Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    85—Ngaselwandle Kwakhona

    [Esi sahluko sisekwe kuYohane 21:1-22.]

    UYesu wayenze idinga lokuhlangana nabafundi baKhe eGalili; kwathi isanda kudlula iveki yePasika, bawajika ajonga khona amanyathelo abo. Ukungabikho kwabo eYerusalem ngexesha lesidlo kwakuya kuthatyathwa ngokuthi bazimisele ukuzikhwebula, baye bekreqa, ngoko ke bahlala sada savala; kwathi kwakuba kudlule konke, bavuyela ukuya ngasekhaya ukuze bahlangane noMsindisi njengoko wayeyalele.ULw 809.1

    Yayisisixhenxe sabafundi esasikho. Babenxibe iimpahla zokusebenza zabalobi, bengabasweleyo ngokobutyebi behlabathi, kodwa bezizityebi ngolwazi nokwenza inyaniso, nto leyo eyayibabeka kwinqwanqwa eliphezulu njengeetitshala ngokokubona kwezulu. Babengazange babe ngabafundi ezikolweni zabaprofeti, kodwa iminyaka emithathu babefundiswa ngoyena Mfundisi umkhulu kwabaka babonwa emhlabeni. Phantsi kokufundisa kwakhe, baya bangabathunywa abaphakanyisiweyo abanobuchopho, abachubekileyo, ekwakunokuthi ngabo abantu bakhokelelwe ekuyazini inyaniso. ULw 809.2

    Emsebenzini kaKristu, ixesha elininzi lalichithwa ngakulwandle lwaseGalili. Ngexesha abafundi babebuthene kwindawo ababecinga ukuba abangeke baphazanyiswe kuyo, bazifumana bejikelezwe zizinto ezikhumbuza ngoYesu nemisebenzi yaKhe emikhulu yamandla. Kolu lwandle, xa iintliziyo zabo zazizaliswe luloyiko, umoya owoyikekayo ubatyhalela ekubatshabalaliseni, uYesu wahamba phezu kwamaza ukuba abahlangule. Apha, isaqhwithi sathuliswa ngelizwi laKhe. Kufuphi kwalapho, kwakukho unxweme apho amawaka alishumi abantu ondliwa khona ngezonkana neentlanzi ezimbalwa. Kungekude kakhulu apho, kwakukhoeKapernahum,indawoyemimangalisoemininzi kakhulu. Njengokuba abafundi babeyikhangele le ndawo, iingqondo zabo zazaliswa ngamazwi nazizenzo zoMsindisi wabo.ULw 809.3

    Urhatya lwaluphole kamnandi, waza uPetros, owayesayithanda kakhulu imikhombe nokuloba, wacebisa ukuba bangene phakathi elwandle baphose iminatha yabo. Bonke babekulungele ukuhlangana ngeli cebo; babeswele ukutya nempahla yokunxiba, izinto ezazinokufunyanwa ngengeniso yobusuku obunempumelelo. Baphuma ke ngesikhephe sabo, kodwa ababamba nto. Ubusuku bonke babulaleka, ngaphandle kwempumelelo. Ngazo zonke iiyure zokudinwa, babethetha ngokungabikho kweNkosi yabo, bekhumbula iziganeko ababezibonile ekusebenzeni kwaYo ngaselwandle. Babezibuza ngekamva labo, baba lusizi ngabakubona phambi kwabo. ULw 810.1

    Lonke ixesha, umlindi oyedwa elunxwemeni wayebalandela ngeliso laKhe, nangona Yena ngokwaKhe wayengenakubonwa. Emva kwethuba, kwathi qheke ukusa. Umkhombe wawungekude kakhulu elunxwemeni, baza abafundi babona owasemzini emi elunxwemeni, nowabahlangabeza ngombuzo, esithi, “Bantwana, aninanto idliwayo na?” Bathi bakuphendula ngelithi, “Hayi.” “Wathi ke yena kubo, wuphoseni umnatha ngecala lasekunene lomkhombe. Baphosa ke; ababa saba nako ukuwutsala, ngenxa yenkitha yeentlanzi.”ULw 810.2

    UYohane wamnakana lo mntu bangamaziyo, wakhwaza wathi kuPetros, “YiNkosi” UPetros waba nochulumanco novuyo olukhulu wathi ngongxamo waziphosa emanzini kwangoko waba selemi ecaleni kweNkosi yakhe. Abanye abafundi beza ngephenyane labo, betsala umnatha oneentlanzi. “Bathi ngoko, bakuwelela emhlabeni, babona umlilo wamalahle ukhona, nentlanzi ikuwo, nesonka.”ULw 810.3

    Babemangaliswe kakhulu kwanzima nokuyibuza imvelaphi yomlilo nokutya. “Athi uYesu kubo, Zisani kwezo ntlanzi nizibambise ngokunje.” UPetros wakhawuleza weza nomnatha awayewuphosile, wabancedisa abazalwana bakhe ukuba bawutsalele elunxwemeni. Wakuba ugqityiwe umsebenzi, nokulungiselela kwenziwe, uYesu wabayalela abafundi ukuba beze batye. Waqhekeza ukutya, wabahlulela, baza bamazi bamvuma bosixhenxe. Ummangaliso wokondla amawaka amahlanu ecaleni lentaba wabuya wafika ezingqondweni zabo; kodwa bafikelwa kukoyika ngaphakathi, baza bathi, bethe cwaka, baqwalasela kuMsindisi owayevukile.ULw 810.4

    Bawukhumbula ngokuthe gca umbono wangaselwandle xa uYesu wabayalela ukuba bamlandele. Bakhumbula indlela, ngokuyalela kwaKhe, abangena ngayo phakathi enzulwini , bawuthoba umnatha wabo, baza babambisa kakhulu wazala waphantsa ukukrazuka umnatha.Emva koko, uYesu wababiza ukubabayishiye imikhombe yabo yokuloba, ebathembisa ukuba uya kubenza abalobi babantu. Yayikukuzisa lo mbono ezingqondweni zabo, nokuzinzisa imbono yawo, okwenza ukuba[uYesu] aphinde enze ummangaliso. Esi senzo yayikukuhlaziya umyalelo wokubathuma abafundi. Wawubabonisa ukuba ukufa kweNkosi yabo akuzange kuluthothise uxanduva lwabo lokwenza umsebenzi awayebanike wona. Nangona babeza kukuvinjwa ukuba babe kunye naYe, neendlela zokuxhaswa ngumqeshi wabo wangaphambili, uMsindisi ovukileyo wayesaza kuba nenkathalo ngabo. Lo gama babesenza umsebenzi waKhe, wayeza kubaxhasa kwizidingo zabo. UYesu wayenenjongo ekubayaleleni ukuba bawuphose umnatha ngakwicala lasekunene lenqanawa. Ngakwelo cala wayemi elunxwemeni. Elo yayilicala lokholo. Ukuba bathe basebenza kunye naYe,--amandla aKhe ezulu ehlangana nemizamo yabo yobuntu,--babengasayi kuze bangaphumeleli. ULw 810.5

    Esinye isifundo ekwakufuneka uKristu esinikile, sasayame ngokukodwa kuPetros. Ukukhanyela kukaPetros iNkosi yakhe, kwakuchasene ngokuzintloni nokuvuma kwakhe kwangaphambili ukuba uya kunyaniseka. Wamhlaza uKristu, waza naye ngokwakhe wazizisela ukungathenjwa ngabazalwana bakhe. Bacinga ukuba akasayi kuvunyelwa ukuba athabathe indawo yakhe yangaphambili phakathi kwabo, kanti naye ngokwakhe wakuva ukuba uphulukene nokuthenjwa. Phambi kokuba aphinde abizwe ukuba athabathe kwakhona umsebenzi wobupostile, kufuneka athi phambi kwabo bebonke, anike ubungqina bokuguquka kwakhe. Ngaphandle koku, isono sakhe, nangona siguqukelwe, sasiya kuyitshabalalisa impembelelo yakhe yokuba ngumlungiseleli kaKristu. UMsindisi wamnika ithuba lokuba azuze ukuthenjwa ngabazalwana bakhe, nokuthi, kangangoko, alisuse ihlazo awalizisa phezu kwevangeli.ULw 811.1

    Apha kunikwe isifundo sabo bonke abalandeli bakaKristu. Ivangeli ayenzi sivumelwano nobubi. Ayikwazi ukusixolela isono. Izono zasemfihlakalweni kufuneka zivunywe emfihlakalweni kuThixo; kodwa, ngezono ezisekuhleni, ukuvuma okusekuhleni kuya funeka. Ihlazo lesono somfundi libekwa phezu kukaKristu. Lenza ukuba uSathana oyise, ithi imiphefumlo ehlozingayo ikhubeke. Ngokunika ingqiniseko yokuguquka, umfundi, kangangoko enamandla okwenza, kufuneka alisuse eli hlazo. ULw 811.2

    Kwathi xa uKristu nabafundi baKhe babesitya kunye ngaselwandle, uMsindisi wathi kuPetros, “Simon, kaYona, uyandithanda na ngaphezu kwaba?” ebhekisa kubazalwana bakhe. UPetros wayekhe wathi ngaphambili, “Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.” Mat. 26:33. Ngeli xesha, wabeka umlinganiselo onguwo ngaye. “Ewe, Nkosi, uyazi wena ukuba ndiyakuthanda.” Akukho siqinisekiso singamandla sokuba uthando lwakhe lukhulu ukudlula olwabazalwana bakhe. Akathethi into eyimbono yakhe ngokuzinikela kwakhe. Ubhenela kulowo unako ukufunda zonke iinjongo zentliziyo, ukuba azibonele ngokwaKhe ukunyaniseka kwakhe,--“Uyazi wena ukuba ndiyakuthanda.” UYesu wamyalela wathi, “Dlisa amatakane am.”ULw 811.3

    Waphinda uYesu wenza uvavanyo kuPetros, ephinda amazwi aKhe angaphambili: “Simon kaYona, uyandithanda na?” Ngeli xesha akambuzanga uPetros ukuba umthanda ngaphezu kokuba besenza njalo abazalwana bakhe. Impendulo yesibini yafana neyokuqala, ikhululekile inengqinisekiso eninzi. “Uyazi wena ukuba ndiyakuthanda.” Athi uYesu kuye, “Yalusa izimvu zam.” Waphinda uMsindisi wamnika umbuzo onzima: “Simon, nyana kaYona (KJV), uya ndithanda na?” Wababuhlungu uPetros; wacinga ukuba uYesu uyaluthandabuza uthando lwakhe. Wayesazi ukuba iNkosi yakhe yayinesizathu sokuba imthandabuze, waza wathi ngentliziyo eqaqambayo, waphendula, “Nkosi, uyazazi izinto zonke wena; uyaqonda wena ukuba ndiyakuthanda.” Waphinda uYesu wathi kuye, “Dlisa izimvu zam.”ULw 812.1

    Kwaba kathathu uPetros ekhanyela iNkosi yakhe ekuhleni, kwaba kathathu uYesu etsala kuye ingqiniseko yothando nokunyaniseka kwakhe, ebethelela lo mbuzo ungqalileyo, njengotolo olunameva kwintliziyo yakhe eyonzakeleyo. Phambi kwabafundi behlangene, uYesu waveza ubunzulu benguquko kaPetros, wabonisa ukuba uthobeke ngokupheleleyo kangakanani lo mfundi wayengumntu othanda ukuzibeka phambili. ULw 812.2

    Ngokwemvelo yakhe, uPetros wayezigqatsa, esisityhuthutyhuthu, waza uSathana wazisebenzisa ezi mpawu ekumoyiseni. Kwathi phambi kokuwa kwakhe uPetros, uYesu wathi kuye, “USathana ubenibanga, ukuba anele njengengqolowa. Ke mna ndikhungile ngawe, ukuba ukholo lwakho lungapheli; nawe ke, xa ubuye wabuya, uze ubazimase abazalwana bakho.” Luka 22:31, 32. Elo xesha lalifikile ngoku, kwaza ukuguquka kukaPetros kwacaca. Imibuzo esondeleyo yovavanyo yeNkosi yayingafuni impendulo enye, nokwaneliseka kwakhe; kwaye, ngenxa yokuthobeka nokuguquka kwakhe, uPetros wakulungela kakhulu kunangaphambili ukusebenza njengomalusi womhlambi.ULw 812.3

    Umsebenzi wokuqala uKristu awamthwalisa wona uPetros ekumbuyiseleni kwakhe emsebenzini yayingowokondla iimvana. Yayingumsebenzi lo uPetros awaye namava amancinane kakhulu kuwo. Wawufuna inkathalo enkulu nokuthantamisa okukhulu, umonde omkhulu nenzondelelo enkulu. Wambizela ukuba alungiselele kwabo babelula elukholweni, ukufundisa abangenalwazi, ukubavulela iziBhalo, nokubafundisa ukuze babe lulutho emsebenzini kaKristu. Ukuza kufika ngoku, uPetros wayengakulungelanga ukwenza oku, engakuqondi nokubaluleka kwako. Phofu ke, yayingumsebenzi lo uYesu awambizela ukuba awenze ngoku. Walungiselelwa lo msebenzi ngamava wakhe okuphatheka kakubi nokuguquka.ULw 812.4

    Phambi kokuwa kwakhe, uPetros wayesoloko ethetha ngokwesidenge, ngokuqhutywa yimeko yelo xesha. Wayesoloko elungele ukulungisa abanye, nokuyithetha ingqondo yakhe, ngaphambi kokuba aziqonde kakuhle okanye into amakayithethe. Sekunjalo, uPetros oguqukileyo wayahlukile. Wayesawubambile umoya wokungxama wangaphambili, kodwa ubabalo lukaKristu lwayilungelelanisa inzondelelo yakhe. Wayeyekile ukuba sityhuthutyhuthu,esizithembileyo, nesiziphakamisayo, kodwangoku wayezolile ezibumbile, efundiseka. Ngoko ke, wayenako ukondla amatakane nezimvu zomhlambi kaKristu.ULw 812.5

    Indlela uMsindisi awamphatha ngayo uPetros yaba nesifundo kuye, Petros, nakubazalwana bakhe. Yabafundisa ukuba bahlangabezane naboni ngomonde, uvelwano, nothando oluxolelayo. Nangona uPetros wayeyikhanyele iNkosi yakhe, uthando uYesu awayenalo ngakuye aluzange luphazame. Luthando olunjalo ekufuneka abelusi basemhlabeni babe nalo ngakwizimvu namatakane abawajongileyo. Ekhumbula obakhe ubuthakathaka nokusilela, uPetros kwakuza kufuneka awuphathe ngothando olunje ngolo uKristu wamphatha ngalo.ULw 815.1

    Umbuzo uKristu awawubuza kuPetros wawubalulekile. Wakhankanya imeko eyodwa kuphela yokuba ngumfundi nokusebenza. “Uyandithanda na?” Watsho. Luphawu olufunekayo olu. Nangona uPetros wayenokuba nazo nezinye, kodwa ngaphandle kothando lukaKristu, wayengenako ukuba ngumalusi othembekileyo womhlambi weNkosi. Ulwazi, ububele, ubuciko, umbulelo, nenzondelelo zonke zizinto eziluncedo emsebenzini olungileyo; kodwa lungekho uthando lukaKristu entliziyweni, umsebenzi womlungiseleli kaKristu uwa phantsi. ULw 815.2

    UYesu wahamba yedwa noPetros, kuba kwakukho into awayenqwenela ukuyigqithisa kuye eyedwa. Phambi kokufa kwaKhe, uYesu wayethe kuye, “Apho ndiya khona, akunakundilandela kalokunje; wondilandela ke kamva.” Koku uPetros waphendula ngelithi, “Nkosi, kungani na ukuba ndingabi nako ukukulandela ngoku? Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.” Yohane 13:36, 37. Xa wayethetha oku, wayengenalo nofifi lokuba iinyawo zikaKristu zingamkhokelela kwindlela enokuphakama nobunzulu obunjani. UPetros wawa phantsi lwakufika uvavanyo, kodwa wayeza kuphinda abe nalo ithuba lokulubonisa uthando lwakhe ngakuKristu. Ukuze akwazi ukomelezelwa uvavanyo lokugqibela lokholo lwakhe, uMsindisi wamvulela ukuba abone ikamva lakhe. Wamxelela ukuba, emva kokuba ephile ubomi bokuba lulutho, yakuba iminyaka ivakala kumandla akhe, ngokwenene uya kulandela iNkosi yakhe. UYesu wathi, “Oko ubusemtsha, ubuzibhinqisa ngokwakho, uhambe apho uthanda khona; kodwa xa uthe waluphala, uya kuzolula izandla zakho, ubhinqiswe ngomnye, akuse apho ungathandiyo. Wakutsho ke oku, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeya kuzukisa uThixo ngako.”ULw 815.3

    Ngaloo ndlela uYesu wamazisa uPetros indlela kanye aya kufa ngayo; wada waxela kwangaphambili ukolulwa kwezandla zakhe phezu komnqamlezo. Waphinda wamyalela umfundi waKhe, “Ndilandele.” UPetros akazange ethe mandla yile ntyilelo. Waziva ekulungele ukuphatheka kakubi nokuba kukufa okunjani ngenxa yeNkosi yakhe.ULw 815.4

    Ukususela ngoko, uPetros wamazi uKristu esenyameni, njengoko abaninzi bemazi ngoku, kodwa wayengasayi kuphelela apho. Akaphindangaamazi njengakuqalangohloboawayeluloekuhlaleni kwakhe naYe esesebuntwini. Wayemthandile engumntu, eyititshala ethunywe lizulu; ngoku wamthanda njengoThixo. Wayefunda isifundo sokuba kuye uKristu wayeyinto yonke kuko konke. Ngoku waye kulungele ukuba nesabelo kumsebenzi wokuzincama awuthunyiweyo yiNkosi yakhe. Xa ekugqibeleni esiwa emnqamlezweni, wathi, ngokucela kwakhe, wabethelelwa intloko ijongiswe ezantsi. Wakuthabatha ngokuba yimbeko enkulu kakhulu ukubulaleka ngendlela efana naleyo yaviwa yiNkosi yakhe.ULw 816.1

    KuPetros, amazwi athi “Ndilandele” ayezele yimfundiso. Kungekuphela ngokufa kwakhe, kodwa kwinyathelo ngalinye lobomi bakhe, kwakukho isifundo. Ukuza kufikelela apha, uPetros wayekekelele ekusebenzeni ngokuzimela yedwa. Wazama ukuceba umsebenzi kaThixo endaweni yokulindela ukuba alandele ukuceba kukaThixo. Akazange azuze nto ngokungxama naphambi kweNkosi. UYesu wathi kuye, “Ndilandele.” Musa ukubaleka phambi kwaM. Ngolo hlobo akuyi kujongana nemikhosi kaSathana uwedwa. Mandihambe phambi kwakho, akusayi koyiswa lutshaba. ULw 816.2

    Ngexesha uPetros wayehamba ecaleni kukaYesu, waphawula ukuba uYohane uyalandela. Ulangazelelo lokwazi ngekamva lakhe lwamfikela, “uthi kuYesu, Nkosi, lo woba yini na? Athi uYesu kuye, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike, iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena.” UPetros wayenokuqaphela ukuba iNkosi yakhe yayinokumtyhilela konke oko kwakulunge kakhulu ukuba akwazi. Luxanduva lomntu ngamnye ukulandela uKristu, ngaphandle kokuzikhathaza okungadingekiyo ngomsebenzi onikwe abanye. Ngokuthi ngoYohane, Ukuba ndithi ndithande ukuba yena ahlale ndide ndifike,” uYesu akazange anike ingqiniseko yokuba uya kuphila kude kube kukubuya kwesibini kweNkosi. Wayebonisa nje elaKhe igunya elikhulu, nokuba, xa enokuthanda ukuba oko kube njalo, akungeke kuwuchukumise nganto umsebenzi kaPetros. Ikamva labo bobabini uYohane noPetros lalisezandleni zeNkosi yabo. Ukuthobela ngokumlandela, yayiluxanduva olwalufuneka kumntu ngamnye kubo. ULw 816.3

    Bangaphi namhla abafana noPetros! Banomdla kwimicimbi yabanye, benexhala lokwazi umthwalo wabo, lo gama besengozini yokutyeshela owabo. Ngumsebenzi wethu ukukhangela kuKristu silandele Yena. Siya kuzibona iimpazamo ebomini babanye, neziphako kwizimilo zabo. Ubuntu burhangqwe bubulwelwe. Sekunjalo, kuKristu siya kufumana ukugqibelela. Ngokukhangela kuYe, siya kuguqulwa.ULw 816.4

    UYohane waphila wada wamdala kakhulu. Wakubona ukutshatyalaliswa kweYerusalem, nokutshatyalaliswa kwetempile eyayinesidima,--umfuziselo wentshabalalo yokugqibela yehlabathi. Kwada kwayimihla yakhe yokugqibela, uYohane ebelekeke emva kweNkosi yakhe. Umthwalo wobungqina bakhe obuya emabandleni wawusithi, “zintanda, masithandane;” “lowo uthi uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.” 1 Yohane 4:7, 16. ULw 816.5

    UPetros wayebuyiselwe kubupostile bakhe, kodwa imbeko negunya awalifumana kuKristu lalingamnikanga ukongamela phezu kwabazalwana bakhe. Oku uKrisu wakwenza kwacaca xa wayephendula umbuzo kaPetros, othi, “Uya kuba yini lo?” Wayethe, “Iyini na loo nto kuwe? Landela mna wena.” uPetros akazange anikwe imbeko yokuba abe yintloko yebandla. Imfesane uKristu awamenzela yona ngokumxolela ukreqo lwakhe, nokumnika umthwalo wokondla umhlambi, nokuthembeka kwakhe uPetros ekulandeleni uKristu, kwamzuzela ukuthenjwa ngabazalwana bakhe. Waba nempembelelo enkulu ebandleni. Sekunjalo, isifundo uKristu awamfundisayo ngakulwandle lwaseGalili, uPetros wasithwala ngokwakhe bonke ubomi bakhe. Ebhalela amabandla eqhutywa nguMoya Oyingcwele wathi: ULw 817.1

    “Amadoda amakhulu la aphakathi kwenu ndiyawavuselela, ndikwayindoda enkulu kunye nawo, nengqina leentlungu zikaKristu, nedlelane nawo ngokobuqaqawuli obuza kutyhileka. Waluseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela; kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi. Nothi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.” 1 Petros 5:1-4.ULw 817.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents