Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    33—Ngoobani Na Abazalwana Bam?

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 12:22-50; Marko 3:20-35.]

    Oonyana bakaYosefu babemele kude novelwano lwabo kuYesu emsebenzini waKhe. Iingxelo ezazifika kubo ngobomi baKhe nemisebenzi yaKhe zazibamangalisa zibakhwankqisa. Babesiva ukuba uchitha ubusuku bonke ethandaza, nokuba imini yonke wayengungelwe ziindimbane zabantu, engaziniki nethuba lokuba atye. Abahlobo baKhe baba nento ethi uyazibulala ngokusebenza angayeki; baye bengakwazi ukunika isizathu somoya waKhe ngakubaFarisi, baye bekho nababesoyika hleze isizathu saKhe singabi nakuzinza. ULw 321.1

    Abantakwabo bakuva oku, kwanesityholo esaziswa ngabaFarisi sokuba ukhupha iidemon ngamandla kaSathana. Bakuva kakhulu ukuhlazeka okweza kubo ngenxa yokuzalana noYesu. Babeyazi ingxokolo eyadalwa ngamazwi waKhe nemisebenzi yaKhe, baza abanela nje ukothuswa ziintetho zaKhe ezilukhuni, kodwa banomsindo kukusingela kwaKhe ababhali nabaFarisi. Bagqiba kwelokuba kufuneka azanywe okanye anqandwe ayeke ukusebenza ngolu hlobo, baza banyanzela uMariya ukuba ahlangane nabo, becinga ukuba ngenxa yothando lwaKhe ngakuye bangakwazi ukumoyisela ukuba abe nobulumko obukhulu.ULw 321.2

    Kanye kwakuphambi koku xa uYesu wayesenza okwesibini ummangaliso wokuphilisa indoda eyayinedemon, eyimfama, nengakwaziyo ukuthetha, baza abaFarisi basiphinda isityholo esithi, “Iidemon eziuzikhuphangayeumphathi weedemon.” Mat. 9:34. UKristu wabaxelela ngokuphandle ukuba, ngokuthiumsebenzi kaMoya Oyingcwele wenziwe nguSathana, babeziqhawula kumthombo wentsikelelo. Abo babethetha ngokumchasa uYesu ngokwaKhe, bengayiboni imo yobuThixo baKhe, babengakufumana ukuxolelwa; kuba ngoMoya Oyingcwele bebengenziwa bayibone impazamo yabo baze baguquke. Nokuba sesiphi isono, umphefumlo oguqukayo ukholwe, ityala liyahlanjwa lisuke egazini likaKristu, kodwa lowo owukhanyelayo umsebenzi kaMoya Oyingcwele uzibeka yena apho inguquko nokholo zingekhe zize kuye. KungoMoya apho athi uThixo athi asebenze entliziyweni; xa athi abantu ngenkani zabo bawale uMoya, bathi ungokaSathana, bayaziqhawula kwijelo uThixo axhumana ngalo kunye nabo. Xa kuthe ekugqibeleni uMoya waliwa, akusekho nto uThixo anokuyenzela umphefumlo. ULw 321.3

    AbaFarisi awayesithetha kubo uYesu esi silumkiso, bona ngokwabo, babengasikholelwa isimangalo ababemtyhola ngaso. Kwakungekho noyedwa kwezo zikhulu owayeziva etsalelekile ukuza kuMsindisi. Babelivile ilizwi likaMoya ezintliziyweni zabo livakalisa ukuba ungOthanjisiweyo kaIsrayeli, [uMoya] ebakhuthaza ukuba bavume ukuba babe ngabafundi baKhe [uMsindisi]. Ekukhanyeni kobukho baKhe babekuqondile ukungahlambuluki kwabo, baza babulangazelela ubulungisa ababengenakho ukubenza. Sekunjalo, emva kokuba bemalile, kwakuya kuba yimpoxo enkulu kakhulu kubo ukumamkela njengoMesiya. Njengoko babesele beyiqalile indlela yokungakholwa, babephakame kakhulu ukuyivuma imposiso yabo. Bathi ke ukuze babe nokuphepha ukuyivuma inyaniso, bazama ngobungonyama bobungqwangangqwili ukuyiphikisa imfundiso yoMsindisi. Ukubonakala kwamandla aKhe nenceba yaKhe kwabacaphukisa. Babengakwazi ukumthintela uMsindisi ekwenzeni imimangaliso, baye bengakwazi ukumthulisa ekufundiseni kwaKhe; kodwa benza konke abanako ukumveza ngolunye uhlobo nangokuwaxoka amazwi aKhe. Sekunjalo, uMoya kaThixo othimbayo wabalandela, kwaza kwafuneka bakhe imiqobo emininzi ukuze bamelane namandla awo [uMoya]. Esona sithunywa sinamandla esasinokusetyenziswa nokunyamezela entliziyweni yomntu sasizamana nabo, kodwa abaze bavume. ULw 322.1

    AsinguThixo omfamekisa amehlo abantu okanye owenza lukhuni iintliziyo zabo. Yena uthumela ukukhanya ukuba alungise iziphoso zabo, nokuba abakhokelele kwiindlela ezikhuselekileyo; kungokwaliwa koku kukhanya ekuthi amehlo amfamekiswe nentliziyo iqaqadekiswe. Inkqubo le ikholisa ukuhamba kancinane, kangangokuba ide ingabinakuqondakala. Ukukhanya kuza emphefumlweni ngelizwi likaThixo, ngabakhonzi baKhe, okanye ngqo ngesenzeleli esinguMoya waKhe; kodwa xa umtha wokukhanya unganakwanga, kubakho ukudodobaliswa okuthile kwembono zasemoyeni, kuze ukutyhilwa kwesibini kokukhanya kube nzima ukubuqonda ngokucacileyo. Buthi ke ubumnyamabande,kude kube sebusuku emphefumlweni. Kwaba njalo ke nakwezi nkokeli zakwaYuda. Zazoyisakele ukuba amandla ezulu ayesebenza kuKristu, kodwa ukuza zimelane nenyaniso, zakubalela ukusebenza kukaMoya Oyingcwele kuSathana. Ngokwenza oku, zakukhetha ngabom ukulahlekiswa; zaziyekela kuSathana, kwaza kwathi ukususela ngoko zalawulwa ligunya lakhe. ULw 322.2

    Okwayame kakhulu kwisilumkiso sikaKristu ngokubhekiselele kwisono sokuchasa uMoya Oyingcwele sisilumkiso ngakumazwi obudenge nobubi. Amazwi asisiboniso soko kusentliziyweni. “Umlomo uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.” Kanti ke amazwi angaphezulu kwesibonakalaliso nje sesimilo; anamandla okusebenza esimilweni. Abantu baphenjelelwa ngamanzwi abo. Kuye kuthi ngevuso lomzuzwana, elibangwa nguSathana, bathethe ngomona okanye ngokucinga inkohlakalo, bebonisa ukuba abakholwa ngokwenene; kodwa intetho yabo iphuma kwiingcinga. Bakhohliswa ngamazwi wabo, baze bakholelwe ukuba kuyinyaniso oko bekuthethwa kuphenjelelwa nguSathana. Bathi kuba bebekhe bayivakalisa ingcinga okanye isigqibo, basuke babe nekratshi kakhulu ukuba barhoxe, baze basuke bazame ukubonisa ukuba bebelungisa, bade bakholwe, ukuba ngokwenene bebelungisa. Kuyingozi ukuthetha ilizwi lentandabuzo, kuyingozi ukuhlasela okanye ukugxeka ukukhanya okungcwele. Umkhwa wokungakhathali nokugxeka ngokungenambeko kunegalelo esimilweni, ekukhuliseni ukungabi nantlonipho nokungakholwa. Baninzi abantu abaziyekele kulo mkhwa abaphila bengayiqapheli ingozi, bade balungele ukugxeka nokwala umsebenzi kaMoya Oyingcwele. UYesu wathi, “Onke amazwi angewani abathe bawathetha abantu, baya kuphendula ngawo ngomhla womgwebo; kuba ngawo amazwi akho uya kugwetyelwa, nangawo amazwi akho uya kugwetywa.”ULw 323.1

    Waphinda wongeza isilumkiso kwabo babekhe bathabatheka ngamazwi waKhe, abo bamva ngovuyo, kodwa abazinikela ukuze uMoya Oyingcwele ahlale ngaphakathi kwabo. Asikuphela ngokwala kodwa nangokutyeshela othi umphefumlo utshatyalaliswe. Xa uthe ke waphuma umoya ongcololeyo emntwini,” watsho uYesu, “ucanda ezindaweni ezingenamanzi, ufuna ukuphumla, ungakufumani. Uze uthi, ndiya kubuyela kwasendlwini yam endaphuma kuyo; uthi ke wakufika uyifumane ize, itshayelwe, ivathisiwe. Wandule ke ukuya uthabathe uze nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo, bangene beme khona.” ULw 323.2

    Babebaninzi ngemihla kaKristu, njengoko kunjalo nanamhla, olwathi ulawulo lukaSathana phezu kwabo okwexesha elithile lwaqhawulwa;nabathi ngobabalo lukaThixo bakhululwakwimimoya emibi eyayinegunya phezu komphefumlo wabo. Baluchwayitela uthando lukaThixo; kodwa, njengabaphulaphuli abangumhlaba onamatye bomzekeliso, abazange bahlale eluthandweni lwaKhe. Abazange bazinikele kuThixo imihla ngemihla, ukuze uKristu ahlale entliziyweni; waza wathi wakubuya umoya okhohlakeleyo, “nabanye oomoya, abasixhenxe abakhohlakeleyo kunawo,” bonganyelwa ngokupheleleyo ngamandla ongendawo. ULw 323.3

    Xa umphefumlo uthe wazinikelwa kuKristu, amandla amatsha ayayibanga intliziyo entsha. Kubakho utshintsho umntu angekhe alwenze ngokwakhe. Lungumsebenzi ovela ngasentla [wezulu], othi uzise isiqalelo sangasentla endalweni yomntu. Umphefumlo oyekelwe kuKristu uba yinqaba yaKhe, athi ayigcine kwilizwe elivukeleyo, aze azimisele ukuba kungaze kubekho elinye igunya elaziwayo kuyo ngaphandle kwelaKhe. Umphefumlo ogcinwe ngolo hlobo usezandleni zezenzeleli zezulu awugqobhozeki kuhlaselo lukaSathana. Ukuba ke ngoko asithi sizinikele kulawulo lukaKristu, siyakoyiswa ngongendawo. Ekugqibeleni, kufuneka sibe phantsi kolawulo lwalo okanye lomnye kula magunya makhulu mabini alwela ubukhulu basemhlabeni. Akunyanzelekanga ukuba sizikhethele ngokuthanda ukukhonza ubukumkani bobumnyama khon’ ukuze sibe phantsi kwegunya labo. Kufuneka nje sityeshele ukumanyana nobukumkani bokukhanya. Ukuba asisebenzisani nezenzeleli zezulu, uSathana uya kuyithabathela kuye intliziyo, aze ayenze indawo yakhe yokuhlala. Ukhuseleko ekuphela kwalo olukhoyo ngasebubini kukuhlala kukaKristu ngaphakathi entliziyweni ngokholo kubulungisa baKhe. Singahlangananga noThixo ngendlela ephilileyo, asisokuze simelane neziphumo ezingekho ngcwele zokuzithanda, ukuziyekela [ezinkanukweni], nokulingeka esonweni. Singayishiya imikhwa emibi emininzi, okwexesha elithile singohlukana noSathana, kodwa lungekho uqhagamshelano oluphilileyo noThixo, ngokuzinikela kuYe umzuzu nomzuzu, siya koyiswa. Kungekho ukuqhelana komntu noKristu, nokuthi rhoqo sithetha naYe, sisezandleni zotshaba, kwaye, ekugqibeleni, siya kwenza oko lusithuma kona.ULw 324.1

    “Lize ikamva laloo mntu libe libi kunesiqaleko sakhe.” “Kuya kuba njalo,” watsho uYesu, “nakwesi sizukulwana singendawo.” Abakho abaqaqadeke njengabo basidelelayo isimemo senceba, benza ngokuchasene noMoya wobabalo. Okona kubonakalaliswa kuqhelekileyo kwesono sokuchasa uMoya Oyingcwele kusekuthini rhoqo kudelelwa isimemo seZulu sokuba kuguqukwe. Inyathelo ngalinye lokumala uKristu linyathelo elisingisa ekwaleni usindiso, nokuya esonweni sokuchasa uMoya Oyingcwele.ULw 324.2

    Ekumaleni uKristu, abantu bakwaYuda benza isono esingaxolelekiyo; kanti nangokwala isimemo senceba, nathi senza kwaloo mpazamo. Siyamgculela uMthetheli wobomi, size simhlazise phambi kwesikhungu sikaSathana naphambi kwendalo yonke yezulu xa sisala ukubaphulaphula abathunywa baKhe abathumileyo, size sithi, endaweni yoko siphulaphule abathunywa bakaSathana, othi yena awutsalele kude umphefumlo kuKristu. Lonke ixesha ubani esakwenza oku, akasayi kuze alifumane ithemba, okanye uxolelo kuze kuthi ekugqibeleni alahlekwe nguwo wonke umnqweno wokuxolelaniswa noThixo. ULw 325.1

    Wathi uYesu esafundisa abantu, abafundi baKhe bazisa isigidimi sokuba umama waKhe nabantakwabo babelinde ngaphandle befuna ukumbona. Wayekwazi okusezintliziyweni zabo, “Uphendule ke wathi kulowo ubemxelele, Ngubani na uma? Kanjalo ngoobani na abazalwana bam. Esolule isandla sakhe phezu kwabafundi bakhe, uthe, Nanku uma nabazalwana bam; kuba osukuba ekwenza ukuthanda kukaBawo osemazulwini, yena lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.” ULw 325.2

    Bonke ababemamkela uKristu ngokholo, bafumana ukumanywa naYe ngeqhina eliqinileyo kunobuzalwana babantu. Baba kunye naYe njengoko Yena wayemnye noYise. Njengekholwa kunye nomenzi wamazwi waKhe, umama waKhe wayalamene naYe ngokusondele nangokusindisa kakhulu kuYe kunaxa alamene naYe ngokuba wamzala. Abantakwabo babengazi kufumana okuhle ngaphezulu ekuhlanganeni kwabo kunye naYe ngokwalamana ngaphandle kokuba bamamkele njengoMsindisi wabo. ULw 325.3

    Inkxaso engako awayeya kuyifumana kwizizalwana zaKhe zasemhlabeni ukuba nje zaziye zakholelwa kuYe njengOvela ezulwini, zaza zasebenzisana naYe ekwenzini umsebenzi kaThixo! Ukungakholwa kwazo kwenza kwakho ithinzi ebomini bukaYesu basemhlabeni. Kwaba yinxalenyeyobukrakrabendebe yosizi awayithi qongqololo ngenxa yethu.ULw 325.4

    Ubutshaba obaphenjwa entliziyweni yabantu ukuba kuchaswe iindaba ezilungileyo baviwa ngenzondelelo nguNyana kaThixo, kwaye yayibobona babubuhlungu kuYe ekhayeni laKhe; kuba eyaKhe intliziyo yayizele bububele nothando, kwaye wayekuxabisile ukuphathwa ngobubele kolwalamano lwekhaya. Abantakwabo babenqwenela ukuba angavumelana neengcinga zabo, nangona ukwenza njalo kwakuya kuba kuphume endleleni ngokupheleleyo nomsebenzi waKhe awuthunywe lizulu. Babembona njengokudingayo ukucetyiswa ngabo. Baye bemkhangele bona ngokwendlela abantu abakhangela ngayo, baza bacinga ukuthi, ukuba ebengathetha kuphela izinto ezinokwamkeleka kubabhali nabaFarisi, angayiphepha imbambano eyayibangwa ngamazwi aKhe. Babecinga ukuba akakho zingqondweni xa ebanga ukuba unegunya lasezulwini, nokuzibeka ngaphambi koorabhi njengomkhalimeli wezono zabo. Babesazi ukuba abaFarisi babefuna isizathu sokumtyhola, baza babona ngathi uye wabanika [abaFarisi] isizathu esaneleyo [sokuba bamtyhole]. ULw 326.1

    Ngesiqwenga nje sentambo yabo yokulinganisa, babengenako ukufikelela kubunzulu bomsebenzi awayethunywe ukuba awufeze, ke ngoko, bengakwazi ukuvelana naYe kwizilingo zaKhe. Amazwi wabo arhabaxa angenakuncoma nto abonisa ukuba babengenayo imbono enyanisekileyo yesimilo saKhe, kwaye bengabuqondi ubuThixo obuhlangene nobuntu basenyameni. Babesoloko bembona ezele yintlungu; kodwa endaweni yokumthuthuzela, umoya wabo kunye namazwi wabo ayeyilimaza ngakumbi intliziyo yaKhe. Indalo yaKhe enovakalelo yayithuthunjiswa, iinjongo zaKhe ziqondwa gwenxa, umsebenzi waKhe wawungaqondwa. ULw 326.2

    Abantakwabo babekholisa ukubeka phambi kwaKhe ulwazi lwabaFarisi, olwaluse lukhuthukile lurhwexa bubudala, benobuganga bokucinga ukuba bangamfundisa Lowo wayeyazi yonke inyaniso, ekwazazi zonke iimfihlakalo. Babekugxeka ngokukhululekileyo ULw 326.3

    oko babengakuqondi. Izigculelo zabo zamphaphamisa, waza umphefumlo waKhe wanxapha wanoxinzeleko. Babeqinisekile ngokukholwa kuThixo, baza bacinga ukuba bakhusela Yena uThixo, ngeli xesha uThixo wayenabo esenyameni, baye bona bengamazi. ULw 326.4

    Ezi zinto zayenza indlela yaKhe yanameva ukuba ingahanjwa ngumntu. UKristu wahlungiswa kakhulu yinto yokuba kwelaKhe ikhaya angaqondwa kangaka kude kube kungcono kuYe ukuya apho kwakungenjalo khona. Lalikho ikhaya awayethanda ukuhambela kulo,--ikhaya likaLazaro, noMariya, kunye noMarta; kuba kumoya wokholo nothando wawufumana khona ukuphumla umoya waKhe. Kanti ke, babengekho emhlabeni abanokuwuqonda umsebenzi awayewuthunywe lizulu, okanye bawazi umthwalo awayewuthwele ngenxa yoluntu. Wayekholisa ukufumana ukuphumla xa eyedwa, ethetha noYise waKhe osemazulwini.ULw 326.5

    Abo babiziweyo ukuba bathwale ubunzima ngenxa kaKristu, ekufuneka benyamezele ukungaqondwa nokungathenjwa, nakwawabo amakhaya, banokufumana intuthuzelo kwingcinga ethi, uYesu wanyamezela okunjalo naYe. Uchukunyiswa yimfesane ngenxa yabo. Ubayalela ukuba bafumane ubuqabane kuYe, nenkululeko apho naYe wayifumana khona, ekuthetheni noYise. ULw 327.1

    Abo bamamkelayo uKristu njengoMsindisi wabo abashiywa bezinkedama, ukuba bathwale izilingo zobomi bebodwa. Uyabamkela njengamalungu osapho lwasezulwini; uthi kubo mabambize uYise ngokuthi unguBawo wabo. “[Banga]bantwana abancinanana” baKhe abathandekayo entliziyweni kaThixo, abaqanyangelwe kuYe ngamaqhina aneyona mfesane ininzi nangenako ukuqhawuka. Ngakubo unemfesane enkulu kakhulu nedlula ngaphaya kweviwa ngutata nomama wethu ngakuthi ekusweleni kwethu ukuzinceda, njengoko inceba yezulu ingaphezu kwenceba yomntu. Ngolwalamano lukaKristu nabantu baKhe, kukho umzekelo emithethweni eyanikelwa kuIsrayeli. Xa kuthe ngobuhlwempu, umHebhere wanyanzeleka ukuba alahlekane neqhina lokuzalwa nguyise, aze azithengise njengekhoboka, umcimbi wokumhlangula yena nelifa lakhe, wawukulowo wayesondele kuye kakhulu ngegazi. Bona: Lev. 25:25, 47-49; Rute 2:20. Ngoko ke, umsebenzi wokuhlangulwa kwethu nelifa lethu, elalahleka ngenxa yesono, laba phezu kwaKhe lowo “walamana” nathi. Yayikukuze asihlangule ukuze eze abe ngowakuthi. Isondele kunobawo, noma, nomntakwethu, nomhlobo, okanye isithandwa iNkosi yethu uMsindisi wethu. “Musa ukoyika;” utsho, “ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela; ndikubizile ngegama lakho, ungowam.” “Ngenxa yokuba unqabile emehlweni am, uzukile, mna ke ndikuthandile; ndirhola abantu esikhundleni sakho, nezizwe esikhundleni sobomi bakho.” Isa. 43:1, 4.ULw 327.2

    UKristu uyazithanda izidalwa zasezulwini ezirhangqe itrone yaKhe; kodwa yintoni engadlula uthando olukhulu asithande ngalo? Asingekhe siyiqonde, kodwa singazi ukuba ikho kwawethu amava. Ukuba sithi silubambe ulwalamano lokuzalana naYe, ingaba ngakanani imfesane esingayibonisa kubazalwana noodade beNkosi yethu! Besingekhe na sikhawuleze ukuwamkela amabango wethu obudlelwane nezulu? Xa samkelelwe kusapho lukaThixo, besingekhe na simzukise uBawo wethu kunye nabantu bakuthi bethu? ULw 327.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents