Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    27—“Unako Ukundihlambulula”

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 8:2-4; 9:1-8, 32-34; Marko 1:40-45; 2:1-12; Luka 5:12-28.]

    Kuzo zonke izifo ezaziwayo eMpuma, iqhenqa yayisesona soyikwayo. Ukunganyangeki nokusulela kwaso, kunye nesiphumo esibi kumaxhoba aso, kuzalisa noyena unesibindi ngoloyiko. Phakathi kwamaYuda, sasibonwa njengesohlwayo ngenxa yesono, ngenxa yoko sabizwa ngokuba “lubetho,” “umnwe kaThixo.” Sinobunzulu, asisuki, siyabulala, sasibonwa njengomfuziselo wesono. Ngomthetho wenkonzo yesithethe, oneqhenqa wayegwetywa njengongahlambulukanga. Njengosele efile, wayevalelwa ngaphandle kweendawo ezihlala abantu. Nantoni na awayeyichukumisa, yayiba yengcolisiweyo. Umoya wawungcoliswa ngumphefumlo wakhe. Lowo wayerhanelwa ukuba unaso esi sifo, kwakufuneka azise kubabingeleli, ababemhlola baze benze isigqibo ngemeko yakhe. Ukuba kuthiwe uneqhenqa, wayesuswa kwintsapho yakhe, asikwe ebandleni lakwaIsrayeli, agwetyelwe ukuhlala kuphela nabo babandezeleke ngokufanayo naye. Umthetho wawungenako ukujika koko ukuthethayo. Nookumkani nabaphathi nabo babengabekwanga bucala. Ukumkani owayehlaselwe sesi sifo soyikekayo, kufuneka ohlukane nentonga yolawulo, abaleke emke phakathi kwabantu, ekuhlaleni. ULw 262.1

    Kude nabahlobo kunye nezihlobo, oneqhenqa kufuneka athwale isiqalekiso sesifo sakhe. Wayenyanzelekile ukuba ayisasaze intlekele yakhe, azikrazule iingubo zakhe, akhwaze isilumkiso, elumkisa bonke ukuba babubaleke ubukho bakhe obungcolisayo. Isikhalo, “Ndingcolile! Ndingcolile!” sikhutshwa ngezandi zosizi eziphuma kogxothiweyo olilolo, sasingumqondiso oviwa ngoloyiko nokucekisa. ULw 262.2

    Kummandla apho wayesebenza khona uKristu, babebaninzi aba bagula ngolu hlobo, zaza iindaba zomsebenzi waKhe zafikelela kubo, zalumeka ilitha lethemba. Kususela kwimihla kaElisha umprofeti, into enjeyayingazanga yaziwa,ukuhlanjululwakomntuesithe sanamathela kuye esi sifo. Babengakwazi ukulindela ukuba uYesu angabenzela into angazange ayenzele nawuphi umntu. Wabakho wamnye, phofu, ekwathi entliziyweni yakhe ukholo lwaqala ukuvela. Kanti ke, le ndoda yayingakwazi ukufikelela kuYesu. Ithintelekile injalo ekuhlanganeni nabantu bakubo, yayingaziveza njani kuMphilisi? Yaba nombuzo wokuba, kazi uYesu angayiphilisa na. Angehla na aqaphele umntu ekukholelwa ukuba ubandezeleke phantsi kwesohlwayo sikaThixo? Ingaba akayi kuthi, njengabaFarisi, kwanoogqirha, avakalise isiqalekiso phezu kwayo, ayilumkise ukuba ikubaleke ukugculelwa ngabantu? Yacinga ngako konke eyayikuxelelwe ngoYesu. Akukho noyedwa owakha wafuna uncedo lwaKhe owakha wagxothwa. Le ndoda ihluphekileyo yazimisela ukuhlangana noYesu. Nangona yayivaleleke kude nezixeko, kunokwenzeka ukuba inganqumla nje endleleni ahamba kuyo kwezi ndledlana zingasentabeni, okanye imfumane efundisa ngaphandle kweedolophu. Iinzima zazinkulu, kodwa eli yayikuphela kwethemba layo. ULw 263.1

    Le ndoda ineqhenqa yakhokelelwa kuMsindisi. UYesu wayefundisa ngasechibini, baye abantu bebuthelana ngakuYe. Imele kude, indoda eneqhenqa yaba nokubamba amazwi ambalwa emilebeni kaYesu. Imbona ebeka izandla phezu kwabagulayo. Ibona osisiqhwala, oyimfama, umlwelwe, nabo bafa zizifo ezahlukeneyo bephakama bephilile, bemdumisa uThixo ngokuhlangulwa kwabo. Ukholo luyaqina entliziyweni yayo. Isondela ngakumbi nangakumbi kwisihlwele esibutheneyo. Imiqathango eyibekelweyo, inkuseleko yabantu, noloyiko abamthabatha ngalo bonke abantu, konke kulibalekile. Icinga kuphela ngethemba elinoyolo lokuphiliswa. ULw 263.2

    Ingumbono ocekisekayo. Isifo siyingene ngendlela eyoyikekayo, kwaye umzimba wayo owonakeleyo kuyoyikeka ukuwukhangela. Ithe yakubonakala, abantu babuya umva besoyika. Baxinanisana omnye phezu komnye bezama kangangoko ukuphepha ukuyichukumisa. Abanye bazama ukuyithintela ukuba ingafiki kuYesu, kodwa bayoyiswa. Ayibaboni kwaye ayibeva. Iintetho zabo zokuyicekisa azivakali tu kuyo. Into eyivayo inye kuphela, lilizwi elinika ubomi kwabafayo. Ityhudisa isiya kuYesu, iyaziphosa ezinyaweni zaKhe ikhala, isithi, “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukungihlambulula.” ULw 263.3

    UYesu waphendula, “Ndiyathanda, hlambuluka,” wabeka isandla saKhe phezu kwayo. Mat. 8:3.ULw 263.4

    Kwangoko kwabakho utshintsho koneqhenqa. Ulusu lwakhe lwaphila, imithambo-luvo yeva, imisipha yomelela. Uburhabaxa besikhumba, obunamaxolo abakho xa kukho iqhenqa, bathi shwaka, kwabakho ukukhanya obunobumpuluswa nobuthambileyo njengoko luba njalo ufele lomntwana osempilweni. ULw 263.5

    UYesu wayiyalela le ndoda ukuba ingathethi ngoko kwenzekileyo, kodwa iye ngqo etempileni iyokuziveza iphethe umnikelo. Umnikelo onjalo wawungasayi kwamkelwa bade ababingeleli bayihlole baze bavakalise ukuba le ndoda ikhululeke ngokupheleleyo kwisifo sayo. Nokuba babenokungakulungeli kangakanani ukuyenza le nkonzo, babengayi kukuphepha ukuyihlola benze isigqibo ngayo imeko.ULw 264.1

    Amazwi esiBhalo abonisa ukukhawuleza uKristu awakubeka phezu kwale ndoda ngokubaluleka kokuba ithule, yenze [oko wayeyiyalela] ngokukhawuleza. “Akuba emyalile kalukhuni, wamkhupha kwaoko. Athi kuye, Lumka ungaxeleli bani nento le; hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, usondeze ngenxa yokuhlanjululwa kwakho ezo zinto wamisa zona uMoses, zibe bubungqina kubo.” Ukuba ababingeleli babezazile iinyaniso ngokubhekiselele ekuphilisweni koneqhenqa, intiyo yabo ngakuKristu ngeyabakhokelela ekunikeni isigwebo esinganyanisekanga. UYesu wayelangazelela ukuba le ndoda iziveze ngokwayo etempileni ngaphambi kokuba amarhe angommangaliso afike kubo. Ngaloo ndlela isigwebo esingekho calanye sasiya kufumaneka, aze oneqhenqa ophilisiweyo avunyelwe ukuba azimanye kwakhona nentsapho yakhe kunye nabahlobo. ULw 264.2

    Zazikho ezinye iinjongo awayenazo uKristu ngokubhekiselele ekuyiyaleleni ukuba le ndoda ithule. UMsindisi wayesazi ukuba iintshaba zaKhe zazisoloko zifuna ukuwuthintela umsebenzi waKhe, nokubabuyisa umva abantu kuYe. Wayesazi ukuthi, ukuba ukuphiliswa koneqhenqa kungavakaliswa kuyo yonke indawo, nabanye abagula sesi sifo sibi, baya kungungelana kuYe, kuze kubekho isikhalo sokuba abantu baza kusuleleka kukuchukumisana nabo. Abaninzi kwabaneqhenqa babengayi kusisebenzisa isipho sempilo ngokusenza sibe yintsikelelo kubo nakwabanye. Kwaye, ngokutsalela kuYe abaneqhenqa, wayeza kunika isizathu sokumangalelwa ngelithi usingela phantsi imiqathango yomthetho wenkonzo yesithethe. Ngaloo ndlela umsebenzi waKhe wokushumayela iindaba ezilungileyo wawuza kuphazamiseka. ULw 264.3

    Isiganeko esi sasithethelela isilumkiso sikaKristu. Inkitha yabantu yayikubonile ukuphiliswa koneqhenqa, yaza yalangazelela ukwazi ngesigqibo sababingeleli. Yathi yakubuyela kubahlobobayo le ndoda, kwavakalauvuyo ngenkuluyona intlokoma. Nangona uYesu wayenze isilumkiso esinjalo, indoda ayizange ibe ichitha ixesha isenza umgudu wokukufihla ukuphiliswa kwayo. Ngokwenene kwakuya kuba nzima ukukufihla, koko wasuka obeneqhenqa wayithi saa kuyo yonke indawo loo nto yenzekayo. Iyibona njengokuba yintlonipho nje kaYesu eyenza abeke lo mqathango kuyo, yahamba ivakalisa amandla alo Mphilisi Mkhulu. Ayizange iqonde ukuba konke ukubonakalalisa okunjalo kwakubenza ababingeleli namadoda amakhulu ukuba bazimisele ngakumbi ukumtshabalalisa uYesu. Indoda eyayiphilisiwe yasiva ukuba isipho sempilo sixabiseke kakhulu. Yawavuyela amandla obudoda, yaza yathi ekubuyiselweni kwayo ekhayeni layo nasekuhlaleni emphakathini, yaziva ukuba ayinakukwazi ukuyeka ukumdumisa uGqirha oyiphilisileyo. Phofu esi senzo sokubhengeza kuyo yonke indawo lo mcimbi, saba nesiphumo sokuwuphazamisa umsebenzi woMsindisi. Senza ukuba abantu beze beyimiqodi kuYe, bezizihlwele ezenza ukuba anyanzeleke ukuba awuyeke umsebenzi waKhe. ULw 265.1

    Sonke isenzo sokulungiselela kukaKristu sasihamba indawo ende ngenjongo yaso. Sasiquka ngaphezulu koko kwakubonakala esenzweni ngokwaso. Nangona uYesu wayelungiselela kubo bonke ababesiza kuYe, wayelangazelela ukubasikelela nabo babengezanga. Nangona wayetsala ababuthi berhafu, iintlanga, namaSamariya, wayekulangazelela ukufikelela nakubabingeleli neetitshala ezazizivalele ngentiyo nesithethe. Akazange ayeke nanye indlela engazanywanga ababenokufikelelwa ngayo. Xa wayethumela indoda ephilisiweyo kubabingeleli, wayebanika ubungqina awayethemba ukuba kuya kubatheza amandla kwiintiyo zabo.ULw 265.2

    AbaFarisi babenze ibango lokuba imfundiso kaKristu yayichasene nomthetho uThixo awawunikayo ngoMoses; kodwa umyalelo waKhe kowayehlanjululwe ukuba akhuphe umnikelo ngokomthetho, wawuphikisana nesi simangalo. Lo myalelo wawububungqina obaneleyo kubo bonke abanentumekelelo yokoyisakala.ULw 265.3

    Iinkokeli eYerusalem zazithume iintlola ukuba zibe nesizathu ezisifumanayo sokumbulala uKristu. Waziphendula ngokuzinika ubungqina bothando lwaKhe ebantwini, intlonipho yaKhe yomthetho, kunye namandla waKhe okukhula esonweni nasekufeni. Ngoko wanika ubungqina ngabo: “Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi; ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya.” Nd. 109:5. Lowo wathi entabeni wanika umthetho, othi, “Zithandeni iintshaba zenu,” Yena waba ngumzekelo womthetho-siseko, engabuyisi “ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani.” Mat. 5:44; 1 Petros 3:9.ULw 265.4

    Bona ababingeleli aba babeyigwebele indoda eneqhenqa ukuba igxothwe, bakuqinisekisa ukuphiliswa kwayo. Esi sigwebo, sathi savakaliswa ekuhleni saza sabhalwa, saba bubungqina ngakuKristu. Kwathi, njengoko indoda eyayiphilisiwe yabuyiselwa ebandleni kwaIsrayeli,phezukwesiqinisekiso sababingeleli ngokwabosokuba akukho nechaphaza lesifo kuyo, nayo ngokwayo yayibubungqina baLowo wayenguMncedi. Wawunikela ngovuyo umnikelo wakhe, walizukisa igama likaYesu. Ababingeleli boyisakala ngamandla obuThixo boMsindisi. Babelinikiwe ithuba lokuba bayazi inyaniso nokuba bazuze ulutho ngokukhanya. Xa laliwe,liya kudlula, lingabe libuye. Ukukhanya kwaliwa ngabaninzi; kodwa kwakunganikwanga ngelize. Iintliziyo ezininzi zachukumiseka kodwa kwaba lixesha elide zingakubonakalalisi oko. Ngexesha lokuphila koMsindisi, umsebenzi waKhe wawubonakala uzisa impendulo encinane yothando kubabingeleli neetitshala; kodwa emva kokuba enyukile, “neqela elikhulu lababingeleli lilululamela ukholo.” Zenzo 6:7.ULw 265.5

    Umsebenzi kaKristu wokuhlambulula oneqhenqa kwisifo sakhe esibi, ungumboniso womsebenzi waKhe wokuhlambulula umphefumlo esonweni. Indoda eyeza kuYesu “[yayi]zele liqhenqa.” Ityhefu yalo ebulalayo yayihlanjululwe. Kunjalo nakwiqhenqa lesono,--linzulu, liyabulala, laye alinako ukuhlanjululwa ngamandla omntu. “Yonke intloko iyafa, yonke intliziyo inobulwelwe; kuthabathele enkwalini yonyawo, kwesa entloko, akukho ndawo iphilileyo; ziinduma, nemivumbo, namanxeba amatsha; akacudiswanga, akabotshwanga, akathanjiswanga ngaoli.” Isa. 1:5, 6. UYesu, nangona wahlala noluntu, akazange afumane kungcoliseka. Ubukho baKhe bunokuhle okuphilisayo kumoni. Nabani othi awe ezinyaweni zaKhe, ngokholo, athi, “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula,” uya kuyiva impendulo, “Ndiyathanda, hlambuluka.” Mat. 8:2, 3.ULw 266.1

    Kwezinye iimeko zokuphilisa, uYesu wayengayiniki kwangoko intsikelelo efunwayo. Noko kunjalo, kwimeko yoneqhenqa, sithi singekagqitywa isicelo, yaba seyinikwa impendulo. Xa sithandazela iintsikelelo zasemhlabeni, impendulo kwimithandazo yethu ingalibala, okanye uThixo asinike into eyenye kunaleyo siyicelayo, kodwa akunjalo xa sicela ukuhlangulwa esonweni. Yintando yaKhe ukusihlambulula esonweni, ukusenza sibe ngabantwana baKhe, nokusenza ukuba sikwazi ukuphila ubomi obungcwele. NguKristu “owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asinyothule kwiphakade eli langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu.” Gal. 1:4. Kwaye “kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva. Ukuba siyazi okokuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.” 1 Yohane 5:14, 15. “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” 1 Yohane 1:9. ULw 266.2

    Ekuphilisweni komlwelwe eKapernahum, uKristu waphinda wafundisa le nyaniso enye. Yayikukubonakalalisa igunya laKhe lokuxolela izono okwenza ukuba wenziwe ummangaliso. Kwaye ukuphiliswa komlwelwe nako kungumzekelo wezinye iinyaniso ezinexabiso. Kuzele lithemba nenkuthazo, kwaye ekuhlanganisweni kwako nabaFarisi abanochuku, nako kunesifundo sesilumkiso.ULw 267.1

    Njengoneqhenqa, umlwelwe wawulahlekelwe lithemba lokuphila. Isifo sawo saye singumphumela wobomi besono, zaye neentlungu zawo zenziwe krakra kukuzisola. Kwaye kukudala ebhenela kubaFarisi nakoogqirha, ethembe ukuba angafumana uncedo kwintlungu yengqondo neyomzimba. Basuka bamndulula ngelithi akanakunyangeka, bamyekela kwingqumbo kaThixo. abaFarisi babekuthabatha ukuthuthunjelwa njengokubonisa ukunganeliseki kwezulu, baza bahambela kude kwabagulayo nabasweleyo. Kanti ke, kwanaba baziphakamisileyo, bezenza ngcwele, babekholise ukuba nobutyala ngokugqithiseleyo kunabo babegula babe bona bebagweba. ULw 267.2

    Indoda eyayinedumbe yayingakwazi ngokupheleleyo ukuzinceda, yaza, ngokungaboni ukuba ingaze ilufumane uncedo nakweliphi icala, yaphelela ekulahlekelweni lithemba. Kwathi kunjalo, yeva ngemisebenzi emangalisayo kaYesu. Yaxelelwa ukuba, abanye abangaboni, nabangenako ukuzinceda njengayo, baphilisiwe; nabaneqhenqa bahlanjululwe. Abahlobo ababebika ezi zinto bayikhuthaza ngelithi, ukuba nayo ingathwalwa isiwe kuYesu ingaphiliswa. Ithemba layo lawa yakukhumbula indlela isifo esafika ngayo kuyo. Yayisoyika hleze uGqirha onyulu akangeyinyamezeli phambi kwaKhe. ULw 267.3

    Kanti ke, yayingekuko ukuphiliswa kwasemzimbeni eyayikudinga kakhulu ngaphezu kokukhuluwa kumthwalo wesono. Ukuba yayingambona uYesu, ize inikwe isiqinisekiso sokuxolelwa kunye noxolo neZulu, yayiya kwaneliseka nokuba iyaphila okanye iyafa, ngokwentando kaThixo. Isikhalo sendoda eyayisifa sasisithi, Ukuba nje ndingafika phambi kwaKhe! Kwakungasekho kuchitha xesha; inyama yayo eyayiphela yayisele ibonisa iimpawu zokubola. Yabacenga abahlobo bayo ukuba bayithwale ngomandlalo wayo bayise kuYesu, baza bakwenza oku ngovuyo. Kwaye kuxinene kakhulu sisihlwele esasibuthelene ngaphakathi nangaphandle kwendlu awayekuyo uMsindisi, kangangokuba yayingeke indoda egulayo nabahlobo bayo bafikelele kuYe, okanye isondele ngokwaneleyo ukuba alive ilizwi laYo. ULw 267.4

    UYesu wayefundisa endlwini kaPetros. Ngokwesiko labo, abafundi baKhe babehleli kufuphi kakhulu kuYe, “kwaye kuhleli abaFarisi nabafundisimthetho, ababephume kuyo yonke imizana yelaseGalili, neyelakwaYuda, naseYerusalem.” Aba babeze njengeentlola, befuna into enokuba sisityholo ngakuYesu. Ngaphandle kwala magosa, kwakukho nendibandiba yesihlwele, abantu ababenomdla, abanika imbeko, abafuna ukwazi, nabangakholwayo. Iintlanga ezahlukeneyo nazo zonke iindidi zasemphakathini zazikho. “Aye ekho amandla eNkosi ukuba abaphilise.” UMoya odlisa ubomi wafukama phezu kwentlanganiso, kodwa abaFarisi nabafundisi-mithethoabazange babuve ubukho bawo. Abazange babenovo lwesidingo, kwaye ukuphiliswa kungekuko okwabo. “Wahluthisa abalambileyo ngezinto ezilungileyo; wabandulula abazizityebi belambatha.” Luka 1:53.ULw 267.5

    Baphindaphinda abathwali bomlwelwe ukutyhala bezama indlela yokuphumela esihlweleni, kodwa abakwazi. Yalaqaza macala onke indoda egulayo nenentlungu engathethekiyo. Xa selukufuphi kangaka uncedo ekudala ilufuna ingathini ukulahlekelwa lithemba? Ngokucebisa kwayo, abahlobo bayo bayithwalela eluphahleni lwendlu, bathi bakuba belugqobhozile uphahla, bayithoba yaya kufika phantsi ezinyaweni zikaYesu. Intetho yathi nqum, yaphazanyiswa. UMsindisi wayikhangela imbonakalo enesikhalo, wabona amehlo acengayo ethe ntsho kuYe. Wayiqonda imeko; wayewutsalele kuYe loo moya udidekileyo nothandabuzayo. Ngexesha umlwelwe wawusesekhaya, uMsindisi wayezise ukoyisakala kwisazela sawo. Wathi wakuguquka ezonweni zawo, wakholelwa emandleni kaYesu okuwuphilisa, iinceba ezinika ubomi zoMsindisi zaqala zayisikelela intliziyo yawo enolangazelelo. UYesu wayelindele ukuntshula kokuqala kokukhanya kokholo kukhula kusiba yinkolo yokuba [uYesu] nguYe kuphela umncedi womoni, kwaye wayelubonile luya ngokuqina ngawo wonke amalinge okuza phambi kwaKhe.ULw 268.1

    Ngoku, ngamazwi awa ngokwengoma ezindlebeni zogulayo, uMsindisi wathi, “Mntwana wam, yomelela; zixolelwe izono zakho.”ULw 268.2

    Umthwalo wokuphelelwa lithemba uthe xibilili emphefumlweni womntu ogulayo; uxolo lokuxolelwa luthe zinzi phezu komoya wakhe, luphuma [uxolo] lukhanya kwinkangeleko yakhe. Intlungu yakhe yasenyameni imkile, wathi umzimba uwonke wenziwa ngokutsha. Umlwelwe onganako ukuzinceda waphiliswa! Umoni onezono waxolelwa!ULw 268.3

    Ngokholo nje olulula, [le ndoda] yawamkela amazwi kaYesu asisipho sobomi obutsha. Ayikaze yenze esinye isicelo, kodwa yathi zole yonwabile, inovuyo olungathethekiyo. Ukukhanya kwezulu kwayiqaqambisa imbonakalo yayo, baza abantu bawukhangela bemangalisiwe loo mbono.ULw 268.4

    Oorabhi babelindele ngomdla omkhulu ukubona ukuba uKristu uza kuthini kule meko. Bayikhumbula indlela le ndoda eyayicela ngayo uncedo kubo, baza abayinika themba naluvelwano. Babengaphelelanga apho, babeyixelele ukuba yayisifa ngenxa yesiqalekiso sikaThixo ngenxa yezono zayo. Ezi zinto bazikhumbula ngokutsha ezingqondweni zabo bakuyibona indoda eyayigula iphambi kwabo. Bawuphawula umdla ababewukhangele ngawo bonke abantu lo mboniso, baziva benoloyiko olukhulu lokulahlekelwa yeyabo impembelelo ebantwini.ULw 268.5

    Ezi zikhulu azizange zithethe, kodwa zathi ngokujongana ebusweni zafundana iingcinga zazo, ezazisithi kumele kubekho into eyenziwayo ukunqanda umsinga wendlela ezaziziva ngayo. UYesu wayethe, izono zomlwelwe zixolelwe. AbaFarisi bawabamba la mazwi njenganyelisayo, bacinga ukuba bangakubeka oku njengesono esifanelwe kukufa. Bathi ezintliziyweni zabo, “[Uyanyelisa]: Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo? Marko 2:7.ULw 269.1

    Emilisele amehlo aKhe kubo, baya boyika phantsi kwawo, babuya umva, uYesu wathi, “Yini na ukuba nicinge izinto ezikhohlakeleyo ezintliziyweni zenu? Kuba okukhona kulula kukuphi na, kukho ukuthi, Zixolelwe izono zakho; kukho nokuthi, Vuka uhambe? Kodwa ukuze nazi ukuba unalo igunya emhlabeni uNyana woMntu lokuxolela izono,” wajika wakhangela kumlwelwe, wathi, “Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho.” ULw 269.2

    Kwangoko, lowo ebethwelwe ngethala ukusiwa kuYesu uvuka eme ngeenyawo zakhe engagokekanga enawo namandla obutsha. Igazi elinika ubomi ligijima ngezantya emithanjeni yakhe. Lonke ilungu emzimbeni wakhe lisuke lasebenza kwangoko. Ukukhanya okuhle kwempilo kulandela ukulahleka kokuchwechwelwa kukufa. “Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje.” ULw 269.3

    Owu, uthando olumangalisayo, ukuthoba aphilise abanobutyala nababandezelekileyo! UbuThixo bunovelwano bukwaphilisa izilwelwe zoluntu olusentlungwini! Owu, amandla amangalisayo athi ngoko aboniswe kubantwana babantu! Ngubani onokusithandabuza isigidimi sosindiso? Ngubani onokuzidelela iinceba zoMhlawuleli onemfesane? ULw 269.4

    Kwakufuna into engekho ngaphantsi kwamandla okudala ukubuyisela empilweni loo mzimbawawusele usonakala. Kwaelo lizwilathetha kwakho ubomi emntwini owayebunjweeluthulini lomhlaba, lathetha kwakho ubomi kumlwelwe owawusifa. Kwawona loo mandla anika ubomi emzimbeni ngoku ayenza ntsha intliziyo. Lowo wathi endalweni “wathetha, kwabakho, wawisa umthetho . . . , kwema,” (Nd. 33:9), wathetha kwakho ubomi kumphefumlo owawufile kwizikreqo nezono. Ukuphiliswa komzimba yayibubungqina bamandla awahlaziya intliziyo. UKristu wawuyalela umlwelwe ukuba uphakame uhambe, “ukuze nazi,” watsho, “ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono.” ULw 270.1

    Owayengumlwelwe wafumana kuKristu ukuphiliswa kokubini, umphefumlo nomzimba. Ukuphiliswa kwasemoyeni kwalandelwa kukubuyiselwa kwasenyameni. Akufuneki esi sifundo sigqithwe nje, singaqatshelwanga. Namhlanje namawaka abantu abagula sisifo sasenyameni, abathi, njengowaye neqhenqa, balangazelele isigidimi, esithi, “Izono zakho zixolelwe.” Umthwalo wesono, nokungaphumli neminqweno enganelisekanga, sibe sisiseko sezigulo zabo. Abasokuze bakufumane ukukhululeka bade baze kuMphilisi womphefumlo. Uxolo, ekuphela kwaKhe onokulunika, luya kuluzisa udlamko engqondweni, nempilo emzimbeni. ULw 270.2

    UYesu weza “ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.” “Kuye kwakukho ubomi,” kwaye uthi, “Mna ndizele ukuze babe nabo ke ngokugqithiseleyo.” Ungumoya “odlisa ubomi.” 1 Yohane 3:8; Yohane 1:4; 10:10; 1 Kor. 15:45. Use nawo loo mandla njengangoko wayesemhlabeni ephilisa abagulayo, ethetha uxolelo lwezono kumoni. “Uloxolela bonke ubugwenxa bakho, ulophilisa zonke izifo zakho.” Nd. 103:3.ULw 270.3

    Umphumela ovezwa ebantwini ngokuphiliswa komlwelwe wawungathi kwavulwa izulu, kwatyhilwa ubuqaqawuli belizwe elingcono. Xa indoda eyayiphilisiwe yayihamba idlula phakathi kwesihlwele, idumisa uThixo kwinyathelo ngalinye elihambayo, ithwele umthwalo wayo obunzima bawo babufana nobeentsiba, baphepha abantu beyinika indlela, bathi, bematshekile ebusweni bakuyikhangela, bathetha bodwa besebeza, “sibone izimanga namhlanje.” ULw 270.4

    AbaFarisi bathi cwaka bemangalisiwe begutyungelwe kukoyiswa. Babona ukuba ngoku alikho ithuba lokuba ikhwele labo liphembelele umlilo kwisihlwele. Umsebenzi omangalisayo owenziwa kumntu ababemnikele kwingqumbo kaThixo wabathathekisa kakhulu abantu kangangokuba balityalwa oorabhi okwelo xesha. Babona ukuba uKristu unamandla ababesithi bona ngakaThixo kuphela; kanti ke, isidima esinobubele sokuziphatha kwaKhe sasinomahluko omkhulu ocacileyo ekuziphatheni kwabo ngokuziphakamisa. Baphazamiseka, baphoxeka, baqonda kodwa bengabuvumi, ubukho bOngaphezulu. Okona babunamandla ubungqina bokuba uYesu wayenalo igunya lokuxolela izono, kwaba kukona bazibethelela nzulu ekungakholweni. Ukusuka ekhayeni likaPetros, apho babebone khona umlwelwe uphiliswa ngelizwi laKhe, bahamba baya kuzama ukwenza amanye amacebo okumthulisa uNyana kaThixo. ULw 270.5

    Isifo somzimba, nokuba sibi kwaye sinzulu kangakanani, saphiliswa ngegunya likaKristu; kodwa isifo somphefumlo sasitshele kakhulu kwabo babewavala amehlo ukuba angakuboni ukukhanya. Iqhenqa nedumbe zazingekho mbi njengenkani nokungakholwa. ULw 271.1

    Ekhayeni lendoda eyayiphilisiwe kwabakho uvuyo olukhulu xa ibuyela elusatsheni lwayo, iphethe ngokulula umandlalo eyayithwelwe ngawo kuhanjwa kancinane kusukwa kubo ekhaya kungekudala ngaphambi kokuba ibuya nje. Babuthelana kuyo beneenyembezi zovuyo, bengakwazi ukuwakholelwa amehlo wabo. Yema phambi kwabo inodlamko oluzeleyo lobuntu obukhulu. Ezo ngalo babezibone zingenabomi zazikhawuleza ukwenza akufunayo. Inyama eyayintshwenyile inevumba elibi, ngoku yayihlaziyekile ingqombo. Yayihamba ngesingqi esiqinileyo nesikhululekileyo. Kwakubhalwe kuyo yonke inkangeleko uvuyo nethem; imbonakalo yobunyulu noxolo kuthabathe indawo yeempawu zesondo nentlungu. Umnikelo wombulelo wovuyo wanyuswa ekhayeni layo, waza uThixo wazukiswa ngoNyana waKhe, owabuyisela ithemba kwabangenathemba, namandla kwababebethiwe. Le ndoda nentsapho yayo babekulungele ukuncama ubomi babo ngenxa kaYesu. Yayingekho intandabuzo enokufiphalisa ukholo lwabo, kungekho ukungakholwa okunokuphazamisa ukuthembeka kwabo kuYe Lowo wazisa ukukhanya kwikhaya elalisebumnyameni. ULw 271.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents