazama ukuxhasa iimbono ezingezizo ngoThixo ngokubhenela kwisayensi, kodwa incwadi yendalo nelizwi elibhaliweyo zinikana ukukhanya. Ngenxa yaloo nto sikhokelelwa ekubeni simnqule uMdali nokuba silithembe ngobulumko ilizwi laKhe.ANa 115.3

    Ayikho ingqondo ephelelwayo enokubuqonda ngokupheleleyo ubukho, amandla, ubulumko, okanye imisebenzi yaLowo ungenasiphelo. Umbhali ongcwele uthi: “Unokufikelela na ezingontsi-ngontsini zikaThixo? Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla? Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na? Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwakhe, Kubanzi kunolwandle.” Yobhi 11:7-9. Ezona ngqondo zinamandla zasehlabathini azinakho ukumqonda uThixo. Abantu bangaphanda bangayeki, bafunde bangayeki, kodwa kuhleli kukho okungenasiphelo abangakufikeleliyo.ANa 116.1

    Yona imisebenzi yendalo ingqina ngamandla nobukhulu bukaThixo. “Izulu libalisa uzuko lukaThixo. Saye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.” Ndumiso 19:1. Abo balithabatha ilizwi elibhaliweyo njengomcebisi wabo, baya kufumana kwisayensi uncedo lokuba bamqonde uThixo. “Iindawo zakhe ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, nezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze bangabi nakuziphendulela.” Roma 1:20.ANa 116.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents