Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    83—Uhambo Oluya E-Emawusi

    [Esi sahluko sisekwe kuLuka 24:13-33.]

    Emva kwemini kakhulu ngomhla wovuko, abafundi ababini babesendleleni eya e-Emawusi, idolophana ekwisibhozo seemayile ukuya eYerusalem. Aba bafundi babengenandawo ibalulekileyo emsebenzini kaKristu, kodwa babengabakholwa ngenzondelelo kuYe. Babeze ePasikeni apha esixekweni, kwaye babedideke kakhulu ziziganeko ezazisanda kwenzeka. Babevile ngendaba zangentsasa zokususwa komzimba kaYesu engcwabeni, kwanengxelo yabafazi ababebone iingelosi nababehlangene noYesu. Ngoku ayebuyela emakhaya ukuba acamngce athandaze. Elusizi, aluthabatha uhambo lwawo, ehamba ethetha ngemibono yetyala nokubethelelwa emnqamlezweni. Ephelelwe lithemba, engenalukholo, ayehamba ethunzini lomnqamlezo. ULw 795.1

    Engekahambi mgama mde kuhambo lwawo, kwangenelela kuwo ongaziwayo, kodwa ayeqolozelene kakhulu elusizi, edanile kangangokuba awazange ambonele kufutshane kakhulu. Aya aqhubeka nencoko yawo, eveza iingcamango zeentliziyo zawo. Ayezathuza ngokwezifundo awazinikayo uKristu, ekwakubonakala ukuba awazange aziqonde. Njengokuba ayethetha ngeziganeko, uYesu walangazelela ukuwathuthuzela. Wayeyibonile intlungu yawo; kwaye eziqondaiingcamangoeziphikisanayo, nezididayoezazisa engqondweni yawo ingcinga ethi, Ingaba lo Mntu, owaziyekela ukuba agculelwe kangaka unguKristu? Intlungu yawo yayingenako ukubanjwa, aza alila. UYesu wayesazi ukuba iintliziyo zawo zaziqamangelene naYe ngothando, waza wanga angazisula iinyembezi zawo, awazalise ngovuyo nolonwabo. Noko kunjalo, kwakufuneka aqale ngokuwanika izifundo awayengasayi kuzilibala.ULw 795.2

    “Wathi ke kubo, Ziindawo zini na ezi nincokola ngazo, nihamba nibe nithe matshamatsha? Uphendule ke omnye, lo ugama linguKleyopa, wathi kuye, Umhambi eYerusalem apha nguwe wedwa na, ukuba ungazazi nje izinto ezihle khona ngazo ezi mini?” Bamxelele udano lwabo ngenxa yeNkosi yabo, “[ebiyi]ndoda engumprofeti, enobunkunkqele ekwenzeni nasekuthetheni, phambi koThixo nabo bonke abantu;” kodwa “ababingeleli abakhulu nabaphathi bethu, bathi, “[ba]mnikela ukuba agwetywe afe, bambethelela nasemnqamlezweni.” Ngeentliziyo ezibuhlungu ludano, imilebe ingcangcazela, bongeza, “Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uIsrayeli ngentlawulelo; kunjalonje ke, namhla lusuku lwesithathu zenzekile ezo zinto.” ULw 796.1

    Kuyamangalisa ukuba abafundi bangawakhumbuli amazwi kaKristu, baze bazi ukuba wazixela kwangaphambili iziganeko ezenzekayo! Abazange baqonde ukuba indawo yokugqibela awayivezayo yayiza kuzaliseka ngokwenene njengeyokuqala, ukuba ngosuku lwesithathu uya kuvuka kwakhona. Yindawo le ababemelwe kukuyikhumbula. Ababingeleli nabaphathi abazange bayilibale le nto. Ngemini “esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato, besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka.” Mat. 27:62, 63. Bona abafundi abazange bawakhumbule la mazwi. ULw 796.2

    “Waza yena wathi kubo, Oyi! Basweli-kuqonda, bantliziyo zizeka kade ukukholwa kuko konke abakuthethayo abaprofeti! UKristu ubengamelwe na kukuthi abuve obu bunzima, aze angene eluzukweni lwakhe?” Abafundi bamangala ukuba ngubani na lo ungaziwayo, ukuba ade angene emiphefumlweni yabo, athethe ngokunjalo ukunyanzelisa uthando, novelwano, nangokuzaliswa lithemba okunjalo. Okokuqala seloko uYesu wangcatshwayo, baqala ukuziva benethemba. Bathanda ukusoloko belijonga iqabane labo, becinga ukuba amazwi alo ngamazwi nje angewayethethwe nguKristu. Bazaliswa kukukhwankqiswa, zaza iintliziyo zabo zaqala ukubetha kukulindela ngovuyo.ULw 796.3

    Eqalela kuMoses,uAlfawembali yeBhayibhile, uKristu wazicazulula kuzo zonke iziBhalo izinto ezingaYe. Ukuba wayeqale ngokuzazisa kubo, iintliziyo zabo ngezazanelisiwe. Ekuzalisekeni kovuyo lwabo, ngebabengazange balambele nto yimbi. Kwakufuneka, ke ngoko, ukuba babuqonde ubungqina obabungaYe kwimizekelo nabaprofeti beTestamente eNdala. Phezu kwayo, kwakufuneka kwakhelwe ukholo lwabo. UKristu akazange enze mmangaliso ukuboyisela, kodwa wawuqala umsebenzi waKhe ngokuchaza iziBhalo. Babekubone ukufa kwaKhe njengentshabalalo yawo onke amathemba abo. Ngoku, wabonisa eziprofetweni ukuba obu yayibobona bungqina bunamandla bokholo lwabo. ULw 799.1

    Ekufundiseni aba bafundi, uYesu wabonisa ukubaluleka kweTestamente eNdala njengengqina kumsebenzi awayewuzele. Abaninzi abazibiza ngobuKristu ngoku bayayilahla iTestamente eNdala, bebanga ukuba ayisenamsebenzi. Leyo asiyiyo imfundiso kaKristu. Wayixabisa kakhulu kangaka kangangokuba nelinye ixesha wathi, “Ukuba uMoses nabaprofeti ababeva, abayi koyiseka, nokuba kuthe kwavuka bani kwabafileyo. Luka 16:31.ULw 799.2

    Lilizwi likaKristu elithetha ngamanyange nabaprofeti, kususela kwimihla ka-Adam kude kuse ekupheleni kwemiboniso yexesha. UMsindisi uvezwe kwiTestamente eNdala ngokucace njengakweNtsha. Kukukhanya okusuka kubuprofeti bexesha eladlulayo okutyhila ubomi bukaKristu neemfundiso zeTestamente eNtsha ngokucacileyo nobuhle. Imimangaliso kaKristu isisibonakaliso sobuThixo baKhe; kodwa obona bungqina buqinileyo bokuba unguMkhululi wehlabathi bufunyanwa ngokuthelekisa iziprofeto zeTestamente eNdala nembali yeNtsha. ULw 799.3

    Ekunikeni impendulo ephuma esiprofiteshweni, uKristu wanika abafundi baKhe ingcamango eyiyo ngoko wayeza kuba kuko eluntwini. Ukulindela kwabo uMesiya owayeza kuthabathela kuYe itrone negunya ngokokulindela kwabantu, kwakulahlekisa. Kwakuya kuphazamisa ukulindela okulungileyo ngokuhla kwaKhe esuka kwesona siphezulu eze kwesona siphantsi isikhundla esinokuthatyathwa. UKristu wayelangazelela ukuba iingcamango zabafundi baKhe zingabanyulu zinyaniseke ngazo zonke iindlela. Kufuneka baqonde, kangangoko banako, ngendebe yokuva ubunzima awayabelwe bona. Wababonisa ukuba idabi elibi ababengekabi nako ukuliqonda, lalikukuzaliseka komnqophiso owenziwa ngaphambi kokusekwa kwehlabathi. UKristu kufuneka afe, njengoko wonke umgqithi-mthetho kufuneka efile ukuba uqhubeka ehleli esonweni. Konke oku kwakuza kuba njalo, kodwa kwakungayi kuphelela ekoyisweni, kodwa kuloyiso olunobuqaqawuli obungunaphakade. UYesu wabaxelela ukuba wonke umzamo kufuneka wenziwe ukusindisa ihlabathi esonweni. Abalandeli baKhe kufuneka baphile njengoko waphilayo, basebenze njengoko wasebenzayo, ngamandla amakhulu, azingisayo. ULw 799.4

    Wancokola njalo ke uKristu nabafundi baKhe, evula iingqondo zabo ukuze baziqonde iziBhalo. Abafundi babediniwe, kodwa incoko ayizange ithothe. Amazwi obomi nengqiniseko ayephuma emilebeni yoMsindisi. Amehlo abo, ke ngoko, ahlala evulekile. Xa wayebaxelela ngokoyiswa kweYerusalem, basijonga bakhala isixeko esiza kutshabalala. Babemnakana kancinane ukuba ngubani lowo babehamba naye. Abazange bacinge nakancinane ukuba lowo babethetha ngaye wayesecaleni kwabo; kuba uKristu wabhekisa kuYe ngokungathi ungomnye umntu. Bacinga ukuba ungomnye wabo babekho esidlweni esikhulu, nowayebuyela ekhayeni lakhe ngoku. Wahamba ngononophelo njengabo ematyeni amabi, emana esima kunye nabo ukuphumla kancinane. Bayihamba njalo ke loo ndlela yentaba, ngeli xesha Lowo wayesele eza kuthabatha indawo yaKhe ngasekunene kukaThixo nowayeza kuthi, “Linikwe mna lonke igunya emazulwini nasehlabathini,” wayehamba ecaleni kwabo. Mat. 28:18.ULw 800.1

    Ngexesha lohambo, ilanga lalise litshonile, kwathi phambi kokuba abahambi bafike endaweni yabo yokuphumla, abasebenzi emasimini baye sebewushiyile umsebenzi wabo. Bathi xa abafundi bekufuphi ukuba bangene ekhayeni labo, owasemzini wabonakala ngathi uza kuqhubeka nohambo lwaKhe. Abafundi baziva benomdla kuYe. Imiphefumlo yabo yalambela ukuva ngakumbi kuYe. “Hlala nathi,” batsho. Akazange abonakale esamkela isimemo, kodwa basinyanzelisa kuYe, bebongoza, “Kuza kuhlwa, nemini iseyisangene.” UKristu wavuma koku kucengwa, “wangena ukuba ahlale nabo.”ULw 800.2

    Ukuba abafundi babebuye nganeno ekunyanzeliseni isimemo sabo, ngebabengazange bazi ukuba iqabane labo ekuhambeni yayiyiNkosi evukileyo. UYesu wayengazange azinyanzele njengomhlobo nasemntwini omnye. Wayezisondeza kwabo bamdingayo. Ngovuyo, wayengena nakwelona lithobekileyo ikhaya, onwabise eyona ntliziyo iphantsi. Phofu ke, ukuba abantu abakhathali kakhulu ukuba bacinge ngoMmenywa wezulu, okanye bamcele ukuba ahlale nabo, uyadlula. Ngaloo ndlela abaninzi baye balahlekelwe kakhulu. Abamazi uKristu ngaphezu kokuba babenjalo abafundi xa wayehamba nabo endleleni. ULw 800.3

    Ukutya okuqhelekileyo kwangokuhlwa okusisonka, kulungisiwe ngokukhawuleza. Kubekwe phambi komenyiweyo, othe wahlala emantla etafile. Ngoku wolula izandla ukuba asikelele ukutya. Abafundi bayahlehla kukumangaliswa. Iqabane labo lolula izandla kanye ngendlela iNkosi yabo eyayisenza ngayo. Bayaphinda bajonge, tyhini, babona ezandleni zaKhe iimpawu zezikhonkwane. Bobabini bakhuza ngaxesha-nye, YiNkosi uYesu! Uvukile kwabafileyo! Uvukile kwabafileyo! ULw 800.4

    Baphakama ukuba baziphose ezinyaweni zaKhe bamnqule, kodwa uthe shwaka, abambona. Bakhangela apho ebehleli khona Lowo omzimba waKhe kungekudala ubulele engcwabeni, bathi omnye komnye, “Intliziyo yethu ibingavuthi na ngaphakathi kwethu, xa ebethetha nathi endleleni, naxa ebesityhilela izibhalo? ULw 801.1

    Xa benezi ndaba zinkulu zokudluliswa, abakwazi ukuhlala bancokole. Ukudinwa nokulamba kuphelile. Bashiya ukutya apho bengakhange bakungcamle, bathi, bezaliswe luvuyo bakhawuleza bahamba kwalaa ndlela bebeze ngayo, baleqa ukuya kuxela iindaba kubafundi esixekweni. Kwezinye iindawo, indlela ayikhuselekanga, kodwa baqabela iindawo eziyimiqhokro, betyibilika kumatye amtyibilizi. Ababoni, abazi, ukuba banokhuselo lwaLowo ebeyihambe nabo indlela. Umsimelelo wabo womhambi usesandleni, babheka phambili, belangazelela ukukhawuleza kunokuba benako. Bayayiphosa indlela yabo, kodwa baphinde bayifumane. Maxa wambi bayabaleka, ngamanye amaxa bakhubeke, babheka phambili, iQabane labo elingabonwayo likufuphi kubo kuyo yonke indlela. ULw 801.2

    Ubusuku bumnyama, kodwa iLanga loBulungisa liyakhanya phezu kwabo. Iintliziyo zabo ziyaxhuma luvuyo. Bakhangeleka bekwilizwe elitsha. UKristu unguMsindisi ophilileyo. Abasakhali ngaYe ngokungathi ufile. UKristu uvukile—baphinda-phinda ukutsho. Sisigidimi esi abasisa kwabaselusizini. Kufuneka babaxelele ibali elimangalisayo lohambo oluya e-Emawusi. Kufuneka baxele ukuba ngubani oye wahlangana kunye nabo endleleni. Bathwele esona sigidimi sikhulu esakha sanikwa emhlabeni, isigidimi seendaba zovuyo ekuxhomekeke kuzo amathemba osapho loluntu apha exesheni nakunaphakade.ULw 801.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents