Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    39—“Bapheni Nina Badle”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 14:13-21; Marko 6:32-44; Luka 9:10-17; Yohane 6:1-13.]

    UKristu waya kuphumla kwindawo esecaleni kunye nabafundi baKhe, kodwa eli xesha linqabileyo lakhawuleza laphela. Abafundi babecinga ukuba baphumle kuba bengasayi kuphazanyiswa; kodwa ngakonje ukuba isihlwele sindululwe yiTitshala yasezulwini, babuza, “Ubheke phi?” Abanye phakathi kwabo babeliqaphele icala uKristu nabafundi baKhe ababebheke ngakulo. Abaninzi bahamba ngendlela yomhlaba ukuze bahlangane nabo, lo gama abanye balandela ngemikhombe becanda emanzini. Isidlo sePasika sasikufuphi, kwaye, ukusuka kude nakufuphi, imiqodi yabahambi eyayisendleleni esinga eYerusalem yayibuthelene ukuze imbone uYesu. Aya esongezeka amanani wabo, kwada kwahlangana amawaka amahlanu amadoda ngaphandle kwabafazi nabantwana. Phambi kokuba uKristu afike elunxwemeni, isihlwele sasesimlindele. Waya wehla bengamqondanga, waza wachitha ithutyana ecaleni nabafundi.ULw 364.1

    Uthe esecaleni lentaba, wakhangela kwisihlwele esihambayo, yachukumiseka intliziyo yaKhe yimfesane. Nangona wayephazanyisiwe, ehluthwe ukuphumla kwaKhe, akazange angabi namonde. Wabona isidingo esikhulu esasifuna ukuqwalaselwa nguYe njengoko wayejonge abantu besiza ngokuza. “Wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi.” Eyishiya endawo aphumle kuyo, waya wafumanaindawo efanelekileyo apho wayenokulungiselela khona. Abazange bafumane luncedo kubabingeleli nabaphathi; kodwa amanzi obomi aphilisayo ayempompoza ephuma kuKristu ngexesha wayefundisa isihlwele indlela yosindiso.ULw 364.2

    Abantu bawaphulaphula amazwi enceba empompoza ngokukhululekileyo emilebeni yoNyana kaThixo. Baweva amazwi obubele, elula ecacile kangangokuba ayengumathunga waseGiliyadi emiphefumlweni yabo. Ukuphilisa kwesandla esingcwele kwazisa uchulumanco nobomi kwabafayo, nokonwaba kwempilo kwabo babegula zizifo. Imini yaba ngathi kubo lizulu emhlabeni, abaze bayiqonde nokuba iye yabande kangakanani bengakhanga bafaka nto emlonyeni. ULw 365.1

    Ekugqibeleni, imini yayimkile. Ilanga lalisiya kunina ngasentshona, kanti abantu babesajikeleza. UYesu wayesebenze nzima imini yonke engakhanga watya okanye waphumla. Wayembatshile kukudinwa nokulamba, baza abafundi bamcenga ukuba akhe athi xha ekusebenzeni kwaKhe. Wayengakwazi ukuzirhoxisa kwisihlwele esasityhudisa sisiza kuYe. ULw 365.2

    Ekugqibeleni abafundi beza kuYe bemkhuthaza ukuba, ngenxa yabo, abantu mabagoduswe. Abaninzi basuke kude, baye bengakhange batya kususela ngentsasa. Kwimizana namaphandle ajikelezileyo mhlawumbi bangakufumana ukutya. Wasuka uYesu wathi, “Bapheni nina badle,” emva koko, wajika wakhangela kuFilipu, wabuza, “Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?” Wakuthetha oku ukuze aluvavanye ukholo lomfundi. UFilipu wakhangela phezu kwentlaninge yeentloko, wayicinga indlela ekungenakuba nako ngayo ukwenza kubekho ukutya okunokwanelisa iimfuno zesihlwele esingako.Waphendula ngelithi, isonka seedenariyo ezingamakhulu azingeke ziphantse nokuphantsa ukwanela ukwabiwa phakathi kwabo, ukuze ngamnye afumane intwana. UYesu wabuza ukuba kungakanani ukutya okunokufunyanwa apho eqeleni. “Kukho nkwenkwana apha,” watsho uAndreya, “inezonkana ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?” UYesu wayalela ukuba ezi ziziswe kuYe. Wathi kubafundi mababahlalise abantu engceni ngamaqela angamashumi amahlanu okanye alikhulu, ukuze kubekho ucwangco, nokuze bonke bakubone oko wayeza kukwenza. Kwathi kwakuba kwenziwe oku, uYesu wakuthabatha ukutya, “wakhangela ezulwini, wazisikelela, waqhekeza; wamana enika abafundi, ukuba babeke ezihlweleni.” “Badla ke bonke bahlutha. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi.” ULw 365.3

    Lowo wayefundisa abantu indlela yokuzuza uxolo nolonwabo wayebacingela ngeemfuno zabo zasemhlabeni njengezo zabo zasemoyeni. Abantu babediniwe benxaphile. Kwakukho omama ababephethe iintsana ezingalweni, nabantwana abancinane ababe bambelele emibhinqweni yoonina. Abaninzi babemi ixesha elide. Babe nomdla omkhulu kakhulu emazwini kaKristu kangangokuba abazanga bakucinga nakanye ukuhlala phantsi, saye isihlwele sisikhulu kangangokuba kwakukho ingozi yokunyathelana. UYesu wayeza kubanika ithuba lokuphumla, waza wabayalela ukuba bahlale phantsi. Yayininzi ingca kula ndawo, kwaye bonke babenokuphumla kamnandi. ULw 366.1

    UKristu wayengaze enze mmangaliso ngaphandle kokunika uncedo kwimfuno eyayiludinga, kwaye wonke ummangaliso wawunendlela yokutsalela abantu kumthi wobomi, omagqabi awo adalelwe Ukuphilisa iintlanga. Ukutyanjeokuqhelekileyo kwadluliswa ngezandla zabafundi kwakunayo yonke indyebo yezifundo. Yayikukutya nje okulula okwakulungisiwe; iintlanzi nezonka zerhasi yayikukutya kwamihla yonke kwabantu abangabalobi beentlanzi kuLwandle lwaseGalili. UKristu wayenako ukwandlala phambi kwabantu ukutya kwexabiso, kodwa ukutya okwakulungiselwe ukwanelisa nje ukuthanda ukutya kwakungayi kusinika isifundo sokulungelwa kwabo. UKristu wabafundisa kwesi sifundo ukuba ulungiselelo lwendalo uThixo awayelwenzele umntu lwaguqulwa. Abazange abantu bonwabela izidlo zezibiliboco ezilungiselwe ukwanelisa ilithe eligqwethekileyo njengaba bantu bonwabela ukuphumla kunye nokutya okulula awabanika kona uKristu bekude kangako neendawo zabo abahlala kuzo.ULw 367.1

    Ukuba abantu namhlanje bebengaba lula kwimikhwa yabo, baphile ngokuhambelana nemithetho yendalo, njengoko benzayo uAdam noEva ekuqalekeni, ngekukho okuninzi kakhulu kokondla izidingo sosapho loluntu. Bekuya kuba mbalwa okucingwa ukuba yintswelo, namathuba amaninzi okusebenza ngeendlela zikaThixo. Inkathazo, umona nokuziyekela kwilithe elingelilo lemveli kuye kwazisa isono nentlupheko emhlabeni, ubukho kwemfumba kwelinye icala, nentswelo kwelinye.ULw 367.2

    UYesu akazange afune kutsalela abantu kuYe ngokwanelisa iminqweno yolonwabo. Kweso sihlwele sikhulu, sasidiniwe silambile emva kwemini ende nekhuthazayo, ukutya okulula kwakusisiqinisekiso, kungekuphela kwamandla waKhe, kodwa kwenkathalo yaKhe enothando kubo kwizidingo zabo zobomi. UMsindisi akabathembisanga abalandeli baKhe ubunewunewu behlabathi; ukutya kwabo kusenokuba lula, kude kube kuncinane; basenokuba ngabantu abangamahlwempu; kodwa ilizwi laKhe liqinisekisiwe ukuba izidingo zabo ziya kubonelelwa, kwaye uthembise oko kukude kakhulu ngaphaya kokuhle kwehlabathi,--intuthuzelo ehlala ihleli yobukho baKhe. ULw 367.3

    Ekondleni amawaka amahlanu, uYesu uphakamisa umkhusane osithe ilizwe lendalo, uveze amandla athe rhoqo esebenzela okwethu ukulungelwa. Ekwenzeni ukuba kubekho izivuno emhlabeni, uThixo usebenza ummangaliso yonke imihla. Ngezenzeleli zendalo, kwaloo msebenzi mnye uyenziwa, lo wenziwayo ukutyisa izihlwele. Abantu balungisa umhlaba, bahlwayele imbewu, kodwa bubomi obuvela kuThixo obenza ukuba imbewu intshule. Yimvula kunye nomoya kaThixo kwakunye nokukhanya kwelanga okukwenza ukuba kukhule, “kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini.” Marko 4:28. NguThixo othi yonke imihla ondle izigidi ngesivuno samasimi omhlaba. Abantu babizwa ukuba basebenze kunye noThixo ekukhathaleleni ingqolowa nokwenziwa kwesonka, kodwa basukabathi,ngenxa yoku, balahlekwe ngumbono wesenzeleli sezulu. Abamniki uThixo uzuko olufanele igama laKhe elingcwele. Ukusebenza kwamandla aKhe kubalelwa ekusebenzeni kwendalo okanye izixhobo ezingabantu. Umntu uyazukiswa endaweni kaThixo, zize zithi izipho zobubele baKhe zijikelwe ukusetyenziswa ngendlela yomona, zenziwe zibe sisiqalekiso endaweni yokuba zibe yintsikelelo. UThixo ufuna kubekho utshintsho kuko konke oku. Ulangazelela ukuba izivo zethu zivuselwe ukuba zibuqonde ububele benceba yaKhe nokuba azukiswe ngokusebenza kwamandla waKhe. Ulangazelela ukuba simvume Yena kwizipho zaKhe, ukuze zithi, ngokwenjongo yaKhe, zibe yintsikelelo kuthi. Yayikukuze kufezekiswe oku okweza ukuba uKristu enze imimangaliso. ULw 367.4

    Emva kokuba isihlwele sondliwe, kwakukho ukutya okuninzi okuseleyo. Lowo ziphantsi kolawulo lwaKhe zonke izipho zamandla angenamida, wathi, “Buthani amaqhekeza ukuze kungonakali nto.” La mazwi ayethetha ngaphezulu kokufaka nje isonka ezingobozini. Isifundo sintlantlu-mbini. Akukho nto kufuneka ichithwe nje. Kufuneka singavumi ukuphulukana nethuba esilifumanayo emhlabeni. Kufuneka singatyesheli nantoni enokuzuzisa umntu ulutho. Konke makuqokelelwe okunokusombulula iimfuno zabalambileyo basemhlabeni. Kufuneka kubekho unonophelo olunjalo nakwizinto zasemoyeni. Xa iingobozi zamaqhekeza zaziqokelelwa, abantu bacinga ngabahlobo babo emakhaya. Bafuna ukuba nabo bafumane kwisonka esasikelelwa nguKristu. Okwakuphakathi ezingobozini kwabelwa isihlwele esasinomdla, kwaza kwahanjwa nako ukuya kuwo wonke ummandla ojikelezileyo. Ngoko ke, abo babesesidlweni, babeza kunika abanye isonka esehla sivela ezulwini, ukwanelisa ukulamba kwemiphefumlo. Kwakuza kufuneka bekuphindile oko bakufundayo ngezinto ezimangalisayo zikaThixo. Kwakungekho nto kwakufuneka ilahlekile. Kwakungekho nelizwi elilodwa elingokusindiswa kwabo kukanaphakade ekwakufuneka liwe ngelize emhlabeni. ULw 368.1

    Ummangaliso wezonka ufundisa isifundo sokuxhomekeka kuThixo. Xa uYesu wayesondla amawaka amahlanu, ukutya kwakungekho kufuphi apho. Akubonakali ukuba izinto zaziphantsi kolawulo lwaKhe. Wayelapha, namadoda angamawaka amahlanu, ngaphandle kwabafazi nabantwana, entlango. Wayengasimemanga isihlwele esikhulu ukuba simlandele; bonke bazizela bengamenywanga okanye ngaphandle kokuthunywa; kodwa wazi, uYesu, ukuba emva kokuba bephulaphule imfundiso ixesha elide kangako, babeza kuziva belambile bephelelwe ngamandla; kuba wayemnye kunye nabo kwisidingo sokutya. Babekude nekhaya, baye ubusuku busondele. Uninzi lwabo babengenazo iintsiba zokuthenga ukutya. Lowo wathi ngenxa yabo wazila iintsuku ezimashumi mane entlango wayengasayi kubakhulula ukuba babuyele emakhayeni wabo bezilile. Ukubonelela kukaThixo kwakumbeke uYesu kuloo meko; waza waxhomekeka kuYise waKhe osemazulwini ngeezixhobo zokukhulula ngoko kufunekayo. ULw 368.2

    Xa sifike kwiindawo ezimxinwa, kufuneka sixhomekeke kuThixo. Kufuneka sisebenzise ubulumko nokuqaphela kuso sonke isenzo sobomi, ukuze singathi, ngokwenza ngobugangxa, sizibeke ekulingweni. Akufuneki singene kwiinzima, sibe sizityeshela izixhobo uThixo azibekileyo, size sisebenzise gwenxa izakhono asinike zona. Abasebenzi bakaKristu kufuneka bathobele imiyalelo yaKhe ngokupheleleyo. Umsebenzi ngokaThixo, kwaye ukuze sibe yintsikelelo kwabanye, kufuneka alandelwe amacebo aKhe. Umna akakwazi ukwenziwa ukuba abe ngumbindi; u-mna akanako ukuzukiswa. Ukuba siceba ngokweengcinga zethu, iNkosi iya kusishiya kwezo mpazamo zethu. Kanti ke, xa, emva kokulandela inkokhelo yaYo, sithi singene kwiindawo ezimxinwa, iya kusihlangula. Akufuneki sincame ngokuphelelwa lithemba, kodwa kuyo yonke into evelayo kufuneka sifune uncedo kuYe onezixhobo ezingenamida phantsi kolawulo lwaKhe. Siya kusoloko sijikelezwa ziimeko ezilingayo, kuze kuthi, ngesibindi esipheleleyo, kufuneke ukuba sixhomekeke kuThixo. Uya kuwugcina wonke umphefumlo ongena engxakini ngokuzama ukugcina indlela yeNkosi. ULw 369.1

    UKristu usiyalele ngomprofeti, wathi, “Mqhekezele esonkeni sakho olambileyo,” “[uwuhluthise] umphefumlo wocinezelweyo;” “xa uthe wabona ohamba ze, umambese,” “ubangenise endlwini abaziintsizana.” Isa. 58:7-10. Ukwasiyalele esithi, “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.” Marko 16:15. Kanti kuba kangaphi iintliziyo zethu zidakumba, ukholo lusiphoxa, xa sibona ubukhulu besidingo, nobuncinane besinako ezandleni zethu. NjengoAndreya okhangele izonka zerhasi ezihlanu neentlanzana ezimbini, sidanduluka, sithi, “Ziyinto ni na ezo kwabangakanana?” Sikholisa ukuthandabuza, singakulungeli ukunikela konke esinako, sisoyika ukuchitha nokuchithwa ngenxa yabanye. UYesu Yena uthe kuthi, “Bapheni nina badle” Umyalelo waKhe ukwasisithembiso; ngaphaya kwaso kukho kwaloo mandla awondla isihlwele ngaselwandle. ULw 369.2

    Kwisenzo sikaKristu sokwanelisa kwiimfuno zasemhlabeni kwisihlwele esilambileyo, kuhanganiswe isifundo esinzulu sikamoya sabo bonke abasebenzi baKhe. UKristu wamkela kuYise; wadlulisela kubafundi; badlulisela kwisihlwele; baza abantu badlulisela omnye komnye. Ngokunjalo ke bonke abazimanye noKristu baya kuzuza kuYe isonka sobomi, ukutya kwasezulwini, baze bakudlulisele kwabanye. ULw 369.3

    Exhomekeke ngokupheleleyo kuThixo, uYesu wathabatha uvimba omncinane wezonka; kwathi nangona kwakuyinto encinane yolwaKhe usapho lwabafundi, akabamema ukuba batye, kodwa waqala ngokubanika ebayalela ukuba bancede abantu. Ukutya kwandaezandleni zaKhe; zaza izandla zabafundi, ngokolulelwa ukuba zamkele kuKristu ngokwaKhe iSonka soBomi, azaze zingabi nanto. Uvimba omncinane wabanela bonke. Emva kokuba iimfuno zabantu zanelisiwe, amaqhekeza aqokelelwa, waza uKristu nabafundi baKhe batya kunye kukutya okunexabiso okwanikwa liZulu.ULw 369.4

    Abafundi babelijelo loqhagamshelano phakathi kukaKristu nabantu. Oku kumele ukuba yinkuthazo enkulu kubafundi baKhe namhlanje. UKristu ungumbindi omkhulu, iliso lawo onke amandla. Abafundi baKhe kufuneka bazuze okwabo kuYe. Oyena unobuchopho, noyena ongqondo yakhe imile kokwasemoyeni, unokubanika kuphela ngokokwamkela kwabo. Bona ngokwabo akukho nto banokuyinika kwizidingo zomphefumlo. Singanikela kuphela oko sikuzuza kuKristu; kwaye singazuza kuphela xa sinikela kwabanye. Xa siqhubeka nokunikela, siyaqhubeka nokuzuza; kwaye okona sinikela kakhulu, kokona siya kuzuza kakhulu. Ngoko ke kufuneka sithi rhoqo sikholwa, sithemba, sizuza, sidlulisela kwabanye. ULw 370.1

    Umsebenzi wokwakha ubukumkani bukaKristu uya kubheka phambili, nokuba ngokwembonakalo uhamba ngokucotha nezithintelo zibonakala zingqina ekuwunqandeni ukuba ungabheki phambili. Umsebenzi ngokaThixo, kwaye uya kuwuxhasa ngezinto, aze athumele abancedi, abafundi abanyanisileyo nabanyanisekileyo, abazandla zabo nazo ziya kuzaliswa kukutya kokondla izihlwele ezilambileyo. UThixo ubabeke esweni abo basebenza ngothando ukunika ilizwi lobomi kwimiphefumlo etshabalalayo, ethi nayo yolule izandla zayo ukuba inike ukutya kweminye imiphefumlo elambileyo.ULw 370.2

    Ekusebenzeleni kwethu uThixo, ikho ingozi yokuxhomekeka kakhulu kwinto abathi abantu, ngeetalente nezakhono zaKhe, bayenze. Ngoko sithi silahlekwe ngumbono woMsebenzi oyiNkosi. Kuyakholisa ukuba umsebenzi kaKristu asilele ukuwuqonda umthwalo ongowakhe. Usengozini yokutyhalela umthwalo wakhe kumaqumrhu, endaweni yokuxhomekeka kwithende lawo onke amandla. Yimpazamo enkulu ukuthemba ubulumko bomntu okanye amanani emsebenzini kaThixo. Umsebenzi kaKristu onempumelelo awuxhomekekanga kangako kumanani okanye kwitalente ngaphezu kobunyulu benjongo, nokholo olulula nolunyanisekileyo. Imithwalo yomntu, kufuneka ithwelwe, uxanduva lomntu kufuneka luthatyathiwe, imizamo yomntu kufuneka yenziwe ngenxa yabo bangamaziyo uKristu. Endaweni yokudlulisela umthwalo wakho komnye ocinga wena ukuba yena unikwe kakhulu kunokuba wena unikiwe, suka usebenze kangangoko unakho ukusebenza.ULw 370.3

    Xa umbuzo ufika entliziyweni yakho, usithi, “Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?” impendulo yakho mayingabi yeyokungakholwa. Bathi abafundi bakuwuva umyalelo woMsindisi, othi, “Bapheni nina badle,” kwavukazonke iinzimaezingqondwenizabo.Baba nombuzo, Ingaba kuza kufuneka sihambe siyokuthenga ukutya emizaneni? Ngokunjalo nangoku, xa abantu belambele isonka sobomi, abantwana beNkosi bayabuza, Ingaba siza kubiza umntu kude, ukuba eze abondle? Kanti wathini uKristu? “Bahlaliseni phantsi abantu,” wabadlisa khona apho. Ngoko ke, xa sukuba ungqongwe yimiphefmlo esweleyo, yazi ukuba uKristu ukhona apho. Thetha naYe. Zisa izonka zakho zerhasi kuYesu. ULw 371.1

    Izinto esinazo zingabonakala zinganelanga ukwenza umsebenzi; kodwa ukuba singathi sibheke phambili ngokholo, sikholelwa ekwaneleni kwawo wonke amandla kaThixo, okuninzi kakhulu kuya kuvuleka phambi kwethu. Ukuba umsebenzi ngokaThixo, Yena ngokwaKhe uya kwenza ukuba zibekho izixhobo zokuwufeza. Uya kukuvuza ukuxhomekeka okunyanisekileyo, nokudelekileyo phezu kwaKhe. Okuncinane okusetyenziswa ngobulumko nangocoselelo emsebenzini weNkosi yamazulu uya kukwandisa kwisenzo kanye nokwabelana ngako. Esandleni sikaKristu ukutya okuncinane okukhoyo, kwahlala kungacuthekanga sada isihlwele esilambileyo saneliseka. Ukuba siya kwiThende lawo wonke amandla, izandla zethu zolulelwe ukwamkela, siya kuxhaswa emsebenzini wethu, naphantsi kwezona meko zalayo, size sikwazi ukupha abanye isonka sobomi. ULw 371.2

    INkosi ithi, “Yiphani, naniya kuphiwa nani.” “Lowo uhlwayela ngokuvimba wovuna ngokuvimba; nalowo uhlwayela ngesisa wovuna ngesisa. . . . Unako ke uThixo ukuphuphumisela kuni ubabalo lonke, ukuze nithi, nihlala ninako nje ukwanela konke ngeendawo zonke, niphuphumele emsebenzini wonke olungileyo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, ULw 371.3

    Wasasaza, wapha abasweleyo;
    Ubulungisa bakhe buhleli ngonaphakade.

    “Ompha imbewu umhlwayeli, nesonka sokudliwa, aniphe ayandise imbewu yenu, ahlumise isiqhamo sobulungisa benu; nithi ngeendawo zonke nityetyiselwe ekunyaniseni konke, kona kusebenzayo ngathi umbulelo kuThixo.” Luka 6:38; 2 Kor. 9:6-11.ULw 371.4

    Weza uYesu, . . . esithi, Lizalisekile
    ixesha, nobukumkani bukaThixo
    busondele; guqukani nikholwe kuzo
    iindaba ezilungileyo.”
    --Marko 1:14, 15

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents