Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    87—“KuBawo, NAKuYihlo”

    [Esi sahluko sisekwe kuLuka 24:50-53; IZenzo 1:9-12.]

    Ixesha lalifikile lokuba uKristu anyuke aye etroneni kaYise. Njengomoyisi wezulu, wayesele eza kubuyela namaxhoba oloyiso kwiinkundla zasezulwini. Phambi kokufa kwaKhe, wathi kuYise, “Ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.” Yohane 17:4. Emva kokuvuka kwaKhe, wahlala emhlabeni okwethutyana, ukuze abafundi baKhe baqhelane naye ekumzimba ovukileyo nozukisiweyo. Ngoku, wayelungele ukuhamba. Wayeyiqinisekisile into yokuba unguMsindisi ophilileyo. Abafundi baKhe kwakungasafuneki ukuba bamhlanganise nengcwaba. Babemelwe kukucinga ngaYe ezukisiwe phambi kwezulu liphela.ULw 829.1

    Njengendawo yokunyuka kwaKhe, uYesu wakhetha ibala elalisoloko lingcwaliswa bubukho baKhe ngexesha wayehlala phakathi kwabantu. Ingeyiyo iNtaba yeZiyon, indawo yomzi kaDavide, ingeyiyo iNtaba iMoriya, ibala letempile, iindawo ezaziza kunikwa imbeko. Apho, [kwezo ndawo] uKristu wagculelwa waliwa. Apho, amaza enceba, esabuya engumsinga omkhulu wothando, abethwa abuya umva ziintliziyo ezazilukhuni okwelitye. Kulapho uYesu, ediniwe enomthwalo onzima entliziyweni, wasuka khona waya kuphumla kwiNtaba yeMinquma. IShekina engcwele, ekumkeni kwayo etempileni yokuqala, yema kwintaba engasempuma, ngokungathi ikuthiyile ukuwushiya umzi onyuliweyo; ngokunjalo, noKristu wema phezu kweNtabayeMinquma, ngentliziyo enolangazelelo, wayivelela iYerusalem. Izigcume zemithi neengxingwa zentaba zazingcwalisiwe yimithandazo yaKhe neenyembezi zaKhe. Amathambeka ayehlokoma imikhwazo yoloyiso lwesihlwele esasimbabaza ukuba unguKumkani. Kwicala elihlayo lentaba, wafumana ikhaya kwaLazaro eBhethani. Esitiyeni saseGetsemane emazantsi, kwakulapho wayethandazaesentlungwini. Kwaba kule ntaba apho wayeza kusuka khona ukunyukela ezulwini. Kukwincopho yayo apho iinyawo zaKhe ziya kuma khona xa [uYesu] ebuya kwakhona. ULw 829.2

    Akayi kuba njengendoda enentlungu, kodwa njengokumkani onobuqaqawuli nowoyisileyo, uya kuma phezu kweMinquma, lo gama oohaleluya bamaHebhere bexutywe noohosana beeNtlanga, kunye namazwi abo bahlangulweyo, bonke bengumkhosi omkhulu beya kutsho ngendanduluko enkulu, “Mayithweswe isithsaba iNkosi yethu sonke!” ULw 830.1

    Ngoku, enabafundi abalishumi elinanye, uYesu wasinga entabeni. Bathi xa bephuma kwisango laseYerusalem, amehlo amaninzi amangeleyo awukhangela lo mhlambi mncinane, ukhokelwa nguLowo, kwiiveki nje ezimbalwa ezadlulayo, phambi kwabaphathi, waya wagwetywa wabethelelwa emnqamlezweni. Abafundi babengazi ukuba oku kwakuza kuba kokokugqibela behlangana neNkosi yabo. UYesu wachitha ixesha encokola nabo, ephinda imfundiso yaKhe yangaphambili. Bathi xa befika eGetsemane, wakha wema, ukuze bakhumbule izifundo awabanika zona ngobusuku bentlungu yaKhe enkulu. Waphinda wajonga umdiliya awathi ngawo wafuzisela umanyano lwebandla laKhe kunye naYe noYise; kwakhona waphinda iinyaniso awazivezayo ngelo xesha. Wayejikelezwe zizinto ezikhumbuza ngothando lwaKhe olungafumananga mbuyekezo. Nabafundi ababesondele kakhulu entliziyweni yaKhe, bathi, ngelixa lokuthotyelwa phantsi kwaKhe, bamngcikiva bamshiya. ULw 830.2

    UKristu wahlala emhlabeni iminyaka engamshumi amathathu anesithathu; wanyamezela ukugxekwa, ukuthukwa, nokugculelwa; waliwa wabethelelwa emnqamlezweni. Ngoku, xa sele eza kunyukela etroneni yaKhe yozuko, --xa ekhumbula ukungabi nambulelo kwabantu awayeze kubasindisa,--ingaba akasayi kulususa na kubo uvelwano nothando? Ingaba uthando lwaKhe aluyi kuzinza kwiindawo apho axatyiswe khona, nalapho izithunywa ezingenasono zilindele ukwenza oko aziyalela kona? Hayi; isithembiso saKhe kwabo abathandayo athe wabashiya emhlabeni, sithi, “Mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Mat. 28:20.ULw 830.3

    Ukufika kwaKhe kwintaba yeMinquma, uYesu wayikhokela indlela ukucanda incopho, waya kwingingqi yeBhethani. Wakha wema apha, bamngqonga abafundi. Imitha yokukhanya yayingathi iphuma kwimbonakalo yaKhe ngexesha wayebakhangele ngothando. Akazange wabathethisa ngenxa yeempazamo zabo nokusilela kwabo; amazwi othando olunzulu yaba ngawo awokugqibela athi awaezindlebeni zabo ephuma emilebeni yeNkosi yabo. Ezolulile izandla esikelela ngokungathi uqinisekisa ukubanika inkuseleko, waya enyuka phakathi kwabo, etsalelwa ezulwini ngamandla angaphezu kwayo nantoni enokutsalela emhlabeni. Wathi xa enyuka, abafundi abakhwankqisiweyo, bakhangela bawatsala amehlo kumbono wokugqibela weNkosi yabo enyukayo. Ilifu lobuqaqawuli lamfihla akabonakala; abuyela enkenteza kubo amazwi ngexesha inqwelo yelifu yeengelosi imamkela, “Mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.” Kwangelo xesha linye kwehla kusiza kubo umculo oluncuthu novuyo olukhulu uphuma kwikwayala yeengelosi. ULw 831.1

    Bathi abafundi besaqwalasele phezulu, kwakho amazwi athetha nabo awayevakala ngokungathi ngumculo omnandi. Bajika, babona iingelosi ezimbini zikwimo yabantu, ezathetha nabo, zisithi, “Madoda, maGalili, nimeleni na nondele ezulwini?Kwayena lo Yesu unyusiweyo kuni kuni, wasiwa emazulwini, uya kuza ngolu hlobo nimbone esiya ngalo emazulwini.” ULw 831.2

    Ezi zithunywa zazizezeqela elalilinde kwilifu elibengezelayo ukuba zimkhaphe uYesu ukuya kwikhaya lasezulwini. Ezona ziphezulu kwisihlwele seengelosi zasezulwini, yayizezi zimbini ezeza engcwabeni ekuvukeni kukaKristu, kwaye zazinaYe kulo lonke ixesha lokuphila kwaKhe emhlabeni. Ngolangazelelo olunenzondelelo, lonke izulu lalilinde ukuphela kokuhlala kwaKhe emhlabeni owonakaliswe sisiqalekiso sesono. Ngoku lalifikile ixesha lokuba, yonke indalo yezulu [iyunivesi] yamkele uKumkani wayo. Ingaba izithunywa ezibini zazingalindelanga ukuhlangana kunye nesihlwele esasisamkela uYesu? Noko kunjalo, ngenxa yovelwano nothando ngakwabo [uYesu] wayebashiyile, zalinda ukuze zibanike intuthuzelo. “Azingomoya ababusayo zonke na, zithunywe ukuba zilungiselele abo baza kuba ziindlalifa zalo usindiso? Heb. 1:14.ULw 832.1

    UKristu wenyukela ezulwini ekwimo yomntu. Abafundi balibona ilifu limamkela. Kwayena lo Yesu wayehamba ethetha ethandaza kunye nabo; owayeqhekeza isonka kunye nabo; owayekunye nabo emkhombeni elwandle; nowathi ngaloo mini wasebenza nzima kunye nabo ukunyuka intaba yeMinquma,--kwayena loo Yesu ngoku wayemkile ukuya kuhlala noYise etroneni. Izithunywa zazibaqinisekisile ukuba kwaYena Lowo babembone enyuka esiya ezulwini, uya kubuya kwakhona ngohlobo anyuke ngalo. Uya kuza “namafu; aye eya kumbona amehlo onke.” “INkosi ngokwayo iya kuhla emazulwini inendanduluko, inelizwi lesiphatha-zithunywa, inexilongo likaThixo, baze abafele kuKristu bavuke kuqala.” “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, enazo zonke izithunywa ezingcwele, ngelo xesha uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe.” IsiTyh. 1:7; 1 Tes. 4:16; Mat. 25:31. Ngelo xesha siya kuzaliseka isithembiso seNkosi ngokwayo kubafundi baYo: “Ukuba ke ndimkile ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam; ukuze apho ndikhona mna, nibe khona nani.” Yohane 14:3. Ngoko ke abafundi babeya konwatyiswa lithemba lokubuya kweNkosi yabo. ULw 832.2

    Ukubuyela kwabafundi eYerusalem, abantu babakhangela bemangalisiwe. Emva kokulingwa nokubethelelwa kukaKristu, kwakucingwa ukuba baya kubonakala bedanile beneentloni. Iintshaba zabo zazilindele ukubona ebusweni babo imbonakalo yosizi nokoyiswa. Endaweni yoko, kwakukho kuphela uvuyo noloyiso. Ubuso babo babubengezela luvuyo olungelulo olwalo mhlaba. Abazange bakhale ngamathemba adanisiweyo, kodwa babezaliswe kukumdumisa nakukumbonga uThixo. Ngovuyo, balibalisa ibali elimangalisayo lokuvuka kukaKristu kwanokunyukela kwaKhe ezulwini, baza ubungqina babo bamkelwa ngabaninzi.ULw 832.3

    Abafundi babengasenako ukungalithembi ixesha elizayo. Babesazi ukuba uYesu usezulwini, nokuba usavelana nabo. Babesazi ukuba banomhlobo etroneni kaThixo, baye benolangazelelo lokusa izicelo zabo kuBawo egameni likaYesu. Ngembeko enkulu, bathoba bathandaza, bephinda isiqinisekiso esithi, “Zonke izinto enithe nazicela kuBawo egameni lam, woninika. Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam; celani, niya kwamkela, ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.” Yohane 16:23, 24. Baya basolula ngakumbi nangakumbi isandla sokholo, ngentetho enamandla ethi, “NguKristu owafayo, ngaphezu koko ke, wabuya wavuka; ongasekunene kukaThixo, osithethelelayo.” Roma 8:34. IPentekoste yabazisela uvuyo olupheleleyo phambi koMthuthuzeli, kanye njengoko uYesu wayethembisile. ULw 833.1

    Izulu lonke lalilindele ukwamkela uMsindisi kwiinkundla zasezulwini. Ekunyukeni kwaKhe, wayehamba phambili, isihlwele sabathinjwa abakhululweyo ekuvukeni kwaKhe sasilandela. Umkhosi wasezulwini, unemikhwazo nendanduluko yengoma yendumiso yezulu, zeza ukuba ziwuhlangabeze loo mqokozo uzaliswe luvuyo.ULw 833.2

    Bathi xa besondela emzini kaThixo, kwanikwa umngeni ziingelosi eziphahlileyo,ULw 833.3

    “Phakamisani iintloko zenu, masango;
    Niziphakamise, minyango yaphakade,
    Angene uKumkani wozuko.”
    Ngovuyo, iingelosi ezilindileyo zaphendula,--

    “Ngubani na ke lo Kumkani wozuko?”
    ULw 833.4

    Zikutsho oku, kungengakuba azazi ukuba ungubani na, kodwa kuba zinga zingeva impendulo ephakamisa indumiso,-- ULw 833.5

    “NguYehova onamandla, oligorha;
    NguYehova, igorha emfazweni!
    Phakamisani iintloko zenu, masango,
    Niziphakamise, minyango yaphakade,
    Angene lo Kumkani wozuko.”
    ULw 833.6

    Kwakhona uvakele umngeni, “Ngubani na ke lo Kumkani wozuko?” Kuba iingelosi azize zidinwe kukuliva igama laKhe liphakanyiswa. Iingelosi ezixhagileyo zaphendula,--ULw 833.7

    NguYehova wemikhosi,
    Nguye lo Kumkani wozuko.”
    ULw 833.8

    Indumiso 24:7-10.

    Amasango ezuluayaavulwa genge, isihlwele sezithunywa sangena ngawo, phakathi kwentlokoma yomculo omkhulu.ULw 833.9

    Kukho itrone, ejikelezwe ngumnyama wesithembiso. Kukho iikherubhi neeserafi. Abakhokeli bemikhosi yezithunywa, oonyana bakaThixo, abameli bamazwe angazange awe, bonke babebuthelene. Iqumrhu lasezulwini awathi uKhwezi watyhola phambi kwalo uThixo noNyana waKhe, abameli baloo mimandla uSathana awayecinga ukumisela ubukumkani bakhe kuwo,--bonke balapha ukuza kwamkela uMhlanguli. Bonke balangazelela ukuvuyisana noloyiso lwaKhe, banike uzuko kuKumkani wabo.ULw 834.1

    Usuka aphakamise isandla ebabuyisela umva. Alikafiki ixesha; akakwazi ngoku ukwamkela isithsaba sobuqaqawuli nengubo yobukhosi. Ungena phambi kukaYise. Walatha intloko enamanxeba, icala elihlatyiweyo, iinyawo ezonakalisiweyo; uphakamisa izandla zakhe, ezinamanxeba ezikhonkwane. Walatha kwizibonakaliso zoloyiso lwaKhe; ubeka phambi kukaThixo isinde elitshangatshangisiweyo, abo bavuke kunye naYe njengabameli benginginya enkulu eya kuvuka engcwabeni ekubuyeni kwaKhe kwesibini. Uza kuYise, onovuyo ngomoni omnye oguqukayo; omvuyela lowo umnye ngokucula. Ngaphambi kokubekwa kweziseko zomhlaba, uYise noNyana babemanyene kumnqophiso wokuhlangula umntu ukuba uthe woyiswa nguSathana. Babambana ngezandla zabo ngesibhambathiso esinesidima sokuba uKristu uya kuba sisibambiso ngenxa yohlanga loluntu. Esi sibhambathiso uKristu usizalisekisile. Xa wayekhala emnqamlezweni esithi, “Kugqityiwe,” wayethetha noYise. Isivumelwano besenziwe ngokupheleleyo. Ngoku uthi, Bawo, kugqityiwe. Ndiyenzile intando yaKho, Thixo wam. Ndiwugqibile umsebenzi wokuhlangula. Ukuba ubulungisa baKho banelisekile, “Ndithanda ukuba nabo aboundinike bona, babe nam, apho ndikhona mna.” Yohane 19:30; 17:24.ULw 834.2

    Ilizwi likaThixo livakele livakalisa ukuba ubulungisa banelisekile. USathana woyisiwe. Ukusebenza nzima kukaKristu, abo baphatheka kakubi basemhlabeni “bakuye Othandiweyo.” Efese 1:6. Phambi kweengelosi zasezulwini nabameli bamazwe angawanga esonweni, bafunyenwe begwetyelwe. Apho akhona [uYesu], ibandla laKhe liya kuba khona. “Kuya kuqubisana inceba nenyaniso, kuya kwangana ubulungisa noxolo.” Indumiso 85:10. UBawo uvula iingalo awole uNyana waKhe, kuphume ilizwi elithi, “Maziqubude kuye zonke izithunywa zikaThixo.” Heb. 1:6.ULw 834.3

    Ngovuyo olungathethekiyo, abalawuli neziphatha-mandla, namagunya baya buvuma ubukhulu beNkosi yobomi. Iingelosi zithoba phambi kwaKhe, lo gama imikhwazo yovuyo izalisa iinkundla zasezulwini, isithi, “Kuyifanele iMvana eyaxhelwayo ukwamkela amandla, nobutyebi, nobulumko, nokomelela, nembeko, nozuko, nokubongwa.” IsiTyhilelo 5:12. ULw 834.4

    Iingoma zoloyiso zihlangana nomculo ophuma kwimirhubhe yengelosi, lide libe ngathi liyaphuphuma izulu luvuyo nendumiso. UThando loyisile. Abebelahlekile bafunyenwe. Izulu lihlokoma ngezandi zamazwi aphezulu, esithi, “Kulowo uhleli etroneni, nakuyo iMvana, makubekho ukubongwa, nembeko, nozuko, namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni.” 5:13. ULw 835.1

    Ukusuka kuloo mboniso wovuyo lwasezulwini, kuza kubuyela kuthi emhlabeni isandi samazwi kaKristu amangalisayo, xa wayesithi, “Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuYihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.” Yohane 20:17. Usapho lwasezulwini nosapho lwasemhlabeni lunye. INkosi yenyukela thina, iphilela thina. “Ngoko ke unako nokubasindisa kanye abo bezayo ngaye kuThixo, ehlala ehleli nje ukuba abathethelele.” Heb. 7:25. ULw 835.2

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents