Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    Intshayelelo

    Lo mqulu uphethe imiba yembali yeBhayibhile, imiba engekho mitsha yona, ukanti apha ibekwe ngendlela eyenza ukuba inike intsingiselo entsha, etyhila imithombo yezenzo, ebonisa igalelo elibalulekileyo lweentshukumo ezithile, ukhanyisa ngokukhulu ezinye iindawo ezirheshiweyo nje eBhayibhileni. Ngoko ke, ithi imiboniso ibe nokucaca nokubaluleka okuthi kube kutsha kunike iimbono ezihlalayo engqondweni. Ukukhanya okunjalo kuziswe esiBhalweni ukuze kutyhile ngakumbi nangokupheleleyo isimilo kunye neenjongo zikaThixo; ukuveza elubala amaqhinga kaSathana kwaneendlela ekuya kuthi ngazo, ekugqibeleni, oyiswe amandla akhe; ukuzisa ekuhleni ubuthakathaka bentliziyo yomntu, nokubonisa indlela oluthe ubabalo lukaThixo lwamenza ngayo umntu ukuba abe ngumoyisi kwidabi lobubi. Konke oku kuhambelana nento uThixo ayibonisileyo, yokuba, yinjongo yaKhe ukwandlala phambi kwabantu iinyaniso zelizwi laKhe. Isenzeleli ekuthe ngaso kwanikelwa ezi zityhilelo, siboniwe—xa sihlolisiswa ngeziBhalo—ukuba yenye yeendlela uThixo asazisebenzisayo ukunika umyalelo kubantwana babantu.ANa 19.1

    Naxa kungasenjengoko kwakunjalo ekuqalekeni, xa umntu, ebungcweleni nakubumsulwa bakhe, wayewufumana ngokuthe ngqo umyalelo kuMenzi wakhe, nangoku umntu akashiywanga ngaphandle komfundisi wezulu athe uThixo wamnika njengommeli waKhe, uMoya Oyingcwele. Kungoko simva umpostile uPawulos evakalisa ukuba “ukhanyiso” oluthile lwezulu lulilungelo lwabalandeli bakaKristu; nokuba “baba ngamadlelana ngoMoya Oyingcwele.” Hebhere 10:32; 6:4. NoYohane ukwathi, “Nina ninentambiso evela kOyingcwele.” 1 Yohane 2:20. UKristu ngokwaKhe wabathembisa abafundi, xa wayeza kubashiya, ukuba uya kubathumela uMoya Oyingcwele njengomthuthuzeli nomkhokeli oya kubakhokelela kuyo yonke inyaniso. Yohane 14:16, 26. [19]ANa 19.2

    Ukubonisa ukuba esi sithembiso sasiya kuzaliseka njani ebandleni, umpostile uPawulos, kwiileta zakhe ezimbini, uvakalisa ngokufanelekileyo ukuba izipho ezithile zikaMoya ziye zabekwa ebandleni ukuze lakheke liqeqeshwe kude kuse ekupheleni kwexesha. 1 Korinte 12; Efese 4:8-13; Mateyu 28:20. Akuphelelanga apha: iqela leziprofeto ezicacileyo neziphandle zixela ukuba, ngemihla yokugqibela, kuya kubakho ukuthululwa ngendlela eyodwa kukaMoya Oyingcwele, nokuba ibandla liya kuba lifumene, kumava alo okugqibela, “ubungqina bukaYesu,” obungumoya wesiprofeto. Zenzo 2:17-20, 39; 1 Korinte 1:7; IsiTyhilelo 12:17; 19:10. Kwezi nyaniso, sibona ubungqina bokukhathala kukaThixo kunye nothando lwaKhe ngabantu baKhe; kuba, ubukho bukaMoya Oyingcwele njengomthuthuzeli, ititshala, inkokeli, hayi ngendlela nje eqhelekileyo, kodwa ngendlela engaphezulu, iindlela zokusebenza, ngokwenene buyafuneka (ubukho bakhe uMoya) ebandleni xa lingena kwiingozi zemihla yokugqibela, ngaphezu kwayo nayiphi indawo kumava alo.ANa 20.1

    IziBhalo zalatha amajelo aliqela athe wawawasebenzisa uMoya Oyingcwele ezintliziyweni nasezingqondweni zabantu ukukhanyisela ukuqonda kwabo nokubakhokela kumanyathelo abo. Phakathi kwawo kwakukho imibono namaphupha. Ngaloo ndlela uThixo ubesaya kuthetha nabantwana babantu. Nasi isithembiso saKhe kulo mba: “Khanive amazwi am. Ukuba nithe nanomprofeti kaYehova, ndozazisa kuye ngombono, ndithethe kuye ephupheni.” Numeri 12:6. Ngale ndlela, ulwazi olungaphezu kwemvelo lwanikwa uBhileham. Ngoko uthi, “Nal’ udaba olundilisekileyo lukaBhalam, unyana kaBhehore, amazwi andilisekileyo omfo obona cacileyo, izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo, olwamkelayo ulwazi oluvela kuPhezukonke, othwetyulweyo, kambe ke ethe ntsho ngamehlo, walamile, unombono kaSomandla.” EYASENTLANGO [Numeri] 24:15, 16, (IBHAYIBHILE).ANa 20.2

    Uthi, ke ngoko, ube ngumba obaluleke kakhulu owokuba kuphengululwe ubungqina beziBhalo ngokubhekisele kububanzi bendlela uYehova ayilungiselele ukuba uMoya azibonakalise ngayo ebandleni ngexesha lenceba evulelwe abantu.ANa 20.3

    Emva kokuba kubekwe icebo losindiso endaweni, uThixo, njengoko sibonile, wayesenako, ngomsebenzi woNyana waKhe kunye nezithunywa ezingcwele, ukuthetha nabantu ngaphaya komsantsa owenziwa sisono. Ngamanye amaxesha wayethetha ubuso ngobuso nabo, njengakuMoses, kodwa kube kaninzi ngamaphupha nemibono. Iziganeko zokuxhumana okunjalo zibonakala kakhulu kuyo yonke indawo kwingxelo engcwele, zisenzeka kuzo zonke izizukulwana. UEnoki, owesixhenxe ukusukela uAdam, wakhangela phambili ekumoya wokuprofeta, ekubuyeni kwesibini kukaKristu esemandleni nasebuqaqawulini, wadanduluka, esithi, “Yabonani, yeza iNkosi namawakawaka abangcwele bayo.” Yuda 14. “Abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya Oyingcwele.” 2 Petros 1:21. Ukuba ukusebenza kukamoya wesiprofeto kwaka kwangathi kuyanyamalala, kuthi xa umoya uphela ebantwini, kubekho iintlekele ezinkulu kumava ebandla, namaxesha athile aphawula ukutshintsha xa kuphunywa kulawulo oluthile kusiyiwa kolunye. Lakuba lifikile ixesha lokuba kuzalwe uKristu, uyise kaYohane umBhaptizi wazaliswa nguMoya Oyingcwele, waprofeta. Luka 1:67. USimon wayetyhilelwe ukuba akasayi kukubona ukufa ade ayibone iNkosi; baza bathi xa abazali bemzisile etempileni ukuba anikelwe, ngoMoya, uSimon weza etempileni, wamthabathela ezingalweni zakhe, wamsikelela, eprofeta ngaYe. NoAna, umprofetikazi, efika kwangelo xesha, wathetha ngaYe kubo bonke ababelindele ukuhlangulwa eYerusalem. Luka 2:26, 36.ANa 21.1

    Ukuthululwa kukaMoya Oyingcwele owayeza kuba nokushunyayelwa kweendaba ezilungileyo ngabalandeli bakaKristu wavakaliswa ngumprofeti ngala mazwi: “Kuya kuthi emveni kokuba ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu; amadoda amakhulu abone imibono. Kwanaphezu kwabakhonzi naphezu kwabakhonzazana ndothulula uMoya wam ngaloo mihla. Ndiya kwenza izimanga ezulwininasehlabathini, igazi nomlilonemiquluyomsi. Ilangaliya kusuka libe mnyama, nenyanga ibe ligazi, phambi kokuba ifike imini kaYehova leyo inkulu yoyikekayo. Yoweli 2:28-31.ANa 21.2

    UPetros, ngemini yePentekoste, wacaphula esi siprofeto ekuchazeni kwakhe umbono owawumangalisa owawusenzeka ngoko. Iilwimi ezabekayo ngathi zezomlilo zahlala phezu kwabo ngabanye abafundi; bazaliswa nguMoya Oyingcwele, bathetha ngalwimi zimbi. Xa abagxeki bebahlasela ngokuthi bazaliswe yiwayini, uPetros waphendula, wathi, “Aba abanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini. Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli.” Uthi ke asicaphule kakhulu isiprofeto esifunyanwa kuYoweli (ocatshulwe ngasentla), ntonje afakele amazwi athi, “ngayo imihla yokugqibela,” endaweni yokuthi “emva koko,” ayenze ifundeke ngolu hlobo, “Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam,” njl.ANa 22.1

    Kuyacaca ukuba yaye iyiloo ndawo yesiprofeto eyayibhekisa ekuthululweni koMoya, eyaqala ukuzaliseka ngaloo mini; kuba kwakungeko madoda madala apho aphupha amaphupha, kungekho namadodana neentombi ezibona imibono neziprofetayo; kungekho nemimangaliso yegazi, nomlilo, neentsika zomsi ezavelayo; nelanga alizange lenziwe mnyama, nenyanga ayizange iguqulwe ibe ligazi ngelo xesha; kanti ke, into eyabakho, kukuzaliseka kwesiprofeto sikaYoweli. Kukwacace ngokufanayo ukuba, le ndawo yesiprofeto engokuthululwa kukaMoya, ayizange iphelele koko kubonakala kube kanye; kuba isiprofeto sihlanganisa yonke imihla ukusuka ngelo xesha kuse ekufikeni kwemini enkulu yeNkosi.ANa 22.2

    Imini yePentekoste yayikukuzaliseka kwezinye iziprofeto ngaphandle kwesikaYoweli. Yazalisekisa namazwi kaKristu ngokwaKhe. Kwintetho yaKhe yokugqibela kubafundi baKhe phambi kokuba abethelelwe emnqamlezweni, wathi kubo: “Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, . . . uMoya wenyaniso.” Yohane 14:16, 17. “Ke uMthetheleli, uMoya Oyingcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto.”Indima 26. “Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” Isahluko 16:13. Emva kokuba uKristu evukile kwelabafileyo, wathi kubafundi, “Yabonani, mna ndilithumela kuni idinga likaBawo; ke nina hlalani kuwo umzi oyiYerusalem, nide nambathiswe amandla aphuma enyangweni.” Luka 24:49.ANa 22.3

    Ngemini yePentekoste, abafundi babezaliswe ngamandla avela ngasentla. Esi sithembiso sikaKristu, kanye njengesikaYoweli, sasingaphelelanga kweso siganeko. Yena (uKristu) wabanika isithembiso esinye ntonje ngenye indlela, ngokubaqinisekisa ukuba uya kuba nabo ngamaxesha onke, kude kube sekuphelisweni kwehlabathi. Mateyu 28:20. UMarko uxela indlela iNkosi eyayiza kuba nabo ngayo. Uthi, “Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo.” Marko 16:20. UPetros, ngemini yePentekoste, wangqina ngokusebenza ngonaphakade kukaMoya abathi bamamkela. Athi amaYuda awoyisakeleyo akuthi, “Sithini na?” Waphendula uPetros wathi, “Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya Oyingcwele. Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.” Zenzo 2:37-39. Ngokuqinisekileyo oku kunika ithuba lokusebenza kukaMoya ebandleni, kanye ngendlela eyodwa yokuzibonakalisa, kulo lonke ixesha elizayo, lo gama inceba isabamema abantu ukuba bamkele uthando oluxolelayo lukaKristu.ANa 23.1

    Kwithuba lamashumi amabini anesibhozo eminyaka emva koko, uPawulos wabeka phambi kwebandla ingxoxo etsolileyo ngalo mba. Uthi (1 Korinte 12:1), “Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningazi”—wawuthabatha ukuba kubaluleke kakhulu ukuba lo mxholo uqondwe libandla lobuKristu. Emva kokuba exelile ukuba, nangona uMoya emnye, unokwahlukahlukana ekusebenzeni kwaKhe, aze athi ukuchaza ukuba oko kwahlukahlukana kuyintoni, aveze umfuziselo womzimba womntu osebenza namalungu awo aliqela, ukubonisa indlela ibandla elenziwe ngayo kwimisebenzi kwanezipho zalo. Kwanjengokuba umzimba unamalungu awahlukeneyo, lilelo linomsebenzi walo ekufuneka liwenzile, abe esebenzisana, emanyene ngenjongo ekwenzeni into enye epheleleyo, unjalo noMoya ukusebenza ngamajelo awahlukeneyo ebandleni ukwenza umzimba wenkolo ogqibeleleyo. UPawulos uqhubela phambili ngala mazwi: “Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.”ANa 23.2

    Ukuthi uThixo wamisela abanye ebandleni, njl., kuthetha okungaphezulu kokuthi indlela yashiywa ivulekile ukuze izipho zibonakale xa iimeko zingathi zivume. Endaweni yoko, ibonisa ukuba, zaziya kuba yinxalenye ehlal’ ihleli yobukho bukaMoya ebandleni, nokuthi, ukuba ezi (zipho) azisebenzi, ibandla liya kuba kwimeko efana neyomzimba, apho athi amanye amalungu awo, ngengozi okanye ngesifo, alimale angabiluncedo. Xa ke zithe zamiselwa ebandleni, ezi zipho kufuneka zihlale apho zide zisuswe ngokusemthethweni. Sekunjalo, ayikho ingxelo yokuba akha asuswa.ANa 24.1

    Kwiminyaka emihlanu emva koko, kwalo mpostile mnye, ubhalela e-Efese kwangezi zipho zinye, ebeka ngokucacileyo eyona njongo yazo, ebonisa nganxanye ukuba zimele ukuhlala zikho ide ifezeke injongo yazo. Uthi (Efese 4:8, 11-13): “Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, wabapha izipho abantu. . . . Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile, abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalusi nabafundisi, ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobobukhulu bokuzala kukaKristu.”ANa 24.2

    Ibandla alizange lifike kwimeko yobunye ekwakucingwa ngayo apha, ngexesha labapostile; kwathi kungekudala emva kwelo xesha, ubumnyama bokreqo lwasemoyeni baqala ukuligubungela ibandla; ngokuqinisekileyo, nangexesha lolahlekiso, oku kuphelela kukaKristu, nobunye benkolo, abuzange bufikelelwe.Abusayi kufikelelwa side sibe isigidimi senceba siqokelele kuzo zonke iintlanga nabantu, kuzo zonke iindidi zasekuhlaleni, nakuyo yonke imibutho yemposiso, abantu abapheleleyo kulo lonke uhlaziyo lweendaba ezilungileyo, belindele ukufika koNyana woMntu. Ngokwenene, ukuba belingathi kumava alo ibandla liswele ukuzuza kwisenzeleli ngasinye esithunyelwe ukuba silithuthuzele, silikhokele, silikhuthaze, silikhusele, liya kuba phakathi kweentlekele zemihla yokugqibela, xa amandla ongendawo, akufuphi ekufezekeni ngokusebenza nokuqeqeshwa kwimisebenzi yawo ekhohlakeleyo, eya kuthi, ngobuchule bokuzenza into angeyiyo, akhohlise, ukuba kunokwenzeka, nabo banyuliweyo. Kuya kuthi, ke ngoko, ngokufanelekileyo, zifike iziprofeto zokuthululwa kukaMoya ukuze kunike uncedo kwibandla lemihla yokugqibela.ANa 24.3

    Kuncwadi olukhoyo lwelizwe lobuKristu bale mihla, kuqhele ukufundiswa ukuba izipho zikaMoya zazizeze xesha labapostile kuphela; nokuba zazinikezwe ukuze kutyalwe iindaba ezilungileyo; nokuthi, xa umsebenzi weendaba ezilungileyo sewumisiwe, izipho zazingasafuneki, ngoko ke zaziza kuthi ekugqibeleni zithi shwaka ebandleni. Umpostile uPawulos, sekunjalo, wawalumkisa amaKristu emihla yakhe ngokuthi, “imfihlelo yokuchasana nomthetho” yayisele isebenza, nokuba emva kokumka kwakhe, kuya kuvela iingcuka eziqwengayo zingene phakathi kwabo, zingawusindisi umhlambi, nokuba kubo ngokwabo, kuya kubakho amadoda aya kusuka, athethe izinto ezigwenxa, ukuze atsalele abantu kuwo. Izenzo:29, 30. Bekungenako ukwenzeka ukuba zithi izipho ezazibekwe ebandleni ukuba zaluse obu bubi ukuze zibe zilungile xa lifika elo xesha, zisuke zingawufezanga umsebenzi oyinjongo yazo; kuba, ubukho bazo noncedo lwazo, beluya kufuneka ngakumbi phantsi kwezi meko, kunexesha abapostile yayingabo abasemcimbini wokusebenza.ANa 25.1

    Sifumana enye intetho kwileta kaPawulos eya kwibandla laseKorinte, ebonisa ukuba imbono eqhelekileyo yokuhlala kukho izipho, ayikho mgceni. Kukuthelekisa kwakhe phakathi kwemeko yexesha langoku, elingagqibelelanga,kunye nemeko yozuko,yokungabinakufaaza kufikelelakuyoumKristu ekugqibeleni. 1 Korinte 13. Uthi, (iindima 9, 10), “Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye. Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.” Uqhubeka ayicacise le meko yangoku ngokuyifanisa nexesha lobuntwana nobuthakathaka babo ngokungavuthwa kwengcinga nezenzo; kunye nesimo esigqibeleleyo, imeko yomntu osele eyindoda enembono ecacileyo, ukuvuthwa namandla. Uzibeka izipho ngokweendidi zazo kwezo zinto zifunekayo ngexesha langoku, imeko engagqibelelanga, esingayi kuba nathuba layo xa imeko egqibeleleyo ifikile. “Ngoku,” utsho (indima 12), “sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.” Uthi axele ngezibabalo ezimiliselwe ukuma ngonaphakade, neziya kubakho apho, ezizezi, ukholo ithemba, nobubele, okanye uthando, “ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.”ANa 25.2

    Le nto ichaza into ethethwa kwindima yesi-8: “Uthando aluze lutshitshe;” oko kukuthi, uthando, ubabalo lothando lwezulu, luya kuma ngonaphakade; bubuqaqawuli bomntu bexesha elizayo, imeko yokuba nokungafi; kodwa “nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa;” ukuthi, liya kufika ixesha xa iziprofeto zingayi kuba safuneka, nesipho sokuprofeta, njengesinye soncedo ebandleni, singayi kuba sasebenza; “nokuba ziilwimi, ziya kupheza;” ukuthi, isipho seelwimi asisayi kuba luncedo; “nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa;” ukuthi, ulwazi, hayi nje kwizinto ezingaphathekiyo, kodwa njengesipho esikhethekileyo sikaMoya, luya kufunyaniswa lungafuneki nganto kukwazi okugqibeleleyo esiya kunikwa kona kwilizwe elimi ngonaphakade.ANa 26.1

    Ukuba ngoku sithi, izipho zaphela nokuphela kwexesha labapostile, siya kuba sithi, ixesha labapostile lalibuthakathaka linobuntwana ngokwebandla, xa yonke into yayibonakala ngokwaseglasini, imfiliba; laza ixesha elalandelayo, xa kanye iingcuka eziqwengayo zazingena, zingawuchongi umhlambi, ibandla ke, zithetha izinto ezigwenxa ukuze zitsalele abafundi emvakwazo, yayilixeshalokukhanya nolwazi olugqibeleleyo, ekwathi, ukungagqibeleli nobuntwana, nolwazi olwenziwe mnyama, lwamaxesha abapostile ladlula! Makukhunjulwe, ukuba, ke ngoko, izipho ziphela xa kufikelelwe kwimeko egqibeleleyo, kuthi ke, kuba kufikiwe kuyo imeko leyo, zitsho nazo zingabi safuneka nganto. Ngoku nje, akukho namnye umntu osezingqondweni, onokuthi, nakancinane nje, eme kwindawo ethi, ixesha labapostile lalikumgangatho ophantsi ngokokuphakama kwasemoyeni kunelo lalilandelayo. Ukuba, ke ngoko, izipho zazifuneka ngoko, ngokuqinisekileyo ziya funeka nangoku.ANa 26.2

    Phakathi kwezenzeleli azibalayo umpostile kwiileta zakhe eziya kwabaseKorinte nakwabase-Efese, ezinjenge“zipho” ezimiswe ebandleni, sifumana “abafundisi,” “iititshala,” “abancedi,” “nabalawuli;” kwaye bonke aba bayavunywa, kuyo yonke indawo, ukuba basekho ebandleni. Kungani ke ngoko, ukuba bangabikho abanye, kuquka ukholo, uphiliso, ukuprofeta, njl.? Ngubani ofanelekileyo ukuba akrwele umgca, athi zeziphi izipho “ezimiselwe” ibandla, xa ekuqaleni zonke zazimiselwe ngokulinganayo kulo?ANa 27.1

    IsiTyhilelo 12:17 kubhekiswe kuso njengezipho eziya kubuyiselwa ngemihla yokugqibela. Ukuhlolwa kobungina baso kuyayiqinisekisa le mbono. Indima ithetha ngesisalela sembewu yomfazi. Umfazi ungumfuziselo webandla, imbewu yakhe yayiya kuba ngamalungu ngamanye ehlangene ukwenza ibandla nangaliphina ixesha elithile; size “isisalela” sembewu yakhe ibe ngamaKristu esizukulwana sokugqibela, okanye abo baphila emhlabeni ekubuyeni kwesibini kukaKristu. Indima iqhubeka isithi, “abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.” Buze “ubungqina bukaYesu” buchazwe kwisahluko se-19:10 ukuba “ngumoya wesiprofeto,” ekufuneka uqondwe njengalowo uphakathi kwezinye izipho, ubizwa ngokuba “sisipho sokuprofeta.” 1 Korinte 12:9, 10.ANa 27.2

    Ukumiselwa kwezipho ebandleni akuthethi ukuba wonke umntu uza kuba nazo zisebenza. Kule ngongoma, umpostile (1 Korinte 12:29) uthi, “Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na?” njl. Impendulo ethethwayo ngu-Hayi; azinjalo zonke; kodwa izipho zabelwe amalungu ngokokuthanda kukaThixo. 1 Korinte 12:7, 11. Noko kunjalo, kuthiwa, isipho “esimiselwe ebandleni” ukuba sinikwe ilungu elinye lebandla, eso sipho “sisebandleni,” okanye ibandla “linaso.” Ngoko ke, isizukulwana sokugqibela sasiza kuba nabo, kwaye ngoku, kukholelwa ukuba linabo, ubungqina bukaYesu, okanye isipho sokuprofeta.ANa 27.3

    Enye indawo yesiBhalo ebhalwe ngokucacileyo ngokubhekisele kwimihla yokugqibela, iyibeka ngokuphandle le mbono. 1 Tesalonika 5. Umpostile usivula isahluko ngala mazwi: “Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.” Kwindima yesine wongeza athi, “Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.”ANa 28.1

    Ngenxa yesi siganeko, ubanika izilumkiso ngezilumkiso, ekukho phakathi kwazo ezi (iindima 19-23): “UMoya musani ukumcima. Iziprofeto musani ukuzenza into engento. Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.” Kwindima yama-23 uthandazela ukuba, abo babeza kuba nento yokwenza “neziprofeto,” bagcinwe bengenakusoleka kuse ekufikeni kweNkosi.ANa 28.2

    Ngegunya lezi ndawo, asingebi sinyanzelekile ukuba sikholelwe ukuba isipho sokuprofeta siya kubonakala ebandleni kwimihla yokugqibela, nokuba ngaso, kuya kubakho ukukhanya okuninzi, kwanemfundiso elifaneleyo ixesha eli?ANa 29.1

    Zonke izinto kufuneka ziphathwe ngokomyalelo wabapostile: “Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle;” zivavanywe ngoMgangatho woMsindisi: “Nobaqonda ngeziqhamo zabo.” Ngokubhenela kulo mgangatho, endaweni yoko kubanga ukuba kusisibonakalaliso sesipho sokuprofeta, sinikela lo mqulu kuqwalaselo lwabo bakholelwa ukuba iBhayibhile ililizwi likaThixo, nokuba ibandla lingumzimba, ayintloko yawo uKristu.ANa 29.2

    U. Smith.

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents