Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    24—“AsinguNyANA WOMCHWeLI na LO?”

    [Esi sahluko sisekwe kuLuka 4:16-30.]

    Kuyo yonke imihla emihle yokusebenza kukaKristu eGalili, kwakukho ibala elinye. Abantu baseNazarete bamala. “Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Batsho.ULw 236.1

    Ngexesha lobuntwana kunye nobutsha baKhe, uYesu wayenqula phakathi kwabazalwana baKhe endlwini yesikhungu eNazarete. Kususela ekuqalekeni komsebenzi waKhe, wayengekho kubo, kodwa babengazi ukuba uhlelwe yintoni. Wathi akuvela kwakhona phakathi kwabo, umdla wabo nokulindela kwabo kwavuselelwa kwakwiqondo eliphezulu kakhulu. Apha kwakukho iindlela eziqhelekileyo nobuso obuqhelekileyo babo wayebaze kwasebusaneni baKhe. Apha umama waKhe, abantakwabo noodadewabo, nawo onke amehlo ajika akhangela kuYe xa wayengena endlwini yesikhungu ngemini yeSabatha, ethabatha indawo yokuhlala phakathi kwabakhonzi. ULw 236.2

    Kwinkonzo yesiqhelo yemini, indoda enkulu yafunda kubaprofeti, yaza yabakhuthaza abantu ukuba bahlale benethemba laLowo Ozayo, noya kuzisa ulawulo olunobuqaqawuli, ayisuse yonke ingcinezelo. Wayezama ukubakhuthaza abo bamphulaphuleyo ngokuphinda ubungqina bokuba, ukufika kukaMesiya kukufuphi. Wayichaza indlela yobuqaqawuli bokufika kwaKhe, ebalula ingcamango yokuba uya kubonakala engumkhokeli wemikhosi yokuhlangula uIsrayeli.ULw 236.3

    Xa urabhi ekho endlwini yesikhungu, wayelindeleke ukuba anike intshumeyelo, aze athi nawuphi umIsrayeli anike isifundo esivela kubaprofeti. Kule iSabatha, uYesu wacelwa ukuba athabathe inxaxheba enkonzweni. “Wesuka wema ukuba alese. Wanikelwa incwadi kaIsaya umprofeti.” Luka 4:16, 17. Isibhalo awasifundayo sasisaziwa njengesibhekisa kuMesiya: ULw 237.1

    “UMoya weNkosi uphezu kwam,
    Ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela
    iindaba ezilungileyo kumahlwempu.
    Indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo,
    Ndivakalise inkululeko kubathinjwa,
    Nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,
    Ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,
    Ndivakalise umnyaka owamkelekileyo weNkosi.”
    ULw 237.2

    “Eyisongile ke incwadi, wayibuyisela kwisicaka: . . . aye amehlo abo bonke abasendlwini yesikhungu enamathele kuye. . . . Baye bonke bemngqinela, bemangaliswa ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe.” Luka 4:20-22.ULw 237.3

    UYesu wasuka wema phambi kwabantu engumchazi ophilileyo weziprofeto ezingaYe. Echaza amagama awayewafundile, wathetha ngoMesiya njengomkhululi wabacinezelweyo, umkhululi wabathinjwa, umphilisi wabathuthunjiswayo, umbuyiseli wokubona kwabazimfama, notyhilela ihlabathi ukukhanya kwenyaniso. Indlela yaKhe eyayinomdla, nokubaluleka kwamazwi aKhe, kwabavuyisa abaphulaphuleyo ngamandla abangazange baziva benawo ngaphambili. Umsinga wempembelelo engcwele wawisa yonke imiqobo; njengoMoses, babona Ongabonwayo. Zathi xa iintliziyo zabo zichukunyiswa nguMoya Oyingcwele, baphendula ngooamen abashushu nokumdumisa uYehova. ULw 237.4

    Wathi kodwa uYesu akuvakalisa ukuthi, “Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu, bakhawuleza bakhumbula kwangoko ukuba bazicingele ngokwabo, nangamabango aKhe lowo ube ethetha nabo. Wona, maIsrayeli, abantwana baka-Abraham, babe bekwe njengabasebukhobokeni. Kwakuthethwa nabo ngokwamabanjwa ekufuneka ehlangulwe kwigunya longendawo; njengabahleli ebumnyameni, nabadinga ukukhanya kwenyaniso. Ikratshi labo laliphazanyisiwe, namaxhala abo evusiwe. Amazwi kaYesu abonisa ukuba umsebenzi waKhe kubo wawuza kuba ngowahlukileyo kwaphela kulowo babewunqwenela. Izidingo zabo zaziza kuhlolisiswa. Nangona babukho ubungqongqo babo kwiinkonzo ezibonakala ngaphandle, babesoyika ukuhlolwa ngaloo mehlo akhanyayo, naphengululayo. ULw 237.5

    Ngubani lo Yesu? Babuza. Lowo wayethabathela kuYe ukuzukiswa kukaMesiya wayengunyana womchweli, kwaye wayesebenza kwishishini laKhe noyise uYosefu. Babembonile etsala nzima esihla enyuka iinduli, baye beqhelene nabantakwabo noodadewabo, bebazi ubomi baKhe nokusebenza nzima. Babembonile ekhula ukusuka ebuntwaneni kuse ebutsheni, nokusuka ebutsheni kuse ebudodeni. Nangona ubomi baKhe babungenabala, babengakholwa ukuba wayenguLowo kwakuthenjiswe ngaYe. ULw 237.6

    Umahluko ongako phakathi kwemfundiso yaKhe ngokubhekiselele kubukumkani obutsha naleyo babeyive kwindoda enkulu yabo! UYesu wayengathethi nto ngokuhlangulwa kwabo kumaRoma. Babevile ngemimangaliso yaKhe, baza bathemba ukuba amandla waKhe aya kusetyenziselwa okwabo ukulungelwa, kodwa abazange babone nto esondele kwinjongo enjalo. ULw 238.1

    Bathi bakuvulela intandabuzo ucango, iintliziyo zabo zabalukhuni kakhulu, kuba bezikhe zathamba okomzuzwana. USathana wayezimisele ukuba, amehlo angaboniyo angavulwa ngaloo mini, nemiphefumlo ekhonkxwe ebukhobokeni, ingakhululwa. Ngamandla amakhulu, wasebenza ukubaqinisela ekungakholweni. Abazange banike ngxelo ngomqondiso owawusele unikiwe, ngexesha baya bachukumiseka yinkolo yokuba yayinguye uMhlanguli owayethetha nabo. ULw 238.2

    Ngokunje uYesu wabanika ubungqina bobuThixo baKhe ngokutyhila iimfihlo zeengcinga zabo. Wathi kubo, Kakade niya kuwuthetha kum lo mzekeliso uthi, Gqirha, ziphilise; okungangoko sikuve kwenzeke eKapernahum, kwenze nakowenu apha. Wathi ke, Inene, ndithi kuni, Akukho mprofeti wamkelekileyo kowabo. Kodwa inene ndithi kuni, Babebaninzi abahlolokazi kwaIsrayeli ngemihla kaEliya, oko lalivingcekile izulu iminyaka emithathu eneenyanga ezintandathu, xeshikweni kwakukho indlala enkulu kulo lonke ilizwe; kanti uEliya akathunywanga nakumnye kubo; wathunywa eTsarfati yakwaTsidon kumhlolokazi, kwakuphela. Kananjalo babebaninzi abaneqhenqa kwaIsrayeli ngexesha likaElisha umprofeti; kanti ke, akuhlanjululwanga namnye kubo, yaba nguNahaman umSiriya kwaba kuphela.” Luka 4:23-27.ULw 238.3

    Ngolu lwalamano lweziganeko ebomini babaprofeti, uYesu wahlangabezana nembuzwano yabo babemphulaphule. Abakhonzi uThixo awabanyulela umsebenzi okhethekileyo abazange bavunyelwe ukuba basebenzele abantu abantliziyo zilukhuni nabangakholwayo. Abo ke babenazo iintliziyo zokuva nokholo lokukholwa ngendlela eyodwa benzelwa imfesane ngezibonakalaliso zamandla waKhe ngabaprofeti. Ngemihla kaEliya, uIsrayeli wayemkile kuThixo. Batshela ezonweni zabo, bazala izilumkiso zikaMoya ngabathunywa bakaYehova. Ngaloo ndlela bazinqamla kwijelo eyayiza kuza ngalo kubo intsikelelo kaThixo. UYehova wadlula kumakhaya akwaIsrayeli, wafumanela indawo yokuphephela umkhonzi waKhe kwilizwe lentlanga, kwinkosikazi eyayingeyiyo eyabantu abanyuliweyo. Yona le ntokazi yenzelwa imfesane kuba yayikulandele ukukhanya eyakufumanayo, yaza yayivulela intliziyo yayo ekukhanyeni okukhulu uThixo awakuthumela kuyo ngomprofeti. ULw 238.4

    Kwakungenxa yesi sizathu sinye, ekwathi ngexesha likaElisha, abaneqhenqa bakwaIsrayeli badlulwa. Yena uNahaman, isikhulu sentlanga, sathembeka kwiimbono zakhe zokulungileyo, waza wakuva ukudinga kwakhe uncedo okukhulu. Waye ekwimeko yokuzamkela izipho zobabalo lukaThixo. Akazange anele ukuhlanjululwa kwiqhenqa lakhe kuphela, kodwa wasikelelwa nangokumazi uThixo oyinyaniso. ULw 239.1

    Ukuma kwethu phambi kukaThixo kuxhomekeka, hayi kubuninzi bokukhanya esikufumeneyo, kodwa phezu koko sikwenzayo ngoko sinako. Ngaloo ndlela, nabentlanga, abo banyula okulungileyo kangangoko banakho ukukuqonda, bakwimeko entle kakhulu kunabo bebenokukhanya okukhulu, bathi basebenzela uThixo, kodwa babe bengakuhoyanga ukukhanya, baze bathi, ngobomi babo bemihla ngemihla, bachasane noko bazibiza ngako. ULw 239.2

    Amazwi kaYesu kwababephulaphule endlwini yesikhungu abetha engcanjini yobulungisa obubobabo, ebethelela kubo inyaniso ekrakra yokuba babemkile kuThixo baphulukana nebango labo lokuba ngabantu baKhe. Lonke ilizwi latyanda njengemela njengoko eyona meko yabo yanekwa phambi kwabo. Ngoku balugxeka ukholo awayethe ekuqaleni uYesu wabakhuthaza kulo. Abazange bavume ukuba Lo wayephuma kubuhlwempu nasekubeni phantsi wayengenguye umntu nje oqhelekileyo.ULw 239.3

    Ukungakholwa kwabo kwazala inkohlakalo. USathana wabalawula,bazabathi benengqumbo, bakhwaza bechasauMsindisi. Babebuye umva kuLowo umsebenzi awayewuzele wawukukuphilisa nokubuyisela; ngoku babonakalalisa iimpawu zomtshabalalisi. ULw 239.4

    Xa uYesu wayebhekisa kwiintsikelelo ezinikwe iiNtlanga, ikratshi eloyikekayo lobuzwe lwabo baphulaphuleyo lavuka, aza amazwi waKhe agqunywa yingxolo yamazwi. Aba bantu babezidla ngokugcina umthetho; kodwa ngoku njengoko ukuziphakamisa kwabo kuchukunyisiwe, babelungele ukubulala. Umhlangano wenkonzo wachitheka, wabanjwa ngezandla uYesu, wakhutshelwa ngaphandle kwendlu yesikhungu, nangaphandle komzi [kwesixeko]. Bonke babonakala bezondelele ukumbulala. Bamgxagxamisa bamsa elungqamekweni lomwonyo, benenjongo yokumlahlela phantsi intloko ijonge ezantsi. Imikhwazo nezishwabulo zazizalise umoya. Abanye babemgibisela ngamatye, kodwa wasuka wathi shwaka waphel’ emehlweni. Abathunywa basezulwini ababesecaleni kwaKhe endlwini yesikhungu, babenaye naphakathi kwaloo mndilili uphambeneyo. Bamngqonga phambi kwentshaba zaKhe, bamkhokelela kwindawo ekhuselekileyo. ULw 240.1

    Iingelosi zamkhusela ngolo hlobo uLote, zahamba naye ekhuselekile ukuphuma eSodom. Zamkhusela njalo uElisha kwintatyana yesixeko. Xa iinduli ezingqongileyo zazizaliswe ngamahashe neenqwelo zokulwa zikakumkani waseSiriya, nomkhosi omkhulu wamadoda axhobileyo, uElisha wabona imiqengqelezi yenduli ezikufutshane igqunywe yimikhosi kaThixo,--amahashe neenqwelo zokulwa zomlilo zijikeleze ngeenxa zonke umkhonzi kaThixo. ULw 240.2

    Ngokunjalo, kuzo zonke izizukulwana, iingelosi zisoloko zikufuphi kubalandeli bakaKristu abathembekileyo. Umkhosi omkhulu yongendawo ihlala ixhobile ukuba ilwe nabo bonke abaza koyisa; kodwa uKristu unga singakhangela kwizinto ezingabonwayo, kwimikhosi yezulu ejikeleze bonke abamthandayo uThixo, ukuba ibahlangule. Nakweziphi iingozi, ezibonwayo nezingabonwayo, sigciniwe ngokungenelela kweengelosi, asisayi kuze sazi, side sithi, ekukhanyeni kukanaphakade sikubone ukubonelela kukaThixo. Siya kwazi ngoko ukuba lonke usapho lwasezulwini lube lunomdla kusapho lwalapha ezantsi [emhlabeni], nokuba abathunywa abaphuma kwitrone kaThixo bebewajonge wonke amanyathelo ethu imihla ngemihla. ULw 240.3

    Xa uYesu endlwini yesikhungu wayefunda esiprofetweni, kwasala kancinane ukuba afike kumniningwana wokugqibela obhekisa emsebenzini kaMesiya. Akuba ewafundile amazwi, athi, “Ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova,” wayiyeka intethwana ethi, “nomhla wempindezelo yoThixo wethu.” Isa. 61:2. Le yayiyinyaniso njengaleyo isekuqaleni kwesiprofeto, kwaye ngokuthula kwaKhe, uYesu wayengayikhanyeli inyaniso. Le ntetho yokugqibela, yiyo abaphulaphuli baKhe ababethanda ukuhlala kuyo, nababenqwenelakakhuluukuba izaliseke.Babethetha phandle ngezigweboeziyaezintlangeni, bengaqondi bona ukuba obabo ubutyala babubukhulu kunobo babanye. Loo mini yasendlwini yesikhungu, xa uYesu wayemi phakathi kwabo, yayilithuba labo lokuba bamkele ubizo lweZulu. Lowo “uthanda ukwenza inceba” (Mika 7:18), wayenga angabasindisa kwintshabalalo eyayiziswa zizono zabo. ULw 240.4

    Wayengayi kubancama engalwenzanga olunye ubizo lokuba baguquke. Xa kusiya ngasekupheleni komsebenzi waKhe eGalili, waphinda watyelela ikhaya lobuntwana baKhe. Kususela ukuba wayaliwe apho, udumo lokushumayela kwaKhe nokwenza kwaKhe imimangaliso lwaluzalise ilizwe. Kwakungekho ngoku onokukhanyela ukuba wayenamandla angaphezu kwawomntu. Abantu baseNazarete babesazi ukuba wayejikeleza esenza okulungileyo, ephilisa bonke ababecinezelwe nguSathana. Babejikelezwe ziindawo apho kwakungeko kuncwina kukugula nakwelinye ikhaya; kuba wadlula kuwo, wabaphilisa bonke abagulayo. Inceba eyatyhilwayo kuso sonke isenzo sobomi baKhe yayingqina ngokuthanjiswa kwaKhe lizulu. ULw 241.1

    Kwakhona, xa babemamele amazwi aKhe, abantu baseNazarete bachukunyiswa nguMoya weZulu. Kwathi kodwa nangoku abavuma ukuba loMntu, owakhulela phakathi kwabo, yayingomnye okanye omkhulu kunabo. Kwakusekho ukuphikisana okubi kwengqondo okwathi, nangona esitsho ngokwaKhe ukuthi ungOwesithembiso, uKristu kaThixo, bona wabavimba indawo kuIsrayeli; kuba wababonisa ukuba bona banexabiso elingaphantsi kunelomntu oyintlanga kunye nongumfazi. Nangona babenayo intandabuzo, besithi, “Ubufumana phi lo Mntu obu bulumko, nale misebenzi yamandla?” baza abamamkela njengoKristu kaThixo. Ngenxa yokungakholwa kwabo, uMsindisi akazange akwazi ukusebenza imimangaliso emininzi phakathi kwabo. Zabambalwa kuphela iintliziyo ezavulekayo ukuba zamkele intsikelelo yaKhe, waza, engafuni, wemka ukuba engazange aphinde abuye. ULw 241.2

    Ukungakholwa, okwakukhe kwakho, kwaqhubeka kubalawula abantu baseNazarete. Ngokunjalo kwayilawula iSanhedrin kunye nesizwe. Kubabingeleli nabantu, ukwaliwa kokuqala kokubonakala kwamandla kaMoya Oyingcwele kwaba kukuqaleka kwesiphelo. Ukuze babonise ukuba ukwala kwabo kwakulungile, baqhubeka okoko emva kwako ukuwachukela amazwi kaKristu. Ukwala kwabo uMoya kwaphelela emnqamlezweni waseKalvari, ekutshabalaleni kwesixeko, ekuchitha-chithweni kohlanga luye kwimimoya yezulu. ULw 241.3

    Athi, indlela uKristu awayelangazelela ukumvulela ngayo uIsrayeli iindyebo ezixabisekileyozenyaniso! Babunjaloubumfamababo basemoyeni kangangokuba akazangeabe nacho ukubatyhilela iinyaniso ezayame ebukumkanini baKhe. Batshela kwizithethe zabo nakwiinkonzo zabo ezingenamsebenzi lo gama inyaniso yeZulu ilindele ukuba bayamkele. Bayichitha imali yabo ngomququ namakhatshu, lo gama isonka sobomi sasifikelela kubo. Kwakutheni ukuze bangayi elizwini likaThixo, baphengulule ngenkuthalo ukuze bazi ukuba babesemposisweni? IziBhalo zeTestamente eNdala zaziyixela elubala yonke ingcombolo engomsebenzi kaKristu, kwaye ephinda-phinda, uKristu, ukucaphula abaprofeti, esithi, “Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.” Ukuba babeziphengulule ngokunyanisekileyo iziBhalo, bazise iingcinga zabo eluvavanyweni lwelizwi likaThixo, uYesu ngewayengazanga walila ngenxa yokungazohlwayi kwabo. Wayengadingi ukuba athi, “Yabonani, indlu yenu ishiywa nani ize.” Luka 13:35. Ngebabeqhelene nemiqondiso yokuba nguMesiya kwaKhe, ithi nentlekele eyathoba isixeko sabo esasiligugu sibe linxuwa elizindonga ngeyayijikiwe. Iingqondo zamaYuda zacuthwa zaxineka ziinkani zokungacingisisi kwabo. Izifundo zikaKristu zatyhila ubuthakathaka besimilo, zadinga inguquko. Ukuba babezamkele iimfundiso zaKhe, izenzo zabo kwakufuneka zitshintshile, namathemba ababenawo aphele. Ukuze bazukiswe liZulu, kufuneka ukuba bohlukane nokuzukiswa ngabantu. Ukuba babewathobele amazwi alo rabhi umtsha, kwakufuneka bachasane neengcinga zoongqondongqondo abakhulu kwaneetitshala zexesha labo. ULw 242.1

    Inyaniso yayingathandwa ngexesha likaYesu. Ayithandwa nangoku kule yethu imihla. Yayingazanga yathandwa kususela ukuba uSathana waqala ukumnika umntu ukuba angayinambithi ngokumnika iintsomi ezikhokelela ekuziphakamiseni. Asihlangani na namhlanje neentetho neemfundiso ezingenaso isiseko elizwini likaThixo? Abantu batshele kuzo ngokomcikwane emcingeni njengoko enzayo amaYuda kwizithethe zawo. ULw 242.2

    Iinkokeli zamaYuda zazizaliswe likratshi lasemoyeni. Ulangazelelo lwazo lokuzukiswa kweziqu zazo lwaye lubonakalaliswa nakwinkonzo yasengcweleni. Zazithanda izihlalo eziphezulu endlwini yesikhungu. Zazithanda ukubuliswa kwiindawo zembutho, zaye zisaneliswa sisandi sezihlonipho zazo eziphuma emilebeni yabantu. Njengoko obona bungcwele benene babusiya busihla, aya esiba nekhwele ngenxa yezithethe kunye neenkonzo zazo.ULw 242.3

    Kwathi kuba ukuqonda kwabo kwakwenziwe mnyama likratshi lokufuna okukokwazo, azakwazi ukulungelelanisa amandla amazwi kaKristu awoyisayo kunye nokuthobeka kobomi baKhe. Azizange ziyibone into yokuba ubukhulu benene bunokukuchitha ukubonakala kwangaphandle. Ubuhlwempu balo Mntu babonakala bungahambelani nebango laKhe lokuba nguMesiya. Baba nawo umbuzo wokuba, Ukuba wayeyiyo le nto wayesithi uyiyo, kwakutheni ukuba angazigwagwisi kangaka?Ukuba wayanelisekilekukungabi nawoumkhosiwezixhobo,sasiya kuba yintoni isizwe sabo? Laliza kwenza njani igunya nobuqaqawuli obabukade bulindelwe ukwenza ukuba izizwe zibe phantsi kwesixeko samaYuda? Ababingeleli babengafundisanga na ukuba uIsrayeli wayeza kuba nolawulo phezu kwawo wonke umhlaba? Ingaba kunokwenzeka na ukuba iititshala ezinkulu zenkolo zazinempazamo?ULw 242.4

    Kwakungekuphela nje kodwa kokungabikho kobuqaqawuli bangaphandle ebomini baKhe, okwenza ukuba amaYuda amale uYesu. Wayeyintlanganisela yobunyulu, abe wona engekho nyulu. Wahlala phakathi kwabantu engumzekelo wengqibelelo engenabala. Ubomi baKhe obungenakusoleka babuphosa ukukhanya ezintliziyweni zabo. Ukunyaniseka kwaKhe kwatyhila ukunganyaniseki kwabo. Kwenza kwabonakala ukungabi nanto kobungcwele babo bokuzenzisa, kwafumana ubugwenxa kubo bukwimeko yabo ethiyekileyo. Ukukhanya okunjalo kwakungamkelekanga. ULw 243.1

    Ukuba uKristu wayefune ingqwaleselo kubaFarisi, akuphakamise ukufundisa nobungcwele babo, ngebamamkela ngovuyo olushushu. Wathi kodwa xa ethetha ngobukumkani bamazulu njengexesha lenceba kubantu bonke, waba unika isigaba senkolo ababengenako ukusinyamezela. Owabo umzekelo nemfundiso azizange zibe zinokuyenza ukuba inkonzo kaThixo ibonakale inqweneleka. Bathi xa bembona uYesu enika ingqwalaselo kwaba bantu kanye babebathiyile bebabukula, yavuselela loo nto ezona mvakalelo zimbi ezintliziyweni zabo ezazizaliswe likratshi. Nangona kwakukho ukuqhayisa kwabo okuthi, phantsi “[kwe]Ngonyama yesizwe sakwaYuda” (IsiTy. 5:5), uIsrayeli wayeza kuphakanyiswa azivelele zonke izizwe, babenokunyamezela ngcono ukudaniswa kwamathemba abo anamabhongo kunokunyamezela ukungxoliswa nguKristu ngenxa yezono zabo, nengcikivo ababeyiva ngokuba phambi kobunyulu baKhe. ULw 243.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents