Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    76—UYuda Iskariyoti

    [Okanye uYudaS]

    Imbali kaYuda Iskariyoti inika isiphelo esilusizi sobomi obabumelwe kukuzukiswa nguThixo. Ukuba uYuda wayefe ngaphambi kohambo lwakhe lokugqibela ukuya eYerusalem, ngewabonwa njengendoda efanelwe yindawo phakathi kweshumi elinambini nekwakuya kuba yilahleko enkulu ukungabikho kwayo. Intiyo eyalandelana naye kuzo zonke iinkulungwane ngeyingazanga yabakho, ukuba kwakungekho ngenxa yeempawu ezibonakele kufuphi kokuphela kwembali yakhe. Sekunjalo, yayikho injongo ngokusandlala isimilo sakhe phambi kwehlabathi. Kwakuza kuba sisilumkiso kubo bonke abathi, njengaye, bakungcatshe ukuthenjwa kwabo okubalulekileyo. ULw 716.1

    Kancinane nje ngaphambi kwePasika, uYuda wayehlaziye isivumelwano sakhe nababingeleli sokuba uya kumnikela uYesu ezandleni zabo. Kwaya kwavunyelwana ukuba uMsindisi uya kuthatyathwa kwenye yeendawo zaKhe zokuphumla apho wayecamngca athandaze khona. Kususela kwisidlo esasisendlwini kaSimon, uYuda wabanalo ithuba lokucamngca ngesenzo awanqophisa ukuba uya kusenza, kodwa injongo yakhe ayizange itshintshe. Ngenxa yamashumi amathathu esilivere—ixabiso lekhoboka—wayethengisa iNkosi yozuko ngehlazo nokufa. ULw 716.2

    UYuda ngemvelo wayeyithanda kakhulu imali; kodwa wayengahleli ekhohlakele ngokwaneleyo ukuba ade enze isenzo esinje ngesi. Wayewugodlile umoya wokubawa wada wayinjongo elawula ubomi baKhe. Ngokuba likhoboka lobubi obunje, wazinikela kuSathana, ukuba aqhutyelwe nakuyo nayiphi imida yesono. ULw 716.3

    UYuda wayezimanye nabafundi ngexesha izihlwele zazilandela uKristu. Imfundiso yoMsindisi yayichukumisa intliziyo zabo xa babemi bethabathekisiwengamazwi aKhe,ethethwaendlwini yesikhungu, ngaselwandle, phezulu entabeni. UYuda wababona abagulayo, abaziziqhwala, abazimfama, bonke aba bantu bequqela kuYesu bevelaULw 716.4

    kwiidolophu nezixeko. Wababona abafayo bebekwa ezinyaweni zaKhe. Wayibona imisebenzi yamandla yoMsindisi ekuphilisweni kwabagulayo, ukukhutshwa kweedemon, nokuvuswa kwabafileyo. Wabuva kwesakhe isiqu ubungqina bamandla kaKristu. Wayiqonda imfundiso kaKristu ukuba iphakamile kunayo yonke awakha wayiva. Wayithanda iTitshala enkulu, waza wanga angasoloko enaYo. Waziva enolangazelelo lokutshintsha esimilweni nasebomini, waza wathemba ukukuva oku ngokuzihlanganisa noYesu. UMsindisi akazange amgxothe uYuda Iskariyoti. Wamnika indawo phakathi kwabalishumi elinambini. Wathemba ukuba uya kwenza umsebenzi womvangeli. Wamthi jize ngamandla okuphilisa abagulayo nokukhupha iidemon. Sekunjalo, uYuda akazanga wafikelela kwindawo apho wathi wazinikela ngokupheleleyo kuKristu. Akazange alincame ibhongo lakhe lehlabathi okanye ukuthanda kwakhe imali. Nangona wayamkele isikhundla sokuba ngumlungiseleli kaKristu, akazange azibeke phantsi kokuxhonxwa lizulu. Waziva ngathi angayigcina eyakhe imbono kunye neenjongo, waza wakhulisa ukuthanda ukugxeka nokusola.ULw 717.1

    UYuda Iskariyoti wayethatyathelwe phezulu ngabafundi, kwaye wayenempembelelo enkulu phezu kwabo. Naye ngokwakhe wazibona ephezulu ngokwengqeqesho yakhe, wabajongela ukuba baphantsi kakhulu abazalwana bakhe ngembono nangesakhono. Babengawaboni amathuba wabo, wacinga njalo, waza wayisebenzisa loo meko. Ibandla alingeze lihambele phambili xa inamadoda anjalo ezinkokheli. UPetros wayesisityhuthutyhuthu; wayesuka enze nje engaqaphelanga. UYohane, nowayegcine kakhulu iinyaniso eziphuma emilebeni kaYesu, wayebonwa nguYuda njengonondyebo ongawaziyo umsebenzi wakhe. UMateyu, ongqeqesho yakhe yamfundisa ukuba asoloko echan’ ucwethe kuyo yonke into, wayenobucukubhede ekuthembekeni, kanti wayehleli ecamngca ngamazwi kaYesu, yaza ingqondo yakhe yasoloko igxile kuwo kangangokuba, ngokucinga kukaYuda, wayengenako ukuthenjwa ukuba angenza ishishini elibukhali elibona kude. Ngoko ke, uYuda wabahlanganisa bonke abafundi, waziqhatha ngelithi, ibandlabeliya kusoloko lisekudidekeni nasemahlazweni ukuba bekungengakuba yena ekwazi ukulawula [imali]. UYuda wazibona njengonesakhono, nowayengasayi kugqithwa. Kweyakhe imbono wayeyintsikelelo emsebenzini, waza wasoloko ezibeka ngolo hlobo.ULw 717.2

    UYuda wayemfamekisiwe kobakhe ubuthakathaka besimilo, waza uKristu wambeka kwindawo apho wayeza kuba nethuba lokuzibona aze akulungise oku. Njengomgcini-mali wabafundi, kwakufuneka abonelele izidingo zeqela elincinane, nokukhulula iintswelo zabahluphekileyo. Xa babe kwigumbi lepasika, uYesu wathi kuye, “Okwenzayo, kwenze kamsinyane.” (Yohane 13:27), baza abafundi bacingaukuba waye emthumile ukubaathenge okwakudingeka kwisidlo, okanye anike amahlwempu into. Ekulungiseleleni kwabanye, uYuda wayenako ukuphuhlisa umoya wokungabawi. Nangona phofu wayezimamela yonke imihla izifundo zikaYesu, ebubona ubomi baKhe bokungatsaleli kwesakhe isiqu, uYuda waziyekela kwimeko yokunqwena. Iimalana ezazifika ezandleni zakhe zazisisihendo esingapheliyo. Wayekholise ngokuthi xa enzele uKristu umsebenzi omncinane, okanye enikele ixesha kwinjongo zenkolo, azihlawule kule malana incinane. Ekuboneni kwakhe, ezi zizathwana zazinceda ukuthethelela isenzo sakhe, kodwa emehlweni kaThixo, wayelisela.ULw 717.3

    Intetho kaYesu awayekholisa ukuyiphinda rhoqo yayisithi, ubukumkani baKhe babungebubo obalo mhlaba. Wayeyizobile indlela awayelindele ukuba uKristu uya kusebenza ngayo. Wayecebe ukuba uYohane umBhaptizi uya kukhululwa entolongweni. Khangela, uYohane wayekwa ukuba anqunyulwe intloko. Wasuka uYesu, endaweni yokuba asebenzise ilungelo laKhe lobukhosi akuphindezele ukufa kukaYohane, waya kuhlala nabafundi kwindawo esemaphandleni. UYuda wayefuna imfazwe ehlaselayo. Wayecinga ukuthi, ukuba uYesu wayengasayi kubathintela abafundi ukuba bakwenze abakucebileyo, umsebenzi wawuza kuba nempumelelo enkulu. Waphawula ubutshaba obukhulayo beenkokheli zakwaYuda, wawubona umngeni wazo ungahoywanga xa zazifuna kuKristu umqondiso ophuma ezulwini. Intliziyo yakhe wayeyivulele ukungakholwa, lwaza utshaba lwamnika iingcamango zokuba nengxaki kunye novukelo. Kwakutheni ukuze uYesu ahlale kakhulu koko kwakungakhuthazi? Kwakutheni ukuze athethe kwangaphambili ngokulingwa nentshutshiso yaKhe nabafundi baKhe? Ithemba lokuzuza isikhundla esiphezulu kubukumkani obutsha kwamenza uYuda ukuba aywamkele umsebenzi kaKristu. Ke ngoku ke, ingaba amathemba akhe aza kudaniswa? UYuda wayengaqinisekanga ukuba uYesu wayengenguye uNyana kaThixo; kodwa wayenawo umbuzo, kwaye efuna ukufumana inkcazelo ngemisebenzi yaKhe yamandla.ULw 718.1

    Sezikho zinjalo iimfundiso zoMsindisi ngokwaKhe, uYuda wayemana eqhubeka nengcinga yokuba uKristu wayeza kulawula engukumkani eYerusalem. Ekutyiseni amawaka amahlanu, wayezama ukukwenza oku. Kwesi siganeko, uYuda wayencedisa ekuhambiseni ukutya kwindimbane yabalambileyo. Wayenalo ithuba lokubona okuhle okwakusemandleni akhe ukuba akunike abanye. Wakuva ukwaneliseka okubakho ngamaxesha onke ekusebenzeleni uThixo. Wanceda ekuziseni abagulayo nabasentlungwini kwababesesihlweleni kuKristu. Wakubona ukukhululeka, uvuyo nolonwabo, oluza ezintliziyweni zabantu ngenxa yamandla oMphilisi. Wayemelwe kukuba wayeziqondile iindlela zikaKristu. Sekunjalo, wamfamekiswa yeyakhe iminqweno yokubawa. UYuda wayengowokuqala ukusebenzisa ithuba lokutshiseka kwavuswa ngummangaliso wezonka. Yabanguye owamisa ngenyawo inkqubo yokumthabatha uKristu ukuba anyanzelwe ukuba abe ngukumkani. Amathemba wakhe ayephezulu. Ukudaniswa kwakhe kwabakrakra.ULw 718.2

    Intetho kaKristu endlwini yesikhungu ngesonka sobomi yaba kukujika kwezinto kwimbali kaYuda. Waweva amazwi, athi, “Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.” Yohane 6:53. Wabona ukuba uKristu unikela okulungileyo kwasemoyeni endaweni yokwasemhlabeni. Wazithabatha yena, Yuda, njengobona kude, wacinga ukuba yena uyabona ukuba uYesu akasokuze azukiswe, nokuba akasokuze abanike izikhundla eziphezulu abalandeli baKhe. Wazimisela ukuba angazimanyi ngokusondele kangako kuKristu kodwa abhekele kude. Wayeza kukha ajonge. Ngokwenene wajonga. ULw 719.1

    Ukususela ngelo xesha, wavakalisa iintandabuzo ezabadidayo abafundi. Wangenisa iinkcaso nezimvo ezilahlekisayo, ephinda iintetho ezazisenziwa ngababhali nabaFarisi ukuchasa amabango kaKristu. Zonke iinkathazo ezincinane nezinkulu, neminqamlezo, kunye neenzima ezazibonakala zisisithintelo ekuhanjiselweni phambili kweendaba ezilungileyo, uYuda wakuchaza njengezibonakaliso zokuchasa ubunyaniso bazo [iindaba ezilungileyo]. Wayeveza iindima zesiBhalo ezingahlangananga neenyaniso ezazibekwa nguKristu. Ezi ndima, zisusiwe kwindawo zazo, zazibabhida abafundi, zisandisa ukutyhafisa okwakusoloko kubacinezela. Kanti ke konke oku kwakusenziwa nguYuda ngendlela apha ekwakufuneka abonakale esezingqondweni. Kwathi lo gama abafundi bephanda ubungqina bokuqinisekisa amazwi oMfundisi Omkhulu, uYuda asuke abakhokelele, ngobuqhophololo, kwelinye ikhondo. Kwakusithi ke ngoko, ngendlela ekhangeleka isenkolweni kakhulu nebonakala inobulumko, ayibeke imicimbi ngokukhanya okwahlukileyo koko uYesu wayebanike kona, aze ahlanganise emazwini aKhe intsingiselo angakhange uYesu ayinike. Iingcebiso zakhe zazikholisa ukuvusa iminqweno ethabathekisayo yokukhetha okwasemhlabeni, ize ngaloo ndlela ibajike abafundi kwizinto ezibalulekileyo ababemelwe kukukhathalela zona. Ukungavani ngokuba nguwuphi na kubo oya kuba ngoyena mkhulu kwakukholisa ukuphenjelelwa nguYuda. ULw 719.2

    Xa uYesu wayebekela umphathi oselula owayesisityebi imeko yokuba ngumfundi, uYuda akazange akholwe. Waya wacinga ukuba kwenziwe impazamo. Ukuba amadoda afana nalo mlawuli ayengahlanganiswa nabakholwayo, ebenganceda ukuxhasa umsebenzi kaKristu. Ukuba nje uYuda wayengenziwa umcebisi, ngokucinga kwakhe, wayeya kuza namacebo amaninzi okulinceda ibandla elincinane. Imithetho-siseko yakhe neendlela zakhe zaziya kwahluka ngandlela ithile kwezikaKristu, ngoko ke kwezi zinto wazicingela ukuba unobulumko obungaphezulu kunoKristu.ULw 719.3

    Kuko konke awakuthethayo uKristu kubafundi baKhe, kukho into uYuda angazange avumelane nayo, entliziyweni yakhe. Phantsi kwempembelelo yakhe igwele lenkcaso lalisenza umsebenzi walo. Abafundi abazange bambone oyena usisisebenzi kuyo yonke le nto; kodwa uYesu wabona ukuba uSathana wayedlulisela iimpawu zakhe kuYuda, ngaloo ndlela evula ijelo awayeza kuthi ngalo aphembelele abanye abafundi. Oku, unyaka wonke phambi kokungcatshwa kwaKhe, uKristu wakuthetha. “Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.” Yohane 6:70.ULw 720.1

    Kanti ke, uYuda wayengazange enze inkcaso esekuhleni, engazange abonakale enengxaki ngezifundo zoMsindisi. Akazange avakale ekhalaza kwada kwalixesha lesidlo endlwini kaSimon. Wathi xa uMariya ethambisa iinyawo zikaYesu, uYuda wayibonakalalisa ingqondo yakhe ebawayo. Wathi akuthethiswa nguYesu, umoya wakhe wasuka wakrakra. Ikratshi elilimeleyo nomnqweno wokuziphindezela zazidiliza iindonga, kwaza ukubawa awayesoloko enako kwamlawula. Laliya kuba ngamava akhe wonke umntu oqhubeka edlala ngesono. Iziqalelo zenkohlakalo ekungamelwananga nazo zaza zoyiswa ziyasabela kwisihendo sikaSathana, uze umphefumlo ukhokelelwe ekuthinjweni ngokwentando yakhe. ULw 720.2

    Kanti ke, uYuda wayengaqaqadekanga ngokupheleleyo. Nasemva kokuba wayebhambathise kabini ngokungcatsha uMsindisi, lalisekho ithuba lokuguquka. Esidlweni somthendeleko wePasika, uYesu wabubonisa ubuThixo baKhe ngokuyiveza injongo yomngcatshi. Ngenceba wayemfakile uYuda ekulungiseleleni kwaKhe abafundi. Sathi kodwa isibheno sothando sokugqibela asathotyelwa. Waba ke ngoko umcimbi kaYuda ugqityiwe, zathi nezo nyawo uYesu wayezihlambile zahamba zaya kwenza umsebenzi womngcatshi.ULw 720.3

    UYuda wazixelela ukuthi, ukuba uYesu kwakufuneka ebethelelwe, eso siganeko kwakufuneka senzeke sidlule. Isenzo sakhe sokungcatsha uMsindisi sasingayi kusitshintsha isiphumo. Ukuba uYesu kwakufuneka engafanga, kwakuza kumnyanzela [uYesu] ukuba azisindise. Kuzo zonke iziganeko, uYuda wayeza kuzuza into ngokungcatsha kwakhe. Wazibalela ekuthini usebenzise ingqondo ukufumana isisulu ngokungcatsha iNkosi yakhe. ULw 720.4

    UYuda akazanga phofu wakholwa ukuba uKristu angavuma ukuba abanjwe. Ngokumngcatsha, yayiyinjongo yakhe ukumfundisa uYesu isifundo. Wayejonge ukudlala indawo eyayiza kumenza uMsindisi ukuba akunonophele ukumphatha ngembeko emfaneleyo. Sekunjalo, uYuda wayengazi ukuba wayemnikela ekubulaweni uKristu. Kwakukangaphi, uMsindisi efundisa ngemizekeliso, ababhali nabaFarisi bethabatheka yimizekelo yaKhe ecace kakhulu! Kukangaphi bezohlwaya! Kwakusithi lonke ixesha inyaniso ibethelelwa ezintliziyweni zabo, basuke bazaliswe yingqumbo,baze bathabathe amatyeukuba bamgibisele;kodwa kunjalo, amaxesha ngamaxesha ebephuncuka asinde. Kususela ukuba wayesinde kwizibatha ezininzi kakhulu, wacinga uYuda, ngokuqinisekileyo wayengayi kuvuma ukuba kumkiwe naYe. ULw 720.5

    UYuda wagqiba ekubeni awuyeke lo mcimbi. Ukuba uYesu wayenguMesiya ngokwenene, abantu, awayebenzele okukhulu, babeya kumngqonga, baze bamamkele njengokumkani. Oku kwakuya kuzizinzisa iingqondo ezininzi ezazingaqinisekanga ngeli xesha. UYuda wayeza kunconywa ngokubeka ukumkani etroneni kaDavide. Esi senzo sasiza kumqinisekisa ukuba ufumana isikhundla esiphambili, ecaleni kukaKristu, ebukumkanini.ULw 721.1

    Umfundi ongendawo wayenza indawo yakhe yokungcatsha uYesu. Egadini, xa wathi kwiinkokheli zesixuku, “Endithe ndamanga nguye lowo; mbambeni” (Mat. 26:48), wayekholwa ngokupheleleyo ukuba uKristu uya kusinda aphuncuke ezandleni zabo.” Kwakuya kuthi ukuba bathe bamsola emva koko, athi, Bendinganixelelanga ukuba nize nimbambe nimqinise? ULw 721.2

    UYuda wayekhangele xa ababambi bakaKristu, besenza ngokwamazwi akhe, babembopha ngokuqinileyo. Ngokumangaliswa, wambona uMsindisi ezinikela ukuba kumkiwe naYe. Ngomdla, wamlandela ukusuka egadini ukuya ematyaleni phambi kwabalawuli bamaYuda. Kwinyathelo ngalinye, wayelindele ukuba uYesu uya kuzimangalisa iintshaba zaKhe, ngokuthi avele phambi kwazo njengoNyana kaThixo, awenze angabi nto wonke amacebo awo kunye negunya lawo. Kwathi kodwa xa kudlula iyure emva kwenye iyure, abe uYesu ekuvumela konke ukuphathwa dlakadlaka awayesenziwa kona, wafikelwa luloyiko olukhulu umngcatshi kuba wayethengise iNkosi yakhe ekufeni kwaYo. ULw 721.3

    Kwathi xa ukuxoxwa kwetyala kusondela ekupheleni, uYuda akakwazi ukunyamezela ukuthuthunjiswa ngaphezu koko kwesazela sakhe esinobutyala. Ngesiquphe, ilizwi elirhabaxa lavakala kwindlu yonke, labetha kwabanda entliziyweni kumntu wonke: Akanatyala; msindiseni, yini Kayafa! ULw 721.4

    Isithomo eside sikaYuda sabonwa sityhudisa sityhoboza kwinginginya eyayothukile. Ubuso bakhe babumpatshampatsha bumatshekile,ibunzi lithe gqaba-gqabangamathontsiamakhulu okubila. Engxamile esiya esihlalweni sokugweba, wawaphosa phantsi phambi kombingeleli omkhulu amaqhosha esilivere awayeyintlawulo yokungcatsha kwakhe iNkosi. Wamtsibela wambamba ngengubo uKayafa, wamcenga ukuba amkhulule uYesu, esithi, akenzanga nto ifanele ukufa. UKayafa, ngomsindo, wamtyhalela kude, kodwa edidekile, engazi ukuba makathini. Ubuxoki bababingeleli bavela. Kwacaca ukuba babemthengile umfundi ukuba ayingcatshe iNkosi yakhe. ULw 722.1

    “Ndonile,” waphinda wakhala uYuda Iskariyoti, “kuba ndingcatshe igazi elingenatyala.” Umbingeleli omkhulu, ezama ukuzibuyisa, waphendula ngokugculela, “Iyini na kuthi loo nto?” Zibonele wena.” Mat. 27:4. Ababingeleli babekulungele ukumenza uYuda isixhobo sabo; kodwa babekudelele ukuba phantsi kwakhe ngengqondo. Wathi xa ebuyela kubo ngovumo lwesono, bamcekisa. ULw 722.2

    UYuda ngoku waziphosa ezinyaweni zikaYesu, emvuma ukuba unguNyana kaThixo, emcenga ukuba amxolele. UMsindisi akazange amthethise umngcatshi waKhe. Wayesazi ukuba uYuda wayengaguquki; ukuvuma kwakhe kwakunyanzelwa ngumphefumlo onobutyala noluvo lokuzohlwaya nokulindela umgwebo, kodwa wayengeva ntlungu inzulu neyaphula intliziyo kuba engcatshe uNyana kaThixo ongenalo nechaphaza, waza wakhanyela Oyingcwele kaIsrayeli. Kanti ke uYesu akazange athethe lizwi lakumgweba. Wamkhangela enosizi uYuda, wathi, Ndizele oku ehlabathini. ULw 722.3

    Ukuhumzela kokumangaliswa kwathi sa kwintlanganiso yonke. Ngokumangaliswa, bakubona ukumnyamezela kukaKristu umngcatshi waKhe. Kwaphinda kwakho kubo bonke ingqondo ethi, lo Mntu wayengaphaya komntu nje onokufa. Kanti ke, ukuba wayenguNyana kaThixo, bazibuza, kutheni engazikhululi nje kwiimbophelelo zaKhe aboyise abamangaleli baKhe? ULw 722.4

    UYuda wabona ukuba izicengo zakhe zazililize, wakhawuleza waphuma eholweni ekhala, Kusemva! Kusemva! Waziva ukuba akanako ukuhlalela ukubona uYesu ebethelelwa emnqamlezweni, waza wathi, ngokuncama, waphuma waya kuzixhoma. ULw 722.5

    Kwathi selimkile ilanga ngaloo mini, endleleni esuka kwigumbi lamatyala likaPilato ukuya eKalvari, kwabakho isiphazamiso kwimikhwazo nezigculelo zesihlwele esasikhokelela uYesu kwindawo yokubethelelwa emnqamlezweni. Bathi xa bedlula kwindawo ethe qelele ecaleni, babona phantsi esikhondweni somthi owomileyo, umzimba kaYuda. Yayingumbono ohlasimlisayo. Ubunzima bakhe bayiqhawula intambo awayezixhome ngayo emthini. Ekuweni kwakhe, umzimba waphahlaka, zaye izinja ziwuqwenga. Umzimba lowo wakhawuleza wangcwatywa ukuze usuke emehlweni; kodwa kwabakho ukuhla kokugculela esihlweleni, baza ubuso obuninzi obumbatshileyo batyhila iingcamango ezingaphakathi. Kwaba ngathi imbuyekezo sele ibafikele abo babenetyala legazi likaYesu.ULw 722.6

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents