Loading...
Larger font
Smaller font
Copy
Print
Contents

Ulangazelelo Lwamaphakade

 - Contents
  • Results
  • Related
  • Featured
No results found for: "".
  • Weighted Relevancy
  • Content Sequence
  • Relevancy
  • Earliest First
  • Latest First
    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents

    48—Ngubani na Oyena mkhulu Kunabanye?

    [Esi sahluko sisekwe kuMat. 17:22-27; 18:1-20; Marko 9:30-50; Luka 9:46-48.]

    Ekubuyeleni kwaKhe eKarpernahum, uYesu akazange aye kwindawo eziqhelekileyo apho wayefundisa khona abantu, kodwa, ekunye nabafundi baKhe, bathi ngokufihlakeleyo bafuna indlu eyayiza kubalikhaya laKhe okwethutyana. Ngexesha eliseleyo lokuhlala kwaKhe eGalili, yayiyinjongo yaKhe ukufundisa abafundi baKhe kunokusebenzela izihlwele.ULw 432.1

    Kuhambo lokucanda eGalili, uKristu wayephindile ukuzilungiselela iingqondo zabafundi baKhe iziganeko ezaziphambi kwaKhe. Wabaxelela ukuba uza kunyuka aye eYerusalem, apho wayeza kubulawa, kodwa aphinde avuke kwakhona. Waye wongeza into exakayo neyoyikekayo eyayisithi, uza kungcatshwa ngokunikelwa ezandleni zeentshaba zaKhe. Nangeli ixesha, abafundi baKhe babengawaqondi amazwi aKhe. Nangona ilifu lentlungu enkulu lathi zinzi phezu kwabo, umoya wokukholoselana wafumana indawo ezintliziyweni zabo. Baphikisana phakathi kwabo ngokuba, ngubani onokubalelwa ukuba ungoyena mkhulu ebukumkanini. Bacinga ngokuyifihla kuYesu le mbambano, baza, abathi ngokwesiqhelo, basondela kakhulu ecaleni kwaKhe, koko bazulazula ngasemva, ukuze Yena abe ngaphambili xa bengena eKapernahum. UYesu wazifunda iingcamango zabo, waza wanga angabaluleka abafundise. Ukuze akwenze oku, walindela ithuba elithuleyo, xa iintliziyo zabo zaziya kuba zikulungele ukuwamkela amazwi aKhe.ULw 432.2

    Ngako nje ukuba bafike edolophini, umqokeleli wemali yetempile wezakuPetrosenombuzo, “Umfundisiwenuakayirholi naimali yetempile?” Lo mrhumo wawungeyiyo irhafu yoburhulumente, kodwa wawingumnikelo wenkolo, ekwakulindeleke ukuba wonke umYuda awuhlawule umnyaka nomnyaka ukuxhasa itempile. Ukwala ukuhlawula imali yetempile kwakuza kuthatyathwa njengokunganyaniseki etempileni,--okuthi ngokubona koorabhi kube kusesona sono sibi kakhulu. Imbono yoMsindisi ngakwimithetho yoorabhi, nokubathethisa kwaKhe okuphandle abaxhasi besithethe, kwakunika isizathu sesityholo sokuba wayefuna ukuyibhukuqa inkonzo yetempile. Ngoku, iintshaba zaKhe zabona ithuba lokuba zingamthembi. Kumqokeleli wemali yetempile zafumana umxhasi osele ekulungele. ULw 433.1

    UPetros wabona apha embuzweni womqokeleli ukurhesha okuchukumisa ukunyaniseka kukaKristu etempileni. Ngokulangazelela ukuhlonitshwa kweNkosi yakhe, wathi, engadibananga naYo, wakhawuleza waphendula esithi, uYesu uza kuyihlawula imali yetempile.ULw 433.2

    Phofu uPetros wayeyazi nganxanye injongo yalo wayembuza. Ayekho amaqela awayethatyathwa ngokuba akhululekile ukuba angayihlawuli imali yetempile. Ngexesha likaMoses, xa abaLevi babebekelwe bucala ukuba benze umsebenzi wengcwele, abaze banikwe lifa phakathi kwabantu. UYehova wathi, “ULevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe.” Dut. 10:9. Ngemihla kaKristu, ababingeleli nabaLevi babesathatyathwa njengabanikelwe ngendlela ekhethekileyo etempileni, kwaye bengalindelekanga ukuba barhole umnikelo womnyaka nomnyaka ukuyixhasa. Abaprofeti babekhululwe kuloo ntlawulo. Ekufuneni intlawulo kuYesu, oorabhi babetyhalela ecaleni ibango laKhe lokuba ungumprofeti okanye umfundisi [ititshala], ngoko bemphethe njengaye nawuphi umntu ongahloniphekanga. Ukwala kwaKhe ukuhlawula kwakuza kubonwa njengokunganyaniseki etempileni; lo gama, kwelinye icala, ukuyihlawula kwakuza kubonwa njengokuvumelana nokwala kwabo ukuba ungumprofeti.ULw 433.3

    Kungekudala nje ngaphambili, uPetros wayemvumile uYesu ukuba unguNyana kaThixo; kodwa ngoku ulahla ithuba lokusiveza isimilo seNkosi yakhe. Ngempendulo yakhe umqokeleli, ethi uYesu uya kuwuhlawula umnikelo wetempile, wayivuma ngokupheleleyo imbono egwenxa ngaYe, ababingeleli nabaphathi ababezama ukuyisebenzisa.ULw 433.4

    Wathi akungena endlwini uPetros, uMsindisi akabhekisa nezwi koko bekuye kwenzeka, kodwa wabuza, “Uthini na wena, Simon? Ookumkani behlabathi bamkela kubaphi na irhafu nomnikelo? Koonyana babo, kwabasemzini, kusini na?” Waphendula uPetros, “Kwabasemzini.” Wathi uYesu, “Bakhululekile ngoko ke bona oonyana.” Nangona abantu besizwe behlawuliswa irhafu ukuza kuxhasa ukumkani wabo, bona abantwana bakakumkani bakhululekile kuloo rhafu. Ngokunjalo, uIsrayeli,abantu abaziwa ngokuba bangabantu bakaThixo, kwakulindeleke ukuba bayixhase inkonzo yaKhe; kodwa uYesu, uNyana kaThixo, wayengekho phantsi konyanzeleko olunjalo. Ukuba ababingeleli nabaLevi babekhululekile ngenxa yoqhagamshelano netempile, kunokubeka phi kuLowo itempile yayiyindlu kaYise?ULw 433.5

    Ukuba uYesu wayewenzile umnikelo werhafu engakhange akhalaze, wayeyakuba ngokupheleleyo wamkela ubulungisa kwelo bango, abe ke ngoko ubukhanyele ubuThixo baKhe. Wathi kodwa nangona ebona kulungile ukuhlangabezana nokufunwayo, akavumelana nebango ekwakwakhelwe phezu kwalo. Ekwenzeni ukuba kubekho intlawulo yomnikelo, wanika ubungqina bobuThixo baKhe. Wakwenza kwacaca ukuba wayemnye noThixo, nokuba ke ngoko wayengekho phantsi komnikelo werhafu njengomntu nje ophantsi kobukumkani.ULw 434.1

    “Hamba uye elwandle,” wamyalela uPetros, “uphose umlobothi wakho, uthabathe loo ntlanzi ithe yavela tanci. Wothi wakuwunqika umlomo wayo, ufumane ishekele; thabatha yona leyo ubanike, usenzelelela mna nawe.”ULw 434.2

    Nangona wayambathise ubuThixo baKhe ngenyama yobuntu, kulo mmangaliso wabutyhila ubuqaqawuli baKhe. Kwacaca ukuba nguYe lowo wathi ngoDavide, “Zezam zonke iinyamakazi zehlathi, neenkomo ezisezintabeni eziliwaka. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi, nento edakasa endle inam. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela; ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.” Nd. 50:10-12.ULw 434.3

    Nangona uYesu wayenze kwacaca ukuba wayenganyanzelekanga ukuba ahlawule irhafu, akazange angene kwimpikiswano namaYuda ngokubhekiselele kulo mcimbi; kuba ayeya kuwabeka ngenye indlela amazwi waKhe, baza bawasebenzise ukuchasa Yena. Ngokoyikela ukukhubekisa ngokungayikhuphi irhafu, wakwenza oko kwakungenako ukutshiwo ngokufanelekileyo ukuba akwenze. Esi sifundo sasiza kuba nexabiso elikhulu kubafundi baKhe. Iinguqulelo ezicacileyo zaziza kwenzeka ekudlelaneni kwabo nenkonzo yetempile, waza uKristu wabafundisa ukuba bangazibeki, ngaphandle kwesidingo, kwinkcaso yocwangco olumiselweyo. Kangangoko kunokwenzeka, kwakufuneka bayiphephe imeko yokubonwa ngendlela engeyiyo kokholo lwabo. Nangona kungafuneki ukuba amaKristu ancame nowodwa umthetho-siseko wenyaniso, kufuneka ayiphephe imbambano ngalo lonke ixesha enako ukwenza oko.ULw 434.4

    Ngexesha uKristu nabafundi babebodwa endlwini, lo gama uPetros wayeye elwandle, uYesu wabizela abanye kuYe, wabuza, “Nibe nicamanga ntoni na phakathi kwenu endleleni?” Ubukho bukaYesu, nombuzo waKhe, kwawubeka umcimbi ngendlela ebonakala ngokwahlukekakhulu kuleyowawubonakalauyiyokubo ngexesha babebangisana endleleni. Iintloni nokuzisola kwabenza bathi cwaka. UYesu wayebaxelele ukuba uza kufa ngenxa yabo, nokuba ibhongo labo elinomona lalichasene kakhulu nothando lwaKhe olungafuni okukokwalo.ULw 434.5

    Ukubaxelela kwaKhe uYesu ukuba uza kubulawa aze abuye avuke kwakhona, wayezama ukubatsalela kwincoko ebhekiselele kuvavanyo olukhulu lokholo lwabo. Ukuba babekulungele ukwamkela oko wayelangazelela ukuba bakwazi, ngebasindiswa kwenkulu intlungu nokuphelelwa lithemba. Amazwi waKhe ngewazisa intuthuzelo ngexesha lokufelwa nokudaniswa. Nangona kodwa wayethethe ngokucacileyo ngoko kumlindeleyo, ukuxela kwaKhe ukuba, kungekudala, uza kuya eYerusalem, kwaphinda kwavuselela ithemba labo lokuba ubukumkani sele buza kumiswa. Oku kwakhokelela kwimbuzwano yokuba ngoobani abaya kubamba ezona zikhundla ziphezulu. Ekubuyeni kukaPetros elwandle, abafundi bamxelela ngombuzo woMsindisi, kwathi, ekugqibeleni, omnye wanesibindi sokumbuza uYesu, “Ngubani na ke omkhulu kunabanye, ebukumkanini bamazulu?” ULw 435.1

    UMsindisi wabahlanganisela kuYe abafundi baKhe, wathi kubo, “Ukuba ubani uthanda ukuba ngowokuqala, woba ngowokugqibela kwabo bonke, nomlungiseleli wabo bonke.” Kwakukho kula mazwi undiliseko nomtsalane abafundi ababese kude ukuba bawuqonde. Oko uKristu wayekubona bona babengakwazi ukukubona. Abazange bayiqonde imo yobukumkani bukaKristu, kwaza oku kungazi kwabonakala kusisizathu sokuphikisana kwabo. Phofu ke oyena nobangela wayenzulu. Ngokuchaza imo yobukumkani, uKristu waba nokululalisa uthuli okwexeshana; kodwa oku kwakungayi kumchukumisa oyena nobangela ofihlakeleyo. Nasemva kokuba babefumene ulwazi olupheleleyo, nawuphi umbuzo ongokuba phambili wawunokuyiqhwaya ngokutsha inkathazo. Ngenxa yoko, inkathazo yayiza kuza ebandleni emva kokuba uKristu emkile. Imbambano engesona sikhundla siphezulu yayikukusebenza komoya omnye owawusisiqalelo sembambano enkulu kumazwe angaseNtla, ezulwini, nowakhupha uKristu ezulwini ukuba azokufa. Kwenyuka phambi kwakhe umbono kaKhwezi, “[u]nyana wesifingo,” esebuqaqawulini obudlula zonke iingelosi ezijikeleze itrone, nezimanyene ngawona maqhina ayame kakhulu kuNyana kaThixo. UKhwezi wayethe, “ndizifanise nOsenyangweni” (Isa. 14:12, 14); lwathi ulangazelelo lokuziphakamisa lwazisa ingxabano ezinkundleni zasezulwini, lwaza lwakhokelela ekugxothweni kwentlaninge yemikhosi kaThixo. Ukuba uKhwezi ngokwenene wayelangazelela ukufana nOsenyangweni, ngewayengazange ayishiye indawo yakhe awayebekelwe yona ezulwini; kuba umoya wOsenyangweni ubonakalaliswe kulungiselelo olungasekeleze nzuzo. UKhweziwanqwenelaamandla kaThixo, hayi isimilo saKhe. Wazifunela eyona ndawo iphezulu, kwaye sonke isidalwa esiqhutywa ngumoya wakhe siya kwenza kwangokunjalo. Ngenxa yoko, ukuchasana, isiphithiphithi, nokungqubana akusokuze kungabikho. Ulawulo luthi luba yinzuzo yalowo womelele kakhulu. Ubukumkani bukaSathana bubukumkani bokusebenzisa amandla; wonke umntu umbona omnye esisikhubekiso endleleni yokwakhe ukubheka phambili, okanye elilitye ekufuneka yena ekhwele phezu kwalo ukuze afikelele kwindawo ephezulu.ULw 435.2

    Lo gama uKhwezi wakubalela ekuthini kuyinto yokubanjwa ukulingana noThixo, uKristu, Ophakanyisiweyo, “wazihluba, wathabatha ubume bomkhonzi, enziwe wafana nabantu, wazithoba waba ngolulamileyo, wada wesa ekufeni, ukufa ke kwasemnqamlezweni.” Filipi 2:7, 8. Ngoku umnqamlezo wawusele ujongene naYe ngamehlo; babe abafundi baKhe bezele kukuzifunela okwabo—umthetho-siseko kanye wobukumkani bukaSathana—ukuze bangabi nalo uvelwano neNkosi yabo, okanye bangayiqondi kwaYona njengoko yayithetha ngokuthotyelwa phantsi kwaYo ngenxa yabo.ULw 436.1

    Ngobubele obukhulu, kodwa ngokuthetha ngesidima, uYesu wazama ukubulungisa ububi. Wabonisa ukuba yintoni umthetho-siseko olawula ubukumkani bamazulu, nokuba bungantoni ubukhulu benene, njengoko buxatyiswa ngemigangatho yeenkundla zaphezulu. Abo babeqhutywa likratshi nokuthanda ukubaluleka babecingela iziqu zabo, kwakunye nemivuzo ababeza kuyifumana, endaweni yokuba babuyisele kuThixo izipho abazizuzayo. Babengasayi kuba nayo indawo ebukumkanini bamazulu, kuba babebandakanywa nezintlu zikaSathana. ULw 436.2

    Phambi kozuko lululamo. Ukuba kwisikhundla esiphezulu phambi kwabantu, iZulu likhetha umsebenzi, njengoYohane umBhaptizi, othi athabathe indawo ethobekileyo phambi kukaThixo. Oyena mfundi ufana nomntwana, ngoyena ukwaziyo ukusebenzela uThixo. Izidalwa zezulu zinako ukusebenzisana nalowo ufuna, ukungaziphakamisi yena, kodwa ukusindisa imiphefumlo. Lowo uyiva ngokunzulu kakhulu intswelo yoncedo lwezulu, uya kubongoza ngenxa yayo; aze uMoya Oyingcwele amnike ukuba abone uYesu oya kuwomeleza awuphakamise umphefumlo. Ngokuthetha noKristu, uya kuya kusebenzela abo batshabalalayo ezonweni zabo. Uwuthanjiselwe umsebenzi awuthunyiweyo; kwaye uyaphumelela apho abaninzi kwabafundileyo nabachubekileyo bathi basilele khona.ULw 436.3

    Kanti ke, abantu abaziphakamisayo, bazive ingabo abafunekayo ukuze umsebenzi kaThixo uphumelele, iNkosi yenza ukuba babekwe ecaleni. Kuthi kwenziwe kucace ukuba iNkosi ayixhomekekanga kubo. Umsebenzi awusokuze ume ngokususwa kwabo kuwo, kodwa uya kubheka phambili ngamandla amakhulu.ULw 436.4

    Kwakunganelanga ukuba abafundi bakaYesu bafundiswe ngobume bobukumkani baKhe bamazulu. Into ababeyidinga yayikukutshintshwa kwentliziyo okwakuza kubenza ukuba bavumelane nemithetho-siseko yabo [ubukumkani]. Ebizele kuYe umntwana omncinane, uYesu wammisa phakathi kwabo; akuba emwolele ngobubele ezingalweni zaKhe lo umncinane, wathi, “Ukuba anithanga niguquke, nibe njengabantwana aba, aniyi kukha ningene ebukumkanini bamazulu.” Ukufikeleleka lula, ukuzilibala, nothando oluthembelayo lomntwana omncinane, ziimpawu ezo ezixatyiswe liZulu. Ezi zimpawu zobukhulu benene.ULw 437.1

    Kwakhona, uYesu waphinda wachaza kubafundi baKhe ukuba ubukumkani baKhe abubonakali ngesidima nokuzibonakalalisa kwasemhlabeni. Ezinyaweni zikaYesu, zonke ezi mpawu ziyalityalwa. Abazizityebi nabangamahlwempu, abafundileyo nabangazi nto, bahlangana kunye, kungekho kucinga ngokwahlukana ngodidi okanye ngokubaluleka kwasehlabathini. Bonke bahlangana beyimiphefumlo eyathengwa ngegazi, exhomekeke ngokufanayo kuLowo uyihlangulele kuThixo. ULw 437.2

    Umphefumlo onyanisekileyo, otyumkileyo uxabisekile emehlweni kaThixo. Ulibeka itywina laKhe phezu kwabantu, kungengazikhundla zabo, kungengabutyebi babo, kungengabo nobubanzi bobuchopho babo, kodwa ngokuba banye kwabo noKristu. INkosi yozuko yaneliswa ngabo balulamileyo nabathobekileyo entliziyweni. “Undinikile,” watsho uDavide, “ingweletshetshe yosindiso lwakho;” watsho uDavide, . . . ululamo lwakho” —njengesakhi sesimilo somntu--“lwandikhulisa.” Ndumiso 18:35.ULw 437.3

    “Othe wamkela noko amnye wabantwana abanye, egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, akamkeli mna, wamkela lowo wandithumayo.” “Utsho uYehova ukuthi, Amazulu ayitrone yam, ihlabathi sisihlalo seenyawo zam. . . . ndibheka kulo, kolusizana, komoya waphukileyo, kogubhayo ngelizwi lam.” Isa. 66:1, 2.ULw 437.4

    Amazwi oMsindisi avusa kubafundi imvakalelo yokungazithembi. Akukho wayalathiwe ngendlela eyodwa kule mpendulo, kodwa uYohane wanyanzeleka ukuba afune ukuqonda ukuba kwenye imeko ingaba isenzo sakhe sasilungile na. Ngomoya womntwana, wawubeka umcimbi phambi kukaYesu. “Mfundisi,” watsho, “sabona umntu ekhupha iidemon egameni lakho, ongasilandeliyo thina; samalela ke, ngokuba engasilandeli thina.”ULw 437.5

    UYakobi noYohane babecinga ukuba, ngokuyikhangela le ndoda, babe nawo umbono wokuzukiswa kweNkosi yabo; baza baqala ukubona ukuba babe nomona ngomnye wabo. Bayivuma imposiso yabo, bakwamkela ukuthethiswa kwabo nguYesu, esithi, “Musani ukumalela; kuba akukho namnye uya kwenza umsebenzi wamandla egamenilam,azeahleabenakoukuthetha kakubi ngam.”Akukho namnye oza nangaluphi uhlobo, enobuhlobo noKristu, owaye fanele ukugxothwa. Babebaninzi abachukumiseka kakhulu yindlela kunye nokusebenza kukaKristu, abantliziyo zabo zathi zavuleka ngakuYe ngokholo; kwaye abafundi, ababengakwazi ukuzifunda iinjongo, kwakufuneka balumke bangayityhafisi le miphefumlo. Xa uYesu wayengasekho buqu phakathi kwabo, umsebenzi ushiywe ezandleni zabo, kwakungafuneki babe nomoya ocutheneyo nochwethela kude, kodwa babonakalalise uvelwano olufikelela kude abalubona eNkosini yabo. ULw 437.6

    Into yokuba ubani angavumelani nezethu iingcinga okanye iimbono, ayisithetheleli loo nto ekubeni simalele ukuba asebenzele uThixo. NguKristu uMfundisi omKhulu; akufuneki sigwebe okanye siyalele, kodwa, ngokuzithoba, elowo ngamnye makahlale ezinyaweni zikaYesu, afunde kuYe. Wonke umphefumlo athe uThixo wawenza ukuba ube nentumekelelo, ulijelo athi ngalo uKristu atyhile uthando lwaKhe oluxolelayo. Simele ke ngoko ukuqaphela hleze sityhafise omnye wabathwali kukhanya bakaThixo, size ngaloo ndlela sibe sithintela imitha [uThixo] afuna ukuba ikhanye ehlabathini!ULw 438.1

    Ubungqongqo nokubanda okwaboniswa ngumfundi ngakulowo uKristu wayemtsala—isenzo esinjengesikaYohane sokwala ukuba omnye enze imisebenzi yemimangaliso egameni likaKristu—singanesiphumo sokuzijikela endleleni yotshaba iinyawo, sidale ukulahleka komphefumlo. Endaweni yokuba ubani enze oku, watsho uYesu, “ebelungelwe kanye kukuba anxitywe ilitye lokusila entanyeni, antywiliselwe enzulwini yolwandle.” “Wabuya wongeza wathi, “Nokuba ke isandla sakho sithe sakukhubekisa, sinqamle sona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisilima, kunokuba uthi, unezandla zozibini, umke uye esihogweni, emlilweni ongacimekiyo. . . . Nokuba unyawo lwakho luthe lwakukhubekisa, lunqamle lona; kukulungele kanye ukuba ungene ebomini usisiqhwala, kunokuba uthi uneenyawo zombini, uphoswe esihogweni.” Marko 9:43-45.ULw 438.2

    Kungani ukuba kuthethwe kalukhuni kangaka, ngendlela ekungekho inokudlula kuyo ngokuba lukhuni? Kungokuba “uNyana woMntu weza kusindisa oko kulahlekileyo.” Ingaba abafundi baKhe baya kubonisa ukungayikhathaleli imiphefumlo yabazalwana babo ngaphezu kokuba iNgangalala yasezulwini ibonisile? Wonke umphemfumlo uthengwe ngexabiso elingenamlinganiselo, ngenxa yoko, sibi ngendlela engummangaliso isono sokugxotha nokuba mnye umphefumlo kuKristu, ukuze uthando loMsindisi nokuthotyelwa phantsi kwaKhe kwakunye nentlungu yaKhe zibe lilize!ULw 438.3

    “Yeha ihlabathi ngezikhubekiso! kuba azinakuba zingezi izikhubekiso.” Mat. 18:7. Ihlabathi lonke, liqhutywa nguSathana, ngokuqinisekileyo liya kubachasa abalandeli bakaKristu, lizame ukulutshabalalisa ukhololwabo; kodwa,yeha, kulowo ozibize ngegamangegama likaKristu, aze afumaneke esenza lo msebenzi. INkosi yethu iyahlaziswa ngabo bathi basebenzela yona, kodwa babe besimela ngendlela engeyiyo isimilo saYo; zize iinkulungwane zabantu zikhohliswe, zikhokelelwe kwiindlela ezigwenxa. ULw 438.4

    Wonke umkhwa okanye isenzo esikhokelela esonweni, size sizise ukungahlonitshwa kuKristu, kuhle ukuba sibekelwe kude, nokuba oko ngumbingelelo ongakanani. Oko kuhlazisa uThixo akunako ukuba yinzuzo emphefumlweni. Intsikelelo yezulu ayinako ukubakho nakubani owaphula imithetho-siseko yokulungileyo. Kanti isono esinye esithandwayo sanele ukuba sizise ukuhlazeka kwesimilo, nokulahlekisa abanye. Ukuba unyawo okanye isandla sinokunqunyulwa, okanye iliso linyothulwe, ukuze kusinde umzimba ekufeni, kungabeka phi ukunyanzeleka kokuba kususwe isono, esizisa ukufa emphefumlweni!ULw 439.1

    Kwinkonzo yamihla le, ityuwa yayifakwa kuyo yonke imibingelelo. Oku, njengomnikelo wesiqhumiso, kwakumele ukuba, kuphela kobulungisa bukaKristu obunokwenza ukuba inkonzo yamkeleke kuThixo. Ebhekisa kwesi senzo, uYesu wathi, “Onke amadini agalelwe ityuwa ngetyuwa.” “Yibani netyuwa phakathi kwenu, nihlale ninoxolo omnye nomnye.” Bonke abanga bangazinikela “[babe] lidini eliphilileyo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo” (Roma 12:1), kufuneka bazuze ityuwa esindisayo, ubulungisa boMsindisi wethu. Bathi kengoko, babe “yityuwa yomhlaba,” babuthintele ububi phakathi kwabantu, njengoko ityuwa ikhusela ekonakaleni. Mat. 5:13. Ukuba ke ityuwa iye yaphelelwa sisongo; ukuba kukuthetha nje ukuthi kuhlonelwa uThixo, kuba ngaphandle kothando lukaKristu, awakho amandla okwenza okulungileyo. Ubomi abunako ukuba nempembelelo esindisayo emhlabeni. Amandla nesakhono senu ekwakhiweni kobukumkani baM, uthi uYesu, axhomekeka ekwamkeleni kwenu uMoya waM. Kufuneka nibe ngamadlelane nobabalo lwaM, ukuze nibe nesongo sobomi esisa ebomini. Kuya kuthi ke ngoko, kungabikho butshaba, nokuzifunela, nokunqwenela eyona ndawo iphezulu. Niya kuba nothando olungafuni okukokwalo, kodwa ukutyeba komnye. ULw 439.2

    Umoni oguqukayo makawamilisele amehlo akhe kuYo “iMvana kaThixo ethwala isuse isono sehlabathi.” (Yohane 1:29); uthi ngokubona aguquke. Uloyiko lwakhe lujika lube luvuyo, intandabuzo ibe lithemba. Kuthi kubekho umbulelo. Intliziyo elilitye yaphuke. Umsinga wothando ungene emphefumlweni. Kuye, uKristu uliqula lamanzi ampompozela kubomi obungunaphakade. Xa simbona uYesu, iNdoda yeeNtlungu, neqhelene nesifo, esebenza ukusindisa abalahlekileyo, Odeliweyo, Ogculelwayo, Owayehlaselwa esiya kwizixeko ngezixeko ade awufeze umsebenzi waKhe, xa simbona eGetsemane, ebile amathontsi amakhulu egazi, nasemnqamlezweni esifa esentlungwini,--xa sikubona oku, umna akasayi kufuna ukwaziwa. Xa sikhangele kuYesu, siya kubaneentloni ngokubanda, ngobudikidiki, nokufuna okukokwethu. Siya kuba nentumekelelo ukuba sibe yinto yonke okanye singabi nto, ukuze siwenze ngentliziyo umsebenzi weNkosi. Siya kuvuya ukuthwala umnqamlezo silandele uYesu, sinyamezele ukulingwa, ihlazo, okanye intshutshiso ngenxa yokuthanda Yena.ULw 439.3

    “Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo, singazikholisi.” Roma 15:1. Akakho umntu okholwayo kuKristu, nokuba ukholo lwakhe aluqinanga namanyathelo akhe egetyegetye ngokwawosana, ekufuneka exatyiswe kancinane. Ngako konke oko sikunikiweyo okwenza ukuba sibe nokuba ngcono kwabanye,--nokuba yimfundo nokuchubeka, ukundiliseka kwesimilo, ingqeqesho yobuKristu, amava enkolweni,--kufuneka sibe noxanduva lokunceda abo banokuncinane; kuthi, kangangoko sinamandla okwenza, silungiselele kubo. Ukuba somelele, kufuneka siziphakamisile izandla ezingenawo amandla. Iingelosi zozuko, ezisoloko zibukhangele ubuso bukaBawo osemazulwini, ziyakuvuyela ukulungiselela kwabancinane baKhe. Imiphefumlo engcangcazelayo, eneempawu ezininzi ezingathandekiyo, ingumsebenzi wazo okhethekileyo. Iingelosi zihlala zikho ngalo lonke ixesha zidingeka, zinabo banelona dabi linzima lokulwa no-mna, nabajikelezwe ziimeko ezityhafisa kakhulu. Kolu lungiselelo ke, abalandeli bakaKristu abanyanisileyo, baya kusebenza kunye naYe. ULw 440.1

    Ukuba omnye waba bancinanana uthe woyiswa, wakona, ngoko ngumsebenzi wakho ukumbuyisela kwakhona. Musa ukulindela ukuba athabathe ilinge lokuqala lokuxolelanisa. “Nithini na nina?” watsho uYesu; “Ukuba umntu uthe wanekhulu lezimvu, ze kulahleke enye kuzo, akazishiyi na ezimashumi asithoba anesithoba ezintabeni, aye afune leyo ilahlekileyo? Ukuba uthe wayifumana, inene ndithi kuni, uyayivuyela leyo ngaphezu kokuvuyela ezo zimashumi asithoba anesithoba zingalahlekanga. Kwangokunjalo asikukuthanda kukaYihlo osemazulwini, ukuba kulahleke namnye waba bancinane.”ULw 440.2

    Ngomoya wokululama, “uzilumkela ukuba ungahendwa nawe,” (Gal. 6:1), yiya kulowo wonayo, “umohlwaye inguwe naye, ninedwa.” Ungamhlazisi ngokuveza isiphoso sakhe kwabanye, okanye uzise ukunyeliseka kuKristu ngokusasaza isono okanye isiphoso salowo uthwele igama laKhe. Kuye kufuneke ukuba inyaniso ithethwe icace kowonayo; kufuneka akhokelelwe ekuyiboneni imposiso yakhe, ukuze abuye. Akufuneki kodwa ukuba nigwebe nohlwaye. Musani ukuzithethelela. Umzamo wenu mawube ngowokubuyisa. Ekuphatheni amanxeba omphefumlo, kudingeka inkcukumiso ngobuethe-ethe, eyona mvakalelo inobubele. Kuphela luthando oluphuma kOwahlungiswayo waseKalvari olunokoyisa apha. uvelwano oluhle kakhulu. Ngothando olunovelwano, umzalwana makamphathe umzalwana, esazi ukuthi, ukuba uye waphumelela, “woba usindise umphefumlo ekufeni,” waza “wagubungela inkitha yezono.” Yakobi 5:20. ULw 440.3

    Phofu neli inyathelo linako ukungaphumeleli. Kungoko wathi uYesu, “[Thabatha] nawe abe mnye nokuba babini.” Kunokwenzeka ukuba impembelelo yabo ehlangeneyo iya koyisa apho leya yokuqala ingakhange iphumelele. Kuba bengenanxaxheba enkathazweni, banethuba lokuba bancede bengakhethi buso, kuze oku kulenze libe namandla icebiso labo kulowo wonayo. ULw 441.1

    Ukuba akabeva bona, makude kube ngelo xesha, umcimbi kufuneka uziswe phambi kwawo wonke umzimba kaKristu. Amalungu ebandla, angabameli bakaKristu, mawamanyane ngomthandazo nokungxengxeza okunothando ukuba umoni abuyiselwe. UMoya Oyingcwele uya kuthetha ngabakhonzi baKhe, ebongoza lowo ulahlekayo ukuba abuyele kuThixo. uthi, “Ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo.” 2 Kor. 5:20. Lowo uyalayo le ntsholo imanyeneyo, uqhawule iqhina elimqamangele kuKristu, aze ngokwenza njalo abe uzisusile kulwalamano lwebandla. Ukususela ngoko, wathi uYesu, “makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.” Sekunjalo, akufuneki ukuba athatyathwe njengonqanyulweyo kwinceba kaThixo. Makangabi ngojongelwa phantsi okanye angahoywa ngabazalwana bakhe bangaphambili, kodwa makaphathwe ngobubele nemfesane, njengenye yezimvu ezilahlekileyo, uKristu asazama ukuyibuyisela esibayeni saKhe. ULw 441.2

    Imfundiso kaKristu ngokuphatha owonayo, iphinda ngendlela eqinisekileyo imfundiso eyanikwa uIsrayeli ngoMoses: “Uze ungamthiyi umzalwana wakho entliziyweni yakho; kanye womohlwaya ummelwane wakho, ungamthwalisi sono ngenxa yakhe.” Lev. 19:17. Oko kukuthi, ukuba ubani utyeshela umsebenzi uKristu awunikileyo, wokuzama ukubuyisa abo bakwimposiso nesono, unenxaxheba esonweni. Kuba ububi engesibunqandile, sinoxanduva ngokungathi sinetyala kwizenzo ezo nathi. ULw 441.3

    Kukulowo wonayo ngokwakhe ekufuneka siyibeke imposiso. Akufuneki siwenze undabamlonyeni nokugxeka umcimbi phakathi kwethu; nasemva kokuba ubikiwe ebandleni, asikhululekanga ukuthetha ngawo kwabanye. Ukwazi iziphoso zamaKristu kuya kuba sisikhubekiso kuphela kwihlabathi elingakholwayo; kuze kuthi ngokuhlala kwezi zinto, thina ngokwethu sonakale; kuba kungokukhangela esithi sitshintshe. Xa sifuna ukulungisa iziphoso zomzalwana, uMoya kaKristu uya kusikhokelela ukuba simkhusele, kangangoko, ekugxekweni nangabazalwana bakhe, kubeke phi ke ekugculelweni lilizwe labangakholwayo! Thina ngokwethu siyona, kwaye sidinga imfesane noxolelo lukaKristu, kuthi, njengoko sifuna ukuba asiphathe, masenze njalo nathi ukuphathana. ULw 441.4

    “Konke enithe nakubopha emhlabeni, kobotshwa emazulwini; nako konke enithe nakukhulula emhlabeni, kokhuluwa emazulwini.” Nisebenza njengabameli bezulu, kwaye imiba yomsebenzi wenu yekanaphakade.ULw 442.1

    Akufuneki kodwa siwuthwale sedwa umthwalo. Naphi na apho ilizwi laKhe lithotyelwa ngokunyanisekileyo, uhlala apho uKristu. Akaneli kuba sezintlanganisweni zebandla, kodwa naphi apho abafundi, nokuba bambalwa kangakanani, bahlangene egameni laKhe ulapho naYe. Ubuya athi, “Ukuba ababini kuni bathe bavumelana emhlabeni apha ngeendawo zonke abangazicelayo, bozenzelwa nguBawo osemazulwini.”ULw 442.2

    UYesu uthi; “UBawo osemazulwini,” ekhumbuza abafundi baKhe ukuba, lo gama, ngobuntu baKhe ehlangene nabo, esabelana nabo ngeezilingo zabo, evelana nabo ngeentlungu zabo, ngobuThixo bakhe uhlangene netroni yOngenasiphelo. Ingqinisekiso emangalisayo! Izidalwa zasezulwini zimanyene nabantu ngovelwano nomsebenzi wokusindisa oko kulahlekileyo. Kunjalo nje, onke amandla asezulwini azisiwe ukuba amanyane nesakhono somntu ukutsalela imiphefumlo kuKristu. ULw 442.3

    Larger font
    Smaller font
    Copy
    Print
    Contents