Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    78—IKalvari

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 27:31-53; Marko 15:20-38; Luka 23:26-46; Yohane 19:16-30.]

    “Bathi ke bakufika kwindawo le kuthiwa luKakayi [Kalvari], bambethelela emnqamlezweni khona apho.” ULw 741.1

    “Ukuze abangcwalise abantu ngelilelakhe igazi,” uKristu “weva ubunzima ngaphandle kwesango.” Heb. 13:12. Ngenxa yokwaphula umthetho kaThixo, uAdam noEva bagxothelwa ngaphandle kwe-Eden. UKristu omi endaweni yethu, kwafuneka eve ubunzima ngaphandle kwemida yeYerusalem. Wafela ngaphandle kwesango, apho izihange nababulali babebulawelwa khona. Azele yintsingiselo amazwi, athi, “UKristu wasithenga, wasikhulula esiqalekisweni somthetho, ngokwenziwa isiqalekiso ngenxa yethu.” Gal. 3:13.ULw 741.2

    Isihlwele esikhulu samlandela uYesu ukuphuma kwinkundla yamatyala ukuya eKalvari. Indaba zokugwetywa kwaKhe zathi saa kuyo yonke iYerusalem, bathi abantu bazo zonke iindidi nabawo wonke amanqanaba bagxalathelana ukuya kwindawo yokubethelela emnqamlezweni. Ababingeleli nabaphathi babebanjwe sisithembiso sokungaphathwa kakubi kwabalandeli ukuba Yena ngokwaKhe uza kunikelwa kubo, baza abafundi nabakholwayo baphuma esixekweni nakwiindawo ezijikelezileyo bahlangana nesihlwele esasilandela uMsindisi.ULw 741.3

    Wathi xa uYesu edlula kwisango le nkundla kaPilato, umnqamlezo owawulungiselwe uBharabhas wabekwa phezu kwamagxa aKhe agruzukileyo nawophayo. Amaqabane amabini kaBharabha ayeza kufanawo ngexeshaelinye noYesu, kwazanaphezukwawo kwabekwa iminqamlezo. Umthwalo woMsindisi wawunzima kakhulu kuYe kwimeko yaKhe yokuphelelwa ngamandla nokuba nentlungu. Ukususela kwisidlo sangokuhlwa sePasika ekunye nabafundi baKhe, akazange atye okanye asele. Wayesentlungwini egadini yaseGetsemane esilwa nezenzeli zenkohlakalo. Wayenyamezele intlungu yokungcatshwa, ekwabone nabafundi baKhe bemshiya bebaleka. Wayethatyathwe wasiwa kuAnas, emva koko wasiwa kuKayafa, waza wasiwa kuPilato. Ukusuka kuPilato uthunyelwe kuHerode, waphinda wathunyelwa kuPilato. Usuke ekuthukweni waya kokuhlaziyiweyo ukuthukwa, ukusuka ekugculelweni waya ekugculelweni, kwaba kabini etyakatywa,--bonke obo busuku babungumbono emva kombono wendlela yokucikidwa komphefumlo womntu kangangoko. UKristu akazange asilele. Akazange wathetha nezwi ngaphandle kokuba laliza kuzukisa uThixo. Ngexesha layo yonke le mfeketho ihlazisayo yetyala, wayeziphethe ngokuqina nangesidima. Kwathi kodwa emva kokwesibini ukutyakatywa, umnqamlezo wakubekwa phezu kwaKhe, imveli yobuntu ayizange ikwazi ukuthwala ngaphezulu. Wawa etyhafile ngaphantsi komthwalo.ULw 741.4

    Isihlwele esasimlandela uMsindisi sakubona ukuphelelwa kwaKhe ngamandla, namanyathelo agxadazelayo, kodwa asizange sibonise mfesane. Bamchukusha bamthuka kuba engakwazi ukuthwala umnqamlezo onzima. Kwakhona, umthwalo wabekwa phezu kwaKhe, waphinda wawa emhlabeni etyhafile. Abatshutshisi baKhe babona ukuba akanako ukuthwala lo mthwalo ukudlula kuloo ndawo. Baxakwa ukuba bangamfumana phi umntu onokuthwala lo mthwalo uhlazisayo. AmaYuda wona ayengeke akwenze oku, kuba, ukungcoliswa kwakuya kuwathintela ekugcineni iPasika. Kwakungekho mntu nakwisihlwele esasimlandela owayenokuthoba ukuba awuthwale umnqamlezo. ULw 742.1

    Ngeli xesha, owasemzini, uSimon waseKirene, efika ephuma emaphandleni, uhlangana nesihlwele. Uva isigezo nobukrwada besihlwele; uva kuphindaphindwa amazwi okudelela, athi, Vulelani indlela uKumkani wamaYuda! Uma emangalisiwe yinto ayibonayo; uthi, xa ngokuthetha ebonisa uvelwano, bambambe babeke umnqamlezo phezu kwamagxa akhe.ULw 742.2

    USimon wakha weva ngoYesu. Oonyana bakhe babekholelwa kuMsindisi, kodwa yena ngokwakhe wayengenguye umfundi. Ukuthwala umnqamlezo esiya eKalvari, kwakuyintsikelelo kuSimon, waza emva koko wahlala enombulelo ngalo msindleko. Kwamkhokelela ekubeni azithabathele umnqamlezo kaKristu ngokuzikhethela, waza wahlala echulumancile phantsi komthwalo wawo.ULw 742.3

    Babebaninzi abafazi esihlweleni abalandela Ongenatyala ukuya ekufeni kwaKhe kwenkohlakalo. Umdla wonke wawuzinze kuYesu. Abanye babo babekhe bambona ngaphambili. Abanye babeke basa abantu babo abagulayo kuYe nabaphatheke kakubi. Abanye babephilisiwe kwabona. Imbali yezinto ezenzekileyo iyabaliswa. Bayamangalangenxayentiyo yesihlwele ngakuLowo iintliziyo zabo ezinyibilikazifuneukwaphukangenxayaKhe. Nangona kwakukho isenzo sempambano yesihlwele, namazwi omsindo wababingeleli nabaphathi, aba bafazi balubonisa uvelwano lwabo. Wathi xa uYesu esiwa phantsi komnqamlezo, batsho ngesimbonono sofelweyo.ULw 742.4

    Kuphela kwento le eyayitsalayo ingqondo kaKristu. Nangona wayephethwe yintlungu, lo gama ethwele izono zehlabathi, wayengazange angakukhathaleli ukuboniswa kwentlungu. Waya wabakhangela ngovelwano olunobubele aba bafazi. Babengengabo abantu abakholelwa kuYe; wayesazi ukuba babengamlileli njengaLowo uvela kuThixo, kodwa babeqhutywa yimvakalelo yemfesane yobuntu. Akazange ayidele imfesane yabo, kodwa yavusa entliziyweni yaKhe uvelwano olunzulu ngenxa yabo. “Zintombi zaseYerusalem,” watsho, “musani ukundililela mna; kanye lilelani nina, nabantwana benu.” Ukususela kumbono owawuphambi kwaKhe, uKristu wayekhangele phambili kwixesha lokutshatyalaliswa kweYerusalem. Kuloo mbono ubuhlungu, abaninzi kwabo babelila ngoku ngenxa yaKhe, babeza kutshabalala nabantwana babo.ULw 743.1

    Ukusuka ekuweni kweYerusalem, iingcamango zikaYesu zadlulela kumgwebo obanzi kakhulu. Ekutshatyalalisweni kwesixeko esingenako ukuzisola, wabona umfuziselo wentshabalalo yokugqibela eza kuzela ihlabathi. Wathi, “Oko baya kuqala bathi ezintabeni, Siweleni; nasezindulini, Sigubungeleni. Ngokuba ukuba benza ezi zinto komanzi umthi, kuya kuba njani na kowomileyo?” Ngomthi oluhlaza, uYesu wayefanekisa naYe, uMkhululi omsulwa. UThixo wavumela ingqumbo yaKhe ngenxa yesono ukuba iwe phezu koNyana waKhe oyintanda. UYesu wayeza kubethelelwa emnqamlezweni ngenxa yezono zabantu. Yeyiphi,--ke ngoko, intlungu awayeza kuyithwala umoni oqhubeka ehleli esonweni? Bonke abangazohlwayiyo nabangakholwayo baya kwazana nentlungu nenkxwaleko ulwimi olungeke lukwazi ukuyibeka. ULw 743.2

    Kwisihlwele esalandela uMsindisi ukuya eKalvari, abaninzi bamkhapha ngoohozana bemivuyo nokutshangatshangisa amasebe amasundu xa wayengena engowoyisileyo eYerusalem. Babeliqela kwabo babekhwaza indumiso kuYe, kuba kwakusenziwa sisininzi oko, abathe ngoku bahlokoma ngendanduluko, ethi, Mbethelele, mbethelele.” Xa uYesu wayekhwele engena eYerusalem, amathemba abafundi ayenyuke afikelela kwelona qondo liphezulu. Babesondele kakhulu eNkosini yabo, becinga ukuba yeyona mbeko inkulu ukuhlanganiswa naYo. Ngoku, ekuthotyweni kwaYo, bayilandela bethe qelele. Babezaliswe lusizi, begobile ngenxa yamathemba abo abhangileyo. Indlela awaboniswa ngayo ubunyaniso bawo amazwi kaYesu: “Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithachithwe izimvu zomhlambi.” Mat. 26:31.ULw 743.3

    Kwathi xa kufikwa endaweni yokubulala, amabanjwa abotshelelwa kwizixhobo zokuthuthumbisa. Amasela amabini alwa ngokuzixhuzula ezandleni zabo babewabeka phezu komnqamlezo; kodwa uYesu Yena akazange axhathise. Umama kaYesu, exhaswa nguYohane, umfundi owayethandwa, walandela emanyathelweni oNyana waKhe ukuya eKalvari. Wayembonile ephelelwa ngamandla phantsi komthwalo womnqamlezo, waza walangazelela ukufaka isandla sokumxhasa ngaphantsi kwentloko yaKhe enamanxeba, nokuhlamba elo bunzi elakha labekwa kumqamelo osisifuba sakhe. Phofu akazange alinikwe eli lungelo losizi. Ekunye nabafundi, wayesenethemba lokuba uYesu wayeza kuwabonakalalisa amandla waKhe, azihlangule ezintshabeni zaKhe. Yaphinda yehla intliziyo yakhe akukhumbula amazwi waKhe awathi kuwo waxela kwangaphambili kanye le miboniso yayisenzeka ngelo xesha. Ngexesha kwakubotshelelwa amasela emnqamlezweni, wabukela elindele ngobuhlungu obukhulu. Ingaba Lo wanika ubomi kwabafileyo angaziyekela ukuba abethelelwe? Ingaba uNyana kaThixo angavuma ukuba abulawe ngenkohlakalo enjalo? Ingaba kufuneka ayilahle inkolo yokuba uYesu wayenguMesiya? Ingaba kufuneka abone usizi nentlungu yaKhe, engenalo nelungelo lokumnceda ekuxinzelelo akulo? Wazibona izandla zaKhe zisanekwa phezu komnqamlezo; isando nesikhonkwane zaziswa, zathi xa izikhonkwane zigqobhoza inyama ethambileyo, abafundi abahlabekileyo entliziyweni bamthwala, bawususa kuloo mboniso ukhohlakeleyo umzimba ophelelwe ngamandla kamama kaYesu. ULw 744.1

    UMsindisi akazange ambombozele sikhalazo. Ubuso baKhe bahlala buthe cwaka buzolile, kodwa amathontsi amakhulu okubila ehla ebunzini laKhe. Kwakungekho sandla sovelwano sokusula umbethe wokufa ebusweni baKhe, kungekho namazwi osizi nokuthembeka okungaguqukiyo ukuxhasa intliziyo yaKhe yobuntu. Lo gama amasoldati ayesenza umsebenzi wawo owoyikekayo, uYesu wayezithandazela iintshaba zaKhe, “Bawo, baxolele; kuba abayazi into abayenzayo.” Ingqondo yaKhe yadlula kweyaKhe intlungu, yaya kwisono sabatshutshisi baKhe, nempindezelo embi ababeza kuyifumana. Akukho ziqalekiso zabizwayo ukuba zize phezu kwamasoldati awayemphethe dlakadlaka kangako. Kwakungekho mpindezelo yabizwayo phezu kwababingeleli nabalawuli, ababevuyisana nempumelelo yenjongo yabo. UKristu wabasizela ngokungazi kwabo kunye netyala labo. Waphefumla kuphela isibongozo sokuxolelwa kwabo,--“kuba abayazi into abayenzayo.”ULw 744.2

    Ukuba babazile ukuba babethuthumbisa Lowo wayeze kusindisa uhlanga olunesono kwintshabalalo engunaphakade, ngebaba nokuzisola nokothuka. Ukungazi kwabo kona akuzange kulisuse ityala labo; kuba yayililungelo labo ukumazi nokumamkela uYesu njengoMsindisi. Abanye babo babesaya kusibona isono sabo, baguquke, babuye. Abanye ngokungabi nako ukuzohlwaya, babeza kwenza ukuba ungabinako umthandazo kaYesu ukuba uphendulwe ngenxa yabo. Kanti ke, ngokufanayo, injongo kaThixo yayifikelele ekuzalisekeni kwayo. UYesu wayesamkela ilungelo lokuba abe ngumthetheleli wabantu phambi kukaYise. ULw 745.1

    Oko kuthandazela kukaKristu iintshaba zaKhe kwakuhlanganise izwe lonke. Kwawolela wonke umoni owakha waphila noya kuphila, kususela ekuqalekeni kwehlabathi kuse ekupheleni kwexesha. Phezu kwabo bonke kuthe zinzi ubutyala bokubethelela uNyana kaThixo. Kubo bonke, uxolelo lunikwa ngaphandle kwentlawulo. “Lowo ufunayo” uya kuba noxolo noThixo, adle ilifa ubomi obungunaphakade. ULw 745.2

    Ngako nje ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni, wafunqulwa umnqamlezo ngamadoda awomeleleyo, wathi ngenkohlakalo enkulu, waphoswa endaweni ebilungiselwe wona. Oku kwabangela eyona yabankulu intlungu kuNyana kaThixo. Emva koko, uPilato wabhala intetho ngesiHebhere, isiGrike nesiLatini, wayibeka phezulu emnqamlezweni, ngasentla kwentloko kaYesu. Yayifundeka ngolu hlobo, “UYESU WASENAZARETE, UKUMKANI WAMAYUDA.” Lo mbhalo wawacaphukisa amaYuda. Enkundleni kaPilato ayekhwaze athi, “Mbethelele.” “Thina asinakumkani ungenguye uKesare.” Yohane 19:15. Babevakalise ukuthi, nabani owamkele nawuphi ukumkani, wayengumngcatshi. UPilato wayebhale uluvo ababeluthethile. Kwakungekho lwaphulo lwamthetho lwaluxeliwe, ngaphandle nje kokuba uYesu wayenguKumkani wamaYuda. Umbhalo wawukukuvuma okuphandle kokuthembeka kwamaYuda kwigunya lamaRoma. Wawusithi, nabani onokubanga ukuba ungukumkani kaIsrayeli, baya kumgweba ngokofanele ukufa. Ababingeleli babezikhusele. Xa babeceba ukufa kukaKristu, uKayafa wayethethe wathi, kulungile kanye ukuba kufe umntu omnye ukuze kusinde isizwe. Noku ukuhanahanisa kwabo kwakutyhiliwe. Ukuze batshabalalise uKristu, babelungele ukuncama ubukho babo besisizwe. ULw 745.3

    Ababingeleli bayibona into abayenzileyo, bamcela uPilato ukuba awuguqule umbhalo. Bathi, “Musa ukubhala uthi, UKumkani wamaYuda; bhala uthi, Wathi yena, NdinguKumkani wamaYuda.” UPilato yena wazicaphukela ngenxa yobuthakathaka bakhe bangaphambili, wabadelela kakhulu ababingeleli nabaphathi abanomona nobuqhophololo. Waphendula ngelibandayo, wathi, “Endikubhalileyo ndikubhalile.” ULw 745.4

    Igunya elingaphezulu kunoPilato okanye amaYuda lalikhokele ekubekweni kwaloo mbhalo phezu kwentloko kaYesu. Ekuboneleleni kukaThixo, wawuza kuvusa ingcamango, nophando lweziBhalo. Indawo apho uKristu wabethelelwa khona yayikufuphi nesixeko. Amawaka abantu abavela kuwo onke amazwe ngoko ayebuthelene eYerusalem, wayeumbhalo ovakalisa ukuba uYesu waseNazarete unguMesiya wawuza kuqapheleka kubo. Wawuyinyaniso ephilileyo, ubhalwe ngesandla esasikhokelwe nguThixo. ULw 745.5

    Kwiintlungu zikaKristu emnqamlezweni, isiprofeto sazaliseka. Kwiinkulungwane ezingaphambi kokubethelelwa kwaKhe emnqamlezweni, uMsindisi wayixela kwangaphambili impathoawayeza kuyifumana. Wathi, “Izinja zindirhawule, ibandla labenzi bokubi lindingungele; bagqobhoza izandla zam neenyawo zam. Ndinokuwabala onke amathambo am; bona bayandijonga, bayandibonela, Babelana ngeengubo zam, isambatho sam basenzela amaqashiso.” Nd. 22:16-18. Isiprofeto esingeengubo zaKhe senzeka ngaphandle kwecebiso okanye ukuphazamisa kwabahlobo okanye iintshaba zaLowo Owabethelelwayo. Kumasoldati awayembeke phezu komnqamlezo, zanikelwa kuwo impahla zaKhe. UKristu wakuva ukuxabana kwamadoda ngexesha esabelana ngeengubo phakathi kwawo. Ingubo yaKhe yayalukiwe yonke ingenawo umqukumbelo, aza athi, “Masingayikrazuli, masiqashise ngayo ukuba yoba yekabani na.” ULw 746.1

    Kwesinye isiprofeto, uMsindisi wathetha, esithi, “Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa; ndathemba ukukhuzwa, akwabakho; nokuthuthuzelwa, andakufumana. Ukudla bandinika inyongo; ekunxanweni kwam bandiseza iviniga.” Nd. 69:20, 21. Kwabo beva iintlungu emnqamlezweni, kwakuvumelekile ukubanika into edengisayo, ukubulala uvo lobuhlungu. Oku kwanikwa nakuYesu; kodwa wathi akuyingcamla, wayala. Wayengazi kusebenzisa nto eyayiza kusibekelisa ingqondo yaKhe. Ukholo lwaKhe kufuneka lubambelele lwaqina kuThixo. La yayingamandla aKhe ekuphela kwawo. Ukuthi siba ingqondo, kwakuya kunika uSathana ithuba elihle [lokuhlasela].ULw 746.2

    Iintshaba zikaYesu zayithulula phezu kwaKhe ingqumbo yazo ngexesha ejinga emnqamlezweni. Ababingeleli, abaphathi, nababhali bahlangana nesihlwele ukuhlekisa ngoMsindisi ofayo. Ekubhaptizweni nasekwenziweni kumila kumbi, ilizwi likaThixo laliviwe livakalisa ukuba uKristu unguNyana waKhe. Kwakhona, ngaphambi nje kokuba angcatshwe, uYise wathetha, engqina ngobuThixo baKhe. Ngoku, ilizwi elivela ezulwini lalithe cwaka. Akuzange kubekho bungqina bemfesane bumxhasayo uKristu. Eyedwa, waphatheka kakubi ngokugculelwa ngabantu abakhohlakeleyo.ULw 746.3

    “Ukuba unguNyana kaThixo,” batsho, “yihla emnqamlezweni.” “Makazisindise, ukuba lo unguye uKristu, umnyulwa kaThixo.” Kwintlango yokuhendwa, uSathana wayethe, “Ukuba unguNyana kaThixo, yitsho la matye abe zizonka.” “Ukuba unguNyana kaThixo, ziphose ezantsi” ukusuka kwincopho yetempile.Mat. 4:3, 6.Waye uSathana neengelosi zakhe, ekwimo yomntu, ekho emnqamlezweni. Utshaba olukhulu nemikhosi yalo babesebenzisana nababingeleli nabaphathi. Iititshala zabantu zazikhuthaze isihlwele esingazi nto ukuba sivakalise isigwebo ngakuLowo abaninzi babo babengazange bambona kwada kwalilixa bekhuthazwa ukuba banike ubungqina ukumchasa. Ababingeleli, abaphathi, abaFarisi, nendibandiba eqaqadekileyo bonke bamanyana kunye ngempambano enenkohlakalo. Iinkokheli zenkolo zazimanya noSathana neengelosi zakhe. Babesenza ngokuthunywa nguye. ULw 746.4

    UYesu, esezintlungwini esifa, waweva onke amazwi awayethethwa ngababingeleli, besithi, “Abanye wabasindisa; yena ngokwakhe akanakuzisindisa; UKristu, uKumkani wakwaIsrayelil, makehle kalokunje emnqamlezweni, ukuze sibone, sikholwe.” UKristu wayenako ukuhla emnqamlezweni. Phofu ke, kwakungengokuba wayengeke azisindise aze umoni abe nethemba loxolelo nemfesane kaThixo. ULw 749.1

    Ekuhlekiseni kwabo ngoMsindisi, abantu ababesithi bangabachazi besiprofeto, babephinda amazwi kanye awayexelwe kwangaphambili yiMpefumlelo ukuba baya kuwathetha. Kanti ke, ebumfameni babo, abazange babone ukuba babezalisekisa isiprofeto. Abo bathi begculela bakhupha amazwi athi, “Ukholose ngoThixo, makamhlangule kalokunje, ukuba uyamthanda; kuba wathi, NdinguNyana kaThixo,” bengazange bacinge ukuba ubungqina babo babuya kuvakala emaphakadeni. Nangona ayethethwe kuhlekiswa, la mazwi akhokelela ebantu ukuba baphengulule iziBhalo ngaphezu kwangaphambili. Amadoda anobulumko eva, aphanda, acingisisa, athandaza. Ayengabo bangazange baphumle ada athi, ngokuthelekisa isiBhalo nesiBhalo, ayibona intsingiselo yokuthunywa kukaKristu. Aluzange lwakho ulwazi oluthe saa ngoYesu njengaxa wayejinga emnqamlezweni. Ezintliziyweni zabaninzi abawubukelayo umboniso wokubethelelwa, nabawevayo amazwi kaKristu, ukukhanya kwenyaniso kwakubengezela.ULw 749.2

    KuYesu esentlungwini yaKhe emnqamlezweni, kwabengezela umtha omnye wentuthuzelo. Yayingumthandazo wesela elalizohlwaya. Omabini la madoda ayebethelelwe noYesu, ekuqaleni, amgezela; yaza enye kwintlungu yayo yaphelelwa kakhulu lithemba yadelela. Alizange lenjenjalo iqabane layo. Le ndoda yayingenguye umaphuli-mthetho oqaqadekileyo; yayilahlekiswe ngabalingane abakhohlakeleyo, kodwa yayinetyala ngoku nganeno kwabo babemi ecaleni komnqamlezo benyelisa uMsindisi. Yayimbonile yamva uYesu, yaka yayamkela imfundiso yaKhe, kodwa yenziwa ukuba imshiye ngababingeleli nabaphathi. Ngokufuna ukuyicinezela inkolo yayo, yangena yehla nzulu kakhulu esonweni, yada yabanjwa, yaxoxa njengomaphuli womthetho, yagwetyelwa ukuba ife emnqamlezweni. Enkundleni yamatyala, nasendleleni ebheka eKalvari, yayisoloko inoYesu. Yamva uPilato esithi, “Andifumani nalinye ityala kuye.” Yohane 19:4 Waya wakuphawula ukunyamezela kwaKhe okufana nokukaThixo, nokuxolela kwaKhe okunovelwano abo babemngcungcuthekisa. Emnqamlezweni ubona izikhulu zenkolo ezininzi zidubula ngeelwimi ukugculela, nokuhlekisa ngeNkosi uYesu. Ubona ukuhlunguzela kweentloko. Uva iintetho ezingcikivayo sezingenelelwa liqabane lakhe etyaleni: “Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise.” Phakathi kwabadlulayo uva abaninzi bekhusela uYesu. Ubava bephinda amazwi aKhe, bethetha nangemisebenzi yaKhe. Ingqondo iyabuyela kuye ethi lo unguye uKristu. Ujika ajonge kulo abanjwe naye, athi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje?” amasela afayo awasenanto anokuyoyika emntwini. Kuthi komnye wawo, ityhudise ingqondo ethi, kukho uThixo omele ukoyikwa, nengomso elimenza angcangcazele. Ngoku, ingcoliswe sisono injalo, imbali yobomi bakhe isondele ekupheleni. “Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa,” watsho, “kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo.” ULw 749.3

    Akukho mbuzo ngoku. Akukho kuthandabuza, akukho zigculelo. Ukugwetyelwa kwalo ukwaphula umthetho, isela lancama liphelelwe lithemba; kodwa iingcamango ezingaqhelekanga nezobubele zaphakama. Likhumbula konke elalikuvile ngoYesu, indlela aphilise ngayo abagulayo, waxolela nezono. Liwavile amazwi abo babekholelwa kuYesu bamlandela belila. Lisibonile lasifunda isihlonipho phezu kwentloko yoMsindisi. Libavile abadlulayo besifunda, abanye benosizi, bebebezelisa imilebe, abanye behlekisa begculela. UMoya Oyingcwele wayikhanyisela ingqondo yalo; kancinane kancinane, ityathanga lobungqina laya lihlangana. KuYesu, enzakele, kuhlekiswe ngaYe, ejinga emnqamlezweni, labona iMvana kaThixo, esusa isono sehlabathi. Ithemba lixutywe nentlungu elizwini lawo lo mphefumlo ungenakuzinceda, nofayo, njengoko uziphosa phezu koMsindisi ofayo. “Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho.”ULw 750.1

    Ngokukhawuleza, yeza impendulo. Ilizwi elithambileyo nelimnandi, lizele luthando, nemfesane, namandla, amazwi athi: Inene, ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi.ULw 750.2

    Kwaba ziiyure ezinde zentlungu, ukugculela nokuhlekisa kusiwa ezindlebeni zikaYesu. Ngexesha ejinga emnqamlezweni, kwakutyibilikela kuYe isandi sokugculela nokuthuka. Ngentliziyo enolangazelelo, waphulaphula ukuba ayingebikho na intetho yokholo ephuma kubafundi baKhe. Uve kuphela amazwi osizi, “Ke kaloku, thina besithembe ukuba nguye oza kukhulula uIsrayeli ngentlawulelo.” Waba mkhulu kakhulu umbulelo kuMsindisi akuva intetho yokholo nothando iphuma kwisela elalisifa! Lo gama amaYuda akhokelayo emkhanyela, bona abafundi bebuthandabuza ubuThixo baKhe, usizana olulisela, emngciphekweni kanaphakade, lambiza uYesu ngokuthi, Nkosi. Babebaninzi abalungele ukumbiza ngokuthi, Nkosi xa wayesenza imimangaliso, nasemva kokuvuka kwaKhe engcwabeni; kodwa akakho owamvumayo xa wayejinga emnqamlezweni ngaphandle kwesela elalisifa, elasindiswa ngomzuzu wokugqibela. ULw 750.3

    Ababebukele bekufuphi baweva amazwi xa isela lalimbiza uYesu ngokuthi, Nkosi. Ilizwi lomntu oguqukayo lawutsala umdla wabo. Abo babesilwa ngezambatho zikaKristu elunyaweni lomnqamlezo, besenza amaqashiso ngengubo yaKhe bakha bayeka baphulaphula. Ingxolo yabo elwayo yathi cwaka. Bathi bebambe imiphefumlo bakhangela kuKristu, balindela impendulo ephuma kwimilebe efayo.ULw 751.1

    Wathi xa uYesu ethetha amazwi esithembiso, ilifu elimnyama elalibonakala ligubungele umnqamlezo, kwagqobhoza kulo ukukhanya okubengezelayo nobunobomi. Kwisela eliguqukayo kwabakho uxolo lokwamkelwa nguThixo. UKristu, ekuthotyelweni phantsi awayekuko, wazukiswa. Lowo wayebonakala kuwo wonke amehlo oyisiwe, waba nguMoyisi. Wavunywa ukuba unguMthwali weZono. Abantu bangasebenzisa amandla phezu komzimba waKhe. Bangazihlaba iintlafuno ezingcwele ngesithsaba sameva. Bangamhluba ingubo yaKhe, baxabane ngokuyahlula. Abangeke kodwa bamhluthe igunya lokuxolela izono. Ekufeni waba nobungqina ngobuThixo baKhe naseluzukweni lukaThixo. Indlebe yaKhe ayikho nzima ukuba ingeva, nengalo yaKhe ingemfutshane ukuba ingasindisi. Lilungelo lobukhosi baKhe ukusindisa ngokupheleleyo bonke abeza kuThixo ngaYe.ULw 751.2

    Ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadisi. UKristu akazange athembise ukuba isela liya kuba naYe eParadisi ngala mini. Naye ngokwaKhe akazange aye eParadisi. Walala engcwabeni, kwathi ngentsasa yovuko wathi, “Andikanyuki ndiye kuBawo.” Yohane 20:17. Ngemini yokubethelelwa emnqamlezweni, imini yokubonakala ngathi yeyokoyiswa nobumnyama, isithembiso senziwa. “Namhlanje” ngexesha lisifa emnqamlezweni ibhada, uKristu waliqinisekisa usizi lomoni, Uya kuba nam eParadisi. ULw 751.3

    Amasela awayebethelelwe noYesu abekwa “ngeenxa zombini, uYesu ephakathi.” Oku kwenzeka ngokomyalelo wababingeleli nabaphathi. Indawo kaYesu phakathi kwamasela yayikukubonisa ukuba ungoyena maphuli-mthetho omkhulu kubo bebobathathu. Saba siyazaliseka isiBhalo, esithi, “[Wa]balelwa kubakreqi.” Isa. 53:12. Phofu, eyona ntsingiselo epheleleyo yesenzo sabo, ababingeleli abazange bayibone. Njengoko uYesu, ebethelelwa namasela, wabekwa “phakathi,” ngokunjalo umnqamlezo waKhe wamiswa phakathi kwehlabathi elilele esonweni. Kanti amazwi oxolelo awathethwa kwisela eliguqukayo alumeka ukukhanya okwakuza kubengezela nakwezona ndawo zikude zomhlaba.ULw 751.4

    Zathi ngokumangaliswa, iingelosi zalubona uthando olungenamda lukaYesu, owathi, ekweyona ntlungu enzima kakhulu yengqondo nomzimba, wacinga kuphela ngabanye, wakhuthaza umphefumlo oguqukayo ukuba ukholwe. Ekuthotyelweni phantsi kwaKhe, Yena, njengomprofeti, wathetha neentombi zaseYerusalem; njengombingeleli nommeli, wambongoza uYise ukuba abaxolele ababulali; njengoMsindisi onothando, wazixolela izono zesela eliguqukayo. ULw 752.1

    Athi xa amehlo kaYesu ejikeleza phezu kwenginginya emjikelezileyo, athinjwa ngomnye umbono. Ezantsi emnqamlezweni kwakumi umama waKhe, exhaswe ngumfundi uYohane. Wayengakwazi ukuhlalela kude kuNyana wakhe; waza uYohane, esazi ukuba isiphelo sikufuphi, wamzisa kwakhona emnqamlezweni. Ngelixa lokufa kwaKhe, uKristu wamkhumbula unina. Wayekhangele kubuso bakhe obuxhwalekileyo, wabuya wakhangela kuYohane, wathi kuye, umama waKhe, “Mfazi, nanko unyana wakho! Abuye athi kuYohane, “Nanko unyoko!” UYohane wawaqonda amazwi kaKristu, wakwamkela ukugciniswa. Kwangoko wamthabatha uMariya wamsa ekhayeni lakhe, Yohane, waza ukususela kwelo lixa wamkhathalela ngobubele. Owu, uMsindisi onosizi nothando; phakathi kwentlungu yomzimba nokuxinzeleka kwengqondo, wayesenengqondo yokukhathalela umama waKhe! Wayengenayo imali yokumlungiselela ukuhlala ngokonwaba; kodwa wayakhelwe indawo entliziyweni kaYohane, waza wamnikela kuye umama waKhe njengelifa eliligugu. Ngaloo ndlela waba umlungiselele oko wayekudinga kakhulu,--imfesane enobubele yalowo wayethanda umama waKhe kuba umama waKhe wayethanda uYesu. Waza wathi, ke ngoko, ekumamkeleni kwakhe njengegugu aligcinisiweyo, uYohane wayesamkela intsikelelo enkulu. Wahlala esisikhumbuzo esisoloko sikho seNkosi yakhe ayithandayo. ULw 752.2

    Umzekelo ogqibeleleyo wothando lukaKristu kubazalwana lukhanya ngokubengezela okungalonzisiyo kususela kwizizukulwana. Phantse kwangamashumi amathathu eminyaka uYesu, ngomzekelo waKhe, enceda ukuthwala imithwalo yasekhaya. Ngoku ke, nakwintlungu yaKhe yokugqibela, ukhumbula ukulungiselela umama waKhe, ongumhlolokazi oselusizini. Kwalo moya mnye uya kubonakala kuye wonke umfundi weNkosi yethu. Abo bamlandelayo uKristu, baya kufumanisa ukuba kuyinxalenye yenkolo yabo ukunika imbeko nokulungiselela abazali babo. Kwintliziyo apho kukho uthando lwaKhe, utata nomama abasayi kuze bangayifumani inkathalelo ebacingelayo novelwano olunobubele.ULw 752.3

    Ngoku ke, iNkosi yozuko yayisifa, iyintlawulo yohlanga [loluntu]. Ekunikeleni kwaKhe ubomi baKhe obuxabisekileyo, uKristu akazange aphakanyiswe luvuyo loloyiso. Konke kwakumnyama ngendlela ecinezelayo. UKristu wayeyintloko yababulalekayo; kodwa ukubulalekakwaKhekwakuphumakwingqondoyokuthiyaisono, ukwaziukuba ngokuqhelana nobubi, umntu uthe wabayimfama ngakububi baso. UKristu wabubona ubunzulu bokubanjwa sisono kwentliziyo yomntu nokuba bambalwa kangakanani abaya kukufuna ukukhululwa egunyeni laso. Wazi ukuba, ngaphandle koncedo oluvela kuThixo, uluntu lumele ukutshabalala, wazibona izihlwele zitshabalala nangona zikufuphi noncedo oluninzi.ULw 752.4

    Phezu kukaKristu, njengombambeli wethu nesibambiso sethu, kwabekwa ubugwenxa bethu sonke. Wabalelwa ukuba ungumgqithi-mthetho, ukuze akwazi ukusihlangula ekugwetyweni ngumthetho. Ityala lakhe wonke umntu oyinzala ka-Adam layicinezela intliziyo yaKhe. Ingqumbo kaThixo ngakwisono, ukubonakalaliswa okoyikekayo kokungakholiswa kwaKhe ngenxa yobugwenxa, kwawuzalisa umphefumlo woNyana waKhe ngonxunguphalo. Ebomini baKhe bonke, uKristu wayevakalisa ehlabathini eliwileyo iindaba ezimnandi zenceba kaYise nothando oluxolelayo. Usindiso loyena moni mkhulu, lowo yayingumxholo waKhe. Ngoku ke kodwa, enomthwalo onzima awuthweleyo, akakwazi ukububona ubuso bukaYise obuxolelanisayo. Ukurhoxisa kwaKhe imbonakalo engcwele kuMsindisi ngale yure yentlungu enkulu, kwayihlaba intliziyo yaKhe ngentlungu yosizi olungasayi kuze luqondwe ngumntu. Yayinkulu le ntlungu kangangokuba intlungu yomzimba yayingavakali kangako.ULw 753.1

    USathana nezilingo zakhe ezoyikekayo wayikruna intliziyo kaYesu. UMsindisi wayengaboni ngaphaya kwamasango engcwaba. Ithemba alizange likubeke phambi kwaKhe ukuphumela ngaphaya kwengcwaba engumoyisi, okanye limxelele ngokwamkelwa komnikelo waKhe nguYise. Wayesoyika, kuba isono sithiyeke kakhulu kuYise, ukwahlukana kwabo kwakunokuba ngonaphakade. UYesu wayiva intlungu eya kuviwa ngumoni xa inceba iya kuba ingasekho ukuba ibongoze ngenxa yohlanga loluntu olunobutyala. Yayikukuva isono, okwathoba ingqumbo kaYise phezu kwaKhe njengombambeli womntu, okwenza ukuba indebe awayiselayo ibe krakra kakhulu, yaphula intliziyo yoNyana kaThixo. ULw 753.2

    Zikhwankqisiwe, iingelosi zayibukela intlungu yokuphela kwethemba kuMsindisi. Imikhosi yasezulwini yabugquma ubuso bayo kuloo mbono woyikekayo. Indalo engenabomi yabonakalalisa uvelwano neMbangi yayo eyayithukwa isifa. Ilanga lakulandula ukuwukhangela umbono ombi. Imitha yalo epheleleyo neqaqambileyo yayikhanyisele umhlaba emini emaqanda, kodwa kwathi ngequbuliso labonakala ngathi licinyiwe. Ubumnyama obungqingqwa, ngokokufa, kwawugubungela umnqamlezo. “Kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwalilixa lesithoba.” Kwakungekuko ukusithwa kwelanga yinyanga okanye omnye unobangela wendalo owenza obu bumnyama, obabungqingqwa ngokwenzulu yobusuku obungenazo neenkwenkwezi. Yayibubungqina obungummangaliso obunikwa nguThixo ukuze ukholo lwezizukulwana ezilandelayo luqiniselwe.ULw 753.3

    Kobo bumnyama bungqingqwa, ubukho bukaThixo babufihlakele. Wabenza ubumnyama baba yindawo abukela ekuyo, aze abufihle ubuqaqawuli baKhe emehlweni abantu. UThixo neengelosi zaKhe ezingcwele babe secaleni komnqamlezo. UBawo wayenoNyana waKhe. Kunjalo, ubukho baKhe abuzange butyhilwe. Ukuba ubuqaqawuli baKhe babuthe tshe buphuma elifini, wonke umntu obubonayo wayeya kufa. Kanti ke, ngelo xesha loyikekayo, uKristu kwakungafanelekanga ethuthuzelwe bubukho bukaYise. Waba yedwa kwisixovulelo sewayini, kungekho unaYe ebantwini. ULw 754.1

    Kwilifu elingqingqwa, uThixo wayigqubuthela intlungu yobuntu bokugqibela boNyana waKhe. Bonke abambonayo uKristu ekubulalekeni kwaKhe boyiseka bubuThixo baKhe. Obo buso, ngako nje ukuba bubonwe luluntu, abuzange bulibaleke. Njengokuba ubuso bukaKayin batyhila ubutyala bokuba ngumbulali kwakhe, ngokunjalo ubuso bukaKristu batyhila ukuba msulwa kwaKhe, ukuzola, ububele—bomfanekiselo kaThixo. Bona abamangaleli bakhe abazange bawukhathalele umqondiso wasezulwini. Ngalo lonke ixesha elide lentlungu, uKristu wayejongwe sisihlwele esimnyevulelayo. Ngoku wafihlwa ngenceba yingubo kaThixo.ULw 754.2

    Inzolo yengcwaba yabonakala ingathi ifikele iKalvari. Uloyiko olungaziwayo lwafikela isihlwele esasingqonge umnqamlezo. Ukuthuka nokugculela kwathi nqum kungagqitywanga noko bekuthethwa. Amadoda nabafazi, nabantwana bonke bawa bathoba emhlabeni. Imibane ekhanya kakhulu yayimana ukutshawuza iphuma efini, iwuveze umnqamlezo kunye noMhlawuleli obethelelweyo. Ababingeleli, abaphathi, ababhali, ababulali [abaxhomi], nesixuku, bonke bacinga ukuba ixesha labo lempindezelo lifikile. Emva kwethuba, abanye basebeza besithi uYesu uza kuhla ngoku emnqamlezweni. Abanye bazama ukuphuthaphutha indlela bebuyela esixekweni, bezibetha izifuba belila kukoyika.ULw 754.3

    Ngelixa lethoba, ubumnyama basuka ebantwini, kodwa busamgubungele uMsindisi. Babungumfuziselo wentlungu nobubi obabunzima phezu kwentliziyo yaKhe. Akukho liso lalinokugqobhoza ubumnyama obunzulu obabugqubuthele umphefumlo kaKristu osentlungwini. Imibane enengqumbo yabonakala ingathi iphoswa kuYe ngeli lixa ejinga emnqamlezweni. Ngelo xesha, “wadanduluka uYesu ngezwi elikhulu, esithi, Eloyi! Eloyi! Lama sabhaktani? Oko kukuthi ngentetho evakalayo, Thixo wam! Thixo wam! Undishiyelani na?” Njengokobumnyama bangaphandle babumgubungele uMsindisi, amazwi amaninzi akhwaza: Impindezelo yasezulwini iphezu kwaKhe. Imiqulu yengqumbo kaThixo yayiphoswa kuYe, kuba wayesithi unguNyana kaThixo. Abaninzi ababekholelwa kuYe basiva isikhalo saKhe sokuphelelwalithemba.Ithembalaphelakubo.Ukuba uThixo wayemshiyile uYesu, babengathembela entweni abalandeli baKhe?ULw 754.4

    Bathi bakusuka ubumnyama phezu komphefumlo ocinezelekileyo kaKristu, wabuyela ekuveni intlungu yenyama wathi, “Ndiyanxanwa.” Elinye lamasoldati aseRoma, lichukunyiswe yimfesane xa likhangele imilebe yaKhe eyomileyo, lathabatha imfunxa ngentongana yehisope, layithi nkxu esityeni seviniga, lamnika uYesu. Bona ababingeleli bahlekisa ngentlungu yaKhe. Bathi ubumnyama bakuwugquma umhlaba, bazaliswa luloyiko; lwathi lwakuhla olo loyiko lwabo, kwabuya ixhala lokuba uYesu wayesenokuphuncuka kubo. Amazwi aKhe athi: “Eloyi, Eloyi, lama sabhaktani?” bawaqonda ngendlela engeyiyo. Ngokudelela okukhulu nokunyelisa, bathi, “Lo mntu ubiza uEliya.” Ithuba lokugqibela lokumnceda ekubulalekeni kwaKhe bamalela. “Khawuyeke,” batsho, “sibone ukuba uEliya uza kumsindisa na.”ULw 755.1

    UNyana kaThixo ongenalo nechaphaza [lesono] wajinga emnqamlezweni, inyama yakhe ikrazukile yimivumbo; ezo zandla zaziye zolulwe zisikelela, zibethelelwe emiqobeni yomthi; ezo nyawo zazikholisa ukuhamba zingadinwa ukuya kulungiselela ngothando, zimiliselwe ngezikhonkwane emthini; loo ntloko yobukhosi ihlatywe ngesithsaba sameva; loo milebe ibebezelayo imilise ukukhala kosizi. Konke awakunyamezelayo—amathontsi egazi awayephuma entlokweni yaKhe, izandla zaKhe, iinyawo zaKhe, intlungu eyayithuthumbisa umzimba waKhe, nokubandezeleka okungathethekiyo okwakuzalise umphefumlo waKhe ngokufihlakala kobuso bukaYise—kuthetha kumntwana ngamnye woluntu, lusithi, Kungenxa yakho ukuba uNyana kaThixo avume ukuthwala lo mthwalo wetyala; ngenxa yakho uphanga ubukumkani bokufa, avule amasango eParadesi. Lowo wazolisa amaza alwayo, wahamba phezu kwamaza amakhulu amhlophe, owenza iidemon zangcangcazela, nezifo zabaleka, owavula amehlo angaboniyo wabiza abafileyo ukuba baphile—uyazinikela phezu komnqamlezo ukuba abengumbingelelo,konke okungenxayokuthanda wena. Yena, uMthwali wesono, unyamezele ingqumbo yobulungisa bezulu, wathi ngenxa yakho waba sisono ngokwaso.ULw 755.2

    Bathi bethe cwaka abo bakhangeleyo, basibukela isiphelo somboniso owoyikekayo. Ilanga lakhanya; kodwa wona umnqamlezo wawusagutyungelwe bubumnyama. Ababingeleli nabalawuli bakhangela ngaseYerusalem; nanko, kukho ilifu elinobumnyama obukhulu lithe zinzi phezu kwesixeko namathafa akwaYuda. ILanga loBulungisa, ukuKhanya kwehlabathi, laliyitsala imitha yalo kwesi sixeko sasikhe sathandwa kakhulu saseYerusalem. Imibane eyoyikekayo yengqumbo kaThixo yajoliswa ngakuloo mzi ugwetyiweyo.ULw 756.1

    Ngequbuliso ubumnyama basuka emnqamlezweni, kwathi ngelizwi elicacileyo nelivakala okwexilongo, nelalivakala ngathi lihlokoma kuyo yonke indalo, uYesu wakhala, wathi, “Kugqityiwe.” “Bawo, ndiwunikela ezandleni zaKho umoya wam.” Ukukhanya kwawuzungeza umnqamlezo, ubuso boMsindisi bakhanya ngokubengezela kwelanga. Wayithoba intloko yaKhe esifubeni saKhe, wafa.” ULw 756.2

    Phakathi kobumnyama oboyikekayo, ngokungathi ushiyiwe nguYise, uYesu wasela neyokugqibela intlenga yendebe yosizi loluntu. Ngezo yure zoyikekayo wayexhomekeke kubungqina bokubonakala kokwamkelwa nguYise kude kuzokuba ngeli xesha. Wayeqhelene nesimilo sikaYise; wayebuqonda ubulungisa baKhe, nothando lwaKhe olukhulu. Ngokholo wayayame kuLowo kwakuhlala kuluvuyo ukumthobela. Kwathi ekuziyekeleni kwaKhe kuThixo, ukuziva elahlekene nemfesane kaYise, kwasuka. Ngokholo uKristu woyisa.ULw 756.3

    Awuzange ngaphambili wakha wawubona umboniso onjalo umhlaba. Isihlwele sema sidengile, sibambe umphefumlo siqwalasele kuMsindisi. Baphinda ubumnyama bawugubungela umhlaba, kwabakho ulwandile olugragramayo, ngokwendudumo ezinkulu, olwavakalayo. Kwabakho inyikima enamandla. Abantu babuthana baziingqokelela. Kwalandela isiphithiphithi esikhulu nokuxhalaba. Kwiintaba ezijikelezileyo, amatye amakhulu aqhekeka, aqengqeleka ehlela amazantsi ezintilini. Amangcwaba avuleka, abafileyo bapoqa ngaphandle. Indalo yabukeka ngathi iba ncinane kakhulu. Ababingelelil, abaphathi, amasoldati, abaxhomi, nabantu bethe cwaka besoyika, balala bangqengqa phantsi emhlabeni.ULw 756.4

    Ngexesha kuphuma isikhalo esithi “Kugqityiwe,” emilebeni kaKristu, ababingeleli babesebenza etempileni. Yayililixa lombingelelo wokutshona kwelanga. Imvana eyayimele uKristu kwakuziwe nayo ukuba ixhelwe. Enxibe iimpahla zakhe ezihloniphekileyo nezintle, umbingeleli wema ephakamise imela, ngokuka-Abraham xa wayeza kubulala unyana wakhe. Ngomdlaomkhuluabantubabekhangele. Umhlaba wona uyashukuma uyanyikima; kuba iNkosi ngokwayo isondela. Ngengxolo yokukrazuka ngamandla, ikhuselo laphakathi lakrazulwa, lisusela phezulu laya kufika phantsi, sisandla esingabonwayo, nto leyo eyenza kubonwe sisihlwele indawo ngaphambili eyayizaliswe bubukho bukaThixo. Yayikule ndawo iShekina. Kulapha apho uThixo wayebubonakalalisa khona ubuqaqawuli baKhe phezu kwesihlalo senceba. Akukho mntu, ngaphandle kombingeleli, owakha waliphakamisa ikhuselo elahlula eli gumbi kwamanye etempile. Wayengena kube kanye ngomnyaka ukwenza ucamagushelo lwezono zabantu. Ngoku, eli khuselo likrazuke kubini. INgcwele kaNgcwele kwingcwele yasemhlabeni ayisekho ngcwele.ULw 756.5

    Konke kukoyika nesiphithiphithi. Umbingeleli uza kubulala ixhoba; kodwa imela iyawa kwisandla ezingenamithambo-luvo, isinde imvana. Umfuziselo uhlangene nesiqu uqobo ekufeni koNyana kaThixo. Umbingelelo omkhulu wenziwe. Indlela eya kweyona ngcwele ivuliwe. Indlela entsha nephilileyo ilungiselwe bonke. Akusadingeki ukuba uluntu olunesono nosizi lulindele ukufika kombingeleli omkhulu. Ukususela ngoku, uMsindisi wayeza kusebenza njengoMthetheleli ezulwini lamazulu. Kwaba ngathi kuthethe ilizwi eliphilileyo kwabanqulayo, lisithi: Sikho ngoku isiphelo sayo yonke imibingelelo neminikelo ngenxa yesono. UNyana kaThixo weza ngokwelizwi laKhe, “Yabona, ndiyeza (Encwadini esongwayo kubhalwe ngam,) ndiza kwenza ukuthanda kwakho, Thixo.” “Wangena kwaba kanye kweyona ngcwele, . . . wafumana inkululo engunaphakade ngokusihlawulela.” Heb. 10:7; 9:12.ULw 757.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents