Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    73—“Intliziyo Yenu Mayingakhathazeki”

    [Esi sahluko sisekwe kuYohane 13:31-38; 14-17.]

    Uye wakhangela kubafundi baKhe ngothando olungcwele ngemfesane enovelwano, uKristu wathi, “Kukalokunje, uNyana woMntu uzukisiwe, naye uThixo uzukisiwe kuye.” UYuda Iskariyoti wayemkile, elishiyile igumbi eliphezulu, waza uKristu wasala eyedwa kunye nabalishumi elinamnye. Wayesele eza kuthetha ngokwahlukana nabo okwakuse kufikile; kodwa phambi kokuba akwenze oku, walatha kwinjongo enkulu yomsebenzi awayewuthunyiwe. Nguwo lo awayesoloko ewugcine njalo phambi kwaKhe. Kwakuluvuyo kuYe ukuba konke ukuthotyelwa phantsi nokubulaleka kwaKhe kwakuza kulizukisa igama likaBawo. Kukoku apho wayezalathisa khona kuqala iingcinga zabafundi baKhe. ULw 662.1

    Ubuye wathetha nabo ngesaci esibonisa ukubathanda, “Bantwana bam,” watsho, “liselifutshane ixesha lokuba ndibe nani. Niya kundifuna; njengoko sendithe kumaYuda, Apho ndiya khona mna, aninako ukufika nina; nditsho nakuni ngoku.” ULw 662.2

    Abafundi abazange bakwazi ukuvuya bakukuva oku. Bafikelwa luloyiko. Basondela ngakumbi kuMsindisi. UMfundisi neNkosi yabo, iTitshala noMhlobo oyintanda, wayethandeka kubo ngaphezu kobomi. KuYe babelindele uncedo kuzo zonke iinzima zabo, intuthuzelo kwiintlungu nezidaniso. Ngoku wayeza kubashiya, beliqela elilusizi nelixhomekeke kwabanye. Iintliziyo zabo zakukhangela zazaliswa bubumnyama obubonakala ngaphambili. ULw 662.3

    Noko kunjalo, amazwi oMsindisi abazalisa ngethemba. Wayesazi ukuba babeza kuhlaselwa lutshaba, nokuba ubuchule bukaSathana buba nempumelelo enkulu kakhulu kwabo zibadakumbisayo iinzima. Ngoko ke wabakhombisa kude “[kwizinto’ ezibonwayo,” ukuba babone “[izinto] ezingabonwayo.” 2 Kor. 4:18. Wazisusa iingqondo zabo kwindawo yokubalekela yasemhlabeni wazisa kwikhaya lasemazulwini. ULw 662.4

    “Intliziyo yenu mayingakhathazeki;” watsho; “kholwani kuThixo, nikholwe nakum. Endlwini kaBawo zininzi iindawo zokuhlala; ukuba bekungenjalo, ngendanixelelayo. Ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo; ukuba ndimkile ndaya kunilungiselela indawo, ndiya kubuya ndize, ndinamkelele kum ngokwam ukuze apho ndikhona mna, nibekhona nani. Apho ke ndiya khona mna niyakwazi, nendlela niyayazi. Ndeza ehlabathini ngenxa yenu. Ndisebenza ngenxa yenu. Xa ndimkile, ndiya kusebenza ngenyameko ngenxa yenu. Ndeza emhlabeni ukuze ndizityhile kuni, ukuze nikholwe. Ndiya kuBawo ukuze ndisebenzisane naYe ngenxa yenu. Injongo yokunduluka kukaKristu yayahlukile kuleyo babeyoyika abafundi. Yayingathethi ukuba kukwahlukana kokugqibela. Wayesiya kulungisela bona indawo, ukuze aphinde abuye, abamkelele kuYe. Lo gama wayesakha amabhotwe abo, kwakufuneka bakhe izimilo ezinemfano yezulu.ULw 663.1

    Abafundi babesadidekile. UTomas, owayesoloko wakhathazwa yintandabuzo, wabuza wathi, “Nkosi, asazi apho uya khona; singathini na ke ukuyazi indlela. Uthi uYesu kuye, Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi; akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam. Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.” ULw 663.2

    Azikho ninzi iindlela eziya ezulwini. Akakho onokusuka azikhethele eyakhe indlela. UKristu uthi, “Ndim indlela: . . . akukho namye uzayo kuBawo engezi ngam.” Kususela ekushunyayelweni kwentshumayelo yokuqala, xa e-Eden kwathiwa, imbewu yomfazi iya kuyityumza intloko yenyoka, uKristu waphakanyiswa njengendlela, inyaniso nobomi. Wayeyindlela ngexesha wayephila uAdam, naxa uAbheli wayenikela kuThixo igazi lemvana exheliweyo, elalimele igazi loMhlanguli. UKristu wayeyindlela awasindiswa ngayo amanyange nabaprofeti. Uyindlela esithi ngayo kuphela nathi sibe nenyoba yokufikelela kuThixo. ULw 663.3

    “Ukuba benindazile mna,” watsho uKristu, “ninge nimazile noBawo; ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.” Babengekaqondi ke kodwa abafundi. “Nkosi, sibonise uYihlo,” wadanduluka watsho uFilipu, “Kosanelisa.” ULw 663.4

    Ekhwankqisiwe kukuqonda kade kwakhe, uKristu wambuza ngokumangaliswa okubuhlungu, “Ndinaxesha lingakanana ndinani nje, akukandazi na, Filipu?” Ingaba kunokwenzeka kuba akumboni uBawo ngemisebenzi ayenza ngam? Akukholwa ukuba ndeza ukuze ndingqinengoBawo?“Utshonganina ke wenaukuthi, Sibonise uYihlo?” “Lowo undibonileyo Mna umbonile uBawo.” UKristu wayengayekanga ukuba nguThixo kuba engumntu. Nangona wazithoba wangumntu, ukuphelela kukaThixo kwakuse kokwaKhe. NguKristu kuphela owayenako ukumela uBawo eluntwini, kwaye oku kumela abafundi baba nelungelo lokububona kwiminyaka emithathu. ULw 663.5

    “Kholwani ndim, ukuba mna ndikuye uBawo, nokuba uBawo ukum; okanye ke, kholwani ndim ngenxa yayo imisebenzi leyo.” Ukholo lwabo lwalunokuzinza ngokukhuselekileyo kubungqina obanikwa kwimisebenzi kaKristu, imisebenzi ekungekho mntu, onokuthi ngokwakhe, wakha wayenza, okanye owayenokuyenza. Umsebenzi kaKristu wangqina ngobuThixo baKhe. NgaYe, uYise watyhilwa. ULw 664.1

    Ukuba abafundi babekukholelwe oku kuhlangana kubalulekileyo phakathi kukaYise noNyana, ukholo lwabo lwalungayi kubashiya xa bebona ukubulaleka nokufa kukaKristu ukuze asindise ihlabathi elitshabalalayo. UKristu wayezama ukubakhokela ukusuka kwimeko yokholo lwabo oluphantsi abase kumava ababe nokuwafumana xa babe nokuqonda ngokwenene ukuba wayenjani,--uThixo enyameni yomntu. Wanqwenela ukuba babone ukuba ukholo lwabo kufuneka lubakhokelele kuThixo, lumiliselwe apho. Indlela yenzondelelo nokuzingisa uMsindisi wethu onemfesane awazama ngayo ukubenza abafundi ukuba balungele uqhwithelo lwesilingo esasiza kubafikela kungekudala. Wayenga bangafihlwa kunye naYe kuThixo. ULw 664.2

    Ngexesha uKristu wayethetha la mazwi, ubuqaqawuli bukaThixo babengezela kwimbonakalo yaKhe, bathi bonke ababekho baluva uloyiko olungcwele xa babephulaphule ngomdla othabathekileyo ngamazwi aKhe. Iintliziyo zabo zaya zatsaleleka kuYe ngokupheleleyo; kwaza kwathi njengokuba zitsalelwe kuKristu ngothando olukhulu, nabo batsaleleka omnye komnye. Baliva ngokungathi likufuphi kakhulu izulu, nokuba amazwi abawaphulaphuleyo ayesisigidimi esiza kubo sivela kuBawo wabo osemazulwini. ULw 664.3

    “Inene, inene, ndithi kuni,” uKristu waqhubeka, “Lowo ukholwayo kum, imisebenzi endiyenzayo mna, uya kuyenza naye yena.” UMsindisi wayexhalabe kakhulu kukuba abafundi baKhe babe nokuyiqonda injongo yokuba ubuThixo baKhe bumanywe nobuntu. Weza emhlabeni ukuza kubonisa uzuko lukaThixo, ukuze umntu aphakanyiswe ngamandla alo ahlaziyayo. UThixo wazibonakalalisa kuYe, ukuze Yena abonakalaliswe kubo. UYesu akazange aveze zimpawu, engazange asebenzise mandla, abantu abangenako ukuba nawo ngokukholwa kuYe. Ubuntu baKhe obugqibeleleyo bobo abalandeli baKhe banokuba nabo, ukuba bangazibeka phantsi kukaThixo njengoko wenzayo naYe. ULw 664.4

    “Nemikhulu [imisebenzi] kunale uya kuyenza, ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.” Ngale ntetho, uKristu wayengathethi ukuba umsebenzi wabafundi wawuya kuba ngowohlobo oluphakamileyo kunowaKhe, kodwa wawuya kunaba kakhulu. Wayengabhekisi ekusetyenzweni kwemimangaliso nje kodwa, kodwa kuko konke okwakuya kwenzeka phantsi kokusebenza kukaMoya Oyingcwele.ULw 664.5

    Emva kokunyuka kweNkosi, abafundi bakubona ukuzaliseka kwesithembiso saYo. Imibono yokubethelelwa emnqamlezweni, uvuko kwabafileyo, nokunyuka kukaKristu, bonke obo yayibubunyaniso obuphilileyo kubo. Babona ukuba iziprofeto zizaliseke ngendlela ephathekayo. Baziphengulula iziBhalo, bayamkela imfundiso yazo ngokholo nangengqiniseko engazanga yabonwa ngaphambili. Baya bazi ukuba iTitshala yezulu yayiyiyo yonke into eyathi iyiyo. Bathi xa bebalisa ngamava abo, bephakamisa uthando lukaThixo, iintliziyo zabantu zanyibilika zoyiswa, zaza izihlwele zakholelwa kuYesu. ULw 667.1

    Isithembiso soMsindisi kubafundi baKhe sisithembiso kwibandla laKhe kuse ekupheleni kwexesha. UThixo akazange amisele ukuba icebo laKhe elimangalisayo lokuhlangula abantu kufuneka liphelele nje kwiziphumo ezingacacanga kakuhle. Bonke abaza kuya kusebenza, bengathembelanga koko bona ngokwabo banokukwenza, kodwa koko uThixo anokukwenzela bona, nanokukwenza ngabo, ngokuqinisekileyo baya kukubona ukuzaliseka kwesithembiso saKhe. “Nemikhulu [imisebenzi] kunale uya kuyenza,” watsho uYesu, “ngokuba mna ndisiya kuye uBawo.”ULw 667.2

    Okwangoku, abafundi babe ngekaqhelani nezixhobo namandla oMsindisi angenamda. Wathi kubo, “Kude kwaba ngokunje, anikaceli nto egameni lam.” Yohane 16:24. Wachaza ukuba imfihlo yempumelelo yabo yayiya kuba sekuceleni amandla nobabalo egameni laKhe. Wayeza kubakho phambi kukaBawo ukuba abeke izicelo zabo. Umthandazo wesicelo esithobekileyo usibeka njengomnqweno waKhe endaweni yaloo mphefumlo. Wonke umthandazo onyanisekileyo uyaviwa ezulwini. Usenokungabekwa ngobuciko; kodwa ukuba intliziyo ikuwo, uya kunyukela engcweleni apho uYesu alungiselela khona, aze Yena awubeke kuBawo ungenalo nalinye igama elingacacanga, neligqwidizayo, umhle unevumba elimnandi lesiqholo sokwaKhe ukugqibelela. ULw 667.3

    Indlela yokunyaniseka nesidima asiyondlela imsulwa ngakwizithintelo, kodwa kubo bonke ubunzima kufuneka sibone ubizo lokuthandaza. Akukho namnye ophilileyo onamandla angawafumananga kuThixo, kwaye ithende apho aphuma khona livuleke nakoyena mntu unobuthakathaka. “Nento enithe nayicela egameni lam,” watsho uYesu,” ndoyenza yona, ukuze uYise azukiswe ngoNyana. Ukuba nithe nacela into ngegama lam, ndoyenza mna.” ULw 667.4

    “Egameni lam,” uKristu wabakhuthaza abafundi baKhe ukuba bathandaze. Egameni likaKristu, abalandeli baKhe baya kuma phambi kukaThixo. Ngexabiso lombingelelo awabenzela wona, banexabiso emehlweni eNkosi. Ngenxa yobulungisa bukaKristu ababunikiweyo, babalelwa ukuba baxabisekile. Ngenxa kaKristu, uYehova uyabaxolela abo bamoyikayo. Akaboni kubo ububi bomoni. Ubamkela ngokwemfano yoNyana waKhe, Lowo bakholelwayo kuYe.ULw 667.5

    INkosi iyadana xa abantu baYo bezibeka kumgangatho ophantsi. Inqwenela ukuba abantu abalilifa laYo elinyuliweyo bazixabise ngokwexabiso athe walibeka phezu kwabo, kungenjalo ngewaye engamthumelanga uNyana waKhe kumsebenzi onexabiso elikhulu kangako wokubahlangula. Unawo umsebenzi wabo, kwaye ukholiseka kakhulu xa besenza awona mabango aphezulu kuYe ukuze balizukise igama laKhe. Banako ukulindela izinto ezinkulu ukuba banokholo kwizithembiso zaKhe. ULw 668.1

    Kona ukuthandaza egameni likaKristu kuthetha okukhulu. Kuthetha ukuba kufuneka sisamkele isimilo saKhe, sibonakalalise umoya waKhe, senze imisebenzi yaKhe. Isithembiso seNkosi senziwa phantsi kwemeko ethile. “Ukuba niyandithanda,” uthi, “yigcineni imithetho yam.” Uyabasindisa abantu, abangahlelanga esonweni, kodwa abaphumayo esonweni; kwaye abo bamthandayo baya kulubonisa uthando lwabo ngokuthobela. ULw 668.2

    Konke ukuthobela kwenene kuphuma entliziyweni. Yayingumsebenzi wentliziyo nakuYesu. Ukuba ke siyavuma, uya kuzifanisa neengcinga neenjongo zethu, azilungelelanise iintliziyo zethu neengqondo zethu ukuba zihambelane nentando yaKhe, ukuze kuthi ekumthobeleni singabi senza esikuvayo. Ingqondo, ecolisisiweyo nengcwalisiweyo, iya kuba novuyo olukhulu ekwenzeni umsebenzi waKhe. Xa simazi uThixo njengoko ililungelo lethu ukumazi, ubomi bethu buya kuba bubomi bokuthobela ngamaxesha onke. Ngokuthanda isimilo sikaKristu, nokuxhumana noThixo, isono siya kuthiyeka kuthi. ULw 668.3

    Njengoko uKristu wawuphila umthetho esebuntwini, nathi sinako ukwenza njalo ukuba sithi sibambelele kOnamandla ukuze sizuze amandla. Ngoko ke, asinako ukubeka uxanduva lomsebenzi wethu phezu kwabanye, silindele kubo ukuba basixelele into emasiyenze. Asinako ukuxhomekeka eluntwini ngecebiso. INkosi iya kusifundisa umsebenzi wethu ngokukhululeke njengoko iya kufundisa nomnye umntu. Ukuba siza kuYo ngokholo, iya kuzixela kuthi ngokwethu iimfihlelo zaYo. Iintliziyo zethu ziya kusoloko zivutha ngaphakathi kwethu njengoko Lowo esondela kufuphi ukuba athethe nathi njengoko wenzayo kuEnoki. Abo bagqiba ukuba bangenzi nanye into engasayi kumkholisa uThixo, baya kwazi, emva kokuba bewubekile umcimbi wabo phambi kwaKhe, ukuba mabathabathe eliphi ikhondo. Baya kuzuza, kungekuphela ubulumko, kodwa amandla. Amandla okuthobela, okukhonza, baya kuwanikwa, ngokokuthembisa kukaKristu. Konke okwanikelwa kuKristu—“zonke izinto” zokwanelisa izidingo zabantu abawileyo—zanikelwa kuYe njengeNtloko noMmeli woluntu. Ngoko ke, “nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.” 1 Yohane 3:22.ULw 668.4

    Ngaphambi kokuba azinikele njengexhoba lombingelelo, uKristu wafunaesona sipho sifanelekileyo nesipheleleyoanokusinika abalandeli baKhe, isipho esasiza kuzisa kubo ubutyebi obuninzi bobabalo abanokufikelela kubo. “Mna ndiya kucela kuBawo,” utsho, “aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni. Andiyi kunishiya niziinkedama, ndiyeza kuni.” Yohane 14:16-18. ULw 669.1

    Ngaphambi koku, uMoya wayekho ehlabathini; kususela kwasekuqalekeni komsebenzi wokuhlangula, wayesebenza ezintliziyweni zabantu. Ngexesha uKristu wayesemhlabeni, abafundi abazange banqwenela omnye umncedi. Kwakuza kude kube lixesha lokuhluthwa kwabo ubukho baKhe, apho babeza kusiva isidingo sikaMoya, aze ngelo xesha afike. ULw 669.2

    UMoya Oyingcwele ungummeli kaKristu, kodwa wahluke ngobuqu bobuntu, kwaye ukhululekile kubo. Ngoko ke, kwakungokuze balungelwe ukuze kubekho isidingo sokuba [uKristu] aye kuYise, aze athumele uMoya ukuba abe nguYe oza emva kwaKhe emhlabeni. Emva koko, wayengekho onokuba nethuba elihle ngenxa yendawo [akuyo] okanye ngokuhlangana noKristu. NgoMoya, uMsindisi wayeza kufikelelwa ngabo bonke [abantu] kunaxa enganyukelanga phezulu.ULw 669.3

    “Lowo ke undithandayo, uya kuthandwa nguBawo; nam ndiya kumthanda, ndizibonakalalise kuye.” UYesu walifunda ikamva labafundi baKhe. Wambona omnye ekhweliswa emanqwanqweni okubulala, omnye esemnqamlezweni, omnye egxothelwe ukuba abe lilolo kumatye asesiqithini solwandle, abanye batshutshiswe bafe. Wabakhuthaza ngesithembiso sokuba, kuko konke ukulingwa, wayeza kuba nabo. Eso sithembiso asilahlekwanga ngamandla aso. INkosi yazi konke ngabakhonzi bayo abathembekileyo abathi, ngenxa yayo, bangqengqe entolongweni okanye abagxothelwe kwiziqithi babe ngamalolo. Ubathuthuzela ngobukho baKhe. Xa, ngenxa yenyaniso, okholwayo esima ematyaleni kwiinkundla ezikhohlakeleyo, uKristu uma ecaleni kwakhe. Konke ukungcikivwa okuwa phezu kwakhe, kuwa phezu kukaKristu. UKristu uyaphindaphindwa ukugwetywa kumntu ongumfundi waKhe. Xa omnye egcinwe phakathi kweendonga zentolongo, uKristu uyizalisa kakhulu intliziyo ngothando lwaKhe. Xa omnye ebulawa ngenxa yaKhe, uKristu uthi, “Ndaye ndifile; yabona, ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni. . . . Ndinazo nezitshixo zelabafileyo nezokufa.” IsiTy. 1:18. Ubomi obuncanywe ngenxa yaM bugcinelwe ukuzukiswa kwaphakade.ULw 669.4

    Ngamaxesha onke, nakuzo zonke iindawo, kuzo zonke iintlungu nakuzo zonke iimbandezelo, xa ukukhangela kubonakala kumnyamanekamva lidida,sizesive singenalouncedo, simi singoomth’ uzimele, uMthuthuzeli uya kuthunyelwa ukuba aphendule umthandazo wokholo. Iimeko zingasahlula kubo bonke abahlobo basemhlabeni; kodwa ayikho imeko, awukho umgama, onokusahlula kuMthuthuzeli wasezulwini. Naphina apho sikhoyo, nokuba singabheka phina, usoloko ekho ngasekunene kwethu ukuba asixhase, asigcine, asiphakamise, asikhuthaze.ULw 670.1

    Abafundi babengekawaqondi amazwi kaKristu ngokwentsingiselo yasemoyeni, waza waphinda wayicacisa into ayithethayo. NgoMoya, wathi, uya kuzibonakalalisa kubo. “Ke uMthetheleli, uMoya Oyingcwele, aya kumthuma uBawo egameni lam, yena uya kunifundisa zonke izinto.” Anisayi kuphinda nithi, Andikwazi kuqiqa. Anisayi kuba sabona ngaphaya kweglasi, ngokumfiliba. Niya kuba “nako kanye ukubuqiqa into obuyiyo ububanzi, nobude, nobunzulu, nokuphakama kwalo, kwanokulwazi uthando lukaKristu oluncamise ukwazi.” Efese 3:18, 19.ULw 670.2

    Abafundi kwakufuneka babe nobungqina bobomi bomsebenzi kaKristu. Ngelizwi labo wayeza kuthetha kubo bonke abantu ebusweni bomhlaba. Phofu, ekuthotyelweni phantsi nasekufeni kukaKristu, babeza kuba nokuvavanywa nokudaniswa okukhulu. Ukuze ilizwi labo lichaneke kakuhle emva kwala mava, uYesu wathembisa ukuba uMthuthuzeli uya kuthi “anikhumbuze zonke izinto endizithethe kuni.”ULw 670.3

    “Ndisenezinto ezininzi zokuthetha kuni,” waqhubeka, “kodwa aninako ukuzithwala ngoku. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso; kuba engayi kuthetha okuphuma kuye, uya kuthetha izinto athe waziva, anibikele izinto ezizayo. Yena uya kundizukisa; ngokuba eya kwamkela kokukokwam, aze anibikele ke.” UYesu wandlala phambi kwabafundi umtyhutyhumezo wenyaniso. Kwakunzima kakhulu kodwa kubo ukuzigcina izifundo zaKhe zahlukile kwizithethe neentetho zobuciko zababhali nabaFarisi. Babefundiswe ukuba bayamkele imfundiso yabafundisi njengelizwi likaThixo, kwaye oko kwakusenawo amandla ezingqondweni zabo, kuzakhile iimvakalelo zabo. Iingcinga zasemhlabeni, izinto ezidlulayo, zazise nayo indawo enkulu kwiingcinga zabo. Babengayiqondi indalo yasemoyeni yobukumkani bukaKristu, nangona wayesoloko ephindaphinda ukuyichaza kubo. Iingqondo zabo zazididekile. Babengaliqondi ixabiso lemibhalo uKristu awayebanika yona. Ezininzi kwizifundo zaKhe zazikhangeleka zingathi zilahliwe kubo. UYesu wabona ukuba babengayibambanga eyona ntsingiselo yamazwi aKhe. Ngovelwano, wabathembisa ukuba, uMoya Oyingcwele uya kuzibuyisela ezi ntetho ezingqondweni zabo. Ngenxa yoko, wayeka engazithethanga izinto ezininzi ababengayi kuziqonda abafundi.Nazo ezi zaziya kutyhilwa kubo nguMoya.UMoya wayeza kuyivusa ingqiqo yabo, ukuze babe nokuzixabisa izinto zasezulwini. “Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso,” watsho uYesu, “uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso.” ULw 670.4

    UMthuthuzeli ubizwa ngokuthi, “uMoya wenyaniso.” Umsebenzi waKhe kukugcina nokuyixhasa inyaniso. Uqala ahlale entliziyweni enguMoya wenyaniso, aze ngoko abe nguMthuthuzeli. Ikho intuthuzelo noxolo enyanisweni, kodwa uxolo okanye intuthuzelo ayifumaneki ebuxokini. Kungeengcingane zobuxoki nezithethe athi uSathana asebenzise igunya lakhe phezu kwengqondo. Ngokukhokelela abantu kwimigangatho engeyiyo, usimisa ngendlela engeyiyo isimilo. NgeziBhalo, uMoya Oyingcwele uthetha engqondweni, afake inyaniso entliziyweni. Ngaloo ndlela, [uMoya] imposiso uyibeka elubala, ayigxothe emphefumlweni. KungoMoya wenyaniso, osebenza ngeLizwi likaThixo, athi uKristu aboyisele kuYe abantu baKhe abanyuliweyo. ULw 671.1

    Ngokubachazela abafundi baKhe umsebenzi kaMoya Oyingcwele, uYesu wayezama ukubakhuthaza ngovuyo nethemba elakhuthaza eyaKhe intliziyo. Waba novuyo kuba luluninzi uncedo alulungisele ibandla laKhe. UMoya Oyingcwele wayesesona sipho sikhulu kuzo zonke awayenokuzifumana kuYise ukuze kuphakanyiswe abantu baKhe. UMoya wayeza kunikelwa njengomthunywa onika amandla, kwaye, ngaphandle koku, umbingelelo kaKristu wawungayi kuba lulutho. Amandla obubi aye esomelezwa kwiinkulungwane, kwaye ukuzinikela kwabantu koku kuthinjwa yinkohlakalo kumangalisa. Isono sinokwaliwa soyiswe kuphela ngesenzeleli esinamandla esinguMntu wesiThathu kaThixo, owayeza kuza engenamandla amiswe ngendlela ethile, kodwa ngokuphelela kwamandla kaThixo. NguMoya ophumelelisa oko bekwenziwe nguMhlanguli wehlabathi. KungoMoya ethi intliziyo yenziwe ibe nyulu. NgoMoya, okholwayo uba nesabelo kwindalo engcwele. UKristu unikele uMoya waKhe abe ngamandla okoyisa yonke imikhwa yemfuzo nokukhula ebhekise ebubini, nokuba afake esaKhe isimilo ebandleni laKhe.ULw 671.2

    Ethetha ngoMoya, uYesu wathi, “Yena uya kundizukisa.” UMsindisi weza ukuze azukise uYise ngokubonisa uthando lwaKhe; ngoko uMoya wayeza kuzukisa uKristu ngokutyhila ubabalo lwaKhe emhlabeni. Kwawona umfanekiselo kaThixo uza kuvezwa eluntwini. Uzuko lukaThixo, uzuko lukaKristu, luyabandakanyeka ekufezekiseni isimilo sabantu baKhe. ULw 671.3

    “Efikile ke [uMoya wenyaniso], uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo.” Ukushunyayelwakwelizwi akuyi kuba lulutho ngaphandle kobukho obuhlalabuhlelikunyenoncedo lukaMoya Oyingcwele. Kuphela komfundisi wenyaniso onempumelelo. Kuba kuphela xa inyaniso ihamba noMoya ukungena entliziyweni ethi isivuselele isazela okanye ibuguqule ubomi. Umntu anganako ukuwabeka amagama elizwi likaThixo, angaqhelana nayo yonke imiyalelo nezithembiso; kodwa, ngaphandle kokuba uMoya Oyingcwele ayibethelele inyaniso, awukho umphefumlo oya kuwa eLiweni waphuke. Akukho buninzi bamfundo, kungekho mathuba mahle, nokuba makhulu kangakanani, anokumenza umntu ukuba abe lijelo lokukhanya engakhange asebenzisane noMoya kaThixo. Ukuhlwayela imbewu yeendaba ezilungileyo akusayi kuze kube nempumelelo ingakhange imbewu intshuliselwe ebomini ngumbethe wezulu. Phambi kokubhalwa kwencwadi enye yeTestamente eNtsha, kungekashunyayelwa neyokuqala intshumayelo yeendaba ezilungileyo emva kokuba uKristu enyukile, uMoya Oyingcwele wafika phezu kwabapostile ababethandaza. Ngoko ke ubungqina beentshaba zabo bathi, “Niyizalise iYerusalem ngemfundiso yenu.” IZenzo 5:28.ULw 672.1

    UKristu uthembise ngesipho sikaMoya Oyingcwele ebandleni laKhe, saye isithembiso eso sisesethu njengoko kwakunjalo kubafundi bokuqala. Sekunjalo, njengaso nasiphi isithembiso, sinikwe phantsi kwemiqathango. Baninzi abakholwayo bade babange isithembiso seNkosi; bathetha ngoKristu nangoMoya Oyingcwele, kodwa bangazuzi nto. Abawunikeli umphefumlo ukuba ukhokelwe ulawulwe zizenzeleli ezingcwele. Asikwazi ukumsebenzisa uMoya Oyingcwele. UMoya umele asisebenzise. NgaYe uMoya, uThixo usebenza ngaphakathi ebantwini baKhe “ukuthanda oko, kwanokusebenza oko, ngenxa yenkolelo yakhe.” Filipi 2:13. Phofu abaninzi abasayi kukuvumela oku. Bafuna ukuziphatha. Yiyo le nto bengasamkeli isipho sasezulwini. Kuphela ngabo balindela ngokuthobekileyo kuThixo, abalindela inkokelo nobabalo lwaKhe, abanikwa uMoya. Amandla kaThixo alindele ukucela nokwamkela kwabo. Le ntsikelelo ithenjisiweyo, ebangwa ngokholo, iza ithwele zonke iintsikelelo. Inikwa ngokobutyebi bobabalo lukaKristu, kwaye ulungele ukunika wonke umphefumlo ngokwesakhono sawo sokwamkela.ULw 672.2

    Kwincoko yaKhe nabafundi, uYesu akazange enze nomda wokukhalaza ngeyaKhe intlungu nokufa. Ilifa laKhe lokugqibela abanike lona lilifa loxolo. Wathi, “Ndishiya uxolo kuni; ndininika uxolo lwam; andininiki njengokunika kwehlabathi. Mayingakhathazeki intliziyo yenu, mayingabi nabugwala.”ULw 672.3

    Phambi kokuba alishiye igumbi eliphezulu, uMsindisi wabakhokela abafundi baKhe kwingoma yokudumisa. Ilizwi laKhe lavakala, lingenamvakalo yakukhala kokusola, kodwa ngokunkqangaza kovuyo lwengoma yePasika:ULw 672.4

    “Mdumiseni uYehova nonke zintlanga,
    Mncomeni, nonke zizwe.
    Ngokuba inamandla kuthi inceba yakhe.
    Inyaniso kaYehova ingunaphakade.
    ULw 672.5

    Haleluya! Indumiso 117.

    Emva kwengoma, baphuma. Baya bacanda kwizitrato ezixineneyo ngabantu, baya kuphuma ngesango basinga kwiNtaba yeMinquma. Bahamba kancinane, ingulowo nalowo exakeke zezakhe iingcinga. Bathi xa beqala ukuhla bejonge entabeni, uYesu wathi, ngelizwi elilusizi kakhulu, “Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kubetha umalusi, zichithachithwe izimvu zomhlambi.” Mat. 26:31. Abafundi baphulaphula bebuhlungu bekhwankqisiwe. Bakhumbula xa babesendlwini yesikhungu eKapernahum, indlela uKristu awathetha ngayo ngaYe, esithi usisonka sobomi, abaninzi bakhubeka, bamshiya. Lona ishumi elinambini alizange libonakale lingakholwa. UPetros, ethethela abazalwana bakhe, wakuvuma ukunyaniseka kwakhe kuKristu. Ngoko uMsindisi wayethe, “Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi?” Yohane 6:70. Kwigumbi eliphezulu, uYesu waya waxela ukuba omnye wabalishumi elinambini wayeza kumngcatsha, nokuba uPetros wayeza kumkhanyela. Ngoku, amazwi aKhe ayebaquke bonke. ULw 673.1

    Ngoku ilizwi likaPetros livakala lilandula ngamandla, “Nokuba baya kukhubeka bonke, mna nakanye.” Kwigumbi eliphezulu wayethe, “Ndiya kuwuncamela wena umphefumlo wam.” UYesu wayemlumkisile ukuba, ngabo obo busuku, wayeza kumkhanyela uMsindisi waKhe. Ngoku uKristu uyasiphinda eso silumkiso: “Inene ndithi kuwe, namhlanje, kwangobu busuku, ingekalili kabini inkuku, uya kundikhanyela kathathu.” “Kwaba kukhona uPetros “wathetha wancamisa esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho ke bonke.” Marko 14:29, 30, 31. Ekuzithembeni kwabo, baziphika iintetho ezaziphindaphindwa nguLowo wayesazi. Babengakulungelanga ukuvavanywa; sasiza kuthi sakubafikela isilingo, baqale babuqonde ubuthakathaka babo. ULw 673.2

    Xa uPetros wayesithi uya kuyilandela iNkosi yakhe ayokungena entolongweni nasekufeni, wayesitsho enyanisile, konke awayekuthetha; kodwa wayengazazi kwayena. Ngaphakathi entliziyweni yakhe, kwakukho iziqalelo zobubi ezaziya kuvuselwa ebomini ziimeko. Ngaphandle kokuba enziwe ayiqonde ingozi akuyo, ezi ziqalelo zaziya kumenza atshabalale ngonaphakade. UMsindisi wabona kuye ukuzithanda nengqiniseko izinto ezaziya koyisa nothando lwakhe ngakuKristu. Okuninzi ekungazinzini kwakhe, isono esingabulewanga, ukungakhathali komoya, imo yengqondo engangcwalisekanga, ukungaqapheli ekungeneni ekulingweni, konke kwabonakala kumava akhe. Isilumkiso esizukileyo sikaKristu yayisisimemo sokuba aphengulule intliziyo. UPetros wayedinga ukuba ayeke ukuzithemba, nokuba abe nokholo olunzulu kuKristu. Ukuba wayethe, ngokuzithoba, wasamkela isilumkiso, ngewambongoza uMalusi womhlambi ukuba ayigcine imvu yaKhe. Ngexesha wayeza kutshona bekulwandle lwaseGalili, wakhala,wathi, “Nkosi,ndisindise.”Mat. 14:30.Ngeloxesha, isandla sikaKristu solulwa ukuba sisibambe isandla sakhe. Ngoko ke, nangoku, ukuba ebekhale wathi kuYesu, Ndisindise kumna, ngewagcinwa. Wasuka uPetros waziva engathenjwanga, wacinga ukuba ukhohlakalelwe. Wayesele ekhubekile, waza wazingisa ngakumbi ekuzithembeni kwakhe. ULw 673.3

    UYesu wabakhangela ngemfesane abafundi baKhe. Akakwazi ukubakhupha ekulingweni, kodwa akabashiyi bengenakonwaba. Uyabaqinisekisa ukuba uza kuwaqhawula amatyathanga engcwaba, nokuba uthando lwaKhe ngakubo alusayi kuze luphele. “Emveni kokuvuka kwam,” uthi, “ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili.” Mat. 26:32. Kwaphambi kokukhanyelwa, banesiqinisekiso sokuxolelwa. Emva kokufa nokuvuka kwaKhe, babesazi ukuba baxolelwe, baye bethandeka entliziyweni kaKristu. ULw 674.1

    UYesu nabafundi babesendleleni esinga eGetsemane, bafika emazantsi entaba yeMinquma, kwindawo eqhelekileyo awayekholisa ukuya kuyo ukuya kucamngca nokuthandaza. UMsindisi wayebachazela abafundi baKhe ngomsebenzi azele wona emhlabeni, nokudlelana kwasemoyeni kunye naYe ekwakufuneka bekugcinile. Ngoku usibonisa ngokusenza isifundo. Inyanga ikhanya ngokuqaqambileyo, ivelisa phambi kwaKhe umdiliya ochumileyo. Ukutsala ingqalelo yabafundi kuwo, uYesu uwusebenzisa ngokomfuziselo.ULw 674.2

    “Mna ndingumdiliya wenyaniso,” utsho. Endaweni yokukhetha umnquma omhle, umsedare ophakamileyo, okanye umoki owomeleleyo, uYesu wathabatha umdiliya namathupha awo abambelelayo ukuba umele Yena. Umnquma, umsedare nomokiyimithi ema yodwa. Ayidingi kuxhaswa. Wona umdiliya uyazithandela enqwanqweni,unyokeubhekephezulu.Ngokunjalo ke,uKristu, kubuntu baKhe wayexhomekeke emandleni ezulu. “Mna ngokwam andinakwenza nto,” watsho. Yohane 5:30.ULw 674.3

    “Mna ndingumdiliya wenyaniso.” AmaYuda ayehleli ewuxabisile umdiliya njengowona ubalaseleyo kuzo zonke izityalo, nohlobo lwako konke okunamandla, okuhle, nokuqhamayo. UIsrayeli wayevezwe njengomdiliya owatyalwa nguThixo eZweni leDinga. AmaYuda ayebeke ithemba losindiso kwinto yokuhlangana kwawo noIsrayeli. Uthi Yena uYesu, Ndim owona mdiliya wenyaniso. Musani ukucinga ukuba ngokuhlangana kwenu noIsrayeli ninokuba nenxaxheba yobomi kuThixo, neendlalifa zesithembiso saKhe. Kungam kuphela ekuthi kufunyanwe ubomi basemoyeni.ULw 675.1

    “Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.” Kwiinduli zasePalestina, uBawo wethu wasemazulwini wayetyale lo Mdiliya unenkangeleko entle, abe Yena ngokwaKhe engumlimi. Baba baninzi abatsalwa bubuhle balo Mdiliya, bakubabaza ukuphuma kwawo ezulwini.Noko kunjalo, kwiinkokeli zakwaIsrayeli waba ngathi uyingcambu ephume emhlabeni ongumqwebedu. Basithabatha isityalo, basaphula, basinyhasha phantsi kweenyawo zabo ezingcolileyo. Ingcamango yabo yayikukuwutshabalalisa ngonaphakade. UMlimi wezulu, sekunjalo, akazange alahlekwe kukusibona isityalo saKhe. Emva kokuba becinge ukuba basibulele, wasithabatha, wasityala ngokutsha kwelinye icala lodonga. Uluthi lomdiliya alwabi saba nakubonakala. Wawufihliwe ekuhlaselweni okukrwada ngabantu. Wona amasebe oMdiliya aqabela ngaphaya kodonga. Kwakufuneka emele uMdiliya. Ngawo, amathupha okumiliselwa ngokutsha ayesenako ukuhlanganiswa noMdiliya. Kuwo kufumaneke isiqhamo. Kubekho isivuno abagqwathula kuso abadlulayo. ULw 675.2

    “Umdiliya ndim, nina ningamasebe,” watsho uKristu kubafundi baKhe. Nangona wayesele eza kususwa kubo, ubunye babo basemoyeni kunye naYe babungasayi kutshintsha. Ukuhlangana kwamasebe kunye nomdiliya, wathi, kumele ukwalamana ekufuneka nikuxhasile kum. Isebe liyamiliselwa emthini womdiliya. Ubomi bomdiliya buba bubomi besebe. Ngokunjalo, umphefumlo ofileyo ekukreqeni nasezonweni ufumana ubomi ngokuhlangana noKristu. Ngokholo kuYe njengoMsindisi womntu, kuthi kwenzeke umanyano. Umoni umanya ubuthakathaka bakhe kumandla kaKristu, ukungabi nanto kwakhe [ukuhlanganis] nentabalala kaKristu. Emva koko uba nengqondo kaKristu. Ubuntu bukaKristu buchukumise ubuntu bethu, baza ubuntu bethu bachukumisa ubuThixo. Ngaloo ndlela, ngesenzeleli esinguMoya Oyingcwele, umntu uba nesabelokwindaloengcwele.Uyamkeleka[ngokwamkelwa] kweNtanda.ULw 675.3

    Oku kumanyana noKristu, ngakonje ukuba kwenziwe, kufuneka bondliwe. UKristu wathi, “Hlalani kum, nam ndihlale kuni. Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum.” Oku asikuko ukuchukumisa nje ngexesha elithile, okanye ukuhlangana okubakho-kungabikho. Uqhagamshelano lobomi, amandla, nokuba neziqhamo okusuka engcanjini, aluphazanyiswa kwaye luqhubeka njalo. Anisokuze nani, watsho uYesu, niphile ningekho kum. Ubomi enibufumeneyo kum bungagcinwa kuphela ngokuthi nihlale nixhumene nam. Ngaphandle kwam, anisokuze nisoyise isono, okanye nimelane nesihendo. ULw 676.1

    “Hlalani kum, mna ndihlale kuni.” Ukuhlala kuKristu kuthetha ukuthi rhoqo kuzuzwa kuMoya waKhe, ubomi obuzinikela kungasali nto emsebenzini waKhe. Ijelo loqhagamshelano kufuneka lihlale livuliwe phakathi komntu noThixo wakhe. Njengoko isebe lomdiliya lisoloko litsala incindi kumdiliya ophilileyo, ngokunjalo nathi kufuneka sibambelele kuYesu, size sifumane kuYe ngokholo amandla nokugqibelela kwesimilo saKhe. ULw 676.2

    Ingcambu ithumela isondlo ngesebe kuye eziphelweni zesebe. Ngokunjalo uKristu uthumela amandla asemoyeni exesha eli kuwo onke amakholwa. Lo gama umphefumlo umanyene noKristu, ayikho ingozi yokuba uya koma okanye ubole.ULw 676.3

    Ubomi bomdiliya buya kubonakalaliswa kwivumba elimnandi lesiqhambo esisemasebeni. “Lowo uhleli kum,” wathi uYesu, “ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum aninakwenza nto.” Xa sihleli ngokholo kuNyana kaThixo, iziqhamo zikaMoya ziya kubonakala ebomini bethu; asikho esiya kungabikho. ULw 676.4

    “Umlimi . . . nguBawo. Amasebe onke akum angathwali siqhamo uyawasusa.” Nangona ithupha ngaphandle libonakala limilile emdiliyeni, kusenokwenzeka ukuba akukho ukuhlangana okuphilileyo. Akusayi kubakho ukukhula okanye ukuthwalwa kweziqhamo. Ngoko ke, kunokubakho ukubonakala ngokungathi kukho ukuhlangana noKristu ngaphandle komanyano lwenene kunye naYe ngokholo. Ukuzibiza ngenkolo kubabeka abantu ebandleni, kodwa isimilo nokuziphatha kuko okubonisa ukuba bahlangene na noKristu. Ukuba abathwali ziqhamo, bangamasebe obuxoki. Ukwahlukana kwabo noKristu kuquka intshabalalo epheleleyo njengaleyo imelwe lisebe elifileyo. “Ukuba umntu uthe akahlala kum,” wathi uKristu, “ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.” ULw 676.5

    “Onke [amasebe]athwala isiqhamo,uyawathena, ukuze athwale isiqhamongakumbi.”Kwishumi elinambini elamlandelayo uYesu, omnye owayelisebe elomileyo elalisele liza kususwa; abanye babeza kudlula phantsi kwesikere sokuthena esiluvavanyo olukhulu. UYesu ngothando olunobubele, wayichaza injongo yomlimi. Ukuthena kwakuza kuba buhlungu, kodwa nguBawo osebenzisa isikere. Akasebenzi ngesandla esithanda ukudlala okanye ngentliziyo engenankathalo. Akho amasebe arhuqa phantsi emhlabeni; la kufuneka esusiwe kwinkxaso yasemhlabeni apho amathupha wawo abambelela khona. Kufuneka anyuselwe phezulu, afumane inkxaso kuThixo. Amagqabi amaninzi kakhulu afunxa umlambo wobomi kwisiqhamo, kufuneka esusiwe. Onke amasetyana angamakhikhizela kufuneka asuswe, ukuze avulele indawo imitha ephilisayo yeLanga loBulungisa. Umlimi uyawasusa amasebe anokuba nobungozi, ukuze isiqhamo sityebe sichume kakhulu.ULw 677.1

    “Uzukiswa uBawo ngale nto,” watsho uYesu, “yokuba nithwale isiqhamo esininzi.” UThixo unqwenela ukubonakalalisa ngani ubungcwele, ububele, imfesane, nesaKhe isimilo ngani. Kanti ke, sekunjalo, uMsindisi akabathumi abafundi baKhe ukuba bayokusebenzela ukuthwala iziqhamo. Ubaxelela ukuba bahlale kuYe. “Ukuba nithe nahlala kum,” utsho, “namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda, niyenzelwe.” Kungelizwi athi uKristu ahlale ngaphakathi kubalandeli baKhe. Kunjalo nakumanyano oluphilileyo olumelwe kukutyiwa kwenyama yaKhe nokuselwa kwegazi laKhe. Amazwi kaKristu angumoya, abubomi. Xa uwamkela, wamkela ubomi boMdiliya. Niphila “ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” Mat. 4:4. Ubomi bukaKristu ngaphakathi kwakho, buveza iziqhamo ezinye nezo zikuYe. Ukuphila kuKristu, ukubambelela kuKristu, ukuxhaswa nguKristu, ukufunxa isondlo kuKristu, uthi uthwale isiqhamo ngokwemfano noKristu. ULw 677.2

    Kulo mhlangano wokugqibela nabafundi baKhe, umnqweno omkhulu ngabo, awawuthethayo uKristu, yayingowokuba kufuneka bathandane njengoko wabathandayo. Wakuphindaphinda ukukuthetha oku. “Ndiniwisela umthetho,” waphindaphinda ukutsho,” wokuba nithandane.” Umyalelo waKhe wokuqala ngexesha eyedwa kunye nabo kwigumbi eliphezulu, wathi, “Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane, njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.” Kubafundi, lo mthetho wawumtsha; kuba babengazanga bathandana njengoko uKristu wabathandayo. Wabona ukuba iingcinga ezintsha neemvakalelo ezintsha kufuneka zibalawule; nokuba imithetho-siseko emitsha kufuneka beyenzile; ngobomi nokufa kwaKhe babeza kuzuza imbono entsha yothando. Umyalelo wokuba bathandane wabanentsingiselo entshaxakujongweokwaKheukuzincama. “Wonke umsebenzi wobabalo yinkonzo eqhubekayo yothando, ukuzilandula, nokuzincama. Ngawo wonke umzuzu wokuphambukela kukaKristu emhlabeni, uthando lukaThixo lwalumpompoza luphuma kuYe ngemisinga engavalekiyo. Bonke abazaliswa nguMoya waKhe baya kuthanda njengoko wathandayo. Kwaumthetho-siseko lo wawuqhuba uKristu uya kubaqhuba nabo kuko konke ukuphathana kwabo omnye nomnye. ULw 677.3

    Olu thando lusisibonakalaliso sobufundi babo. “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam,” watsho uYesu, “ukuba nithe nathandana.” Xa abantu beqamangelene kunye, kungengagunya okanye ukuzifunela, kodwa ngothando, babonisa ukusebenza kwempembelelo engaphezu kwayo yonke impembelelo yomntu. Apho bukho khona obu bunye, kuyabonakala ukuba umfanekiselo kaThixo uyabuyiselwa eluntwini, nokuba umthetho-siseko omtsha wobomi utyalekile. Luyabonisa ukuba akhona amandla kwindalo engcwele okumelana nezenzeleli zobubi ezingaphezu kwendalo, nokuba ubabalo lukaThixo luyawoyisa umona ozinze ngaphakathi entliziyweni yemvelo.ULw 678.1

    Olu thando, olubonakalaliswa ebandleni, ngokuqinisekileyo luyayixhokonxa ingqumbo kaSathana. UKristu akazanga wabaphawulela indlela elula abafundi baKhe. “Ukuba ihlabathi linithiyile, watsho, “yazini ukuba lindithiye kuqala kunani. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi lingelikuthanda okwalo; ke ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo mna kuni, elithi, Akukho mkhonzi umkhulu kunenkosi yakhe. Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani; ukuba ilizwi lam baligcina, nelenu boligcina. Ke ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam, ngokuba bengamazi owandithumayo.” Ivangeli kufuneka ihambele phambili ngomfutho wemfazwe enkulu, phakathi kwenkcaso, ingozi, ilahleko, nentlungu. Bona abo bawenzayo lo msebenzi, balandela kuphela emanyathelweni eNkosi yabo. ULw 678.2

    NjengoMhlanguli womhlaba, uKristu, wayethe rhoqo ukujongana nokubonakala ngokungathi kukusilela. Yena, engumthunywa wenceba emhlabeni wethu, waba ngathi wenze umsebenzi omncinane kunalowo wayenga angawenza ukuphakamisa nokusindisa. Iimpembelelo ezikhohlakeleyo zazithe rhoqo zisebenzela ukuyichasa indlela yaKhe. Akazange kodwa atyhafiswe. Ngomprofeti uIsaya uthi, “Ndifumane ndazixhamla, ndawaphelisa amandla am ngochuku, nangento engento; noko ibango lam likuYehova, nomvuzo wam unoThixo wam. . . . Nangona uIsrayeli engahlanganiswanga, ndizukile mna emehlweni kaYehova, uThixo wam woba ngamandla am,” (KJV). NguKristu elinikwe kuYe idinga, “Utsho uYehova, uMkhululi kaIsrayeli, Oyingcwele wakhe, komphefumlo udelekileyo, kongamasikizi ezintlangeni; . . . utsho uYehova ukuthi, . . . Ndiya kukubumba, ndikunike ukuba ube ngumnqophiso wabantu, ukuba ulimise ilizwe, ukuba uwabe amafa angamanxuwa; uthi kubabanjwa, Phumani; kwabasebumnyameni, Velani. . . . Abayi kulamba, abayi kunxanwa, abayi kubethwa sisanga nalilanga; ngokuba onemfesane kubo uya kubaqhuba, abathundezele emanzini ampompozayo.” Isa. 49:4, 5, 7-10.ULw 678.3

    UYesu wahlala kweli lizwi, akamnika thuba uSathana. Xa kwakuza kuthatyathwa amanyathelo okugqibela okuhliselwa phantsi kukaKristu, xa eyona ntlungu inzulu yayiwuvalela umphefumlo waKhe, wathi kubafundi baKhe, “[Uyeza] umphathi weli hlabathi, engenanto nam.” “Umphathi weli hlabathi [u]gwetyiwe.” “Kungoku aya kukhutshelwa phandle.” Yohane 14:30; 16:11; 12:31. Ngeliso lobuprofeti, uKristu wayilanda imiboniso eza kwenzeka kungquzulwano lwaKhe lokugqibela. Wayesazi ukuba, ngako nje ukuba athi, “Kugqityiwe,” izulu lonke liya koyisa. Indlebe yaKhe yayiva ingoma nemikhwazo yoloyiso isitsho kude kwiinkundla zasezulwini. Wazi ukuba intsimbi yokuphela kobukumkani bukaSathana iya kukhala okokugqibela, lize igama likaKristu livakaliswe kumazwe ngamazwe, kuyo yonke iyunivesi. ULw 679.1

    UKristu waba novuyo kuba wakwazi ukubenzela ngaphezulu abalandeli baKhe kunokuba babe nokucela okanye bacinge. Wathetha ngokuqinisekileyo, esazi ukuba umthetho onawo onke amandla wawunikiwe kwangaphambi kokuba kudalwe umhlaba. Wayesazi ukuba inyaniso, exhotyiswe ngamandla onke kaMoya Oyingcwele, yayiza kuboyisa edabini ububi; nokuba ibhanile enamachaphaza egazi yayiza kuphakama ngoloyiso phezu kwabalandeli baKhe. Wayesazi ukuba ubomi babafundi baKhe abathembileyo babuza kufana nobaKhe, ukrozo loloyiso olungaphazanyiswa nto, nolungabonwa njalo apha, kodwa olwaziwa ngolo hlobo kwixesha elizayo. ULw 679.2

    “Ezi zinto ndizithethile kuni,” watsho, “ukuze nibe noxolo kum. Ehlabathini niya kuba nembandezelo; yomelelani, mna ndiloyisile ihlabathi.” UKristu akazanga wasilela, engazanga watyhafa, kwaye abalandeli baKhe kufuneka babonakalalise ukholo olunendalo efanayo yokunyamezela. Kufuneka baphile njengoko waphilayo, basebenze njengoko wasebenzayo, uba baxhomekeke kuYe njengoMsebenzi oyiNtloko. Isibindi, amandla, nokuzingisa, zizinto ekufuneka benazo. Nangona kungathi kukho izithintelo eziphazamisa indlela yabo, ngobabalo lwaKhe kufuneka babheke phambili. Endaweni yokuba babe bekhala ngeenzima, kufuneka bazame ukuqabela ngaphaya kwazo. Malingagqitywa nto ithemba labo, koko mabathembe konke. UKristu ubaqamangele etroneni kaThixo ngetyathanga legolide eluthando lwaKhe. Yinjongo yaKhe ukuba, eyona mpembelelo iphakamileyokwiyunivesi, ephuma kwithende lawo onkeamandla,ibeyeyabo. Kufuneka babe namandla okumelana nobubi, amandla angenakuze oyiswe ngumhlaba, nokufa, nesihogo, amandla aya kubenza boyise njengoko uKristu woyisayo. ULw 679.3

    UKristu umisele ukuba ucwangco lwezulu, icebo lezulu lolawulo, intsebenziswano engcwele yezulu, zibe zimele ibanda laKhe emhlabeni. Ngaloo ndlela, uyazukiswa ebantwini baKhe. Ngabo, iLanga loBulungisa liya kukhanya ehlabathini ngokubengezela okungafiphaliyo. UKristu unike ibandla laKhe izixhobo ezaneleyo, ukuze azuze ingeniso enkulu yobuqaqawuli kwaba bahlangulweyo nabathengiweyo abangabaKhe. Ubeke phezu kwabantu baKhe izakhono neentsikelelo ukuze, ukuze bakwazi ukumela ukwanela kwaKhe. Ibandla, lizaliswe bubulungisa bukaKristu, kuvimba waKhe, apho kukho ubutyebi benceba yaKhe, ubabalo lwaKhe, nothando lwaKhe, kufuneka oko kuvele kumboniso opheleleyo wokugqibela. UKristu ukhangele ebantwini baKhe kubunyulu nokugqibelela kwabo, njengomvuzo wokuthotyelwa phantsi kwaKhe, nokongezwa kokuzukiswa kwaKhe,--uKristu, iZiko elikhulu, ekuphuma kulo bonke ubuqaqawuli.ULw 680.1

    UMsindisi wayivala imfundiso yaKhe ngamazwi awomeleleyo, azaliswe lithemba. Emva koko wawuthulula umthwalo womphefumlo waKhe ngokubathandazela abafundi. Ephakamisele ezulwini amehlo aKhe, wathi, “Bawo, lifikile ilixa; mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise; njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade. Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.”ULw 680.2

    UKristu wayewugqibile umsebenzi awayewunikiwe ukuba awenze. Wayemzukisile uThixo emhlabeni. Wayelibonakalalisile igama likaYise. Wayebaqokelele abo babeza kuqhubeka nomsebenzi waKhe phakathi kwabantu. Emva koko wathi, “Andisekhona ehlabathini, ke bona basesehlabathini; mna ndiza kuwe. Bawo Oyingcwele, balondoloze egameni lakho abo undinike bona, ukuze babe banye njengathi.” “Andiceleli ke aba bodwa, ndicelela nabo baya kukholwa kum ngelizwi labo; ukuze bonke babe banye; . . . mna ndikubo, wena ukum, ukuze babe ngabafezekileyo ntweninye; ukuze liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.”ULw 680.3

    Ngoko ke, ngolwimi lwalowo unegunya lezulu, uKristu unikela ibandla alinyulileyo ezingalweni zikaBawo. Njengombingeleli omkhulu ongcwalisiweyo uthethelela abantu baKhe. Njengomalusi othembekileyo, uyawuqokelela umhlambi waKhe phantsi kwesithunzi sikaSomandla, kwisiphephelo esinamandla nesiqinisekileyo. Yena ulindelwe lidabi lokugqibela noSathana, kwaye ubheka phambili ukuba aqubisane nalo.ULw 680.4

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents