Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    31—INtshumayelo YaseNtabeni

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 5; 6; 7.]

    UKristu wayengakholisi ukubiza abafundi baKhe kuphela ukuba bafumane amazwi aKhe. Akazanga wabakhetha abaphulaphuli baKhe kuphela kwabo babeyazi indlela yobomi. Yayingumsebenzi waKhe ukufikelela kwizihlwele ezazingazi nezazikwimposiso. Wayezinika izifundo zenyaniso apho zazinokufikelela kwiingqiqo ezimnyama. Yena ngokwaKhe wayeyiNyaniso, emi ebhinqe amanqe nezandla zolulelwe ukuba asikelele, kuze kuthi ngamazwi okulumkisa, ukucenga nokukhuthaza, azame ukubaphakamisa bonke abo bavumayo ukuza kuYe.ULw 298.1

    INtshumayelo yaseNtabeni, nangona yayinikwa ngokukodwa abafundi, yathethwa kusiva isihlwele. Emva kokuthanjiswa kwabapostile, uYesu waya nabo ngaselwandle. Apha, kwasekuseni, abantu babe sele beqalise ukuhlangana. Ngaphandle kwesihlwele esiqhelekileyo esasiphuma kwiidolophu zaseGalili, kwakukho abantu abaphuma kwaYuda, naseYerusalem ngokwayo; abavela ePereya, eIdumeya, kude kumazantsi elakwaYuda; naseTire neTsidon, kwizixeko zaseFeniki kunxweme lweMeditere. “Bathi bakuva izinto ezinkulu abezenza,” “beza kumva, nokuba baphiliswe kuzo izifo zabo: . . . ngokuba kube kuphuma amandla kuye, abaphilise bonke.” Marko 3:8; Luka 6:17-19.ULw 298.2

    Ngenxa yonxweme olucutheneyo abazange babe nendawo eyaneleyo yokuma apho lalinokufikelela khona ilizwi laKhe kubo bonke ababelangazelela ukumva, waza uYesu wabakhokelela ecaleni lentaba. Wathi akufika kwindawo esithabazi, eyayintle kakhulu ukuba kungahlanganwa kuyo yinkitha enkulu, wahlala engceni, baza abafundi kunye nabantu nesihlwele bonke baxelisa Yena.ULw 298.3

    Indawo yabafundi yayayame kuYesu. Abantu babekholisa ukungungelana kuYe, kodwa ke abafundi babeqonda ukuba akufuneki baxinwe babekude kuYe. Bahlala kanye apha ecaleni kwaKhe, ukuze bangalahlekelwa nalelinye ilizwi lemfundiso yaKhe. Babengabamameli ababephulaphulisisa, benomdla wokuziqondela iinyaniso ababeza kuzazisa kuwo onke amazwe nakuwo onke amaphakade. ULw 299.1

    Baya banento ethi ingathi kukho into engaqhelekanga eyayilindelekile, baza bazinyanzela ngakumbi kufuphi neNkosi yabo. Babenenkolo yokuba kuza kuthi kungekudala kumiselwe ubukumkani, kwaza kwathi ngenxa yeziganeko zaloo ntsasa banengqiniseko yokuba kukho isaziso esingabo [ubukumkani] esiza kwenziwa. Unxunguphalo ngenxa yokulindela lwaluthe tshitshilili nakwisihlwele, kwaye ulangazelelo olwalubhalwe ebusweni babantu lwalubonisa umdla onzulu. Ngeli xesha abantu behleli eluhlazeni lwasecaleni lentaba, belindele amazwi eTitshala yezulu, iintliziyo zabo zazizaliswe ziingcamango zobuqawawuli bexesha elizayo. Baye bekho ababhali nabaFarisi ababekhangele phambili kwimini ababeza kuba nolawulo phezu kwamaRoma athiyekileyo, babe nobutyebi nobumbetshe-mbetshe bobukumkani obukhulu behlabathi. Abahlali abahluphekileyo nabalobi beentlanzi babethembe ukuva ukuqinisekiswa kokuba imingxuma yabo yentlupheko, ukutya okunqongopheleyo, ubomi bokubulaleka, nokoyika intswelo zizinto ezaziza kwananiswa ngamabhotwe entlutha nemihla yokonwaba. Endaweni yokuba nengubo enye ababeyambatha emini, ibe yeyokulala ebusuku, babelindele ukuba uKristu uya kubanika iingubo ezixabisekileyo nezinexabiso zabo babesoyiswa ngabo [zabacinezeli babo]. Iintliziyo zonke zazizaliswe lithemba lokuzidla kuba uIsrayeli kungekudala wayeza kuphakanyiswa phambi kwezizwe njengesizwe esikhethiweyo sikaYehova, ize iYerusalem iphakanyiswe njengesixeko esiyintloko sobukumkani bomhlaba wonke.ULw 299.2

    UKristu wawadanisa amathemba obukhulu basemhlabeni. KwiNtshumayelo yaseNtabeni wazama ukuwuchitha umsebenzi owenziwa yimfundo yobuxoki, nokuba abanike abamphulaphuleyo imbono eyiyo yobukumkani baKhe kwakunye nesaKhe isimilo. Kanti ke akazange enze luhlaselo luthe ngqo kwiimposiso zabantu. Wayibona intlupheko yomhlaba ngenxa yesono, kodwa akaze awubeke phambi kwabo umzobo ocace gca wenkxwaleko yabo. Wabafundisa into engcono kakhulu ukudlula lee kwababeyazi. Wathi engazilwanga iingcinga zabo ngobukumkani bukaThixo, wabaxelela iimeko zokungena kubo, ebeshiya ukuba benze ezabo izigqibo ngobume babo. Iinyaniso awazifundisayo azikho phantsi ngokubaluleka kuthi, kunoko zazinjalo kwisihlwele esasimlandela. Asikudingi ngaphantsi kwabo nathi ukuba siyifunde imithetho-siseko yobukumkani bukaThixo.ULw 299.3

    Amazwi wokuqala kaKristu kubantu entabeni yayingamazwi entsikelelo. Banoyolo, watsho, ababuqondayo ubuhlwempu babo basemoyeni, bekuva ukudinga kwabo ukuhlangulwa. Iindaba ezilungileyo kufuneka zishunyayelwe kumahlwempu. Akukho kwabazidlayo ngokwasemoyeni, abo bathi bazizityebi kwaye abaswele nto, ekutyhilwe kubo, kodwa kwabo bathobekileyo nabatyumkileyo. Mnye kuphela umthombo ovuliweyo ngenxa yesono, ngumthombo wabangamahlwempu ngomoya. ULw 300.1

    Intliziyo enekratshi isebenza nzima ukuzuza usindiso; kodwa, ilungelo lethu nokulufanela kwethu, kufumaneka kubulungisa bukaKristu. INkosi ayinakwenza nto ekubuyiseni umntu ade athi, ekuqondile kakuhle ukungabi namandla kwakhe, ehlutywe konke ukuzibona engaswele nto, asuke aziyekele kulawulo lukaThixo. Uya kuthi ke ngoko asamkele isipho uThixo alindele ukuba amnike sona. Umphefumlo osivayo isidingo sawo, akukho nto ungayinikwayo. Awunasithintelo sokuba ungafiki kuLowo kukho kuYe inzaliseko yonke. “Ngokuba utsho ophezulu, owongamileyo, ohleli ngonaphakade, ogama linguNgcwele, ukuthi, Ndihleli phezulu, engcweleni, ndihleli, nakotyumkileyo, omoya uthobekileyo; ukuba ndibuye ndiphilise umoya wabathobekileyo, ndibuye ndiphilise intliziyo yabatyumkileyo.” Isa. 57:15.ULw 300.2

    “Banoyolo abakhedamileyo; ngokuba baya konwatyiswa bona.” Ngala mazwi uKristu akafundisi ukuba ukukhedama kona ngokwako kunamandla okususa ubutyala besono. Akaniki mvume yokuzenzisa okanye ukuzithoba ngokuzithandela. Ukukhedama athetha ngako asingumvandedwa nesikhalo sosizi. Nangona sibuhlungu ngenxa yesono, kufuneka sivuye ngenxa yelungelo elixabisekileyo lokuba sibe ngabantwana bakaThixo.ULw 300.3

    Sikholisa ukuba buhlungu kuba izenzo zethu ezibi zisizisela iziphumo ezingemnandanga; kodwa le asiyiyo inguquko. Intlungu yenene ngenxa yesono isisiphumo sokusebenza kukaMoya Oyingcwele. UMoya uveza ukungabi nambulelo kwentliziyo ethe yadelela yenza buhlungu uMsindisi, ize izise kuthi ukutyumka [kwentliziyo] elunyaweni lomnqamlezo. Ngaso sonke isono, uYesu ulinyazwa ngokutsha; ngoko ke sithi xa sikhangela kuLowo sithe samhlaba, sikhedame ngenxa yezono ezithe zazisa ukuthuthunjelwa kuYe. Ukukhedama okunjalo kukhokelela ekushiyweni kwesono.ULw 300.4

    Umntu othanda ihlabathi angathi olusizi bubuthakathaka; kodwa lungamandla aqamangela oguqukayo kuLowo Omandla angapheliyo ngamakhonkco angenakuze aqhawuke. Lubonisa ukuba iingelosi zikaThixo zibuyisela emphefumlweni amawonga owalahlekwa ngawo ngenxa yokubalukhuni kwentliziyo nokugqitha umthetho. Iinyembezi zokuguquka zingamathontsi emvula nje kuphela athi awe ngaphambi kokukhanya kwelanga lobungcwele. Olu sizi lwandulela uvuyo oluya kuhlala lungumthombo ophilileyo emphefumlweni. “Buvume kodwa ubugwenxa bakho; ngokuba ukreqile kuYehova uThixo wakho;” “Andiyi kubusanganisa ubuso bam kuni, ngokuba ndinenceba, utsho uYehova.” Yeremiya 3:13, 12. “Abanesijwili baseZiyon,” ubamisele ukubanika “isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo.” Isa. 61:3.ULw 300.5

    Kwabo ke nabo bakhedamileyo ekulingweni naselusizini, ikho intuthuzelo. Ubukrakra bentlungu nokuthotyelwa phantsi kungcono kunokukuziyekela esonweni. Ngokubandezeleka, uThixo utyhila kuthi amabala esibetho ezimilweni zethu, ukuze ngobabalo lwaKhe sizoyise iziphoso zethu. Kuthi kutyhileke kuthi izahluko ebesingazazi, kufike uvavanyo, kubonakale ukuba siyakwamkela na ukungxoliswa nokululekwa nguThixo. Xa sibekwe ekulingweni, akufuneki sibe sicaphuka sikhalaza. Akufuneki sivukele, okanye sibe sizikhathaza side simke kuKristu. Kufuneka siwuthobe umphefumlo phambi kukaThixo. Iindlela zikaYehova zisithele kulowo unqwenela ukuzibona izinto ngendlela ekholisa yena. Zibonakala zimfiliba zingenanto ivuyisayo kwindalo yethu yobuntu. Zona iindlela zikaThixo zindlela zenceba kuthi ekupheleni ziba lusindiso. UEliya wayengayazi into ayenzayo xa entlango wayesithi wanele bubomi, waza wathandazela ukuba afe. UYehova, ngenceba yaKhe, akazange enze ngokwelizwi lakhe. Kwakusekho umsebenzi omkhulu obekelwe ukuba uEliya awenze; kwaye kwakuza kuthi wakuba ufeziwe umsebenzi wakhe, angafi edanile okanye etyhafile elilolo entlango. Wayengabekelwanga ukuba ahle abuyele eluthulini, kodwa okwakhe yayikukunyukela eluzukweni, ephahlwe ngumqodi weenqwelo zasezulwini, ukuya kwitrone yaphezulu. ULw 301.1

    Ilizwi likaThixo koselusizini lithi, “Iindlela zakhe ndizibonile: ndiya kumphilisa, ndimalathise, ndimbuyekezele intuthuzelo yena, nabakhe abenza isijwili.” “Ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise.” Isa. 57:18; Yer. 31:13.ULw 301.2

    “Banoyolo abanobulali.” Iinzima ekufuneka siqubisene nazo zinokucuthwa kakhulu bubulali obuzifihle [bona ubulali] kuKristu. Ukuba sinokuzithoba kweNkosi yethu, siya kuphakama ngaphaya kokudelelwa, ukugxothwa ngetshova, ingcaphukiso, esikhangelene nayo imihla ngemihla, kwaye siya kuyeka ukudakumba emoyeni wethu. Obona bungqina bobunene obuphezulu ebuKristwini, kukuzilawula. Lowo uthi, phantsi kokuphathwa kakubi, okanye kwenkohlakalo, oyiswe kukugcina umoya ozolileyo nothembeleyo, uhlutha uThixo ilungelo lokuziveza kuye okwaKhe ukugqibelela kwesimilo. Ukuthobeka kwentliziyo kungamandla anika uloyiso kubalandeli bakaKristu; umqondiso woqhagamshelwano lwabo neenkundla zasezulwini. ULw 301.3

    “Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, uyambona othobekileyo.” Nd. 138:6. Abo babonakalalisa umoya wobulali nokuthobeka kukaKristu, baqatshelwe ngobubele nguThixo. Banokuba sisigculelo ehlabathini, kodwa banexabiso elikhulu emehlweni kaThixo. Asikuphela kwabazizilumko, abakhulu, nabanesisa abaya kubanelungelo lokungena ezinkundleni zasezulwini; asikuphela komntu osebenza ngokhutheleyo, nozele kukusebenza ngenzondelelo nokungaphumli. Nakanye; olihlwempu ngomoya, olangazelela ukuva ubukho bukaKristu ngaphakathi kwakhe, intliziyo ethobekileyo, nowona mnqweno mkhulu wayo ikukwenza intando kaThixo,--aba baya kuzuza ukungena kokuninzi. Baya kuba phakathi kweqela elizihlambe iingubo zalo lazenza mhlophe egazini leMvana. “Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe; nalowo uhleli phezu kwetrone uya kuba ngumnquba phezu kwabo.” IsiTy. 7:15.ULw 301.4

    “Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa.” Uluvo lokuziva ungafanelekanga kuyikhokelela intliziyo ukuba ilambele inxanelwe ubulungisa, lwaye olu langazelelo alusayi kuze ludaniswe. Abo bavulela indawo uYesu ezintliziyweni zabo, baya kulufumana uthando lwaKhe. Bonke abanqwenela ukuba nemfano yesimilo sikaThixo baya kwaneliswa. UMoya Oyingcwele akaze awushiye ungancedwanga umphefumlo okhangele kuYesu. Uthabatha kwizinto zikaKristu uzibonise wona. Ukuba iliso lihleli lizinze kuKristu, umsebenzi kaMoya awuze uyeke ude umphefumlo uvumelane nomfanekiselo waKhe. Ubukho besiqalelo sobunyulu bothando siya kuwukhulisa umphefumlo, buwunike isakhono sokufikelela phezulu, nolwazi olongeziweyo lwezinto zasezulwini, ukuze ungasileli ekufikeleleni ekuhluthisweni. “Banoyolo abalambela banxanelwe ubulungisa; ngokuba baya kuhluthiswa bona.” ULw 302.1

    Abanenceba baya kufumana inceba, abahlambulukileyo intliziyo baya kumbona uThixo. Yonke ingcamango engahlambulukanga yomphefumlo iyaluphazamisa uluvo oluhle, ithande ukuzicima iimbono zikaMoya Oyingcwele. Iwenza mfiliba umbono womoya, ukuze umntu angabinako ukumbona uThixo. INkosi inako kwaye iyamxolela umoni oguqukayo; kodwa nangona exolelwe, umphefumlo wona ungcolisiwe. konke ukungahlambuluki kwentetho okanye kwengcamango kufuneka kuphetshwe ngulowo onga angayiqonda ngokucacileyo inyaniso yasemoyeni. ULw 302.2

    Amazwi kaKristu athi agqume ngaphaya kwenkululeko yokungahlambuluki kokuthanda kwenyama, ngaphaya kokungcoliseka ziinkonzo awayezama kangangoko amaYuda ukukuphepha. Ukuzithanda kwethu kuyasithintela ukuba singamboni uThixo. Umoya wokuzithandela umbona uThixo enjengomnye ofana nawo. Singekade siyishiye le ngqondo, asingekhe sikwazi ukumqonda Lowo uluthando. Kuphela yintliziyo engafuni okukokwayo, nomoya othobekileyo nothembelayo, oya kumbona uThixo engulowo “onemfesane, onobabalo, ozeka kade umsindo, omninzi ngenceba nenyaniso.” Eksodus 34:6.ULw 302.3

    “Banoyolo abaxolisi.” UxololukaKristu luzalwa yinyaniso. Lukukuvumelana noThixo. Ihlabathi linobutshaba nomthetho kaThixo; aboni banobutshaba noMenzi wabo; saye isiphumo soko ikukuba banobutshaba omnye nomnye. Yena umdumisi uthi, “Banoxolo olukhulu abawuthandayo umyalelo wakho; akukho sikhubekiso kubo.” Nd. 119:165. Umntu akakwazi ukukhiqiza uxolo. Amacebo omntu okuhlambulula nokumphakamisa umntu okanye umphakathi aya kuwa phantsi ekuvezeni uxolo, kuba awafikeleli entliziyweni. Amandla ekuphela kwawo anokudala okanye aqhubele kunaphakade uxolo lwenene lubabalo lukaKristu. Xa luthe lwatyalwa entliziyweni, luya kuzikhuphela ngaphandle iinkanuko ezimbi ezidala imfazwe nokungavisisani. “Esikhundleni somqaqoba kuya kuphuma imisedare, esikhundleni serhawu kuya kunyuka imimirtile;” kuba “inemihlali intlango nomqwebedu; iyagcoba inkqantosi, iyadubula njengomfiyo.” Isa. 55:13; 35:1.ULw 305.1

    Izihlwele zamangaliswa yile mfundiso, neyayahluke kakhulu kwimiyalelo nemizekelo yabaFarisi. Abantu benziwa bacinga ukuba ulonwabo lwalusekubeni nezinto zalo mhlaba, nokuba udumo nembeko zezona zinto zazinqweneleka. Kwakumnandi kakhulu ukubizwa ngokuthi “Mfundisi,” nokuphakanyiswa njengezilumko nabangcwele, ngokokude kuqhayiswe phambi kwabantu ngokuhle abakwenzayo. Le yayithatyathwa ngokuba yeyona ncopho yolonwabo. Kwathi kodwa phambi kwesihlwele, uYesu wavakalisa ukuba inzuzo nembeko yasemhlabeni kuphela komvuzo oya kufunyanwa ngabantu abanjalo. Wathetha ngokuqinisekileyo, nangamandla awoyisayo emazwini aKhe. Abantu bathi cwaka, kwakho ukuziva kukho bonganyelwe kukoyika. Bakhangelana bengakholwa. Ngubani kubo oya kusindiswa ukuba iimfundiso zaloMntu ziyinyaniso? Abaninzi boyisakala ukuba le Titshala imangalisa kangaka yayiqhutywa nguMoya kaThixo, nokuba izinto ezithethayo zazingcwele. ULw 305.2

    Emva kokuchaza oko kwakuqukwe kuyolo lwenene, nendlela okunokuzuzwa ngayo, uYesu wagxininisa ngakumbi kumsebenzi wabafundi baKhe, njengeetitshala ezikhethiweyo nguThixo ukuba zikhokelele abanye kwiindlela zobulungisa nobomi obungunaphakade. Wazi ukuba baya kuphatheka kakubi kukudaniswa nokutyhafiswa, nokuba babeza kuhlangana nenkcaso eqinisekileyo, nokuba baya kugculelwa, buze baliwe nobungqina babo. Wayesazi kakuhle ukuba, ekuwufezeni umsebenzi abawuthunyiweyo, abantu abathobekileyo nabawaphulaphule ngomdla omkhulu kangako amazwi waKhe, kwakuza kufuneka banyamezele ukunyeliswa, ukuthuthunjiswa, ukuvalelwa entolongweni, nokufa, waza waqhubeka, wenjenje: ULw 305.3

    “Banoyolo abatshutshiswa ngenxa yobulungisa; ngokuba ubukumkani bamazulu bobabo. Ninoyolo nina, xa bathe abantu baningcikiva, banitshutshisa, bathetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka, ngenxa yam. Vuyani nigcobe kunene ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba benjenjalo ukubatshutshisa abaprofeti ababekho phambi kwenu.”ULw 305.4

    Ihlabathi liyasithanda isono, libuthiyile ubulungisa, kwaye esi yayisisizathu sobutshaba noYesu. Bonke abalwalayo uthando lwaKhe olungenamida baya kubufumana ubuKristu buyinto ephazamisayo. Ukukhanya kukaKristu kubutshayela buphele ubumnyama obugubungela izono zabo, khon’ ukuze kubonakalaliswe isidingo sokuhlaziywa. Ngeli xesha abo baziyekela kwimpembelelo kaMoya Oyingcwele beqala ukulwa neziqu zabo, abo babambelela esonweni balwa nenyaniso kunye nabameli bayo. ULw 306.1

    Kuye kuthi ke ngoko, kudaleke imfazwe, abalandeli bakaKristu batyholwe ngokuba ngabahluphi babantu. Phofu bubudlelwane noThixo obubazisela ubutshaba behlabathi. Bathwele ingcikivo kaKristu. Bahamba indlela ebihanjwe ngabona baphakamileyo basemhlabeni. Bengenalusizi, kodwa ngovuyo, bamelwe kukuhlangabezana nentshutshiso. Uvavanyo ngalunye olutshisayo lusisithunywa sikaThixo sokubacokisa. Uvavanyo ngalunye lubalungisela umsebenzi wabo wokuba ngabasebenza kunye naYe, uThixo. Ungquzulwano ngalunye lunendawo yalo kwidabi elikhulu ngenxa yobulungisa, kwaye ngalunye luya kongeza kuvuyo loloyiso lwabo lokugqibela. Xa benawo lo mbono, uvavanyo lokholo lwabo kunye nomonde wabo kuya kwamkelwa ngochulumanco endaweni yokuba koyikwe kuphetshwe. Ngokungxamela ukufeza abakuthunyiweyo emhlabeni, bemilisele ulangazelelo lwabo ekwamkelekeni kuThixo, abakhonzi baKhe kufuneka bawenze bawufeze wonke umsebenzi, nokuba kukho ukoyika okanye ukuthandwa ngabantu. ULw 306.2

    “Niyityuwa yehlabathi nina,” watsho uYesu. Musani ukuzikhupha ehlabathini kuba niphepha intshutshiso. Kufuneka nihlale phakathi kwabantu, ukuze isongo lothando olungcwele lube njengetyuwa eligcinayo ihlabathi ukuba lingonakali. ULw 306.3

    Iintliziyo ezisabelayo kwimpembelelo kaMoya Oyingcwele zingamajelo ethi intsikelelo kaThixo ihambe ngayo. Ukuba abo bakhonza uThixo bebengasuswa emhlabeni, noMoya waKhe urhoxiswe ebantwini, lo mhlaba ubuya kusala ujongene nokuba ngumqwebedu nentshabalalo, isiqhamo sobukumkani bukaSathana. Nangona abakhohlakeleyo bona bengazi, nezi ntsikelelo banazo kulo mhlaba, zikho ngenxa yabantu bakaThixo, aba bona babadelelayo bebacinezela. Ukuba ke kodwa, amaKristu angawo nje ngegama kuphela, afana netyuwa ephelelwe sisongo sayo. Awanayo impembelelo yokulungileyo emhlabeni. Ngokummela ngendlela engeyiyo uThixo, aba mabi ukudlula abangakholwayo. ULw 306.4

    “Nina nilukhanyiselo lwehlabathi.” AmaYuda ayecinga ukuzigcinela isizwesawo iintsikelelo zosindiso;kodwauKristu wawabonisa ukuba usindiso lufana nokukhanya kwelanga. Lolomhlaba wonke. Inkolo yeBhayibhile akumele ukuba igcinwe phakathi kwamaqweqwe encwadi, okanye phakathi kweendonga zenkonzo. Akufuneki ikhutshwe ngamaxesha athile ukuba incede thina, ize iphinde ibekelwe bucala ngobunono. Kufuneka ingcwalise ubomi bemihla ngemihla, izibonakalalise kuko konke okusetyenzwayo nakuko konke ukwalamana kwethu ekuhlaleni. ULw 307.1

    Isimilo esisiso asakhiwa ngaphandle, size sinxitywe; siphuma ngaphakathi. Ukuba singa singakhokela abanye endleleni yobulungisa, imithetho-siseko yobulungisa kufuneka ivalelwe ngaphakathi ezintliziyweni zethu. Ukuzibiza kwethu ngenkolo kunokuvakalisa inkolo ethethwa ngomlomo, kodwa bubungcwele bethu obuphathekayo obuphakamisa ilizwi lenyaniso. Ubomi obuzingisileyo, intetho engcwele, ukugqibelela okungagungqiyo, umoya owenzayo nonobubele, umzekelo wokoyika uThixo,--ezi zizixhobo okuthi ukukhanya kusiwe ngazo ehlabathini.ULw 307.2

    UYesu akazange agxile kwiinkcukacha zomthetho, kodwa akazange abashiye abaphulaphuli bakhe ukuba bazigqibele kwelithi wayeze kukubekela bucala okufunwa nguwo. Wayesazi ukuba iintlola zazimi zilungele ukuxhakamfula naliphi ilizwi elalinokukrunelwa ukufeza injongo yazo. Wayesazi ukuba intiyo eyayikho ezingqondweni zabaninzi kwabamphulaphuleyo, waza akathetha nto inokuphazamisa ukholo lwabo enkolweni nasemimiselweni eyayinikelwe kubo ngoMoses. UKristu ngokwaKhe nguYe owanika umthetho wokulungileyo kunye noweenkonzo zemibingelelo. Wayengezanga kuchitha ukuthenjwa koko wayekuyalele. Kwakungenxa yentlonipho enkulu awayenayo ngakumthetho nabaprofeti okwenza ukuba azame ukugqobhoza udonga lweemfuno zesithethe ezazivalele amaYuda. Nangona wayebekela bucala inkcazo yawo yomthetho egwenxa, wayekulumkele kakhulu ukuba abafundi baKhe baziyeke iinyaniso eziphilileyo ezanikwa amaHebhere. ULw 307.3

    AbaFarisi babezidla ngokuthobela kwabo umthetho; kanti lwaluluncinane ulwazi lwabo lwemithetho-siseko yawo elawula ubomi bayo yonke imihla kangangokuba kubo amazwi oMsindisi avakala elulahlekiso. Xa wayetshayela inkunkuma eyayifihlakele ngaphantsi kwayo inyaniso, bacinga ukuba utshayela inyaniso ngokwayo. Bathethathethana phakathi kwabo besithi uwuthabatha lula umthetho. Wazifunda iingcamango zabo, waza wabaphendula, esithi,--ULw 307.4

    “Ningabi ndize kuchitha umthetho, nokuba ngabaprofeti; andize kuchitha, ndize kuzalisekisa.” Apha uYesu wayephikisa isimangalo sabaFarisi. Awayekuthunyiwe ehlabathini kukuphakamisa amabango angcweleomthethoabammangalelangokuthi uyawaphula. Ukuba umthetho kaThixo wawunokuguqulwa okanye uchithwe, kwakungayi kubakho sidingo sokuba uKristu ave ubunzima beziphumo zokugqitha kwethu umthetho. Weza ukuze acacise ubudlelwane phakathi komthetho nomntu, nokubonisa imiyalelo yawo ngobaKhe ubomi bokuthobela. ULw 307.5

    UThixo usinike imiyalelo yaKhe engcwele, kuba eluthanda uluntu. Ukusikhusela kwiziphumo zokuwugqitha umthetho, usityhilela imithetho-siseko yobulungisa. Umthetho usisibonakalaliso sengcinga kaThixo; xa isamkelwa kuKristu, iba yingcinga yethu. Isiphakamisela ngaphaya kweminqweno nemikhwa yemveli, ngaphaya kwezihendo ezisikhokelela ekoneni. UThixo unqwenela ukuba sibe novuyo, waza wasinika imiyalelo yomthetho ukuze sithi ngokuyithobela sibe novuyo. Xa, ekuzalweni kukaYesu, iingelosi zavuma, zisithi: ULw 308.1

    “Uzuko kuThixo enyangweni,
    Uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini”
    ULw 308.2

    (Luka 2:14),

    zazivakalisa imithetho-siseko yomthetho awayeze ukuze awenze mkhulu nokuba uhlonipheke. ULw 308.3

    Ngexesha kwakuvakaliswa umthetho eSinayi, uThixo wabazisa abantu ngobungcwele besimilo saKhe, ukuze ngokuthelekisa babone ububi besabo. Umthetho wanikelwa ukuze ubabonise isono, nokuveza kwintswelo yabo isidingo soMsindisi. Oku kwakuza kwenzeka xa imithetho-siseko yawo ifakwa entliziyweni nguMoya Oyingcwele. Lo msebenzi usawenza nangoku. Ebomini bukaKristu, imithetho-siseko yomthetho yenziwa icace; aze athi ngexesha uMoya Oyingcwele echukumisa intliziyo, njengoko ukukhanya kukaKristu kutyhila ebantwini isidingo segazi laKhe elihlambululayo kunye nobulungisa baKhe obugwebelayo, ube umthetho ungumthunywa ekusiziseni kuKristu, ukuze sikwazi ukugwetyelwa ngokholo. “Umyalelo kaYehova ugqibelele, ubuyisa umphefumlo.” Nd. 19:7.ULw 308.4

    “Koda kudlule izulu nehlabathi,” watsho uYesu, “kungakhanga kudlule nalinye iganyana nokuba lisuntswana emthethweni, kude kwenzeke konke.” Ilanga elikhanya emazulwini, umhlaba oqinileyo ohleli phezu kwawo, ngamangqina okuba umthetho waKhe awuguquki koko ungunaphakade. Nangona ezo izinto zingadlula, imiyalelo engcwele iya kuma. “Ke kulula ukuba lidlule izulu nomhlaba, kunokuba kuwe nalinye isuntswana lomthetho.” Luka 16:17. Uhlelo lweenkonzo zemifuziselo ezazisalatha kuYesu njengeMvana kaThixo lwaluza kubhangiswa ekufeni kwaKhe; kodwa imiyalelo yemiThetho eliShumi ayiguquki njengetrone kaThixo.ULw 308.5

    Kususela ekubeni “umthetho kaYehova ugqibelele,” konke ukusuka kuwo kumele ukuba bubi. Abobangayithobeliyo imithetho kaThixo, bebafundisa nabanye ukuba benze ngokunjalo, bagwetyiwe nguKristu. Ubomi boMsindisi bokuthobela bawagcina amabango omthetho; kwabonisa ukuba umthetho unako ukugcinwa ebuntwini, kwabonisa ukongama kwesimilo esiphuhliswa kukuthobela. Bonke abathobela njengoko wenzayo, ngokwenza njalo bavakalisa ukuba umthetho “ungcwele, unobulungisa, ulungile.” Roma. 7:12. Kwelinye icala, bonke abayophulayo imithetho kaThixo baxhasa ibango likaSathana lokuthi umthetho ukhohlakele, awunako ukuthotyelwa. Ngoko ke baxhasa iinkohliso zomchasi omkhulu, babangele ukungahlonelwa kukaThixo. Bangabantwana balowo ukhohlakeleyo, nowaba ngowokuqala ukuvukela umthetho kaThixo. Ukubangenisa ezulwini kungaphinda kuzise izixhobo zokungavani novukelo, kuze kubeke engozini konke ukulunga kwendalo yonke. Akakho umntu oya kuthi ngokuzithandela angakhathaleli nokuba mnye umthetho-siseko somthetho oya kungena ebukumkanini bamazulu. ULw 309.1

    Oorabhi babebuthabatha ubulungisa babo njengemvume yokuya ezulwini; kodwa uYesu wathi abanelanga kwaye abufanelekanga. Iinkonzo zangaphandle zokucikozwa kokwaziwa kwenyaniso kuko okwakuyinxalenye yobulungisa babaFarisi. Oorabhi babebanga ukuba ngcwele ngeyabo imizamo yokugcina umthetho; kodwa imisebenzi yabo yaluqhawula ulwalamano phakathi kobulungisa nenkolo. Lo gama babenobucukubhede ngokugcinwa kweenkonzo, ubomi babo babungalunganga burhuqa phantsi. Oko kwakusithiwa bubulungisa babungeze bungene ebukumkanini bamazulu. ULw 309.2

    Eyona nkohliso yayinkulu kakhulu engqondweni yomntu ngemihla kaYesu yayikukuba ukuyivuma nje inyaniso kwakububulungisa. Kuwo onke amava omntu, ulwazi oluthethwayo nje lwenyaniso lwasoloko lunganelanga ukuba lungasindisa umphefumlo. Akusivezi isiqhamo sobulungisa. Ukuxabisa ngekhwele oko kubizwa ngokuba lulwazi lobuThixo lwenyaniso kuhambelana nokuthiywa kwenyaniso yenene njengoko ibonakalaliswa ebomini. Ezona zahluko zimnyama zembali zizele ziingxelo zokwaphulwa komthetho ngabantu benkolo abaneenkani. AbaFarisi babebanga ukuba bangabantwana baka-Abraham, beqhayisa ngokugciniswa kwabo amazwi kaThixo; kanti wonke la malungelo awazange abakhusele ukuba bangabi nawo umona, intiyo, ukubawela inzuzo, nobuhanahanisi bodidi olulolona luphantsi. Babezicingela ukuba bangabona bakhulu enkolweni emhlabeni wonke, kodwa loo nkonzo yabo yesiqhelo yabakhokelela ekubetheleleni iNkosi yozuko. ULw 309.3

    Loo ngozi isekho nangoku. Abaninzi bayithabatha ngokuba yinyaniso into yokuba babe ngamaKristu, kuba nje bevumelana ngemithetho ethile kwimfundiso ngoThixo. Phofu abayiphili inyaniso ebominibabo. Abayikholelwangabaye bengayithandi, ngoko ke, abawafumananga amandla nobabalo oluza ngokungcwaliswa yinyaniso. Abantu bangathi bayakholwa yinyaniso; ukuba kodwa ayibenzi banyaniseke, babe nobubele, babe nomonde, banyamezele, bacinge ngezulu, isisiqalekiso kwabo banayo, kuze kuthi ngempembelelo yabo ibe sisiqalekiso ehlabathini. ULw 309.4

    Ubulungisa uKristu awayefundisa ngabo kukuvumelana kwentliziyo nobomi kwintando etyhiliweyo kaThixo. Abantu abangaboni bangangamalungisa kuphela xa benokholo kuThixo baze bagcine uqhagamshelwano oluphilileyo kunye naYe. Buthi ke ngoko ubulungisa benene buziphakamise iingcinga, bubuphakamise ubomi. Zithi ke iindlela zangaphandle zenkolo zivumelane nobunyulu bomKristu bangaphakathi. Kuthi emva koko iinkonzo ezifunekayo emsebenzini kaThixo zingabi ziinkonzo ezingatsho nto, njengezo zabaFarisi abangabahanahanisi.ULw 310.1

    UYesu uyithabatha imithetho ngokwahlukeneyo, achaze ubunzulu nobubanzi bento eyifunayo. Endaweni yokususa isuntswana elinye lamandla ayo, ubonisa indlela efikelela kude ngayo imithetho-siseko yayo, aze atyhile impazamo eyingozi yamaYuda ekubonakalaliseni ngaphandle ukuthobela kwawo. Uvakalisa ukuba ingcinga embi okanye ukukhangela ngenkanuko umthetho kaThixo ugqithiwe. Lowo uthi abe yinxalenye kokona kuncinane ukungalungisi waphula umthetho esingela phantsi eyakhe indalo yokuhle. Ukubulala kuqala kubekho engqondweni. Lowo unika intiyo indawo entliziyweni yakhe ubeka iinyawo zakhe endleleni yombulali, uze umnikelo wakhe ube lisikizi kuThixo. ULw 310.2

    AmaYuda ayekhulise umoya wempindezelo. Kwintiyo yawo yamaRoma ayethetha iinkcaso ezikrakra, amkholisa ongendawo ngokubonakalalisa iimpawu zakhe. Ngaloo ndlela ayeziqeqesha ekwenzeni izenzo ezibi awayewakhokelela kuzo. Ebomini benkolo babaFarisi, kwakungekho nto eyayinokubonwa ziiNtlanga ebubungcwele. UYesu wabayalela ukuba bangazikhohlisi ngengcinga ethi babe nokuthi entliziyweni, babavukele abacinezeli babo, baze bonwabele ulangazelelo lwempindezelo ngenxa yeziphoso zabo. ULw 310.3

    Iyinyaniso into yokuba ikho ingqumbo ethethelelekayo, nakubalandeli bakaKristu. Xa bebona ukuba uThixo akazukiswa, kwaye inkonzo yaKhe ihlaziswa, xa bebona abamsulwa becinezelwa, ingqumbo yobulungisa iyawuchukumisa umphefumlo. Umsindo onjalo, okhathazwa kukuziphatha okungekuko, awusiso isono. Bona abo bathi bakucatshukiswa nayintoni bazive besenkululekweni yokufaka umsindo okanye intiyo bavulela intliziyo yabo kuSathana. Ubukrakra nentiyo kufuneka zigxothwe zimke emphefumlweni ukuze sivumelane nezulu. ULw 310.4

    UMsindisi uyadlula apha. Uthi, “Xa sukuba uwusondeza umnikelo wakho esibingelelweni, wathi ulapho wakhumbula ukubaumzalwanawakho unendawo ngakuwe,wushiye apho umnikelo wakho phambi kwesibingelelo, uhambe uye uxolelane nomzalwana kuqala, wandule ukuza uwusondeze umnikelo wakho. Abaninzi banobushushu ngeenkonzo zenkolo, lo gama phakathi kwabo nabazalwana babo kukho iiyantlukwano ezingonwabisiyo abanokuzilungisa. UThixo ufuna ukuba benze konke okusemandleni abo ukubuyisela intsebenziswano. Bengekade akwenze oku, akasayi kuze [uThixo] azamkele iinkonzo zabo. Emakwenziwe ngumKristu kulo mbandela, kucaciswe phandle ngokupheleleyo. ULw 311.1

    UThixo uzithulula phezu kwabo bonke iintsikelelo zaKhe. “Ilanga lakhe [u]lenza liphume phezu kwabakhohlakeleyo nabalungileyo; nemvula eyinisa phezu kwabalungisayo nabangalungisiyo.” “[U]nobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.” Luka 6:35. Uthi masifane naYe. “Basikeleleni abo baniqalekisayo,” watsho uYesu; “benzeleni okulungileyo abo banithiyayo, . . . ukuze nibe ngabantwana boYihlo osemazulwini.” Yimithetho-siseko yomthetho, kwaye iyimithombo yamanzi obomi.ULw 311.2

    Umgangatho kaThixo obekelwe abantwana baKhe uphakame kakhulu kunokuba eyona ngcinga iphakamileyo yomntu inokufikelela. “Yibani ngabafezekileyo, njengokuba uYihlo osemazulwini efezekile.” Lo myalelo usisithembiso. Icebo lohlangulo liceba uhlangulo olupheleleyo lwethu kwigunya likaSathana. UKristu ngamaxesha onke usebenza ukwahlukanisa umphefumlo otyumkileyo nesono. Weza ukuze atshabalalise imisebenzi yongendawo, kwaye uwenzile umsindleko wokuba uMoya Oyingcwele anikwe wonke umphefumlo oguqukayo, ukuba awugcine ungoni.ULw 311.3

    Isenzeleli somlingi akufuneki sibalwe njengentethelelo yesenzo esinye esigwenxa. USathana uyadloba luvuyo xa esiva abazibiza ngokuthi bangabalandeli bakaKristu bezithethelela ngokonakala kwesimilo sabo. Zizizathwana ezikhokelela esonweni. Akukho sizathu sokuthethelela ukona. Umoya ongcwele, ubomi obufana nobukaKristu, buyafumaneka kuye wonke umntwana kaThixo oguqukayo nokholwayo.ULw 311.4

    Umgangatho wesimilo sobuKristu kukufana noKristu. Njengokuba uNyana woMntu wayefezekile ebomini baKhe, ngokunjalo abalandeli baKhe bamelwe kukuba ngabafezekileyo ebomini babo. UYesu wathi kwizinto zonke wenziwa wafana nabazalwana baKhe. Waba yinyama, njengoko nathi siyiyo. Walamba wanxanwa wadinwa. Wayexhaswa ngokutya ahlaziywe kukulala. Wabelana nabantu; kanti Yena waba nguNyana kaThixo ongenabala. WayenguThixo esenyameni. Isimilo saKhe kufuneka sibe sesethu. INkosi ithi kwabo bakholwayo kuYo, “Ndiya kuhlala phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam.” Kor. 6:16.ULw 311.5

    UKristu uyileli eyabonwa nguYakobi, unyawo lwayo lumi emhlabeni, inqwanqwa lencopho yayo lifike kwisango lezulu, emgubasini kanye wobuqaqawuli. Ukuba loo leli yayingakwazanga nokuba kungenqwanqwa elinye ukufikelela emhlabeni, besiya kuba ngabalahlekileyo. UKristu kodwa ufikelela kuthi apho sikhona. Wathabatha indalo yethu woyisa, ukuze sithi, ngokuthabatha eyaKhe indalo nathi soyise. Enziwe “[wa]fana nenyama elawulwa sisono” (Roma 8:3), waphila ubomi obungenasono. Ngoku, ngobuThixo baKhe, ubambelele etroneni yasemazulwini, lo gama ngobuntu baKhe efikelela kuthi. Usiyalela ukuba sithi, ngokukholelwa kuYe, sifikelele ebuqaqawulini besimilo sikaThixo. Kufuneka ke ngoko, sifezeke, njengoko “uYihlo osemazulwini efezekile.” ULw 311.6

    UYesu wayebonise ukuba ubulungisa bungantoni, waza walatha kuThixo njengemvelaphi yabo. Ngoku wakhangela kwimisebenzi ephathekayo. Ekunikeni amalizo, emthandazweni, ekuzileni, wathi, makungabikho nto yenzelwa ukutsala ingqalelo okanye ukuzuza ukunconywa komntu. Nikelani ninyanisekile, ninikelela ukuzuza kwabatsala nzima yintlupheko. Ekuthandazeni, umphefumlo mawuthethe noThixo. Ekuzileni, musani ukuhamba intloko ithobile, nentliziyo izaliswe ziingcinga zika-mna. Intliziyo yomFarisi ingumhlaba ongumqwebedu nongenangeniso, apho kungekho mbewu yezulu inokukhula. Ngulowo uziyekela ngokupheleleyo kakhulu kuThixo oya kumnika eyona nkonzo yamkeleke kakhulu. Kungobudlelwane noThixo abathi abantu babe ngabasebenzi kunye naYe ekunikezeleni isimilo saKhe eluntwini. ULw 312.1

    Inkonzo enikelwa ngokunyaniseka kwentliziyo inembuyekezo enkulu. UYihlo obona emfihlekweni akubuyisele ekuhleni.” Ngobomi esibuphila ngobabalo lukaKristu, isimilo siyadaleka. Ukuthandeka kwemveli kuyaqala ukubuyiselwa emphefumlweni. Iimpawu zesimilo sikaKristu ziyanikwa, uze umfanekiselo kaThixo uqale ukukhanya. Ubuso bamadoda nabafazi abahamba nabasebenza noThixo bubonisa uxolo lwezulu. Barhangqwe ngumoya wezulu. Kule miphefumlo, ubukumkani bukaThixo buqalile. Inovuyo lukaKristu, uvuyo lokuba yintsikelelo eluntwini. Inembeko yokwamkeleka ekusetyenzisweni yiNkosi; ithenjiwe ukuba yenze umsebenzi waKhe egameni laKhe. ULw 312.2

    “Akukho mntu unako ukukhonza nkosi mbini.” Asinako ukukhonza uThixo ngentliziyo embaxa. Inkolo yeBhayibhile asiyenye impembelelo phakathi kwezinye ezininzi; impembelelo yayo kufuneka ibe phezulu, ingene ilawule zonke ezinye. Asikokufana nokuqatywa nje kwebalana elincinane apha naphaya elaphini, kodwa ikukuzalisa bonke ubomi, ngokungathi ilaphu litshoniswe lonke embaleni ude uthi wonke umsonto welaphu ujike ube nebala elinzulu elingambatshiyo. ULw 312.3

    “Xa sukuba iliso lakho ngoko lingenakumbi, umzimba wakho uphela wokhanyiseleka. Kodwa xa sukuba iliso lakho likhohlakele, umzimba wakho uphela woba bubumnyama.” Ubunyulu nokuma ngokuthe nkqi kwenjongo ziimeko zokwamkela ukukhanya okuvela kuThixo. Lowo unga angayazi inyaniso kufuneka abe nentumekelelo yokwamkela konke okutyhilwayo. Akakwazi ukwenza isivumelwano nemposiso. Ukuthandabuza nokungabi namdla ekunyanisekeni enyanisweni kukukhetha ubumnyama bemposiso nolahlekiso lwenkohlakalo. ULw 312.4

    Imigaqo yehlabathi kunye nemithetho-siseko engajikiyo yobulungisa zizinto ezingahlanganiyo enye kwenye ngokungenako ukubonakala, ngokwemibala yomnyama. Phakathi kwazo zombini kukho umgca obanzi, nocacileyo ozotywe nguThixo ongunaphakade. Ukufana noKristu kumi qampu kwahlukile kokukaSathana njengemini enkulu ithelekiswa nenzulu yobusuku. Kuphela ngabo baphila ubomi bukaKristu abangabasebenzi kunye naYe. Ukuba isono esinye siyathandeka emphefumlweni, okanye isenzo esinye esiyimposiso sigciniwe ebomini, umntu ephelele ewonke ungcolisekile. Umntu uba sisixhobo sokungalungisi. ULw 313.1

    Bonke abakhethe umsebenzi kaThixo kufuneka baphumle kwinkathalo yaKhe. UKristu walatha iintaka ezibhabha emazulwini, iintyatyambo ezisemadlelweni, wabayalela abaphulaphuli baKhe ukuba bazigqale ezi zinto zendalo kaThixo. “Nina anizidlule kakhulu na?” watsho. Mat. 6:26. Umlinganiselo wengqwalasela yezulu enikwa nayiphi na into ilingana nomgangatho wayo kwisilinganiso sobunto bayo. Ungqatyana omncinane ujongwe kukubonelela kukaThixo. Iintyatyambo zedlelo, ingca egqume umhlaba, zonke zabelana ngokuqatshelwa nenkathalo kaBawo wethu osemazulwini. UMzobi oMkhulu uzigqalile iinyibiba, ezenza ukuba zibe ntle kakhulu kangangokuba zidlule nobuqaqawuli bukaSolomon. Kubeke phi ukuba ngaphezulu ukukhathalela kwaKhe umntu, ongumfanekiselo nobuqaqawuli bukaThixo. Ulangazelela ukubabona abantwana baKhe beveza isimilo esinemfano yesaKhe. Njengokuba imitha yelanga inika iintyatyambo imibala yazo eyahlukeneyo nemihle, wenza njalo uThixo ukunika umphefumlo ubuhle besaKhe isimilo. ULw 313.2

    Bonke abakhetha ubukumkani bukaKrisu bothando nobulungisa noxolo, baze benze ukuba konke okubuthandayo bube phambili kuko konke okunye, baqhogene nelizwe laphezulu. Encwadini yokubonelela kukaThixo, umqulu wobomi, elowo kuthi unikwe iphepha. Elo phepha linenkcukacha nganye yembali yethu; kude kubalwe nenani leenwele ezisentloko. Abantwana bakaThixo abasayi kuze bangabikho engqondweni yaKhe. ULw 313.3

    “Musani ukuxhalela ingomso.” Mat. 6:34. Kufuneka silandele uKristu imihla ngemihla. UThixo akaniki uncedo lwengomso. Akabaniki abantwana baKhe zonke izalatha-ndlela kuhambo lwabo lobomi babo ngaxesha nye, hleze badideke. Ubaxelela okwaneleyo ukuba bakukhumbule bakwenze. Amandla nobulumko obunikwayo ngaweemeko ezikhawulezileyo zexesha langoku. “Ukuba ke ubani kuni uswele ubulumko,“—banamhlanje,--“makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; wobunikwa.” Yakobi 1:5. ULw 313.4

    “Musani ukugweba, ukuze ningangwetywa.” Musani ukuzicingela ngcono kunabanye abantu, ningazibeki njengabagwebi babo. Kususela ukuba ningenako ukuziqonda injongo, anikwazi ke ngoko ukubagweba abanye. Ekumgxekeni omnye, uwisa isigwebo phezu kwakho; kuba ubonisa ukuba usebenzisana noSathana, ummangaleli wabazalwana. INkosi ithi, “Zilingeni, ukuba niselukholweni olu na; zicikideni ngokwenu.” Ngumsebenzi wethu lo. “Kuba xa besizicalula, ngesiba asigwetywa.” 2 Kor. 13:5; 1 Kor. 11:31.ULw 314.1

    Umthi olungileyo uthwala isiqhamo esilungileyo. Ukuba umthi awutyeki, awunaxabiso, ungumthi ombi. Ngoko ke isiqhamo esithwalwa ebomini singqina ngemeko yentliziyo nokubalasela kwesimilo. Imisebenzi elungileyo ayisokuze iluthenge usindiso, kodwa isisibonakaliso sokholo olusebenza ngothando noluwenza nyulu umphefumlo. Nangona umvuzo kanaphakade ungekhe unikwe ngenxa yokuhle kwethu, ukanti uya kulingana nomsebenzi othe wenziwa ngobabalo lukaKristu.ULw 314.2

    Kungoko uKristu ebeke imithetho-siseko yobukumkani baKhe, wayibonisa ukuba ingumthetho omkhulu wobomi. Ukusibethelela isifundo, wongeze umzekeliso. Akwanelanga, uthi, ukuba niwaphulaphule nje amazwi aM. Ngokuthobela kufuneka niwenza ukuba abe sisiseko sesimilo senu. Umna uyintlabathi ekhukhulisekayo. Ukuba nakha kwiimbono nokuyila kwabantu, indlu yenu iya kuwa. Ngemimoya yesihendo, izaqhwithi zezilingo, iya kutshayelwa. Yona le mithetho-siseko ndiyinikileyo iya kuma. Ndamkeleni; yakhani phezu kwamazwi aM. ULw 314.3

    “Wonke umntu osukuba ngoko ewava la mazwi am, awenze, wofanekiswa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Mat. 7:24, 25.ULw 314.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents