Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Amanyange Nabaprofeti

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    35—Uvukelo LukaKora

    [Esi sahluko sisekwe kwiNumeri 16 ne-17.]

    Ubetho olwaluwafikele amaIsrayeli lwanceda okwexesha elithile ukunqanda ukukrokra nokungathobeli, kodwa umoya wovukelo wawusekho ngaphakathi waza ekugqibeleni wathwala iziqhamo ezibi kakhulu. Iimvukelo zangaphambili zaziba ziziphithiphithi nje eziqhelekileyo ezaziye zisuka kwizihlwele eziye zivuke nje umnyele; kodwa ngoku, kwakuqulunqwe iyelenqe elinzulu, iziphumo zenjongo eyayizimisele ukubhukuqa igunya leenkokeli ezinyulwe nguThixo ngokwaKhe.ANa 395.1

    UKora, owayengumoya okhokelayo kule ntshukumo, wayengumLevi, wakwaKehati, umzala kaMoses; wayeyindoda enesakhono nempembelelo. Nangona wayenyulelwe kumsebenzi wasemnqubeni, wayenganeliswanga sisikhundla sakhe, waza waxunela kwisidima sobubingeleli. Ukubekwa phezu kuka-Aron nendlu yakhe kwisikhundla sobubingeleli, ekwakusithi ngaphambili sijikeleze konyana abangamazibulo kuzo zonke iintsapho, kwavusa umona nokunganeliseki, kwaza kwathabatha ithuba elide uKora echasana negunya likaMoses noAron emfihlakalweni, nangona engazange aqalise ukwenza isenzo sovukelo elubala. Ekugqibeleni, wakhawula icebo elinesibindi lokubhukuqa omabini amagunya, elasekuhlaleni nelenkolo. Akazange angabafumani abavelana naye. Kufuphi kwiintente zikaKora namaKehati, kwicala langasezantsi lomnquba, kwakumise uhlanga lukaRubhin, kuziintente zikaDathan noAbhiram, iinkosi ezimbini zolu hlanga, zikufuphi kuKora. Ezi nkosi zakhawuleza ukuzimanya nala macebo azele yiminqweno. Bathi kuba beyinzala yoyena nyana omkhulu kaYakobi, babanga ukuba igunya lasekuhlaleni lelabo, baza bazimisela ukwabelana noKora ngeembeko zobubingeleli.ANa 395.2

    Imeko yemvakalelo ebantwini, yawaxhasa amacebo kaKora. Bathi benobukrakra kukudaniswa kwabo, ukuthandabuza kwabo kwangaphambili, umona, nentiyo ibuyile, zaphinda izikhalazo zabo zabhekiswa kwinkokeliyabo enomonde, [uMoses]. AmaIsrayeli ayeqhubeka nokulahlekwa ngumbono wokuba ayephantsi kokukhokelwa lizulu. Alibala ukuba iNgelosi yomnqophiso yiyo eyayiyinkokeli yabo engabonwayo, nokuba, nangona babugqunywe ngomqulu welifu, ubukho bukaKristu babuhamba phambi kwabo, nokuba kukuYe [uKristu] apho uMoses wayefumana khona yonke imiyalelo yakhe.ANa 395.3

    Babengenantumekelelo yokwamkela isigwebo esibi sokuba bonke kuza kufuneka bafele entlango, ngoko, balungela ukuba basebenzise nasiphi isizathu sokukholelwa ukuba asinguThixo kodwa, nguMoses owayebakhokela nowavakalisa isiphelo sabo. Ezona nzame zilungileyo zeyona ndoda enobulali emhlabeni azizange zikwazi ukuthomalalisa ukungathobeli kwaba bantu; kwathi naxa iimpawu zokunganeliseki kukaThixo ngenxa yokungeva kwabo kwangaphambili zazise phambi kwabo, ekuhlakazekeni kwezintlu zabo nasekulahlekeni kwamanani amakhulu, abazange basifake entliziyweni isifundo. Baphinda boyiswa sisilingo.ANa 396.1

    Ubomi bukaMoses obuthobekileyo bomalusi, babunoxolo bumnandi ngaphezulu kakhulu kunobu besisikhundla sangoku sokuba yinkokeli yesihlwele esikhulu semimoya exubayeleyo. Sekunjalo, uMoses wayengenakwenza ngakumbi. Endaweni yentonga yomalusi, wanikwa intonga yamandla, awayengenako ukuyibeka phantsi ade akhululwe nguThixo.ANa 396.2

    Lowo uzifundayo iingontsi zazo zonke iintliziyo, waziphawula iinjongo zikaKora namaqabane akhe waza wabanika abantu baKhe isilumkiso nomyalelo owawunokwenza ukuba basinde kwinkohliso yaba bantu benza iyelenqe. Babesibonile isigwebo sikaThixo sisiwa phezu kukaMiriyam kuba waba nomona nezikhalazo ngakuMoses. UYehova wayevakalise ukuba uMoses mkhulu kunomprofeti. “Ndiya kuthetha naye umlomo nomlomo.” “Yini na ukuba ningoyiki ukuthetha ngomkhonzi wam uMoses?” Numeri 12:8. Le miyalelo yayingajonge kuAron noMiriyam kuphela, kodwa nakuye wonke uIsrayeli.ANa 396.3

    UKora kunye nawayesenza nabo iyelenqe, babengamadoda awayenikwe ithamsanqa lokubona ukubonakalaliswa okukodwa kwamandla nobukhulu bukaThixo. Babengabanye beqela elanyuka noMoses ukuya entabeni ukuba libone ubuqaqawuli obungcwele. Ukususela ngelo xesha kwabakho ukuguquka. Isilingo, esasisincinane ukuqala kwaso, sagcinwa, saya siqina njengoko sasikhuthazwa, zada iingqondo zabo zalawulwa nguSathana, baza bawuqala umsebenzi wabo wenkcaso. Ngelithi banomdla omkhulu kwimpumelelo yabantu, baqalabahlebangokunganelisekikwabo komnye nomnye, kamva kumadoda azinkokeli kwaIsrayeli. Ukuzithandisa kwabo kwamkeleka ngokulula, baza baqhubela phambili, bada, ekugqibeleni, babonwa njengabantu abaqhutywa yinzondelelo ngenxa kaThixo.ANa 396.4

    Baphumelela ukutsalela kubo amakhulu amabini anamashumi amahlanu amadoda amakhulu, amadoda awaziwayo ebandleni. Ngaba baxhasi bomeleleyo nabanempembelelo baziva benesibindi sokuzisa inguqu ekhawulezileyo yokulawula, nokuhlaziya kakhulu ukuphatha kukaMoses noAron.ANa 397.1

    Umona wawuvuse umnqweno, nomnqweno wovukelo. Baxoxa umcimbi welungelo likaMoses lokuba kwigunya nembeko engako ukuba nkulu, phofu esinokuthatyathwa nanguwuphi na kubo kwanje ngaye. Baya bazikhohlisa, bona, nomnye nomnye, ngokucinga ukuba uMoses noAron bazithabathela izikhundla ababe kuzo. Aba banganelisekanga bathi, ezi nkokeli ziziphakamise ngaphezu kwebandla likaYhova, ngokuzithabathela ububingeleli kunye nolawulo, nangona indlu yabo yayingenalo ilungelo lokubekwa ngaphezu kwezinye kwaIsrayeli; kwaye zingekho ngcwele ngaphezu kwabanye abantu, ngoko ke kwakuzifanele ukuba zibe kumgangatho omnye nabazalwana bazo, kuba nabo benzelwa imfesane ngokulinganayo bubukho obubodwa nokhuselo [lukaThixo].ANa 397.2

    Umsebenzi olandelayo kwabeyelenqe wawusebantwini. Kwabo basekungalungini, nabafanelwe kukukhalinyelwa, akukho nto idlula ukusizelwa nokunconywa. Kwaba njalo kuKora namahlakani akhe ukuzuza ukuqatshelwa, baza bayifumana inkxaso yebandla. Into ethi ukukrokra kwabantu kwazisa ingqumbo kaThixo kwathiwa yimpazamo. Bathi ibandla alonanga, njengoko kwakungafunwa nto ingaphezu kwamalungelo abo; nto nje uMoses yena wayengumlawuli ongumcinezeli, nokuthi ukhalimela abantu njengaboni, ukanti bangabantu abangcwele, waye uYehova ephakathi kwabo.ANa 397.3

    UKora wayiphinda imbali yehambo zabo zasentlango, apho bafika khona kwiindawo ezimxinwa, kwatshabalala abaninzi ngenxa yokukrokra nokungathobeli kwabo. Abaphulaphuleyo babona kakuhle ezingqondweni zabo ukuba ngezazithintelekile iinkathazo zabo ukuba uMoses wayelandele ndlela yimbi. Bagqiba kwelokuba zonke iintlekele zabo zinokubekwa njengetyala phezu kwakhe, nokuba, ukungangeni kwabo eKanan kwakusisiphumo sokuphatha gwenxa kukaMoses noAron; nokuthi, xauKoraebengayinkokeliyabo, abakhuthazeANa 397.4

    ngokuthetha ngezenzo zabo ezilungileyo endaweni yokukhalimela izono zabo, bebeya kuba nohambo olumnandi, nolunempumelelo; endaweni yokuzula besihla benyuka entlango, bebeya kuya ngqo eZweni leDinga.ANa 397.5

    Kulo msebenzi wenkcaso, kwabakho umanyano olukhulu nokuvumelana phakathi kwababengavisisani ebandleni ngaphezu kwangaphambili. Impumelelo kaKora ebantwini yamnika isibindi yamqinisela kwinkolo yakhe ethi, ukuba ukugonyamela igunya kukaMoses akunqandwa, kuya kuba yingozi kuIsrayeli; watsho ebanga nokuthi, uThixo umkhanyisele ngalo mcimbi, wamgunyazisa ukuba azise utshintsho kulawulo phambi kokuba konakale. Babebaninzi kodwa abangazange bakulungele ukuzamkela izityholo zikaKora ngakuMoses. Inkumbulo yokusebenza kwakhe ngomonde nokuzincama yafika yathi thaa ezingqondweni zabo, saza saphazamiseka isazela sabo. Kwafuneka ke ngoku ukuba kwayamiswe injongo ethile yokuqhutywa ngumona kumdla wakhe omkhulu kaIsrayeli; kwaza kwabuyiswa isityholo esidala sokuba wabakhokelela ukuba baphume bazokutshabalala entlango, ukuze abathabathele konke abanako.ANa 398.1

    Kwakulithuba lo msebenzi usenziwa emfihlakalweni. Kwathi nje ukuba intshukumo ifumane amandla awaneleyo afanele ukuba igqabhuke ekuhleni, wavela uKora njengentloko yebutho, wabahlasela esidlangalaleni uMoses noAron ngokuthi, bamhlutha igunya, yena Kora, namaqabane akhe ababenelungelo elilinganayo ukuba balixhamle. Ukudlula apho, batyhola ngelithi, abantu bahluthwe inkululeko yabo nokuzimela geqe. “Nise nanele nina,” batsho abayili beyelenqe, “ngokuba lingcwele lonke ibandla, bonke bephela; uYehova uphakathi kwabo. Yini na ukuba niziphakamise phezu kwesikhungu sikaYehova?”ANa 398.2

    UMoses akazange walikrokrela eli qhinga lirhubuluza nzulu, kwathi kwakuthi gqi ukunaba okubi phambi kwakhe, wawa ngobuso ebhenela kuThixo ezolile. Waphakama ezaliswe yintlungu ngokwenene, kodwa ezolile eqinile. Inkokelo yezulu wayinikwa. “Ngomso,” watsho, “uYehova uya kwazisa ongowakhe, ongcwele, amsondeze kuye, lowo amnyulileyo womsondeza kuye.” Uvavanyo lwabekelwa ingomso, ukuze bonke babe nexesha lokwetyisa. Bathi ke abo baxunele kububingeleli kwafuneka beze nesiqhumiso, banikele isiqhumiso emnqubeni phambi kwebandla. Umthetho wawucace kakuhle kakhulu ukuba, kuphela ngabo babethanjiselwe umsebenzi ongcwele abafanele ukulungiselela engcweleni. Kanti ke,nababingeleli, uNadabhinoAbhihu, baya batshatyalaliswa ngenxa yokusebenzisa umlilo “ongengcwele,” kuba betyeshele umyalelo ongcwele. Sekunjalo, uMoses wabanika umngeni abo bamtyholayo, xa benesibindi sokwenza isibheno esiyingozi ngolo hlobo, ukuba umcimbi bawugqithisele kuThixo.ANa 398.3

    Enyula uKora kunye nabendlu yakubo yabaLevi, uMoses wathi, “Yinto encinane na kuni, ukuba uThixo kaIsrayeli anahlule kwibandla lakwaIsrayeli anisondeze kuye, ukuba nisebenze umsebenzi womnquba kaYehova, nime phambi kwebandla, nilungiselele kubo, ekusondezile nje wena nabazalwana bakho bonke, oonyana bakaLevi ndawonye nawe? Nifuna kwanobubingeleli na? Ninani na, wena nebandla lakho lonke, le nto nihlangana ngoYehova? Ke uAron uyintoni na yena, ukuba nimkrokrele?”ANa 399.1

    UDathan noAbhiram babengazange bema baqina njengoKora; waza uMoses, ethembe ukuba basuka batsalwa ukuba bangene kwiyelenqe bengakhange babe bonakaliswe ngokupheleleyo, wababiza ukuba bavele phambi kwakhe, ukuze eve izimangalo zabo ngakuye. Abazange beze, koko basuka balilandula ngesigezo igunya lakhe. Impendulo yabo, eyathethwa kusiva ibandla lonke, yathi, “Yinto encinane na le yokuba usinyuse ezweni elibaleka amasi nobusi, uze kusibulala apha entlango, le nto uhlala uzenze umphathi phezu kwethu? Kananjalo akusingenisanga ezweni elibaleka amasi nobusi, akusinikanga lifa lamasimi nazidiliya; uya kuwakrukra na amehlo ala madoda? Asiyi kunyuka size.”ANa 399.2

    Ngaloo ndlela basebenzisa umboniso wasebukhobokeni kanye ngolwimi uYehova awayelichaze ngayo ilifa elithenjisiweyo. Bamtyhola uMoses ngokwenza ngokungathi usebenza phantsi kokukhokelwa lizulu, njengendlela yokumisela igunya lakhe; batsho besithi, abasayi kuphinda bazivumele ukuba bakhokelwe ngokungathi bangabantu abazimfama, ekuyeni eKanan ngoku, nasekuyeni entlango ngoku, njengoko kukholekile kumacebo akhe okuthanda imbeko. Ngoko ke, lowo ube efana nomzali onothando, umalusi onomonde, wavezwa ngesona sakha sasibi isimilo sombandezeli nomgweqi wesikhundla. Ukungangeni eKanan, njengesohlwayo sezono zabo, kwabekwa njengetyala phezu kwakhe.ANa 399.3

    Kwakucacile nje ukuba imfesane yabantu ingakwiqela labachasi; kodwa uMoses akazange enze zinzame zokuzikhusela. Wasuka wathi, ngesidima, wabhenela kuThixo phambi kwebandla, njengengqina lobunyulu beenjongo zakhe nokugqibelela kwesimilo sakhe, wamcela uThixo ukuba abe ngumgwebi wakhe.ANa 399.4

    Ngengomso, amakhulu amabini anamashumi amahlanu ezikhulu, ekunye noKora, eza kuziveza ephethe iziqhumiso zawo. Baziswa entendelezweni yomnquba, ngoku abantu behlanganisene ngaphandle, belindele iziphumo. Yayingenguye uMoses owayehlanganise ibandla ukuba libukele ukoyiswa kukaKora neqela lakhe, kodwa yayingabavukeli, ekuzithandiseni kwabo okumfamekileyo abalibizela ndawonye ukuze lingqine uloyiso lwabo. Iqela elikhulu lebandla lalingakwicala likaKora ngokuphandle, ababemthembe kakhulu ukuba uya kuyibeka icace indawo yakhe ngakuAron.ANa 400.1

    Bathi bakuba behlangene bonke phambi kukaThixo, “babonakala ubuqaqawuli bukaYehova kwibandla lonke.” Sanikelwa isilumkiso sezulu kuMoses nakuAron, “Zahluleni kweli bandla; ndiya kubagqibela ngephanyazo.” Bawa ngobuso, bathandaza besithi, “Thixo, Thixo woomoya benyama yonke, kone umntu wamnye nje, unoburhalarhume kwibandla lonke na?”ANa 400.2

    UKora warhoxa ebandleni wazimanya noDathan noAbhiram ngexesha uMoses, ekhatshwa ngamadoda amakhulu angamashumi asixhenxe, wehlayo ephethe isilumkiso sokugqibela esiya kumadoda awalayo ukuza kuye. Izihlwele zalandela, kwathi phambi kokuba abanike isigidimi sakhe, ngokomyalelo wezulu, wabacela abantu, “Mkani ezintenteni zala madoda angendawo, ningachukumisi nto iyeyawo, hleze niphetshethwe ngezono zawo zonke.” Isilumkiso sathotyelwa, kuba ixhala lokugwetywa okulindelweyo laba phezu kwabo bonke. Abavukeli abayintloko bazibona beshiywa ngabo babebakhohlisile, kodwa ubungqola babo abuzange bushukunyiswe. Bema neentsapho zabo kwiminyango yeentente zabo, ngokungathi badelele isilumkiso sezulu.ANa 400.3

    Egameni likaThixo kaIsrayeli, wavakalisa njalo uMoses, ezindlebeni zebandla: “Niya kwazi ngale nto, ukuba uYehova undithumele ukwenza yonke le misebenzi; ngokuba asiyontliziyo yam. Ukuba aba bathe bafa ngokufa kwabantu bonke, woba uYehova akandithumanga. Ke ukuba uYehova uthe wenza isimanga, umhlaba wakhamisa umlomo wawo, wabaginya, nento yonke abanayo, behla besaphilile baya kwelabafileyo, noqonda ngoko ukuba la madoda amgibile uYehova.”ANa 400.4

    Amehlo kaIsrayeli wonke ayemiliselwe kuMoses ngeli xesha bemile, besoyika belindele, bekhangele isiganeko. Wathi xa egqiba ukuthetha, umhlaba oqinileyo wavuleka,behla abavukelibephilabangena emhadini, nayo yonkeinto ababenayo, “ababakho phakathi kwesikhungu.” Babaleka abantu, bezohlwaya njengabanenxaxheba kweso sono.ANa 400.5

    Izigwebo zazingayekanga. Umlilo owabaneka uphuma efini wadla amakhulu amabini anamashumi amahlanu ezikhulu ezazinikela isiqhumiso. La madoda, awayengengawo aphambili ekuvukeleni, awazange atshatyalaliswe nabayili beyelenqe abaziintloko. Avunyelwa ukuba asibone isiphelo sawo, aze abe nethuba lokuguquka; kodwa uvelwano lwawo lwalukubavukeli, aza abelana nabo ngesiphelo sabo.ANa 401.1

    Ngexesha uMoses wayecenga uIsrayeli ukuba ayibaleke intshabalalo eyayisiza, umgwebo wezulu wawusenakho ukumiswa, ngelo xesha, ukuba uKora neqela lakhe babethe baguquka bacela ukuxolelwa. Ngokuqhubeka ngeenkani zabo basitywina isiphelo sabo. Ibandla lonke lalisabelana nabo. Ke Yena uThixo, ngenceba yaKhe enkulu, wenza umahluko phakathi kweenkokeli kuvukelo nabo zazibakhokela. Abantu abazivumelayo ukuba bakhohliswe, babesanikwe ithuba lokuba baguquke. Ubungqina obupheleleyo babunikiwe buxela ukuba babengalungisi, nokuba uMoses wayelungisa. Ukubonakalaliswa okubalulekileyo kwasusa konke ukungaqiniseki.ANa 401.2

    UYesu, iNgelosi eyayihamba phambi kwamaHebhere, wayefuna ukubasindisa entshabalalweni. Ukuxolelwa kwabo kwakusahleli kubalindele. Ugwebo lukaThixo lwalusondele kakhulu, lubacenga ukuba baguquke. Ukuphazamisa okukhethekileyo okungenako ukumelwana nako, okuphuma ezulwini, kwalulibazisa uvukelo lwabo. Ukuba ngoku banokusabela kungenelelo lokubonelela kukaThixo, bangasindiswa. Bathi, nangona babaleka kwizibetho, ngokoyika ukutshabalala, uvukelo lona alwakwazi ukuphiliswa. Babuyela ezintenteni zabo ngobo busuku benkwantya, kodwa bengaguqukanga.ANa 401.3

    Babekhohliswe nguKora neqela lakhe bada bazicingela ukuba bangabantu abalungileyo kakhulu, nokuba boniwa, bakwaphathwa kakubi nguMoses. Ukuba babevumile ukuba uKora neqela lakhe babonile, uMoses yena elungisile, kwakuza kunyanzeleka ukuba, ngokwelizwi likaThixo, bamkele isigwebo sokuba kufuneka befele entlango. Babengakulungelanga konke ukuyivuma le into, basuka bazama ukukholelwa ukuba uMoses wabakhohlisa. Babelivuyele ngolonwabo ithemba lokuba kuza kumiselwa ukucwangcwiswa ngokutsha kwezinto, apho ukunconywa kuya kuma endaweni yokukhalinyelwa, ukuhambalulaendaweniyexhala nemfazwe.ANa 401.4

    Amadoda awatshabalalayo ayethethe amazwi akhohlisayo, axela ngomdla omkhulu nothando analo ngakubo, baza abantu bagqiba kwelithi uKora neqela lakhe babengabantu abalungileyo, lo gama yena uMoses, ngandlela ithile, wayesisixhobo sokutshabalala kwabo.ANa 401.5

    Kunzima ukuba umntu angamnyelisa ngaphezu koko uThixo, ngokuthi acekise, ale izixhobo, Yena Thixo, azisebenzisela ukubasindisa. AmaIsrayeli ayenganelanga kukwenza nje oku, kodwa azimisela ukubabulala bobabini uMoses noAron. Oku kubonisa ukuba abazange bakubone ukufuneka kokuba bacele ukuxolelwa kuThixo ngenxa yesono sabo esibi. Ubusuku benceba abuzange buchithwe kuguqukwa, kuvunywa isono, kodwa ekuqulunqeni indlela ekungamelwana ngayo nobungqina obabenza bacaca ukuba bangabona boni bakhulu. Babesenentiyo ngakumadoda anyulwe nguThixo, bazilungiselela ukumelana negunya lawo. USathana wayekho ukuba akugqwethe ukuqonda kwabo, abakhokelele entshabalalweni ebavale amehlo.ANa 402.1

    Wonke uIsrayeli wayebalekile othukile sisikhalo saboni ababegwetyiwe abaya kutshona emhadini, kuba esithi, “Hleze umhlaba usiginye nathi.” “Lamkrokrela uMoses noAron ngengomso lonke ibandla loonyana bakaIsrayeli, lisithi, Nina nibulele abantu bakaYehova.” Baza balungela ukuqhubeka nokuziphatha kakubi iinkokeli zabo ezinyanisekileyo, nezizincamileyo.ANa 402.2

    Kwaya kwabonakalaliswa ubuqaqawuli bezulu efini eliphezu komnquba, izwi laphuma efini lithetha noMoses noAron, “Sukani phakathi kweli bandla, ndiligqibele ngephanyazo.”ANa 402.3

    Ityala lesono lalingekho phezu kukaMoses, nto leyo eyenza ukuba angoyiki waza akakhawuleza alishiye ibandla ukuba litshabalale. UMoses wazilazila, kule ntlekele yoyikekayo ebonakalalisa umdla womalusi wenene kumhlambi owaluswa nguye.ANa 402.4

    Ngelo xesha, isithunywa sengqumbo sasesihambele phambili; isibetho sasisenza umsebenzi waso wokufa. Ngokuyalelwa ngumntakwabo, uAron wathabatha isiqhumiso wakhawuleza wangena phakathi kwebandla “wabacamagushela abantu.” “Wema phakathi kwabafileyo nabahleliyo.” Ngoku kunyuka umsi wesiqhumiso, imithandazo kaMoses emnqubeni yayinyukaisiya kuThixo;sazasanqandwa isibetho; kodwa kwakuse kufeamawakaalishumielinesine lamaIsrayeli, ubungqina betyala lokukrokra novukelo.ANa 402.5

    Ngokunjalo, kwabuywa kwanikwa obunye ubungqina bokuba ububingeleli bamiselwa kwindlu ka-Aron. Ngokuyalelwa lizulu, uhlanga ngalunye lwalungisa intonga, lwalibhala kuyo igama lalo. Igama lika-Aron lalikweyakwaLevi. Iintonga zabekwa emnqubeni, “phambi kwesingqino.” Ukutyatyamba kwayo nayiphi intonga kwakuza kubaluphawu lokuba uYehova ulukhethele ububingeleli uhlanga olo. Ngentsasa elandelayo, “nantso intonga ka-Aron wendlu kaLevi, idubule yaphuma amathupha, yatyatyamba iintyantyambo, zavuthwa iiamangile.” Yavezwa ebantwini, kwathi kamva yabekwa emnqubeni ukuba ibe bubungqina kwizizukulwana ezilandelayo. Lo mmangaliso waligweba ityala lobubingeleli ngempumelelo.ANa 403.1

    Kwakucace ngokupheleleyo ngoku ukuba uMoses noAron babethetha ngegunya likaThixo, kwaye kwakufuneka abantu bayikholelwe inyaniso engamkelekanga yokuba baza kufela entlango. “Yabona,” bakhala, “siyabhubha, siyaphela, siyaphela sonke.” Bavuma ukuba bonile ngokuvukela iinkokeli zabo, nokuba uKora neqela lakhe bafa ngenxa yogwebo olufanelekileyo lukaThixo.ANa 403.2

    Kuvukelo lukaKora kuyabonakala, nangona ngendlela encinane, ukusebenza komoya owakhokelela kuvukelo lukaSathana ezulwini. Yayilikratshi nokufuna imbeko okwaqhwaya uKhwezi ukuba akhalaze ngolawulo lukaThixo, nokuzama ukubhukuqa ucwangco olwalumiselwe ezulwini. Kususela ekuweni kwakhe, yasoloko iyinjongo yakhe ukufaka kwaloo moya mnye womnqweno nokunganeliseki, ukuthanda isikhundla nentlonipho, ezingqondweni zabantu. Wasebenza ngolo hlobo ezingqondweni zikaKora, uDathan, noAbhiram, ukuvusa ulangazelelo lokuziphakamisa nokuvuselela umnqweno,ukungathembi, novukelo. USathana wabenza ukuba bamale uThixo njengenkokeli yabo, ngokungafuni amadoda uThixo awanyulileyo.Kanti ke, ekukrokreleni kwabo uMoses noAron, bamnyelisa uThixo, balahlekiswa bada bazicingela ukuba bangamalungisa, bababona abo bathe, ngokuthembeka, babalwisa ngezono zabo, njengabaqhutywa nguSathana.ANa 403.3

    Ingaba abukho ububi nangoku obafumaneka kwisiseko sentshabalalo kaKora? Ikratshi nokuthanda udumo kuthe saa; zithi ezi zintozakuxatyiswa, zivulele umnqweno,nokulwelaukuba phezulu; umphefumloubenobutshabanoThixo, uthi ungaqondanga utsalelwe utsalelwe kwihlelo likaSathana. NjengoKora namahlakani akhe, baninzi, nakwabazibiza ngokuba bangabalandeli bakaKristu, abacinga, bacebe, basebenze ngenzondelelo kuba benenjongo yokuba bafumane ukusizelwa nokuxhaswa ngabantu, abalungele ukuyikruna inyaniso, babaxoke, bathethe kakubi ngabakhonzi beNkosi, bade babatyhole njengabaneenjongo eziphantsi nezinomona, izinto phofu eziphembelela ezabo iintliziyo. Ngokuthi rhoqo bephindaphinda ubuxoki, noko kugilana nako konke okubonakalayo, baye bafikelele ekukholelweni ukuba bathetha inyaniso. Lo gama bezama ukutshabalalisa ukuthenjwa kwabantu abanyulwe nguThixo, bakholelwa ngokwenene ukuba baxakeke ngumsebenzi olungileyo, nokuba ngokwenene benza umsebenzi kaThixo.ANa 404.1

    AmaHebhere ayengenayo intumekelelo yokuthoba phantsi kwemiyalelo nemiqathango kaYehova. Ayengonwabanga phantsi kolawulo, engakulungelanga ukungxoliswa. Le yayiyimfihlelo yokukrokra kwawo ngakuMoses. Ukuba ayeyekelwe ekwenzeni ngokuzithandela, ngezazimbalwa izikhalazo ngakwinkokeli yawo. Kuyo yonke imbali yebandla, izicaka zikaThixo zahlala zihlangana nomoya ololu hlobo.ANa 404.2

    Kungokuziyekela esonweni, abaye abantu bamnike uSathana inyoba yokungena ezingqondweni zabo, baze basuke kwinqanaba [elisezantsi] baye kwelinye, enkohlakalweni. Ukwala ukukhanya kuyenza mnyama ingqondo, kuyiqinise intliziyo, ukuze kube lula kuzo ukuthabatha elinye inyathelo esonweni nokuqhubeka kusaliwa ukukhanya okucace kakhulu, kude, ekugqibeleni, imikhwa yabo yokona ibe sisigxina. Isono siyayeka ukubonakala sisisono kubo. Lowo ushumayela ilizwi likaThixo ngokuthembeka, ngokwenza njalo egweba izono zabo, bakholisa ngokuba bamthiye. Ngokungafuni ukunyamezela intlungu nombingelelo ofunekayo ukuze kubekho uhlaziyo, bajikela umkhonzi weNkosi bakugxeke ukukhalima kwakhe njengokungafuneki nganto, nokuqatha. NjengoKora, baye bathi, abantu abonanga; ngulo ubakhalimelayo odala yonke inkathazo. Bathi bakuba beziphozisile izazela zabo ngale nkohliso, basuke aba bantu banomona, nabanganyanisekanga, bahlangane bahlwayele isiphithiphithi ebandleni, bazityhafise izandla zabo bazama ukulakha.ANa 404.3

    Konke ukuhambela phambili okwenziwa ngabo uThixo ababizileyo ukuba bakhokele emsebenzini waKhe, kuvusa ukukrokra; sonke isenzo sixokwe ngomona nokubeka iziphako. Kwakunjalo ngexesha likaLutere, noWesley, kunye nabanye abahlaziyi. Kunjalo nanamhla.ANa 404.4

    UKora ngewayengahambanga ngendlela awayihambayo ukuba wayazile ukuba yonke imiyalelo nokukhalima okuba kuIsrayeli kwakuvela kuThixo. Noko kunjalowayemeleukuba ukwazile oku.UThixo wayenike ubungqina obungaphaya kokuqonda bokuba nguYe okhokela uIsrayeli. UKora namaqabane akhe bakwala ukukhanya bada bamfamekiswa kangangokuba, nokona kubonakalaliswa kothusayo kwamandla aKhe, kwakunganelanga ukuba kubanelise; konke bakubala njengokwenziwa ngumntu okanye izisebenzi zikaSathana. Nabantu benza kwaloo nto, abathi ngemini elandela ukutshatyalaliswa kukaKora, neqela lakhe, beza kuMoses noAron, besithi, “Nina nibabulele abantu bakaYehova.” Bengenanto nokuba babefumene ubungqina obupheleleyo bokunganeliseki kukaThixo yindlela yabo, baba nesibindi sokuthi, zonke ezo zibetho zaKhe yimisebenzi kaSathana, besithi, ngamandla ongendawo, uMoses noAron babangela ukufa kwamadoda alungileyo nangcwele. Yaba sesi senzo esatywina isiphelo sabo. Babenze isono sokuchasa uMoya Oyingcwele, isono ethi ngaso intliziyo yomntu ibe itywineke ngokuqinisekileyo ngakwimpembelelo yobabalo lwezulu. “Nothe wathetha ilizwi elichasene noNyana woMntu,” watsho uKristu, “uya kuxolelwa.” Mateyu 12:32. La mazwi athethwa nguMsindisi xa imisebenzi yobabalo awayeyenza ngamandla kaThixo, athi amaYuda yenziwe nguBhelezabhubhe. Kungokuthunywa kukaMoya Oyingcwele apho athi uThixo aqhagamshelane nomntu; baze abo bamala ngabom lo mthunywa, ngelithi ungongendawo, babe baziqhawule kwijelo loqhagamshelwano lomphefumlo neZulu.ANa 405.1

    UThixo usebenza ngokubonakalaliswa koMoya waKhe ukuba amngxolise, amoyise umoni; kuthi wakuba waliwe umsebenzi kaMoya ekugqibeleni, kungabuye kubekho lutho uThixo anokulenzela yona imiphefumlo. Nethontsi lokugqibela lenceba yezulu lisetyenzisiwe. Umoni uziqhawule ngokwakhe kuThixo, abe engenamathunga wokusinyanga sona isono. Akukho mandla agciniweyo anokuthi uThixo awasebenzise ukumoyisa amguqule umoni. “Myekeni” (Hoseya 4:17), ngumyalelo wezulu. Ngoko ke, “akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.” Hebhere 10:26, 27.ANa 405.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents