Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    66—Imbambano

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 22:15-46; Marko 12:13-40; Luka 20:20-47.]

    Ababingeleli nabaphathi babekuphulaphule bethe cwaka ukubathethisa kabukhali kukaKristu. Babengakwazi ukuziphikisa izimangalo zaKhe. Kwaba kukona bezimisela ukumbambisa, baza bathi ngale njongo, bathumela kuYe abacuphi, “ezizenza amalungisa, ukuba zimbambise ngokuthetha, ukuze bamnikele elulawulweni nasegunyeni lerhuluneli.” Abazange bathumele abaFarisi abadala abo uYesu wayekade ehlangana nabo, kodwa [bathumela] amadodana, awayenobushushu nenzondelelo, nawayengawazi uKristu, ngokucinga kwabo. La [madodana] akhatshwa ngabathile beqela lamaHerode, elaliza kuphulaphula amazwi kaKristu, ukuze bakwazi ukunika ubungqina bokumchasa ekuxoxweni kwetyala laKhe. AbaFarisi namaHerode babezintshaba ezimbi kakhulu, kodwa ngoku babemanyene ekubeni zintshaba kuKristu.ULw 601.1

    AbaFarisi kwakukade betyabuka phantsi kokunyanzelwa kwerhafu ngamaRoma. Ukuhlawulwa kwale rhafu babesithi kuchasene nomthetho kaThixo. Ngoku babona ithuba lokubekela uYesu umgibe. Abacuphi beza kuYe, bathi ngenkangeleko yokunyaniseka, ngokungathi balangazelela ukwazi umthwalo wazo, zathi, “Mfundisi, siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa, ungakhethi buso bamntu; usuka ufundise indlela kaThixo ngenene. Kuvumelekile na ukuba simnike irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na?” ULw 601.2

    Amazwi athi, “siyazi ukuba uthetha ufundise ngobulungisa,” ukuba ayenyanisekile, ayeya kuba kukuvuma okumangalisayo. Phofu, wona ayethethelwa ukukhohlisa; nangona kunjalo, ubungqina bawo babuyinyaniso. AbaFarisi babengazi ukuba uKristu wayethetha afundise ngobulungisa, kanti ke, ngobabo ubungqina, baya kugwetywa.ULw 602.1

    Abo babebuza uYesu babecinga ukuba bayifihle ngokwaneleyo injongo yabo; kodwa uYesu wazifunda iintliziyo zabo njengencwadi evuliweyo, wakuxela ukuhanahanisa kwabo. ‘Nindilingelani na?’ watsho; ngoko ebanika umqondiso ababengawucelanga, ngokubabonisa ukuba wayifunda injongo yabo efihliweyo. Babesadideke benjalo, wongeza wathi, “Ndiboniseni idenariyo.” Bayizisa, waza wababuza, “Inomfanekiso nombhalo kabana na? Ziphendule zathi, KaKesare.” Esalatha embhalweni okwingqekembe, uYesu wathi, “Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare nezinto zikaThixo kuThixo.” ULw 602.2

    Abacuphi babelindele ukuba uYesu awuphendule umbuzo wabo ngokuthe ngqo, ngendlela ethile. Ukuba wayeza kuthi, Akulungile ukunikela irhafu kuKesare, wayeza kuxelwa kumagunya aseRoma aze abanjwe ngokuvusa uqhushululu. Kanti ke, ukuba wayevakalise ukuba kusemthethweni ukuhlawula irhafu, babecebe ukuba bammangalele ebantwini ngokuchasa umthetho kaThixo. Baziva ngoku bedidekile, boyisiwe. Amacebo abo aphazanyiswa. Indlela emfutshane owabekwa ngayo umbuzo wabo yabashiya bengenanto yokuthetha.ULw 602.3

    Impendulo kaKristu yayingekuko ukuphepha, kodwa yayiyimpendulo ephandle embuzweni. Ephethe esandleni saKhe ingqekembe yemali yaseRoma, ekwakugximfizwe kuyo igama nomfanekiso kaKesare, waxela ukuba, njengoko babephila phantsi kokhuseleko lwegunya lamaRoma, bamelwe kukunika kwelo gunya inkxaso elaliyifuna, ngalo lonke ixesha ingachasananga noxanduva lwangasentla. Lo gama besahleli ngoxolo phantsi kwemithetho yelizwe, kufuneka ngamaxesha onke banike intlonipho yabo ephambili kuThixo.ULw 602.4

    Amazwi oMsindisi, athi, “Nikelani . . . izinto zikaThixo kuThixo,” ayekukukhalima okulukhuni kumaYuda anobuqhophololo. Ukuba ayekufezekisile konke okwakufanele ukuba akwenzele uThixo, ayengasayi kuba sisizwe esiqhekekileyo, esiphantsi kwegunya lasemzini. Akukho mbasa yaseRoma yayiza kuphephezela phezu kweYerusalem, kungeko mlindi waseRoma wayeza kuma emasangweni ayo, kungekho rhuluneli yaseRoma yayiza kulawula phakathi kweendonga zayo. Isizwe sakwaYuda ngenxa yoko sasihlawula isohlwayo sokukreqa kwaso kuThixo.ULw 602.5

    Bathi abaFarisi bakuyiva impendulo kaKristu, “bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.” Wayekukhalimele ukuhanahanisa kwabo nobuganga babo, waza wathi ngokwenza oku, waba uthethe umthetho-siseko omkhulu, owawuchaza ngokucacileyo imida yomntu kuburhulumente basekuhlaleni noxanduva lwakhe ngakuThixo. Kwiingqondo ezininzi, umbuzo owawuxakile wawuphendulwe. Ukususela ngelo xesha babambelela kumthetho-siseko olungileyo. Nangona abaninzi bemka benganelisekanga, babona ukuba umthetho-siseko ongaphantsi kwalo mbuzo wawubekiwe, baza bakhwankqiswa kukuqonda kukaYesu okubona kude.ULw 603.1

    Kwathi kugqitywa nje ukuthulisa abaFarisi, kwaye kusiza ngaphambili abaSadusi nowabo umbuzo wobuchule. La maqela mabini ayemi kwiinkalo ezimbini ezichaseneyo. AbaFarisi babesibambe ngqongqo isithethe. Babeqinile kwiinkonzo ezibonakala ngaphandle, bekukhuthalele ukwenza iintlambululo, ukuzila, bezigwagwisa ekwenzeni amalizo. UKristu wathi bawenza into engento umthetho kaThixo ngokufundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. Beludidi oluthile, babeneenkani, behanahanisa; ukanti phakathi kwabo babekho abantu abanobungcwele benene, abazamkelayo iimfundiso zikaKristu, baba ngabafundi baKhe. AbaSadusi babengazifuni izithethe zabaFarisi. Babesithi bayayikholelwa indawo enkulu yeziBhalo, nokuba bazithabatha njengezilawula izenzo; kodwa ngokwasekwenzeni baye bengabakrokri nabathandi behlabathi. ULw 603.2

    AbaSadusi babebukhanyela ubukho beengelosi, uvuko lwabafileyo, nemfundiso engobomi obuzayo, nemivuzo nezohlwayo zabo. Kuzo zonke ezi ngongoma, babahlukile kubaFarisi. Phakathi kwala maqela mabini,uvukolwaluyeyona ngongoma yempikiswano.AbaFarisi babekholelwangokuqinekakhulu eluvukweni kodwa kwezi ngxoxo, iimbono zabo ngekamva zaziphazamisekile. Ukufa kubo kwakuyimfihlo engakwazi kuchazeka. Ukungakwazi kwabo ukumelana neengxoxo zabaSadusi kwenza ukuba kusoloko kukho ungquzulwano. Iingxoxo phakathi kwamaqela amabini zikholisa ukuba nesiphumo seengxabano ezinomsindo, ziwashiye ahlukene kakhulu kunangaphambili. ULw 603.3

    Ngokwamanani, abaSadusi babengaphantsi kakhulu kubachasi babo, kwaye babengenawo amandla aqinileyo phezu kwabantu nje; kodwa uninzi lwabo babenobutyebi, kwaye benayo impembelelo ezalwa bubutyebi. Kuluhlu lwabo, kwakukho iqela lababingeleli, kwaye wayekholisa ukukhethwa kubo umbingeleli omkhulu. Oku, phofu, kwakusenziwa phantsi komthetho ongqongqo wokuba iimbono zabo ezithandabuzekayo zingabekwa phambili. Ngenxa yamanani nokuthandwa kwabaFarisi, kwakunyanzelekile ukuba abaSadusi babonakalalise ukuvumelana ngokwangaphandle neemfundiso zabo [abaFarisi] xa bebambe nawuphi umsebenzi wobubingeleli; kodwa kwale nto yokuba babekwazi ukukhethelwa isikhundla esinjalo, yanika impembelelo kwiimpazamo zabo. ULw 604.1

    AbaSadusi bayala imfundiso kaYesu; wayephila ngomoya ababengawamkeli ukuba uzibonakalalisa unjalo; yaza imfundiso yaKhe ngoThixo kunye nobomi bexesha elizayo, bachasana nemfundiso yabo. Babekholelwa kuThixo njengokuphela komntu ongaphezulu komntu; kodwa bebeka ukuba ukubonelela kukaThixo okulawula konke kwakunye nokongama kobungcwele kuyamhlutha umntu ukuba abe sisenzeleli esikhululekileyo, aze athotyelwe kwindawo yekhoboka. Yayiyinkolo yabo eyokuba, akuba emdalile umntu, uThixo wamshiya ukuba azibonele, angaxhomekeki kwimpembelelo yangasentla. Babesithi umntu wayekhululekile ukuba abulawule ubomi bakhe nokuba azimise ngendlela iziganeko zehlabathi; nokuba isiphelo sakhe sasisezandleni zakhe. Babekukhanyela ukuba uMoya kaThixo usebenza ngemizamo yomntu okanye ngezinto zendalo. Kanti ke, babesayibambile into ethi, ngokuwasebenzisa ngendlela eyiyo amandla emvelo, umntu unako ukuphakanyiswa akhanyiselwe; nokuthi, ngokusebenza ngamandla nokuziphatha kalukhuni, ubomi bakhe bunako ukuhlanjululwa.ULw 604.2

    Iingcinga zabo ngoThixo zabumba imo yabo. Ngokweyabo imbono, wayengenawo umdla emntwini, ngoko ke, babengakhathalelani omnye nomnye; lwaluluncinane umanyano phakathi kwabo. Ngokwala ukuyivuma impembelelo kaMoya Oyingcwele kwizenzo zomntu, bawaswela amandla aKhe ebomini babo. Njengawo onke amaYuda, babeqhayisa kakhulu ngokuzalwa kwabo bengabantwana baka-Abraham, nangokubambelela kwabo ngqongqo kokufunwa ngumthetho; kodwa kona okuyinene okufunwa ngumoya, nokholo, kwanobubele buka-Abraham, zezona zinto babengenazo kwaphela. Iinceba zabozemvelo zazifakwe kwindawoemxinwa.Baya bakholelwa ukuba, bonke abantu banako ukuzuza ulonwabo neentsikelelo zobomi; zaye iintliziyo zabo zingachukumiseki ziimfuno neentlungu zabanye. Babephilela iziqu zabo.ULw 604.3

    Ngamazwi aKhe nemisebenzi yaKhe, uKristu wanika ubungqina kubukho bamandla angcwele aveza iziphumo ezingaphezu kwendalo, nakubomi obuzayo ngaphaya kobeli xesha, nakuThixo njengoBawo woonyana babantu, ohlala ekhangele kwizinto zenene abazidingayo. Wakutyhila ukusebenza kwamandla angcwele ngobubele nemfesane okwakulwisana nokuzinxwema okunomona kwabaSadusi. Wafundisa ukuba ukuze kubekho ukulungelwa komntu kuko kokubini, okwasemhlabeni nokukanaphakade, uThixo uchukumisa intliziyo ngoMoya Oyingcwele. Wayibonisa impazamo yokuthembela kumandla omntu ukuze kubekho inguqulelo esimilweni, nguqulelo leyo enokwenziwa kuphela nguMoya kaThixo. ULw 605.1

    Le mfundiso [kaKristu], abaSadusi babezimisele ukuyiphikisa. Ekufuneni ingxoxo noYesu, baziva benaso isibindi sokumphoxa, nokuba abadanga benza ukuba agwetywe. Uvuko yayinguwona mba abakhetha ukuba bambuze ngawo. Ukuba angavumelana nabo, wayesaza kwenza esinye isikhubekiso esikhulu kubaFarisi. Ukuba angahluka kubo, baceba ukuba bahlekise ngemfundiso yaKhe. ULw 605.2

    AbaSadusi babesithi, ukuba umzimba uza kuba wenziwe ngezakhi ezinye ngexesha ungenakufa njengangoku unokufa, kuza kufuneka ke ngoko ukuba, xa uvuswa kwabafileyo, ube nenyama negazi, kwaye kuza kufuneka uqhubeke kwilizwe elingunaphakade ubomi obaphazanyiswa emhlabeni. Kwimeko enjalo, bagqiba kwelithi, ulwalamano luya kuqhubeka, umyeni nenkosikazi yakhe baya kuhlanganiswa, imitshato yenziwe, zize zonke izinto ziqhubeke njengoko kwakunjalo ngaphambi kokufa, ubuthakathaka neemvakalelo zobu bomi ziqhubeke unaphakade kubomi obuzayo. ULw 605.3

    Ukuphendula kwimibuzo yabo, uYesu wavula umdiyadiya ukutyhila ubomi obuzayo. “Eluvukweni,” wathi, “abazeki, abendiswa; banjengazo izithunywa zikaThixo emazulwini.” Wababonisa abaSadusi ukuba babephosisa kwinkolo yabo. Indawo abemi kuyo yayingalunganga. “Niyalahleka,” wongeza, “kuba ningazazi izibhalo kwanamandla kaThixo.” Akazange abamangalele ngobuhanahanisi, njengoko wenjenjalo kubaFarisi, kodwa ngempazamo yenkolo. ULw 605.4

    AbaSadusi babezikhohlise ngokuthi, kubo bonke abantu, bona babengabona babambelele ngqongqo eziBhalweni. UYesu wababonisa ukuba babengazanga bayazi eyona ntsingiselo yazo. Ulwazi kufuneka lubekho entliziyweni ngokuziswa kukukhanyiselwa nguMoya Oyingcwele.UkungazikwaboiziBhalonamandlakaThixo, wathi kungunobangela wokuphixana kokholo lwabo kwanokuba sebumnyameni kwengqondo yabo. Babezama ukuzisa iimfihlakalo zikaThixo kumgangatho wokufikelela kokucinga kwabo okunemida. UKristu wabamema ukuba bavulele iingqondo zabo kwiinyaniso ezingcwele ezaziya kukwenza banzi, zikunike amandla ukuqonda kwabo. Abantu abaninzi basuka babe ngabangakholwayo kuba iingqondo zabo eziphelela kufutshane azikwazi ukuziqonda izinto ezifihlakeleyo zikaThixo. Abakwazi ukukuchaza ukubonakalaliswa okumangalisayo kwamandla ezulu ekuboneleleni kukaThixo, ngoko ke, bakwale ukuvezwa kwamandla anjalo, besithi zizenzeleli zendalo, nazo phofu, abangazazi kakuhle. Isitshixo ekuphela kwaso sokungena kwiimfihlakalo ezisingqongileyo kukuvuma ukuba apha kuzo kukho ubukho namandla kaThixo. Abantu badinga ukuba bamamkele uThixo ukuba unguMdali weyunivesi, unguLowo uzilawulayo ekwazenza zonke izinto. Badinga umbono ovulekileyo wemo yaKhe, nemfihlakalo yezenzeleli zaKhe. ULw 605.5

    UKristu wabaxelela abamphulaphuleyo ukuba, ukuba belungekho uvuko lwabafileyo, iziBhalo ababesithi bayazikholelwa, ziya kuba azinto yanto. Wathi, “Ngalo ke uvuko lwabafileyo, anikulesanga na okwathethwayo kuni nguThixo, esithi, Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi? UThixo akaThixo wabafileyo, ungowabaphilileyo.” UThixo ubala izinto ezingathi azinto njengokungathi zinto. Ubona isiphelo kwasekuqaleni, asibone isiphumo somsebenzi waKhe ngokungathi sowufeziwe ngoku. Abaxabisekileyo abafileyo, ukususela kuAdam kuse kongcwele wokugqibela ofayo, baya kuliva izwi loNyana kaThixo, baphume engcwabeni beze ebomini obungunaphakade. UThixo uya kuba nguThixo wabo, bona babe ngabantu baKhe. Kuya kubakho ulwalamano olusondeleyo nolunothando phakathi kukaThixo nabangcwele abavusiweyo. Le meko, elindelekileyo kwinjongo yaKhe, uyibona njengokungathi seyenzekile. Abafileyo baphilela Yena.ULw 606.1

    Amazwi kaKristu abathulisa abaSadusi. Abazange bakwazi ukumphendula. Akubangakho nezwi elilodwa elalinokusetyenziswa ukumgweba. Abachasi baKhe abazanga bazuza nto ngaphandle nje kokuba, bona badelwa ngabantu.ULw 606.2

    AbaFarisi bona, abazange betha mandla ukumtyhalela ukuba athethe oko babenokukusebenzisa ukumgweba. Bakwazi ukoyisela omnye umbhali ofundileyo ukuba ambuze uYesu ukuba nguwuphi kwimithetho elishumi owona ubaluleke kakhulu. AbaFarisi babephakamise imithetho emine yokuqala, eyalatha kuxanduva lomntu ngakuMenzi wakhe, ukuba yeyona ibaluleke kakhulu ngaphezu kweminye emithandathu, echaza ngoxanduva lomntu kumzalwana wakhe. Isiphumo soko, basilela kakhulu ukuba babe nokumhlonela uThixo ngendlela ephathekayo. UYesu wayebabonisile abantu ukusilela kwabo okukhulu, waza wabafundisa ngokufuneka kwemisebenzi elungileyo, esithi, umthi ubonwa ngeziqhamo zawo. Ngenxa yesi sizathu, wayemangalelwa ngokuphakamisa imithetho emithandathu yokugqibela ngaphezu kwemine yokuqala.ULw 606.3

    Umqondisi-mthetho waza kuYesu enombuzo otsolileyo, “Owona mthetho uphambili kuyo yonke imithetho nguwuphi na?” Impendulo kaYesu ingqalile kwaye iyanyanzela: “Owona mthetho uphambili kuyo yonke imithetho ngulo: Yiva, Israyelil, iNkosi uThixo wethu yiNkosi inye; uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho.” Owesibini ufana nowokuqala, watsho uKristu; kuba uphuma kuwo, “Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.” “Kule mithetho yomibini kuxhomekeke umyalelo uphela nabaprofeti.” ULw 607.1

    Imithetho emine yokuqala kwimiThetho eliShumi ishwankathelwe kumyalelo omnye omkhulu, “Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela.” Emithandathu yokugqibela ihlanganiswe komnye, “Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako.” Yomibini le mithetho ikukubonisa umthetho-siseko wothando. Owokuqala awunako ukugcinwa uze waphulwe owesibini, ungenako ukugcinwa owesibini lo gama owokuqala usaphulwa. Xa uThixo enendawo yaKhe efaneleyo etroneni eyintliziyo, indawo efaneleyo iya kunikwa ummelwane wethu. Siya kumthanda njengoko sizithanda. Kuphela kungexa sithanda uThixo ngaphezu kwako konke esinokuthi sithande ummelwane wethu ngokupheleleyo.ULw 607.2

    Njengokuba nje yonke imithetho ihlanganiswe ekuthandeni uThixo nomntu, akukho nowodwa umthetho onokwaphulwa uze ungaphulwa lo mthetho-siseko. Kungoku uKristu wabafundisa ababemphulaphule ukuba umthetho kaThixo awuyomithetho emininzi eyahlukeneyo, apho eminye ibaluleke kakhulu lo gama eminye ibaluleke kancinane ngoko ke inako ukutyeshelwa kungabikho kohlwaywa. INkosi yethu iyibeke emine yokuqala nemithandathu yokugqibela ukuba ingcwele iyonke, ekwafundisa ukuba, ukuthanda uThixo kuya kubonakaliswa ngokuyithobela yonke imithetho yaKhe.ULw 607.3

    Umbhali owayebuza uYesu wayewufunde kakhulu umthetho, waza wakhwankqiswa ngamazwi aKhe. Wayengamlindelanga ukuba angaveza ubunzulu nokucokiseka kokuzazi iziBhalo. Wayefumene imbono enzulu kakhulu yemithetho-siseko ekumi kuyo imiyalelo engcwele. Phambi kwentlangano yababingeleli nabaphathi, wakuvuma ngokunyaniseka ukuba uKristu wamnika inkcazo eyiyo yomthetho, esithi: ULw 607.4

    “Ngxatsho ke, Mfundisi, uthethe inyaniso; ngokuba mnye uThixo, akukhowumbi ngaphandlekwakhe;nokuthi umthandeyena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangomphefumlo uphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako, kungaphezu kwawo onke amadini atshisiweyo kuphele, nemibingelelo.” ULw 608.1

    Ubulumko bempendulo kaKristu bamoyisa umbhali. Wayesazi ukuba inkolo yobuYuda yayineenkonzo zembonakalo yangaphandle endaweni yobungcwele bangaphakathi. Wayenalo uvo lokungabi nakuxabiseka kweminikelo nje yenkonzo, nokungabikho kokholo ekuphalazweni kwegazi locamagushelo lwesono. Uthando nokuthobela uThixo, nokubaxabisa okungasekeleze nzuzo abantu, kwabonakala kuye kunexabiso elikhulu kunazo zonke ezi nkonzo. Ukulungela kwalo mntu ukuvuma ukulunga kokuzathuza kukaKristu, nempendulo yakhe egqityiweyo nekhawulezileyo phambi kwabantu, yabonakalalisa umoya owahlukileyo ngokupheleleyo kulowo wababingeleli nabaphathi. Intliziyo kaYesu yaba novelwano kulo mbhali unyanisekileyo owaba nesibindi sokujongana nokunyevula kwababingeleli nokoyikisa kwabaphathi, kodwa wasuka wathetha okoyise intliziyo yakhe. “UYesu embonile ukuba uphendule ngengqiqo, wathi kuye, Akukude wena ebukumkanini bukaThixo.” ULw 608.2

    Umbhali waba kufuphi ebukumkanini bukaThixo, kuba wayiqonda imisebenzi yobulungisa ukuba yamkeleke kakhulu kuThixo kunamadini anyukayo nemibingelelo. Into ekwakufuneka eyamkele sisimilo esingcwele sikaKristu, ukuze athi, ngokukholwa kuYe, amkele amandla okuyenza imisebenzi yobulungisa. Umsebenzi wenkonzo wawungenalo ixabiso, ngaphandle kokuba uhlangane noKristu ngokholo oluphilileyo. Kanti nomthetho wokulungileyo uwa phantsi kwinjongo yawo, ngaphandle kokuba uqondwa ngokwayama kwawo kuMsindisi. UKristu wakubonisa amaxesha ngamaxesha ukuba, umthetho kaYise wawunento enzulu kunokuba yimiyalelo nje enegunya. Emthethweni kuqukwe umthetho-siseko omnye otyhilwe evangelini ezindaba ezilungileyo. Umthetho walatha umsebenzi womntu, umbonise ubutyala bakhe. Kufuneka akukhangele kuKristu ukuxolelwa namandla okwenza oko kuyalelwa ngumthetho. ULw 608.3

    AbaFarisi babebuthelene kufuphi kuYesu ngexesha ephendula umbuzo wombhali. Ngoku wajika wabhekisa umbuzo kubo: “Nithini na nina ngaye uKristu? Ungunyana kabani na? Lo mbuzo wawulungiselwe ukuvavanya inkolo yabo ngokubhekiselele kuMesiya,--ukuba babonise ukuba babemthabatha njengomntu nje okanye njengoNyana kaThixo. Amazwi atsho kunye ukuphendula, “UnguNyana kaDavide.” Esi yayisisihlonipho esanikwa sisiprofeto kuMesiya. Xa uYesu wayetyhila ubuThixo baKhe ngemimangaliso yamandla, xa wayephilisa abagulayo evusa abafileyo, abantu babuzana besithi, “AsinguNyana kaDavide na lo?” UmKananekazi, uBhatimeyu oyimfama, nabanye abaninzi babekhala kuYe befuna uncedo, “Ndenzele inceba, Nkosi, nyanakaDavide.”Mat. 15:22. Ngexesha wayekhwele e-esileniengena eYerusalem, wamkelwa ngemikhwazo yovuyo, “Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi.” Mat. 21:9. Abantwana abancinane etempileni ngaloo mini bakuphinda oko kumbabaza ngovuyo. Babengaqondi ukuba loo Nyana kaDavide wayekwanguNyana kaThixo.ULw 608.4

    Ukuphendula le ntetho yokuba uKristu wayenguNyana kaDavide, uYesu wathi, “Yini na phofu ukuba uDavide ngoMoya [uMoya wempefumlelo ovela kuThixo] ambize ngokuthi, Nkosi, esithi, Yathi iNkosi eNkosini yam, hlala ngasekunene kwam, ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho? Ukuba uDavide ngoko umbiza ngokuba Nkosi, ungunyana wakhe ngani na? Akubangakho namnye ubenako ukumphendula nezwi eli, akubanga sabakho mntu waba nabuganga bakumbuza nto.”ULw 609.1

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents