Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    25—Ubizo Ngaselwandle

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 4:18-22; Marko 1:16-20; Luka 5:1-11.]

    Kwakusithi qheke ukusa phezu kolwandle lwaseGalili. Abafundi, bediniwe kukubulaleka ubusuku bonke bengazuzanga nto, babese kwimikhombe yabo yokuloba elwandle. UYesu wayeze ukuba achithe iyure ezolileyo ngasemanzini. Ngentsasa enkulu wayethembe ukuba uya kuzuza ixeshana elincinane lokuphumla kwizihlwele ezazimlandela umhla nezolo. Kwathi kwangoko abantu baqala ukubuthelana ngakuYe. Aya ekhula ngamandla amanani wabo, bada bamxina macala wonke. Ngeli xesha abafundi babebuyele emhlabeni. Ukuze asinde ekunyakathiseni kwesihlwele, uYesu wakhwela emkhombeni kaPetros, wamcela ukuba awuqhubele kudana nonxweme. Apha, uYesu wayeza kubonwa kakuhle aviwe ngabo bonke, wathi elapho emkhombeni, wasifundisa isihlwele esasiselunxweneni.ULw 244.1

    Ubuhle bombono owawulapho ukuba ziwetyise iingelosi;uMkhokeli wazo ozukileyo, ehleli emkhombeni womlobi weentlanzi, umana ushukunyiswa uye ubuya ngamaza angazinzanga, evakalisa iindaba ezilungileyo zosindiso kwinkungu nelanga eyayiphulaphule neyayizinyanzela elungqamekweni lwamanzi! Lowo wayengOzukisiweyo lizulu wayevakalisa izinto ezinkulu zobukumkani baKhe emoyeni ophangaleleyo, kubantu abaphantsi. Kanti ke,wayengenakubanayo indawo efaneleyo yokusebenza kwaKhe nzima Ichibi, iintaba, amathafa awondlalekileyo, ukukhanya kwelanga okwakungumsinga phezu komhlaba, zonke zaba zizinto zokunika umzekelo kwizifundo zaKhe nokuzibethelela engqondweni. Asikho isifundo sikaKristu esawa phantsi sangabi naso isiqhamo. Sonke isigidimi esiphuma emlonyeni waKhe sasifika kumphefumlo othile sililizwi lobomi obungunaphakade. ULw 244.2

    Umzuzu ngamnye wawusongeza kwisihlwele esasiselunxwemeni. Amaxhego angqiyame kwimisimelelo yawo, abahlali abomeleleyo basezindulini, abalobi ababesuka ekubulalekeni kokuloba echibini, abathengisi noorabhi, abazizityebi nabafundileyo, abadala nabatsha, bezisa abafayo nabagulayo babo, batyhudisa ukuba beve amazwi eTitshala yezulu. Kwimiboniso enje ngalo, abaprofeti babeyikhangele phambili, baza babhala:ULw 245.1

    “Umhlaba wakwaZebhulon nomhlaba wakwaNefetali,
    Wendlela yaselwandle, phesheya kweYordan,
    Abantu abo bahleli ebumnyameni
    Babone ukukhanya okukhulu,
    Nabo bahleli ezweni nasethunzini lokufa
    Bavelelwe kukukhanya.
    ULw 245.2

    Ecaleni kwesihlwele, kunxweme lwaseGenesarete, uYesu kwintshumayelo yaKhe yangaselwandle wayenabanye abaphulaphuli engqondweni yaKhe. Ekhangele phambili emaphakadeni, wabona abathembekileyo baKhe besentolongweni nasezinkundleni zamatyala, ekulingweni, ekubeni ngamalolo nasekuntlithweni. Umboniso ngamnye wovuyo nokulwa nokudideka wawandlalekile phambi kwaKhe. Kumazwi awayethethwa kwabo babuthelene kuYe, wayekwathetha kuloo miphefumlo kwala mazwi awayeza kufika kubo esisigidimi sethemba ematyaleni, eyintuthuzelo kwintlungu, nokukhanya kwasezulwini ebumnyameni. NgoMoya Oyingcwele, elo lizwi lalithetha livela emkhombeni womlobi kulwandle lwaseGalili, laliya kuvakala lithetha uxolo kwiintliziyo zabantu kuse ekupheleni kwexesha. ULw 245.3

    Akuba egqibile ukuthetha, uYesu wabuyela kuPetros, wamyalela ukuba aqhubele phakathi elwandle, awuthobe umnatha wakhe ukuba azuze ulutho. UPetros yena wayephelelwe lithemba. Ubusuku bonke akazange azuze nto. Ngexesha ehleli yedwa wayecinga ngesiphelo sikaYohane umBhaptizi, owayeqikaqikeka yedwa esiseleni. Wacinga ngethemba eliphambi kukaYesu nabalandeli baKhe, ngokungabi nampumelelo komsebenzi welakwaYuda, nenkohlakalo yababingeleli noorabhi. Nowakhe umsebenzi wawumphoxile; wathi xa ekhangele kwiminatha engaphethe nto, ikamva labonakala limnyama kukudaniswa. “Mongameli,” watsho, “sibulaleke ubusuku buphela, asabamba nento; kodwa ngelakho ilizwi ndiya kuwuhlisa umnatha.”ULw 245.4

    Ubusuku yayikuphela kwexesha elifanelekileyo lokuloba ngeminatha kumanzi acwengileyo echibi. Emva kokubulaleka ubusuku bonke kungekho mpumelelo, kwakubonakala kulilize ukuphosa umnatha emini; kodwa uYesu wayenike umyalelo, lwaza uthando lwabo ngaseNkosini lwabenza abafundi ukuba bathobele. USimon nabazalwana bakhe, bekunye, bawuthoba umnatha. Bathi xa bezama ukuwutsalela ngaphakathi, zaye zininzi iintlanzi ezibanjisiweyo kangangokuba waqala ukuqhaqheka. Kwanyanzeleka ukuba babize uYakobi noYohane ukuba babancede. Bathi bakuba bezifumene iintlanzi, yomibini imikhombe yazala yada yasengozini yokutshona. ULw 246.1

    UPetros ngoku wayengasayikhathalele imikhombe okanye imithwalo. Lo mmangaliso, ngaphezu kwayo yonke eminye awakha wayibona, kuye yayikukubonakalaliswa kwamandla obuThixo. KuYesu wabona Lowo yayikulawulo lwaKhe yonke indalo. Ubukho bobuThixo kwatyhila okwakhe ukungafaneleki ngenxa yemeko yesono. Uthando ngakwiNkosi yakhe, iintloni ngenxa yokungakholwa kwakhe, umbulelo ngenxa yokuhla ngokuzithoba kukaKristu, ngaphezu kwako konke, uluvo lokungahlambuluki kwakhe phambi kobunyulu obungenamda, kwamgubungela. Lo gama amaqabene akhe ayethabatha okusemnatheni, uPetros wawa ezinyaweni zoMsindisi, ekhala esithi, “Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi.” ULw 246.2

    Yayikwabobo bukho bobungcwele bobuThixo obenza ukuba uDaniyeli awe njengofileyo phambi kwengelosi kaThixo. Wathi, “Nebala lobuso bam lasuka lajika, lonakala kum, ndaphelelwa ngamandla.” Wathi ngoko uIsaya akububona ubuqaqawuli bukaYehova, wakhala, “Athi ke mna! Ngokuba ndithe shwaka, ngokuba ndiyindoda emlomo uyinqambi; ndihleli phakathi kwabantu abamilomo iyinqambi; ngokuba amehlo am abone ukumkani uYehova wemikhosi.” Dan. 10:8; Isa. 6:5. Ubuntu, bunobuthakathaka babo nesono sabo, bathelekiswa nokufezeka kobungcwele, waza waziva esilela engahlambulukanga ngokupheleleyo. Kuba njalo kubo bonke abathe baboniswa ubukhulu nobungangamsha bukaThixo. ULw 246.3

    UPetros wakhala wathi, “Mka kum, ngokuba ndiyindoda engumoni, Nkosi;” kodwa wabambelela ezinyaweni zikaYesu, eziva engenako ukwahlukana naYe. UMsindisi wamphendula, “Musa ukoyika; uya kuthabathela kweli xesha ubambisa abantu.” Kwakusemva kokuba uIsaya ebubonile ubungcwele bukaThixo nokwakhe ukungafaneleki awathi wanikelwa isigidimi esingcwele. Kwakusemva kokuba uPetros wathi wakhokelelwa ekubeni azincame axhomekeke kumandla ezulu, awathi wafumana ukubizelwa emsebenzini wakhe kaKristu.ULw 246.4

    Kude kube ngeli xesha, akakho kubafundi owayezimanye ngokupheleleyo noYesu njengosebenza naYe. Babeyibonile imimangaliso yaKhe, bayiphulaphula imfundiso yaKhe; kodwa babengazangebawushiye ngokupheleleyo umsebenzi wabo wangaphambili. Ukuvalelwa entolongweni kukaYohane kubo yaba kukudaniswa okukhulu. Ukuba sasiza kuba njalo isiphelo somsebenzi othunywe uYohane, lalinokuba lincinane kakhulu ithemba labo ngeNkosi yabo, xa zonke iinkokheli zenkolo zihlangene ukuba ziyichase. Phantsi kwezi meko, kwakuba khulula ukubuyela ekulobeni. UYesu kodwa ngoku ubabiza ukuba babushiye ubomi babo bangaphambili, umdla wabo wonke bawuhlanganise nowaKhe. UPetros wayelusabele ubizo. Wathi akufika elunxwemeni, uYesu wayalela abanye abafundi abathathu, “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngababambisi babantu.” Kwangoko bashiya konke, bamlandela. ULw 249.1

    Phambi kokuba abacele ukuba bashiye iminatha kunye nemikhombe yabo, uYesu wayebanike isiqinisekiso sokuba uThixo uya kubaxhasa kwizidingo zabo. Ukusebenzisa umkhombe kaPetros emsebenzini weendaba ezilungileyo kwaba nembuyekezo enkulu. [INkosi] “[e]bubutyebi kubo bonke abayinqulayo,” ithe, “Yiphani, naniya kuphiwa nani; umlinganiselo omhle, ohlohliweyo, ohlunguzelweyo, ophalalayo.” Roma 10:12; Luka 6:38. Kulo mlinganiselo wayewunike umvuzo umsebenzi womfundi. Wonke ke umsebenzi othe wenziwa kulungiselelo lwaKhe, uya kubuyekezwa ngokugqithisileyo “ubutyebi obuncamisileyo bobabalo lwaKhe.”Efese 3:20; 2:7.ULw 249.2

    Ngobusuku obulusizi basechibini, xa babohlukene noKristu, abafundi babecinezeleke kakhulu kukungakholwa, bediniwe ngumsebenzi ongenanzuzo. Ubukho bukaYesu kodwa kwaluphembelela ukholo lwabo, babazisela uvuyo nempumelelo. Kunjalo nakuthi, ngaphandle kukaKristu, umsebenzi wethu awunasiqhamo, kwaye kulula ukungathembi nokukhalaza. Xa athe wakufuphi, uYesu, sisebenza phantsi kwenkokhelo yaKhe, siyavuyiswa kukubonakala kwamandla aKhe. Ngumsebenzi kaSathana ukutyhafisa umphefumlo; ngumsebenzi kaKristu ukukhuthaza ukholo nethemba.ULw 249.3

    Isifundo esinzulu kakhulu sommangaliso owenzelwa abafundi sisifundo nakuthi,--esithi, Lowo olizwi laKhe linokuhlanganisa iintlanzi elwandle, unako ukuzichukumisa iintliziyo zabantu, azitsale ngentambo yothando lwaKhe, ukuze abakhonzi baKhe bakwazi ukuba “ngababambisi babantu.” ULw 249.4

    Babengabantu abathobekileyo abangafundanga, abo babambisi bentlanzi baseGalili; kodwa uKristu, ukukhanya kwehlabathi, wayekwazi ngokukhulu ukubalungiselela umsebenzi awayebanyulele wona. UMsindisi wayengayijongelanga phantsi imfundo; kodwa xa ulawulwa luthando lukaThixo, uzinikele emsebenzini waKhe, inkcubeko yobuchopho iyintsikelelo. Sekunjalo, wawadlula amadoda anobulumko exesha laKhe, kuba ayezithembe kakhulu kangangokuba ayengenako ukungabi novelwano ngoluntu olutsala nzima, aze abe ngabasebenzi kunye noMntu waseNazarete. Kwinkani yawo, akunyevulela ukufundiswa nguKristu. INkosi uYesuifunaukusebenzisana nabo baya kuba ngamajelo angaphazanyiswa nto okudlulisa ubabalo lwaKhe. Into yokuqala ekufuneka ifundiwe ngabo bonke abaya kuthi babe ngabasebenzi kunye noThixo sisifundo sokungazithembi; ngoko ke bakulungele ukuba banikwe isimilo sikaKristu. Oku akufunyanwa ngemfundo kwizikolo zeyona mfundo ilungisiweyo. Kusisiqhamo sobulumko obuzuzwa kuphela kwiTitshala yezulu. ULw 249.5

    UYesu wanyula abalobi kuba babengafundanga kwizikolo zezithethe namasiko ezineemposiso zexesha labo. Babengabantu abanezakhono zemveli, baye bethobekile befundiseka,--abantu awayenakho ukubafundisela umsebenzi waKhe. Kwiihambo eziqhelekileyo zobomi, baninzi abantu abajikeleza besebenza nzima ngomonde imihla ngemihla, babe bengaziqondi ukuba banamandla anokuthi xa athe avuswa ukuba enze into, ebeya kubaphakamisela ekulinganeni nabantu abangabona bahlonitshiweyo emhlabeni. Inkcukumiso nje yesandla esinobuchule iyadingeka ukuba ivuse izakhono ezileleyo. Yayingamadoda anjalo uYesu awawabizayo ukuba abe ngabasebenzi kunye naYe; wawanika ithuba lokuhlangana kunye naYe ngokwaKhe. Awazanga akha anayo amadoda amakhulu ehlabathi ititshala enjalo. Xa abafundi babephuma kuqeqesho loMsindisi, babengasengabo abangazinto nabangachubekanga. Babefana naYe ngengqondo nangesimilo, baza abantu babazi ukuba babe kunye noYesu. ULw 250.1

    Asinguwona msebenzi mkhulu wemfundo ukugqithisa nje ulwazi, kodwa kukunika amandla avuselelayo athi azuzwe ngokuhlangana kwengqondo nengqondo, umphefumlo nomphefumlo. Bubomi kuphela obunokuzala ubomi. Ke ngoko, ilungelo elinjalo ukuba likhulu, ababenalo lokuba, imihla ngemihla kwiminyaka emithathu, bahlangana nobomi obungcwele ekwakuphuma kubo yonke intshukumo enika ubomi ethe yalisikelela ihlabathi! Ngaphezu kwawo onke amaqabane akhe, uYohane, umfundi othandekayo, waziyekela kumandla obo bomi bumangalisayo. Uthi, “Ubomi ke babonakaliswa; sibubonile, siyabungqinela, siyabuxela kuni, ubomi obo bungunaphakade, bona obo bekukuye uYise, baza babonakaliswa kuthi.” “Enzalisekweni yakhe thina sonke samkela kwaubabalo phezu kobabalo.” 1 Yohane 1:2; Yohane 1:16.ULw 250.2

    Ngaphakathi kwabo abapostile, kwakungekho nto yayinokuzisa uzuko kwiziqu zabo. Kwakucacile ukuba impumelelo yokubulaleka kwabo yayivela kuphela kuThixo. Ubomi bala madoda, izimilo ezaphuhlayo kuwo, nomsebenzi omkhulu uThixo awawenza ngawo, zizinto ezibubungqina bento aya kuyenzela bonke abafundisekayo, bethobela.ULw 250.3

    Lowo umthanda kakhulu uKristu, uya kwenza okulungileyo okukhulukakhulu. Akukho mdaekubalulekeni kwalowoothi, embeke bucala umna, avule indawo yokusebenza kukaMoya Oyingcwele entliziyweni yakhe, aphile ubomi obunikelwe ngokupheleleyo kuThixo. Ukuba abantu bathi balunyamezele uqeqesho olufunekayo, bangakhalazi okanye bangatyhafi endleleni, uThixo uya kubafundisa iyure ngeyure, imini ngemini. Ulangazelela ukutyhila ubabalo lwaKhe. Ukuba abantu baKhe bangasusa izithintelo, uya kuwathulula amanzi osindiso kwimisinga emininzi ngemijelo engabantu. Ukuba abantu abaphila ubomi obuthobekileyo bebengakhuthazwa ukuba benze konke okulungileyo abanakho, ukuba izandla ezinqandayo bezingayi kubekwa phezu kwabo ukuba ziyicinezele inzondelelo yabo, bekuya kubakho abasebenzi abalikhulu bakaKristu apho ngoku emnye kuphela. ULw 251.1

    UThixo ubathabatha abantu njengoko banjalo, abafundisele umsebenzi waKhe, ukuba bathi baziyekele kuYe. UMoya kaThixo xa wamkelwe emphefumlweni, uya kukhulisa zonke izakhono. Phantsi kwenkokhelo kaMoya Oyingcwele, ingqondo enikelwe ngokupheleleyo kuThixo ikhula kakuhle ngokulinganayo, yomelele ukuze ibe nokuqonda nokuzalisekisa iimfuno zikaThixo. Isimilo esibuthathaka nesihlozingayo siyatshintsha sibe namandla sizinze. Ukuthandaza rhoqo kumisela kakhulu ubudlelwane phakathi kukaYesu nomfundi waKhe aze umKristu afane naYe ngengqondo nesimilo. Ngokuxhumana noKristu, uya kuba neembono ezicace kakhulu nezibanzi. Ubukhali bengqondo yakhe buya kuhla nzulu, uluvo lwakhe luzinze kakuhle. Lowo ulangazelela ukuba luncedo kuKristu ukhuliswa kakhulu ngamandla anika ubomi eLanga loBulungisa aze akwazi ukuthwalela isiqhamo esininzi eluzukweni lukaThixo.ULw 251.2

    Amadoda eyona mfundo iphakamileyo kwezobuchule neezesayensi afunde izifundo ezixabisekileyo kumaKristu aphila ubomi obuphantsi awayebalwa lihlabathi njengabantu abangafundanga. Aba bafundi bafihlakeleyo bayizuza imfundo kwesona sikolo siphezulu kuzo zonke izikolo. Babehleli ezinyaweni zaLowo wayethetha ngohlobo “[e]kungazanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako.” ULw 251.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents