Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    34—Isimemo

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 11:28-30.]

    “Yizani kum nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo, ndoninika ukuphumla.” ULw 328.1

    La mazwi entuthuzelo athethwa kwisihlwele esalilandela uYesu. UMsindisi wayethe kungaYe kuphela abanokuthi abantu bakwazi ukumazi uThixo. Wayethetha ngabafundi baKhe njengabantu ekunikelwe kubo ukuzazi izinto zasezulwini. Akazange kodwa enze ukuba kubekho noyedwa oziva evalelwe ngaphandle kwinkathalo nothando lwaKhe. Bonke ababulalekayo nabasindwa ngumthwalo banokuza kuYe.ULw 328.2

    Ababhali noorabhi, nobucukubhede babo ekugcineni iindlela zokukhonza, babenalo uvo oluthi, iinkonzo zokuzohlwaya ngenxa yesono zazingakwazi zazingasokuze zanelise. Ababuthi berhafu naboni babenokuzenza ngokungathi banelisekile kukuthanda iziyolo nezinto zalo mhlaba, kodwa ezintliziyweni zabo kwakukho ukungathembi nokoyika. UYesu wabakhangela abo baxhwalekileyo nabantliziyo zisindwa yimithwalo, abo bamathemba abo ayesele entshwenyile, abo babethi behleli ekonwabeni komhlaba, babe besakufuna ukuwuthulisa umphefumlo wabo onolangazelelo, wabamema bonke ukuba bafumane ukuphumla kuYe. ULw 328.3

    Ngemfesane, wababiza abantu ababulalekayo, “Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.”ULw 328.4

    Kula mazwi, uKristu uthetha kumntu wonke. Nokuba bayazi okanye abazi, bonke badiniwe basindwa yimithwalo. Bonke bayabuthisa ngaphantsi kwemithwalo enokususwa kuphela nguKristu. Owona mthwalounzima esiwuthweleyo ngumthwalo wesono.Ukuba besinokuyekwa siwuthwelelo mthwalo, ubuzakusityumza. Kungoko ke, Lowo Ongenasono eyithabathile indawo yethu. “UYehova wamwela ngobugwenxa bethu sonke.” Isa. 53:6. Uthwele umthwalo wetyala lethu. Uza kuwususa umthwalo phezu kwamagxa ethu adiniweyo. Uza kusinika ukuphumla. Umthwalo wexhala nentlungu nawo uza kuwuthwala. Usimemela ukuba siwase onke amaxhala ethu phezu kwaKhe; kuba usithwele thina entliziyweni yaKhe. ULw 328.5

    UMkhuluwa wohlanga lwethu ungasetroneni kanaphakade. Uwukhangele wonke umphefumlo ojika ujonge kuYe njengoMsindisi. Ubazi ngamava ubuthakathaka boluntu, nokuba ziyintoni iintswelo zethu, nokuba alele phi amandla ezihendo zethu; kuba wathi ngeendawo zonke wenziwa wafana nathi, kanti wayengenaso isono. Ukwalusile wena mntwana kaThixo ongcangcazelayo. Ingaba uyahendwa? Uya kukuhlangula. Ingaba akunamandla? Uya kukomeleza. Ingaba uswele ulwazi? Uya kukukhanyisela. Ingaba ulimele? Uya kukuphilisa. UYehova “[u]bala inani leenkwenkwezi,” kanti “[uphilisa] abaphuke intliziyo, abophe amanxeba abo.” Nd. 147:4, 3. “Yizani kum,” sitsho isimemo saKhe. Nokuba ayintoni amaxhala akho nezilingo zakho, yandlale phambi kweNkosi imeko yakho. Umoya wakho uya kuqiniselwa ukunyamezela. Indlela iya kuvulwa ukuze uzikhulule ekudanisweni nasebunzimeni. Okona uzazi ukuba akunawo kakhulu amandla nokuba akukwazi kakhulu ukuzinceda, kokona uya komelela emandleni aKhe. Okona inzima imithwalo yakho, kusikeleleka ngakumbi ukuphumla xa uyilahlele kuMthwali wemithwalo. Ukuphumla uKristu akunikayo kuxhomekeke kwimiqathango, kodwa le miqathango ibekwe yacaca. Yileyo bonke banako ukuyifikelela. Uyasixelela indlela ekungafunyanwa ngayo ukuphumla kwaKhe. ULw 329.1

    “Thabathani idyokhwe yam,” Utsho uYesu. Idyokhwe isisixhobo senkonzo yomsebenzi. Iinkomo zibotshelwa ukusebenza, kwaye idyokhwe iyafuneka ukuze zisebenze kakuhle. Ngalo mboniso uKristu ufundisa ukuba sibizelwe umsebenzi lo gama sisaphila kobu bomi. Kufuneka siyithabathe idyokhwe yaKhe, ukuze sibe ngabasebenzi kunye naYe.ULw 329.2

    Idyokhwe ebophelela emsebenzini ngumthetho kaThixo. Umthetho omkhulu wothando owatyhilwa e-Eden, wavakaliswa eSinayi, nakumnqophiso omtsha obhalwe ezintliziyweni, ngulowo ubophelela isisebenzi esingumntu kwintando kaThixo. Ukuba besiyekiwe ukuba silandele oko sikekelele kuko, siye apho intando yethu isikhokelela khona, besiya kuwela kumabutho kaSathana sibe ngabaneempawu zakhe. Ngoko ke uThixo usigcine kwintando yaKhe, ephezulu, enesidima, nephakamisayo. Unqwenela ukuba siyithabathe imisebenzi yethu ngomonde nangobulumko. Idyokhwe yomsebenzi noKristu ngokwaKhe wayithwala esenyameni. Wathi, “Ukwenza okulikholo kuwe, Thixowam,ndikunanzile; nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.” Nd. 40:8. “Ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo.” Yohane 6:38. Ukuthanda uThixo, inzondelelo yobuqaqawuli baKhe, nokuthanda uluntu oluwileyo, kwamzisa uYesu emhlabeni ukuba aphatheke kakubi aze afe. La yayingamandla alawulayo ebomini baKhe. Lo mthetho-siseko, uYesu usiyalela ukuba siwamkele. ULw 329.3

    Baninzi abaqaqanjelwa ziintliziyo phantsi komthwalo wexhala kuba befuna ukufikelela kumgangatho wehlabathi. Bakhethe umsebenzi walo, bamkela iingxaki zalo, bamkela amasiko alo. Ngoko ke isimilo sabo singcolisiwe, nobomi babo benziwe bayindinisa. Ukuze banelise ibhongo neminqweno yehlabathi, balimaza isazela, bazise phezu kwabo umthwalo owongeziweyo wokuzisola. Ukuhlala besengxakini kuyawagqiba amandla obomi. UYesu [iNkosi] yethu unga bangayibeka ecaleni le dyokhwe yobukhoboka. Umema bonke ukuba bayamkele idyokhwe yaKhe; uthi, “Idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.” Uyabathuma ukuba bafune kuqala ubukumkani bukaThixo nobulungisa baKhe, saye isithembiso saKhe sesokuba, zonke izinto ezidingekayo kubo kobu bomi ziya kongezwa. Ukukhathazeka akuboni, kwaye akukwazi ukuliqonda ikamva; kodwa uYesu ubona isiphelo kusuka kwasekuqaleni. Kuyo yonke inzima, unendlela yaKhe ayilungisele ukuzisa ukukhululeka. UBawo wethu osemazulwini uneendlela eziliwaka zokusilungiselela, esingazi nto thina ngazo. Abo bamkela umthetho-siseko omnye wokwenza ukuba inkonzo nozuko lukaThixo lube phezulu baya kuzibona iingxaki zisithi shwaka, nendlela ibe mthabazi phambi kweenyawo zabo.ULw 330.1

    “[Fundani] kum,” utsho uYesu; “ngokuba ndinobulali ndithobekile ngentliziyo; nofumanela ukuphumla.” Kufuneka singene esikolweni sikaKristu, sifunde kuYe ubulali nokuthobeka. Ukuhlangulwa yila nkqubo ekuthi ngayo umphefumlo uqeqeshelwe izulu. Olu qeqesho luthetha ulwazi lukaKristu. Luthetha ukukhululeka kwiingcinga, kwimikhwa, nezenzo ezifunyenwe kwisikolo senkosi yobumnyama. Umphefumlo kufuneka uhlangulwe kuko konke okuchasene nokunyaniseka kuThixo. ULw 330.2

    EntIiziyweni kaKristu, apho kulawula imvisiswano egqibeleleyo noThixo, kwakukho uxolo olugqibeleleyo. Wayengazanga waphakanyiswa kukuqhwatyelwa, engazanga wadakumba umoya kukuthethiswa okanye kukudaniswa. Phakathi kweyona inkulu inkcaso neyona mpatho ikhohlakeleyo, wayehleli enesibindi esilungileyo. Noko kunjalo, abaninzi abazibiza ngokuba bangabalandeli baKhe, banentliziyo enexhala, ekhathazekileyo, kuba besoyika ukuzithembisa ngoThixo. Abazinikeli ngokupheleleyo kuYe; kuba besoyika iziphumo zokuba, ukuzinikela okunjalo kufuna okuninzi. Bengakwenzanga oku kuzinikela, abasayi kuze balufumane uxolo.ULw 330.3

    Kukuthanda umna okuzisa ukungaphumli. Xa sizelwe ezulwini, ingqondo ezakubakuthi yileyo yayikuYesu, ingqondo eyamkhokelela ekubeni azithobe ukuze sisindiswe. Siya kuthi ke ngoko singabi sifuna ezona ndawo ziphezulu. Siya kuliqonda ukuba ixabiso lomsebenzi wethu alikho ekwenzeni umboniso nengxolo elizweni, nasekuxakekeni nokuba nenzondelelo ngawethu amandla. Ixabiso lomsebenzi wethu lilingana nokwabelwa kwethu uMoya Oyingcwele. Ukuthembela kuThixo kuzisa ingqondo enexabiso elinobungcwele obukhulu ukuze sithi, ngomonde siyizuze imiphefumlo yethu. ULw 331.1

    Idyokhwe ibekwa phezu kweenkabi ukuba izincede ekutsaleni umthwalo, ukuwenza lula umthwalo. Kunjalo nakwidyokhwe kaKristu. Xa intando yethu ithe yaginywa yintando kaThixo, size sisebenzise izipho zaKhe ukusikelela abanye, siya kuwufumana umthwalo wobomi ulula. Lowo uhamba endleleni yemithetho kaThixo, naseluthandweni lwakhe, intliziyo iba sekuphumleni. Wathi akuthandaza uMoses, athi, “Khawundazise indlela yakho, ukuze ndikwazi,” uYehova wamphendula, esithi, “Ubuso bam bohamba nawe, ndikunike ukuphumla.” Kanti ke, isigidimi sasinikiwe ngabaprofeti, sisithi, “utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo, noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu.” Eks. 33:13, 14; Yer. 6:16. Ukwathi, Akwaba imithetho yam ubuyibazele indlebe! Beluya kuba njengomlambo uxolo lwakho, nobulungisa bakho bube njengamaza olwandle.” Isa. 48:18.ULw 331.2

    Abo bakwamkelayo oko uKristu wakuthethayo njengoko kunjalo, bayinikele imiphefumlo yabo elugcinweni lwaKhe, nobomi babo ukuba buqoqwe nguYe, baya kuzuza uxolo nokuthula. Akukho nto yehlabathi enokubenza lusizi xa uYesu ebavuyisa ngobukho baKhe. Ekuvumeni ngokugqibeleleyo kukho ukuphumla okugqibeleleyo. UYehova uthi, “Intliziyo ezimasekileyo uyayilondoloza, ixole ixolile; ngokuba ikholose ngawe.” Isa. 26:3. Ubomi bethu bungabonakala buyinkatha ephotheneyo; kodwa xa sizinikela kuMsebenzi Oyintloko, uya kukhupha isibonelo sobomi nesimilo esiya kuba luzuko lwaKhe. Eso similo ke sixela uzuko—isimilo—sikaKristu siya kwamkelwa eParadesi kaThixo. Uhlanga olwenziwe lutsha luya kuhamba naYe luvathe ezimhlophe, kuba bekufanele oko.ULw 331.3

    Xa sithi ngoYesu singene ekuphumleni, izulu liqala apha. Sisabela kwisimemo saKhe, esithi, Yizani, nifunde kum, size sithi ngokuza ngolo hlobo, sibuqale ubomi obungunaphakade. Izulu kukuza okupheliyo phambi kukaThixo ngoKristu. Okona sihleli ixesha elide ekonwabeni kwezulu, okona nokukokona ngaphezulu uzuko luya luvuleka kuthi; nokukokona siya kumazi ngakumbi uThixo, okona luya kuya luqina ulonwabo lwethu. Xa sihamba noYesu kobu bomi,sinakoukuzaliswa luthando lwaKhe, saneliswe bubukho baKhe. Konke okunokuthwalwa yindalo yomntu, sinako ukukuzuza apha. Iyinto ni phofu xa ithelekiswa nokulandelayo emva koku? Bakho abo “baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo. Abayi kuba salamba, abayi kuba sanxanwa; aliyi kubawela nelanga, nabunye ubushushu; ngokuba iMvana esesazulwini setrone iya kubalusa, ibakhokelele emithonjeni ephilileyo yamanzi; waye uThixo eya kuzisula iinyembezi zonke emehlweni abo.” IsiTy. 7:15-17.ULw 332.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents